INtetho engoBume beSizwe eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa

NgoLwesine mhla we-12 KweyoMdumba 2026, eHolo lesiXeko saseKapa

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nksz Thoko Didiza; 
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Nksz Refilwe Mtshweni-Tsipane; 
Owayesakuba nguMongameli, uKgalema Motlanthe; 
Owayesakuba nguSihlalo we-NCOP, uMnu Amos Masondo;
Owayesakuba nguSihlalo we-NCOP, uGq Naledi Pandor;
USodolophi wesiXeko saseKapa, uMnu Alderman Geordin Hill-Lewis,
USihlalo weNdlu yeSizwe yeeNkokeli zeMveli nezamaKhoisa, Kgosi Thabo Seatlholo; Isithwalandwe Seaparankoe, Mam’ Sophie de Bruyn;
UMongameli weContralesa, Kgoshi Mathupa Mokoena;
Malungu ePalamente;
IiNkulumbuso zamaPhondo;
Bemi boMzantsi Afrika.

Kwiminyaka engama-70 eyadlulayo, amawaka amanina azintlanga ezahlukeneyo abamba umngcelele oya kwiZakhiwo zoMdibanisa, ekwenza oku emoya mnye futhi ethetha ngazwinye.

La manina ayequle nje kuphela ngesibindi sokufunga ungaphind’ujike, aphepha-phepha amapolisa ayevala iindlela ewagrogrisa.

Ngazwinye la manina athetha enjenje:

“Asizikuthi buthi cwe ubuthongo side sikwazi ukufumana amalungelo angundoqo, ubulungisa nokhuseleko oluza kuxhanyulwa ngabantwana bethu.”

Sikhumbula umfanekiso owawuvusa umnyele kaLilian Ngoyi, Helen Joseph, Sophie de Bruyn kunye noRahima Moosa bequlethe amaxwebhu ezikhalazo ababezisa kwi-ofisi yeNkulumbuso eyathi yoyika yona ukudibana nabo.

Uxwebhu ngalunye lwesikhalazo abalunikezelayo lwalumele umntu ngamnye kwabo bangama-100 000 bathi balutyikitya, besenza isimbonono sokufuna inkululeko nolingwano.

La manina ayengama-20 000 ema engagungqi isithuba semizuzu engama-30 kwizitephu zeqonga leendibano, bethe cwaka, bengaculi futhi bengathethi.

Lo mbono uchukumisa iintliziyo wala manina eme ngenzolo wabonakalisa ukuzimisela nokufunga ungaphind’ujike kwidabi lokulwela utshintsho. 

La mizuzu yokuzola yabonisa intlungu enzulu emiphefumlweni nokudandatheka okuza nengcinezelo yocalucalulo.

Le mizuzwana yenzolo yabonisa usizi nomsindo ayenawo la manina ngethuba esilwela ubulungisa nolingwano.

Le mizuzwana yokuzola yayimide ngokwaneleyo ukuba ide igungqise amagosa ombuso wocalu-calulo awayebukele.

Ngala mzuzwana ezolileyo la manina, abonisa ihlabathi ukuba ayikokuphakamisa lizwi nakuthethela phezulu koko sisithozela sokuzola esihlokomisa umhlaba. 

Emva kwalo mzuzu bezolile, kwagqabhuka igwijo elathi layinxalenye yembali yethu yomzabalazo, libonisa indima enkulu eyadlalwa ngoomama kumzabalazo wokulwa ucalucalulo ethi:

“Wathint’ abafazi, wathint’ imbokodo. 

You strike a woman; you strike a rock”.

Ithi imbali eli gwijo lahlokoma kwelo thambeka zime kulo iZakhiwo zoMdibaniso, itshintsha izakhiwo zombuso zaliqonga loqhankqalazo, apho athi amanina ngenxa yesibindi akwazi ukujongana ngqo nombuso.

Ngolu rhatya, siyalibulela iwonga lokuba noMama uSophie de Bruyn apha phakathi kwethu, oyenye yeenkokeli zala mngcelele woqhankqalazo kwakunye negqala lomzabalazo wenkululeko.

Yena ekunye namanye amanina ancama izinto ezininzi ngethuba lomzabalazo wenkululeko basikhumbuza ukuba amanina kudala abaphambili kwidabi lokulwela utshintsho, engoyiki ukubhinqa omfutshane, athethe phandle futhi angafungi aphinde ajike kwidabi lokulwela ubulungisa. 

Ukuphawula esi sikhumbuzo, ndicela sonke siphakame siqhwabele izandla amanina athatha inxaxheba kumngcelele owawusiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngowe-1956 kwakunye nawo onke amanina ezwe lakuthi aqhubheleka esilwela ilungelo elingundoqo lenkululeko, ubulungisa nokhuseleko. 

Kwakuyiminyaka engama-50 ngethuba, kwangala moya mnye wesibindi nokuzinikela kwidabi, abantu abatsha eSoweto baphuma ezikolweni benza umngcelele oya ngase-Orlando Stadium besilwa ukunyanzeliswa ukuba bafunde ngolwimi lwesiBhulu kunye nohlobo lwemfundo engekho mgangathweni eyayenzelwe abantu abaNtsundu.

Isibindi sokukwazi ukumelana nombuso wengcinezelo owawungenalusini sabonwa lihlabathi liphela senza ukuba liwusele iso kwakhona umba womzabalazo wethu.

Ukuzimisela kunye nezinto ezininzi ezancanywa lulutsha lowe-1976 kunye nabanye abatsha abalandela abo, yile misebezi isengumzekelo omhle kuthi nanamhlanje. 

Kwiminyaka engama-30 eyadlulayo, ngowe-1996, iNdlu yoMgaqo-siseko yamkela ngokusesikweni le ncwadana yayiqulathe amaphupha elasekelwa kuwo eli lizwe lakuthi lilawulwa ngokwentando yesininzi.

UMgaqo-siseko weli lizwe uqulathe la moya wamanina athi enza umngcelele oya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngowe-1956, abantu abatsha bangowe-1976 kunye nabemi boMzantsi Afrika abaninzi abaphuma nkalo zonke nabo abathi balwela inkululeko yethu.

Ngulo Mgaqo-siseko lo uqulethe amaphupha abantu boMzantsi Afrika osisizwe esimanyeneyo nesinoxolo; osisiszwe esiqhawule amatyathanga engcinezelo nenkqubo yangaphambili eyayisahlulahlula. 

Ngulo Mgaqo-siseko lo uhlaba ikhwelo kuthi sonke lokuba singalungisi nje kuphela umonakalo wangaphambili wokungabikho kobulungisa, koko sizalisekise ilungelo labo bonke abemi boMzantsi Afrika lokufumana indlu, elokuxhamla iinkonzo zempilo, ukufumana ukutya, amanzi, izibonelelo zezentlalo, imfundo kunye nobomi obungcono nobunenkqubela kuye wonke.

Namhlanje, kufuneka sizalisekise la maphupha kweli lixa lokutshintsha kwezinto ngokukhawuleza. Ilixa apho abo bangozityele bengene endaweni yabo bangoosakhisizwe. Ilixa apho urhwebo lusetyenziselwa ukwenza abathile oopokobhane.

Ilixa apho kukhonya ilizwe labanamandla amakhulu, nalapho abanobunganga bezenzela unothanda kwabo bangakwazi ukuzimela. Ukuze sikwazi ukuphila kweli lixa linje, kufuneka nathi sikwazi ukuzilwela ngezinto esixhobe ngazo.

Ezo zinto sixhobe ngazo zivela kwimigaqo esiphila ngayo. Le migaqo siphila ngayo ikhokelisa isidima nolingwano, ukungacaluli ngobuhlanga nangesini, ukuphilisana ngoxolo sibe sizintlanga ezahlukeneyo kunye nokuxabisa kakhulu ixabiso lomntu wonke. 

Ezi zinto zakhelwe kubantu bakuthi, kwindlela yokukwazi ukunyamezela, ubulali, ububele nokubambisana. 

Ezo zinto zisuka kumoya wethu ongagungqiyo wokukhusela amalungelo kunye nokulwela isidima sabantu bezwe lakuthi abacalulwayo bekhethwa, kuquka abantu abakhubazekileyo kunye nabo bayinxalenye yabo be-LGBTI+.

Isakhono sethu sokukwazi ukumelana neenzima sivela kwinto yokuzimisela nokunyamezela. Sisuka kumacebo nokuba ngumzekelo.

Sivela kubutyebi bendalo, izimbiwa eziphantsi komhlaba wethu kunye nokutyeba komhlaba uqobo; kwiintaba neelwandle zeli lizwe.

Sivela kumaziko eli lizwe, angqingqwa nazimeleyo, nakumoya wokuxabisa ulawulo lwentando yesininzi nenkululeko, zinto ezo sele zisegazini kuthi.

Sivela ngokusebenzisana sitsale ngamxhelo-mnye singabantu. Sivela kwizinto esinokukwazi ukuzenza xa sibambisene.

Sivela kwindlela esihloniphana ngayo, nokuba sele kukho izinto esingaboni ngaso-nye ngazo.

Sivela kumagcisa ezemidlalo abhinqileyo nawasebuhlanti aqhubekayo nokuphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika phambi kwezizwe zehlabathi, zizise iqhayiya kwisizwe sakuthi.

Njengoko sicamngca ngobume besizwe sakuthi, singatsho sithi noko namhlanje akufani nayizolo. 

Uqoqosho lweli lizwe luyakhula kwakhona, kwaye oku kwenzeka ngesantya esingxamileyo.

Nangona besineekota ezine ezilandelelanayo apho umthamo wemveliso yonke yesizwe (i-GDP) ubukhula, siyazi ukuba kufuneka ukhule ngokukhawuleza ukuze ukwazi ukusinceda kwezi ngxaki zezoqoqosho nezentlalo sijongene nazo. 

Sikwazile ukuba nentsalela kwibhajethi yethu izihlandlo ezibini.

Indawo esibekwa kuyo ngokwendlela esibhatala ngayo izikweliti noko ingcono, imali-nzala yehlile futhi nezinga lokunyuka kwamaxabiso likwelelona qondo lisezantsi lilingana neleminyaka engama-20 eyadlulayo.

Sizendleleni yokuqinisekisa ukuba ityala lesizwe alikho ngaphaya kwamandla wethu. Ixabiso leRandi liyakhula xa lithelekiswa neleDola.

Iziko lezoRhwebo ngeZabelo (i-JSE), elilona likhulu kweli lizwekazi le-Afrika liphela liqhube kakuhle kakhulu kulo nyaka uphelileyo.

Esi santya sokukhula sibonisa uhlumo ukuvuseleleka koqoqosho ukuthenjwa koqoqosho lweli ngabatyali-zimali kunye nenani labantu eliphezulu lokuthenga izabelo eMzantsi Afrika.

Imirhumo nemali-nzala yokuboleka imali yehlile.

Ngo-Operation Vulindlela sele senze umsebenzi obonakalayo ekukhawuleziseni iinguqu zezoqoqosho nasekuvuleni amathuba otyalo-mali nokhuphiswano.

Siyiphelisile ingxaki kacimi-cimi wombane kwaye sinecandelo lezammandla elikwazi ukumelana neenzima nelineentlobo ezahlukeneyo zamandla. 

Sele ibonakala indima kumsebenzi wokuphucula umsebenzi wamazibuko wethu kunye nemizila kaloliwe yokuhambisa imithwalo, futhi sithe ngcembe sinyusa umthamo weempahla ezithunyelwa kumazwe aphesheya leli lizwe 

Baqalisile ngoku ukusebenza oololiwe abalayisha abantu, kuba abantu abaninzi ngoku sele behamba ngaba loliwe batsha baveliswe apha kweli – ngolo hlobo yehle kakhulu imali yokukhwela esetyenziswa ngabantu. 

Sityala imali kulo lonke elizwe ezindleleni, kwiibhuloro, imizila kaloliwe, amadama, amasimi amaphika omoya namanzi.

Sidale izithuba ezizigidi ezili-2.5 nge-Presidential Employment Stimulus, ezixhanyulwe ngabantu abatsha namanina ikakhulu.

INkqubo eNatyisiweyo yemiSebenzi kaRhulumente (i-EPWP) kunye neNkqubo yemiSebenzi yoLuntu (i-CWP) ziyaqhubeleka nokunika amathuba emisebenzi abantu abaninzi kulo lonke eli lizwe. 

Kulo nyaka uphelileyo sibone elona zinga liphezulu ezimbalini lokuphumelela kwabafundi bebanga leMatrikhi, kangangokuba isibini esithathwini sabantwana abaphuma kwizikolo ezizezona zingathathi ntweni baphumelele ngenqanaba elibavumela ukuba bafundele imfundo yesidanga. 

Njengoko uqoqosho lukhula, nezinga lentswela-ngqesho nalo liyaqalisa ukuhla. 

Ngokwandisa inani labantu abafumana izibonelelelo zezentlalo ngokuthi siqalise isiBonelelo esiyi-Social Relief of Distress (i-SRD), siliphungule inani labantu ababhuqwa yindlala. 

Siyenza ngqingqwa imithetho yokulwa urhwaphilizo.

Ilizwe lakuthi likhutshiwe kuluhlu lwe-Financial Action Task Force lwamazwe aneenkqubo ezinebatha zokulawula izimali ngokumalunga nokuthutyeleziswa kwemali kunye nokuxhasa ngemali izenzo zobunqolobi.

Umsebenzi esele siwenzile wokuvuselela amaqumrhu angundoqo kumonakalo owawenziwe ngula mkhuba wokubanjwa kombuso ngobhongwane sele uqalisa ukuvelisa iziphumo. IZiko leRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS) libuyele kwakhona kwindawo yokuba liziko elikwizinga lehlabathi kwezokulawulwa kwerhafu.

Sele ubonakala umsebenzi owenziwa liCandelo loPhando lamaTyala oRhwaphilizo (i-IDAC) wokuphanda amatyala amakhulu aziwayo. Okubaluleke ngamandla, umbuso wethu olawulwa ngokwentando yesininzi uyakhula futhi ubonakalisa ukuvuthwa ngoku. 

URhulumente kaZwelonke woBumbano (i-GNU) ubonakalisile ukuba abemi boMzantsi Afrika bayakwazi ukuhlangana bephuma kwimibutho yezopolitiko eyahlukeneyo basebenzisane ukuze kuzalisekise iphupha labo bonke lohlumo nenkqubela.

Kulo nyaka uphelileyo, besisingathe ngempumelelo iNgqungquthela ye-G20 ibizinyaswe zinkokeli zehlabathi, apho eli lizwe lithe lazibonakalisa phambi kwamazwe ehlabathi ukuba aliyodyongo.

Abatyali-zimali, amashishini kunye nabathengi baye belithemba nangakumbi uqoqosho lweli lizwe. 

Le misebenzi mihle siyibonayo yenzeka ngokuzimisela kukarhulumente ewonke kunye nabantu beli. Oku kubonisa ukuba akukho nto inokusahlula xa sibambene futhi sisengela thungeni linye. 

Ngoku, sinethuba elihle lokusebenzisa ezi zinto zintle sizibonayo sizitshintshe zizale uhlumo. Nangona indima ibonakala nje, kodwa kufuneka singaziqhathi, isekhona imingeni esisajamelene nayo. Nangona ikhona inkqubela, akufuneki silibale, sithi kugqityiwe, siphumele ngoku. Kusekuninzi ekufuneka sikwenzile.

Intsokolo iseninzi ebantwini abaninzi. Imisebenzi namathuba anqabile. Abemi boMzantsi Afrika abasalali buhlayo ngenxa yolwaphulo-mthetho olunobundlobongela kunye norhwaphilizo.

Ibaxhalisa ngamandla imeko yoomasipala nento yabo yokungakwazi ukuhambisa iinkonzo ezisisiseko kwiindawo ezininzi zeli lizwe lakuthi.

Kodwa ngaphezu kwento yonke, banxanelwe imisebenzi ngamandla kunye nemali yokuba bakwazi ukuxhasa iintsapho zabo. 

Singasisizwe esingqingqiwa kuphela ukuba siyalingana, xa ezi zinto zintle sele zenziwe zinokuxhanyulwa ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika. 

UMgaqo-siseko uyasixelela ukuba kufuneka sakhe sizwe apho wonke ummi woMzantsi Afrika enamathuba amahle okuziphuculela ubomi bakhe, apho wonke umntwana efumana imfundo esemgangathweni kunye nethuba lokufumana umsebenzi okuze antinge.

Isizwe apho sihamba-hamba ngokukhululekileyo kwiindawo zikawonke-wonke, sikwaziyo ukudibana ezitalatweni njengabantu abalinganayo. Isizwe apho umbuso usebenzela abantu nalapho abo barhwaphilizayo bedityaniswa nengalo yomthetho.

Le Ntetho ingoBume beSizwe (i-SoNA) iza kunika ingcaciso ngamanyathelo esele siwathabathile ukusuka kulo nyaka uphelileyo kunye nomsebezi esiza kuwenza kulo nyaka ukuzalisekisa ezi zinto zingundoqo zikhokeliswe phambili yi-GNU.

Ezi nkqubo zikhokeliswe phambili zezi:

Okokuqala, ukuqhuba uhlumo oluza kuxhanyulwa nguye wonke nokudalwa kwemisebenzi.

Okwesibini, ukuphungula indlala kunye nokulwa iindleko eziphezulu zokuphila. Okwesithathu, ukwakha umbuso onezakhono, onyanisekileyo nogxininisa kuphuhliso.

Ngolu rhatya, siza kucacisa umsebenzi ekufuneka siwenzile sibambisene ukuze sakhe uluntu kunye nesizwe esomeleleyo.

Siza kucacisa umsebenzi ekufuneka siwenze sibambisene ukwakha uMzantsi Afrika onenkqubela, oquka wonke umntu, onoxolo, omanyeneyo kunye nonolingwano.

UMzantsi Afrika ozinzileyo kufuneka ukhuseleke.

Umonakalo owenziwa lulwaphulo-mthetho uzala izidumbu nokutshabalala kwamaphupha. Ulwaphula-mthetho luza noloyiko olungathethekiyo kwisizwe siphela futhi lwenza noongxowankulu babe mathidala ukutyala imali kweli lizwe. 

Abantwana apha eNtshona Koloni bazibona sele bechatshazelwa yimilo yamaqela emigulukudu. Abantu eKagiso eGauteng babhacile bashiya amakhaya wabo ngenxa yabembi-mgodi abangekho mthethweni. Amanina abulawa ngamaqabane wawo kumakhaya awo. Ikontraka zokwakha azivunyelwa ukuba zenze umsebenzi wazo zizaphuli-mthetho.

Le nto kufuneka iphele, futhi iza kuphela.

Ulwaphulo-mthetho olwenziwa ngamaqela emigulukudu lulo ngoku olulolona luyingozi kulo mbuso wethu wentando yesininzi, kwisizwe siphela nakuphuhliso loqoqosho.

Eyona nto kufuneka sigxininise kuyo kulo nyaka kukuqalisa ukuba gadalala kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho oluqhutywa ngamaqela emigulukudu sisebenzisa ubuchwepheshe, uphando lwecandelo lwezobuntlola kunye nee-arhente zogcino-mthetho ezahlukeneyo.

Siza kulilwa ulwaphulo-mthetho lwamaqela emigulukudu ngokudibanisa ulwazi lwezobuntlola kuzwelonke, sizingele amaqela emigulukudu angawona aphambili size sityale amaqela okungenela avela kumacandelo ahlukeneyo aza kukhethwa ngobunono futhi naza kugxininisa kumsebenzi wokuchitha-chitha la maqela emigulukudu.

Ukufaka ulwamvila kwidabi lethu lokulwa ubundlobongela bamaqela oonqevu, ndiza kutyala uMkhosi weSizwe wezoKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) ukuba uncedise amapolisa, njengoko senzile kulaa ngxaki yemigodi eyombiwa ngokungekho mthethweni.

Ndiyalele uMphathiswa wezamaPolisa kunye ne-SANDF ukuba kwezi ntsuku zimbalwa zizayo baqulunqe isicwangciso esiqiqisiweyo esiza kuchaza iindawo oza kutyalwa kuyo umkhosi wethu eNtshona Koloni naseGauteng ukuze kuliwe le ngxaki yobundlobongela bamaqela oonqevu nabembi-mgodi abangekho mthethweni.

Njengoko kunyanzelekile ngokoMgaqo-siseko, ndizakwazisa i-NA ne-NCOP malunga nexesha, indawo aza kutyalwa kuyo amajoni eli kunye nokuba oko kuza kutyabula malini na.

Masithathe amanyathelo aza kubusiphula neengcambu obu bundlobongela bamaqela oonqevu.

Ngaxesha nye, siqalisa iqhinga elihlangeneyo lokulwa ezona zinto zingunobangela wolwaphulo-mthetho ngokusebenzisa amanyathelo ahlangeneyo okungenelela kwisizwe sonke, ukususela kwizibane ezitalatweni ukuya kwiinkonzo zentlalo.

Siza kulwa ulwaphulo-mthetho olwenziwa ngemipu ngokuphucula imithetho nemigaqo yokukhutshwa kweelayisenisi, ilungelo lokuba nompu neembumbulu kunye nokurhweba ngayo. Siza kunyusa iikawusi kwidabi lokuqinisekisa ukuba iyathotyelwa le mithetho ikhoyo ilawula imipu.

Siza kongeza inani lamapolisa kulo nyaka ngokuthi siqeshe amanye angama-5 500, ngolo hlobo songeze kula angama-20 000 sasiwabhengeze kwezi SoNA zangaphambili.

Siza kulwa nayo nengxaki eyenziwa zimpahla ezingekho mthethweni nezomgunyathi kwimisebenzi nakumashishini alapha eMzantsi Afrika.

Siza kuseka i-National Illicit Economy Disruption Programme eza kuhlanganisa ii-arhente zombuso ezingundoqo kunye namanye amahlakani, kuquka necandelo labucala.

Ngokusebenzisa ngobunono ubuxhakaxhaka bokuhlalutya ulwazi kunye noBuchwepheshe obukwiZinga loQiqa loMntu (i-AI), siza kujolisa ngqo kwezi mveliso zambethwe yile ngxaki zifana necuba, amafutha ezithuthi, ubutywala kunye nezinye iimpahla zomgunyathi.

Ubungqina obonikwa kwiKhomishini yoPhando kaMadlanga bubonakalisa ukuba urhwaphilizo lwendele kuMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) nakwamanye amasebe emiButho yamaPolisa eziXeko eziMbaxa obenziwa ngokusebenzisa amagunya gwenxa. 

Asikwazi ukuyinyamezela le nto. Umthetho uxhomekeke emapoloseni athembekileyo, asabelayo nakhokelisa phambili aba bantu abasebenzelayo.

I-SAPS iseke iqela eliza kuqinisekisa ukuba ziphandwa ngokukhawuleza izityholo ezibhentsiwe kwiKhomishini kaMadlanga ngaphandle kokuphanyaziswa. 

I-Arhente yoKhuseleko lweLizwe (i-SSA) iza kuphinda iziphonononge kwakhona iziqinisekiso zeziKhulu eziPhezulu ze-SAPS kunye nezamasebe emiButho yamaPolisa yeziXeko eziMbaxa. Le nkqubo iza kuqukumbela uphando oluthelekisa imivuzo nempilo ephilwa ngala magosa. 

Njengoko senzile ngempumelela kwezi khomishini zangaphambili, nangoku siza kusebenzisa iziphakamiso zeKhomishini kaMadlanga senze utshintsho olubanzi.

Sizimisele ukuba sisebenzise iziphumo kunye neziphakamiso zale khomishini njengesiseko sokwenza iinguqu ezibanzi kwinkqubo yecandelo leenkundla.

Siqinisekile ukuba la malinge aza kuba yimpumelelo kuba uninzi lwamapolisa azinikele ekuhlonipheni umthetho nasekusebenzeleni abantu boMzantsi Afrika ngokuzinikela.

Sisebenzise izinto eziyimpumelelo ezenziwe yi-Operation Vulindlela ekukhawuliziseni iinguqu zezoqoqosho, siza kusebenzisa kwale ndlela inye ukuseka icandelo leenkundla elingenalusini neligqwesayo.

Oku kuza kuthwaxa kanobom ulwaphulo-mthetho olwenziwa ngamaqela emigulukudu, urhwaphilizo, urhwebo olongekho mthethweni ngemipu kusetyenziswa iqela elibekelwe kanye lo msebenzi eliza kuba phantsi kwe-Ofisi kaMongameli ukuqinisekisa ukuba ezi nguqu zenziwa kulo lonke eli candelo.

Siza kulenza ngqingqwa nedabi lokulwa urhwaphilizo ngokuthi sixhobise ngezakhona amaqumrhu afana neCandelo lezoPhando eliKhethekileyo (i-SIU) iGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) kunye neCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluLodwa (i-DPCI/ooKhetshe).

Siza kuqukumbela amanyathelo aza kuthatyathwa ngurhulumente kwizindululo zeBhunga leSizwe leNgcebiso ngokuLiwa uRhwaphilizo malunga nokusekwa kwequmrhu elisisigxina, elizimeleyo nelingamagunya okulwa urhwaphilizo.

Asinakuyamkela into yokuba abo bakhalimela urhwaphilizo bangcungcuthekiswe futhi impilo zabo zibe zesichengeni.

UMthetho wokuKhusela ooDiz’amaHlebo uza kungeniswa ePalamente. Phakathi kwezinye izinto, oku kuza kwenza kube kukwaphula umthetho ukuphindisa, kuze kunikwe nenkxaso ngokwesengqondweni, ngezomthetho kunye nemali koodiz’amahlebo.

Kuza kugxininiswa ngamandla kumba wokwenza iinguqu kwiinkqubo zentengo ngeenjongo zokuphelisa urhwaphilizo.

UMphicothi-ziNcwadi-Jikelele woMzantsi Afrika (i-AGSA) usichazele ukuba uninzi lweziganeko zorhwaphilizo ziqala kwinkqubo yentengo. Asinakusivumela esi sihelegu siqhubeke ke ngoko masithathe amanyathelo ngoku.

Amanyathelo aza kuquka ukusetyenziswa kobuchwepheshe kunye nokuqukunjelwa kwamasolotya oMthetho wezeNtengo kuRhulumente phakathi kowama-2026.

Asikwazi ukungaqinisi sandla xa sisilwa ulwaphulo-mthetho lwamaqela emigulukudu. Kufuneka singabi nalusini futhi siqinisekise nokuba umthetho udlala indima yawo ngokupheleleyo.

Masikuthethe phandle ukuba: abo babandakanyeka kurhwaphilizo nolwaphulo-mthetho baza kudibana nenyoka iphunga umhluzi.

Ukongeza kule ngxaki yolwaphulo-thetho, abantu abaninzi eMzantsi Afrika ngoku bajongene nengxaki yokunqongophala kwamanzi. Aba baquka abantu abakwizixeko ezikhulu ezifana neRhawuti ukuya kwabo bakwiidolophana ezincinci ezifana neKnysna ukuya kwabo basemaphandleni afana neGiyani.

Siyayibona futhi siyiva intlungu yabantu bakuthi esiyibona xa beqhankqalaza kwiindawo ezahlukeneyo eGauteng. Abantu benza olu gwayimbo noqhankqalazo kuba behlutshwa zinkonzo ezisiseko ezingazinzanga nezingucimi-cimi ezifana namanzi.

Ndiyalele uMphathiswa wezaManzi noGutyulo namasekela wakhe kwakunye noMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli ukuba bayithathele ingqalelo le ngxaki yokunqongophala kwamanzi baze bafakane imilomo nabantu bakuthi.

Sithetha nje, babamba iindibano nabantu apho babachazela ngamanyathelo acacileyo urhulumente afuna ukuwathatha ngokukhawuleza ukulungisa le ngxaki abantu bakuthi bajongene nayo.

Baye bandixelela ke ukuba imibhobho ibiyonakele ngoku iyalungiswa futhi namadama nawo ayagcwala kwakhona.

Ukungenzi izicwangciso kakuhle kunye nokungayigcini ikwimo efanelekileyo imibhobho yamanzi ngoomasipala abaninzi zizinto ezo ezingunobangela ophambili wezi ngxaki sijongene nazo ngoku zithe zakhokelele ekubeni amanzi angabikho.

Akukho sisombululo sinye, sihamba sodwa sokulungisa le ngxaki, esukela kumba wokungenzi izinto ngokufanelekileyo kunye nokungakhathalelwa kweziseko ezingundoqo iminyaka eliqela.

Ukuze siqinisekise ukuba kukho amanzi oneleyo ixesha elide, sakha idama elitsha kwelinye icala sibe siphucula ezi ziseko zingundoqo zikhoyo.

Sibekele bucala imali karhulumente ezibhiliyoni ezili-156 zeerandi eza kujongana neziseko ezingundo zamanzi nogutyulo kule minyaka mithathu izayo.

Ukwakhiwa kweLesotho Highlands Water Project kunye nezinye iiprojekthi ezinkulu ezifana neNtabelanga Dam, inxalenye yeMzimvubu Water Project eMpuma Koloni kuyaqhuba, kwaye sele sikumanqanaba okugqibela okuseka i-National Water Resource Infrastructure Agency eza kulawula ize iqokelele imali yeziseko ezinduqoqo zamanzi zeli lizwe.

Nangona kunjalo, owona mngeni mkhulu awukho kwingxaki yokungafumaneki kwamanzi, koko ekuthunyelweni kwamanzi ebantwini.

UMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zaManzi uza kusinceda sikwazi ukufaka imibuzo kwiinkampani ezibonelela ngeenkonzo ngendlela ezisebenza ngayo kunye nokuba sikwazi ukuyirhoxisa ilayisenisi ukuba aziwenzi umsebenzi wazo.

Ukuba umasipala akafuni okanye akakwazi ukuhambisa iinkonzo kubahlali, kufuneka lo msebenzi wenziwe lelinye iqumrhu elikwaziyo.

Ezi nguqu ziza kuya ngqo kwezi zinto zinguyena nobangela wale ngxaki yamanzi.

Kwezi ntsuku zimbalwa zizayo, kufuneka silungisele le ngxaki kwezi ndawo zivalelwe amanzi kanye ngoku.

Kwiminyaka emithathu edlulileyo, ngethuba sinengxaki kacimi-cimi wombane, saseka i-Nationa Energy Crisis Committee (i-NECC) eyasinceda ukuba size nesisombululo sikwazwelonke sokujonga nale ngxaki.

Saye sayilungisa laa ngxaki yayikhangeleka ngokungathi ingaphaya kwamandla wethu ngokuthi samkele isicwangciso esicacileyo nokuba sisilandele.

Sisebenzisa eli qhinga linye, ngoku le ngxaki yamanzi sizakuyithumela kwiKomiti yeSizwe yeNgxaki yaManzi, endiza kuba ngusihlalo wayo.

Le komiti iza kudibanisa onke la malinge akhoyo alawulwe liqumrhu elinye. 

Iza kusebenzisa iingcali ezinobuchule kunye nezixhobo zoncedo ezivela kurhulumente kazwelonke ziye kwaba masipala bajongene nengxaki yamanzi. 

Iza kuqinisekisa ukuba kuthathwa amanyathelo angqalileyo ngokukhawuleza ukuze kulungiswe le ngxaki.

Ukulungisa ezi ngxaki ngokupheleleyo asizukoyika ukusebenzisa amagunya akuMgaqo-siseko nakuMthetho weeNkonzo zaManzi wowe-1997 ukungenela koomasipala xa kukho imfuneko.

Siza kuqinisekisa ukuba bayaphendula abo bangawenziyo umsebenzi wabo wokunikezela ngamanzi ebantwini bakuthi.

Urhulumente sele emangalele oomasipala abangama-56 abangakwazanga ukwenza umsebenzi wabo. Ngoku siza kuqalisa ukumangalela abaPhathi booMasipala buqu ngokwenza izinto ezinxamnye noMthetho weSizwe wezaManzi wowe-1998.

Eyona ngxaki inkulu koomasipala abambaxa, izixeko needolophu kukuba imali eyingeniso yamanzi isetyenziselwa ezinye izinto ize ibe ncinci kakhulu esetyenziselwa ukuphucula kunye nokugcina iziseko ezingundoqo zisemgangathweni.

Ukulungisa le ngxaki, ngokwesithembiso esasisenzile kulo nyaka uphelileyo, siqalise isibonelelo esizibhiliyoni ezingama-54 zeerandi soomasipala abambaxa ukuba benze iinguqu kwiinkonzo zabo zamanzi, ugutyulo nombane.

Oku kuza kuqinisekisa imali eyingeniso yokusetyenziswa kwamanzi iza kubuyiselwa incede ekulungiseni imibhobho, amadama kunye namaziko okumpompa amanzi.

Ingxaki yokucima kwamanzi ibonisa iimpawu zoomasipala abangasebenziyo.

Ngoku umsebenzi wokwenza iinguqu ezimandla sele uqalile ukuya ngqo kwezi zinto zibangela ukungasebenzi kakuhle kwabanye oomasipala.

Kwiindawo ezininzi, ulawulo loomasipala luyeke-yeke kwaye kulawulwa ngokwenzelelelana endaweni yokuba kujongwe izakhono nobuchule.

Kwingxelo yakhe yakutsha nje engoomasipala, i-AGSA yathi oomasipala abanazo iinkqubo ezifanelekileyo zokunyanzelisa ukuthatha uxanduva ngomsebenzi wakho, zokuhanjiswa kweenkonzo, zolawulo lwezimali nolawulo ngokubanzi, ukunqongophala kwezakhono kunye nengxaki eninzi yokungabikho kozinzo.

Wathi ukuze silwe le ngxaki ingendeli ngamandla kufuneka sifunquke sonke sithathe la manyathelo, siwathatha ngoku.

Sisebenzisa izinto esizifundileyo kule minyaka ingama-30 idlulileyo, kwezi zinyanga zizayo siza kuqukumbela iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo woRhulumente weNgingqi.

Oku kuza kusinika izisombululo eziza kusinceda sakhe oomasipala abasebenzayo. Eli Phepha leNgcaciso liza kusinika isikhokelo ngendlela ekufuneka bajongeke ngayo oomasipala.

Le ndlela bemi ngayo ngoku inobucedu-cedu obuninzi kwaye ayidibananga, kangangokuba noomasipala abancinci abangenamali balindeleke ukuba benze imisebenzi emininzi.

Siza kuza nezindululo eziza kuphakamisa ukuba kwenziwe utshintso olunzulu oluza kuyithathela ingqalelo into yokuba oomasipala abathile bangakwazi ukwenza imisebenzi engaphezulu kweyabanye, nokuba oomasipala kufuneka banikwe amagunya kunye nemisebenzi eluxanduva engafaniyo.

Sikwaphakamisa nokuba kubekho indlela yokusebenzisana ecacileyo phakathi koomasipala kunye neenkokeli zemveli nezamaKhoi-San ukwenzela ukuba kube lula ukufakana imilomo noluntu nokusombulula iingxaki ngokubambisana.

Siza kuqinisekisa ukuba amagosa aphezulu koomasipala aneziqinisekisa zemfundo ezifanelekileyo kwaye aqeshwa ngokwenkqubo ezimeleyo engalukuhlwa ngoosopolitiki.

Apho oomasipala bengenzi umsebenzi wabo, siza kuxhobisa ngezakhono urhulumente kazwelonke ukuba angenelele ngokukhawuleza futhi akhokele amalungiselelo okulungisa lo monakalo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba abantu bakuthi bafumana iinkonzo.

Ezi nguqu azizikuba lula. Kodwa zinyanzelekile ukuba zenziwe.

Ngeli thuba ezi ngunqu zimandla ziqhubayo, siza kuqhubeleka sinikezela ngenkxaso ukuze siphucule indlela yokuhanjiswa kweenkonzo ezisiseko kusetyenziswa iQela likaMongameli eliJongene noMsebenzi waseThekwini nowaseRhawutini.

Nangona umkhulu umsebenzi osele wenziwe ukuzisa uzinzo eThekwini, into leyo ebangela ukuba nabatyali-zimali babuyele kwesiya sixeko, usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe eRhawutini ukuze kulungiswe le ngxaki yeziseko ezingundoqo ezingekho mgangathweni, ulawulo lwezimali olugwenxa kunye nengxaki yokucima kombane nokuvalwa kwamanzi.

Baninzi abantu abazimiseleyo abanezakhono kunye namava abasebenzela oomasipala. Luxanduva lwethu ukuvuselela, ukuhlela ngokutsha kunye nokuxhobisa oomasipala ukuze bakwazi ukwenza imisebenzi yabo.

Njengesizwe, siya sisiba semngciphekweni omkhulu weemeko zemozulu ezimbi kakhulu.

Kwiivekana nje ezimbalwa, bekukho izikhukula ezibi kakhulu eLimpopo naseMpumalanga ezibulele abantu abangama-45 zaze zenza umonakalo omkhulu kumakhaya, ezikolweni, kwiiklinikhi kunye nakwezinye iziseko ezingundoqo.

Ukubhengezwa ngokusesikweni kwezi zikhukula njengeNtlekele yeSizwe kwenze ukub urhulumente kazwelonke nowamaphondo ukuba bakhangele imali ngokukhawuleza ukuze kuncedwe abantu abachaphazelekileyo ngezinto abazidingayo.

Bemi boMzantsi Afrika, 

Ukuze uMzantsi Afrika uzinze ufuna uqoqosho oluhlumayo.

Sele kuyiminyaka engaphezulu kwe-15 ngoku uqoqosho lweli lizwe lukhula ngesantya esiphantsi.

Zonke ezi zinto zisezenzayo zisenzela ukuba sidale uqoqosho oluhluma ngokukhawuleza noluquka wonke umntu ukuze sidale imisebenzi engcono emininzi.

Ukuzalisekisa isiCwangciso soPhuhliso sesiGaba esiPhakathi (i-MTDP), iKhabhinethi isivumile isicwangcio esibanzi sokufezekisa esiza kuqhuba uhlumo nokuqukwa komntu wonke. 

Ngesi sicwangciso, senza konke okusemandleni ukuvuselela uhlumo ngokudala iimeko eziza kuvumela iinkampani ukuba zityale imali ngokuthi kubekho isiKhokelo soQoqosho lukaZwelonke, ukutyala imali kwiziseko ezingundoqo ezisebenzayo, ukuqulunqa imithetho exhasa uhlumo nekhuthaza ukhuphiswano, kunye noMgaqo-nkqubo wezoShishino ocacileyo nosingise phambili.

Esi sicwangciso sisekelwe kutyalo-mali, ingakumbi kwiziseko ezingundoqo zikarhulumente, kwakunye nakumacandelo anomsebenzi owenziwa ngezandla aqesha abantu abaninzi athembisayo ukuba aza kukhula kwiminyaka ezayo.

La aquka icandelo lezobuchwepheshe bale mihla kunye nelo livelisa iimveliso ezingenabungozi kokusingqongileyo, apho abantu abatsha baza kuthi bafumane imisebenzi.

Iziseko ezingunodo zibaluleke kakhulu kunomsebenzi wokwakha ngodaka nekhonkolo. Zidala imisebenzi, imveliso nohlumo.

Sele kuyiminyaka emininzi ngoku izinga lotyalo-mali lisihla. Sifuna ukuyitshintsha loo nto ngoku.
Urhulumente ubekele bucala imali engaphezulu kwetriliyoni yerandi eza kutyalwa kwimali yakhe eza kusetyenziswa ukwakha nokugcina iziseko ezingundoqo zisemgangathweni kule minyaka mithathu izayo.

Yeyona mali ininzi le ezimbalini eyakhe yabelwa lo msebenzi. Iza kwenza iinguqu.

Ngokusebenzisa i-Infrastructure Fund kunye nemithetho emitsha elawula izivumelwano zentsebenziswano phakathi kukarhulumente necandelo labucala, sisebenzisa iindlela ezintsha zokuqokelela imali, siphungule imingcipheko kunye nokutsala umdla wabatyali-zimali ukuze baze kukhawulezisa iiprojekthi zeziseko ezingundoqo kwezamandla, ezamanzi, ezothutho nakubuchwepheshe bale mihla.

Siqalise ukuthengisa izabelo zecandelo lokwakhiwa kweziseko zophuhliso ngenjongo zokunyusa ingxowa yokuqhuba amaphulo okwakha iziseko ezingundoqo, ezithe zathengwa ngabantu abalinani eliphindwe kabini kweli belilindelwe.

Iimbabano ezivela ngokuxambulisana ngeethenda amaxa amaninzi ziyakulibazisa ukuqaliswa komsebenzi wokwakhiwa kweziseko ezingundoqo.

Ukuthintela ukuba kungaphinde kubekho oku kulibaziseka kwilixa elizayo kwiiprojekthi ezibaluleke kakhulu, siza kumisela iinkundla ezizodwa eziza kuchophela imiba yezorhwebo nezizakuba neejaji ezenza lo msebenzi wodwa neziza kuxoxa amatyala akumila kunje odwa ukuqinisekisa ukuba yonke imiba ezakuchaphazela uqoqosho nophuhliso lwesizwe iphicothwa ngokukhawuleza.

Kulo nyaka, siza kuqalisa ngomsebenzi wokuseka i-State Property Company eza kuthatha ezi zakhiwo zingama-88 000 zikarhulumente kunye nomhlaba wakhe ozihekthare ezizigidi ezihlanu zibe bubutyebi obuphethwe zingcali obuza kuba negalelo kuhlumo nophuhliso.

Sisebenzisa i-Operation Vulindlela, sizama konke okusemandleni ukwenza iinguqu kwindlela olumi ngayo uqoqosho lweli lizwe, ukulungisa iziseko ezingundoqo zeli nokwenza icandelo leli lizwe lezombane, elamanzi nelokuhanjiswa kwemithwalo asebenze kakuhle futhi akwazi ukumelana nokhuphiswano.

Njengokuba ingxaki kacimi-cimi wombane sayilungisayo, ngoku kufuneka senze iinguqu kwicandelo lethu lezombane ukuqinisekisa ukuba asinakuphinda sibe nengxaki yombane ukusukela ngoku.

Kuyiminyaka eliqela uqoqosho lweli lizwe lume ngombane ofikelelekayo.

Wasuka la mkhuba wokubanjwa kombuso ngobhongwane, ulawulo olugwenxa, ukungagcinwa kweziseko ezingundoqo zombane zisemgangathweni, kunye nokuphekwa kwamaxabiso eeprojekthi ezinkulu zinto ezo zathi zanyusa amaxabiso ombane abhatalwa ngamashishini nabemi beli lizwe.

Ngoku, emva kokuba senze iinguqu ezininzi kweli candelo kunye nemithombo yombane welanga nowomoya emininzi, siza kukwazi ukuwathoba amaxabiso ombane. 

Iinguqu esizenzileyo kwimithetho zisincedile ukuba kubekho ngoku amaphulo amaninzi akhulayo otyalo-mali kuhlobo lwamandla ahlaziyekayo.

Ngowama-2030, umyinge ongaphezulu kwe-40% wombane uza kube ingumbane ofikelelekayo nongenabungozi kokusingqongileyo futhi ohlaziyekayo.

Siza kudala iimeko eziza kwenza kube lula ukuba iinkampani zikwazi ukukhuphisana kakuhle ukuze singaze siphinde sizibone sikwimeko apho sixhomekeke kwiqumrhu elinye ngombane. 

Senza iinguqu ku-Eskom kwaye siseka nequmrhu lokuhanjiswa kombane elizimeleyo ngokugcweleyo.

Eli qumrhu liza kulawula bonke ubuxhakaxhaka bokuhanjiswa kombane ize ibe lilo eliphambili kwinkqubo yokuthengiswa kombane. 

Ngenxa yokuba lo msebenzi wokwenza iinguqu ubalulekile kumalinge abanzi okwenza iinguqu kwicandelo lombane, ndiseke iqela eliza kujongana nalo msebenzi phantsi kwe-NECC eliza kujongana nemiba eyahlukeneyo yenkqubo yokwenza iinguqu, kuquka nokuba amaxesha ngale ndlela iza kusetyenziswa iza kuhamba ngezigaba. Le komiti iza kundinika ingxelo zingaphelanga iinyanga ezintathu.

Ukongeza, kulo nyaka siza kuqalisa ngomjikelo wokuqala weeprojekthi zokuhanjiswa kombane ngamaqumrhu azimeleyo ukuvulela utyalo-mali lwabucala ukuncedisa kumba wokwandisa kobuxhakaxhaka bombane besizwe.

Siza kusebenza kwiphondo ngalinye ukulungisa ingxaki yokusindwa kwezitishi ezincinci zombane, ukufakelwa kombane ngokungekho mthethweni kunye nokonakala kwezixhobo ngeenjongo zokuphelisa ingxaki yokucinywa kombane kwiindawo ezithile kulo nyaka uzayo.

Sizimisele ukuhamba ngalo mzila sesiwuthathile wokuphucula icandelo lombane.

Sesiqalisile ukwenza umahluko kwimizila kaloliwe kunye namazibuko eli lizwe ukuze amashishini ethu akwazi ukuhambisa iimpahla zawo ziye kumazwe ehlabathi.

Sizivulele ngoku iinkampani zabucala zolilwe ukuba zisebenzise imizila kaloliwe karhulumente, into leyo iza kuzivumela iinkampani zololiwe ezahlukeneyo ukuba zikhuphisane ngolo hlobo umthamo omninzi wemithwalo usuke ezindleleni uye koololiwe.

Ekupheleni kwalo nyaka, siza kutyikitya izivumelwano zentsebenziswano phakathi kukarhulumente neenkampani zabucala kumazibuko eli kunye nemizila kaloliwe kusetyenziswa uhlobo lwesivumelwano esithile esiza kuvumela ezi ziseko zingundoqo ziqhubeleke zizezikarhulumente ngeli thuba neenkampani zabucala ziza kuvumeleka ukuba zityale imali zithumele neengcali zazo kuzo. 

NgeyoMnga 2025, siqukumbele isivumelwano sentsebenziswano kunye nenkampani yangaphandle elawula amazibuko ukuba ilawule i-Durbani Pier 2 Container Terminal, elilona zibuko likhulu kweli lizwe.

Esi sivumelwano sentsebenziswano siza kukhokelela kutyalo-mali olutsha kubuxhaka-xhaka neziseko ezingundoqo kweli zibuko lize nalo libuyele kwindawo yalo yokuba kwizinga lehlabathi.

Siyaqhubeleka namalungiselo okuqalisa oololiwe ababaleka ngesantya esiphezulu apha eMzantsi Afrika, abazakusuka eRhawutini baye eMusina, naseThekwini baye eRhawutini.

Sele ziphantse zangama-30 iinkampani ezibonakalise umdla wokuthatha inxaxheba kule projekthi ngethuba sikhupha iSaziso seziCelo zokuNgeniso iziPhakamiso, into leyo iza kuza nohlobo olutsha lokuhamba imigama emide eMzantsi Afrika.

Sizimisele ukukwazi ukumelana nokhuphiswano kuqoqosho lwehlabathi olutshintsha ngokukhawuleza. 

UMgaqo-nkqubo wezoShishini wethu ugxininisa kwimimandla esibalaselayo kuyo, apho sinokukwazi ukudala imisebenzi nalapho siza kunyusa umthamo weempahla zorhwebo esizithumela kumazwe angaphandle. 

UMgaqo-nkqubo wezoRhwebo weli lizwe uneenjongo zokukhuthaza uphuhliso oluzinzileyo, uhlumo kunye nokuphucula izivumelwano zentsebenziswano esinazo namahlakani ehlabathi.

Kwilixa apho amazwe afuna ukurhweba ngeentlobo ezahlukeneyo zeempahla neemveliso, sinethuba elihle lokunyusa umthamo weempahla zorhwebo esizithumela kumazwe angaphandle. 

Sinoqoqosho olume ngeemveliso ezahlukenyo, imizi-mveliso ekudidi oluphezulu, kunye nemithetho engqingqwa.

Sizama ukuphucula izakhono zethu zokukwazi ukuqhuba iingxoxo zorhwebo nokwandisa imizi yozakuzo yeli lizwe ekumazwe angaphandle ukuze ikhokele iingxoxo zamazwe ngamazwe ezingezoqoqosho.

Ngoku kugquba umbhodamo kuqoqosho lwehlabathi, siyaqhubeleka nokuxhasa imizi-mveliso ekudala ikho kweli lizwe njengoko kukho ezi ngxaki zimandla zikhoyo.

Sele siwaqalisile amanyathelo okuphucula icandelo le-ferrochrome kunye nokukhusela imisebenzi kwicandelo lesinyithi, elokuveliswa kwezithuthi kunye namanye amacandelo aqeshe amakhulu amawaka abemi boMzantsi Afrika kwimisebenzi ephucukileyo.

Siyasebenzisana namashishini kunye nabasebenzi ukuze sincedise kwezo ndawo zinezikroba ngokwemithetho elawula irhafu yorhwebo futhi siqulunqe namanye amanyathelo aza kukhusela aze akhulise imizi-mveliso yeli.

Nangona sizama ukunqanda ukuphela kwemisebenzi nokukhusela amashishini asemngciphekweni, sisahleli futhi sigxininisa kumacandelo aza kuhlumisa uqoqosho lweli.

Siyazi ukuba singadala izigidi zemisebenzi esemgangathweni kwicandelo elifana nelezolimo, elezemigodi, eleenkonzo kunye nelo leemveliso ezinganabungozi kokusingqongileyo.

La ngamacandelo esinokukwazi ukuthembela kuwo. Singangoomakhonya kwihlabathi. Icandelo lezolimo leli likhula ngokukhawuleza.

Sele sikwindawo yesibini kwihlabathi ngokomthamo wesitrasi ethunyelwa kumazwe angaphandle.

Sifumene amazwe amatsha okuthumela iimveliso zethu, eziquka isitrasi ne-avocado, umbona nemfuyo, iidiliya kunye newayini. 

Sisebenzisa i-Blended Finance Scheme, sibambisene neLand Bank kunye nezinye iibhanki, sibonelele ngenkxaso-mali ezibhiliyoni eziyi-7.8 zeerandi abavelisi abantsundu.

Siza kutyala amaGosa ezoLimo angama-10 000 ukuze axhase amafama aze aphucule nemveliso yezolimo. Oku kuza kuvulela abantu abatsha amathuba amaninzi okuba bakwazi ukuqeshwa kwicandelo lezolimo.

Ngeli thuba lona elinye icandelo lezolimo liqhuba kakuhle, icandelo lezeenkomo ngoku lijongene nesifo sochwane nenyebethu (i-FMD) esixake ngendlela engazange ibonwe ngaphambili kweli lizwe. 

Esi sifo senza umonakalo kuqoqosho lweli lizwe, sibangela ukuba iimveliso zenkomo zeli zivalwe ngamazwe angaphandle, eli lizwe libekelwe imiqathango yorhwebo kunye nokubulawa kwemihlambi.

Sigqibe kwelokuba sigonye zonke iinkomo zesizwe ezizizigidi ezili-14. Oku kuza kufuneka izitofu zogonyo ezizigidi ezingama-28 kwezi nyanga zili-12 zizayo.

Umbuso uza kuwenza ngokwawo umsebenzi wokuthengwa kweli chiza logonyo kwi-ofisi enye ukuze kuqinisekiswe ukuba sifumana ichiza lokugonya elifanele kanye olu hlobo lwentsholongwane ye-FMD likhoyo eMzantsi Afrika. 

Siza kusebenzisana ngamandla necandelo labucala ukwenzela ukuba uhambe lula umsebenzi wokukhutshwa kweli chiza futhi okubaluleke ngamandla kukuba siza kuqinisekisa ukuba amafama amakhulu, abucala kunye nalawo asakhasayo alifumana ngokukhawuleza eli chiza. 

Ndiseke iqela elinamalungu avela kwimibutho yamafama neengcali, eliza kusebenzisana noMphathiswa wezoLimo nesebe lakhe, eliza kundinika ingxelo rhoqo ngenyanga malunga nomsebenzi owenziweyo kwidabi lokulwa lo bhubhane.

 

Siyibhengeze ngokusemthethweni i-FMD ukuba yintlekele yesizwe kwaye siza kuqokelela zonke izixhobo nezinto ezifunekayo ukuze silwe le ngxaki.

Icandelo lezeenkonzo leli, ukusukela kubuchwepheshe bale mihla ukuya kwiinkonzo zezimali, nalo liyakhula.

Amaziko ezimali eli lizwe angamanye wawona aphambili kwihlabathi kwaye ayakwazi ukukhuphusana nawalapha e-Afrika kunye nawehlabathi.

Kungene utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo zobuchwepheshe bale mihla, kangangokuba amaziko angama-55 e-data sele akhiwe kwaye nemali engaphezulu kweebhiliyoni ezingama-50 zeerandi elutyalo-mali ilindelekile kule minyaka mithathu izayo.

Icandelo lezokhenketho lidlala indima enkulu kuhlumo loqoqosho, kuba abakhenkethi bangaphandle abali-13 abangena kweli badala umsebenzi omnye.

Icandelo lezokhenketho lenze imbali kulo nyaka uphelileyo, kuba besindwendwelwe ngabakhenkethi abazizigidi ezili-10.5.

Kufuneka siqhayise ngezi zinto zingumtsalane futhi zifana zodwa zenkcubeko, imbali nezendalo sinazo nezisichaza ukuba singoobani na sisizwe.

Ezi zingaquka iminyhadala yezenkcubeko, imisebenzi yobugcisa yalapha ekhaya, iziza eziyimbali kunye nezinye izinto zendalo ezingumtsalane kweli lizwe kuquka nasemaphandleni.

Njengoko sizama ukuphucula icandelo leenkundla, siza kwenza ezi ndawo zinomtsalane zikhuseleke kubakhenkethi.

Kulo nyaka uzayo i-Electronic Travel Authorisation System siza kuyiqalisa kuwo onke amazwe afuna i-visa, into leyo eza kwenza ukuba izicelo zabakhenkethi zisetyenziswe nge-intanethi zingaphelanga iiyure ezingama-24.

Awona mathuba maninzi akwicandelo loqoqosho elingenabungozi kokusingqongileyo. Sizama ukutshintsha uqoqosho lweli lizwe lube lwelona luphambili ekuveliseni iimveliso eliza kuxhomekeka kuzo ihlabathi kule minyaka iliqela izayo. 

Siyinyusile inkxaso esiyinika iinkampani ezivelisa iimveliso ezingoyongozi kokusingqongileyo eziza kuzithumela kumazwe ehlabathi, ukusuka kwizichumiso ukuya kumafutha eenqwelo-moya, iikhemikhali kunye neentsimbi.

Ukususela ngeyoKwindla kulo nyaka siza kuqalisa isaphulo serhafu kutyalo-mali esiyi-150% kumaphulo otyalo-mali kwizithuthi ezitsha ezihamba ngombane ngeli thuba siza kuxhasa iinkampani zalapha ezivelisa iibhetri.

Izithembiso ezivela kwihlabathi eziya kwi-Just Energy Transition Investment Plan ngoku zimi kwimali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-250. Le mali iza kuncedisa kwimizi-mveliso, iziseko ezingundoqo kunye nezakhono.

UMzantsi Afrika unowona mthamo uphezulu kwihlabathi wezimbiwa ezinqabileyo.

I-iron ore engekombiwa inexabiso elingaphezulu kwimali ezitriliyoni zeerandi ezingama-40, into leyo yenza icandelo lezimbiwa libe lelona lisakhula ngamandla kweli lizwe. 

Emva kweminyaka emininzi usihla umyinge wemali etyalwa kumaphulo okuzingela izimbiwa, ngoku sibekele bucala imali eza kuya kumaphulo okuphanda nzulu ngobume bomhlaba nokuzingela izimbiwa ukuze kubhaqwe izimbiwa ezinqabileyo zeli lizwe. 

Kule veki nje yodwa, i-Industrial Development Corporation ibhengeze ukuba imali ezizigidi ezingama-300 zeerandi ebekelwe i-Frontier Rare Earths Project eseMntla Koloni.

Le ingayenye yeenkampani ezizona zinkulu kwihlabathi nezingatyabuli mali ininzi ezivelisa izimbiwa ezisetyenziswa kwiiselula zale mihla, iibhetri ze-lithium kunye nezinye iimveliso.

Indlela elithenjwe ngayo icandelo lezemigodi loMzantsi Afrika ukuba lisenamathuba azeyo ibonakale ngethuba le-Mining Indaba ibibanjwe kule veki eKapa.

Kuvulwa migodi emitsha yegolide, ikopolo, izimbiwa ezinqabileyo, iplatinam, kunye namalahle.

Ngethuba leNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20 ngeyeNkanga kulo nyaka uphelileyo, amazwe angamalungu e-G20 asixhasa isiphakamiso sethu sokuyandisa inkqubo yethu yokuxhamlisa ngezimbiwa ezinqabileyo kunye nokuthunyelwa kumazwe angaphandle kweemveliso esele zigqityiwe ukusetyenzwa.

Ngeli thuba leeNkomfa zoTyalo-mali zoMzantsi Afrika ezintlanu zokuqala, sikwazile ukuqokelela imali eyitriliyoni yerandi eyi-1.5 ezizithembiso zokutyala imali kweli lizwe. 

Ukuza kuthi ga ngoku, imali ezibhiliyoni ezingama-600 zeerandi sele iqalisile ukungena kwiiprojekthi. Iifektri, imigodi, kunye namanye amaziko amatsha avulwa rhoqo minyaka le.

Ngoku sizibekele imali ezitriliyoni ezimbini zeerandi eza kuya kumaphulo amatsha otyalo-mali esifuna ukuyiqokelela kule minyaka mihlanu izayo.

Ke ngoko siyilinde ngamehlo abomvu le Nkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika yesithandathu iza kubanjwa ngomhla wama-31 kweyoKwindla 2026.

Ukwakha uqoqosho oluquka wonke umntu, siza kubuyelwa kwabo badala amathuba. 

Ukuba yonke inkampani encinci nephakathi eMzantsi Afrika ingaqesha omnye nje umntu omnye, singadala imisebenzi ezizigidi ezithathu; noko kunjalo, uninzi lwala mashishini, iqela elivisayo lawo ngawabantu abatsha namanina, awayifumana inkxaso-mali ukuba aqale okanye akhule. Amaninzi ayasokola ukufumana iindawo anokuthengisa kuyo iimpahla neemveliso zawo.

Phantse onke amashishini asakhasayo asokoliswa yimithetho emininzi, imithetho kamasipala, izinto ezininzi ezifunekayo ukuze afumane iilayisenisi kunye nobunye ubucukubhede bobasemagunyeni obusokolisayo. 

Siza kuthathela ingqalelo izimvo zoluntu ezihlomla kwidrafti yoMthetho oYilwayo wokuKhutshwa kweeLayisenisi zamaShishini kwaye siza kuqinisekisa ukuba xa sele uqukunjelwe lo Mthetho uYilwayo uza kwenza ukuba kube lula, hayi nzima, ukuqala nokuqhuba ishishini elincinci eMzantsi Afrika.

Kulo nyaka, siza kuxhasa ngemali ezibhiliyoni eziyi-2.5 zeerandi amashishini asakhasayo angama-180 000, size le mali siyongeze ngebhiliyoni yeerandi eza kusebenza njengesixhobo sokuwamela xa efuna enye imali-mboleko.

Ndicinga sele icacile ukuba isininzi sale mali siza kuya kumashishini amanina nawabantu abatsha njenjelinge lokuzama ukubaxhobisa. 

Siza kwenza izilungiso kuMthetho weSizwe wokuThenga ngesiKweliti ukwenzela ukuba kube lula ukwenzelwa isikweliti esingananzala ininzi.

Ukwenza iinguqu kuqoqosho lweli lizwe kuyimfuneko ukuze sibe nohlumo oluzinzileyo, siphungule ukungalingani size silungise umonakalo wangaphambili wokungabikho kobulungisa. 

Sithathe isigqibo sokuphonononga ukuze sicokise, sisilunga-lungise sisivale nezikhewu isicwangciso esibanzi sokuXhotyiswa kwabaMnyama ngezoQoqosho (i-BBBEE) ukuze siqinisekise ukuba siyancedisa ngamandla kumalinge okwenza iinguqu nohlumo oluza kuxhanyulwa nguye wonke. 

Onke la manyathelo aza kudala uqoqosho oluzinzileyo aze alungise nalo monakalo ukhoyo kwiziseko zalo.

Yinto exhalisa isizwe sonke into yokuba inani elivisayo labemi boMzantsi Afrika lingaphangeli neyokuba abantu abatsha abaninzi basokole ukufumana imisebenzi.

Yiyo lonto yokuba njengoko sisakha ngokutsha uqoqosho, sidala amathuba amaninzi emisebenzi nawokuziphilisa ngokusebenzisa iinkqubo zikarhulumente nezentlalo.

Kwiindawo ezifana ne-Standerton eMpumalanga, i-Presidential Employment Stimulus idale imisebenzi ebalulekileyo, apho kutshintshwe iindawo zokulahla inkunkuma yazizitiya zemifuno zoluntu.

I-SA Youth ivulele izigidi zabantu abatsha amathuba okufumana imisebenzi nawokufumana uqeqesho okokuqala.

I-Youth Employment Service (i-YES), esisivumelwano sentsebenziswano phakathi kwamashishini norhulumente, sele inike abantu abatsha abangaphezulu kwama-200 000 amathuba okuba bafumana amava omsebenzi isithuba esingangonyaka. 

Kulo nyaka, siza kwenza utshintsho kwimithetho eza kwenza ukuba kube lula kumashishini ukuba athathe inxaxheba kwinkqubo ye-YES aze adalele abantu abatsha imisebenzi.

Kulo uphezulu, siza kulandisa inani labo baqeshwe kwiinkqubo zengqesho zikarhulmente, eziquka i-CWP, EPWP kunye ne-PES.

Siza kuqinisekisa ukuba zisebenza ngcono ukuze zikwazi ukunika abantu imivuzo, uphuhliso lwezakhono zize zivule namathuba apho banokuthi abantu bafumane imisebenzi esigxina, ingakumbi amanina nabantu abatsha. 

Ukuze siqinisekise ukuba akukho namnye oshiywa ngasemva, siza kuqalisa ukuzalisekisa isigqibo sethu sokunyusa inani ekufuneka kujoliswe kulo labantu abakhubazekileyo ekufuneka baqeshwe liye ku-7% ngowama-2030 futhi sigunyazise ukuba xa urhulumente namaqumrhu wakhe esenza intengo, i-7% yezo mpahla neenkonzo ithengwe ebantwini abakhubazekileyo.

Ngaphezu kwako konke, uqoqosho olumileyo luxhomeka ebantwini abafundileyo, abanezakhono nabaneziphiwo. Into esijolise kuyo kukuba nemfundo ekumgangatho ophezulu kwakumabanga aphantsi eza kuxhanyulwa ngabantwana beselula. 

Sandisa inani labantu abangena kwizikolo-mpeleso okanye iikritshi (i-ECD) ngephulo lokubhalisa likazwelonke amaziko e-ECD elibizwa ngokuba yi-Bana Pele kuze kunyuswe nezibonelelo zabantwana abangena kwi-ECD. Ngokwenza iBanga R libe sisinyanzelo, sinika abantwana isiseko esihle abaza kuqalela kuso.

Sinyusa iikawusi ngoku nangakumbi kumalinge okulungisa imfundo esisiseko, apho sigxininisa kakhulu kwimfundo yamabanga aphantsi, ilitherasi nenyumerasi, imfundo eqhutywa ngolwimi lwebele.

Sibaqhwabela izandla abantwana abebefunda kwiBanga le-12 kowama-2025, apho kuphumelele i-88% yonke. 

Eli lelona zinga liphezulu lokuphumelela embalini yeli lizwe, into leyo ebonakalisa ukuzimisela kwabafundi kunye nokusebenza kwamanyathelo okungenelela esiwenzileyo okuphucula ukufunda nokufundisa ezikolweni.

 Njengoko silincoma eli zinga lokuphumelela kwabafundi beMatrikhi, ifuna siyisele iso nengxaki yabantwana abaninzi abayeka isikolo phakathi. Abantwana abaninzi kufuneka babhale iimviwo futhi bakhethe izifundo ezifana nemathematika nezenzululwazi eziza kubanceda ukuba babheke phambili.

Ukunceda uluntu namhlanje lwenze iinguqu kwisizwe sakuthi futhi luzakhele ikamva, sizama ukubaxhobisa balilungele eli lixa lizayo lezakhono ezitsha eziza kufuneka. 

Senza utshintsho olubanzi kwinkqubo yophuhliso lwezakhono apho siqalise inkqubo entsha yoqoqosho edibanisa imfundo kunye nokufunda umsebenzi ube usemsebenzini wokwenyani.

Siza kwenza utshintsho kumaZiko eMfundo noQeqesho amaCandelo (ii-seta) athile futhi siliphungule nenani lawo ngeenjongo zokuphucula iindlela alawulwa ngayo, siwaxhobisa ngamandla akwazi ukuba luncedo, siphucule umgangatho woqeqesho size siqinisekisa ukuba izakhono ezifundiswayo zezo kanye zifuneka kolu qoqosho lweli lizwe.

Oku kuquka ukusebenzisa iikholeji zeMfundo noQeqesho kubuGcisa nakwimiSebenzi yeZandla (ii-TVET) njengamaziko aphambili okuqeqesha ngokwenza umsebenzi kunye nawokuphuhlisa ubugcisa.

Ukuxhasa iphulo lokufundisa umsebenzi usemsebenzi, siza kuyinyusa irhafu ebuyiselwa kubaqeshi, ibuyele kwela zinga layo liyi-40%.

Siza kwenza utshintso kwiNgxowa-mali yeSizwe yezaKhono (i-NSF) ibe yingxowa enceda ngokukhawuleza nekhokelisa iziphumo phambili, exhasa abantu abatsha abangaphangeliyo ukuba bakwazi ukufumana amathuba okubamba umsebenzi bafumane amava, sisakhela kumaphulo afana ne-Jobs Boost.

Ezi nguqu ziza kuqinisekisa ukuba iinkqubo zoqeqesho ezahlukeneyo esinazo kurhulumente zivula amathuba, umntu akapheleli nje kuzo.

Ukuze siqinisekise ukuba aba bantu batsha baphumelele iMatrikhi abadingi, siza kulandisa inani labo baza kungena kumaziko emfundo ephakamileyo.

Ndiyalele uMphathiswa weziMali kunye noweMfundo ePhakamileyo ukuba baqulunqe isiphakamiso sokwakhiwa kwezinye iidyunivesiti kunye neekholeji ze-TVET eziza kubalasela kumakhondo athile kuphela.

Eyona ngxaki inkulu ikhoyo ngoku yeyokunqongophala kweendawo zokuhlala zabantwana besikolo kumaziko emfundo ephakamileyo eli lizwe. Ndiyalele uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo ukuba ayisombulule le ngxaki, esebenzisana namaziko ezimali bacebe iindlela ezihlakaniphileyo ezinokusetyenziswa ukuze abafundi bafumane iindawo zokuhlala.

UMzantsi Afrika ongahexiyo wakhelwe kuluntu nalo olumileyo, luze lona uluntu olumileyo likwazi ukukhathalela abantwana balo.

Abantwana abaneminyaka emihlanu abangaphezulu kwekota banqaphele into leyo ebenza bahlaselwe lula zizifo futhi babe nengxaki ezifundweni zabo kwaye bangakhuli kakuhle. Yinto embi ke le ebantwaneni nakwintsapho zabo kwaye ichaphazela isizwe siphela. 

Kulo nyaka, siza kuqalisa iphulo lokulwa siphelisa le ngxaki yokunqaphela kwabantwana ngowama-2030 size siyilwe neyokungondleki kwabantwana abaselula, njengoko kucaciswe kwi-National Strategy to Accelerate Action for Children.

Siza kugxininisa kweza ntsuku zili-1 000 zokuqala zibaluleke kakhulu ebomini bomntwana.

Yingxaki enkulu kakhulu efuna ukuthathelwa ingqalelo futhi ibekelwe nemali. INgxelo yoMgaqo-nqkubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS) iza kubeka isabelo esicacileyo sala manyathelo kufuneka siwathabathile. 

Into edlala indima enkulu kwingxaki yokunqaphela kwabantwana kukusela ubutywala ngokugqithisileyo, into leyo inokuchaphazela indlela akhula ngayo umntwana ngeli thuba asesesibelekweni sikanina. 

Ukusebenzisa ubutywala ngokugqithisileyo kukhokelela kubundlobongela, iingozi zendlela nolwaphulo-mthetho.

Ukulwa esi sihelegu, sihlaba ikhwelo koorhulumente bamaphondo ukuba bayenze ibe ngqingqwa imithetho elawula ukuxinana kweendawo ezithengisa ubutywala, baqinisekise ukuba ixesha lokuvula nokuvala liyabanjwa bayiphelise nento yokuthengiswa kobutywala obugalelwe kumabhakethi amakhulu.

Njengorhulumente kazwelonke, siphakamise amacebo athile okulwa ukusetyenziswa kobutywala ngokugqithisileyo kuquka nokubeka kwamaxabiso okanye ukunyusa irhafu yeziselo ezinxilisayo kunye nokuvalwa nyha kweentengiso nezibhengezo zobutywala. Siza kufakana imilomo namahlakani ngalo mba. 

Oko yayiqaliswe ngexesha le-COVID-19, isiBonelelo se-SRD sincede izigidi zabemi boMzantsi Afrika ukuba bagxothe ikati eziko.

Njengesibonelelo sokwenza iinguqu ukuze kuphuculwe iimpilo zabona bantu basokolola kakhulu nabangathathi ntweni, esi sibonelelo siza kuqhubeleka. 

Kulo nyaka, siza kusitshintsha ukuze sikwazi ukuxhasa iimpilo zabantu, uphuhliso lwezakhono, amathuba emisebenzi kunye namaphulo okwenza imveliso.

Siyazi ukuba inkoliso yemali evela kwizibonelelo zezentlalo isetyenziselwa ukuthenga ukutya nokukhwela. Kwizixeko needolophu zethu, abantu bahlala kude nemisebenzi yabo kunye neendawo ezineenkonzo.

Siziyila ngokutsha izixeko zethu kwaye siyaziphungula neendleko zokuphila zentsapho ezinabantu abasebenzayo ngokwakha izindlu ezifikelelekayo ezithe xhaxhe kunye nokuvusela oololiwe abakhwelisa abantu.

Siza kuqalisa inkqubo entsha yokubonelela ngezindlu, apho abantu baza kunikwa izibonelelo zokuthenga kunye nokuqasha izindlu kwiindawo ezifanelekileyo kubo.

Siyatshintsha ngoku ekwakheleni abantu izindlu endaweni yoko siyabancedisa ukuba bazakhele izindlu, okanye bazithenge okanye baziqashe (bazirente).

Izolo besiphawula iminyaka engama-60 emva kokuba i-District Six yayibhengezwe njengeNdawo yaBantu abaMhlophe kuphela.

Umganyana nje oozimitha ezimalunga nekhulu ukusuka kule ndawo sikuyo ngoku, abahlali abangaphezulu kwama-60 000 basuswa ngenkani baze basiwa e-Cape Flats.

Ukutshatyalaliswa kwe-District Six yintlungu esikhumbuza ngoxanduva lwethu sonke sokuba silungise umonakalo wangaphambili wokungabikho kobulungisa kunye nokuba kufuneka sakhe iindawo ezihlala abantu apho kugquba imvano nokuphilisana kakuhle. 

Ibango lokubuyiselwa umhlaba elafakwa ngowe-1998 lalibethelela ilungelo elisemthethweni labo babesaya kuba ngabahlali kunye nezizukulwana zabo ukuba babuyele ekhaya. La nkqubo yokubuyiselwa ekhaya kwanyanzeleka ukuba ibe phantsi kweliso lenkundla, kwenziwe izicwangciso ezicacileyo kunye nokuba urhulumente agalele imali eyaneleyo.

Amakhaya amaninzi sele egqityiwe aze anikezelwa ebantwini abaqinisekisiweyo ababefake amabango. Ngale mali izizigidi zeerandi ezingama-500 ibekelwe lo msebenzi, siyaqalisa ngokuba nesiGaba 4 solwakhiwo. Ukuvuselelwa kwe-District Six yinto esiyifunayo sonke kwaye iluxanduva lwethu ekufuneka siluthwale. 

Senza konke okusemandleni ukwakha isizwe esinempilo.

Njengenxalenye yamalungiselelo e-Inshorensi yeSizwe yezeMpilo (i-NHI), siza kufaka imali kumaziko ezempilo, siqashe abantu size siphucule nobuxhakaxhaka obufanelekileyo ukuze abantu abaninzi bakwazi ukufumana iinkonzo zempilo ezisemgangathweni.

Siza kuqalisa inkqubo yokutyala imali esisixa esivakalayo kwiziseko ezingundoqo zezempilo, sikhokelise phambili ukwakhiwa nokuvuselelwa kwezibhendlela ezisebenzisana namaziko emfundo ephakamileyo. Ngethuba bendityelele eGeorge Mukhari eGa-Rankuwa kutsha nje, ndizibonele ngawam umonakalo obuhlungu owenziwa ziziseko ezingundoqo zempilo ezingekho mgangathweni. 

Siza kusebenzisana namaziko ezimali karhulumelente nawabucala sifake imali kumsebenzi wokwakha nokuhlaziya iziseko ezingundoqo zezempilo. Siza kuqala nge-George Mukhari Hospital kweli phulo.

Njengesizwe, ngoku sele sizibona ukuba siza kumahlula uGawulayo.

Njengelinge lokuxhasa iinkqubo zethu zokuthintela nokulwa iphele tu iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV), siza kuqalisa inkqubo enkulu yokukhutshwa kwe-Lenacapavir, inaliti ehlatywa kanye emva kweenyanga ezintandathu esele ibonisile ukuba ikunceda kakhulu ukuthintela ukosulelwa yi-HIV.

Senza amalinge okuphelisa umhlaza wesibeleko kweli lizwe lakuthi ngokukhuthaza abantu baqinisekise ukuba onke amantombazana aselula aneminyaka yobudala ephakathi kwesithoba neli-15 afumane inaliti yokugonyela i-HPV.

Kulo nyaka uphelileyo, siye sabhengeza ngokusesikweni ukuba ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwamanina (i-GBVF) yintlekele yesizwe. 

Emva kokuba senze esi sibhengezo, siye sakwazi ukuqinisekisa ukuba amanyathelo esiwathabathayo atsolile kwaye nemizamo yethu sayijolisa kwezi ndawo ziza kwenza umahluko obonakalayo.

Sisakhela kwisiCwangciso-qhinga se-GBVF, siza kuhlaba ikhwelo kuye wonke ubani sisebenzisa unxibelelwano namaqonga oluntu ukuze silwe ezi zimvo kunye nezinto sizenzayo zinobungozi.

Siza kuqhubeleka sisilwela ukuxhotyiswa kwamanina ngezoqoqosho ngokuwanika uqeqesho nenkxaso yezimali nokuba enzelwe idolo xa kuthathwa izigqibo ngentengo. 

Siza kuzenza zibe nolwamvila ii-arhente zogcino-mthetho ngokuthi uphando lwenziwe ngokukhawuleza, amatyala alawulwe ngcono, kwandiswe inani leenkundla zamatyala ezesondo kunye nokuthathela amanyathelo angqingqwa abo bophula umthetho ngokuphinda-phinda.

Siza kuwunyusa umthamo woncedo elinikwa amaxhoba, siqinisekise ukuba zifumaneka lula iindawo zokunakekela amaxhoba, amaziko angoonto-zonke, amaphulo aya emaphandleni kunye nokuqashwa kooNontlalontle kwizikhululo zamapolisa. 

Imfuduko engekho mthethweni ilubeka emngciphekweni ukhuseleko, uzinzo nenkqubela yoqoqosho lweli lizwe. 

Siza kuyilungisa le ngxaki ngokuqinisekisa ukuba amalungelo oluntu omntu ngamnye okweli lizwe akhuselwe futhi ayahlonitshwa. 

Kulo nyaka, siza kuthatha amanyathelo athe chatha ukukhusela imida yethu. Iza kukhokeliswa phambili imali ekufuneka ibekelwe bucala ukukhusela imida yeli lizwe. Loo mali iza kungena kwiziseko ezingundoqo, ubuchwepheshe kunye nasebantwini. 

Amazibuko okungena kwimida yeli amakhulu aza kuhlaziywa kusetyenziswa izivumelwano phakathi kukarhulumente necandelo labucala kwaye siza kuyandisa i-Electronic Travel Authorisation iye kuzo zonke izikhululo zeenqwelo-moya zamazwe ngamazwe kwakunye nakulawo axakeke kakhulu alapha emhlabeni.

Sele sisebenzisa ii-drone nobuchwepheshe ngempumelelo kwimida yeli lizwe.

I-SAPS, iSebe leMicimbi yezeKhaya (i-DA) kunye nabaHloli beSebe lezabaSebenzi baza kusebenzisana ukulwa ingxaki yokwaphulwa kwale mithetho yezemfuduko, yezabasebenzi kunye neminye ekhoyo.

Abo baqesha abantu bangaphandle abangenazo ii-visa ezifanelekileyo baza kusiwa kwabomthetho. Ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa imithetho, siza kuqesha abanye abaHloli beSebe lezabaSebenzi abangama-10 000 kulo nyaka. 

Njengoko sithatha la manyathelo, siyakugxininisa ukuba imithetho yelizwe kufuneka ithotyelwe ngumntu wonke. 

Asizikubunyamezela ubundlobongela kunye nezinye izenzo zokwaphula umthetho ezenziwa ebantwini bamazwe angaphandle. 

Akukho mntu wangaphandle kufuneka athintelwe ngokungekho mthethweni ukuba angene kumaziko kawonke-wonke kuquka ezikolweni nakumaziko ezempilo. 

Ukuze sakhe uMzantsi Afrika ozinzileyo, sifuna umbuso onyanisekileyo, onezakhono nogxininisa kuphuhliso.

Umbuso onezakhono ufuna abasebenzi bakarhulumente abazimiseleleyo nabanyanisekileyo futhi abanezakhono ezifanelekileyo kunye nomoya onzulu wokuzinikela ekusebenzeleni abantu. 

Kulo nyaka uphelileyo, siphumeze imithetho emitsha eliqela eyokwenza iNkonzo zikaRhulumente zikhokelise ubungcali baphambili.

UMthetho-siHlomelo oYilwayo wabaSebenzi bakaRhulumente uza kuthintela ukuba kungangeneleli oosopolitiki xa kuqeshwa kwizikhundla ezingundoqo futhi uza kuqinisekisa nokuba kuqeshwa abantu abanezakhono neziqinisekiso ezifanelekileyo kwizikhundla eziphezulu, nangokuba benazo zonke izinto ezifunwayo kwisikhundla eso.

Uphando ngemeko yempilo luyinto enyanzelekileyo ngoku kubasebenzi abakwizikhundla eziphezulu kurhulumente, kangangokuba yi-93% yabasebenzi abasele biphandiwe kuwo onke amasebe kulo nyaka uphelileyo.

Siza kuba nerejista enye yawo onke amatyala oluleko asuka kuwo onke amaqoqo karhulumente. Oku kuza kuthintela abantu abajongene namatyala okanye abebekhe bolulekwa ukuba baqeshwe ngurhulumente. 

Siyaqhubeleka nokuphucula ulawulo nomsebenzi kumaqumrhu karhulumente (ii-SOE) afana no-Eskom, Transnet, Denel, Prasa kunye namanye aliqela. 

Oku kuquka ukuqalisa inkqubo ecacileyo yemigangatho yokuqesha ukuze kuqinisekiswe ukuba iinkokeli zala maqumrhu zineziqinisekisa zemfundo kunye namava omsebenzi afanelekileyo.

Siza kuqhubeleka ngendlela ehamba ngokwezigaba apho siza kuza nendlela eza kulawulwa ndawonye yokulawulwa kwee-SOE ukuze sikwazi ukubeka imigangatho, siphucule ulawulo siqinisekise zizinzile ngokwezimali zizokwazi ukwenza imisebenzi yazo. 

Oku kuquka ukuqukumbela uMthetho oYilwayo weSizwe wamaShishini kaRhulumente ngokuhambelana nale ndlela. 

Siza kuzixhasa iinguqu zezobuchwepheshe kuba zidlala indima kuhlumo, ukuquka wonke kunye nokuhanjiswa kweenkonzo ngempumelelo.

Kulo nyaka i-DHA iza kuqalisa i-Digital ID eza kwenza kubelula kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisa iinkonzo zika-intanethi ngendlela ekhuselekileyo.

Siza kuzenza zisebenze ngekhompyutha iilayisenisi zokuqhuba, iizatifiketi zeMatrikhi kunye nezinye iinkonzo ezikwi-Ofisi yoMphathi-nkundla. Abemi baza kukwazi ukunika ingxelo zamapolisa nge-intanethi futhi kujongwe nge-intanethi ukuba umntu ufanelekile na ukufumana isibonelelo se-Arhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zezeNtlalo (i-SASSA).

Zonke ezi nkonzo ziza kufumaneka ku-MyMzansi.

Kungekudala, ummi ngamnye woMzantsi Afrika uza kukwazi ukuzifumana zonke iinkonzo azifunayo engakhange aye kwii-ofisi zikarhulumente okanye agcwalise iifomu ngesandla.

Kulo nyaka nje wodwa, amasebe amakhulu eebhanki aza kukwazi ngoku ukukhupha iNcwadi-sazisi eliKhadi kunye nencwadi yokundwendwela (paspoti) ngolo hlobo kuphunguke imigca kunye namaxesha okulinda. 

Sikwasebenzisana nemibutho yoluntu ukuqiniseskisa ukuba amalungelo oluntu kunye nokhuseleko lwabo lubekwe phambili ngolu tshintsho lumandla luza nobuxhakaxhaka bale mihla.

Ukuze uMzantsi Afrika uzinze, kufuneka ilizwekazi le-Afrika libe noxolo futhi liqhubele phambili.

Ukuzalisekisa izithembiso ezikuMgaqo-siseko, ukulwela izinto ezilulutho kwisizwe, kufuneka kubekho ihlabathi elizinzileyo, elinobulungisa neliquka wonke umntu. 

Kweli hlabathi lingxamele ukungabi nazinzo, uMzantsi Afrika usamile kwimithetho-siseko owawuyisebenzisa ngethuba unguMongameli we-G20 eyayisekelwe kuMgaqo-nkqubo wezangaPhandle wethu: uBumbano, uLingwano, uZinzo.

Sisebenzisa indawo esikuyo kuMbutho weMbumba ye-Afrika (i-AU kunye nakuMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC), silwela ukudibana kwale ngingqi, uxolo nozinzo.

Sisebenzisa ubudlelwane bethu namazwe ngamazwe ukuxhasa izinto eziphambili kuqoqosho lweli lizwe, kuquka imizi-mveliso, ukunyusa ixabiso leemveliso nokunyuka komthamo weempahla zorhwebo ezithunyelwa kumazwe angaphandle. 

Sinegalelo kwinkqubo yokuphunyezwa koMmandla weLizwekazi le-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebo (i-AfCFTA) ukuze kwandiswe urhwebo phakathi kwamazwe ase-Afrika, kukhuliswe amashishini kudalwe nemisebenzi.

Iinkampani zoMzantsi Afrika – iibhanki, amafama nemizi-mveliso –ziza kuba zizo eziphambili kwezi zibonelela ngeenkonzo neempahla kumazwe ase-Afrika elinabantu abayibhiliyoni eyi-1.4. I-Afrika apho inani labantu abakwinqanaba lokuphangela liza kuphindeka kabini kule minyaka ingama-25 izayo.

Namanye amazwe sakha ubudlelwano obuza kusixhamlisa nathi ngokolingwano nokuhloniphana.

Kwihlabathi apho amazwe anobunganga afuna ukugonyamela nokuvuyelela amazwe angenabunganga bungako, ilizwe lakuthi limi kwelokuba alinakuchukunyiswa ilungelo lalo lokuba ngumbuso ozimeleyo nozilawulayo. Alinakujika futhi kuloo nto.

Simile asigungqi kumba wokuba ngumbuso ozimeleyo nokhokelisa phambili izinto ezilulutho, ezinexabiso kunye namalungelo abantu bakuthi. 

Siyazi nkqo into yokuba siyawahlonipha amalungelo kunye namagunya okuzimela amanye amazwe, kodwa kufuneka icace nento yokuba alisoze eli lizwe livuyelelwe lelinye ilizwe. 

Siza kungena kwizivumelwano zentsebenziswano ezingqingqwa namazwe abona ngolu hlobo sibona ngalo ukuze sikwazi ukubambisana ngeli thuba lalo mbhodamo ugqubayo kwihlabathi.

Sisakhela kwesa sikhundla sokuba nguMongameli we-G20, thuba elo lingqinwayo ngabaninzi ukuba laliyimpumelelo, siza kuqhubeleka nokukhokelisa phambili izinto ezidla amazwe asaphuhlayo.

Ezi zinto ziquka uhlumo oluquka wonke ubani, ukucinywa kwamatyala, amanyathelo ezemozulu, iinguqu kulawulo lwamaziko ehlabathi kunye nokuqinisekisa ukuba izimbiwa ziyaxhamlisa kula mazwe zembiwa kuwo. 

Sisakhela kulaa msebenzi wenziwe yiKomiti eyoDwa ye-G20 engengokungaLingani kwiHlabathi, ngoku sesibenzisana namahlakani wethu ehlabathi ukulungiselela ukuseka iGqiza leHlabathi lezokungaLingani.

Lilinge elibalulekileyo eli kula enziwe lihlabathi okuphungula ukungalingani ngaphakathi emazweni naphakathi kwawo. Siza kuqhubeleka sikulwela ukubaluleka kwamaqumrhu ehlabathi kunye nokuxhobisa amalinge ehlabathi ezentlalonte. 

UMzantsi Afrika usemi kwelokuba ube lilizwe elikulwelayo ukubaluleka kwemithetho yehlabathi, ubulungisa kunye namalungelo oluntu.

UMzantsi Afrika uza kuqhubelelka uxhasa amalinge okuthintela ungquzulwano nawogcino-xolo eZizwe eziManyeneyo (i-UN), e-AU nawe-SADC. Sinebhongo ngomba wokuthatha inxaxheba kwamajoni oMzantsi Afrika kumaphulo ogcino-xolo kwiindawo ezininzi zeli lizwekazi le-Afrika ukususela oko eli lizwe lathi lalawulwa ngokwentando yesininzi.

Sicele i-UN ukuba isivumele ukuba sirhoxise amajoni wethu kwiPhulo le-UN elise-Democratic Republic of the Congo kuba sifuna ukukhe siqinise uMkhosi woKhuselo wethu.

Asinakuthi sikhululekile babe bona abantu basePalestine, Cuba, Sudan, Western Sahara nakumanye amazwe besephantsi kolawulo lweminye imibuso kunye nengcinezelo futhi bephila ngeemfazwe.

Bemi boMzantsi Afrika,

Izwe lakuthi lifikele kwilixa lotshintsho.

Sishiya ngasemva ilixa lobunzima singena kwilixa lochumo nohlumo.

Sasebenza ngokuzimisela ukuze soyise umonakalo owenziwa kukubanjwa kombuso ngobhongwane, ngubhubhane we-COVID-19, zizidube-dube zowama-2021 kunye nezikhukula zakutsha nje ezenze umonakalo omkhulu.

Singena kwilixa lethemba nalapho siza kuzibonela ngawethu ikamva eliqaqambileyo lomntu wonke. 

Umgama esiwuhambileyo kule minyaka mihlanu igqithileyo usinika ithemba nenkuthazo. Usibonisa izinto esinokuzenza xa sibambisene. Ayiloxesha lokuba siphumle eli.

Ngoku lixesha lokuba abemi boMzantsi Afrika babe yinxalenye yamalinge okusa eli lizwe phambili. 

Kulo nyaka uphelileyo, siye satyhila kwikhasi elitsha singulo mbuso ulawulwa ngokwentando yesininzi, ngokuthi sivule ngokusesikweni iMbizo yeSizwe kwingqungquthela eyayizinyaswe ngabemi boMzantsi Afrika abaphuma nkalo zonke zeli futhi bemele amacandelo ahlukeneyo esizwe sakuthi. 

Kulo nyaka, inkqubo yeMbizo yeSizwe iza kuqaliswa kulo eli loMzantsi Afrika, ifikelele kuye wonke umntu, ezikolweni, kuzo zonke iidyunivesiti nekholeji mbombo zone zeli lizwe. 

Ezi ndibano zokubonisana zoluntu, zikhokelwa liQela laBantu abaHloniphekileyo, elenziwe ngabemi boMzantsi Afrika abadumileyo nababekekileyo nalo elikhokelwa yiKomiti eKhokelayo, ziza kunika abemi beli lizwe ithuba lokuvakalisa iinkxalabo, amaphupha kunye nezicwangciso zabo zangomso.

Ezi ndibano zokubonisana zoluntu ziza kuzala iNgqungquthela yeSizwe apho zonke iingxelo zezo ngxoxo ziza kudityaniswa zize zinike umkhomba-ndlela ngamanyathelo ekufuneka sonke siwathabathe ukwakha uMzantsi Afrika ongcono. Iingxelo zezo ngxoxo ziza kusetyenziswa njengesikhokelo sokuqulunqa sivumelwano sesizwe kunye nenqanaba elilandelayo lesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) emva konyaka wama-2030.

Xa sizama ukuqulunqa esi sivumelwano sikazwelonke, kufuneka singajongi nje kuphela kwezo zinto zinexabiso kuthi sonke zikuMgaqo-siseko, koko sijonge nakwindima enkulu edlalwa zezemidlalo kunye neentlobo zenkcubeko zethu ezahlukeneyo ukusimanyanisa.

Njengoko siqhwabela izandla abo baphume emagqabini kwihlabathi, kufuneka singayilibali indima emandla edlalwa zezemidlalo kunye namasiko ekwakheni isizwe esibambeneyo.

Sisebenzisa la moya wamanina wowe-1956, ulutsha lowe-1976 kunye noMgaqo-siseko woMzantsi Afrika wowe-1996, lo nyaka wama-2026 kufuneka ibe ngunyaka weenguqu eziza notshintsho.

Kufuneka ibe ngunyaka apho senza uMzantsi Afrika ume ngeenyawo. Kufuneka sizilungise iingxaki ezambethe oomasipala. Kufuneka silwe ulwaphulo-mthetho, urhwaphilizo futhi senze abantu baphinde balithembe icandelo leenkundla. Kufuneka sidale imisebenzi neempilo zakhe wonke ummi woMzantsi Afrika, kufuneka sakhe umbuso osebenzela abantu. 

Ngaphezu kwako konke kufuneka siqinisekise ukuba olu tshintsho silubonayo luxhanyulwa ngumntu wonke. 

Njengoko uqoqosho lukhula, kufuneka lususe endlaleni nabo sele kuyiminyaka eliqela bengathathi ntweni.

Idabi lethu lokulwa ulwaphulo-mthetho kufuneka lihambe liye kufika ezilokishini nakwiindawo ezinamatyotyombe kunye nasezidolophini.

Izikolo nezibhedlela zeli lizwe kufuneka zingacaluli mntu.

Ngolo hlobo, singakha isizwe esingqingqwa, esinyamezelayo nesinolingwano – esikwaziyo ukuzibonakalisa phakathi kwamanye amazwe ehlabathi.

Luyaqala ukubonakala ngenene utshintsho ngoku. Ngoku masijonge phambili sihambe ngalo mzila sikuwo ngesantya esithe chatha.

Ndiyabulela. 

Issued by
More from

Share this page

Similar categories to explore