nguMongameli uCyril Ramaphosa: malunga neMfuduko eNgekho seMthethweni kunye nemingcelele echasene nabemi bangaphandle

Intetho eyenziwe nguMongameli uCyril Ramaphosa malunga neMfuduko eNgekho seMthethweni kunye nemingcelele echasene nabemi bangaphandle, 7 eyeSilimela 2026

Bemi boMzantsi Afrika,

Ndifuna ukuthetha nani ngolu rhatya ngomba oxhalabise abemi boMzantsi Afrika abaliqela.

Kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo, abemi boMzantsi Afrika abaphuma mbombo zonke bavakalise inkxalabo ngemfuduko nokufudukela kweli ngokungekho semthethweni.

Ezi nkxalabo zivakala kwiindawo esihlala kuzo, emisebenzini yethu, ezikolweni zethu, kwiklinikhi zethu nakuwo onke amakhasi ezonxibelelwano.

Abemi abaninzi boMzantsi Afrika babuza imibuzo enzima kodwa efanelekileyo.

Bayabuza ukuba ingaba imida yethu ikhuselekile kusini na.

Balala obungahliyo yinto yemisebenzi.

Abemi boMzantsi Afrika bathetha ngezi zinto kuba banexhala lokuba ezi zinto zibeka uxinzelelo kwiinkonzo zikarhulumente.

Baxhalatyiswa lukhuseleko, ukhuselo nokusebenza komthetho.

Ezi nkxalabo banazo ziyinyani. Kufanele ukuba zimanyelwe okanye zisatyelwe. Kufuneka zilungiswe.

Abemi boMzantsi Afrika bayazibuza ukuba ingaba urhulumente uthatha amanyathelo afanelekileyo kusini na ukulungisa le mingeni.

Ngolu rhatya ndiza kuthetha ngezi nkxalabo.

Ndiza kuchaza izinto urhulumente azenzayo ukusabela kwezi ngxaki.

Ndifuna ukucacisa imigaqo ekufuneka sikhokelwe yiyo xa silungisa ezi ngxaki sibambisene.

Kufuneka sithethe inyani ngeemeko ezizala ezi ngxaki.

UMzantsi Afrika ujongene nengxaki engapheliyo yezinga eliphezulu lentswela-ngqesho, ingakumbi kubantu abatsha.

Iintsapho ezininzi azithathi ntweni.

Abantu abaninzi bathwaxwa yindlala nokungafumani mathuba.

Kwiimeko ezinjalo, umsindo ke singawukhuphela kwabo sibathatha ngokuba basithathela imisebenzi nezinto ezibalulekileyo empilweni.

Noko kunjalo, kufuneka sazi ukuba imfuduko engekho semthethweni ayingonobangela wayo yonke le mingeni yezoqoqosho sijongene nazo.

Isisombululo kufuneka ibe luqoqosho olukhula ngesantya esikhawulezayo, umthamo omkhulu wotyalomali, ukukhula kwamashishini nemizimveliso, uphuhliso lweziseko ezingudoqo kunye nokudalwa kwezigidi zemisebenzi emitsha.

Siyazi ukuba imfuduko iyingxaki kwihlabathi liphela. Ichaphazela onke amazwe.

Izwe lakuthi – njengawo onke amazwe ezimbalini – nalo lakhiwa ngale mfuduko.

Yiyo loo nto sizintlanga ezahlukeneyo ezakhe esi sizwe sethu simbejembeje.

Njengesizwe esilawulwa ngokwentando yesininzi, sizamkele iindwendwe kwilizwe lethu.

Ngokwezivumelwano zehlabathi esazityikityayo kunye noMgaqosiseko wethu, siyabavumela abantu abaphuma kwamanye amazwe abafuna ukukhuselwa kwiimfazwe, kwizidubedube ezinongquzulwano, kucalulo nakubundlobongela.

Njengalo naliphi na ilizwe kwihlabathi, siyazikhethela ukuba ngubani omakangene kwilizwe lakuthi, izinto abanokuzenza xa belapha kunye nexesha abanokulihlala kweli lizwe.

Umgaqo esiqamele ngawo nesivumelana ngawo sisonke ngowokuba wonke umntu ongaphakathi kwimida yoMzantsi Afrika kufuneka abe lapha ngokusemthethweni.

Wonke umntu osebenza kweli lizwe lakuthi, kufuneka abe namaphephamvume okusebenza.

Wonke umntu oneshishini apha kufuneka abe namaphephamvume okuqhuba ishishini.

Umngeni esinawo kukuba abanye abantu bangena kweli ngendlela engafanelekanga kwaye balapha ngokungekho semthethweni.

UMzantsi Afrika unelungelo lokunyanzelisa ukuthotyelwa kwemigaqonkqubo yawo kunye nokuthatha amanyathelo athintela imfuduko engekho semthethweni. 

UMzantsi Afrika uzimisele ukukhusela, ukuhlonipha nokulwela amalungelo abo bonke abantu abakweli lizwe lethu, nokuba ngabemi balapha okanye bangaphandle.

Sizimisele ukuhlonipha izivumelwano zehlabathi esazityikityayo.

Umba wokunyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho yezemfuduko ngumsebenzi karhulumente yedwa, hayi omnye umntu.

Zikhona ke iindawo eziqhwalelayo kwindlela ophethwe ngayo umba wemfuduko.

Bukhona ubuyekeyeke kwisandla esisetyenziswayo ukunyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho.

Zikhona iindawo eziqhwalelayo kwindlela ekuqinisekiswa ngayo ukuba imithetho iyathotyelwa.

Zikhona iimeko ezinemikhutyana yorhwaphilizo

Kukhona ukusilela okukhoyo kwiinkqubo zethu nezenze awaqina umnqwazi eluntwini.

Abemi boMzantsi Afrika bafanelekile ukuba balindele okungcono kunoku.

Siyavuma kuloo ndawo kwaye sithatha amanyathelo angqingqwa ukulungisa ezo mpazamo.

Abemi boMzantsi Afrika bafanelekile ukuba balindele umbuso osebenza ngokufanelekileyo, ngendlela ephucukileyo nebonisa izakhono xa kunyanzeliswa ukuthotyelwa kwemithetho yeli.

Ke ngoko urhulumente uza kuthatha amanyathelo afanelekileyo ukuze enze kanye ezi zinto zilindelwe ngabantu kuye ukulwa ezi ngxaki zinxulumene nokwaphulwa kwemithetho yemfuduko.

Mandikubethelele ukuba ngamagosa agunyazisiweyo karhulumente kuphela anokuthatha amanyathelo xa kukho umntu owaphula umthetho, kuquka nokwaphula imithetho yezemfuduko.

Akekho omnye umntu onelungelo lowenza loo nto, yokumisa umntu endleleni athi makakhuphe amaphepha amchaza ukuba ungowaliphi ilizwe.

Siyabazi ukuba abemi boMzantsi Afrika abanantiyo ngakubantu abangabaziyo njengoko singakuvumeli apha eMzantsi Afrika ukuthiya umntu ongamaziyo, ubuhlanga, ukucalula ngokwesini, ukuthiya abantu base-Afrika okanye naziphi iindlela zokubonisa ukunganyamezelani.

Njengabantu nesizwe, kufuneka singavumi ukuba yinxalenye yabo bafuna ukubonisa intiyo ebantwini abangezonzalelwane zalapha eMzantsi Afrika esihlala nabo namhlanje.

Kufuneka singawavumeli kwaphela amaqela afuna ukusebenzisa iingxaki zokwenyani zabemi boMzantsi Afrika badungadunge ilizwe lakuthi ngokuthi baququzelele ulwaphulomthetho nobundlobongela.

Siza kubathathela amanyathelo abo basebenzisa iingxaki abanazo abantu bakuthi ngemfuduko engekho semthethweni ukuzalisekisa iinjongo zabo zezopolitiko, zabo buqu, okanye ezinxulumene nemikhutyana yokwaphula umthetho.

Asizi kuqhathwa okanye siluhlukuhlwe ngamaphulo aqhutywa kumakhasi ezonxibelelwano asasazi iindaba ezingeyonyani, ezibubuxoki kunye nobuvuvu ngabemi bangaphandle.

Kufuneka isixhalabise into yokuba lo moya ugqubayo ubonakalisa inzondo kubemi bangaphandle ngamanye amaxesha ukhatshwa zizithuko, izinyeliso okanye izigxeko ezijoliswe kwabanye abemi boMzantsi Afrika abaluhlanga okanye izizwe ezithile.

Silindele ukuba abemi bangaphandle bayihloniphe imithetho yethu. Ke ngoko kufuneka nathi siyihloniphe.

Phantse bonke abemi boMzantsi Afrika bayayiqonda into yokuba imfuduko engekho semthethweni yingxaki enkulu.

Imfuduko engekho semthethweni, ukuba ayilawulwa ngokufanelekileyo, ilubeka emngciphekweni ukhuselo, uzinzo kunye nenkqubela yoqoqosho loMzantsi Afrika.

Siyazi ukuba imfuduko engekho semthethweni ichaphazela ukuhanjiswa kweenkonzo kwaye yongeza kwezi ngxaki sele zijamelele nazo iinkonzo zezempilo nezemfundo.

Imfuduko engekho semthethweni ihamba idibane nolwaphulomthetho lwamaqela emigulukudu.

Amaqela emigulukudu abandakanyeka kumba wokurhweba ngokungekho semthethweni, ukunyanzelisa iintlawulo, ukwembiwa kwemigodi ngokungekho semthethweni, iziyobisi kunye nokuthutyeleziswa kwemali athanda ukusebenzisa abo bafuduka ngokungekho semthethweni nasekufihleni iimpahla.

Siyazi ukuba imfuduko engekho semthethweni iyawaphazamisa amalinge wethu okudala imisebenzi enesidima yabantu bakuthi.

Akhona amashishini kweli lizwe lethu aqesha abantu abangenamaphephamvume kuba abantu abangekho semthethweni abakwazi ukulwela amalungelo wabo.

Abanye abaqeshi baqesha abantu bangaphandle abangenamaphephamvume kuba bebahlawula imivuzo engaphantsi kwale yesizwe imiselelweyo futhi babanyanzelise ukuba basebenze iiyure ezingaphezulu kwezimiselweyo baze bangabahlawuli ngalo nto.

Sibhaqe iindawo ezininzi apho abemi bangaphandle abangenamaphephamvume besebenza phantsi kweemeko ezimbi kakhulu.

Abaqeshi abaqesha abemi bangaphandle ababaziyo ukuba abanamaphephamvume baze babaxhaphaze, bophula umthetho.

Bophula imigaqo yomsebenzi. Banxamnye nokhuphiswano olulungileyo.

Futhi bavalela abemi boMzantsi Afrika amathuba.

Ukwenza loo nto kungabaphathela inyoka ephung’ umhluzi futhi kunyanzelise isandla esiqatha sezomthetho.

Abantu abaninzi iyabakhathaza into yabemi bangaphandle abaneziphaza, iivenkile kunye nezinye iindawo zokuthengisa ezingabhaliswanga ngokusesikweni.

Bathi la mashishini abemi bangaphandle avalela abemi boMzantsi Afrika ukuba bavule amashishini afana nala kwiindawo abahlala kuzo.

Ezi zikhalazo azinakubethwa ngoyaba.

Abemi boMzantsi Afrika abaninzi baziva bewavinjwa amathuba kwiindawo kanye ezi bahlala kuzo.

Urhulumente unoxanduva lokuxhasa amashishini oluntu, ukukhuthaza ukhuphiswano olulungileyo, nokudala iimeko eziza kuvumela ukuba abemi boMzantsi Afrika bathathe inxaxheba ngokubonakalayo kuqoqosho.

Njengesizwe, njengoluntu nanjengelizwekazi, kufuneka sisebenzisane – silandele uMgaqosiseko wethu, imithetho yeli kunye nezivumelwano zehlabathi esazityikityayo ukulwa ingxaki yemfuduko engekho semthethweni.

Kufuneka sikwenze oku ngaphandle kokusebenzisa ubundlobongela, ukugrogrisa, ukuxhaphaza nokuthiya abemi bangaphandle.

Emva kwezibhengezo ezazenziwe kwiNtetho engoBume beSizwe ngeyoMdumba, urhulumente uthatha amanye amanyathelo angqingqwa okulwa imfuduko engekho semthethweni.

Kule veki iphelileyo, iKhabhinethi yamkele iNdlela eBanzi yokuLawula iMfuduko.

Le ndlela ivunyiwe naliBhunga loQuquzelelo likaMongameli, eliqulathe iiNkulumbuso kunye nabaPhathiswa baMaphondo, abameli booMasipala kunye neNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli nezamaKhoi namaSan.

Ngolu rhatya, ndiza kunixelela ngamanyathelo angqingqwa esiwathabathayo.

NjengoRhulumente, iinjongo zethu zicacile.

Sifuna uMzantsi Afrika olilizwe apho wonke umntu angena ngokusemthethweni.

UMzantsi Afrika apho imithetho yemfuduko ihlonitshwayo futhi ithotyelwayo.

UMzantsi Afrika apho amashishini akhuphisana ngokungenamkhethe.

UMzantsi Afrika apho abantu beziva bekhuselekile futhi bekhuselwe

Kunye noMzantsi Afrika osimelela ngemigaqo ekumgaqosiseko wayo kunye nomoya wokukhusela amalungelo oluntu.

Sifuna ukuzalisekisa le njongo ngokuthatha la manyathelo alandelayo, phakathi kwamanye:

Okokuqala, siyayilwa ingxaki yokophulwa kwemithetho yezemfuduko, yezabasebenzi kunye neminye, futhi siza kuqhubeka sizenza njalo.

Okwesibini, siza kuqhubeka sithintela abantu ukuba bangene kweli lizwe ngendlela engafanelekanga nengekho semthethweni.

Okwesithathu, siyaqhubeka nokulusiphula neengcambu urhwaphilizo kwinkqubo yethu yezemfuduko, kwaye siza kuqhubeka sisenza njalo.

Okwesine, siza kuyenza ngqingqwa imithetho nemigaqonkqubo yeli lizwe yezemfuduko.

Okokugqibela, siza kuqhubeka sifakana imilomo namanye amazwe, kuquka namazwe alapha e-Afrika, ukuze siqulunqe amacebo afanayo okusabela kwezi ngxaki zemfuduko kulo mmandla wethu nelizwekazi liphela.

Amanyathelo okuqala esiza kuwathatha, kukulwa umkhuba wokwaphulwa kwale mithetho ikhoyo yezemfuduko, ezabasebenzi nezinye izinto.

ISebe leMicimbi yezeKhaya, iQumrhu loLawulo lweMida (i-BMA), uMbutho waMapolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) kunye nezinye iiarhente zonyanzelisomthetho kulithuba ziwubambe shushu umba wokukhangela nokugodusa abemi bangaphandle abangenamaphephamvume abaseMzantsi Afrika ngokungekho semthethweni, futhi aza kuqhubeleka ekwenza oku.

Kulo nyaka uphelileyo nje wodwa, i-BMA ikwazile ukubamba nokuthintela abantu abangaphezulu kwama-450 000 ababezama ukungena eMzantsi Afrika ngokungekho semthethweni.

Siza kumisela iinkundla eziza kujongana nomba wezemfuduko kuphela ukuze sixhase ngokukhawuleza umba wokubuyiselwa kumazwe abantu abangenamaphephamvume.

I-SAPS, iSebe leMicimbi yezeKhaya kunye neSebe lezeNgqesho nezabaSebenzi bayalinyusa izinga lokuhlolwa bejolise kakhulu kwiinkampani eziqeshe abemi bangaphandle abangenamaphephamvume.

Njengenxalenye yokongeza abahloli becandelo lezabasebenzi, iSebe lezeNgqesho nezabaSebenzi liqalise iphulo elihamba ngezigaba lokuqasha abahloli abangama-10 000 kulo nyakamali.

Siza kuzenza iqatha izohlwayo, eziquka nokubanjwa, ezinikwa abaqeshi abophula uMthetho wezeMfuduko.

Asikwazi ukuba nabaqeshi, abathi emveni kokuba bebekwe ityala baze futhi bafunyaniswe benetyala ngokwaphula imithetho yeli lizwe, abathi bahlawuliswe nje umdliwo baze baqhubeke beqesha abemi bangaphandle abangenamaphephamvume, ababaxhaphazayo ngaphezulu.

Ukulungisa le ngxaki yokwaphulwa kwemithetho yezemfuduko neyezabasebenzi kwicandelo lezothutho, siqalise isicwangciso esiqulunqwe ngokubambisana necandelo lezokuhanjiswa kweempahla nemithwalo kunye nemibutho yabasebenzi.

Inyathelo lesibini esiza kulithatha kukuqinisekisa ukuba imida yethu ayivuzi.

Ilizwe ngalinye elizimeleyo linoxanduva lokwazi ukuba ngubani ongena kulo, kutheni engena kulo, nokuba lo mntu uvumeleke ukuba ahlale ixesha elingakanani.

Imida ekhuselekileyo ayithethi ukuba elo lizwe lilutshaba lwamanye amazwe.

Yeyona nto ifunekayo ingundoqo leyo kwisizwe esizimeleyo nesilawulwa ngokufanelekileyo.

Ke ngoko, sithatha amanyathelo athe xhaxhe ukukhusela imida yethu.

Ke ngoko, siza kuthenga ubuxhakaxhaka bale mihla, sakhe iziseko zophuhliso siqeshe abantu ukuqinisekisa ukuba imida yeli lizwe ayivuzi ngelithuba sikhuthaza urhwebo, uhambo kunye neentshukumo zoqoqosho ezisemthethweni.

Siza kuqalisa inkqubo eza kuhamba ngezigaba zokufuduswa kwamaziko okwamkela iimbacu zisiwe kumazibuko okungena kweli, kwaye siza kuqala ngeziko laseTshwane kulo nyaka.

Amazwe amaninzi anamaziko okwamkela iimbacu kufutshane nezi ndawo iimbacu ezifuna uncedo zifikela kuzo xa zingena elizweni.

Ukusiwa kwamaziko okwamkela iimbacu kufutshane nemida kwenzelwe ukuqinisekisa ukuba izicelo zobumbacu ziphicothwa ngokukhawuleza, futhi ngendlela ekhuselekileyo nengenamkhethe.

Oku kuza kunceda urhulumente ukuba alwazi uhlobo lokhuselo elifunwa ngumntu oyimbacu othile emdeni kanye xa engena kweli lizwe ukuze kuqinisekiswe ukuba abo bafuna ukhuselo ngenene bayancedwa ngokukhawuleza.

Into yesithathu esiza kuyenza kukuqhubeka sisenza ngqingqwa inkqubo yeli lizwe yezemfuduko ngokulwa urhwaphilizo nokusebenzisa ubuchwepheshe bala maxesha.

 

Siyaqhubeka nokulwa urhwaphilizo kunye nokungasebenzi kakuhle kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

Kufuneka siyiqonde into yokuba imfuduko engekho semthethweni yenzeka nangenxa yorhwaphilizo.

Amagosa athengisa amaxwebhu esizwe, aphambili ekungeniseni abantu kweli ngokungekho semthethweni, okanye ukusebenzisa amagunya awanikwe ngurhulumente enze izinto zawo ngolo hlobo aphoxe abantu boMzantsi Afrika.

Siza kuwaphanda la matyala.

Abenzi bobubi baza kugxothwa, batshutshiswe futhi bajongane nengalo yomthetho.

Siqulunqa iIntelligent Population Register eza kuquka iinkcukacha eziza kugcinwa kwikhompyutha zomntu wonke okweli lizwe, into leyo ingamalungiselelo e-ID yeDijithali.

Ngaxeshanye, siza kuya siyiphelisa le ncwadisazisi iluhlaza iqhelekileyo, ekulula kakhulu kuyo ukwenza iikopi zomgunyathi wayo ngabemi bangaphandle abangenamaphephamvume kunye namaqela emigulukudu.

ISebe leMicimbi yezeKhaya liza kumisela umhla oza kuba ngowokugqibela wokusebenza kwale ID iluhlaza.                                   

Siza kuphelisa ukusetyenziswa gwengxa kweTraffic Registration Number, efunekayo xa abemi bangaphandle befuna ukubhalisa okanye ukuthenga izithuthi, kodwa nekwasetyenziswa njengohlobo loxwebhu lwesazisi.

ISebe lezoThutho liza kukhupha imigaqo emitsha eza kuhambelana nemithetho yeencwadizazisi zeli lizwe lethu zingaphelanga iinyanga ezintathu.

Into yesine esiza kuyenza kukuqinisekisa ukuhambelana phakathi kwemithetho nemigaqonkqubo.

Imithetho elawula imfuduko eMzantsi Afrika ayihambelani kwaye ngamanye amaxesha iyakhabana. Oku kwenza kubekhona ukuqhwalela ngokomthetho oku kuthi kusetyenziswe ngabemi bangaphandle abangenamaphephamvume.

Siyazilungisa ezi ndawo ziqhwalelayo.

Urhulumente sele eyiqukumbele iNational Labour Migration Policy, ephakamisa ukuba kumiselwe umyinge wenani labemi bangaphandle abanamaphephamvume abanokusebenza kweli lizwe kwaye ikwanyathela nomba onxulumene nokutshutshiswa kwabaqeshi abaqesha abasebenzi abangenamaphephamvume.

UMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zeNgqesho sele uvunyiwe yiKhabhinethi ukuba ungeniswe ePalamente. Uza kunika uMphathiswa amagunya okumisela umyinge wabemi bangaphandle abavumelekileyo ukuba basebenze okanye bashishine kweli lizwe.

ISebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci, lisebenzisana noMbutho wooMasipala boMzantsi Afrika (i-SALGA), liza kuqukumbela inkqubo yokuqinisekisa ukuba amashishini asakhasayo nangabhaliswanga ngokusesikweni ayabhaliswa. Liza kunika inkxaso nakumashishini abemi boMzantsi Afrika angabhaliswanga ngokusesikweni lisebenzisa iSpaza Shop Fund.

Into yokugqibela esiza kuyenza kukusebenzisana namanye amazwe kulo mmandla nakweli lizwekazi liphela sibonisane ngale ngxaki yezemfuduko iyonke.

Kufuneka sixoxe ngezi zinto zikhokelela kwimfuduko kweli lizwekazi lethu nakwezinye iindawo zehlabathi.

UMzantsi Afrika awunakukwazi ukulungisa le ngxaki uwodwa.

Into yemfuduko ikhona kweli lizwekazi liphela nakwihlabathi ngokunjalo.

UMzantsi Afrika awunakuba nekamva eliqaqambileyo ngaphandle kwe-Afrika.

Iingxaki zemfuduko azinakulungiswa ngokunyanzelisa kokuthotyelwa kwemithetho kuphela.

Zifuna uxolo apho kukho ungquzulwano, uhlumo loqoqosho apho kukho ukudodobala, kunye namathuba apho kugquba indlala.

NjengoMzantsi Afrika siza kuqhubeka sisebenzisana namanye amazwe ukwakha i-Afrika apho abantu beza kuzifudukela ngokuzithandela hayi kuba benyanzelwa zimeko zentsokolo.

Sisebenzisa i-SADC, iMbumba ye-Afrika kunye nezivumelwano esinazo namanye amazwe siza kugwadla izisombululo eziza kuya ngqo kwezi ngxaki.

Njengenxalenye yeli linge, ndiza kuthumela oonozakuzaku bam kumazwe amaninzi alapha e-Afrika ukuya kucacisa la manyathelo siwabhengezayo ngolu rhatya.

IKhabhinethi nayo iza kuwugwadla iwucokise lomba, kwaye iza kuyibeka esweni indlela la manyathelo asebenza ngayo, ize icebise apho kufuneka kutshintshwe ikhasi.

IKomiti yabaPhathiswa yezeMfuduko iza kukhokela amanyathelo aza kuthathwa ngamasebe kunye namaqoqo ahlukeneyo karhulumente.

Njengoko sizama ukulwa le ngxaki yemfuduko engekho semthethweni, sizimisele nokuba asizi kuvumela namnye umntu ukuba asebenzise ezi ngxaki adungadunge izwe lakuthi.

I-NAJOINTS yesizwe kunye nezamaphondo ziyalelwe kuba zisebenzisane kakhulu neearhente zonyanzelisomthetho, ezobuntlola nezokhuselo ukuqinisekisa ukuba la manyathelo ayalandelwa.

Njengoko sisebenzela ukulwa nengxaki yokufudukela kwabantu kwamanye amazwe ngokungekho semthethweni, sizimisele ukuba asiyi kuvumela nabani na ukuba asebenzise le ngxaki ukuze aphazamise ilizwe lethu.

Ii-arhente zonyanzelisomthetho nezokhuseleko zeli – zisebenzisana namanye amaqumrhu ombuso kunye namahlakani aphambili – sele zichophe ezithendeni zilungele ukuqinisekisa ngokhuseleko loluntu, ukusebenzisa umthetho noxolo, nokukhusela iziseko zophuhliso ezibalulekileyo.

Olu tshintsho silwenzileyo kutsha nje kwimithetho yezemfuduko yeli lizwe luza kwenza ukuba kuthontelane ngokusemthethweni abakhenkethi, iingcali ezinezakhono ezivela kwihlabathi kunye notyalomali kweli lizwe. 

Kufuneka sikhumbule nokuba abantu abaninzi bakuthi baya kwamanye amazwe besiya kufunda, kusebenza futhi befuna namava.

Abanye babuyele kweli benezakhono nobuchule obubalulekileyo, benolwazi olunzulu ngehlabathi, futhi besendaweni entle yokuba baphucule iimpilo zabo nezeentsapho zabo.

Imfuduko sele iyinto eqhelekileyo kwihlabathi kwaye nathi kufuneka siyamkele.

UMzantsi Afrika lilizwe wonke ubani anokufudukela kulo. Kwaye kufuneka siqhubeke nokuwugcina unjalo.

Kodwa oku kuthetha ukuba imithetho kufuneka yenziwe ibe nolwamvila kwaye sinyanzelise ukuba ithotyelwe.

Oku kuthetha ukuba kufuneka siyiphelise ingxaki yemfuduko engekho semthethweni silungise iingxaki zezentlalo, zoqoqosho nezokhuseleko ethi izenze.

Masingazivumela kuba sijamelane nabemi bangaphandle, okanye kwasedwa.

Kufuneka siwuhloniphe uMgaqosiseko, siwahlonele amalungelo omntu wonke kwakunye nemithetho yeli lizwe singayaphuli.

Siyawukhaba umbono othi kufuneka siyinyamezele imfuduko engekho semthethweni.

Singayikhusela imida yethu ngelithuba sikhusela amalungelo oluntu.

Singanyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho yeli lizwe ngelithuba sihlonela uMgaqosiseko.

Singabakhusela abantu bakuthi ngelithuba sisimelele ngobuntu, obuchaza kanye le nto siyiyo njengesizwe.

Njengazo zonke iingxaki esikhe sagagana nazo ngaphambili, nale yemfuduko engekho semthethweni siza kuyoyisa.

UMzantsi Afrika wadlula kwiingxaki ezinzima kakhulu kunale.

Sayoyisa iyantlukwano. Saloyisa ungquzulwano. Sayoyisa intlungu yokungabikho kobulungisa.

Nale ingxaki siza kuphumela kuyo.

Masikwenze oko, hayi ngoloyiko, umsindo, intiyo okanye ubundlobongela, koko ngobumbano, ukuzimisela nokuhlonipha imithetho yeli lizwe. 

Masakhe uMzantsi Afrika okhuselekileyo, okhokelisa umthetho, onovelwano nonenkqubela.

UMzantsi Afrika apho sivula amathuba, sikhusela isidima somntu futhi sizalisekisa isithembiso sokuba wonke umntu axhamle umbuso olawulwa ngokwentando yesininzi.

Ndiyabulela.

Issued by
More from
More on

Share this page

Similar categories to explore