Ukufaka isicelo sephepha-mvume lokumba umgodi

Malunga
Kufuneka wenze ntoni
Kuthatha ixesha elingakanani
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Kunxityelelwana nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sephepha-mvume lokumba umgodi

Ukuba ufuna ukuqalisa umgodi kufuneka ufumane iphepha-mvume lokumba umgodi kwiSebe leMithombo yeziMbiwa (i-DMR). Iphepha-mvume lokumba umgodi lixwebhu elikhutshwa yi-DMR elikuvumelayo ukuba uqalise umgodi.

Akekho umntu ovumelekileyo ukuba embe umgodi engenalo iphepha-mvume lokumba umgodi. Amaphepha-mvume okumba umgodi akunikezelwana ngawo..

Iphepha-mvume lokumba umgodi lisebenza eli xesha ulisikwelweyo ngokwemaphepha-mvume, kodwa elo xesha alinakugqitha kwiminyaka emibini. Lingahlaziwa kodwa ezinye izihlandlo ezithathu ezingekho ngaphezulu kunyaka isihlandlo ngasinye.

Iphepha-mvume lokomba umgodi linganikezelwa ukuba:

  • eso simbiwa singombiwa kangangoko iminyaka emibini
  • isiza eso siza kuba nomgodi asikho ngaphezulu kwi-1.5 ha ubukhulu.

Kufuneka wenze ntoni

  1. Faka isicelo sakho usebenzisa i-intanethi.
  2. Bhatala imali yokufaka isicelo ebekiweyo nengazikubuyiswa usebenzisa i-intanethi.
  3. Isicelo sakho osifake usebenzisa i-intanethi iza kusamkela ukuba yonke imiqathango ebekiweyo uyanezile.
  4. Ukuba isicelo sakho samkelwe ngoku usifaka usebenzisa i-intanethi uza kucelwa ukuba ungenise isicwangciso samanyathelo oza kuwathatha uze lo msebenzi ungenzi monakalo kwindalo futhi udibane nomnikazi-mhlaba, lo uhleli kuwo ngokusemthethweni okanye naye nabani na ochaphazelekayo.
  5. Ngenisa ingxelo ebhalwe phantsi kumlawuli wengingqi ngendlela ezihambe ngayo ezi ndibano zingaphelanga iintsuku ezingama-30.
  6. UMphathiswa wemiThombo yeziMbiwa uza kukhupha imvume yokomba umgodi ukuba yonke imiqathanga emiselweyo yonezisiwe.

Kuthatha ixesha elingakanani

INkqubo ye-Intanethi yoLawulo lwemiThombo yeziMbiwa yoMzantsi Afrika iza kwazisa ngoko nangoko ukuba isicelo samkelwe (oku kuthetha ukuba isicelo sakho sinako konke okufunwayo).

Kubiza malini

Nxibelelana neSebe lemiThombo yeziMbiwa ukuze ufumane iinkcukacha ngemali ebhatalwayo.

Iifomu emazigcwaliswe

Izicelo kufuneka zenziwe kwi-intanethi.

Kunxityelelwana nabani

 

Share this page