A. Imiba enguNdabamlonyeni
1. Ezoqoqosho
1.1 Izalathisi eziNcumisayo zezoQoqosho
1.1.1 IKhabhinethi iyazamkela izalathisi ezincumisayo ezikwingxelo ekhutshwe liziko leeNkcukachamanani loMzantsi Afrika (i-StatsSA).
1.1.2 Ngomhla wesi-3 kweyoMsintsi 2024, i-StatsSA sabhengeza ukuba iMveliso yeLizwe yoNyaka (i-GDP) inyuke ngo-0.4% kwikota yesibini yowama-2024. Lo chatha wokunyuka ubangelwe ngumsebenzi owenziwe licandelo lezokuvelisa lona elikhule ngo-1.7% xa kuthelekiswa unyaka nonyaka.
1.1.3 Lo msebenzi mhle kwicandelo lezokuvelisa ubangelwe ligalelo elithe chatha lamacandelwana amahlanu kwali-10, angala: ukutya neziselo, isinyithi nentsimbi, izimbiwa ezingenziwanga ngesinyithi, iimveliso zemethali, kunye namacandelwana oomatshini.
1.1.4 Ukuvuselelwa kwecandelo lezokuvelisa kubaluleke kakhulu kumalinge okuhlaziya imizimveliso yoMzantsi Afrika.
1.1.5 Ukongeza, iSalathisi soNyukomaxabiso (i-CPI) eWonke azo zonke iindawo ezisezidolophini sibonise ukuba izinga lonyaka lonyukomaxabiso ngeyeThupha 2024 belingu-4.4%, into leyo ethetha ukuba lehlile lisuka ku-4.6% ngeyeKhala 2024. Ngokunjalo nakwizinga lonyaka lonyukomaxabiso leenkonzo, lona belingu-4.5%, lehlile ukusuka ku-4.7% ngeyeKhala yowama-2024. I-CPI oko incumisa ukususela ngenyanga yoKwindla yowama-2024.
1.2 UkuVuselelwa kwamaShishini kaRhulumente (ii-SOC)
1.2.1 IKhabhinethi iwamkele umsebenzi omhle othe ngcembe wokuvuselelwa kwee-SOC futhi ukuqhuba kakuhle kwee-SOC kuza kuba negalelo elihle kwiphulo loMzantsi Afrika lokuvuselela imizimveliso yawo.
1.2.2 Kwangalo mba, ziindaba ezimnandi ezokuba u-Denel wenze ingeniso eyimali ezizigidi ezingama-390 zeerandi, eyimali engekatsalwa inzala nerhafu, ngonyakamali wama-2023/24. Inkcitho engagunyaziswanga nayo yehle ngo-98%. U-PRASA naye wenza umsebenzi omhle kakhulu wokubuyisela oololiwe abalayisha abantu eziporweni kangangokuba imizila kaloliwe engama-31 kwengama-40 sele isebenza ngoku. IsiCwangciso sokuVuselela u-Eskom siyaqhuba nokunika iziphumo ezincumisayo, kangangokuba xa sibala ukususela kumhla we-18 kweyoMsintsi, sineentsuku ezili-175 isanqunyanyisiwe ingxaki kacimicimi wombane.
2. IDabi lokuLwa uLwaphulomthetho noRhwaphilizo
2.1 I-Operation Shanela
2.1.1 IKhabhinethi iyawamkela umsebenzi osele wenziwe kwidabi lokulwa ulwaphulomthetho kusetyenziswa i-Operation Shanela. Phakathi komhla wesi-2 nowesi-8 kweyoMsintsi 2024, iiarhente zogcinomthetho zibambe abarhanelwa abangama-13 691 ngezenzo zolwaphulomthetho ezifana nokubulala, ukudlwengula, ukufunyanwa nemipu engekho mthethweni kunye nokuphanga amashishini. Ukususela oko yaphehlelelwayo i-Operation Shanela ngoCanzibe wama-2023, sele ikhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abangama-850 375, ukuthathwa kwemipu engama-824 kunye neembumbulu ezingaphezulu kwama-17 282. Ukongeza, kwezi nyanga zimbini zidlulileyo sele kubanjwe neziyobisi ezixabisa imali engaphezulu kwezigidi ezili-13 zeerandi kwisiKhululo seeNqwelomoya saMazwe ngaMazwe i-OR Tambo, futhi ikopolo exabisa imali engaphaya kwezigidi ezingama-20 zeerandi sele ibanjiwe kwindawo zokucola iintsimbi ezindala cebu kuhle ne-Durban. Kwaye sele ekhona umrhanelwa obanjiweyo.
2.1.2 Ngokusebenzisa amaphulo aqhutywa ngamacandelo ahlukeneyo nasebenzisa ulwazi oluphandwe nzulu, ii-arhente zogcinomthetho zigxininsa ekulweni amaqela emigulukudu afuna imali yokurhuma esisinyanzelo athe saa kulo lonke eli lizwe. Kwezi veki zimbini zidlulileyo, abantu abali-14 abangamaqela ale migulukudu babanjwe kumaphondo ahlukeneyo.
2.2 UkuBuyisela isiDima samaGosa oGcino-mthetho
2.2.1. Ngokusebenzisana kwamabutho ohlukeneyo, ii-arhente zogcinomthetho zibambe abarhanelwa abangama-24 eMpumalanga ngamatyala obuqhetseba norhwaphilizo emva kokuba bekhuphe iincwadi zokufunda ukuqhuba nezokuqhuba ezingekho mthethweni, aze wona amagosa endlela ali-11 abanjwa ngokufuna imali yokunyotywa kubaqhubizithuthi kuhola wendlela u-N1 eLimpopo.
2.2.2 Amapolisa angekho msebenzini amathathu kunye nomnye umntu abanjwe e-Durban, e-KZN ngokufuna imali yokunyoba eli-100 000 eerandi kusomashishini ayemthembise ngokuba aza kukhupha iimpahla zakhe ezazithinjiwe, lo gama wona amapolisa amane azise ngokwawo ku-SAPS kwangeli tyala linye.
2.2.3 Ukongeza, abarhanelwa abasibhozo babanjwe ngenxa yokutyholwa ngokubandakanyeka kubuqhophololo norhwaphilizo kwisivumelwano sonikomaxabiso esixabisa imali ezizigidi zeerandi ezingama-850 kwisiXeko saseKapa, eNtshona Koloni.
3. EzeMfundo
3.1 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubafundi abakulungeleyo nabaza kungena kumaziko emfundo ephakamileyo ukuba bafake isicelo sebhasari nemalimboleko kwiSikimu seSizwe sokuNcediswa kwabaFundi ngeMali yokuFunda (i-NSFAS) kowama-2025 xa livula ixesha lokufakwa kwezicelo nge-intanethi ngoLwesihlanu, wama-20 kweyoMsintsi 2024.
Ukufaka izicelo, abafundi ababuyelayo nabanqwenela ukungena esikolweni mabangene kule webhusayithi: my.nsfas.org.za.
3.2 UMthethosihlomelo weMithetho yeMfundo esisiSeko (i-BELA)
3.2.1 IKhabhinethi ikwamkele ukutyikitywa nguMongameli Ramaphosa koMthetho oYilwayo i-BELA ukuba ube ngumthetho ogcweleyo, ngolo hlobo kuqhutyelwa phambili iphulo lokwenza iinguqu nokuphucula icandelo lemfundo esisiseko. Lo mthetho uyimbali ufuna amaqumrhu alawula izikolo ukuba azithathele ingqalelo iilwimi ezithethwa luluntu ngokubanzi ukuze kuqinisekiswe ukuba akukho mntu ushiyeka ngasemva kwezemfundo.
3.2.2 Kwilinge lokuphucula icandelo lemfundo yabantwana abasekwinqanaba lezikolompeleso, lo Mthetho we-BELA wenza iBanga R ukuba libe libanga elitsha elinyanzelekileyo lokuqala esikolweni. Lo Mthetho ukwanyanzelisa abazali ukuba benze umsebenzi wabo ngokuthi ukuthathe njengokwaphula umthetho ukungaqinisekisi ukuba abantwana babo baya esikolweni.
3.2.3 IKhabhinethi iyasamkela nesigqibo sikaMongameli Ramaphosa sokunika ithuba leenyanga ezintathu zokuba kukhe kugwadlwe amasolotya amabini anxulumene nokwamkelwa esikolweni kunye nolwimi, njengenxalenye yokuqinisekisa ukuba kukho intsebenziswano entle esizweni.
4. EzeMpilo
4.1 Isifo se-MPOX
4.1.1 Ukuthintela ukunwenwa kwesifo i-mpox, bonke abantu eMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bathathe amanyathelo okuzikhusela angengomayeza. La manyathelo aquka ukuhlamba izandla rhoqo ngesepha okanye ukusebenzisa isibulalazintsholongwane sezandla esine-alkhoholi.
4.1.2 Nangona esephantsi amathuba okunyuka kwenani labantu abasolulelwe yi-Mpox kweli lizwe, ukhona omnye umntu ofunyaniswe enayo, into leyo eyenza ukuba inani labantu abafunyaniswe benesi sifo eMzantsi Afrika lime kuma-25 ukususela ukuqhambuka kwaso ngekaCanzibe 2024.
4.2 Ukuqhambuka kwesifo sesiChenene seGazi – KwisiThili saseMopani eLimpopo
4.2.1 IKhabhinethi inikwe ingxelo ngokuqhambuka kwesifo sesichenene segazi eTzaneen eMopani (eLimpopo) apho abantwana abali-150 befunyaniswe benesichenene.
4.2.2 IQela eliTyunjelwe lo Msebenzi lePhondo lisekiwe ngurhulumente wePhondo waseLimpopo kwaye amalinge ayaqhuba okuthintela ukuba singanweni esi sifo sibangelwa ngamanzi, ngoku silwa kunye nokuhlola umgangatho wamanzi kwezi ndawo zichaphazelekileyo.
4.2.3 ISichenene sifunyanwa ngokuthi umntu adibane namanzi anentsholongwana yayo. IKhabhinethi icela uluntu luqinisekise ukuba abantwana abaqubhi okanye badlale kumanzi anale ntsholongwane.
4.2.4 Abazali nabagcinibantwana kufuneka babase kwisibhedlele esikufutshane ngokukhawuleza abantwana abakrokreleka ukuba bafunyenwe sesi sisifo.
4.3 Ukuqhambuka kweSifo soChwane neNyebethu eSarah Baartman, eMpuma Koloni
4.3.1 IKhabhinethi icela onke amafama emfuyo ukuba aqinisekise ukuba azihambahambi izilwanyana emva kokuqhambuka kwesifo sochwane nenyebethu kumasipala wase-Kouga nowise-Koukamma kwiSithili saseSarah Baartman eMpuma Koloni.
4.3.2 Izilwanyana eziphuma nezingena kulo mmandla zibekwe phantsi kweliso ukuzama ukuthintela ukunwenwa kwesi sifo siye nakwiindawo ezingenaso ngokwemigqaliselo yoMmandla wokuLawulwa kweZifo.
4.3.3 IKhabhinethi ikhumbuze abemi boMzantsi Afrika ukuba xa kuthuthwa imfuyo isuka kwenye indawo isiya kwenye kufuneka umntu abe nePhephamvumo lokuThutha aza kulifumana kwi-ofisi kunolima karhulumente.
5. ULawulo lwe-GNU
5.1 IKhabhinethi isamkele isigqibo sikaMongameli Ramaphosa sokuseka inkqubo yokuphendula imibuzo eza kukhokelwa ngurhulumente eza kujongana nemiba amaqela ayinxalenye ye-GNU ayibona ngokuba ingunobangela wezi zinto zinzulu zibangela ukungavisisani.
B. Izigqibo zeKhabhinethi
(I) Ukupapashwa koYilo loMgaqonkqubo wokuphelisa iinombolo zikaxakeka ezingu-10177, 10111 kunye no-107 ukuze uluntu luhlomle kulo
(a) IKhabhinethi ivumile ukuba lupapahswe uYilo loMgaqonkqubo wokuphelisa iinombolo zikaxakeka ezingu-10177, 10111 no-107 ukuze uluntu luhlomle kulo.
(b) IKhabhinethi iwaqaphele amanyathelo aza kumiselwa ngoku uMzantsi Afrika utshintshela kwinombolo kaxaxeka enye engu-112. Oku kuza kuqinisekisa ukuba abantu abasengozini akusafuneki ngoku ukuba baqhekeze iintloko zabo bezama ukukumbula iinombolo zomnxeba ezininzi xa befuna uncedo olungxamisekileyo okanye xa betsala umnxeba bagqithiselwe kwenye inombolo kungekho mfuneko.
(ii) IPhepha eliCacisa uMgaqonkqubo wokuPhuhliswa nokuPhuculwa kwezoKhenketho eMzantsi Afrika
(a) IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwePhepha eliCacisa uMgaqonkqubo wokuPhuhliswa nokuPhuculwa kwezoKhenketho eMzantsi Afrika ukuze uluntu luhlomle kulo. Lo mgaqonkqubo uzama ukunyusa umthamo wegalelo elenziwa zezokhenketho kuqoqosho loMzantsi Afrika ngokubanzi ngokusebenzisa amanani anyukileyo abakhenkethi.
(b) Ngowama-2023, iKhabhinethi yakuvuma ukupapashwa kwePhepha loGayozimvo ngoPhuhliso lwezoKhenketho eMzantsi Afrika zaze izimvo zabo bachaphazelekayo zafakwa kulo mgaqonkqubo. Eli Phepha liCacisa uMgaqonkqubo ngoku linika ingcaciso ngomgaqonkqubo kunye nezikhokelo ekuvunyelenwe ngazo zokuphuhliswa nokuphuculwa kwezokhenketho eMzantsi Afrika.
(c) Lo mgaqonkqubo ukhuthaza ukuba kubekho amashishini kwicandelo lezokhenketho nokuqinisekisa ukuba igalelo leli candelo kumalinge okudala imisebenzi lithi chatha. Lo mgaqonkqubo uzama nokwenza ukuba umgaqonkqubo wezokhenketho uhambelane nemigaqonkqubo karhulumente, kunye nokwenza ukuba eli candelo likwazi ukumelana neenzima nokusabela kwiingxaki ezivelayo.
(iii) UMgaqonkqubo weNkxasomali yamaShishini amaNcinane, amaNcinci naPhakathi (ii-MSME) kunye nooKopolotyeni
(a) IKhabhinethi ivumile ukuba uMgaqonkqubo weNkxasomali yee-MSME kunye nooKopolotyeni mawuqalise ukusebenza. Lo mgaqonkqubo uzama ukususa imiqobo ethintela ii-MSME kunye nookopolotyeni ukuba bafumane inkxaso eyimali. La manyathelo okungenelela aza kunceda nokuba amashishini akwazi ukutshintsha lula esuka kumashishini angabhaliswanga ngokusesikweni abe ngamashishini abhaliswe ngokusesikweni, nasekusukeni ekubeni ngamashishini amancinci abe ngamashishini aphakathi.
(b) Lo mgaqonkqubo uvumela ukuba kumiselwe inkxasomali eza kujolisa kulutsha, amanina kunye nabantu abakhubazekileyo. Lo mgaqonkqubo uyinxalenye yamanye amanyathelo okungenelela okuxhasa amashishini asakhasayo kuquka nesiCwangcisosikhokelo seSizwe esiHlanganisiweyo sokuPhuhlisa amaShishini esavunywa yiKhabhinethi ngowama-2022.
(c) Urhulumente uwukhokelise phambili umba wenkxaso yee-MSME kunye nookopolotyeni kuba la mashisini adala eyona misebenzi mininzi kwaye anika abantu amathuba okuba bafumane imali yokuziphilisa.
(d) Ukuqaliswa ukusetyenziswa kwalo mgaqonkqubo kuza kuphungula ingxaki yokungabi nasakhono sokuboleka imali eninzi kwee-MSME kuze kuncedise nakuhlumo loqoqosho, into leyo ayikhokelise phambili urhulumente.
(iv) IsiCwangcisoqhinga seSizwe sezoKhenketho oluNxulumene nezeeNkwenkwezi kunye nesiCwangciso sokusiPhumeza sowama-2023
(a) IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangcisoqhinga seSizwe sezoKhenketho oluNxulumene nezeeNkwenkwezi kunye nesiCwangciso sokusiPhumeza ukuze uluntu luhlomle.
(b) Esi sicwangcisoqhinga senzelwe ukubeka uMzantsi Afrika njengelizwe elikwinqanaba lehlabathi ngokwezokhenketho olunxulumene neenkwenkwezi, kwaye oku kuza kunceda kumalinge ophuhliso loqoqosho nawemisebenzi kwicandelo lezokhenketho. UMzantsi Afrika lilizwe lokuqala e-Afrika ukuba libe nesiCwangcisoqhinga seSizwe sezoKhenketho oluNxulumene nezeeNkwenkwezi, kwaye oku kuza kunceda kumalinge okuqinisekisa ukuba sineentlobontlobo zokhenketho kweli lizwe.
(c) Esi sicwnagcisoqhinga siza kugxininisa kwizinto ezahlukeneyo, ezizezi: uphuhliso lweziseko ezingundoqo, ukuvula amathuba amaninzi kangangoko kwicandelo lezokhenketho olunxulumene nezeenkwenkwezi, izivumelwano zentsebenziswano phakathi kukarhulumente necandelo labucala, ukhenketho oluqukanisayo kunye neenguqu.
(d) UMzantsi Afrika unezinto ezininzi eziza kuwunceda ukuba libe lilizwe elililungele kanye ukhenketho olunxulumene nezeenkwenkwezi. Ezi zinto ziquka izibhakabhaka ezisoloko zicwengile kunye nemozulu ezolileyo.
(e) ISebe lezoThutho, lisebenzisana neSebe leNzululwazi noYilo, liza kuphehlelela isiCwangcisoqhinga seSizwe sezoKhenketho oluNxulumene nezeeNkwenkwezi ngethuba lemibhiyozo yoSuku leSizwe lezoKhenketho oluza kubanjelwa eMntla Koloni ngomhla wama-27 kweyoMsintsi 2024 apho kukho isiZa seziBonakude esiyiKhilomitha ubuDe nobuBanzi (i-SKA).
(v) IsiCwangciso sokuPhucula uMsebenzi wooMasipala
(a) IKabhinethi ifumene yaze yamvuma uSihlalo, amalungu kunye neenjongo ezandisiweyo zeKomiti yabaPhathiswa abaHlukeneyo (i-IMC) yokuphumeza iinzame zokulungisa ingxaki yokungasebenzi kakuhle koomasipala.
(b) Injongo engundoqo yale IMC kukubeka iliso kwindlela eyenziwa ngayo imisebenzi eyahlukeneyo ukulungisa le ngxaki yokungasebenzi kakuhle koomasipala ngokuthi isebenzise amanyathelo okungenelela ahlukeneyo kwezi ndawo zilandelayo:
i. Ukuqeqeshwa kwabasebenzi bakamasipala babe zingcali;
ii. Ukuphendula ngomsebenzi, ukubeka iliso nokuthatha amanyathelo okululeka xa kukho impazamo;
iii. Ulawulo, uzinzo ngokwezopolitiko nabaphathi;
iv. Ulawulo lwezimali kunye nokuphuculwa kweziphumo zophicothozincwadi;
v. Ukuhanjisa kweenkonzo nokugcina iziseko ezingundoqo zisemgangathweni;
vi. Uphuhliso loorhulumente basekhaya nocwangciso lomhlaba; kunye
vii. nobudlelwane ngaphakathi koomasipala naphakathi kwamanye amaqoqo karhulumente.
(c) Le IMC iza kuqala ingenelele koomasipala abasezingxakini kakhulu.
(d) IKhabhinethi iphinde yayalela ukuba amasebe karhulumente kunye namaqumrhu ombuso ukuba mawahlawule ngokukhawuleza amatyala anawo koomasipala futhi uNondyebo weSizwe unikwe uxanduva lokuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka.
(vi) Amatyala angekahlawulwa oomasipala kwiibhodi zamanzi
(a) IKhabhinethi ixelelwe ngamatyala akhula nanokwenza umonakalo oomasipala kwiibhodi zamanzi, ekungoku abeka emngciphekweni i-Vaal Central Water Board, yona etyalwa imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-9.9 kunye ne-Magalies Water yona etyalwa imali ezizigidi zeerandi ezingama-930 xa kubalwa ukususela ekupheleni kweyeKhala yowama-2024. Le ngxaki ingabangela ukuba ezi bhodi zamanzi zimbini zitshone okanye zibhange.
(b) Amatyala atyalwa kwiibhodi zamanzi asenokuwabeka emngciphekweni amalinge okubonelela ngamanzi nakwabamasipala bawabhatalayo bona amatyala wabo amanzi.
(c) IKhabhinethi ivumile ukuba kusekwe i-IMC eza kunceda ukuphucula indlela abasebenza ngayo oomasipala. Le IMC iza kuqala ngamanyathelo okulungisa le ngxaki yokubhatalwa kwamatyala eebhodi zamanzi ngoomasipala, ingakumbi ezo bhodi zisemngciphekweni wokutshona nanini na.
C. ImiThetho eYilwayo
1. UMthetho oYilwayo weeNkokeli zeMveli zama-Khoi-San wowama-2024
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo weeNkokeli zeMveli zama-Khoi-San wowama-2024. Lo Mthetho uYilwayo usabela kwisigwebo seNkundla yoMgaqosiseko esathi uMthetho weeNkokeli zeMveli zama-Khoi-San, wowama-2019 (uMthetho 3 wowama-2019) awukho mthethweni ngenxa yokuba iPalamente ingakhange ibambe iindibano ezaneleyo zokufakana umlomo noluntu.
1.2. Lo Mthetho uYilwayo unika iPalamente ithuba lokuba ithobele iNkundla yoMgaqosiseko. La Mthetho weeNkokeli zeMveli zama-Khoi-San wowama-2019 wawungena endaweni yoMthetho weeNkokeli zeMveli nesiCwangcisosikhokelo soLawulo, wowama-2003 (uMthetho 41 wowama-2003).
D. Ezakutsha nje zeKhabhinethi
1. IziPhumo zoTyelelo lwasebuRhulumenteni e-China kunye nokuthatha inxaxheba kwiNgqungqela ye-China ne-Afrika (i-FOCAC)
1.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeziphumo zoTyelelo lwasebuRhulumenteni obeluyimpumelelo lwakutsha nje oluya e-People’s Republic of China kunye nendibano ye-FOCAC ebibanjelwe e-Beijing, e-China ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-6 kweyoMsintsi 2024. IKhabhinethi iqaphele ezi ziphumo zingundoqo zoMzantsi Afrika:
1.1.1. Isivumelwano sokutshintsha indlela eluqhutywa ngayo urhwebo lube malunga neemveliso eziveliswayo eziluncedo, ingakumbi, isivumelwano sokutshintshiselana ngeemveliso ezili-100 ezinexabiso ezisuka eMzantsi Afrika eziza kuthengwa lilizwe lase-China.
1.1.2. Ukongeza, uMzantsi Afrika utyikitye isivumelwano sentsebenziswano kwiintlobo zorhwebo ezintathu ezinxulumene nokunciphisa umthamo wesisi esiyingozi kokusingqongileyo, ukutshintshela kubuxhakaxhaka bale mihla, kunye nezothutho nokulayishwa kwemithwalo. Esi sivumelwano sentsebenziswano siza kuvula amathuba okuba kutsalelwe kweli lizwe utyalomali kwizithuthi ezihamba ngombane, ukuveliswa kweebhetri, ukugcinwa kombane ohlaziyekayo, kwakunye nakwiMimanda eKhethekileyo yezoQoqosho neyoPhuhliso lwamaShishini ekhethiweyo.
1.1.3. Abatyalizimali abakhulu base-China abase-Shenzhen nase-Beijing bavakalise ukunqwenela ukwandisa utyalomali lwabo eMzantsi Afrika okanye ngokutyala imali kumaphulo angenabungozi kokusingqongileyo.
1.1.4. IziVumelwano zokuQondana (ii-MoU) zityikityiwe ngeli thuba lotyelelo lwaseburhulumenteni ezineenjongo zokuqinisa intsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika ne-China.
1.1.5 Ezi MoU ziquka i-MoU eyimbali engesiFo soChwane neNyebethu (i-FMD) esimisela imigqaliselo ethintela ukuthunyelwa kwenyama yenkomo kwelase-China evela kwezi zithili zichatshazelwe yi-FMD kuphela endaweni yokuba kuvalwe inyama yenkomo yonke evela eMzantsi Afrika. Le MoU yaqala ukuxoxwa kwangethuba kusaphethe laa Mbuso wesiThandathu.
2. Umsebenzi osele wenziwe malunga nokubuyiselwa kwamathambo amajoni omzabalazo esuka e-Zambia nase-Zimbabwe
2.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngamalungiselelo okubuyisela amathambo amajoni omzabalazo wenkululeko yoMzantsi Afrika angcwatyelwa e-Zimbabwe nase-Zambia. Phakathi kwamathambo abuyiselwe eMzantsi Afrika kubuyiswe awegqala lomzabalazo u-Adv Duma Nokwe, uMama Florence Maphosho kunye no-Basil February.
2.2. Ukubuyiswa kwala mathambo esuka eZambia naseZimbabwe kuyinxalenye ye-Resistance and Liberation Heritage Route Project (i-RLHR). I-RLHR yiprojekthi yesizwe yesikhumbuzo eyenzelwe ukukhumbula, ukuhlonipha, ukufundisa, ukulwela, ukulondoloza, ukugcina kunye nokubalisa ngembali yedabi lomzabalazo loMzantsi Afrika.
2.4. UMsitho woKwamkelwa kwamaThambo uza kubanjelwa kwiziko lomkhosi womoya i-Waterkloof Airforce ngomhla wama-27 kweyoMsintsi 2024 xa la mathambo efika eMzantsi Afrika.
3. Ukukhawuleziswa kwenkqubo yokubuyiswa kwemihlaba
3.1. IKhabhinethi iyifumene yaze yayiqwalasela ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokukhawulezisa inkqubo yokubuyiswa kwemihlaba kweli lizwe. Le Nkqubo yokuKhawuleziswa kokuBuyiswa kweMihlaba izalisekisa izindululo ezazenziwe liQela labaCebisi bakaMongameli malunga nokuBuyiswa koMhlaba nezoLimo elalinike iKhabhinethi ingxelo nezindululo ngowama-2019.
3.2. Iinkqubo ezahlukeneyo zokukhawulezisa ukubuyiswa komhlaba ziyaqhubeleka ukusebenza kwaye lo msebenzi sele wenziwe uxelelwe iKhabhinethi ngulo:
i. Ngokusebenzisa uMthetho wokuPhucula iiNdawo eziThile zasemaPhandleni, wowe-1998 (uMthetho 94 wowe-1998), umhlaba ozihektare ezingama-630 000 ubuyisiwe;
ii. Umhlaba karhulumente wezolimo ozihektare ezingama-659 602 ukhululwe waze wabelwa abaxhamli;
iii. Ngomhla wama-31 kweyoKwindla 2024, amabango omhlaba angama-83 205 aphendulwe;
iv. Umhlaba ozihektare eziyi-2 895 935 uthengwe ngemali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-26.4
v. Imali eyimbuyekezo ezibhiliyoni zeerandi ezingama-26 ihlawule abaxhamli;
vi. Amakhaya azi-2 376 976 axhamle kwinkqubo yokubuyiswa komhlaba;
vii IKhomishini yokuBuyiswa kwamaLungelo oMhlaba icebe ukuqukumbela amabango omhlaba angama-339 kunyakamali wowama-2024/2025.
4. Ukuvalwa kweTonela le-Lesotho Highlands ngeenjongo zokulilungisa
4.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngokuvalwa kwetonela le-Lesotho Highlands Water Project ngeenjongo zomsebenzi ocetyiweyo wokulungisa ukususela ngomhla woku-1 kweyeDwarha 2024 ukuya kumhla wama-31 kweyoKwindla 2025.
4.2. Lo msebenzi ucetyiweyo wokulungisa ubaluleke kakhulu ukukhusela le Projekthi yaManzi ikwazi ukuhlala isebenza nakule minyaka ingama-20 ukuya kwengama-30 izayo kuba ukungawenzi lo msebenzi kuza kubeka emngciphekweni iphulo lokukhuphela amanzi kumadami aseLigwa, i-Integrated Vaal River System (i-IVRS), engumthombo wala manzi i-Rand Water iwasa kubathengi bayo kunye nabo bonke oomasipala base-Gauteng.
4.3. Uhlalutyo olunzulu oluhlola omanakalo onokwenzeka kwindlela esebenza ngayo i-IVRS, enamadami adibeneyo ali-14, uqhutyiwe yi-DWS. Olu phando lungqinile ukuba umonakalo oza kwenziwe kukuvalwa kweli toneli awuzikuba mkhulu kangako kwi-IVRS iyonke, kakade amadami amaninzi ayinxalenye ye-IVRS agcwele sithetha nje.
4.4. IKhabhinethi iyiqaphele le ngxaki ikhoyo yokuphazamiseka kwamanzi e-Gauteng kunye nakoomasipala abathile eFreyistata ingadibananga nale yokuvalwa kwetonela, yaze yakuqaphela nokuba i-DWS ibaxhasile oomasipala ukuba bafakane imilomo namahlakani ngale nto yokuvalwa kweTonela lase-Lesotho Highlands.
4.5. IKhabhinethi ivumile nokuba ukunyuka ngokukhawuleza kwenani labantu base-Gauteng, ukungalungiswa kweziseko ezingundoqo, ukungabanjwa kwamaphulo anyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho kamasipala kunye nolibaziseko ekuqaliseni isiGaba 2 seprojekthi ye-Lesotho Highlands kubenegalelo elikhulu kule ngxaki yokuphazamiseko lweenkonzo zamanzi. Nangona kunjalo, ukuqukunjelwa kwesiGaba 2 seprojekthi ye-Lesotho Highlands kuza kwenza umahluko ukuba kuncediswa ngamanyathelo okulawula isantya afunwa nasetyenziswa ngaso amanzi, ukusetyenziswa kobuxhakaxhaka bale mihla bokonga amanzi kunye nokukhandwa kugcinwe iziseko ezingundoqo zikwimo efanelekileyo.
4.6. IKhabhinethi iqaphele ukuba i-DWS ibibambe iintlanganiso zokojonga ubume bamalungiselelo ukususela ngeyoMdumba wowama-2022 noomasipala baseFreyistata abafumana amanzi e-Liebenbergsvlei River ngelokuhlanganisela iingxaki ezinokuvela xa kunokubakho uphazamiseko emanzini ngethuba itonela lisalungiswa. Kodwa, ulibaziseko olwenziwa ngoomasipala ukuphucula okanye nokuhlaziya iziseko ezingundoqo zabo luseyingxaki. IKhabhinethi iqaphele ukuba i-DWS iza kubeka iliso apho kukho imfuneko, ize ingenelele ukunika inkxaso kwaba masipala.
5. Ukuvalwa kwamanzi e-Gauteng
5.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nokuqaliswa kweNqanaba 1 lokuvalwa kwamanzi e-Gauteng. Oku kwenzeka ngenxa yokuba i-Rand Water igqithisile kumthamo wamanzi evumelekileyo ukuba iwafumane kwi-IVRS.
5.2. Izinga asetyenziswa ngalo amanzi e-Gauteng liyaqhubeleka nokukhula ngenxa yokwanda kwenani labantu, ukunyuka komthamo wamanzi angangenisi mali koomasipala, kuquka nabo bazitsalela amanzi abangawahlawuleliyo ngokungekho mthethweni kunye nokungalungiswa kweziseko ezingundoqo into leyo ikhokele ekubeni avuze amanzi kwiindawo ezininzi. Umyinge wala manzi avuzayo uyi-33% koomasipala base-Gauteng bephela.
5.3. Sithetha nje, ngamaxesha asetyenziswa kakhulu ngawo amanzi, izinga lokusetyenziswa kwawo ngoomasipala abafumana amanzi e-Rand Water liphantse libe ngaphezulu komlinganiselo futhi ngamanye amaxesha liyegqitha kuwo kumadama okucocwa nawokugcina amanzi.
5.4. Ukuthintela ukuba inganabi le ngxaki yokuvalwa kwamanzi koomasipala base-Gauteng kufuneka ukhokeliswe phambili umsebenzi wokuvala ezi ndawo zivuzayo kwezi mpompo zivulela oomasipala amanzi kuqhutywe namaphulo okunyanzelisa ukunkinkishwa kwamanzi.
5.5. I-DWS, i-Rand Water kunye noomasipala base-Gauteng, onke la maqumrhu abambisana ne-World Bank 2020 Water Resources Group ukuqhuba amaphulo okulumkisa nokufundisa ngeendlela zokusetyenziswa kwamanzi ngononophelo. La maqumrhu akwenze oku esebenzisana nemibutho yoluntu kunye neenkokeli zoshishino.
E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
(a) Mnu Captain Rufus Lekala njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) ye-South African Maritime Safety Authority isithuba seminyaka emihlanu.
(b) Mnu Luvuyo Xola Ntoyi njenge-CEO ye-Vaal Central Water Board isithuba seminyaka emihlanu.
(c) Mnu Gift Zowa njenge-CEO ye-Broadband Infraco isithuba seminyaka emihlanu.
F. Imisitho Ezayo
1. USuku lwamaFa
1.1. Usekela Mongameli uMashatile uza kwenza intetho yosuku kwimibhiyozo karhulumente yoSuku lwamaFa eza kubanjwa ngoLwesibini, umhla wama-24 kweyoMsintsi 2024 e-Meqheleng Stadium e-Ficksburg eFreysithatha. Le mibhiyozo iza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Ukuhlonipha iimpilo zamagorha namagorhakazi ethu ancama ubomi bawo esilwela inkululeko yethu.”
1.2. Ngokuphawula uSuku lwamaFa, siza kunika imbeko kumagorha namagorhakazi ancama ubomi bawo esilwela inkululeko yethu, ingakumbi abo banyanzeliswa ukuba baye elubhacweni ngumbuso wocalucalulo baze baswelekela emazweni angaphandle.
1.3. UMsitho wokwaMkelwa kwamaThambo uza kubanjwa ngomhla wama-27 kweyoMsintsi 2024 xa amathambo amagqala oMzabalazo aliqela asuka e-Zambia nase-Zimbabwe eza kufika eMzantsi Afrika njengenxalenye yeProjekthi yokuBuyiswa kwamaThambo aseluBhacweni.
1.4 Njengenxalenye yemibhiyozo yeNyanga yamaFa, urhulumente uza kubamba umNyhadala weMidlalo yeMveli phakathi komhla wama-24 nowama-29 kweyoMsintsi eFreyistata ukubonisa ngemidlalo, umculo, imidaniso, ukutya nemisebenzi yobugcisa yemveli.
2. INyanga yabaSebenzi bakaRhulumente (i-PSM)
2.1. Njengoko siqhubeleka nokukhumbula i-PSM, kule veki urhulumente uza kugxininisa kubasebenzi abasebenza ngqo noluntu besebenzela isizwe sakuthi ngeqhayiya nangokugqwesileyo. Kule veki, siza kuthetha ngee-Thusong Service Centre zelizwe lakuthi. La maziko anceda abantu ukuba bakwazi ukufumana iinkonzo nolwazi.
3. IVeki yokuFundisa ngokuNgeva ngeeNdlebe
3.1. UMzantsi Afrika njengemazwe ehlabathi nawo uza kubhiyozela le veki yehlabathi yabantu abaNgevayo ngeeNdlebe ukususela ngomhla wama-23 ukuya kowama-29 kweyoMsintsi 2024 phantsi komxholo othi: “Masixhase amaLungelo oLwimi lweZandla”.
4. INgqungquthela ye-Brazil, Russia, India, China and South Africa (i-BRICS)
4.1. Ngelokwenza amalungiselelo ale Ngqungquthela ye-BRICS izayo iza kubanjelwa e-Russia ukusuka kumhla wama-22 ukuya kowama-24 kweyeDwarha, uMzantsi Afrika uthatha inxaxheba kwiintlanganiso ezininzi zamalungiselelo ukuze ukwazi ukuvakalisa izimvo zawo uphakamise nezinto eziza kuba lulutho kumazwe angamalungu e-BRICS.
5. IiNkomfa zeHlabathi malunga ne-Theory and Practice of Electronic Governance
5.1. ISebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo, lisebenzisana neCandelo le-School of Governance leDyunivesiti yase-Witwatersrand, liza kubamba iNkomfa yeHlabathi ye-17 ye-Theory and Practice in Electronic Governance (i-ICEGOV) phakathi komhla woku-1 nowesi-4 kweyeDwarha 2024 phantsi komxholo othi: “INtembeko noLawulo oluThembakeleyo kwiHlabathi esiliFunayo”.
G. Imiyalezo
1. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:
• Kwiqela loMzantsi Afrika ngokuqhuba kakuhle kakhulu kwiMidlalo yeParalimpikhi yowama-2024 ebibanjelwe e-Paris, nalapho liphumelele iimbasa ezintandathu.
• U-Simoné Kruger ngokuphumelela igolide kwi-discus eyo-F38 kwiMidlalo yeParalimpikhi.
• Umkhwelibhayisekile u-Nicolas Pieter du Preez ngokuphumelela ibronzi kwi-H1 Individual Time Trial yamadoda kwiMidlalo yeParalimpikhi e-Paris.
• U-Donald Ramphadi no-Lucas Sithole ngokuphumelela ibronzi kumdlalo wentenetya edlalwa ukwisitulo esinamavili kwi-Quad doubles kwiMidlalo yeParalimpikhi e-Paris.
• Kwiintshatsheli zehlabathi, i-Springboks ngokubhaxabula i-New Zealand izihlandlo ezibini kwitumente ye-Rugby Championship. I-Springboks azikabethwa kule tumente ye-Rugby Championship kwaye ziza kuqubisana ne-Argentina kumdlalo wabo olandelayo.
• Imvumi yoMzantsi Afrika, u-Tyla, ngokwenza imbali ngokuba ngummi woMzantsi Afrika wokuqala ukuphumelela i-MTV Video Music Award.
• Kwiqela loMzantsi Afrika elikwi-WorldSkills Conference 2024 e-France ngokubonisa ngeziphiwo nezakhono ezibalaseleyo zeli lizwe.
• IKhabhinethi iqhwabela izandla i-The Douglas Weir eMntla Koloni ngokuwongwa ngokuba yi-World Heritage Irrigation Structure yi-International Commission on Irrigation and Drainage. Kokokuqala ukuba imibhobho yokunkcenkceshela yoMzantsi Afrika ifumane eli wonga. Eli dami lineminyaka eli-130 likhona liphantsi kweSebe lezaManzi noGutyulo kwaye liyinxalenye yeziseko ezingundoqo ze-Lower Orange Vaal Water User Association, ezinkcenkceshela ummandla ozihektare ezingama-8,1113.
• IKhabhinethi njengoMongameli Ramaphosa ithumela amazwi okuvuyisana koHloniphekileyo uMongameli Abdelmadjid Tebboune ngokonyulwa kwakhona njengoMongameli we-People’s Democratic Republic of Algeria. IKhabhinethi inethemba lokuba iza kusebenzisana noRhulumente kunye nabantu base-Algeria ukuqinisa ubudlelwano phakathi kwala mazwe mabini.
2. Amazwi oVelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:
• likaMnu Pravin Gordhan, owayelixhadi lokugqibela lokulwa umkhuba wokubanjwa kombuso ngobhongwane, futhi wasebenza ngokuzinikela ukuqinisekisa ukuba kugquba umthetho nolawulo olufanelekileyo. Kuyo yonke le minyaka mininzi esebenzela abantu, ubambe izikhundla ezahlukeneyo zokuba ngumphathiswa futhi wayenguye noMkomishinara weNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (u-SARS). Igalelo lakhe lincede kakhulu kuphuhliso loqoqosho loMzantsi Afrika, esilwela ukwenziwa kwezinto elubala, ukuphendula ngemisebenzi yakho, nokupheliswa korhwaphilizo. Wayelitshantliziyo elichasene nocalucalulo elanikela ngobomi balo kwidabi lenkululeko yezwe lakuthi.
• likaNks Regina Brookes, itshantliziyo elalichasene nocalucalulo elaphikisana noMthetho woKwenza okuNgafanelekanga ngeminyaka yoo-1950. Waye wangcungcuthekiswa ngurhulumente wocalucalulo ngenxa yokuba ehlala nabantu abaMnyana yena engumntu obhinqileyo oMhlophe. Ngowe-1955 wacela ukuba abasemagunyeni bamthathe njengomntu weBala into leyo eyayizakumenza akwazi ukuhlala kwiindawo zabantu abaMnyama.
• lombhali, imbongi kunye netshantliziyo elihlonitshwa ihlabathi liphela, u-Mnu James Matthews, owawongwa ngembasa yesizwe, i-Order of Ikamanga. Walifumana eli wonga ngowama-2004 ngenxa yegalelo lakhe elibalaseleyo kuncwadi, kwezobuntatheli nangokuzinikela kwakhe kwidabi lokulwela uMzantsi Afrika ongacaluli ngokobuhlanga.
• legqala lomculo we-Kwaito, uMnu Sandile Ngwenya, obedume ngelikaMapaputsi, obenegalelo elikhulu kwimizamo yokukhulisa umculo we-kwaito.
• lomlinganisi u-Darlington Michaels, u-Sello Motloung kunye no-Paul Lückhoff, abathi ngemisebenzi yabo, bakhulisa icandelo leli lizwe lezemibonisobhanyabhanya kunye neleengcali zolonwabo.
• legqala lomhlekisi, uMnu Philani Mabanga, obedume ngelikaMfundisi Ntshebe, obehlala esonwabisa ngokusihlekisa ngomculo wakhe oqanjiweyo ohlekisayo.
Imibuzo: Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485