Shicilela igama lakho kwicwecwe lenombolo lemoto yakho

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokushicilela igama lakho kwicwecwe lenombolo yemoto yakho

Ungasifaka isicelo sokushicilela igama lakho olikhethileyo kwicwecwe lenombolo yesithuthi sakho ngawo nawaphi na amanani owakhethileyo okanye oonobumba obakhethileyo [oko kuxhomekeke kwimvume yoMphathiswa wephondo (MEC)], ibe loo nombolo ayikasetyenziswa/libe elo gama alikasetyenziswa kwaye ayinaburhabaxa/alinaburhabaxa.

Igama lakho olikhethileyo/inombolo oyikhethileyo kufuneka lingagqithi koonobumba abasi-7 [kungaquki uphawu lwephondo] kwaye kufuneka lithobele iimfuneko zecwecwe lenombolo eliqhelekileyo (umzekelo kufuneka libonise uphawu lwephondo) kwaye igama/inombolo liza kubonakaliswa ngendlela efanayo neyecwecwe lenombolo eliqhelekileyo. Igama/inombolo oyisebenzisayo aliyikuphinda lisetyenziswe ngomnye umntu.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwelona gunyabantu lobhaliso likufutshane nawe uze uzalise uxwebhu lwesicelo oya kulinikwa.
  2. Faka:
    • Ikopi eqinisekisiweyo yesazisi sakho
    • Isiqinisekiso sobhaliso lwemoto.
  3. Hlawula umrhumo ofunekayo.                                                                    

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sichotshelwa kwangaloo mini.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu ayafumaneka kwigunyabantu lokubhalisa

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact your local department of transport

Share this page