Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu umhla we-17 kweyoMsintsi 2025

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    Ezoqoqosho
1.1.    Ezohlumo loqoqosho
1.1.1.    IKhabhinethi izamkele ezi nkcukacha-manani ze-GDP zakutsha nje, ezibonisa ukuba uqoqosho lukhule nge-0.8% kwikota yesibini yowama-2025, linyuka kulaa 0.1% wekota yokuqala.
1.1.2.    Olu hlumo lwe-GDP luyi-0.8% luhambelana kanye nesantya sokukhula esikhoyo kuwo onke amacandelo oqoqosho. Amacandelo asibhozo abonise ukukhula ngekota yesibini, amacandelo abalulekileyo afana nelezemveliso, ezemigodi nelorhwebo nawo abonise uhlumo. Ukunyuka komthamo wemali echithwa ngamakhaya kubonisa ukunyuka kwemivuzo yabantu, oku kuqinisekiswe yingxelo enika emanani  kunye nomyinge wonyuko-maxabiso.
1.1.3.    IKhabhinethi iphinde yasamkela nesigqibo sika-Fitch sokungayitshintshi indawo obekwa kuyo uMzantsi Afrika ngokwendlela obhatala ngayo amatyala exesha elide usebenzisa imali yangaphandle kunye nerandi, yaze yawugcina kwinqanaba elibonisa uzinzo.
1.1.4.    Le ndawo eli lizwe libekwa kuyo ihambelana nendlela ityala likarhulumente elihlelwe ngayo elibalwe ngokwemali yalapha ekhaya, kwaye aza kubhatalwa kudala kunye namaziko angqingqwa nomgaqo-nkqubo wezimali ongenazikroba. Ngokuka-Fitch, umsebenzi oselwe wenziwe ngurhulumente kumalinge okwenza iinguqu phantsi kwesigaba 2 se-Operation Vulindlela esigxininisa ekulungiseni iziseko ezingundoqo ezinxulumene nezixokolelwano (umbane, ukuhanjiswa kwemithwalo, kunye nezamanzi) ayiphungule ingxaki kacimi-cimi wombane kwanqandeka nengxaki yokuhla komthamo wemithwalo ehanjiswayo, into leyo ebenefuthe kwisigqibo sika-Fitch sokwenza uqikelelo lokuba iza kukhula i-GDP.
1.1.5.     Esi sigqibo sika-Fitch sibonisa ukuba abatyali-mali bayavumelana neendlela ezilawulwa ngayo izimali zikarhulumenete kunye nasebenza ngayo amaqumrhu.

1.2.    IPhulo likaMongameli lokuQesha uLutsha
1.2.1.    IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yeKota yeNkqubela yePhulo likaMongameli lokuQesha uLutsha, yesithuba esisuka kwekaTshazimpunzi ukuya kweyeSilimela 2025, ebonise ukuba iyabonakala indima kumalinge okuzamela abantu abatsha boMzantsi Afrika imisebenzi.
1.2.2.    Abantu abatsha abangaphezulu kwezigidi eziyi-5.64 babhalise kwi-National Pathway Management Network (i-NPMN), inani elo lingaphezulu kwelo belilindelwe lizizigidi ezihlanu. Abantu abatsha abangaphezulu kwesigidi esiyi-1.91 bafumane izingxungxo zethutyana, into leyo ebubungqina bokuba amalinge karhulumente aqhubayo okulwa ingxaki yentswela-ngqesho kulutsha enza umahluko. 
1.2.3.    Kule kota nje yodwa, abantu abatsha baxhamle kumathuba angaphezulu kwama-234 000 ebebewafumana ngokusebenzisa i-NPMN. La mathuba aquka ukufumana amava okusebenza, iinkqubo zokuphuhlisa izakhono, kunye nalawo angenisa imali wona axhobisa abantu abatsha ngezakhono ezifuneka emisebenzini. IKhabhinethi ibamba ngazibini kuwo onke amahlakani ngegalelo lawo kwaye ikwaqinisekisa nokuba urhulumente usazibophelele kumba wokulwa ingxaki yentswela-ngqesho kulutsha ngokusebenzisa amanyathelo ayilayo nanokuhlenga-hlengiswa.

2.    EzobuDlelwane baMazwe ngamazwe
2.1.    ISeshoni yama-80 yeNdibano Jikelele yeNtlanganiso eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA 80)
2.1.1.    UMzantsi Afrika uza kuthatha inxaxheba kwiseshoni yama-80 yeNdibano Jikelele yeNtlanganiso eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA 80) eza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Singcono xa sibambisene: iminyaka engama-80 nangaphezulu yoxolo, uphuhliso kunye namalungelo oluntu ukususela ngomhla wama-23 ukuya kowama-29 kweyoMsintsi 2025 e-New York, e-USA. UMongameli Cyril Ramaphosa uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika.
2.1.2.    UMzantsi Afrika uza kusebenzisa eli qonga ukubonisa ukuba usazibophelele ukuba yinxalenye yemibutho yamazwe ehlabathi, amalungelo oluntu kuye wonke umntu, uphuhliso oluzinzileyo njengokokuba iluxanduva lwethu sonke, kunye nokusonjululwa ngoxolo kongquzulwano ingakumbi izixholo-xholo ezikwimpuma ye-DRC, kwii-Sudan zombini nase-Palestine. Ukongeza, uMzantsi Afrika uza kusebenzisa i-UNGA 20 ukutyebisa kabanzi i-Ajenda yoMzantsi Afrika ngoku unguMongameli we-G20. 
2.1.3.    UMongameli uza kubamba iintlanganiso kunye nabanye oogxa bakhe aze abambe iindibano kunye nee-CEO zeenkampani ezinkulu zehlabathi.
2.1.4.    UMphathiswa u-Tau yena sele ekhokele ukuya kugwadla imiba enxulumene nesivumelwano sorhwebo phakathi koMzantsi Afrika ne-US, ngokunjalo noMphathiswa uLamola yena oye kuzimasa iiseshoni ezikhethekileyo ze-UN.
2.1.5.    Abanye abaphathiswa baza kunika ingxelo zabo ngethuba kubanjwe i-UNGA.

3.    EzoBulungisa nokuThintela uLwaphulo-mthetho
3.1.    IKhomishini yoPhando kaMadlanga
3.1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqala kokuhlala kweKhomishini yoPhando eKhokelwa yiJaji emalunga noLwaphulo-mthetho, ukuNgenelela kooSopolitiki kunye noRhwaphilizo kwiNkqubo yezeeNkundla zoLwaphulo-mthetho – eyaziwa ngokuba yiKhomishini kaMadlanga.
3.1.2.    IKhabhinethi imemelela nabani na onolwazi olunokunceda le khomishini ukuba aqhagamshelane nayo ku: madlangacommission@behonest.co.za okanye ku:0800 111 369.

3.2    IKhomishini kaKhampepe
3.2.1    IKhabhinethi ikwamkele ukuqalisa ukuhlala kweKhomishini kaKhampepe engeKhomishini yoXolo noXolelwaniso (i-TRC).
3.2.2    Le Khomishini sele iqalisile ukubamba iintlanganiso nabo bebefake izikhalazo kunye nabamele urhulumente.

4.    EzoLawulo
4.1.    INtlanganiso nabaPhathiswa namaSekela kunye neBhunga lesiGqeba soLawulo sePhondo laseMntla Ntshona
4.1.1.    IKhabhinethi izamkele iziphumo zentlanganiso ebiphakathi kwabaPhathiswa namaSekela kunye neBhunga lesiGqeba soLawulo sePhondo laseMntla Ntshona. Ibiyindibano yesixhenxe le phakathi kwabaphathiswa namasekela kunye namabhunga ezigqeba zolawulo zamaphondo, eneenjongo zokuqinisa intsebenziswano phakathi kwamaqoqo karhulumente ngokuhambelana nezinto ezikhokeliswe phambili ngulo Mbuso wesi-7.
4.1.2.    Le ntlanganiso igxininise umba wokuzibophelela kwakhona ekuphuculeni ukuhanjiswa kweenkonzo kweli phondo. Ibonise ukusebenzisana kakhulu kuwo onke amaqoqo karhulumente kumsebenzi wokuzisa iziseko zophuhliso ezingundoqo ezifana nokuvuselelwa kweendlela, ukufakelwa kwamanzi kunye nokuqinisekisa ukuba ukhona umbane wokuncedisa kumalinge okuphuhlisa iphondo.
4.1.3.    Le ntlanganiso igqibe kwelokuba kusetyenziswane ngamandla norhulumente wephondo laseMntla Ntshona ukuqinisekisa ukuba ziyasonjululwa ezi ngxaki zombethe eli phondo.

B.    IziGqibo zeKhabhinethi
1.    UYilo lweSicwangciso-qhinga seSizwe soShishino
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koYilo lwesiCwangciso-qhinga seSizwe soShishino (i-NES) kunye nesiCwangciso sokuPhumeza ukuze uluntu luhlomle. Esi sicwangciso-qhinga senzelwe ukukhuthaza amashishini abantu abatsha nawabantu ababehlelelekile kwixesha langaphambili ukuba athathe inxaxheba kuqoqosho ngokunikezela ngezibonelela kumashishini asakhasayo nokuqinisekisa ukuba awatshoni amaShishini, amaNcinane, akwindawo ephakathi ngobuNcinci (ii-MSME).
Ukongeza, i-NES yenza iingcebiso ngezinto ezinokwenziwa ukukhuthaza ukuba siziqhelanise nokuziqalela awethu amashishini eMzantsi Afrika ngokuvula iimeko eziza kuba luncedo kwabo bafuna ukuziqalela amashishini, kwakunye nokuzinika inkxaso ii-MSME ukuba zizinze futhi ziqhube kakuhle. Oku kuza kwenzeka ngokuthi kugxininiswe kwiintsika ezingundoqo ezintlanu ezizezi; (i) Ukuphucula imfundo ngezoshishino nokuphuhliswa kwezakhono; (ii) Ukuququzelela ukuba kufundiswane ngobuchwepheshe nobuchule bokuyila; (iii) Ukwenza lula ukufumana inkxaso-mali nabathengi; (vi) Ukuphucula imithetho elawula amashishini; kunye (v) Nokufundisa ngokubaluleka kolwazi kunye nokwakha ubudlelwane nabanye abantu. Lilonke, esi sicwangciso-qhinga senzelwe ukunyusa inani labo bathatha inxaxheba kuqoqosho, ukulungisa ingxaki yabantu abatsha abaninzi abangaphangeliyo ngokubakhuthaza ukuba baziqalele awabo amashishini kunye nokunika ingcaciso kunye nesicwangciso esidibanisa imisebenzi yamanye amasebe aphambili namanye amahlakani abalulekileyo. Ukongeza, esi sicwangciso-qhinga senzelwe ukudibanisa bonke oosomashishini abasakhasayo ukuze baphuhliswe kwezoshishino, kuquka nezindululo zokuba izifundo ngezoshishino zifakwe kwikharityhulam yeSebe leMfundo esisiSeko kunye neSebe leMfundo ePhakamileyo njengezifundo ezinokukhethwa njengekhondo.

C.    ImiThetho eYilwayo
1.    UMthetho oYilwayo weBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho nezaBasebenzi
1.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho oYilwayo weBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho nezaBasebenzi, wowama-2025, upapashwe ukuze uluntu luhlomle.
1.2.    Lo Mthetho uYilwayo usaqulunqwa, uza kuguzula uMthetho we-NEDLAC wowama-1994 kwaye uphakamisa ukuba i-NEDLAC ilungelelaniswe notshintsho olwenzekayo kumgaqo-siseko ukususela ngowe-1994.
1.3.    Lo Mthetho uYilwayo usaqulunqwayo unika uMphathiswa igunya lokuqulunqa imiGaqo engokwamkelwa kunye nomyinge wamalungu ngenkqubo equka ukufakana imilomo kunye nokwamkelwa esidlangalaleni, lo nto yenze le nkqubo yenzele izinto elubala.

D.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo. 
1.    Nks Udisha Chathuri njengoSihlalo weBhodi ye-Patent Examination Board.
2.    Ukwandiswa kwesiVumewano seNgqesho soMlawuli-Jikelele weSebe leMfundo esisiSeko, uMnu Hubert Mathanzima Mweli esinye isithuba seminyaka emihlanu.

3.    Ukuvala izithuba kwiBhodi yeZiko leSizwe soMzantsi Afrika leZityalo eZiphilayo [South African National Biodiversity Institute (i-SANBI) Board].

3.1    Gq Mamphaka Tau (uSihlalo)
3.2    Njing Edward Nesamvuni
3.3    Mnu Eugene Vincent Jooste
3.4    Nks Shamala Naidoo
3.5    Nks Ayanda Ntanda 
3.6    Nks Eva Dorothy Khosa
3.7    Gq Andrew Kirkwood Muir
3.8    Nks Gertrude Bulelwa Koyane
3.9    Adv. Candice Kirsty Slum

4.    Ukuvala izithutha kwiBhodi IBhodi yeePaki zeSizwe yaseMzantsi Afrika (South African National Parks)
a.    Nks Beryl Ferguson (uSihlalo wethutyana)
b.    Mnu Livhuwani Matsila
c.    Nks Hulisani Mushiana
d.    Gq Sibongile Lynette Masuku
e.    Nks Nozipho Rachel Nxele
f.    Mnu Mokgema Mongane
g.    Adv. Catherine Warburton
h.    Mnu Thomas Ignatius Bouwer
i.    Mnu Raymond Maboe
j.    Mnu Ashley Latchu; kunye 
k.    noNks Goitsemang Mathebula                            

E. Imisitho ezayo

1.    UkuWonga abo babengamaBanjwa ezoPolitiko
1.1    ISebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, lisebenzisana ne-Association of Ex-Political Prisoners kunye ne-Robben Island Museum, liza kubamba intlanganiso yokudibanisa abo babengamabanjwa ezopolitiko ngomhla wama-27 kweyoMsintsi eRobben Island.
1.2    Le ndibano yeyokuhlonipha amabanjwa ezopolitiko angaphezulu kwe-1 700 ayevalelwe eRobben Island nakwezinye iintolongo zeli lizwe. Le ntlanganiso iyinxalenye yokulondoloza imbali yomzabalazo wenkululeko kunye nokuzikhumbuza ukuba le nkululeko ixhanyulwa ngabemi boMzantsi Afrika namhlanje yeza kabuhlungu. Amagorha namagorhakazi ancama yonke into esilwela ukuba uMzantsi Afrika ukhululeke.
1.3    Le ndibano iza kuquka namagqala aphuma eNamibia, Lesotho, naseBotswana, into leyo ebonisa ukuba idabi lokulwa inkqubo yobukholoniyali lalisiliwa yi-Afrika esemazantsi iphela.

2.    INkqubo yokuFundisa uLuntu ngezoBulungisa, ukuThintelwa koLwaphulo-mthetho nezoKhuseleko
2.1    INtlanganisela yezoBulungisa, ukuThintela uLwaphulo-mthetho nezoKhuseleko (i-JCPS) iza kubamba iNkqubo yokuFundisa uLuntu ngomhla we-18 kweyoMsintsi 2025, kumabala ezemidlalo e-2010 Mthatha Stadium, eMthatha, eMpuma Koloni, njengenxalenye yesiCwangciso-qhinga esiHlangeneyo sokuThintela uLwaphulo-mthetho nobuNdlobongela (i-ICVPS).
2.2    Eli Phulo lokuFundisa uLuntu lenzelwe ukwakha ubudlelwane obungqingqwa kunye nokukhokelisa phambili izisombululo ezihlala ixesha elide ezikhokelwa luluntu ukuze kwenziwe iindawo ezihlala uluntu zikhuseleke futhi zibe nozinzo, ingakumbi eMthatha, yona ichongwe njengendawo enezinga eliphezulu lolwaphulo-mthetho.

3.    IiNtlanganiso zokuLungiselelo iNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20
3.1    Ezi ntlanganiso zilandelayo zokulungiselela iNgqungquthela ye-G20 bezibanjiwe kwezi veki zimbalwa zidlulileyo:
3.1.1    INtlanganiso yesiThathu yeQela eliJongene nezoKhenketho ibibanjwe ngomhla we-11 kweyoMsintsi 2025 eMpumalanga idibanise zonke izimvo kunye nezinto ekufuneka zenziwe ukulungiselala intlanganiso yabaPhathiswa bezoKhenketho be-G20 engomhla we-12 kweyoMsintsi 2025.
3.1.2    Intlanganiso yabaPhathiswa bezoKhenketho be-G20 ibibanjwe ngomhla we-12 kweyoMsintsi 2025 eMpumalanga ibizinyaswe ngabaPhathiswa bezoKhenketho ukuza kuqukumbela isicwangciso sokusebenza esiza kuqhuba uphuhliso oluzinzileyo lwezokhenketho phakathi kwamazwe angamalungu e-G20.
3.1.3    INtlanganiso yesiThathu yeNtsebenziswano kwiHlabathi maLunga nokuQukwa koMntu Wonke kwezeziMali ibibanjwe ngomhla we-11 ukuya kowe-12 kweyoMsintsi 2025 eNtshona Koloni ngeenjongo zokupheka izisombululo ezibambekayo, ezinobuchule kunye neziquka wonke umntu ukuze kuqinisekiswe ukuba uhlumo luquka wonke umntu, alushiyi mntu ngasemva. 
3.1.4    IsiXeko saseRhawutini kunye nesaseTshwane bezibambe i-Urban 20 Mayoral Summit ukususela ngomhla we-12 ukuya kowe-14 kweyoMsintsi 2025 eRhawutini. Le ngqungquthela ibizinyaswe ngoosodolophu bezixeko ze-G20 ukuze zonke zisabele kwiingxaki ezijamele izixeko ngelithuba ziqinisekisa ukuba izinto eziphambili zezixeko ziyafakwa kwi-ajenda ye-G20.
3.1.5    I-Global SME Finance Forum ebibanjwe ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-17 kweyoMsintsi 2025 eGauteng ibizinyaswe ngabathunywa abali-1 200 abavela kumazwe angaphezulu kwama-60 nakumaziko ezimali engama-240. Njengomsitho osesikweni ohamba noBongameli boMzantsi Afrika be-G20, eli qonga beligwadla iindlela ezihlakanipheliyo zenkxaso-mali, eziquka ukusebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zenkxaso-mali kunye nenkqubo yokumelwa xa uboleka imali ezinokuthi zisetyenziswe ukuvulela amathuba okufumana inkxaso-mali ngamashishini asekuhlaleni.

E.    Imiyalezo 
1.    Isimemo sokungeniswa kwezicelo
a.    Abafundi abakwibanga lemfundo ephakamileyo kunye nabo bakwibanga le-12 bayamenywa ukuba bangenise izicelo zokufumana inkxaso-mali kwiSikimu seSizwe sokuXhasa abaFundi ngeMali yokuFunda (i-NSFAS) sonyaka wama-2026. Ithuba lokufaka izicelo livulwe ngoMvulo umhla we-15 kweyoMsintsi kwaye liza kuvalwa ngomhla we-15 kweyeNkanga 2025.
b.    Abazali, ootitshala, abamelwane kunye noluntu ngobubanzi luyacelwa ukuba luncedise abafundi bafake izicelo zenkxaso-mali kwa-NSFAS.
2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:
•    Kubantu kunye norhulumente wase-Qatar ngokubulawa kwabantu emva kokuhlaselwa kungakhange kusukele ntweni nguMkhosi wezoKhuselo wase-Israel (i-IDF) e-Doha kwisakhiwo soluntu esikwindawo ehlala abantu. 
•    Kusapho lwalowo wayengumdlali wangasemva weSpringboks uBevin Fortuin owadlala kwi-Springboks imidlalo emibini yovavanyo, apho zaziqubisene ne-Ireland e-Dublin ngowama-2006, kunye ne-Australia e-Sydney ngowama-2007.
•    Kusapho lwalowo wayengumdlali wasecabangeni (i-flanker) we-Springboks u-Jan Boland Coetzee owayedlalela i-Springboks phakathi kowe-1974 nowe-1976. Ebekwanguye nomdidiyeli odumileyo wewayini kummandla waseStellenbosch apho waphucula i-Vriesenhof yakwizinga lehlabathi ngokudidiyela nokumfaxanga iwayini.
•    Lwabadanisi abane beqela lemvumi yomculo wemaskandi uSibonelo  Hlongwane abathe basweleka kwingozi yemoto ngethuba bebuya kucula e-Bergville besiza eRhawutini.

3.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:
•    Kwi-Springboks ngokwaphula irekhodi zibethe i-New Zealand ngamanqaku ama-43 kwali-10 ngolo hlobo zikhusele i-Freedom Cup ngethuba letumente ye-Castle Lager Rugby Championship.
•    Ku-Alan Hatherly ngokuphumelela i-Mountain Bike World Championships e-Valais, Switzerland, nangokukhusela isicoco sakhe iminyaka emibini ilandelelana.
•    Ku-Retief Goosen ngokuphumelela i-Sanford International kusashiyeke amathuba amabini e-Minnehaha Country Club e-Sioux Falls, e-South Dakota. Ukuphumelela le ndebe kwenze u-Retief Goosen waba ke ngoku unee-PGA Tour Champions ezine.
•    Kwiqela loMzantsi Afrika elenze imbali kwi-2025 World Athletics Championships in Tokyo ngokuba neembaleki ezimbini kwi-100m final yamadoda okokuqala ezimbalini. Abo ke ibingu-Gift Leotlela ophume kwindawo yesihlanu ebaleke ixesha eliyi-9.95s kunye no-Akani Simbine ophume kwindawo yesixhenxe ebaleke ixesha eliyi-10.04s.
•    Kwimvumi yoMzantsi Afrika u-Tyla Laura Seethal, odume ngelika-Tyla ophumelele imbasa ye-Best Afrobeats kwi-2025 MTV Video Music Awards ngenxa yengoma edumileyo ethi “Push 2 Start”.

•    Ku-Onalerona Tsiane  no-Mosa Letsoela, abaziwa ngele-Tee Sisters, ngokumela eli lizwe kwi-Teen Entrepreneurship World Cup 2025 apho bafumene iimbasa ezimbini ngokufundisa ngeeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo zeZizwe eziManyeneyo (i-SDG): I-SDG 1 “Ukuphelisa zonke iintlobo zendlala kuyo yonke indawo kunye ne-SDG 2 “Ukuphungula ukungalingani.”

•    Kwiqela leKomiti yeSizwe yoMzantsi Afrika yezokuNkcenkceshela nokuHamba kwaManzi (i-SANCID), usihlalo wayo onguNjing Sylvester Mpandeli, ngokuwongwa ngeeMbasa ze-World Heritage Irrigation Structures (WHIS) ezine kwi-4th World Irrigation Forum. Lo Msitho wokuNikezelwa kweeMbasa ububanjwe ngomhla wesi-7 kweyoMsintsi 2025 e-Kuala Lum-pur, e-Malaysia. UNjing Mpandeli wayefunde kwiDyunivesiti yaseVenda kwaye yiNjingalwazi engasebenzi ngokusigxina kule Dyunivesiti.
•    Kwabo bawongiweyo kwizigaba ezahlukeneyo kwi-2025 South African Women in Science Awards (SAWISA):
o    OoNjingalwazi u-Brenda Morrow, Lucy Moleleki kunye no-Alison September kwicandelo le-Natural and Engineering Sciences.
o    OoNjingalwazi Jill Hanass-Hancock, Sarojini Nadar kunye no-Shanaaz Mathews kwicandelo le-Humanities and Social Sciences. 
o    OoNjingalwazi Carolyn McKinney kunye noZilungile Mkhize-Kwitshana ngomsebenzi wabo oyimpumelele ekukhuthazeni intatho-nxaxheba yoluntu kuphando-nzulu.
•    KuNjingalwazi Jill Farrant owongwe nge-Lifetime Achievement Award ngomsebenzi wakhe ongowokuqala kwizilimo ezikwaziyo ukumelana nembalela kwi-National Research Foundation (NRF) Awards.
•    kuNjingalwazi Liza Korsten owongwe nge-Lifetime Achievement Award kwi-National Science and Technology Forum (NSTF)-South32 Awards ngomsebenzi wakhe kwimpilo yezityalo nokukhuseleka kokutya.

Ikhutshwe: LiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Imibuzo: Nksz Nomonde Mnukwa – Ibambela likaSomlomo kaRhulumente
Umnxeba: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore