Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga noku faka isicelo selayisenisi yesikhephe sokuloba ekhaya
Ukuze uqhube isikhephe sokuloba ekhaya eMzantsi Afrika kufanele isikhephe sibhaliswe kubalawuli bamanxweme. Kufanele ufake isicelo sesiqinisekiso sokukhuseleka kwesikhephe kwabasemagunyeni bokhuseleko lwaselwandle base Mzantsi Afrika (South African Maritime Safety Authority) kunye ne layisenisi yesikhephe sokuloba kwiSebe Lezolimo, Amamhlathi nokuLoba eKapa.
Ukuze uphumelele kufanele ube:
- Ngummi waseMzantsi Afrika kwaye ungumnini olawula izikhephe okanye.
- Intlanganisela yabahlali, umbutho okanye imanyano ebhalisiweyo eMzantsi Afrika kwaye ummi weloMzantsi afrika abe ulawula uninzi lwezabelo nelungelo loku vota
Isikhephe sokuloba ekhaya sinezinto zonke, izinto zokusebenza, indawo zokugcina, impahla namafutha akhwelisiweyo. Isenokuquka ukungceda enye okanye ezinye izikhephe ezikwenza umsebenzi wokuloba.
Okumele kwenziwe kuquka oku kulandelyo kodwa akuphelelanga apha:
- amalungiselelo
- izidingo
- ukugcina
- amakhaza
- uthutho okanye ukuvelisa
- ukusebenzisana ngqo kwezokuloba kwindawo zabucala zoqoqosho (EEZ) okanye kumanzi abezizwe phantsi kwaba lawulibamanxweme base Mzantsi Afrika.
Qaphela: Kukophula umthetho ukusebenzisa isikhephe esingabhaliswanga. Ukuba awuna lungelo lokuloba, kufuneka ube nesivumelano nomntu one lungelo lokuloba ukuze ukwazi ukuqhuba isikhephe sakho.
Isikhephe esibhaliselwe ukuloba ukwenza unzuzo asikwazi kusetyenziselwa ukuloba kokuzonwabisa.
Isikhephe esibhaliselwe ukulobela inzuzo sinelungelo elahlukileyo lokuloba kwaye linga sebenziswa kwelo lungelo kuphela.
Ukuphela kwexesha le Layisinisi yokuloba ixhomekeke kwixesha lesiqinisekiso. iLayisenisi yesikhepha sokuloba inexesha elilingana nelesiqinisekiso seSAMSA.
Ofanele kukwenza
- Amalungiselelo wokuthi isikhephe siyovavanywa ngabakwa Samsa ukubona ukuthi sikulungele ukungena olwandlwe ukuze sifumane isiqinisekiso sokhuseleko.
- Fumana isicelo selayisinisi yesikhephe sokuloba ekhaya kwikhompuyutha gcwalisa uxwebhu ngoonobumba abakhulu.
- Ncamathisela:
- ikopi eqinisekiseweyo yesiqinisekiso seSamsa
- ikopi eqinisekisiweyo yesivumelano nomntiu onelungelo (ukuba ayinguwe onelungelo)
- ikopi eqinisekisiweyo yesiqinisekiso sokwazi ukusebenzisa iradiyo (ukuba uyafuneka)
- Ileta ekunika igunya (ukuba umntu ofaka isicelo ufakela umnini sikhephe).
- Bhatala imali ebekiweyo kule akhawunti ilandelayo:
Ibhank: First National Bank
Inombolo yeakhawunti: 62123256382
Uhlobo lwe akhawunti: Current
Igama le Akhawunti: Marine Living Resources Fund
Igama le sebe: Corporate Account Services CapeTown
ikhowudi ye sebe: 204-109
Tsalela umnxeba kwinkonzo yoncedo kulenombolo 021 402 3911 / 086 000 3474 ukuze ufumane ireferensi yakho.
Ungabhatala ngemali, okanye (EFT). Sicela uqaphele, ukuba awubhatali nge EFT yase First National Bank kuzakuthabatha iiyure ezingama 24 phambi kokuba iivele imali. - Thumela isicelo sakho Kwisebe Lezolimo,Amahlathi Nokuloba, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012.
- Feksela ubungqina bokuthi uhlawulile kwindawo yenkonzo zoncedo kule nombolo 021 402 3362/3081/3670 kwaye ucele ubungqina bokuthi uhlawulile kungenjalo ndwendwela indawo zenkonzo zoncedo lwabantu.
- Kumgangatho osezantsi, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town ukufaka isicelo. Yiza nee kopi eziqinisekisiweyo zeencwadi ezifunekayo kunye nemali efunekayo.
Ixesha elimiselweyo
Isicelo singa thatha intsuku ezintathu zokusebenza okanye ngaphezulu ukususela ngemini yesiqinisekiso sentlawulo, nokuthi isicelo sakho silandele imiqathango kakuhle.
Ingaba kubiza malini na
Tariffs for each service is reflected on the application form.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Tel 021 402 3911 / 086 000 3474
Fax 021 402 3362
Physical address: Ground Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town 8000
Postal address: Department of Forestry, Fisheries and the Environment, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012
Website: https://www.dffe.gov.za
Contact details for SAMSA