iLayisensi yenqanawa yokuloba yelizwe langaphandle

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sephepha-mvume lenqanawa yokuloba  yelizwe langaphandle                  

Ukusebenzisa inqanawa yokuloba yelizwe langaphandle eMzantsi Afrika, kufuneka inqanawa ibhaliswe phantsi kolawulo lwelinye ilizwe elingengoMzantsi Afrika. Kufuneka ufake isicelo sephepha-mvume lenqanawa yokuloba kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba eKapa.    
                                                          
Ukuze inqanawa ibe nephepha-mvume, kufuneka ube nobudlelwane bobuqabane nenkampani enelungelo lokuloba eMzantsi Afrika. Ukuze inqanawa ibe semthethweni, kufuneka uzalise uxwebhu lwesicelo semvume yokuloba ngokwecandelo elo inqanawa iza kuloba kulo. Ukuba unqwenela ukuba inqanawa ilobe enzonzobileni ngexesha lelungelo, kufuneka uzalise uxwebhu lwesicelo sokuloba enzonzobileni. 

Inkampani enelungelo lokuloba eMzantsi Afrika ingayiqesha kuphela inqanawa phantsi kweemeko ezingaqhelekanga ukuba ilobe kwimida yoMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo ekuloba kuwo abanelungelo okanye kumanzi amazwe ngamazwe phantsi kolawulo lobhaliso lwaseMzantsi Afrika.   
                                                                                                   
Phambi kokuba ulobe, kufuneka uqhagamshelane neSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba eKapa (jonga iinkcukacha zokuqhagamshelana ngezantsi) ukufumanisa ukuba kuya kuvumeleka na ukuqasha inqanawa yokuloba yelizwe langaphandle kwicandelo elithile lokuloba kunye namaxwebhu afunekayo ukuze isicelo esinjalo siphunyezwe. 
                         
Inqanawa yokuloba iya kuvavanywa ngendleko zakho liGunyabantu loKhuseleko lwaseLwandle laseMzantsi Afrika ivavanyelwa ukuba ikulungele na ukuba selwandle. Zonke iinqanawa zamazwe angaphandle kufuneka zibe ne-INMARSAT C VMS esebenzayo enika ingxelo kwiSebe: ULawulo lokuLoba eKapa. ISebe: iCandelo lokuSebenza loLawulo lokuLoba iVMS liya kuqinisekisa oku.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba eKapa:  Ground Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way , Foreshore, eKapa ukufumana uxwebhu lweSicelo sephepha-mvume lokuloba ngenqanawa yelizwe langaphandle.  
  2. Zalisa uxwebhu lwesicelo ngezi nkcukacha zilandelayo:
    • Igama lenqanawa yokuloba   
    • Igama kunye neenkcukacha zomnini-nqanawa ( kuquka izabelo zobunini ukuba ubunini benqanawa budityanelwe nangabemi baseMzantsi Afrika)
    • Amandla okutsala kwenqanawa  
    • Ubude kunye nomthamo wenqanawa
    • Inombolo yobhaliso lwenqanawa  
    • Ilizwe apho inqanawa ibhaliswe phantsi kolawulo lwalo (ukuba iqeshwe okanye ubunini budityanelwe nangabemi baseMzantsi Afrika)  
    • Isiqinisekiso sokhuseleko esisemthethweni esivela kwilizwe inqanawa ebhaliswe phantsi kolawulo
    • Icandelo lokuloba inqanawa iya kuloba kulo kunye nobude bexesha lokuloba   
  3. Qhoboshela incwadi esemthethweni evela kwiGunyabantu lokuLoba leLizwe inqanawa ephantsi kolawulo lwalo eya kufuneka, evuma ukuba:
    • Inqanawa ivumelekile ukuba ilobe kulwandle lwaseMzantsi Afrika     
    • Inqanawa khange ibandakanyeke kukuloba okungekhoMthethweni, okungaLawulwayo kunye nokungaXelwanga                         
    • IGunyabantu lokuLoba laseMzantsi Afrika liya kuthatha uxanduva lokulawula inqanawa                                                                                                                                   
    • IGunyabantu lokuLoba laseMzantsi Afrika liya kuthatha uxanduva lokunika ingxelo yokuloba kuMbutho woLawulo lokuLoba lweNgingqi ukuba kufuneka njalo ngokwemiqathango yoMbutho woLawulo lokuLoba lweNgingqi ngazo zonke iinkcukachamanani zokuloba nokubambisa iintlanzi, nokuba kuphakathi kuMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo ekuloba kuwo abanelungelo okanye enzonzobileni,ziya kongezeleka eMzantsi Afrika ngexesha lesivumelwano selungelo.                                                                  
    • Inqanawa yelizwe langaphandle iya kuloba phantsi kwemimiselo neemeko ezilawula imvume yaseMzantsi Afrika.
  4. Ukuba inqanawa asiyiyo enyuliweyo ngokwemiqathango yenkqubo yokunikezelwa kwamalungelo lowo ufaka isicelo kufuneka azalise uxwebhu lokudluliselwa kwenqanawa.         
  5. Hlawula umrhumo omiselweyo kule akhawunti ilandelayo:   
    Ibhanki: First National Bank
    Inombolo ye-akhawunti: 62123256382
    Uhlobo lwe-akhawunti: Current
    Igama le-akhawunti: Marine Living Resources Fund
    Igama lesebe: Corporate Account Services Cape Town
    Inombolo yesebe: 204-109
    Tsalela umnxeba kwiziko lenkonzo yabaxhasi ukuze ufumane inombolo yesazisi (021 402 3911 / 086 000 3474)
  6. Faka isicelo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba: Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012 kunye nelungelo lakho lokuloba okanye isivumelwano esigqitywe nomnini-lungelo lokuloba ukuba akunawo amalungelo okuloba okanye ufake isicelo usizise ngesandla kule dilesi yesakhiwo Foretrust Building.

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sokusebenzisa inqanawa yelinye ilizwe (kuquka isicelo sokudluliselwa kwenqanawa, imvume yokubambisa kunye nephepha-mvume lokuloba enzonzobileni) singathatha iintsuku ezili-14 zokusebenza, kuxhomekeke ekubeni isicelo sifakwe ngokufanelekileyo na.          

Ingaba kubiza malini na

Imali

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Yiya kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba eKapa:  Ground Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town ukuze ufumane uxwebhu lwesicelo sephepha-mvume lokuloba ngenqanawa yelinye ilizwe                    

Ungaqhagamshela nabani

 

Fisheries Customer Service Centre:
Tel 021 402 3911 / 086 000 3474
Fax 021 402 3362

Physical address: Ground Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town 8000
Postal address: Department of Agriculture, Forestry, and Fisheries, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012
Website: https://www.dalrrd.gov.za/

Contact details for SAMSA

Share this page