A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. Ezoqoqosho
1.1 IsiGaba II se-Operation Vulindlela
1.1.1 Ngomhla wesi-7 kuCanzibe 2025, uMongameli Cyril Ramaphosa waphehlelela isiGaba II se-Operation Vulindlela (i-VO Phase II), inkqubo yeenguqu kurhulumente eneenjongo zokukhwezela uhlumo loqoqosho oluza kudala imisebenzi.
1.1.2 I-OV Phase II iza kuqhuba inkqubo yokuqukumbela iinguqu ezaqaliswa kuMbuso wesi-6 kwicandelo lezamandla, ezamanzi, ezothutho lwemithwalo kunye neleziseko zonxibelelwano, kwaye iza kuqalisa imimandla emitsha ekuza kugxilwa kuyo kwinkqubo yoorhulumente bengingqi ngeenjongo zokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo ezisisiseko, kunye naxa kucandwa umhlaba.
1.2 Intsebenziswano phakathi kukaRhulumente namaShishini
1.2.1 IKhabhinethi izamkele iziphumo zentlanganiso yokuphonononga umsebenzi osele wenziwe kumaphulo eNtsebenziswano phakathi kukaRhulumente namaShishini. Le ntsebenziswano igxila ekuxhaseni amalinge okuphunyezwa kweenguqu ezingundoqo kunye namaphulo abalulekileyo enzelwe ukuqhuba uhlumo loqoqosho kunye nokudalwa kwemisebenzi.
1.2.2 Omnye umsebenzi osele wenziwe uquka ukuqulunqwa kwesicwangciso-sikhokelo sokuqhakamshelwa kombane osuka kumaziko ophehlo-mbane ahlukeneyo, ukuphucula umsebenzi ka-Transnet, ukuvunywa nge-intanethi kwe-visa yokundwendwela.
1.2.3 Isicwangciso somsebenzi sezinto eziza kukhokeliswa phambili samanyathelo alandelayo sele samkelwe kwaye amaqela abambiseneyo aza kuyibeka phantsi kweliso indlela oqhuba ngayo umsebenzi kuze kuthathwe amanyathelo rhoqo emva kweenyanga ezintandathu xa kukho ukubambezeleka.
1.3 Isaziso sokungeniswa kwezimvo zokuhlomla kwiNgxowa-mali yezeNguqu
1.3.1 IKhabhinethi iwuqaphele umdla omkhulu kwiNgxowa-mali yezeNguqu kwaye ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba bona buqu kwiinkqubo zovakaliso-zimvo ebezibhengezwe liSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano.
1.3.2 Ukuphunyezwa kweNgxowa-mali yezeNguqu kuza kuzalisekisa izithembiso zethu ezikumgaqo-siseko zokulungisa ukungalingani ngokwezoqoqosho kunye neenguqu njengelinge lokutshintsha imigaqo-nkqubo ecalulayo yexesha lombuso wocalucalulo.
1.3.3 Izimvo zingathunyelwa kwi-DTIC kwaye iinkcukacha zonxibelelwano ziyafumaneka kwiwebhusayithi yabo ethi: www.dtic.gov.za.
1.4 Uphando lweKota lwezaBasebenzi
1.4.1 IKhabhinethi iluqaphele uPhando lweKota lwezaBasebenzi lweZiko leeNkcukacha-mani loMzantsi Afrika (i-Stats SA), olubonisa ukunyuka kwezinga lentswela-ngqesho laya kutsho ku-32.9% kwikota yokuqala yowama-2025 lisuka ku-31.9% kwikota yokugqibela yalo nyaka uphelileyo.
1.4.2 Amacandelo amahlanu kwali-10 ebephandwa yi-Stats SA abonakalise ukunyuka kwezinga lengqesho, ingakumbi icandelo lezothutho nelezezimali. Noko kunjalo imisebenzi iyaphela kwicandelo lezorhwebo nelezokwakha.
1.4.3 IKhabhinethi isazimisele ukuqhuba uhlumo loqoqosho oludala uqoqosho.
1.5 UMzantsi Afrika: Ilizwe elizithandayo
1.5.1 UMzantsi Afrika ubekwe kwindawo yesixhenxe njengelona lizwe linqweneleka kakhulu kwihlabathi kwi-2024 Wanderlust Reader Travel Awards kwaye iye yawongwa ngembasa yegolide kwicandelo lezilwanyana zasendle nelendalo.
1.5.2 UMzantsi Afrika ukwafumene imbasa yokuba lelona lizwe linobubele kwihlabathi kwi-Big 5 Personality Test yakwaRemitly, into leyo ebonakalisa isisa nemfobe yabemi boMzantsi Afrika saze sona isiXeko saseKapa sabekwa kwindawo yesihlanu kwizixeko ezizezona zithandwa kakhulu kwihlabathi.
2. EzeHlabathi
2.1 Utyelelo lwasebuRhulumenteni oluye e-Côte d’Ivoire
2.1.1 IKhabhinethi ilwamkele utyelelo lwasebuRhulumenteni obelwenziwe nguMongameli lusiya e-Côte d’Ivoire, obelubanjwe ngaxeshanye kunye neNgqungquthela yee-CEO zase-Afrika yesihlandlo se-12 yona ebibanjwe ngomhla we-12 nowe-13 kuCanzibe 2025, lokuqinisa ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini. UMongameli Ramaphosa ubambe intlanganiso kunye noHloniphekileyo uMnu Alassane Ouattara, uMongameli weRiphabhlikhi yase-Côte d’Ivoire apho bekuxoxwa ngemiba ebalulekileyo kula mazwe mabini nalapho athe la mazwe avumelana ngokwenza ngqingqwa ubudlelwane phakathi kwawo kunye nokonyusa umthamo worhwebo phakathi kwawo.
2.2 I-G20
2.2.1 UMzantsi Afrika uyaqhubeleka nokubamba uthotho lweentlanganiso ezikwizinga eliphezulu zeqela le-G20 ukulungiselela iNgqungquthela ye-G20 engeyeNkanga 2025, phantsi komxholo othi: “UBambiswano, uLingwano noZinzo” Ezi ntlanganiso zilandelayo sele zibanjiwe ngale nyanga kaCanzibe:
2.2.1.1.1 INkomfa ye-G20 yokuQukwa ngokweziMali kunye nokuXhotyiswa kwamaNina ngomhla wesi-6 ukuya kowesi-9 kuCanzibe 2025 eMntla Ntshona, ethe yalinga ukuzama ukuba kungeniswe kwimigaqo-nkqubo yangomso isiCwangciso-siKhokelo sokuba kuGxininiswe nakwiZinto eziPhambili kumaNina, kuqinisekiswe ukuba umba wokuxhotyiswa kwamanina ngezimali ubalulekile kwiinguqu zezoqoqosho nezenzeka kumaqumrhu ehlabathi,
2.2.1.1.2 Iseshoni yeQela le-G20 lesiBini eliJongene nezeNkcubeko ebibanjwe ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-6 kuCanzibe 2025 e-Gauteng yona egwadle iindlela zokulukuhla imigaqo-nkqubo yezenkcubeko yehlabathi ezichaphazela kakhulu intlalo nenkcubeko. Ibigxile ekuqinisekiseni ukuba izinto ezikhokeliswa phambili ziyahambelana no-Ajenda 2063, iiNjongo ze-UN zoPhuhliso oluZinzileyo kunye nokukhusela ilifa lemveli njengelungelo loluntu.
2.2.1.1.3 INtlangangiso yesiThathu yeQela eliJongene nezeMpilo ebibanjwe ngonxibelelwano lwe-intanethi ngomhla wesi-8 nowesi-9 kuCanzibe 2025, ibigxile kubasebenzi becandelo lezempilo, ezimi ngabo iinkqubo zezempilo kwaye ikwangumsebenzi wabo ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyazifumana iinkonzo zezempilo, iinkonzo zezempilo ziyafumaneka, ulingwano kunye nohlumo oluquka wonke umntu.
2.2.1.1.4 INtlanganiso yesiBini yeQela eliJongene nezoKhenketho ebibanjwe ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-13 kuCanzibe 2025 kwiphondo laKwaZulu-Natal igwadle ngezinto zokhenketho ezikhokeliswe phambili yi-G20 eziza kuqhuba uhlumo kwezokhenketho kunye nokuqulunqwa kwesiCwangciso esiSebenzayo sezoKhenketho se-G20.
2.2.1.1.5 Intlanganiso yesiBini yeQela 1: UHlumo oluQuka Wonke, ukwaKhiwa kweMizi-Mveliso, iNgqesho, kunye nokuPhungulwa kokungaLingani ibibanjwe ngonxibelelwano lwe-intanethi ukususela ngomhla we-14 ukuya kowe-15 kuCanzibe 2025.
2.3 Ukuvavanywa kweembacu zase-US
2.3.1 Isigqibo se-United States sokunika ilungelo lobumbacu kwiqela lama-Afrikaner oMzantsi Afrika asisekelwanga ebunyanini, njengoko eli qela lingezozimbacu ngokwale ndlela zichazwa ngayo iimbacu kwisiVumelwano seeMbacu sowe-1951 kunye nesinye isiVumelwano sowe-1967.
2.3.2 IKhabhinethi iphinde yazikhanyela nezityholo zokuba kukho ukucalulwa nokuba ezi zityholo azikho kwezo zokutshutshiswa zibekwe phantsi kwemithetho yezembacu yalapha ekhaya kunye neyehlabathi.
2.3.3 Ukongeza, iinkcukacha-manani zoMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ezinxulumene nolwaphulo-mthetho olwenzeka ezifama azibonisi bungqina bokuba kukho ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela okanye amalinge okutshabalalisa amafama okanye uhlanga oluthile.
2.3.4 IKhabhinethi iyaluphikisa uluvo lwe-USA kwaye isafuna ukubamba iingxoxo ezinzulu apho iza kuthi icacise le miba ngokugcweleyo.
2.4 Ukurhoxiswa kwe-SANDF empuma ye-DRC
2.4.1 IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nokurhoxiswa ngezigaba koMbutho weSizwe wezoKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) empuma ye-Democratic Republic of the Congo (DRC), emva kokuba i-South African Development Community Mission in the Democratic Republic of the Congo (i-SAMIDRC) ithathe isigqibo sokurhoxa e-DRC. Esi sigqibo silandela iindibano ezinzulu zokufakana imilomo kunye namaphulo e-AU/SADC/EAC ukukhuthaza ukuba abemi base-DRC basombulule iingxaki zabo.
2.4.2 IKhabhinethi iwaqhwabela izandla amajoni e-SANDF ngendlela abonakalise ukuzimisela ngayo apho asebenze ngentlonipho, ibhongo nokuzimisela ekuncediseni kwiinjongo ze-AU Agenda zokuphelisa iimfazwe bekwenza oku phantsi kweemeko ezinzima kakhulu.
3. EzoLawulo
3.1 IsiCwangciso seeNguqu kwezobuChwepheshe bale mihla sikaRhulumente woMzantsi Afrika
3.1.1 IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kwesiCwangciso seeNguqu kwezobuChwepheshe sikaRhulumente woMzantsi Afrika esiyinxalenye yezicwangciso zikarhulumente zokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo nokukhwezela uhlumo loqoqosho ngokusebenzisa utyalo-mali kwiintlobo ezintsha zobuchwepheshe bale mihla.
3.1.2 Esi sicwangciso, siyinxalenye yesiGaba II se-OV, sicacise indlela ekuza kuhanjiswa ngayo iinkonzo zikaRhulumente kusetyenziswa ubuchwepheshe bale mihla ngokuthi kutyalwe imali kwiziseko zikarhulumente zobuchwepheshe bale mihla.
4. EzoBulungisa, ukuThintelwa koLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko
4.1 Ikhomishini yoPhando eKhokelwa yiJaji eza kuphanda amatyala e-TRC
4.1.1 IKhabhinethi ikwamkele ukusekwa kweKhomishini yoPhando eKhokelwa yiJaji eza kuphanda ngokuba ayekho ngenene na amalinge okuzama ukuthintela uphando okanye utshutshiso lolwaphulo-mthetho lwexesha lombuso wocalu-calulo ayethunyelwe kwiGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) yiKhomishini yeNyaniso noXolwelwaniso (i-TRC). Ukusekwa kwale Khomishini yoPhando kwenzeke ngenxa yeengxoxo ekuvunyelenwe ngazo kwisicelo ebesifakwe enkundleni zintsapho zamaxhoba olwaphulo-mthetho lwexesha lombuso wocalu-calulo.
4.1.2 Ngale Khomishini, uMongameli Ramaphosa uzimisele ukuba inyani ivele elubala futhi nalo mba uqukunjelwe kude kwahlukwane nawo.
4.2 ULwaphulo-mthetho
4.2.1 IKhabhinethi iwaqhwabela izandla amaphulo e-SAPS ebeneenjongo zokuthintela nokulwa ulwaphulo-mthetho olunxulumene ne-GBVF aze akhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa abangama-224 ababekwa izityholo zokudlwengula kunye nabanye abarhanelwa abahlanu ababanjelwe ukuzama ukudlwengula. Phakathi kwabo babanjwe ngenxa yezityholo zokudlwengula ukususela ngomhla wesi-5 kuCanzibe ukuya kowe-11 kuCanzibe 2025 bekukho, umqeqeshi we-SAPS, iNkosi esuka kwiphondo laKwaZulu-Natal kunye nenkwenkwana eneminyaka eli-15 yaseMpumalanga.
4.2.2 Ukongeza, abarhanelwa abali-148 babanjelwe ukuzama ukubulala, abarhanelwa abangama-256 babanjelwe ukuthengisa iziyobisi, abarhanelwa abangama-2 841 babanjelwe ukuba neziyobisi baze abangama-86 babanjelwe ukuqweqwedisa izithuthi zaze iimoto ezibiweyo zabhaqwa. Ukongeza, iziqhushumbisi ezingama-74 ezisetyenziswa kakhulu ukomba imigodi ngokungekho mthethweni nakwimikhuba yokuqweqwedisa iimoto zemali ziye zathinjwa ngamapolisa aseMntla Ntshona. I-SAPS iyaqhuba nokwenza ngqingqwa amaphulo wayo okuzingela imipu engekho mthethweni nokuqinisekisa ukuba uluntu lukhuselekile. Iveki neveki, i-SAPS ithimba imipu engaphezulu kwe-100 kulo lonke eli lizwe.
4.3 Idabi lokulwa i-GBVF
4.3.1 IKhabhinethi isiqaphele isigqibo se-NPA sokubhena isigwebo sokukhutshwa kuka-Timoty Omotoso kunye nababini ebetyholwa nabo liCandelo leNkundla ePhakamileyo laseMpuma Koloni eseGqeberha.
4.3.2 IKhabhinethi iyivumile inkqubo yeNtlanganisela ye-JCPS yeentsuku ezingama-90 zokwenza ngqingqwa iphulo lokulwa i-GBVF. Eli nyathelo lokungenelela lesithutyana esifutshane lenzelwe ukunika ulwamvila kwisiCwangiso seSizwe esiQiqisiweyo se-GBVG. Esi sicwangciso sineendawo ezili-19 esigxila kuzo kunye nezinto ezicacileyo ekuza kujoliswa kuzo ekufuneka zenziwe kwezi ntsuku zingama-90 ngeenjongo zokulwa le ngxaki yokunyuka kwamanani eziganeko ze-GBVF kweli lizwe.
4.3.3 I-NatJoints iseke iKomiti eNgxamisekileyo enamaqela asibhozo. Le komiti ingxamisekileyo ichonge amanyathelo okungenelela angxamisekileyo amathandathu ekufuneka ephunyeziwe kwezi ntsuku zingama-90, aquka:
(a) Ukuthintela: ukugxininsa ekufundiseni nasekusasazeni ulwazi ngendlela zokutshintsha iindlela yokuziphatha kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.
(b) Ukunyanzelisa ukuthotyelwa komthetho, inkathalelo kunye nenkxaso ekufuneka iqinisekise ukuba inkqubo yobulungisa bokulwa ulwaphulo-mthetho inolwamvila ukuze abenzi bobubi baziswe ngaphambili.
(c) Ukulungiswa kwesiCwangciso-sikhokelo sezoMthetho nemiThetho eLawulayo ukuze sikwazi ukufumana iziphumo ezingcono.
(d) Ukuphucula indlela eziqokelelwa zize zigcinwe ngayo iiNkcukacha kunye noLwazi kwiNkqubo yezoBulungisa eHlangeneyo.
(e) Unxibelelwano, izivumelwano zentsebenziswano kunye nokukhuthaza uluntu luthathe inxaxheba ukuqinisekisa ukuba urhulumente wonke, imibutho yoluntu kunye noluntu bayasebenzisana ukuze idabi lokulwa isihelegu se-GBVF libe neziphumo ezihle.
(f) Ukusebenzisa abasebenzi kunye nemali ngobunono ukuqinisekisa ukuba siyakwazi ukulwa esi sihelegu se-GBVF.
B. Eza kutsha nje eziya kwiKhabhinethi
1. Ukunikezelwa kwamanzi acocekileyo e-Hammanskraal
1.1. IKhabhinethi ifumene iingxelo ngeza kutsha malunga namalinge aqhubayo okungenela ukuqinisekisa ukuba abantu base-Hammanskraal bafumana amanzi okusela acocekileyo.
1.2. ISebe lezaManzi noGutyulo lityumbe i-Magalies Water ukuba yakhe iZiko lokuCoca Amanzi ukulungisa ezi ngxaki zamanzi kummandla wase-Hammanskraal.
1.3. Eli Ziko lokuCoca Amanzi lizakwakhiwa libe ngamacandelo amane, icandelo lokuqala lagqitywa ngeyeNkanga 2024 kwaye liqalisile ukuthumela amanzi kwiindawo ezithile.
1.4. Iinjongo kukugqibezela la macandelo ashiyekileyo ekupheleni kwenyanga yeThupha 2025 kodwa imihla yokugqiba amanye amacandelo iza kwahluka.
2. Amanyathelo okungenelela ukulungisa iingxaki zamanzi kuMasipala weNgingqi wase-Emfuleni
2.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe kumalinge okuzalisekisa amanyathelo okungenelala eCandelo 63 loMthetho weeNkonzo zaManzi kuMasipala weNgingqi wase-Emfuleni. Kukho iingxaki ezinethuba ziqhuba zokuchitheka kwelindle ezitalatweni Emfuleni.
2.2. ISebe lezaManzi noGutyulo liceba ukuchitha imali engaphezulu kweebhiliyoni ezisixhenxe zeerandi kule minyaka isixhenxe izayo ukulungisa ezi ngxaki zamanzi eMfuleni kuquka nokuphucula kunye nokulungisa amaziko okucocwa kwamanzi.
2.3. Mkhulu umsebenzi osele wenziwe ukuza kuthi ga ngoku, kuquka ukuvula imibhobho yelindle evalekileyo, ukutshintshwa kwemibhobho yamanzi eyonakeleyo, ukuvuselelwa kweempompo ezinkulu zokumpompa amanzi kunye nokuncedisa umasipala ngezithuthi, iiloli, ii-TLB kunye noonogada bokugada iziseko ezingundoqo zezamanzi nogutyulo.
2.4. Lo msebenzi ukhokelele ekuphungukeni kwengxaki yokuchitheka kwelindle ezitalatweni zaseMfuleni kunye nokunyuka komthamo wamanzi avela kumaziko okucoca amanzi.
C. Izigqibo zeKhabhinethi
1. UMgaqo-nkqubo oseluYilo weSizwe wezobuPolisa (i-NPP)
1.1. IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo weSizwe oseluYilo, onika ingcaciso ngezicwangciso ezibanzi zikarhulumente zokulungisa iindawo aqhwalela kuzo amagunya e-SAPS kumalinge okulwa ulwaphulo-mthetho. I-NPP iza kulungisa iingxaki zokunqongophala kwezikhululo zamapolisa ezifanelekileyo, imiba yezakhono kunye nokuqinisekisa ukuba iziseko ezingundoqo zihambelana nemigangatho efanelekileyo.
1.2. Izindululo ezingundoqo zalo mgaqo-nkqubo ziquka ukwakha inkonzo enamalungu aqeqeshiweyo asemgangathweni, akwazi ukubonelela ngeenkonzo zobupolisa ezisebenzayo nezenza umahluko, ukuphucula izinga lokuthembana phakathi koluntu namapolisa, kunye nokwakha iqela leenkokeli, abalawuli kunye nolawulo oluzinzileyo noluthembekileyo kwi-SAPS.
2. UMgaqo-nkqubo oBanzi wezoPhapho loLuntu
2.1. IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo wezoPhapho loLuntu oseluyilo ukuba upapashwe ukuze abantu bahlomle.
2.2. Lo mgaqo-nkqubo ukhuthaza ukumiselwa kwecandelo lezophapho eliluncedo nelisebenayo, eliza kukwazi ukukhuphisana kwicandelo lezophapho lehlabathi elitshintsha ngokukhawuleza. Lo mgaqo-nkqubo unamanyathelo eendlela zokuphucula ukhuseleko nokhuselo, kwiinkonzo zokuphapha, kwiziseko ezingundoqo zezikhululo zeenqwelo-moya kunye nomgangtho weenkonzo zophapho, phakathi kwezinye izinto ngelithuba unegalelo kuhlumo loqoqosho.
3. IsiCwangciso-qhinga seziMbiwa eziNqabileyo zoMzantsi Afrika
3.1. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga seziMbiwa eziNqabileyo zoMzantsi Afrika. Esi sicwangciso-qhinga sineenjongo zokunyusa amathuba okuphumelela kweli lizwe kurhwebo lwehlabathi ngezimbiwa ezinqabileyo, ingakumbi ezo zibalulekileyo kwizicwangciso zethu zokutshintshela kumbane ongenabungozi kokusingqongileyo ngendlela engasikudlela ndlala kunye nezo zifumaneka kakhulu apha kweli lizwe. Ezi zimbiwa ziquka ii-PGM, i-lithium, i-cobalt kunye nezinye ezinqabe kakhulu nezibalulekileyo kubuchwepheshe obusetyenziswa xa kusenziwa iimoto ezihamba ngombane, umbane ohlaziyekayo kunye namanye amaphulo angenabungozi kokusingqongileyo.
3.2. Esi sicwangciso-qhinga siza kugxila kumba wokuzingela izimbiwa kunye nokuxhamlisa ngazo; utyalo-mali; ukusetyenziswa kweenkonzo zeemveliso zalapha ekhaya; ukuqulunqwa kwemithetho ehambelana kanye nala macandelo, ukukhuthaza ubuchule bokuyila kubuchwepheshe bale mihla bezemigodi ukuphucula izakhono zabasebenzi; ukuphucula ezothutho kunye nokuhanjiswa kwemithwalo, kunye nezibonelelo eziya kubatyali-zimali.
3.3. Esi sicwangciso-qhinga siyakuqonda nokubaluleka kokusebenzisana namanye amazwe ukuze kuphuculwe icandelo lezimbiwa ezinqabileyo zoMzantsi Afrika.
D. ImiThetho eYilwayo
1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho Gabalala (uSapho) wowama-2025
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho Gabalala (uSapho) wowama-2025. Ezi zilungiso zifuna ukutyebisa amasolotya enza imithetho yeentsapho ihambelane nomgaqo-siseko kwaye ukwaphakamisa nezihlomelo ekufuneka zenziwe kuMthetho woQhawulo-mtshato, wowe-1979 (uMthetho 70 wowe-1979); uMthetho weeMpahla zoMtshato, wowe-1984 (uMthetho 84 wowe-1984) kunye noMthetho woLamlo kwiMiba eThile yoQhawula-mtshato, wowe-1987 (uMthetho 24 wowe-1987).
1.2. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukukhusela amalungelo akumgaqo-siseko wabo batyikitye uhlobo lomtshato oluthi ‘eyakho yeyakho, eyam yeyam’. Ingakumbi amalungelo amanina, ulingwano, ukukwazi ukuya ezinkundleni kunye namalungelo abantwana.
2. UMthetho oYilwayo wokuBuyiswa ngeNkani kweLinye iLizwe
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo wokuBuyiswa ngeNkani kweLinye iLizwe ukuba uphicothwe.
2.2. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukwenza izilungiso kulo Mthetho wokuBuyiswa ngeNkani kweLinye iLizwe, wowe-1962 (uMthetho 67 wowe-1962) ukhoyo sele udlulelwe lixesha. Lo Mthetho ukhoyo awuhambelani noMgaqo-siseko woMzantsi Afrika wowe-1996, iinkqubo esele zilandelwa kule mihla zokubuyiswa ngenkani komntu kwelinye ilizwe kwaye awuziquki zonke iinkqubo ezilandelwayo kwihlabathi.
2.3. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukutyebisa imithetho elandelwayo xa kubuyiswa ngenkani abantu abatyholwayo okanye abanetyala lokwaphula umthetho besiza okanye besuka eMzantsi Afrika, kumazwe angaphandle nakumaqumrhu ehlabathi. Ucacisa indima yoomantyi kumatyala okubuyiswa ngenkani kwelinye ilizwe kwaye ukwanika nengcaciso ngendlela yokukhupha umyalelo wethutyana wokubamba, ukuzinikela komntu ngokwakhe ofunwa ngamaqumrhu ehlabathi ngenxa yamatyala ehlabathi afana nokutshabalalisa isizwe okanye uhlanga oluthile, amatyala anxulumene neemfazwe kunye namatyala okungcungcuthekisa iqela labantu.
3. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weNtsebenziswano kwiHlabathi ngeMiba yoLwaphulo-mthetho, wowama-2025
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weNtsebenziswano kwiHlabathi ngeMiba yoLwaphulo-mthetho.
3.2. Injongo yalo Mthetho uYilwayo kukwenza izilungiso kuMthetho weNtsebenziswano kwiHlabathi kwiMiba yoLwaphulo-mthetho (uMthetho 75 wowe-1996) ngeenjongo zokuphucula indlela okusebenza kunye nokuluncedo ngayo ukusebenzisana kwamazwe ehlabathi kwezomthetho kwimiba enxulumene nolwaphulo-mthetho.
3.3. Lo Mthetho uYilwayo uza kwenza ngqingqwa iinkqubo neendlela zokusebenzisana kwehlabathi kwimiba yezolwaphulo-mthetho efana nokuqokelelwa kobungqina nokuwiswa kwezigwebo phakatih koMzantsi Afrika namanye amazwe ehlabathi. Lo Mthetho uYilwayo uza kulungisa neminye imiba enxulumene nokubuyiselwa ngenkani komntu okwelinye ilizwe kunye nokuthinjwa nokukhutshelwa kwemali efunyenwe ngokwaphula umthetho.
4. UMthetho oYilwayo wokuPhuhliswa kobuTyebi beziMbiwa wowama-2025
4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wokuPhuhliswa kobuTyebi beziMbiwa wowama-2025 ukuze uluntu luhlomle kuwo.
4.2. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukwenza abatyali-zimali balithembe nangakumbi eli lizwe ngokuthi kuguzulwe ubucukubhede obugqithisileyo obufunwa ngabasemagunyeni kunye nokuqinisekisa ukuba kukho imithetho ecacileyo elawula elicandelo nokunye nokubizela kuze kugcinwe utyalo-mali kweli lizwe.
4.3. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukuvala izikhewu kule mithetho ikhoyo, ukwenza lula iinkqubo zokukhutshwa kweelayisenisi, ukuqinisekisa ukuba yabiwa ngokufanelekileyo ingeniso eyenziwa kwizimbiwa, ukukhuthaza ukusetyenzwa kwezimbiwa apha ekhaya nokuphuhliswa kwemizi-mveliso ngokuqinisekisa ukuba izimbiwa ezingekasetyenziswa zisetyenzwe, zilungiswe zide zibe zimveliso ezikwizinga eliphezulu apha ngaphakathi eMzantsi Afrika.
4.4. Lo Mthetho uYilwayo uza nenkqubo entsha yokukhutshwa kweelayisenisi zeenkampani ezincinci ezemba izimbiwa, ngolo hlobo kufakwe isandla kumaphulo okukhwezela uhlumo loqoqosho. Ukongeza, ezi zilungiso zizama ukwenza ibe nolwamvila imithetho yokulwa izinto ezingekho mthethweni ngeli thuba ziqinisekisa ukuba kukho imigqaliselo kunye nezinye izixhobo ezinxamnye nokwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni.
E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. Gq Mlungisi Bhekizizwe Gabriel Cele njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe lezobuNzulwazi, ubuChwepheshe nokuYila.
2. Gq Sabelo Siyabonga Sandile Buthelezi njenge-DG yeSebe lezeMpilo (ukwandisa kwesivumelwano sengqesho).
3. Mnu Takalani Lucky Ramaru njengeSekela-Mlawuli-Jikelele: ezokuBeka iLiso koLuntu kunye neeNtlobo zeNtsebenziswano eziBalulekileyo kwiSebe likaKhala wezamaPolisa
4. Mnu Patrick Dlamini njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO kwi-Public Investment Corporation.
5. Mnu Mokgema Mongane njenge-CEO ye-Inkomati-Usuthu Catchment Management Agency.
6. Mnu Ofentse Nthutang njenge-CEO ye-Magalies Water.
7. Ukuqeshwa kwabantu ukuze kuvalwe izithuba zabalawuli abangeyonxalenye yesigqeba solawulo kwiBhodi ye-Development Bank of Southern Africa:
(a) Mnu Malemolla David Makhura; kunye
(b) noNks Lynette Milne.
F. Imisitho ezayo
1. IiNkomfa ezizayo
1.1 Ukusingatha iNkomfa yeNgigqi yase-Afrika yama-27 yoMbutho weHlabathi wamaPolisa oLwaphulo-mthetho (i-INTERPOL)
a) IKhabhinethi ivumile ukuba i-SAPS isingathe iNkomfa yeNgingqi yase-Afrika yama-27 ye-INTERPOL ukususela ngomhla wama-27 ukuya kowama-29 kweyeThupha 2025.
b) I-INTERPOL ngoku inamazwe angamalungu wayo angama-196 kwaye ukusingatha iNkomfa yeNgingqi yase-Afrika kuza kunceda uMzantsi Afrika wakhe ubudlelwane obushushu kunye nezinye ii-arhente zogcino-mthetho kweli lizwekazi.
c) Ukusingatha le nkomfa kunika uMzantsi Afrika ithuba lokungqubanisa iintloko namanye amazwe ase-Afrika ngemiba ebalulekileyo equka ulwaphulo-mthetho. Ezi ndibano zokubonisana zinganakho nokuba zizale ukutyikitywa kwesivumelwano ngendlela le ngingqi eza kuzilwa ngayo ezi ntlobo zolwaphulo-mthetho zinobungozi zikhulayo kunye nobunqolobi obunganqandwa mida. Izikhulu eziphezulu zogcino-thetho ezimalunga nama-550 ezivela kumazwe angama-54 kulindeleke ukuba zizimase lo msitho kwaye oku kuza kuba negalelo kuqoqosho.
1.2 Ukusingatha iNdibano-Jikelele yoNyaka (i-AGA) yama-96 ye-INTERPOL eMzantsi Afrika
a) IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kwe-INTERPOL AGA eMzantsi Afrika ukususela ngowama-2028 ukuya phambili.
b) Ukusingatha i-INTERPOL AGA kuza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuzibonakalisa ukuba ulilizwe eliphambili apha kule ngingqi nakwihlabathi. Ukongeza, ukusingatha i-AGA kuza kuba linyathelo elikhulu lokubonakalisa ukuzibophelela koMzantsi Afrika kumba wentsebenziswano kule ngingqi nakwihlabathi kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho.
c) Ukusingatha i-AGA bubungqina obubonakalisa ukuzibophelela kweli lizwe ukuba likwinqanaba lehlabathi ngokwamalinge okulwa zonke iintlobo zolwaphulo-mthetho.
1.3 Imeko yamalungiselelo eNdibano yoMzantsi Afrika yoPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo eziZinzileyo (i-SIDSSA) yowama-2025
a) IKhabhinethi inikwe ingxelo ngendlela aqhuba ngayo amalungiselo okubamba i-SIDSSA, eyingqungquthela yotyalo-mali kwiziseko ezingundoqo eza kudibanisa amahlakani ahlukeneyo aquka abatyali-zimali, amaziko ezimali, abaqulunqi bemigaqo-nkqubo kunye namanye amahlakani abalulekileyo aphambili kumaphulo okuphuhlisa iziseko ezingundoqo.
b) I-SIDDSA yowama-2025 iza kubonisa umsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa kwesiCwangciso seSizwe seziSeko ezinguNdoqo sowama-2050, sibhengeze iiProjekthi eziPhambili zesiSeko ezinguNdoqo ezili-12 kunye nezinye iiprojekthi zesiseko ezingundoqo eziliqela. I-SIDSSA iza kubanjwa ukususela kumhla wama-25 ukuya kowama-27 kuCanzibe 2025.
2. IiNkomfa ebeziSingathiwe
2.1 INkomfa yase-Afrika yezooLoliwe
2.1.1 UMzantsi Afrika ubusingathe ngempumelelo iNkomfa yase-Afrika yezooLoliwe yama-25 eRhawutini ngomhla we-13 nowe-14 kuCanzibe, ibizinyaswe ngabathunywa abangaphezulu kuma-5 000 abaphuma mbombo zone zeli lizwekazi, kuquka iinkampani zoololiwe, oorhulumente kunye nabatyali-zimali beli candelo.
2.1.2 IKhabhinethi iyazamkela iindibano neengxoxo zokuphucula icandelo loololiwe le-Afrika, elilelona libalulekileyo kumba wokuthuthwa kwabantu nempahla, kwakunye nakuhlumo loqoqosho ngokwenza kube lula ukuhambisa iimpahla kunye neemveliso ezingekasetyenzwa okanye zicolwe.
2.1.3 Icandelo lezoololiwe loMzantsi Afrika lenza iinguqu ezininzi ezijolise ekulenzeni lisebenze ngobunono futhi likwazi ukumelana nokhuphiswano.
2.2 INkomfa yeNgigqi yaMazwe ayesaya kuba ngamaThanga yeeNtloko zamaQumrhu okuLwa uRhwaphilizo
2.2.1 UMzantsi Afrika usingathe ngempumelelo iNkomfa yeNgingqi yaMazwe ayasaya kuba ngamaThanga yeeNtloko zamaQumrhu okuLwa uRhwaphilizo ye-15 eKapa phakathi komhla wesi-5 nowesi-9 kuCanzibe 2025. Le nkomfa ibizinyaswe ziintloko zee-arhente zokulwa urhwaphilizo eziphuma kuwo onke aMazwe ase-Afrika ayesakuba ngamaThanga.
2.2.2 UMzantsi Afrika uye wonyulwa njengosihlalo woMbutho weeNtloko zee-Arhente zokuLwa uLwaphulo-mthetho kuMazwe ayesakuba ngamaThanga e-Afrika ukususela ngowama-2025 ukuya kowama-2026. Esi sikhundla sokuba ngusihlalo senzeke ngaxeshanye nesi sokuba ngusihlalo weqela elilwa urhwaphilizo le-G20.
3. Izikhumbuzo
3.1 INyanga ye-Afrika
UMzantsi Afrika njengeli lizwekazi nawo ubhiyozela iNyanga ye-Afrika ngoCanzibe 2025, apho uza kugxilwa kakhulu kuSuku lwe-Afrika olungomhla wama-25 kuCanzibe 2025. Oku kuza kunika ithuba lokuba sizalisekise iphupha le-Afrika ebumbeneyo kunye nokukhuthaza amazwe ase-Afrika ukuba asebenzisane ukuze aphucule ubomi babantu bakuthi ngokwale ndlela kucaciswe ngayo kwimibono ye-Ajenda 2063 yeMbumba ye-Afrika emalunga nokuphucula imeko yezoqoqosho yeli lizwekazi lase-Afrika.
3.2 INyanga yokuKhusela Abantwana
a) UMzantsi Afrika uza kuphawula iNyanga yokuKhusela Abantwana phantsi komxholo othi: “Sibambisene silwa ubundlobongela obenziwa ebantwaneni” njengenxalenye yeNkqubo yokuSebenza yeeNtsuku ezingama-365 yokuKhusela Abantwana. Le nyanga iza kuvalwa ngeVeki yokuKhuselwa kwaBantwana eza kubanjwa ukususela ngomhla wama-29 kuCanzibe ukuya kowesi-2 kweyeSilimela 2025.
b) Bonke abantu, abazali, abagcini-bantwana kunye nootitshala bayacelwa ukuba baxele kwizikhululo zamapolisa ezikufutshane zonke iintlobo zokuxhaphaza, ezobundlobongela kunye nenkohlakalo eyenziwa ebantwaneni okanye batsalele kwa-08600 10111. Abantwana nabo bayakhuthazwa ukuba batsalele kwa-0800 055 555.
3.3 USuku lweHlabathi lwaBantwana abangamaKhwenkwe
a) UMzantsi Afrika uza kuphawula uSuku lweHlabathi lwaBantwana abangamaKhwenkwe ngomhla we-16 kuCanzibe 2025 phantsi komxholo othi: “Impilo noBomi bamaKhenkwe” apho kuza kucaciswa amanqanaba okukhula kwamakhwenkwe ngokomzimba, ngokomoya ngokwengqondo nangokwasekuhlaleni.
b) ISebe leMfundo esisiSeko liza kudibanisa izizukulwana ezithathu zabantu abangamadoda ukuze kubanjwe iingxoxo ezakhayo phantsi komxholo othi: “Iingwevu, Abafana namaKhwenkwe” ukuze kuxoxwe ngamacebo akhayo okuxhasa impilo yamakhwenkwe ngeli thuba kuqokelelwa izixhobo eziluncedo zokuba kungenelelwe rhoqo xa kukho iingxaki.
4 Imiyalezo
1. Imiyalezo yovelwano
IKhabhinethi ithumela imiyalezo yovelwano kwiintsapho nezihlobo
- Zika-Constable Cebekhulu Linda (obeneminyaka engama-24), Constable Boipelo Senoge (obeneminyaka engama-24), no-Constable Keamogetswe Buys (obeneminyaka engama-30) abasweleke kabuhlungu emlanjeni i-Hennops. Imizimba yabo ifunyenwe kulo mlambo ikunye noka-Jan Zwane, umgcini-mabala obesebenza kwisiKhululo samaPolisa sase-Lyttleton kunye nomnye umntu ongekaziwa ngokwangoku. Sithi tutwini nakusapho luka-Jan Mzwane.
- Lwentatheli u-Aserie Ndlovu kunye neqabane lakhe uZodwa Mdhluli abathe bafunywana emva kokukhangelwa ixesha elide ukususela ngenyanga yoMdumba.
- Zabantu abasithoba abasweleke Empangeni, KwaZulu-Natal emva kokutshayisana kweloli kunye nebakkie kwaye ibanqwenelela ukuchacha ngokukhawuleza abo bathe bafumana umonzakalo.
- Luka-Elona Sombulula, umtshutshisi weNkundla yeNqila oselula, obesebenza kwiNkundla kaMantyi yaseNgcobo owamkelwa ngowama-2022 kwinkqubo ye-NPA yabo banamaphupha okuba ngabatshutshisi. Abekwabambele njengomtshutshisi weNkundla yeNqila ngethuba ephulukana nobomi ngequbuliso.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle”
- Kwimbaleki yodumo, u-Akani Simbine, ophumele i-100m emva kokubaleka imizuzwana esi-9.98 e-Shanghai-Keqiao Diamond League e-China. USimbine akakashiywa mntu kumbaleko womgama oyi-100 m kulo nyaka.
- Ku-Akani Simbine ebinguye obegqibezela ngethuba uMzantsi Afrika uphumelela kwi-4x100m relay yamadoda apho ebebaleka noBayanda Walaza, Sinesipho Dambile kunye no-Bradley Nkoana. La matyendyana liqela lokuqala lase-Afrika ukuphumela igolide kwi-World Relays e-Guangzhou, eChina futhi babaleke elona xesha lifutshane kwihlabathi kulo nyaka.
- Kwiqela loMzantsi Afrika lamanina kwi-4X400m relay – u-Shirley Nekhubuni, Miranda Coetzee, Precious Molepo, kunye no-Zeney Van Der Walt - ngokuphumelela ibronzi kwi-World Relays e-Guangzhou, e-China ngolo hlobo besophula irekhodi lalapha ekhaya.
- Kwiqela lamadoda loMzantsi Afrika le-4x400m relay – uZakithi Nene, Udeme Okon, Lythe Pillay, kunye noMthi Mthimkhulu – emva kokuphumelela igolide kwi-World Relays e-Guangzhou, e-China kunye nokubaleka elona xesha lifutshane kwihlabathi kulo nyaka.
- Ngokuqhuba kakuhle kangaka, amaqela esizwe erileyi akwazile ukuzibekela indawo kwi-World Athletics Championships eziza kubanjelwe e-Tokyo ekupheleni kwalo nyaka.
- Kwi-Blitzboks ngokuphumelela i-HSBC Sevens World Championship e-Los Angeles.
- Kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika labaneminyaka engaphantsi kwengama-20 ngokufikelela kwimidlalo eyandulela eyamanqam kwi-U20 African Cup of Nations ngolo hlobo lazibekela indawo kwi-U20 World Cup eza kubanjwa ngeyoMsintsi kulo nyaka.
- Kwichule lokwenza iifilimu u-Murena Emmanuel Netshitangani ngokuphumelela i-Best African Film Award kwi-World Film Festival e-Cannes e-France ngefilimu yakhe ethi: Lubunyu.
- IKhabhinethi njengoMongameli Cyril Ramaphosa iyavuyisana no-Cardinal Robert Prevost ngokonyulwa abe nguPapa, u-Pope Leo XIV, aze abe nguPapa wama-267 weCawe yamaKatolika.
- Kwitshantliziyo kunye negqwetha elihlonitshwa jikelele uDuma Nokwe ngokuthweswa sele engasekho njengeGqwetha eliGqibeleyo (i-SC) nguMongameli Cyril Ramaphosa ngenxa yemisebenzi yakhe kunye negalelo elikhulu kwisizwe sakuthi.
Sikhutshwe: LiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Imibuzo: Nksz Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485