Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokuhlaziya icwecwe lakho lephepha–mvume lokuqhuba
Kufuneka uhlaziye icwecwe lephepha-mvume lakho lokuqhuba iiveki ezine phambi kokuba kokufika komhla wokuphelelwe kwalo lixesha. Ukuba ulihlaziye emva komhla wokuphelelwa kwalo lixesha, kuya kufuneka ufake isicelo sephepha-mvume lokuqhuba okwethutyana ngendleko ezongezelelekileyo lo gama ulinde ukukhutshwa kwephepha-mvume lakho lokuqhuba.
Qaphela: Ukuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba lakho, akuyi kufuneka uvavanyelwe iphepha-mvume lokuqhuba, kodwa uya kuvavanywa amehlo kuthathwe neminwe. Okanye ungaya kugqirha wamehlo akuvavanye uze ufake olo xwebhu lwengxelo kagrirha kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba (DLTC). Ukuba akuboni ngaphezulu kunomhla wokukhutshwa kwephepha-mvume lakho, kuya kufakelwa imiqathango emitsha kwiphepha-mvume lakho.
Ofanele kukwenza
- Yiya kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba noku kulandelayo:
- isazisi kunye nekopi yesazisi sakho, icwecwe lephepha-mvume lakho lokuqhuba elidala okanye incwadi yakho yokundwendwela esemthethweni
 - iifoto ezingangezesazisi ezine ezimnyama-mhlophe
 - umrhumo wokufaka isicelo omiselweyo.
 
 - Zalisa uxwebhu DL1, Isicelo sokuhlaziya icwecwe lephepha-mvume lokuqhuba.
 - Uya kuvavanywa amehlo okanye ungaya kugqirha wamehlo omkhethileyo uze uzise iziphumo zovavanyo olo kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.
 
Ixesha elimiselweyo
Iphepha-mvume lakho lokuqhuba liya kuba selilungile kwiiveki ezine ukuya kwezintandathu.
Ingaba kubiza malini na
Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Uxwebhu lwesicelo sephepha-mvume lokuqhuba, DL1. Uxwebhu luyafumaneka kulo naliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba kunye newebhusayithi edilesi ye eNatis.
Contact the relevant municipality

