Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nofaka isicelo sokucinywa kwemoto yakho
Kufuneka ufake isicelo sokucinywa kobhaliso lwemoto yakho ukuba:
- ibhengezwe njengengakulungelanga ukuba sendleleni ngokusisigxina
 - ibiwe
 - itshatyalaliswe ngokupheleleyo
 - ikhululwe kwimiqathango yobhaliso.
 
Igunyabantu lokubhalisa liya kukhupha isiqinisekiso sokucinywa kobhaliso. Isithuthi esingenampepha-mvume iminyaka emine siya kucinywa ubhaliso lwaso ngokuzenzekelayo.
Ofanele kukwenza
Yiya kwigunyabantu lokubhalisa elikufutshane nawe ufaku oku kulandelayo:
- ikopi eqinisekisiweyo yesazisi sakho
 - ikopi yesiqinisekiso sokuba ngumnini moto (ubunini)
 - amaxwebhu axhasayo ukuba ayafuneka
 - isiqinisekiso sokubhalisa isithuthi.
 
Zalisa uxwebhu lwesicelo sokucinywa kwesithuthi (ADV).
Ingaba kubiza malini na
Le nkonzo isimahla kodwa izohlwayo kunye namanqina ephepha-mvume zingafuneka ukuba isicelo sisemva kwexesha.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Uxwebhu ADV (Isicelo sokucinywa kobhaliso lwesithuthi)
Amaxwebhu ayafumaneka kwigunyabantu lokubhalisa okanye ungawakopa kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.
Contact your local department of transport

