INTLANGANISELA YAMACANDELO EZOQOQOSHO, IMISEBENZI NOPHUHLISO LWEZISEKO EZINGUNDOQO INTETHO KWINTLANGANISO NOONONDABA

BaPhathiswa nooSekela-Baphathiswa
Balawuli-Jikelele
Malungu ooNondaba
Manene nani manenekazi

Ndiyanibulisa futhi ndinamnkela kule ntlanganiso yoonondaba yeNtlanganisela yeCandelo lezoQoqosho, imiSebenzi kunye noPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo (i-ESEID).

UMzantsi Afrika wamnkela isiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) kunye noMbono wowama-2030 ngeenjongo zokudala ubomi obungcono kubo bonke abemi kwilizwe elingenamkhethe. Ngoku sinesithuba esingaphezulwana nje kunyaka siqalisile ukusebenzisa i-NDP; kwiphulo lokukhwezela uhlumo loqoqosho sisombulule ingxaki entlantlu-ntathu yentswela-ngqesho, indlala kunye nokungalingani.

Uza kukhumbula ukuba uMongameli Jacob Zuma kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe (i-SoNA) ngomhla we-11 kweyoMdumba kowama-2015 wabhengeza isiCwangciso esinamaNqaku aliThoba sokukhwezela uhlumo loqoqosho nokudala imisebenzi. UMongameli Zuma waphinda wanika ingxelo ngomgama osele uhanjiwe malunga nokuphunyezwa kwesiCwangciso esinamaNqaku aliThoba kwiSoNA yesiGaba esiPhakathi koNyaka ngomhla we-11 kweyeThupha kowama-2015.

IsiCwangciso esinamaNqaku aliThoba, amalinge aso aphambili okungenelela angumba ongundoqo weNtlanganisela yezoQoqosho, silungiselelwe ukukhawulezisa uhlumo loqoqosho nokudala imisebenzi, ngokuzisa iinguqu kuqoqosho nokunyusa amaphulo otyalo-mali phakathi kwezinye izinto. Iintlobo ezintathu zamanyathelo okungenelela – amaphula adala imisebenzi, amanyathelo okungenelela okuphungula iindleko nokunceda – zenzelwe ukuba zisebenzisane futhi zikhulise uqoqosho.

Umba ophambili wokuphungula iindleko wesiCwangciso esinamaNqaku aliThoba kukungena kwizivumelwano ezingqingqwa neziza kuba luncedo zentsebenzisano necandelo lamashishini abucala.

Le ntlanganiso nani boonondaba icacisa ingxelo kaMongameli ngomgama osele uhanjiwe ngokunika ulwazi oluneenkcukacha kangangoko kunye nokunika ithuba lokuba kuboniswane kuphendulwe nemibuzo malunga nendlela amanyathelo okungenelela asithoba ahamba ngayo.

IMEKO YEZOQOQOSHO

Uqoqosho lwehlabathi luyaqhubeleka ukuthwaxa zinkqwithela. Uqoqosho lwehlabathi lukhule nge-3.4% ngowama-2014. Amahlakani ezorhwebo oMzantsi Afrika nawo abone amazinga ahlukeneyo ohlumo kuqoqosho lwawo. Uqoqosho lweMbumba yeYurophu (i-EU) ikhule nge-0,9% ngelithuba iJapan yehle nge-0.1%. Kodwa wona amazwe ase-Afrika esezantsi kweSahara akhule nge-5% yaze iMelika yona yakhula ngo-2.4% wonke. Uqoqosho lwase-China luyaqhubeleka nokuthoba isantya sokuhluma kodwa lusakhula nge-7.4%. Amaxabiso eeemphahla zorhwebo ezifana nentsimbi, amalahle, iplatinam kunye ne-oli asengaphantsi kwalawo ayephezulu owama-2009. Ukuhla ngamandla kwixabiso lehlabathi le-oli kuwuncedile uMzantsi Afrika kodwa oku kuza kubangela ukuba uhlumo luhle kumazwe ase-Afrika avelisa i-oli angamazwe aphambili iimpahla zorhwerbo eziveliswe eMzantsi Afrika ezithunyelwa kuwo.

Ngamafutshane, imeko yoqoqosho lwehlabathi ayiniki themba kangangokuba amanani aluqikelelo lwesambuku seemveliso zamazwe athotyiwe yiNgxowa-mali yeHlabathi yeMali (i-IMF). UMzantsi Afrika awunakuxhomekeka kuhlumo kuqoqosho lwehlabathi ukuze ukhulise olwawo uqoqosho. Uqoqosho lwehlabathi oludodobalayo lubeka uxinzelelo olumandla kumashishini eli kunye nezinga lokuthenga kwabathengi lihlile kweli.

UMzantsi Afrika usenengxaki kumashishini wawo amakhulu. Noko kunjalo, urhulumente usenalo ithemba lokuba uqoqosho luza kubuyela kwimo yesiqhelo likhule ingakumbi ngoku nje kukho ithemba eliqinileyo lozinzo kwicandelo lamandla ombane kunye namalinge karhulumente okunyusa amazinga otyalo-mali.

URhulumente uyavuyiswa yiNgxelo yeHlabathi yokuKwazi ukuMelana noKhuphiswano ekhutshwe liQonga loQoqosho lweHlabathi (i-WEF), ebonisa ukuba uMzantsi Afrika unyuke ngeendawo ezisixhenxe waya kwindawo yama-49 kuluhlu lwamazwe angama-140 kuLuhlu lweHlabathi lokuKwazi ukuMelana noKhuphiswano.

Ngenyanga yeThupha ngowama-2015, uMongameli Zuma wafumana ingxelo engeMeko yabaseTyhini kuQoqosho loMzantsi Afrika. Le ngxelo icacisa imfuneko yamanyathelo aphandle okungenelela ukuze kuphuhliswe kakhulu abantu basetyhini kwezoqoqosho kwilizwe liphela, kuqala ngesiCwangiso esinamaNqaku aliThoba kunye namaphulo e-Operation Phakisa.

Le ngxelo isebenza njengesiseko sokukhuthaza ukuphuhliswa kwabasetyhini ngezoqoqosho nangezentlalo, ulingwano ngezobuni nokugxininisa amalungu abo oluntu.

Urhulumente uwukhokelisa phambili umba wokukhuthaza utyalo-mali olusuka kumashishini abucala kwinkqubo yokwakhiwa kweziseko ezingundoqo. Kwicandelo lezokuvelisa kunye noQoqosho lwaseLwandle oluphantsi kwe-Operation Phakisa.

I-Operation Phakisa yindlela entsha neqalayo ukusetyenziswa yokutshintsha izicwangciso ezibhalwe zacaciswa phantsi zibe yimisebenzi ebonakalayo ngokusebenzisa amaqumrhu abekelwe oku okuhambisa iinkonzo nokusebenzisana namanye amahlakani. Nge-Operation Phakisa, urhulumente ufuna ukuqalisa iinkqubo ezibalulekileyo neziphambili ngendlela engcono, ekhawulezayo neza neziphumo.

AMAGQQABANTSHINTSHI NGOMGAMA OSELE UHANJIWE MALUNGA NOKUPHUNYEZWA KWESICWANGCISO ESIMANQAK’ALITHOBA

Urhulumente umanxada-nxada usebenzela ukuba kubekho amandla ombane aneleyo ukuqinisekisa ukuba umbane awumane ucima namhlanje nangomso; ubalulekile kuhlumo loqoqosho.

  • Ngomhla wama-30 kweyeThupha ngowama-2015, uMongameli wavula ngokusesikweni elinye icandelo kwamathandathu lokuphehla umbane kwiZiko lokuPhehla uMba iMedupi eLephalale eLimpopo eliza kugalela iimegawathi (ii-MW) ezingama-800 kwiziko lombane lesizwe.
  • IZiko lokuPhehla uMbane iMedupi liza kugalela i-MW ezingama-4 764 kwa-Eskom ukugqitywa kwalo kwaye liza kuba lelona likhulu elisebenzisa amalahle. Eli liziko lesine elipholiswa ngomoya nelisebenza imini nobusuku lingacinywa ukwakhiwa ngu-Eskom kwisithuba seminyaka engama-20, emva kweKendal, iMajuba kunye neMatimba.
  • Iprojekthi yaseKouga exabise imali ezibhiliyoni zeerandi ezimbini eyakhiweyo iza kuphehla amandla ombane ohlaziywayo onokubonelela ngombane izindlu ezingama-50 000, yongeze kula mandla ombane owesola nowomoya eziwugalele kwiziko lombane lesizwe. Umbane oze namaphulo eNkqubo yabaVelisi baMandla oMbane oHlaziyekayo abaziMeleyo (i-REIPPP) abavunyiweyo abangama-37 nawo uyaqhubeka ukunyusa umthamo wombane ogalelwa kwiziko lombane lesizwe ube ngaphezulwana nje kwee-MW ezili-1 500. Ngelinge lokuzama ukunyusa umbane oveliswa apha ekhaya ophehlwa yimizi-mveliso yoMbane weSola oNgqindilili (i-CSP) ephantsi kwephulo le-REIPPP – njengenyathelo lokuqala – iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe (i-DST) liseke iziko lokulinga elizikhilowathi (i-kW) ezili-100 lokuphehla umbane wesola ongqindilili osebenzisa izipili zokutsala imitha yelanga ezincinci nezinobuxhaka-xhaka bale mihla ukuzama ukuphungula iindleko zokuvelisa umbane wesola.
  • Kwezi ntsukwana zimbalwa zidlulileyo, besigqibezela inkqubo yokukhetha amaqumrhu abezigqatsele ukuba yinxalenye yeNkqubo yabaPhehli boMbane beeProjekthi eziNcinci (1-5 MW), enjongo zayo ikukuncedisa iinkampani zokuphehla umbane ezincinci zifumane amava ngokuqhuba iprojekthi zizenzele nemali eza kuzinceda kwiiprojekthi ezifana nale.
  • Kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, amakhaya angama-21 284 afakelwe umbane otsalwe kwiziko lombane lesizwe, angama-2 861 wona afakelwe umbane ophuma kumaziko anobuchwepheshe angeyonxalenye yeziko lesizwe.
  • I-DST iqukumbela isicwangciso esiza kubonisa amandla ombane onokuveliswa kwizinto zendalo esibonisa ukuba kukho umbane onokuveliswa kusetyenziswa intsalelo yezolimo/yezamahlathi/kwimizi-mveliso yamaplanga kunye nenkunkuma ebolayo mbombo zone zeli. Lo mgaqo-nkqubo kunye nesigqibo sokutyala imali sineenjongo zokuphucula umthamo wombane nokuqinisekisa ukuba abantu abaninzi bayawufumana umbane kwaye iza kuphehlelelwa phambi kokuphela kwalo nyaka-mali. Esi sicwangciso sibonisa ukuba ikude kangakanganina imithombo yombane wendalo kwiziseko ezingundoqo zombane kunye neenkcukacha ngeendawo ezingenambane. Sikwacacisa namathuba okudala imisebenzi ngokuqokelela izinto zendalo zisetyenziselwe ukuvelisa umbane.
  • Ukwakhiwa kwamaZiko oMbane aHlanganisiweyo (ii-IEC) eBushbuckridge naseNkomazi eMpumalanga kusekwinqanaba lokucetywa kwaye kuza kugqitywa ngeyoKwindla ngowama-2016.
  • Ngokwesiqhelo, i-IEC inako ukuqesha isigxina abantu abangama-30, abaza kuncediswa ngabanye abangxungxayo. Abo bantu baza kube besebenza ngokusisigxina kunye nabo baza kube bengxungxa baza kufumana izakhono namava nto leyo iza kuphucula amathuba abo okuba baqeshwe kweminye imisebenzi.

Kukhulu esele kwenziwe ekuhlaziyeni ezolimo, amashishini abandakanyeka ekucoleni nasekupakisheni iimveliso zezolimo kunye nobuyekezo lomhlaba.

  • IsiCwangciso sokuSebenza soMgaqo-nkqubo wezoLimo sihlaziyiwe ukuqinisekisa ukuba siyancedisa ekudaleni imisebenzi kwaye sikhuthaza ukuhluma koqoqosho, imisebenzi, ingeniso kwiindawo ezisemaphandleni, utyalo-mali, imveliso, iimveliso ezithunyelwa kumazwe angaphandle kunye nophuhliso lwelizwekazi, i-Afrika.
  • Umsebenzi uyaqhuba ekuphuhliseni iZiza zezoLimo ezingama-44 kuwo olithoba amaphondo. Esinye iSiza sezoLimo sesikulungele ukunikezelwa ngokusesikweni eMntla Ntshona. Izicwangciso zokuvelisa sele zenziwe kwaye seziqalile ukusetyenziswa mbombo zone zeli ukuqinisekisa ukuba umthamo wemveliso uyenyuka kwimimandla exhasa iZiza zezoLimo. I-DST iqhuba uphando olungamathuba okuphumelela koluvo lokuseka amaziko okukhuthaza imisebenzi yokuyila okutsha aza kuncedisa ekwakheni nasekusasazeni ubuxhaka-xhaka obufanelekileyo ukuze kuqaliswe ukusetyenziswa kweZiza zezoLimo.
  • Abavelisi abasakhulayo abangama-12 2221 bebonke baye bafumana uncedo ngeengcebiso, uqeqesho, inkxaso ngobuxhaka-xhaka obufunekayo kunye neziseko ezingundoqo ukusuka ngekaTshazimpunzi ukuya kutsho kweyeSilimela ngowama-2015. Ngaphezu koku, ezinye iifama ezingama-36 zifumana uncedo ngeNkqubo yokuHlaziya nokuPhuhlisa.
  • I-DST ixakekile ngoku izama ukuseka amaziko okufukamisela ingqolowa ukuxhasa uphuhliso kunye nokuvula amathuba okushishina ngobuchwepheshe obutsha bokufukamisa ukunceda amafama asakhasayo narhwebayo. Iintlobo ezintsha ezintlanu zezilimo ziza kulinywa ngowama-2020 ukuxhasa umthamo owandileyo wemveliso kunye nokuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneneyo. I-DST iyayixhasa neProjekthi yokuVelisa iGamtriya, iqonga lalapha ekhaya eMzantsi Afrika lophando-nzulu ngokuvelisa imithi. Le projekthi iza kugxila ekukhangeleni ezo mpawu zithandekayo ezithi zikhawulezise inkqubo yokuvelisa imithi nokuba kuveliswe kanye olu hlobo lufunekayo. Le projekthi inakho ukwenza olu shishino lande likwazi nokumelana nokhuphiswano ngenxa yenkangeleko kunye nokomelela kwayo le mithi yenziwe ngazo kwaye nokuba uza kube ungumthi ozilwayo izifo ukunceda ukwanda kwamahlathi, icandelo lamashishini amaphepha nokuwanqunqa, ngolo ke lube uqoqosho luyakhula futhi kudaleka namathuba emisebenzi.
  • IsiCwangciso-qhinga sokuVula ngokuTsha imimandla engamahlathi eNtshona Koloni sivunyiwe ukuba kubuyiselwe umhlaba ozihektare (i-ha) ezingama-22 000 wamahlathi karhulumente kumashishini arhweba ngamahlathi. Iziphumo zoku ezincumisayo ibe kukudaleka kwemisebenzi, uphuhliso loqoqosho lwengingqi kunye nokunyuka komthamo wemithi yamaplanga ethengiswayo.
  • Ngokophando lwe-LHA olwaluqhutywa liSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba kunye neQumrhu lokuPhuhlisa amaShishini ukuvulwa ngokutsha korhwebo kumahlathi aseNtshona Kolono kuza kuqasha ngokusisigxina abantu abangama-350 isithuba seminyaka emihlanu. Eli nani liza kunyuka liye kubantu abali-1 500 xa yonke imisebenzi sele iqalile kula mahlathi.
  • Ngelinge lokuzama ukuphucula isakhono sokukwazi ukumelana nokhuphiswano kwicandelo lezolimo ngokusebenzisa uphando, uphuhliso kunye nokuyila izinto ezintsha, urhulumente – kunye necandelo lamashishini labucala – utyale imali engaphezulu kwezigidi zeerandi ezili-100 ukuze kuqaliswe iinkqubo zokuyila izinto ezintsha kulungiselelwa izilimo ezisanda kuvunwa, izilimo zaselwandle, iwayini kunye necandelo lesitrasi nelamahlathi.
  • Ukwandisa ubukhulu bomhlaba onkcenkceshelwayo, iihektare ezingama-74.6 zizonke zahlaziywa kwikota yokuqala yalo nyaka-mali futhi kwakhutshelwa neempepha-mvume ezintlanu zegunya lokusebenzisa amanzi abantu ababehlelelekile ngaphambili, amanzi ewonke angumthamo ozizigidi eziyi-3.79 ze-m3 aza kusetyenziselwa ukunkcenkceshela. Amafama amalunga ne-15 asokolayo aye ancediswa ngamanzi ukulungisela imisebenzi yawo yokuvelisa.
  • Ngomhla wama-30 kweyeSilimela ngowama-2015, iKomishini yokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba (i-CRLR) yayisele ibuyekeze amabango omhlaba angama-78 138, axhamlise abantu abasisigidi esiyi-1,9 abaphuma kumakhaya angama-385 691 befumana umhlaba izihektare ezizi-3 231 787 owathengwa ngemali ezibhiliyoni zeerandi ezili-18,7. I-CRLR, ukuza kuthi ga ngoku, sele ihlawule imali engaphezulu kwizigidi zeerandi eziyi-9,1 kwabo babefake amabango baze bakhetha imali. Enye imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-4.1 iye yanikwa abo baye bakhetha umhlaba kodwa bafuna imali esisibonelelo sokuwuphuhlisa.

UMzantsi Afrika uqhubela phambili iphulo lokuxhamlisa abantu nto ibangela ukuba ubutyebi bezimbiwa bethu bube lulutho: icandelo elidala imisebenzi kwezoqoqosho.

  • I-Operation Phakisa kwicandelo lemigodi yenzelwe ukuvula amathuba otyalo-mali, ukuphucula umthamo wemveliso yelizwe ize ikhuthaze nokuthatha inxaxheba kumacandelo abalulekileyo ezezimbiwa.
  • Zikhona izicwangciso esele zikho zokunqanda ukulahleka kwemisebenzi kunye nokufuna amanye amacebo ukuthintela ukuphela kwemisebenzi kwicandelo lemigodi. Bonke abachaphazelekayo batyikitya isibhambathiso ngomhla wama-31 kweye Thupha ngowama-2015 sokunqanda ukulahleka kwemisebenzi kunye nokuthintela iziphumo zokulahleka kwemisebenzi kweli shishini.
  • ISebe lezoRhwebo noShishino linike inkxaso yohlobo lomatshini ojika amafutha abe ngumbane osebenzisa iplatinam kunye negesi yendalo ofakwe kwii-ofisi zeQumrhu lemiGodi eRhawutini.
  • Iindibano zokubonisana phakathi kukarhulumente namashishini abucala ziyaqhuba ukukhuthaza ukwandiswa kwabathengi, ukwamnkelwa kwangethuba kobuxhaxha-xhaka bobuchwepheshe obutsha kunye nemizi-mveliso eMzantsi Afrika.
  • Ngokusebenzisa izivumelwano zentsebenziswano phakathi kukarhulumente kunye namashishini abucala, i-DST iququzelele ukufakwa kwezixhotyana ezithathu ezivelisa umbane zisebenzisa amanzi ezinomthamo oyi-5kW kwizikolo ezithathu eComfimva eMpuma Koloni kunye nesinye isixhotyana esifana nesi kwiklinikhi eseWindsor East, eRhawutini, eGauteng. Ngaphandle nje kokufaka umbane kulungiselelwa ukuncediswa kwimfundo nakwezempilo, obu buxhaka-xhaka busisiqalo sokuhluma kohlobo lweshishini elitsha eMzantsi Afrika, iplatinam.

Sithe ngcebe sisiya ekuphumezeni ngempumelelo isiCwangciso sokuSebenza soMgaqo-nkqubo wamaShishini (i-IPAP) esiza kwenza umahluko omkhulu.

  • UMongameli wabhengeza ngethuba enika ingxelo koonondaba kwi-SoNA yesiGaba esiPhakathi soNyaka ngomgama osele uhanjiwe ukuba indima iyabonakala malunga nokuqalisa kokusebenza kwe-IPAP, esisesinye sezicwangciso eziza kudala imisebenzi kuqoqosho lweli lizwe.
  • Urhulumente uyaqhubeleka ukuzama ukudala iimeko ezifanelekileyo zokuba amaphulo alapha ekhaya nawangaphandle achume. Oku kuqhuba kakuhle ngokuxhasa ngezimali ushishino okuquka ukuxhasa amashishini asakhulayo aza kudala futhi agcine imisebenzi.
  • Ngokusebenzisa iNkqubo yokuPhucula iSakhono sokuKwazi ukuMelana noKhuphiswano kwiCandelo leMizi-mveliso, urhulumente ukhethe amashishini asakhulayo ali-161 ukuba axhaswe ngemali kunye notyalo-mali oluxabisa iibhiliyoni zeerandi eziyi-5.8 kwaze ngolo hlobo kwadaleka imisebenzi engama-28 212.
  • IsiKimu esisiBonelelo seCandelo leeMoto sikhethe amashishini asakhulayo ali-13 kunye notyalo-mali oluzizigidi zeerandi eziyi-1.5.
  • Urhulumente uzimisele ukuzisa utshintsho kuqoqosho ngokuqinisekisa ukuba abantu ababevinjwe amathuba ngamaphambili bathatha inxaxheba ngokubonakalayo kuqoqosho. Oku kukhokelela ekubeni kuqulunqwe isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo wooSomashishini abaNtsundu, esithe sathiwa thaca phambi kweNtlanganisela ye-ESEID kunye neKomiti yeKhabhinethi ngeyeKhala kowama-2015.
  • Indima iyabonakala kumaphulo okutsalela utyalo-mali kwiMimandla yoPhuhliso loQoqosho (ii-IDZ). Umzekelo, kwi-IDZ yaseNgqurha, abatyali-mali abatsha abali-12 batyikitye isivumelwano nale IDZ esixabisa ngaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezisibhozo, abatyali-mali abatsha abahlanu batyikitye isivumelwano ne-IDZ yaseMonti esixabisa izigidi zeerandi ezili-140 yona i-IDZ yaseRichards Bay ityikitye isivumelwano nabatyali-mali abatsha abahlanu esixabisa iibhiliyoni zeerandi eziyi-2.8.

Urhulumente udlala eyakhe indima ukulamla ukungavisisani okukhoyo emisebenzini.

  • Uyayazi into yokuba uSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa ukhokela iintlanganiso eziphakathi kwamashishini nabasebenzi ukuzama ukuphucula ubudlelwane phakathi kwala maqela.
  • Kufikelelwe kwisivumelwano malunga nendlela uMlinganiselo weSizwe ongoWona uPhantsi woMvuzo oza kucaciswa ngayo kwiBhunga leSizwe loPhuhliso loQoqosho nabaSebenzi (i-Nedlac).
  • Amanye amanyathelo okungenelela okuphungula ujamelwano emisebenzini aquka imiGaqo yokuziPhatha xa kukho ugwayimbo, ukuvalelwa ngaphandle kwabasebenzi kunye nolamlo olunyanzelekileyo yiKhomishini yoLamlo noSombululo (i-CCMA).
  • Abemi boMzantsi Afrika bona umthetho wabo bangabantu abathanda uxolo nabathobela umthetho. Masiziyeke izenzo zolwaphulo-mthetho ngethuba sibambe uqhankqalazo nemingcelele yogwayimbo.
  • Ndifuna ukubethelela ukuba ukuthetha-thethana ngoxolo xa kukho iingxaki nokubangisana sisisombululo esingaphezulu kunazo zonke.

Ukuvulela amathuba amashishini amancinci, aphakathi nasakhulayo (ii-SMME), ookopolotyeni, amashishini asezilokishini nasemaphandleni njengemacandelo oqoqosho adala imisebenzi.

  • Osomashishini abathengisa esitalatweni abangama-620 abaphuma kuwo olithoba amaphondo baqeqeshwa ngoncedo lweprojekthi yokulinga yeSizwe yokuPhuhlisa amaShishini aziziPhazai ngentsebenziswano noGunyaziwe weMfundo noQeqesho weCandelo leeVenkile eziNkulu nezingomaThenga-thengisa (i-W&RSETA). Olu qeqesho lwalugxininisa kwizakhono zokuqala ishishini, ukuthengisa nokusasaza ulwazi ngeshishini lakho, ukuthobela imithetho yoomasipala neminye imithetho, ukusebenzisana nabathengi, ukuphatha imali, izakhono zokuthenga, ucoceko nokugcinwa kokutya, ukuthenga kunye nokuthengisa.
  • Amashishini asakhulayo kunye nookopolotyeni baxhaswa ngamaphulo ecandelo lophuhliso lwamaphandle, elezokusingqongileyo kunye nelezokhenketho. Imarike ethengise iimveliso zolimo ivuliwe kuMasipala waseThili sase-uThungulu kwiphondo laKwaZulu-Natal.
  • Ukuxhasa uphuhliso icandelo loshishino kuqoqosho lwezendalo, iZiko loPhuhliso lwamaShishini eMizi-Mveliso yezeNdalo elamiselwa liBhunga loPhando ngezobuNzululwazi namaShishini (i-CSIR) ngoku lixhasa amashishini amancinci naphakathi ali-17 asebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla.
  • Ukuxhasa uphuhliso leshishini lokuyila iiprogram ezintsha ezinokusebenziseka kwiiselula, iziko lokuyila iiprogram ezinokusebenziseka kwiselula (i-mLab Southern Africa) lasekwa ngabakwa-Innovation Hub kwaye ngoku lixhasa amashishini amancinci naphakathi ali-11 avelisa iiprogram ezinokusebenziseka kwiselula.
  • Jengenxalenye yecebo lokuququzela ukuxhaswa ngemali kwee-SMME kunye nookopolotyeni, iNkqubo yoPhuhliso lwamaShishini abaNtu abaNtsundu aBonelela ngeeNkonzo yeSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci ixhasa amashishini amancinci angama-376 ngemali ezizigidi zeerandi ezingama-95. Oku kuncede ukudala imisebenzi engama-10 399.
  • I-Arhente yokuXhasa ngeMali amaShishini amaNcinci (i-SEFA) ikhuphe imali ezizigidi zeerandi ezingama-344 iyinika ii-SMME ezingama-24 711. Iphinde yancedisa ngemali amashishini angawabantu abatsha angama-5 305, angama-22 296 angawabantu abantsundu, angama-21 940 angawabantu basetyhini kunye nee-SMME nookopolotyeni abangama-22 620 kumaphondo ekwakuthiwe kuza kuqalwa ngawo. Kubalulekile ukuba sikuqaphele ukuba ama-43% ale mali ayesiya kumacandelo angawona ekwakuthiwe kuza kuqalwa ngawo – afana nelokwakha, ubuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano (i-ICT), elezemigodi, imizi-mveliso, elezolimo kunye nelezokhenketo – kwiNdlela yoHlumo oluTsha kunye ne-IPAP.
  • Kuyachulumancisa ukuba ama-98% emali eyinkxaso isiya kumashishini amancinci. Oku kuhambelana kanye nesiCwangciso esiManqaku aliThoba esaziswa nguMongameli kwi-SoNA yowama-2015. Kubalulekile ukuba sikucacise nokuba iinkoliso yemali-mboleko ekhutshwa yi-SEFA ayifuni ukuba umntu amise okanye abambise ngento.
  • Amaziko e-SEFA angama-48 axhasa abantu abafuna uncedo abangama-2 236. Imisebenzi esisigxina engama-535 iyonke yadalwa ngamashishini amancinci ancediswayo, ikakhulu kwicandelo lezolimo nelezokwakha.

Uyabonakala umsebenzi nakumacandelo anxibelelelanyo ukutshintsha uqoqosho nokulihlupheza kunye nokulenza ukuba lingajongi calanye. Oku kwenzelwe ukuncedisa amanye la amanyathelo okungenelela asithoba.

Iziseko zonxibelelwano

  • ISebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi liqalise ngenkqubo yokufakela ubuxhaka-xhaka bothungelwano-lwazi obukhawuleza kakhulu kwizithili ezisibhozo kumaphondo alinga inkqubo ye-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI), kuquka nokuqasha inkampani eza kufakela obu buxhaka-xhaka. Ukongeza koku, isicwangciso sokufakela ubuxhaka-xhaka bonxibelelwano ezikolweni kwizithili ezisibhozo siyaqhuba.
  • Izikolo ezingama-380 zifakelwa obu buxhaka-xhaka ngokweMiqathango yeNkonzo eFanayo enyanzeliswe nguGunyaziwe wezoNxibelelwano oziMeleyo woMzantsi Afrika (i-Icasa). Le nkqubo iquka ukuhlela izikolo ngokokuba zikude kangakanani kwindawo esele inabo obu xhaka-xhaka. Izikolo ezingama-1 933 zizonke zifakelwe obu buxhaka-xhaka kwaye zinawo namagumbi eekhompyutha, ngaphezu kwezi, ezinye ezili-131 ezikwimimandla esemaphandleni zifakelwe izixhobo neenkonzo ze-ICT. Ukufakelwa kobuxhaka-xhaka bothungelwano-lwazi obukhawulezayo kunye ne-ICT kuza kuvuselela uphuhliso loqoqosho lwezi ngingqi kuze kwandise namathuba oqoqosho olutsha.

Amanzi nogutyulo

  • Amakhaya angama-27 200 afakelwe amanzi aselwayo kutsha nje. Iiprojekthi ezimbini zamanzi ezixhaswe ngeMali-sibonelelo yeNgingqi yeziSeko ezinguNdoqo zaManzi asisiXa bezigqityezelwa kuMasipala waseMasilonyana eFreystatha, ukwakhiwa kweziseko zamanzi asisixa ezili-15 kukwizigaba ezahlukeneyo.
  • IsiGaba 1 seMokolo Crocodile Water Augmentation Project sigqityiwe kwaye ikwazile ukuzisa isiqabu okwexeshana sentsokolo yamanzi kwimimandla yaseWaterberg. Oku kuza kunceda kakhulu ekuncediseni ngamanzi kwiziko lombane iMedupi kunye neMatimba.
  • Amakhaya angama-3978 kutsha nje afumene iinkonzo zogutyulo ngenxa yeMali-sibonelelo yeziSeko ezinguNdoqo zemiMandla esemaPhandleni kwaye iindawo ezingama-3 822 ebezikade zisebenzisa amabhakethi ngoku zakhelwe izindlu zifakelwe iinkonzo zogutyulo.

Ezothutho, oololiwe kunye neendlela

  • Iziseko ezingundoqo zezothutho zixhasa onke amanye amanyathelo aphambili okungenelela kwaye libaluleke kakhulu ekuncediseni kuhlumo loqoqosho.
  • INkqubo yokuThenga nokuHlaziya ooLoliwe ye-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe abaLayisha Abantu (i-Prasa) iyaqhuba, kwaye omnye woololiwe bayo wenziwe eBrazil, sithetha nje kulungiselelwa ukuba ugqitywe ngomhla wama-30 kweyeNkanga ngowama-2015.
  • Njengelinge lokuzama ukukhathalela iindlela zamaphondo, indlela engumgama oli-19.24 km yenziwe, engama-62km yafakwa itha, eli-18km igalelwe igrabile, engama-821 ikrweliwe kunye nezigingqi ezikwindlela engumgama ongama-227 628 m² zidityiwe. Iindlela zamaphondo zixhaswa ngemali ngeMali-sibonelelo yokuLungisa iiNdlela zamaPhondo (i-PRMG). Uluhlu lwezi ndlela lukho kuTheyibhile B5 weCandelo loMthetho weNgeniso: iziSeko ezinguNdoqo zeeNdlela zamaPhondo, uluhlu lweeprojekthi ezilungiswa ngemali ye-PRMG.
  • Ukwakhiwa kweebhulorho ezintathu eMbombela, eBushbuckridge kunye naseNkomazi eMpumalanga kukumanqanaba ahlukeneyo (ukwakhiwa kweebhulorho ezonakaliswa zizikhukhula).
  • INkqubo yeeBhasi eziQuqa ziBuyelela (i-BRT) iyaqhubeleka futhi iyasebenza kwizixeko ezahlukeneyo eMzantsi Afrika.
    •  eKapa, u-MyCiTi, uthutha abantu abalinganiselwa kwabangama-42 522 kwabo bangama-50 000 kwakucetywe ukuba baza kuthuthwa ngosuku phakathi evekini.
    • I-Rea Vaya eRhawutini ithutha abantu abamalunga nama-33 670 kwabo bangama-40 000 kwakucetywe ukuba baza kuthuthwa ngosuku phakathi evekini.
    • EPitoli, i-A Re Yeng, ithutha abantu abamalunga nama-3 000 kwabo bangama-10 000 kwakucetywe ukuba baza kuthuthwa ngosuku phakathi evekini.
    • EGeorge, i-Go George, ithutha abantu abamalunga nama-7 630 kwabo bangama-10 000 kwakucetywe ukuba baza kuthuthwa ngosuku phakathi evekini. Umsebenzi wokwandiswa kwale nkqubo yothutho uyaqhuba kwizixeko ezahlukeneyo zeli ngokwemfuneko kweso sixeko nemali ekhoyo.
  • Umsebenzi wokwandiswa kwale nkqubo yothutho uyaqhuba kwizixeko ezahlukeneyo zeli ngokwemfuneko kweso sixeke nemali ekhoyo.
  • INkampani ye-Arhente yeeNdlela zeSizwe yoMzantsi Afrika (i-SANRAL) sele iqalise ngemizobo yoyilo lokuqala kunye namanye amalungiselo okuphucula iMoloto Road.
  • Uphando ngamathuba okuphumelela kokwakhiwa kwefektri yoololiwe Ekurhuleni luvunyiwe. Le fektri iza kuvelisa amakharegi angama-580 ize idale nemisebenzi emalunga nama-33 000 kuyo ngqo nakumanye amashishini aza kuxhamla kuyo.
  • Ukuqulunqwa komgaqo-nkqubo wokusebenzisa izithuthi ezinye ukuxhasa inkqubo uQoqosho lwaseLwandle ye-Operation Phakisa kuyaqukunjelwa.
  • Idrafti yesicwangciso-sikhokelo sokuthatha inxaxheba kwamashishini abucala kwicandelo lamazibuko kunye noololiwe seyibhaliwe kwaye ilindele ukugqityezelwa. 

Amanyathelo okungenelela esiCwangciso esinamaNqaku aliThoba ayelungiselelwe ukukhwezela uqoqosho lweli ngezigaba ezahlukeneyo ixesha elide. Inyathelo ngalinye lokungenelela alihambi lodwa koko liyinxalenye yamalinge ahlangeneyo esizwe. Eli lilinge lesizwe siphela lokusebenzela uqoqosho oluza kuxhanyulwa nguye wonke. Ukuxhotyiswa kwabasetyhini ngezoqoqosho kubaluleke kakhulu ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukubona uphuhliso nohlumo lokwenyani loqoqosho. La manyathelo okungenelela esi siCwangciso sinamaNqaku aliThoba aza kuza neziphumo kumaxesha ahlukeneyo ahlelwe ngokwexesha elifutshane, eliphakathi nelide.

Siqinisekile ukuba la manyathelo abalulekileyo okungenelela aza kunceda ukukhulisa uqoqosho loMzantsi Afrika asabele kanye kwimingeni esijongene nanyo yentswela-ngqesho, indlala kunye nokungalingani ukuba sisebenza ngokubambisana. Uqoqosho luyingxaki yethu sonke.

Sibambisene masiqhubele eli lizwe phambili.

Enkosi

Share this page

Similar categories to explore