Isicelo sekopi yencwadi yoqobo yelayisensi yesithuthi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo seekopi zamaxwebhu obhaliso lwesithuthi sakho

Ungafaka isicelo seekopi zamaxwebhu emoto yakho afana nesiqinisekiso sokubhalisa, iphepha-mvume lemoto okanye olunye uxwebhu, ukuba:                 

  • inombolo yetshesi (chassis) okanye yeVIN itshintshile, okanye
  • inombolo  yenjini itshintshile, okanye
  • ululahlile okanye ulutshabalalisile uxwebhu lwemoto yakho. 

Kufuneka usifake isicelo seekopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu okubhalisa okanye ukucinywa kobhaliso ngokwakho siqu.                                                                                           

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwelona gunyabantu lokubhalisa likufutshane nawe. Yiya uphethe isazisi sakho.
  2. Zalisa uxwebhu lweSicelo sekopi yobhaliso/ikopi yesiqinisekiso sokucima ubhaliso lwemoto (DRC) kunye noxwebhu lweSaziso sokulahleka kweencwadi zesithuthi (DCT).
  3. Hlawula umrhumo omiselweyo lize igunyabantu lobhaliso likukhuphele ikopi yesiqinisekiso

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha iintsuku ezisixhenxe ukuchophela isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

  • Uxwebhu DRC (Isicelo sekopi yexwebhu lokubhalisa/Isiqinisekiso sokucinywa kobhaliso lweMoto)
  • Uxwebhu DCT (Isibhengezo malunga namaXwebhu aLahlekileyo)

Amaxwebhu ayafumaneka kwigunyabantu lokubhalisa okanye ungawakopa kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshela nabani

Share this page