Ukubhalisa isikhephe sokuloba

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa isikhephe sokuloba

Ukuze ube nesikhephe sokuloba eMzantsi Afrika, kufuneka isikhephe eso usise kwiQumrhu laseMzantsi Afrika loKhuseleko lwaseLwandle (i-samsa) ukuze sivavanywe ukujonga ukuba sifanelekile na ukuba selwandle. I-samsa iya kwenza inkqubo yovavanyo ize ikunike iSatifikethi soKhuseleko.

Wakuba unesatifikethi, ufanele ukufaka isicelo sephephamvume lesikhephe sokuloba kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba eKapa.

Isikhephe sokuloba sisikhephe okanye inqanawa enezixhobo okanye esetyenziselwa:

  • ulawulo
  • ukuvuna, ngokunjalo
  • ukuxhamla kwimithombo yobutyebi baselwandle okanye ukunika inkxaso kwimisebenzi enxulumene noku.

Oku kuquka nasiphi isikhephe esincedisa  isikhephe esinye okanye ezininzi elwandle ekwenzeni umsebenzi othile ovunyelweyo nonxulumene nokuloba kuquka, kodwa okungaphelelanga ekwenzeni amalungiselelo, ukunceda, ukugcina, ukusebenza njengesikhenkcezisi (ifriji), uthutho, okanye ukuhlelwa kulungiswa iimveliso zaselwandle.

Kufuneka ube nelungelo lokuloba kunye nemvume yokuloba. Akukho sikhephe sokuloba siya kubhaliswa ngaphandle kwelungelo lokuloba nemvume yokuloba.

Ofanele ukukwenza

  1. Yenza amalungiselelo okuba isikhephe siyokuvavanywa ngu-Samsa kujongwa ukuba sikulungele na ukuba selwandle.
  2. Funa isiCelo sephephamvume lesikhephe sokuloba kweli lizwe, phakathi elwandle nakwiilwandle zamazwe angaphandle kwiZiko lemiBuzo leSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba eKapa eGround Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, eForeshore.
  3. Zalisa ifomu ngokubhala ngoonobumba abakhulu kuphela
  4. Qhoboshela:
    • kwiphephamvume lokuloba kwiilwandle zalaph
      • Ifomu yokufaka isicelo ezalisiweyo
      • Isatifikethi se-Samsa esisebenzayo
      • Isatifikethi se-ICCASA, ukuba kufanelekile
      • Ukuba ungumnini omtsha wesikhephe, yiba neekopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu obhaliso lwenkampani okanye ze-ID
    • Iphephamvume lokuba phakathi elwandle
      • Kuyafana njengakweli lokuloba kwiilwandle zalapha, kodwa iSatifikethi se-Samsa masibonise ukuba isikhephe sisenokuloba phakathi elwandle
    • Kwiilwandle zamazwe angaphandle
      • igama neenkcukacha zomnini wesikhephe (kuquka abanini-zabelo)
      • ubude besikhephe
      • amandla nomthamo wesikhephe
      • iFlegi yeLizwe esibhaliswe phantsi kwalo isikhephe ngoku (ukuba siqeshiwe okanye abanikazi baso baquka abantu abangengabo abaseMzantsi Afrika)
      • ubude bexesha eliza kuthathwa elwandle kunye necandelo lokuloba okanye uhlobo lweentlanzi eziza kulotywa
      • isatifikethi sobhaliso esivela kwilizwe leflegi exhonywe kwisikhephe.
  5. Hlawula umrhumo omiselwe ngokobude besikhephe kule akhawunti ilandelayo:Ibhanki:
    First National Bank
    Inombolo ye-akhawunti: 62123256382
    Uhlobo lwe-akhawunti: Current
    Igama le-akhawunti: Marine Living Resources Fund
    Igama lesebe: Corporate Account Services Cape Town
    Ikhowudi yesebe: 204-109
  6. Tsalela umnxeba kwiziko lemibuzo: 086 000 3474 ukuze ufumane inombolo yerefirensi
  7. Usenakho nokuhlawula ngemali ezinkozo okanye ngokusebenzisa ubuxhaka-xhaka be-intanethi (i-EFT). Nceda qaphela ukuba xa i-EFT ibingenziwa e-FNB (First National Bank) ngoko imali iza kuthatha iiyure ezingama-24 phambi kokuba ivele.
  8. Thumela ngefeksi isiqinisekiso sakho sentlawulo kwiZiko lemiBuzoo – apha 021 402 3362 uze ucele kubo ukuba bakunike isiqinisekiso sentlawulo.
  9. Faka isicelo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba: Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012 okanye singenise ngokwakho buqu eForetrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town.

Ixesha elimiselweyo

Isicelo esifakiweyo sisenokuthatha iintsuku zaphakathi evekini ezintathu okanye ngaphezulu, kuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngendlela efanelekileyo.

Ingaba kubiza malini na

Imirhumo

Qhagamshelana nayo nayiphi i-ofisi ye-SAMSA malunga neenkcukacha zeendleko zesatifikethi sokhuseleko.  

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Funa isiCelo sephephamvume lesikhephe sokuloba kweli lizwe, phakathi elwandle nakwiilwandle zamazwe angaphandle kwiZiko lemiBuzo leSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba eKapa eGround Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, eForeshore.

Ungaqhagamshela nabani

Iziko lemiBuzo lezokuLoba:
Umnxeba 021 402 3911 / 086 000 3474
Ifeksi 021 402 3362

Idilesi yesitalato: Ground Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town 8000
Idilesi yeposi: Department of Agriculture, Forestry, and Fisheries, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012
Iwebhusayithi: www.dalrrd.gov.za/

Iinkcukacha zoqhagamshelwano SAMSA

Share this page