Ukufaka isicelo selungelo lokukhangela izimbiwa

Malunga
Kufuneka wenze ntoni
Kuthatha ixesha elingakanani
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Kunxityelelwana nabani

 

 

Malunga ngokufaka isicelo selungelo lokukhangela izimbiwa

Ukuba ufuna ukufaka isicelo selungelo lokukhangela izimbiwa kufuneka usifake isicelo sakho usebenzisa i-intanethi ngokuya kwiwebhusayithi yeSebe lemiThombo yeziMbiwa: http://portal.samradonline.co.za.

Ilungelo lokukhangela izimbiwa liphepha-mvume elinika ilungelo inkampani yakho ukuba iphande izingela kwindawo esisiza esithile ngeenjongo zokukhangela izimbiwa ezikhoyo okanye izimbiwa ezinokufunyanwa.

Ilungelo lokukhangela izimbiwa lineminyaka emihlanu, emva kokuba igqithile iminyaka emihlanu ungacela ukuba lihlaziywe isithuba seminyaka engekho ngaphezulu kwiminyaka emithathu.

Ilungelo lokukhangela izimbiwa uza kulifumana ukuba le miqathango ilandelayo yaneziwe:

  • ukuba:
  • unayo imali eyaneleyo nobuchwephesha bokuqhuba lo msebenzi wokukhangela izimbiwa ngokugqibeleleyo
  • imali oyicwangcisele lo msebenzi iza kuwanela kwaye ayizikushiya phakathi lingekapheli eli xesha ulisikelweyo
  • uyakwazi ukuyithobela imiqathango yoMthetho weMpilo noKhuseleko emiGodini we-1996 (uMthetho uNombolo 29 we-1996)
  • awuzikwaphula uMthetho woPhuhliso lwemiThombo yeziMbiwa nePetroleum wowama-2002 (uMthetho uNombolo 28 wama-2002)
  • akekho omnye umntu onelungelo lokukhangela izimbiwa, ukumba umgodi, ilungelo lokumba umgodi okanye ilungelo lokugcina egameni lakhe ezo zimbiwa nalo mhlaba mnye.
  • Akuzikwenzeka ngcoliseko okanye monakalo ukwizinga elingamkelekanga kwindalo ngenxa yalo msebenzi wokukhangela izimbiwa.

Kufuneka wenze ntoni

  1. Faka isicelo sakho usebenzisa i-intanethi.
  2. Bhatala imali yokufaka isicelo engazikubuyiswa usebenzisa i-intanethi.
  3. Ukuba isicelo sakho samkelwe ngoku usifaka usebenzisa i-intanethi uza kucelwa ukuba ungenise isicwangciso samanyathelo oza kuwathatha uze lo msebenzi ungenzi monakalo kwindalo futhi udibane nomnikazi-mhlaba, lo uhleli kuwo ngokusemthethweni okanye naye nabani na ochaphazelekayo.
  4. Faka iziphumo zendlela ezihambe ngayo ezi ndibano kumlawuli wengingqi zingaphelanga iintsuku ezingama-30.
  5. Ukuba yonke imiqathango emiselweyo yoneziwe, umlawuli wengingqi uza kugqithisela isicelo sakho kuMphathiswa ukuze siqwalaselwe.

Kuthatha ixesha elingakanani

  • Ukuba iNkqubo eku-Intanethi yokuLawula imiThombo yeziMbiwa yoMzantsi Afrika
    • ayisamkelanga isicelo sakho, uza kwaziswa ngoko nangoko nge-intanethi
    • isamkele isicelo, uza kwaziswa zingaphelanga iintsuku ezili-14 ukuba ngenisa isicwangciso samanyathelo oza kuwathatha uze lo msebenzi ungenzi monakalo kwindalo uze udibane nomnikazi-mhlaba, lo uhleli kuwo ngokusemthethweni okanye naye nabani na ochaphazelekayo.
  • Kufuneka ungenise iingxelo ebhalwe phantsi yesiphumo seendibano kumlawuli wengingqi zingaphelanga iintsuku ezingama-30.
  • Yakuba yonke imiqathango emiselweyo uyanezisile, umlawuli wengingqi kufuneka agqithisele isicelo sakho kuMpathiswa ukuze siqwalaselwe.

Kubiza malini

Imali eza kubizwa iza kuxhomekeka kwisimbiwa ofuna ukuvula umgodi waso.

Iifomu emazigcwaliswe

Izicelo kufuneka zenziwe kwi-intanethi.

Kunxityelelwana nabani
 

 

Share this page