Intetho kaMongameli Cyril Ramaphosa ayenze kwiZakhiwo zoMdibaniso, eTshwane emalunga nokusweleka kwabantwana ngenxa yezifo abazifumene ekutyeni
Bemi boMzantsi Afrika
Ndifuna ukuthetha nani ngolu rhatya ngomba obangele unxunguphalo nokukhathazeka okukhulu elizweni lakuthi.
Bombo zonke kweli lizwe kunyuke inani leziganeko zezifo ezixeliweyo kunye nelabantu ababulewe zezi zifo.
Abantu abaninzi bagula kukhulu abanye bona bade basweleka ngenxa yokutya ukutya okunetyhefu.
Kufunyaniswe ukuba okunye kokutya okwenze lo monakalo kuthengwe ezikroxweni nakubantu abathengisa esitalatweni.
Ukususela ngeyoMsintsi 2024, sele kukho iziganeko ezixeliweyo ezingama-840 zabantu abathe baguliswa kukutya kuwo onke amaphondo.
I-Gauteng kunye neKwaZulu-Natal ngawona maphondo achatshazelwe kakhulu, kodwa naseLimpopo, Freyistatha naseMpumalanga zikhona iziganeko ebezixeliwe.
Kwezi vekana zimbalwa zidlulileyo zodwa, izifo ezivela ekutyeni zibulele abantwana bezwe lakuthi abangama-22 ubuncinane.
Kule nyanga iphelileyo bekukho inyhikitya eyenziwe kukutya eNaledi eSoweto apho kwathi kwaseleka abantwana abathandathu.
Oyena mncinci kwaba bantwana ebeneminyakana nje emithandathu ubudala.
Intlungu efana nale ayinamlinganiselo.
Siza kuzibeka emithandazweni ezi ntsapho zisentlungwini naphantsi kwelifu elimnyama lokuswelekelwa ngabantwana.
Ukuswelekelwa ngumntwana linxeba elinzulu kuye nawuphi na umzali.
Aba bantwana bathe basutywa kukufa ayingobantwana bezi ntsapho zodwa, ibingabethu nathi.
Abantu bakuthi banelungelo lokukhathazeka nokuba nomsindo xa besehlelwa yintlungu enje.
Ngamaxesha anje, kufuneka sibambisane sisisizwe siphelise esi sihelegu sokufa kwabantu.
Kufuneka senze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba intlungu efana nale ayiphindi yenzeke.
Kwathi nje kwakusweleka abantwana, amaqela aphuma kumacandelo ahlukeneyo karhulumente abhinqa omfutshane aqalisa ukulwa le ngxaki.
La maqela aquka abecuphi abasuka kuMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), amagosa ezempilo, abahloli bezokusingqongileyo, amagosa eSebe lezoLimo kunye namagosa avela kwiKhomishoni yeSizwe yezaBathengi.
IKhabhinethi nayo iye yahlangana izihlandlo ezithathu ukuze ifumane iingxelo ezivela kula masebe ezimalunga nezi ziganeko.
Naku esikwaziyo.
Iziko leSizwe leZifo ezoSulelayo (i-NICD) lacelwa ukuba lenze uhlolo lwezenzululwazi kwaye liye lafumanisa ukuba eyona nto ibulele aba bantwana bathandathu baseNaledi, eSoweto yikhemikhali eyingozi kakhulu eyisibulali-zinambuzane ebizwa ngokuba yi-Terbufos.
I-Terbufos ingabangela ukugula kakhulu, nokuba utye nje intwana encinci yayo.
I-Terbufos yikhemikhali eluhlobo lwe-organophosphorus ebhaliselwe ukusetyenziswa kwezolimo eMzantsi Afrika.
Akuvumelekanga ukuba ithengiswe njengezinto eziqhelekileyo ezisetyenziswa emakhaya.
Noko kunjalo, i-Terbufos iyathengiswa ngabantu abangayibhalisanga njengesibulali-zinambuzane sokubulala iimpuku ngabantu abahlala ezilokishini nakwiindawo zamatyotyombe.
Kuye kwathatyathwa iisampuli kwiivenkile ezizikroxo ezingama-84 eNaledi. Kwezintathu kwezi venkile kufunyaniswe ubungqina be-Terbufos.
Emva kohlolo olungqingqwa, kufunyaniswe i-Terbufos ngaphakathi nangaphandle kwiphepha leetships elifunyanwe komnye wabantwana abathe basweleka.
Njengenxalenye yokuphanda into ebulele aba bantwana baseNaledi, abahloli baye bathatha izibulali-zinambuzane ezingekho mthethweni eziliqela kwezi zikroxo zevenkile.
Bafumanisa nokuba kukho iimeko apho ukutya kupakiswe endaweni enye nezibulali-zinambuzane kunye nezinto zokucoca endlini.
Kuye kwafunyaniswa nokuba ezi zikroxo azinandlela ifanelekileyo yokugcina ukutya, iindawo zokuhlamba izandla nezitya, into leyo enyusa amathuba okuba ukutya kudibane nezinto eziyityhefu.
Nangona uphando lwethu lusaqhuba, kufuneka siqonde ukuba le ngxaki ayikho kwivenkile ezizikroxo kunye nabantu abathengisa esitalatweni kuphela.
Ukusetyenziswa kwezibulali-zinambuzane ezingabhaliswanga ngokusesikweni yingxaki ekhulayo kubantu bakuthi, kwaye oku kuneziphumo ezibi kakhulu.
Kwiilokishi ezininzi enye ikhemikhali, i-Aldibard, kunye ne-organophosphate ebizwa ngokuba yi-Galephirimi ziyathengiswa ngabantu abathengisa ezitalatwenj njengeyeza leempuku.
I-Aldicarb yavalwa eMzantsi Afrika ngowama-2016.
Kulo nyaka uphelileyo, abantwana abathathu e-Ekurhuleni kunye nabanye abathathu eSoweto bathi basweleka ngenxa yokutya ukutya okune-Aldicard.
Ukuze sikwazi ukuyilwa le ngxaki kufuneka simazi oyena nobangela wayo kwiindawo ezihlala abantu bakuthi.
Ezinye zezizathu ezibangela ukuba abantu basebenzise ezi zibulali-zinambuzane benzela ukubulala iimpuku.
Ingxaki yeempuku ibangelwa kukungaqokelelwa kwenkunkuma ngoomasipala abaninzi.
Inkunkuma ayiqokelelwa rhoqo, izitalato azitshayelwa, into leyo ebangela ukuba iimpuku nezinye izinambuzane zande.
Kumaxa amaninzi, oku kwenzeka kakhulu kwiindawo zabantu abangathathi ntweni, kwaye amaxa amaninzi awona mayeza angabizi mali ininzi ngawo asetyenziswayo kwaye ngala ayingozi kakhulu afana ne-Terbufos ne-Aldicarb.
Enye ingxaki kukuba uxanduva lokucoca okusingqongileyo kwiindawo ezihlala abantu bakuthi ngumsebenzi kamasipala.
Oomasipala abaninzi abanabo abasebenzi kunye nezixhobo zokuqhuba uhlolo kula mashishini kuze kuqinisekiswe ukuba imithetho iyathotyelwa.
Ke ngoko indlela yokusombulula le ngxaki kufuneka ithathele ingqalelo zonke izinto ezinegalelo kule ngxaki.
Kufuneka sikunqade nokuba kusasazwe ulwazi olungeyonyani.
Uphando oluqhutyiweyo alubonisi ukuba intlungu yokusweleka kwabantwana bebulawa zizinto ezityiwayo ezinetyhefu yinto yangabom.
Akukho bungqina bubonisa ukuba le ngxaki isezikroxweni zabantu bamazwe angaphandle kuphela.
Ezi mveliso zingathengiswa nakwiivenkile zabantu balapha eMzantsi Afrika.
Sonke sinoxanduva – njengoMbuso, uluntu, abazali kunye neentsapho – lokukhusela abo basesichengeni sokuba ngamaxhoba.
Kwintlanganiso ekhethekileyo yeKhabhinethi, siye sathatha isigqibo sokungenelela ngolu hlobo:
Inyathelo lokuqala lokungenelela kukuvala ukuthengiswa kwezibulali-zinambuzane eziyingozi
Inyathelo lesibini lokungenelela kukukhusela abantwana ukuba bangatyi izinto ezinezi zibulali-zinambuzane.
Inyathelo lesithathu lokungenelala kukuthintela ukuba ingxaki efana nale ingaphindi yenzeke.
Kuza kuthathwa la manyathelo alandelayo ngoku:
Ukuvala ukuthengiswa kwezibulali-zinambuzane eziyingozi:
Izikroxo ezibandakanyekayo kwintlungu yokusweleka kwabantwana ziza kuvalwa ngoku.
Zonke izikroxo kunye namanye amaziko alungisa ukutya kufuneka abhaliswe koomasipala bazo zingaphelanga iintsuku ezingama-21 ukususela namhlanje. Nayiphi na ivenkile engabhaliswanga kwezi ntsuku zingama-21 kwaye iphinde ingabinazo zonke izinto ezifunekayo ezinxulumene nezempilo kunye nobunye ubucedu-cedu obufunekayo izakuvalwa.
I-SAPS kunye nezinye ii-arhente zogcino-mthetho kuza kufuneka iphande, ibambe ize itshutshise abenzi bobubi. Oku kuza kufuna ukuba kubekho intsebenziswano emandla phakathi kwemizi-mveliso kunye neenkampani ezibhalisiweyo ezithengisa iimveliso.
Amaqela ahlangeneyo abahloli oomasipala aza kuqhuba uhlolo lokujonga ukuba iyathotyelwa na imithetho ngamaziko alungisa ukutya, imizi-mveliso, iinkampani ezihambisa ukutya, iivenkile ezinkulu nezikawonke-wonke. Oku kuza kuquka izikroxo neevenkile ezithengisa yonke into.
Amashishini kunye neevenkile ezingarhwebi ngokomthetho nezineemveliso ezikrokrelekayo kwezi ziganeko zokutya okunetyhefu okanye afunyaniswe ethengisa iikhemikhali ezingekho mthethweni eziyingozi aza kuvalwa.
Iphulo elikhulu lokuhlola kungenwa kuzo zonke izikroxo, iivenkilana ezincinci kunye nezinye iindawo ezithengisayo ezingabhalisanga ngokusesikweni liza kuqhuba liqala e-Gauteng naKwaZulu-Natal.
Eli phulo liza kuqhutywa ngamaqela ohlolo aphuma kumacandelo ahlukeneyo aquka iiNkonzo zeMpilo zoMkhosi waseMzantsi Afrika (i-SAMHS), amagosa ajongene nokusingqongileyo, i-SAPS, iBhunga leSizwe lezaBathengi, abahloli becandelo lezabasebenzi kunye nabanye.
Isigaba sokuqala sohlolo kuza kufuneka sigqitywe ingaphelanga inyanga.
Zonke iinkampani ezibhalisiweyo ezivelisa i-Terbufos kuza kufuneka zihlolwe ukuqinisekisa ukuba akukho zimveliso zithunyelwe kubathengi abangenanto yokwenza nezolimo. Amashishini abandakanyakayo ekuthengisweni kwe-Terbufos aza kuphandwa ukuqinisekisa ukuba imithetho iyalandelwa kwaye ayabazi abathengi abathengiselayo.
Iza kwenziwa ngqingqwa imithetho nemigaqo elandwelayo ukujonga imvelaphi yemveliso, indlela esongelwe ngayo, ukutshatyalaliswa kunye nokuthengiswa kwezibulala-zitshabalalisi, izibulala-zinambuzane kunye nokutya.
Inyathelo lesibini lokungenelela limalunga nokukhusela abantwana ukuba bangatyi izinto ezinetyhefu.
ISebe leMfundo esisiSeko liza kukhupha incwadi eza kuya kumaSebe ezeMfundo amaPhondo nakuzo zonke izikolo ngemigaqo elandelwayo efanelekileyo yokuthintela nokulwa izifo ezivela ekutyeni ezikolweni.
Xa kuvulwa izikolo kulo nyaka uzayo, iSebe leMfundo esisiSeko kunye namaQumrhu oLawulo lwesiKolo (ii-SGB), kunye neSebe lezeMpilo, baza kuphononongwa baze bahlaziye imigaqo yesikolo yendlela yokulawula iinkampani ezihambisa ukutya okuya kwizikolo zikarhulumente. Oku kuza kuquka neevenkilana ezincinci ezisezikolweni.
Liza kuqalisa iphulo lokufundisa uluntu eliza kujolisa ebantwaneni, kubazali, abagcini-bantwana kunye noluntu ngokubanzi malunga nokhuseleko ekutyeni kunye nemibhalo, indlela yokusebenzisa kunye nokugcinwa kweekhemikhali ezinobungozi. Eli phulo liza kuquka iZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS), amasebe nee-arhente zikarhulumente, imibutho yezemfundo kunye nemibutho yoluntu.
Eli liphulo liza kukhatshwa nalelinye lokufundisa uluntu kodwa lona eliza kujolisa ebantwini, kwiivenkile ezizikroxo, iivenkilana ezincinci ekuhlaleni, abarhwebi abangabhaliswanga ngokusesikweni kunye nezinye iivenkile eliza kuba malunga nezempilo, imithetho yokhuseleko nococeko, imibhalo ekwiimveliso eziyingozi, imithetho esetyenziswa kwiimveliso eziyingozi kunye namanyathelo ezomthetho.
UMphathiswa weMfundo esisiSeko kunye nowezeMpilo kunye namanye amasebe karhulumente baza kumisela ukuba izibulala-zitshabalalisi kunye nezibulala-zinambuzane ezithile azikulungelanga ukusetyenziswa emakhaya ke ngoko zithathwa njengemveliso eziyingozi ekungavumelekanga ukuba ziphathwe okanye zisetyenziswe ezikolweni. Oku kuza kwenziwa kulandelwa imiGaqo
eLawula amaNyathelo oKhuseleko kwiziKolo zikaRhulumente.
Inyathelo lesithathu lokungenelela lona lenzelwe ukuthintela ukuba ingxaki enje ingaze iphinde yenzeke:
Ndiyalele ukuba kusekwe amaQumrhu aHlangeneyo okuSebenza nobuNtlola esizwe nawamaphondo ukulwa le ngxaki.
Oomasipala baza kuthatha amanyathelo akhawulezileyo okulwa ingxaki yeempuku ngokuthi bacoce izixeko needolophu nangokuqokelela inkunkuma. Onke amaziko oomasipala okulahla inkunkuma kuza kufuneka alandele imiqathango yoMthetho weSizwe woLawulo lweNkunkuma. Ukungawulandeli lo Mthetho kuza kukhokelela ekubeni kukhutshwe isohlwayo esiquka imigqaliselo, izaziso ezinyanzelisa ukuthotyelwa komthetho kunye nokubekwa ityala.
IKomiti yabaPhathiswa yabaCebisi bezeMpilo iza kusekwa ukuze iqulunqe amanyathelo okuthintela esigaba esiphakathi neside. Le Komiti iza kwenziwa ziingcali ezifana neengcali zetyhefu, oogqirha babantwana, iingcali zekhemikhali, iingcali zezifo, iingcali zophando ngezifo nabanye.
Bonke abantwana abathe basweleka beneminyaka yobudala engaphantsi kweli-12 baza kufakwa kwi-Notifiable Medical Condition Surveillance System.
Kuza kuqaliswa inkqubo yokukhupha isatifiketi sokufa nge-intanethi ukwenzela ukuba likwazi iSebe lezeMpilo ukufumana iinkcukacha ngonobangela wokufa ngokukhawuleza emva kokuba umntu eqinisekisiwe ukuba ubhubhile.
Umsebenzi we-Biosecurity Hub uza kuphuculwa ukwenzela ukuba ikwazi ukulawula ngcono iimveliso, iziphili kunye neemveliso zenzululwazi ezingena kumazibuko eli lizwe.
ISebe lezoLimo liqalise umsebenzi wokuphonononga nokuhlaziya yonke imithetho efanelekileyo emalunga nokulawula kunye nokukhutshelwa amaphepha okugunyazisa ukusetyenziswa kwezibulali-zinambuzane eMzantsi Afrika.
Ingxowa-mali enemali ezizigidi zeerandi ezingama-500 iza kuvulwa ngokubambisana liSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano kunye neSebe lokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinci ukuxhasa amashishini asezilokishini nasemaphandleni, kuquka neevenkile zasekuhlaleni ezingavaliyo. Le mali iza kusetyenziselwa ukulungiswa nokuhlaziywa kwezakhiwo zamashishini kunye nenkxaso engeyomali eza kuncedisa ngezakhono zobugcisa, ngendlela zokuthobela imithetho kunye nokuxhotyiswa ngezakhono.
Njengoko siqhuba ngala manyathelo okungenelela, kuninzi esinokwenza njengabazali ukukhusela abantwana bethu.
Njengabathengi nabazali, xa sithenga ukutya okanye sithuma abantwana ukuba mabaye kuthenga ukutya kufuneka oko bakwenze kwiindawo ezinelayisenisi yokuthengisa ukutya neyilandelayo imithetho elawula ukhuseleko lokutya.
Kufuneka sikujonge ukuba kuphekelwe endaweni ecocekileyo nengenazintsholongwane.
Kufuneka siqinisekise ukuba ukutya okuthengiswayo kunemibhalo ecacileyo, kwaye akukaphelelwa lixesha.
Kufuneka sifundise abantwana bethu ngokhuseleko lokutya nangokuzifundela ngokwabo imibhalo ekumaphepha asongele ukutya.
Nabani na obona ukutya okungusinga-kutya okanye okuphelelweyo kuthengiselwa abantu bakuthi, kufuneka akuxele oko kwiKhomishini yeSizwe yezaBathengi.
Inombolo yomnxeba yeKhomishini yeSizwe yezaBathengi ithi: 012 065 1940.
Kufuneka sizinonophele iindawo esibeka kuzo izibulali-zinambuzane kunye nezinye iikhemikhali eziyingozi kunye nendlela esizisebenzisa ngayo.
Kufuneka sithenge izibulali-zinambuzane ezikwisikhongozeli sale ndawo yenziwa kuyo kwaye nezibhalwe ngokucacileyo ukuba kuvumelekile ukuba zisetyenziswe emakhaya.
Zonke iikhemikhali eziyingozi kufuneka sizibeke endaweni efihlakeleyo ebantwaneni.
Izikroxo kunye nabantu abathengisa ezitalatweni banoxanduva olulodwa lokuqinisekisa ukuba abayibeki mngciphekweni impilo kunye nokhuseleko lwabathengi babo.
Kufuneka barhwebe ngendlela ebonakalisa inkathalo futhi balandele umthetho.
Kufuneka balandele imigaqo elula ethile.
Umzekelo, akufuneki basebenzise izikhongozeli okanye izixhobo ezinye xa begalela iikhemikhali eziyingozi kunye nokutya.
Zizibulali-zinambuzane kunye neekhemikhali ezibhalisiweyo kuphela ezivumelekileyo ukuba zithengiswe.
Kufuneka zibhalwe ngokucacileyo kwela phepha beziphume nalo apho zenziwe khona.
Amashishini athengisa izibulali-zinambuzane ezingavumelekanga okanye ezavalwayo ukuba zithengiswe aza kujongana nengalo yomthetho.
Kwakhona, sicela abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenze ngokubambisana ukulwa le ngxaki inzima kangaka.
Kodwa asizontsizana ezingenakukwazi nokuzinceda. Kuninzi esinokukwenza.
Umntu ngamnye kuthi kufuneka abe nolwazi olwaneleyo ngobungozi bezibulali-zinambuzane kunye nezinye iimveliso eziyingozi.
Umntu ngamnye kuthi kufuneka aluthathele kuye ukhuseleko kunye nempilo yezihlobo zethu ingakumbi abantwana bezwe lakuthi.
Ngokubambisana, ngokunyanzelisa ukuba imithetho ithotyelwe, ngokuhlala sivundlile size sithathe noxanduva, singakwazi ukusilwa siphele esi sihelegu.
Ndiyabulela.