INgxelo ye-Lekgotla yeKhabhinethi yeyeThupha ngowama-2016

IKhabinethi ibibambe i-Lekgotla yayo ukusuka ngomhla we-16 ukuya kowe-19 kweyeThupha ngowama-2016 e-Sefako Makgatho Presidential Guest House ePitoli.

Le Lekgotla yeKhabhinethi yeyeThupha wowama-2016 iphawula ukufika kwisiqingatha kwalo mbuso wathatha iintambo zolawulo ngoCanzibe wowe-2014.

I-Lekgotla yeKhabhinethi iye yaqhwabela izandla uMzantsi Afrika ngoLonyulo looRhulumente bemiMandla olunoxolo, olukhululekileyo nolungenamakhwiniba ebelibanjwe ngomhla wesi-3 kweyeThupha ngowama-2016.

Le Lekgotla ibibanjwe phantsi kweemeko zoqoqosho ezingentlanga into leyo ibangelwa zimeko zalapha ekhaya nezangaphandle, kwakunye nemeko yokuba semngciphekweni wokuthotywa kwizinga eli lizwe elibekwa kulo kwezorhwebo notyalo-mali.

Le Lekgotla iye yanika iKhabhinethi ithuba lokuba icamngce malunga nokufezekiswa kwenkqubo yokusebenza futhi yafunda lukhulu ngeendlela ezibusithela nezibalulekileyo zokuphunyezwa kwesiCwangciso seSizwe siPhuhliso, iNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi sowama-2014-2019 esisekelwe kuyo.

Kuye kwathathwa izigqibo ezingqingqwa ngamanyathelo abambekayo aza kuthathwa ukuqinisekisa ukuba umba wokufezekiswa kweNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi sowama-2014-209 kunye nesiCwangciso esinaManqaku aliThoba mawunyuselwe kwiqondo eliphezulu. Ezi zicwangciso zifuna onke amacandelo, aquka urhulumente, imibutho yoluntu, amashishini nabasebenzi ukuba babhinqe omfutshane babambisane ukuze kuqinisekiswe ukuba sisonke siqhubela uMzantsi Afrika kuphuhliso lentlalo oluzinzileyo kunye nomzila wohlumo loqoqosho.

Kuye kwabekwa izicwangciso ezingqingqwa ukuze kuqaliswe ngokuphunyezwa kulo nyaka-mali siya kuwo, into leyo eza kuvumela urhulumente ukuba akwazi ukulungelelanisa isNkqubo-sikhokelo yeNkcitho yesiGaba esiPhakathi (i-METF) kunye nokuphunyezwa kwesiCwangciso esimaNqaku aliThoba.

I-Lekgotla yeKhabinethi igxininisa kwimiba engundoqo emithandathu:

1. Okokuqala, iziphumo zohlalutyo loqoqosho lwehlabathi nolwalapha ekhaya kuxoxwe ngazo kwaze kwenziwa nezinye iziphakamiso ngeendlela zokuphungula ityala likarhulumente kulo nyaka uzayo kunye nale ilandelayo. Oku kuncede iKhabhinethi ukuba ibone iindawo ezinokuza nohlumo loqoqosho kunye nezigqibo zezezimali emayizithathe ngokujonga kwizinto ezenzekayo kuqoqosho lwehlabathi.

1.1. Kusekho ithemba lokuba uqoqosho lwehlabathi luza kuba ngcono kodwa isantya sokuphucuka kwemeko yalo asizikufika kwesi besilindelwe, njengoko ukuphuma kweBritain kwiMbumba yeYurophu (i-EU) - i-Brexit - nako kuneziphumo ezingezihlanga kuhlumo loqoqosho lwehlabathi. Amazwe ase-Afrika asemaZantsi eSahara aqwalasela iimeko zezoqoqosho ezingentlanga njengoko amazwe anoqoqosho olukhulu kulo mmandla esenza uhlenga-hlengiso ethoba amaxabiso ezimbiwa nezinye iimveliso.

1.2. Eminye imingcipheko iquka ukungabikho kozinzo kwicandelo lezebhanki le-EU; uzinzo kuqoqosho lwamazwe asahlumayo; ukungabikho kozinzo kwimimandla ethile yehlabathi, imeko yemozulu neyezempilo engazinzanga.

1.3. I-MTEF iqinisekisa ukuba izibonelelo zezentlalo azichaphazeleki kwezi meko zoqoqosho olungazinzanga. Urhulumente akagungqi kwizicwangciso zezezimali ebecebe ukuzizalisekisa kwisigaba esiphakathi kwaye uza kuthatha amanye amanyathelo ukuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka, ngokokuvuma kweemeko.

1.4. Izigqibo eziza kuthathwa ngumbuso ziza kuxhomekeka kwiinguqu ezisekelwe kulawulo olulululo, kunye nokuthatha inxaxheba kwamashishini abucala.

2. Okwesibini, i-Lekgotla yeKhabhinethi iwugwadlile nomba wokufezekiswa kwesiCwangciso esimaNqaku aliThoba, esineenjongo zokukhulisa uqoqosho loMzantsi Afrika, esasidandalaziswe nguMongameli uJacob Zuma kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe ngeyoMdumba ngowama-2015.

2.1. Kule ndibano kugxininiswe kakhulu kwiinkqubo neeprojekthi ezingundoqo ukuze kuqaliswa ngamandla ukufezekiswa kwesiCwangciso esimaNqaku aliThoba kulo nyaka-mali uzayo. Oku kukhokelele ekubeni kwamkelwe ngokusesikweni iiprojekthi eziza kwenza umahluko omkhulu kulo nyaka-mali uzayo neminye elandelayo ezineenjongo zokwenza umahluko obonakalayo kuqoqosho ngokuthi zivulele amathuba kumacandelo angundoqo kuqoqosho.

2.2. IKhabhinethi ithathe izigqibo ezibalulekileyo zokuba kuqaliswe ngamandla ukuphunyezwa kwesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) eziquka:

  • Ukuba iSebe lamaShishini kaRhulumente kunye noNondyebo weSizwe aza kudibanisa iinkqubo zokuthengwa koololiwe phantsi kweziko elinye (u-Transnet) ukuze kuqinisekiswe ukuba oku kuhamba lula futhi umgaqo-nkqubo wokuba kuthengwe iinkonzo neempahla kumashishini alapha ekhaya uyathotyelwa.
  • Ukuqukumbela umba wokuqwalaselwa kwakhona kwezibonelelo-mali eziya kumashishini ukuze kuqiniswe imiqathango ize ibonakale into imali esetyenziselwa yona luze nohlumo loqoqosho luxhanyulwe nguye wonke.
  • Inkqubo eneenkcukacha-manani zorhwebo equlunqwe yiBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika, uNondyebo weSizwe, icandelo leeNkonzo zeRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS), iZiko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stats SA) iza kukhangela ize ibambe abo babandakanyeka kwizenzo zokuthutyeleziswa kwemali ngokungekho mthethweni.
  • Ukwenza izilungiso okanye izihlomelo emithethweni ukuze kuqaliswe inkqubo yokwenzela idolo amashishini athile anikwe imbijana engama-30% kushishino (umThetho osaYilwayo wezeNtengo omtsha obhalwe nguNondyebo weSizwe) ngeyoKwindla kowama-2017 kuze kunikwe amathuba amashishini amancinci, amancinane naphakathi (ii-SMME), ookopolotyeni kunye namashishini asezilokishini nawasemaphandleni.
  • Ukuqaliswa kokusetyenziswa kwemiThetho yokuThenga ngeNdlela eneDolo ekupheleni kweyeThupha ngowama-2016 njengenyathelo lokubambisa ngoku kusalisendelwe lo mthetho mtsha uza kuza notshintsho olukhulu.

2.3. Urhulumente uza kuthi gqolo engxininisa kumacandelo aqesha abantu abaninzi, kuquka nemfuneko yamacebo ahlukeneyo ukuncedia nokuxhasa amaphulo okudala imisebenzi, afana neenkqubo zamaqithi-qithi nezibonelelo, phakathi kwezinye izinto: la macandelo aquka elezomthungo, elezamalaphu elezezikhumba, elezamashishini abandakanyeka ekwenziweni kwezihlangu; elezokuhlela nokucola iimveliso zezolimo kunye nelezeenkonzo zenkqubo zoshishino.

2.4. Amanyathelo okungenelela abeyimpumelelo kuQoqosho lwaseLwandle aza kukhawulezisa iiprojekthi eziza kukhulisa ukhenketho lwaselunxwemeni nolwaselwandle ukuze kudaleke imisebenzi emininzi.

2.5. Ukusombulula iingxaki zombane kweli lizwe, iSebe lezaMandla liza kugqibezela isiCwangciso esiDibeneyo saMandla kunye nesiCwangciso esiDibeneyo semiThombo yoMbane ekupheleni kowama-2016 ukuze kucace ukuba kwenzeka ntoni na malunga namaxabiso ombane kunye namaphulo otyalo-mali kuphehlo lombane.

2.6. IKomiti yabaPhathiswa engoTyalo-mali, eSihlalo wayo inguMongameli Jacob Zuma iza kukhokela iiprojekthi zotyalo-mali eziphambili ezingama-40 kuye wonke urhulumente. Ezi projekthi zingama-40 ziquka eyezokuhlela nokucola iimveliso zezolimo, eyeepaki zezolimo, eyezamandla neziseko ezingundoqo, eyemizi-mveliso neenkonzo. Ezi projekthi zikhethwe ngokuba zisenza umahluko omkhulu nobonakalayo kwezoqoqosho ohambelana nesiCwangciso esimaNqaku aliThoba; ukuba ziza kukwazi ukuqalisa ukusebenza kule minyaka mibini izayo; iza kukwazi ukutsala nolunye utyalo-mali futhi ixhamlise noluntu ngobubanzi.

2.7. ISebe lezoRhwebo noShishino liza kuqukumbela isicwangciso-qhinga sokuqaliswa kokusetyenziswa kobuxhaka-xhaka bobuchwepheshe obuqanjwe kweli ekupheleni kowama-2016. Ukongeza apho, iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe kunye noNondyebo weSizwe aza kufuna enye imali ukuze kukhuliswe iNgxowa-mali yamaCandelo oQambo kusetyenziswa iNgxowa-mali yokuXhasa uKhuphiswano kwezoQoqosho.

2.8. Usabekwe phambili umba wokongiwa kwamanzi nowokunciphisa ilahleko yamanzi. NgeyoMsintsi kowama-2016, kuzakutyikitywa izivumelwano noomasipala abalahlekelwa ngamanzi amaninzi, ukuze kugqitywe nangazithunywa eziza kubekwa ukuba zibe liliso, futhi kuqukunjelwe nendlela yokuhlawulwa kwazo.

2.9. Ngelinge lokuzama ukukhawulezisa ukuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga soMzantsi Afrika sokuQhakamshelanisa ukuze kufakelwe ubuxhaka-xhaka be-intanethi ezikolweni, kumaziko ezempilo nakwii-ofisi zikarhulumnte, uMgaqo-nkqubo wobuChwepheshe boLwazi loNxibelelwano (i-ICT) uza kuqukunjelwa uze wamkelwe. IQela lokuGwadla iQhinga le-Intanethi eKhawulezayo liza kumiselwa ukuze kukhawuleziswe ukuphunyezwa koMgaqo-nkqubo we-ICT.

3. Okwesithathu, iKomiti yabaLawuli (i-MANCO) yeKomishini kaMongameli yokuQuquzelela iziSeko ezinguNdoqo (i-PICC) inike i-Lekgotla ingxelo yomgangatho ophezulu malunga nokufezekiswa kwenkqubo yesizwe yophuhliso lweziseko ezingundoqo kwakunye nezicwangciso ezibambekayo zokuqaliswa kokusetyenziswa kweziseko ezingundoqo kulo nyaka-mali uzayo nakule iwulandelayo. Umsebenzi we-PICC uhambelana kakhulu nowesiCwangciso esimaNqaku aliThoba.

4. Okwesine kuye kwanikwa nengxelo eshwankathelweyo yomgama osele uhanjiwe malunga nokufezekiswa kweNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) yowama-2014-2019, ethe yagxininisa kwimiba engundoqo efuna ukuhlaziywa kwi-MTSF yowama-2014-2019 ukuze iphucuke indlela efezekiswa ngayo kulo nyaka-mali uzayo.

4.1. Nangona unconyiwe umsebenzi osele wenziwe wesiCwangciso esimaNqaku aliThoba ukuza kuthi ga ngoku, kuye kwabethelelwa nokuba kufuneka kube ngathi kuphakanyiswa unyawo ukuze kubekho uhlumo loqoqosho.

4.2. Kuza kubhalwa kuze kusetyenziswe umkhomba-ndlela oza kuqinisekisa ukuba inkcitho eninzi iya ekulungisweni kweziseko ezingundoqo nezophuhliso koomasipala kunye nowokukhuthaza iindlela ezifanelekileyo zokulawula iimpahla ezenza imali ukuze kuphuculwe umgangatho kwandiswe nexesha elihlalwa ziziseko zethu ezingundoqo zophuhliso.

4.3. IKhabhinethi igqibe ekubeni iqalise ngenkqubo kazwelonke yokubonisana ngesiVumelwano sokuSebenzisana phakathi kwemibutho yabasebenzi, amashishini kunye norhulumente ukuze kukhwezelwe uhlumo loqoqosho nokulwa ukulahleka kwemisebenzi.

5. Okwesihlanu, ukwangeza kwilinge lokulungelelanisa i-MTEF kunye nesiCwangciso esimaNqaku aliThoba, uNondyebo weSizwe kunye neSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya bathe thaca iziphakamiso zawo malunga nomsebenzi osele wenziwe kulo nyaka uphelileyo ukulungelelanisa uhlahlo-lwabiwo mali lwesizwe nesiCwangciso seSizwe soPhuhlisho (i-NDP) kwakunye ne-MTSF yowama-2014-2019.

5.1. Urhulumente ukhombe uluhlu lwezinto eziza kukhokeliswa phambili ngowama-2017/18 eziza kugxininisa ekuqinisekiseni ukuba iinkcitho kwiziseko ezingundoqo ayehli, ukuphucula amaphulo ophuhliso lwezakhono, ukugcina isixa semali echithwa ebantwini abangathathi ntweni singatshintshi.

5.2. Umsebenzi wokukhangela iindawo ezisebenza kakuhle neendlela zokonga kule minyaka ishiyekileyo ye-MTEF uza kuhlala uqhuba.

6. Okwesithandathu, i-Lekgotla iye yaxoxa nangomsebenzi osele wenziwe kunye namanyathelo aza kulandelwa kwiphulo lokuzisa utshintsho kwiinkampani zikarhulumente (ii-SOC) ukusukela ngeyoMdumba wowama-2015. Oku kwenziwe ngenxa yendima ebalulekileyo edlalwa zi-SOC kumsebenzi wokutshintsha ngamandla uqoqosho nentlalo okugxininiswa kuwo ngulo mbuso wathatha intambo zolawulo ngeyeSilimela ngowama-2014.

6.1. Umsebenzi wokuqaliswa kweenkqubo zokuzisa uzinzo uqhuba kakuhle nangona kukho iindawana ezibonakalisa ukusilela emva. Ukongezwa nokuxhotyiswa kwabaphathi ukuze kuqhutywe umsebenzi onzima wokutshintsha izinto kusahleli kungumba ophambili.

6.2. U-Eskom unakho ukuzinza ubukhulu becala, icandelo lezemisebenzi yemihla ngemihla nelezezimali abonakalisa ukuqhathula kuhle.

6.3. IKomiti yabaPhathiswa iza kuqhubeka iwabeke phantsi kweliso amalinge agxininisa kokuthile okungenelela kwii-SOC ezili-13.

6.4. I-Lekgotla iwukhokelise phambili umba wokuqukunjelwa kweNkqubo yokuThengisa iZabelo, eza kusetyenziswa ukubhala nokuqulunqa umthetho wokuzisa utshintsho kwii-SOC ngeyeNkanga yowama-2016.

6.5. Uza kuqalisa umsebenzi wokumiselwa kweBhunga likaMongameli lokuQuquzelela ii-SOC eliza kunika uMongameli Zuma ithuba lokuba abone konke okwenzekayo xa kuthathwa izigqibo ezibalulekileyo kugqitywa nangamanyathelo okungenelela ukuze kudalwe ii-SOC ezidlala indima yokuzisa iinguqu kwisizwe esinombuso ogxininisa kuphuhliso.

Izigqibo nezicwangciso ze-Lekgotla yeKhabhinethi ziza kukhawulezisa amaphulo okufezekiswa kweenkqubo yokusebenza karhulumente zize ziqinisekise ukuba uMzantsi Afrika usendleleni engagungqiyo yophuhliso lwezentlalo kunye nohlumo loqoqosho.

7. UMngcwabo wasebuRhulumenteni oKhethekileyo

7.1. Zidandathekile iintliziyo zamalungu eKhabhinethi kukusweleka kwalowo wayesakuba nguMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo uMfundisi u-Arnold Makhenkesi Stofile. Njengegqala letshantliziyo lezopolitiko, wathatha inxaxheba kuwo onke amaqoqo karhulumente, kumacandelo ahlukeneyo karhulumente wephondo nokazwelonke kwakunye nemibutho yehlabathi.

7.2. UMongameli Jacob Zuma ubhengeze ukuba uMfundisi uStofile uza kukhatshwa ngoMngcwabo wasebuRhulumenteni oKhethekileyo ngokoMgaqo-nkqubo woMgangatho 2 woMngcwabo weSizwe wasebuRhulumenteni nowePhondo wasebuRhulumenteni. Njengoko sikhumbula le ngqanga yenkokeli yeli lizwe lethu, inkonzo yesikhumbuzo yaseburhulumenteni yongasekhoyo uMfundisi Stofile ibanjwe namhlanje ngentsimbi ye-11 e-Abbotsford Christian Centre eMonti. UMongameli Zuma unike nomyalelo wokuba iFlegi yeSizwe ithotywe kuzo zonke izakhiwo namaziko afanelekileyo axhome iflegi eMzantsi Afrika.

7.3. UMfundisi Stofile ongasekhoyo uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela, kwinkonzo yomngcwabo eza kuqhutyelwa kwiDyunivesiti i-Fort Hare apho ebeyiNgqonyela, ngoLwesine umhla wama-25 kweyeThupha ngowama-2016 eDikeni, kwiPhondo laseMpuma Koloni. UMongameli Zuma uza kube esisithethi sembeko kumngcwabo wongasekhoyo uMfundisi uStofile.

Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zakhe eziphantsi kwelifu elimnyama.

Lala Ngoxolo Tat’uStofile.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yomnxeba: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore