Isicelo sokubhalisa isithuthi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa isithuthi sakho

Ukuba ungumnini wesithuthi esitsha, ebesisesomnye umntu, esenziweyo okanye esiphinde senziwa, kufuneka usibhalise kwigunyabantu lokubhalisa elifanelekileyo ukuze ufumane isiqinisekiso sokubhalisa.Ukuba isithuthi eso usithenge ngemali-mboleko yebhanki isiqinisekiso sobunini siza kuba sesebhanki leyo ikuboleke imali. Xa isithuthi sibhalisiwe saze safumana nephephamvume, uza kufumana iphephamvume lesithuthi elincanyatheliswa kwisithuthi.

Kufuneka ubhalise kwaye ufumane iphepha-mvume lesithuthi sakho kwiintsuku ezingama-21 emva kokutshintsha kobunini. Ukuba awusibhalisanga, uya kuhlawula ityala lentlawulo yasemva kwexesha kunye nezohlwayo. Ubhaliso lwesithuthi lubhaliswa lugcinwe kwiNkqubo yoLwazi ngeziThuthi yeSizwe (eNaTIS).

 Ubhaliso lwemoto yakho alukho mthethweni ukuba:

  • isiqinisekiso sephepha-mvume lakho asihlaziywanga ngaphezu kweminyaka emine    
  • isithuthi safumana ingozi saze sabhengezwa njengesingenakuphinda sisetyenziswe kwaphela 
  • usithengisile isithuthi (ubunini besithuthi butshintshile
  • isithuthi sakho sixuthiwe kuwe ngaphezu kweentsuku ezingama-31 
  • kukhutshwe isiqinisekiso sokucinywa kokubhaliswa.

Ofanele kukwenza

Bhalisa isithuthi esitsha

  1. Ukubhalisa isithuthi esitsha, yiya kwigunyabantu lokubhalisa elifanelekileyo uze ufake oku kulandelayo:
    • Isazisi sakho
    • Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayibhalwanga ngegama lakho, umnikazi wayo kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize ileta ye-akhawunti leyo ihambe nale nkcazelo ifungelweyo.  
    • Isiqinisekiso somenzi-sithuthi esinazo zonke iinkcukacha ezifanelekileyo zesithuthi
    • Isiqinisekiso sokuba isithuthi sakho sikulungele ukuba sendleleni, ukuba isithuthi sithwala imithwalo enzima (okanye RTQS)
  2. Zalisa uxwebhu lweSicelo sokuBhalisa nePhepha-mvume lesiThuthi (RLV).

Bhalisa isithuthi ebesisesomnye umntu okanye esikhe sasebenza

  1. Ukubhalisa isithuthi ebesisesomnye umntu okanye esikhe sasebenza, umthengisi kufuneka azalise aze afake uxwebhu lweSaziso sokutshintsha kobunini (NCO), olwenza isibhengezo sokutshintshwa kobunini
  2. Yiya kwigunyabantu lokubhalisa isithuthi elifanelekileyo uze ufake okulandelayo:
    • Isazisi sakho
    • Isiqinisekiso sokubhalisa isithuthi (esingegama lomthengisi) 
    • Isiqinisekiso sokuba sendleleni kwesithuthi siyafuneka ukwenza iphepha-mvume lesithuthi, ukuba isiqinisekiso esikhoyo sidala kunamashumi amathandathu eentsuku  
    • Isiqinisekiso sokuthengwa kwesithuthi
    • Iphepha-mvume lesithuthi elisemthethweni (qinisekisa ukuba imirhumo yephepha-mvume lesithuthi ayiphelelwanga lixesha)
  3. Zalisa uxwebhu lweSicelo sokubhalisa nephephamvume lesithuthi (RLV)

Ukubhalisa isithuthi esenziwe ngeentsimbi

  1. Ukubhalisa isithuthi esenziwe ngeentsimbi, yiya kwigunyabantu lokubhalisa izithuthi elikufutshane kuwe uze ufake oku kulandelayo:
    • Isazisi sakho (ID)
    • Isifungo esiqinisekisa indawo ezivela kuyo iintsimbi nesichaza ukuba yenziwe ntoni imoto (uxwebhu SOA)
    • Isicelo sesiqinisekiso samapolisa (uxwebhu RPC)
    • Isicelo sesazisi esivela emapoliseni (uxwebhu RPI)okuchongwa
    • Isiqinisekiso sokucinywa kobhaliso (ukuba isithuthi sacinywa )
    • Isiqinisekiso sobunzima (ukulinganiswa kobunzima) 
    • Isiqinisekiso sobunini
    • Incwadi egunyazisayo (ukuba iyafuneka)
  2. Abasebenzi boncedo kwiphondo baza kubhalisa isithuthi kwi-eNaTIS
    • Isicelo sesiqinisekiso samapolisa (uxwebhu RPC) kufuneka sifakwe
    • Kufuneka kwenziwe uvavanyo lokuba eso sithuthi sikufanele kusini na ukuba singaba sendleleni
  3. Zalisa uxwebhu lweSicelo sokubhalisa kunye nephephamvume lesithuthi (RLV)

Bhalisa isithuthi esivuselelweyo esakhiwe ngokutsha:

  1. Ukubhalisa isithuthi esivuselelweyo esakhiwe ngokutsha, yiya kwigunyabantu lokubhalisa izithuthi elikufutshane kuwe uze ufake oku kulandelayo:
    • Isazisi sakho (ID)
    • Isifungo esiqinisekisa indawo ezivela kuyo iintsimbi nesichaza ukuba yenziwe ntoni imoto (uxwebhu SOA)
    • Isicelo sesiqinisekiso samapolisa (uxwebhu RPC)
    • Isicelo sesazisi esivela emapoliseni (uxwebhu RPI)okuchongwa
    • Isiqinisekiso sokucinywa kobhaliso (ukuba isithuthi sacinywa )
    • Isiqinisekiso sobunini
    • Isiqinisekiso sokuba sendleleni kwesithuthi
    • Incwadi egunyazisayo (ukuba iyafuneka)
    • Isiqinisekiso sabenzi okanye isiqinisekiso sobhaliso sangaphambili okanye isifungo ukuba isiqinisekiso sobhaliso asikwazi ukufumaneka.
  2. Zalisa uxwebhu lweSicelo sokuBhalisa kunye nePhephamvume leSithuthi (RLV)

Ixesha elimiselweyo

Isicelo siza kugqithiselwa kubasebenzi be-ofisi yezoncedo yephondo.

Ukubhaliswa kwesithuthi kwinkqubo yolwazi kungathatha iintsuku ezimbalwa. Lowo ufake isicelo kuza kuqhagamshelwana naye xa isithuthi sibhalisiwe kwinkqubo yolwazi ngezithuthi.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni yeempephamvume ufumane ixabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu ayafumaneka kwigunyabantu lobhaliso lwezithuthi okanye ungazikopela wona kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact your local department of transport

Share this page