Isicelo kwicandelo elikhethekileyo ngokubhekiselele kwimirhumo yephepha-mvume okanye ukukhululwa kubhaliso

Malunga | Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokufakwa kwicandelo elikhethekileyo ngokubhekiselele kwimirhumo yephepha-mvume okanye ukukhululwa kubhaliso

Ukuba unemoto engenzelwanga ukuthutha impahla okanye abantu kwindlela kawonke-wonke (ngokoluvo loMphathiswa wephondo ochaphazelekayo), ungafaka isicelo sokuba isithuthi sifakwe kwicandelo elikhethekileyo kwaye likhululwe kwimirhumo yephepha-mvume.                     

Imizekelo yezithuthi ezingafakwa kwicandelo elikhethekileyo zizixhobo zokusebenza ezishukumayo (oomatshini) okanye izithuthi ezenzelwe ugqatso. Ezi zithuthi zenzelwe iinjongo ezithile zingaquka oomatshini bokubhora amanzi, abokubhula, abakuvuna, i-erhe, umatshini wokucheba ingca, umatshini wokusonga amabhali, umatshini wokukrwela, owokugangatha, owokutshiza, owokuphakamisa imithwalo enzima, ikhuba, isithuthi esitshintshiweyo, esakhiwe ngokutsha okanye satshintshwa ukuze sisetyenziselwe iinjongo zogqatso kuphela kunye/okanye kuboniswe ngaso embukisweni.                     

UMthetho weNdlela nezoThutho kaZwelonke ukuvumela kuphela ukuba uqhube izithuthi ezinjalo kwindlela kawonke-wonke ithutyana elifutshane:                                                   

  • ukuya kumzi womnini-sithuthi ukuze sidluliselwe kuye isithuthi eso, okanye                          
  • ukunqumla indlela kawonke-wonke ukusuka kumzi womnini-sithuthi ukuya komnye kumgama ongekho ngaphezulu kwekhilomitha, okanye                                                           
  • ukuya okanye ukusuka kwindawo apho kuza kulungiswa khona okanye bekulungiswa kuyo isithuthi eso.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwigunyabantu elibhalisayo ufake la maxwebhu alandelayo:
    • isazisi sakho (ID)
    • isiqinisekiso sokubhaliswa kwesithuthi      
    • incwadi yokugunyazisa evela kwiQumrhu leMigangatho laseMzantsi Afrika.    
  2. Zalisa isicelo sokuHlelwa ngokuKhethekileyo kweSithuthi (uxwebhu EFL 1) kwigunyabantu lokubhalisa elikufutshane nawe.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha iiveki ezintandathu.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo isimahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu ELF1 (ISicelo sokufakwa kweSithuthi kwicandelo eliKhethekileyo ngokubhekiselele kwimiRhumo yePhepha-mvume)

Amaxwebhu ayafumaneka kwigunyabantu lokubhalisa okanye ungawakopa kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshela nabani

 

 

Share this page