Isicelo senombolo yokubhalisa isithuthi

Malunga 
Ofanele kukwenza 
Ixesha elimiselweyo 
Ingaba kubiza malini na 
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa 
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nenombolo yobhaliso lwesithuthi

Inombolo yobhaliso lwesithuthi yeyona nombolo yokuchonga isithuthi evumelekileyo kwintengiselwano yezithuthi zasendleleni kwinkqubo yolwazwi ngezithuthi yesizwe, eNaTIS yabantu bamanye amazwe kunye nemibutho esebenza njengabantu abangekho phantsi kolawulo lomthetho.

Ukuba ungummi wangaphandle kwaye awukabhaliswa kwinkqubo yolwazi ngezithuthi yesizwe, eNaTIS , kwaye ufuna ukuthenga okanye ubhalise isithuthi eMzantsi Afrika, kufuneka ubonise isazisi sakho selizwe ophuma kulo ukuze ubhaliswe kwinkqubo ye-eNaTIS.

Xa ungenaso isazisi selizwe langaphandle, kuza kufuneka ufake isicelo senombolo yobhaliso lwesithuthi (TRN), ukuba unencwadi yokundwendwela esemthethweni, iphephamvume okanye incwadi yokundwendwela ebonisa ukuba useMzantsi Afrika ngokusemthethweni.

Ukuba ungumbutho osebenza njengomntu ongekho mthethweni umzekelo ubuqabane, ishishini lomntu omnye, igunyabantu likamasipala/lephondo/ likarhulumente, icawa, umbutho wezolonwabo, umbutho wezemfundo, umbutho olawulwa ngamagqwetha okanye iqumrhu elisemthethweni kufuneka ufake isicelo senombolo yesithuthi eMzantsi Afrika. Umbutho kufuneka uchonge ummeli kwisebe ngalinye okanye kwidilesi nganye eyohlukileyo yeshishini okanye yombutho. Lo mntu uthathwa esebenza njengomntu ekuqhagamshelwana naye ngeenjongo zolawulo.

Ukongeza koku, ummeli kufuneka echongwe ngencwadi ebonisa ukuba ungummeli. Le ncwadi ibonisa ukuba ungummeli inika igunya kuloo mntu uchongiweyo ukuba asebenze egameni lombutho kwaye umbutho ubophelelekile phantsi koMthetho weeNdlela zeziThuthi weSizwe (NRTA kunye noMimiselo yeeNdlela zeziThuthi yeSizwe (NRTR).

Ummeli onencwadi ebonisa ukuba ngummeli kunye nalowo uchongiweyo bangaba ngumntu omnye. Kufuneka babonise izazisi ezifanelekileyo:

  • Isazisi saseMzantsi Afrika esikhutshwe liSebe lezeKhaya (DoHA) ukuba umntu ngummi waseMzantsi Afrika, okanye akanguye ummi waseMzantsi Afrika kodwa ngumhlali osisigxina eMzantsi Afrika,
  • Isiqinisekiso sesazisi sethutyana esikhutshwe liSebe lezeKhaya ukuba umntu ngummi waseMzantsi Afrika, okanye akanguye ummi waseMzantsi Afrika kodwa ngumhlali osisisgxina eMzantsi Afrika.
  • Incwadi yokundwendwela yaseMzantsi Afrika ekufumaneka kuyo inombolo yesazisi.
  • Isazisi esikhutshwe lilizwe langaphandle, ukuba umntu akanguye ummi waseMzantsi Afrika ongahlali eMzantsi Afrika ngokusisigxina.
  • Isiqinisekiso senombolo yobhaliso lwesithuthi sikhutshwa ligunyabantu lobhaliso (RA)elifanelekileyo ukuba umntu akanguye ummi waseMzantsi Afrika, kwaye akanaso nesazisi selizwe langaphandle, kodwa unencwadi yokundwendwela. 

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwelona gunyabantu lobhaliso likufutshane nawe okanye kwiziko lovavanyo lwephephamvume lokuqhuba (DLTC) uze uzalise uxwebhu lweSicelo nesaziso nenombolo yobhaliso lwezithuthi (ANR).
  2. Ukuba ufaka isicelo senombolo yobhaliso lwesithuthi njengommi wangaphandle ofuna ukuthenga okanye abhalise isithuthi eMzantsi Afrika, kufuneka ufake oku kulandelayo:
    • Ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yokundwendwela okanye ikopi eqinisekisiweyo yephephamvume lakho kunye nemvume yokuba ngumhlali wethutyana okanye incwadi yokundwendwela.
    • Iifoto ezimbini ezimnyama-mhlophe (Qinisekisa kwigunyabantu lobhaliso (RA) okanye kwiziko lovavanyo lwephephamvume lokuqhuba (DLTC) ukuba zingaphi iifoto ezifunekayo).
  3. Ukuba ufaka isicelo senombolo yobhaliso lwezithuthi kuba ufuna ukushicilela igama lakho kwicwecwe lenombolo yesithuthi sombutho wakho, kufuneka ufake oku kulandelayo:
    • Isiqinisekiso sobhaliso seshishini (esikhutshwe ngulowo ubhalisa iinkampani) 
    • Ikopi yesazisi salowo ungummeli okanye ikopi yesazisi sazeMzantsi Afrika salowo uchongwe ukuba amele inkampani.
  4. Hlawula umrhumo omiselweyo.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha iiveki ezintandathu ukuchophela isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana negunyabantu lokubhalisa lakho (RA)okanye iziko lovavanyo lephephamvume lokuqhuba (DLTC) ufumane ixabiso lesiqinisekiso senombolo yobhaliso lwesithuthi.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu lwesicelo kunye nesaziso senombolo yobhaliso lwesithuthi luyafumaneka kwigunyabantu lobhaliso okanye kwiziko lovavanyo lwephephamvume lokuqhuba.

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact your local department of transport

Share this page