INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa

INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa, 6 kweyoMdumba 2025, IHolo lesiXeko saseKapa

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nksz Thoko Didiza 
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Nksz Refilwe Mtshweni-Tsipane, 
Sekela Mongameli Shipokosa Paulus Mashatile,
Jaji eyiNtloko Mandisa Maya kunye neeJaji ezingoMongameli
Owayesakuba nguMongameli, uThabo Mbeki, 
Owayesakuba nguMongameli, u-Kgalema Motlanthe 
Owayesakuba nguSekela Mongameli, u-David Mabuza
Owayesakuba nguSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe, uNksz Baleka Mbete,
Owayesakuba nguSekeka-Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe, uMnu Lechesa Tsenodi,
Owasekuba nguSihlalo we-NCOP, uMnu Amos Masondo,
USodolophi wesiXeko saseKapa, uMnu Geordin Hill-Lewis,
IiNtloko yamaLungu ezoZakuzo, iiNtloko zeeNqila kunye neeNtloko zee-Ofisi zoZakuzo
Malunga ePalamente
Bemi boMzantsi Afrika.


Sisisizwe sithe nqwadalala apha sintywizisa ngenxa yokusweleka kabuhlungu kwamajoni oMzantsi Afrika ali-14 ebeyinxalenye yephulo lokuzisa uxolo kwimpuma ye-Democratic Republic of the Congo (i-DRC).
Siyangqukruleka sithobe intloko egameni:

•    Lika-Staff Sergeant William Eddie Cola 
•    Staff Sergeant Molahlehi Ishmael Molahlehi 
•    Staff Sergeant Shwahlane Theophilus Seepe 
•    Corporal Matome Justice Malesa 
•    Corporal Rinae Nemavhulani 
•    Lance Bombardier Itumeleng Macdonald Moreo 
•    Lance Corporal Tseke Moffat Molapo 
•    Lance Corporal Metse Stansly Raswiswi 
•    Rifleman Sebatane Richard Chokoe 
•    Rifleman Derrick Maluleke 
•    Rifleman Tshidiso Andries Mabele 
•    Rifleman Calvin Louis Moagi 
•    Rifleman Mokete Joseph Mobe kunye
•    No-Private Peter Jacobus Strydom. 

La majoni asutywe kukufa enamanye amajoni aphuma kumazwe e-Afrika esemazantsi ekhusela ilungelo elingundoqo labantu base-DRC lokuba baphile phantsi koxolo nokhuseleko.

Abasutywanga kukufa besilwela izimbiwa, befuna ukuthatha umhlaba okanye amagunya okuphatha.

Basutywe kukufa besilwela ukuba ziphele naphakade iimfazwe kweli lizwekazi lakuthi.

Siyakhahlela kula majoni angamagorha akuthi.

Bantu boMzantsi Afrika,

Le SoNA siyibambe kanye xa sibhiyozela iminyaka engama-70 ukususela kwamkelwa ngokusesikweni uMqulu weNkululeko kwiNkongolo yaBantu e-Kliptown.

Lo Mqulu weNkululeko uliseko osekelwe kuwo uMgaqo-siseko wombuso wentando yesininzi.

Ucacisa umbono woMzantsi Afrika omanyeneyo, ongenabuhlanga, ongacaluli ngokwesini, ulawulwa ngentando yesininzi noqhubela phambili.

Umisela umbono welizwe apho urhulumente ingowentando yabantu, apho umhlaba kwabelwana ngawo ngabo bawusebenzayo, apho abantu babelanayo ngobutyebi belizwe nesizwe apho wonke umntu elingana ngokomthetho.

Ngulo mbono osikhokelayo njengoko sisebenzela ukwakha isizwe esisifunayo sonke.

Ngulo moya weNkongolo yaBantu osivuselelayo njengoko silungiselela ukubamba iMbizo yeSizwe apho bonke abemi boMzantsi Afrika beza kuphinda badibane bahlahle indlela entsha eza kuhanjwa lilizwe lethu.

Kufuneka sihlahle le ndlela kwihlabathi elitshintsha ngokukhawuleza.

Kwihlabathi lokuxhomekekelana nokukhuphisana, lokusebenzisana nokungquzulana.

Kwihlabathi elinamazwe amaninzi anobunganga, apho amazwe amatsha avelayo njenganaso isakhono sokudlala indima emandla kwimiba yehlabathi.

Sibona ukukhuphisana okumandla ngorhwebo, ubuchwepheshe kunye namandla okulukuhla amaqumrhu ehlabathi.

Kukho utshintsho olukhulu olwenzekayo kwihlabathi oluchaphazela bonke ubomi babantu – ukusuka kumonakalo owenziwa lutshintsho lwemozulu ukuya kukukhula ngokukhawuleza kweteknoloji ekwinqanaba lomntu (i-AI), ujamelwano phakathi kwamazwe athile kunye nongquzulwano olunobundlobongela.

Ngoku sijongene nale mingeni, sibona ukuvela kwengcine elwela ukukhokelisa ilizwe lakowenu lodwa kunye neyokukhusela ubutyebi belizwe lakho, ukulwela ukuzaliselisekisa izidingo zakho wedwa kunye nokonqongophala komba wokugxininisa kwizinto ezilulutho kuthi sonke.

Lihlabathi eli ekufuneka thina, njengesizwe esisahlumayo, siphile kulo.

Kodwa ke asikaxakwa. Asizikuphazamiseka.

Singabantu abanyamezelayo. Asizikuvuyelelwa.

Siyabambisana njengesizwe esimanyeneyo.

Siza kuthetha ngazwinye ukukhusela izinto ezilulutho nezibalulekileyo zezwe lakuthi, ukuba singumbuso ozimeleyo, kunye nolawulo lwentando yesininzi olusekelwe kumgaqo-siseko.

Ngokuma singagungqi kwizinto ezinexabiso kuthi, ngokuthi sixhomekeke kwizinto esibalasele ngazo nangokuthi sizame ukusengela thungeni linye, singakwazi ukuzilwa ezi ngxaki zibe luncedo kuthi zize ziqhubele izwe lakuthi phambili.

Njengabemi boMzantsi Afrika, simele uxolo nobulungisa, ulingwano nobambiswano. Silwe ukungacaluli ngobuhlanga nolawulo lwentando yesininzi, unyamezelwano nemfesane. Silwela amalungelo alinganayo amanina, abantu abakhubazekileyo kunye nabantu abayinxalenye ye-LGBTQIA. Silwela ubuntu kumntu wonke, hayi iimeko apho abo banobunganga badlelela wonke umntu.

Ke ngoko, ngolu rhatya masikhe sithethe ngesizwe esisifunayo, masikhe sichubelane ngomsebenzi ekufuneka siwenzile – kunye nalo msebenzi siwenzayo – ukwakha eso sizwe.

Sifuna isizwe esinabantu abamanyeneyo nangona bezintlanga ezahlukeneyo.

Kumaxa anzima ngaphambili, sasibenza ngokubambisana sisengele thungeni linye.

Ngokusebenzisana, sazisa uxolo nolawulo lwentando yesininzi kweli lizwe lakowethu.

Saloyisa ucalucalulo, ulwaphulo-mthetho olwenziwa ebantwini abathile olwahlutha amalungelo oluntu abantu, olwabahluthela umhlaba neempilo zabo nolwalufuna ukubahlutha isidima.

Ngentsebenziswano sikwazile ukumlwa ubhubhane ubugqugqisa, sakwazi ukwakha ngokutsha isizwe sakuthi esasijamelene nengxaki yokubanjwa kombuso ngobhongwane.

Sisonke sakhe amaqumrhu azinzileyo axhasa ulawulo lwentando yesininzi, akhusela amalungelo wethu angundoqo kunye nalwela ubomi obungcono babemi boMzantsi Afrika.

Sakhe intsebenziswano enzulu phakathi kukarhulumente namashishini, imibutho yabasebenzi nemibutho yoluntu kunye namanye amahlakani ezentlalo ukuze siqhube uhlumo nophuhliso. Le ndlela siqhube ngayo ingumzekelo omileyo wentsebenziswano kwihlabathi liphela.

Abemi boMzantsi Afrika bayaqhubeleka nokusebenzisana ukulwa imingeni elijamelene nayo izwe lakuthi kunye nokwakha isizwe esilulutho kuthi sonke.

Sikhokelwa yintando yabantu njengoko benzile kunyulo lwalo nyaka uphelileyo, siye saseka uRhulumente kaZwelonke woBumbano (i-GNU) ukuze sizalisekise le nto sidume ngayo yentsebenziswano.

Njengamaqela ezopolitiko, siye sazibeka ecaleni ezi ndawo singavaniyo ngazo saze savumelana ukuze sisebenzisana ngolo hlobo sikhokelise phambili bonke abemi boMzantsi Afrika.

Kule veki iphelileyo, samkele ngokusesikweni isiCwangciso soPhuhliso sesiGaba esiPhakathi (i-MTDP), esinika inkqubo ecacileyo netyebileyo yale minyaka mihlanu izayo.

Amanyathelo ekufuneka athatyathwe aqulethwe kwi-MDTP aza kuqhubela phambili izinto ezibalulekileyo esisikhokelise phambili:

Okukuqala, ukuqhuba uhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kunye nokudala imisebenzi

Okwesibini, ukuphungula indlala kunye nokulwa ingxaki yeendleko eziphezulu zokuphila.

Okwesithathu, ukwakha umbuso onezakhono, othembakeleyo nokhokelisa phambili uphuhliso.

Owona msebenzi wethu ungxamileyo kukukhulisa uqoqosho lweli lizwe ukuze lukwazi ukudala imisebenzi, ukuphungula indlala kunye nokuphucula ubomi babo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Ukuze senze lo msebenzi, sifuna urhulumente osebenzela abantu.

Sifuna umbuso onesiphiwo nezakhono, oxhathise ngabaSebenzi bakaRhulumente abaqeqeshiweyo.
Abemi boMzantsi Afrika bafuna uMbuso ophatha abantu ngesidima, intobeko nentlonipho.

Umbuso oneenkokeli ezikulungeleyo ukusebenzela abantu ngokuzinikela kunye nabasebenzi bakarhulumente abathembekileyo, abanezakhono nabaneziqinisekiso zemfundo ezifanelekileyo.

Ukuze sizalisekise le mibono, sinika iKhomishini yabaSebenzi bakaRhulumente (i-PSC) amagunya athe xhaxhe kumaphulo okuqashwa kwabantu kwizikhundla ezibalulekileyo abakhokela imiba yezwe lakuthi, abantu abafana nabaLawuli-Jikelele (ii-DG), amaSekela eeDG, amaGosa ayiNtloko esiGqeba (ii-CEO) amaqurhu karhulumente (ii-SOE), amalungu eebhodi kunye nezinye izikhundla eziphezulu.

Siza kuqalisa inkqubo yokuqeshwa kwabantu abanemfundo enomsila ukuze sikwazi ukufumana abantu abangabona babalaseleleyo nabakrelekrele bazo kusebenzela urhulumente.

Umbuso onesakhono uqala kanye kule ndawo bahlala futhi basebenza kuyo abantu.

Kwizixeko needolophi ezininzi kulo lonke lizwe, iindlela azilungiswa, amanzi ayavalwa nombane uyacima amaxa amaninzi, inkunkuma ayiqokelelwa futhi ilindle linkcenkceza ezitalatweni.

Oku kumaxa athile kubangelwa kukuba oomasipala abaninzi abanazo izakhono zobuchule kunye nezixhobo ezifunekayo ukwenzela abantu izinto abazifunayo.

Ukususela kulo nyaka, siza kusebenzisana noomasipala bakuthi ukuze siseke amaqumrhu azimeleyo akhokelwa zingcali aza kujongana neenkonzo zamanzi nezombane ukuqinisekisa ukuba kufakwa imali eyaneleyo kwezi nkonzo futhi iziseko ezingundoqo ziyakhandwa zilungiswa.

Uninzi lweengxaki ezikoomasipala zivela kwindlela le akheke ngayo urhulumente wemimandla.

Ke ngoko siza kuqalisa iphulo elikhulu lokufakana imilomo ukuze kuqulunqwe iPhepha eliCacisa Mgaqo-nkqubo wooRhulumente beMimandla elihlaziyweyo ukuze linike ingcaciso ngenkqubo yoomasipala bemimandla bale mihla nelungele kanye iimeko zethu.

Siza kuyiqwalasela kwakhona inkqubo yokuxhaswa ngemali koomasipala, njengoko uninzi lwabo lungenayo imithombo ezinzileyo yokuzenzela ingeniso.

Siza kuqhubeleka sisebenzisana neenkokeli zemveli kumsebenzi wokuqalisa ukusebenzisa iinkqubo zophuhliso zasekuhlaleni.

Siza kuyandisa inkxaso esiyinika oomasipala abafunana uncedo, ngokuthi sifunde kwindlela ekuqhutywe ngayo kwiQela likaMongameli eliJongene nemiBa yase-Ethekwini.

Sibona umsebenzi omhle kakhulu e-eThekwini, njengoko siphumeza iNkqubo yoPhuhliso oluKhokelwa ziziThili (i-DDM), evumela ukuba basebenzisane abadlali-ndima abangundoqo kurhulumente, amashishini, abasebenzi kunye nemibutho yabahlali.

Njengoko siphethe umsebenzi wokwenza utshintsho kwiNkonzo yabaSebenzi bakaRhulumente size sakhe uMbuso onezakhono, siza kusebenzisa ubuchwepheshe ukuze sitshintshe indlela asebenza ngayo urhulumente. 
Siza kutyala imali kwiziseko ezingundoqo zikarhulumente zobuchwepheshe ukuze senzele ukuba abemi boMzantsi Afrika bakwazi ukufikelela kurhulumente nanini na, naphi na besebenzisa iqonga le-gov.za eliza kuhlaziywa ngokutsha.

Eyona into ingundoqo kwezi nguqu kukuqaliswa kwenkqubo esebenzisa i-intanethi yokukhupha iincwadi-zazisi.

La manyathelo aza kutshintsha ubudlelwane phakathi kwabemi kunye norhulumente; aza adale urhulumente omnye ofikeleka lula kumntu wonke ngokuthi bacofe nje iiselula zabo. Sifuna isizwe esinoqoqosho oluqhuba kakuhle oluxhanyulwa ngumntu wonke.

Ukuze sikwazi ukuzibona iziphumo ezinhle zale nkqubo yokutyalwa kwemali, yona elandelwa luhlumo luze lona ludale imisebenzi, kufuneka sinyuse izinga lokuhluma koqoqosho libe ngaphezulu ko-3%.

Ukuze sincede uqoqosho lwethu luhlume kakhulu, siza kuqhuba iphulo elikhulu lokutyala imali kwiziseko ezingundoqo ezitsha, ngeli thuba siphucula futhi silungisa ezi sele sinazo.

Siqulunqa iindlela ezinobuchule zokuxhasa ngemali iziseko ezingundoqo.

Sifakana imilomo namaziko ezimali alapha ekhaya nawamazwe angaphandle kunye nabatyali-zimali ukuze kuvele imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-100 zokuxhasa ngemali iziseko ezingundoqo.

Ixesha leprojekthi yokulungiselela ukufakwa kwezicelo sele liqalisile ukwenzela ukuba silungele ukwamkela utyalo-mali.

Oku kuquka imithetho ehlaziweyo elawula izivumelwano zentsebenziswano phakathi kukarhulumente necandelo labucala, eza kuthi ivulele amathuba iingcali zecandelo labucala kunye notyalo-mali oluvela kwicandelo labucala.

Urhulumente uza kuchitha imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-940 kwiziseko ezingundoqo kule minyaka mithathu izayo.

Le mali quka imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-375 eza kuchithwa kwii-SOE.

Le mali iza kuvuselela iindlela neebhulorho zethu, yakhe amadama nemijelo yamanzi, iphuculo amazibuko nezikhululo zeenqwelo-moya, futhi ikhwezela uqoqosho lweli lizwe lakuthi.

Ngokusebenzisa i-Infrastructure Fund, iiprojekthi ezili-12 ezinemali evela kurhulumente nakumanye amaqumrhu ezixabisa imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezingama-39 ziye zavunywa kulo nyaka uphelileyo.

Ezi projekthi zikwezamanzi nezogutyulo, kwiindawo zokuhlala abafundi, ezothutho, ezempilo nezamandla.

Umsebenzi wokwakhiwa kweBhulorho yaseMthentu uyaqhuba. 
 
Le bhuloro iza kudibanisa i-Port Edward neLusikisiki, kwaye iza kuba yeyona bhulorho iphakamileyo e-Afrika.

I-Polihlali Dam iza kugalela amanzi azi-cubic metre ezizigidi ezingama-490 zamanzi ngonyaka asuka kwi-Lesotho Highlands kuMlambo iLigwa, into leyo eza kwenza amaphondo aliqela abe namanzi oneleyo iminyaka eliqela.

Sisebenzisana namahlakani wethu ehlabathi, sivuselela amazibuko eenqanawa amancinci ngeli thuba sivulela abantu abahlala ngasemanxwemeni eelwandle zeli  amathuba ezoqoqosho.

Sithe ngcembe sisusa imiqobo ethintela uhlumo olwenza umahluko nolukhawulezayo.

Iinguqo zezoqoqosho esele siziqalisile sisebenzisa i-Operation Vulindlela zenze ithemba nokuzithemba kuqoqosho lweli lizwe lakuthi.

Mhle umsebenzi esiwenzayo kwiphulo lokwakha ngokutsha kunye nokutshintsha amacandelo angothungelwano kwakunye namathuba otyalo-mali avelayo futhi nathathwayo ngabatyali-zimali, athi akhokelele ekudalweni kwemisebenzi.

Sisebenzisana namashishsini, abasebenzi kunye namanye amahlakani ezentlalo ngoku masiwuqukumbele lo msebenzi.

Kulo nyaka siya kuwo, siza kuqalisa isigaba sesibini seenguqu ukuze siqalise uhlumo olukhawulezayo noluza kuxhanyulwa ngumntu wonke.

Into esigxininisa kuyo ngoku kukunceda u-Eskom, Transnet kunye nezinye ii-SOE ezibalulekileyo kuqoqosho lwethu ukuba zisebenza kakuhle.

Sifuna la maqumrhu abe neziseko ezingundoqo ezikumgangatho wehlabathi ngeli thuba sivulela amathuba namanye amaqumrhu aza kukhuphisana nawo, nokuba kukumba wokuphephlwa kombane, imizila yoololiwe okanye amaqonga okulayisha kumazibuko eli.

Siyaqhubeleka neenguqu ezimandla kwii-SOE zethu ukuze siqinisekise ukuba ziyakwazi ukwenza umsebenzi wazo eziwugunyazisiweyo onxulumene nezentlalo kunye noqoqosho. Oku kuquka lo msebenzi uqhubayo ngoku wokuqulunqa inkqubo entsha yokwenza ngqingqwa ulawulo kunye nokubeka iliso kumaqumrhu karhulumente.

Siza kuqinisekisa iziseko ezingundoqo ezibalulekileyo zihlala zisezandleni zikarhulumente ukwenzela uluntu ngeli thuba siza kuzama ezinye iindlela ezihlakaniphileyo zokuvulela utyalo-mali oluvela kwicandelo labucala ukwenzela ukuphucula iinkonzo kunye nokuqinisekisa ukuba imali karhulumente isetyenziselwa ukunikezela iinkonzo zikarhulumente.

Siqhuba inkqubo yokuseka iCandelo leeNguqu kwii-SOE eliza kuququzelela wonke lo msebenzi.

La manyathelo sele siqalisile ukuwasebenzisa ngesiCwangciso esiJongene nezaMandla awuphungule umonakalo nezihlandlo efika ngazo le ngxaki kacimi-cimi wombane, kangangokuba sineentsuku ezingaphezulu kwezingama-300 singenayo le ngxaki yokucinyelwa ngumbane, ukususela ngeyoKwindla 2024.

Nangona ukubuya kwayo le ngxaki kacimi-cimi wombane iintsuku ezimbini kule veki iphelileyo bekusikhumbuza ukuba umbane wethu awukazinzi, sisendleleni ebheka phambili.

Ngoku kufuneka siyilwe iphele tu ingxaki kacimi-cimi wombane ngokuthi siqukumbele iinguqu kwicandelo lezamandla ukuze siqinisekise siza kuba sinombane owaneleyo ixesha elide. 
 
UMthetho-siHlomelo woLawulo loMbane oqale ukusebenza ngomhla woku-1 kweyoMqungu usisiqalo sexesha elitsha.

Kulo nyaka, siza kuqalisa amalungiselelo okwakha icandelo lezombane elinamaqumrhu amaninzi akhuphisanayo.

Ngokuhamba kwexesha, oku kuza kuvumela ukuba kubekho amaqumrhu ophehlo-mbane amaninzi akhuphisanayo.

Siza kuvulela utyalo-mali oluvela kwiinkampani zabucala oluza kusetyenziswa kubuxhaka-xhaka bokuhanjiswa kombane ukuze kukwazi ukugalelwa umbane ohlaziyekayo omninzi kulo weziko lesizwe.

Njengoko siqhubeleka neenguqu kwicandelo lezamandla, siyaqhubeleka nokutyikitya izivumelwano zentsebenziswano namaqumrhu ehlabathi kwilinge lehlabathi lokunqanda lo monakalo mbi wenziwe lutshintsho lwemozulu.

Iphulo lethu yokuTshintsha Amandla ngeNdlela engazikusiDlelelela liqhuba kakuhle kakhulu.

Sesifumene izithembiso zemali engaphezulu kwiidola zase-US ezizibhiliyoni ezili-13 ezenziwe ngamaqumrhu ehlabathi kwaye imali evela kumaqumrhu abucala sele ityaliwe kweli.

Sizimisele ukuzizalisekisa izithembiso zethu zokuphungula umthamo wesisi sekhabhoni kwaye siza kwenza ngesantya nangomyinge eliza kukwazi ukumelana nawo izwe lakuthi.

Sihlaziya amazibuko weenqanawa kunye nemizila yoololiwe yeli lizwe ngokusebenzisa isicwangciso sokuthuthwa kwemithwalo, i-Freight Logistics Roadmap, ngokuthi sisebenzise imali evela kwicandelo labucala ukwenzela ukuzibuyisela kwizinga lehlabathi.

Kukho uzinzo kwindlela asebenza ngayo u-Transnet kwaye uyaqhubeleka nokwenza ngcono.

Siyikhuphile i-Network Statement ngeyoMnga 2024 eza kuthi ivumele iinkampani zoololiwe zabucala zikwazi ukusebenzisa imizila kaloliwe yokuhambisa imithwalo.

Ukuvuleleka kwemizila kaloliwe kuza kuvumela iinkampani zooliwe zabucala ukuba zonyuse umthamo wemithwalo ehanjiswa ngemizila kaloliwe, ngeli thuba imizila kaloliwe iza kuhlala iphantsi korhulumente.

Oku kuza kuqiniseskisa ukuba izimbiwa, izithuthi kunye neemveliso zolimo zoMzantsi Afrika ziyafika kumazwe ehlabathi ezithengiswa kuwo, kudaleka imisebenzi futhi urhulumente ufumana nengeniso eza kungena engxoweni yakhe.

Oomasilenge abatsha kunye nezinye izixhobo ezisetyenziswa kumazibuko eenqanawa ziza kuthengwa ukuze kukhawuleziswe xa kulayishwayo naxa kusothulwa imithwalo ngolo hlobo kuphungulwe ixesha elilindwa zinqanawe kumazibuko eli.

Njengoko siqhuba nomsebenzi wethu wokuzisa iinguqu, into engxamiseke kakhulu ekufuneka siyikhokelise phambili kukuqinisekisa ukuba sinamanzi oneleyo kulo lonke eli lizwe.

Abantu abaninzi kwizixeko, iidolophi kunye neelali zeli banengxaki ekhulayo yokunqongophala kwamanzi ngenxa yomonakalo okwizisiseko ezingundoqo zamanzi.

Akukho mntu unokuphila ngaphandle kwamanzi kwaye akukho qoqosho linokuhluma kungekho manzi.  

Ke ngoko sithatha uthotho lwamanyathelo angqingqwa okulungisa le ngxaki yamanzi, ukuze abantu bakwazi ukufumana amanzi kwezi ndawo bahlala kuzo, nokuba kusezilokishini okanye kwiindawo ezingamaphandle.

Sityala imali eninzi kwimithombo yamanzi. Xa sihamba sisiya kwiindawo ezininzi, sidibana nabantu abadala bekhala ngengxaki yokungabikho kwamanzi. Basixelela ngokunqongophala kwamanzi kwiindawo abahlala kuzo. Bacela urhulumente ukuba abafakele amanzi. Ewe, siza kuyenza loo nto. Kufuneka wazi amanzi uza kuwafakelwa kule ndawo uhlala kuyo. Uza kuwafumana.

Ukuza kuthi ga ngoku, i-Infrastructure Fund sele ifumene imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-23 eza kusebenza kwiiprojekthi ezisixhenxe ezinkulu zeziseko ezingundoqo zamanzi.

Sizisusile ezi zinto bezibangela ukulibaziseka kwiiprojekthi ezinkulu zeziseko ezingundoqo zamanzi zifana nesiGaba 2 se-Lesotho Highlands Water Project kunye ne-Umkhomazi Dam.

Uyaqhuba umsebenzi wokulungiselwa ukwakhiwa kweNtabelanga Dam eMzimvubu River eza kusa amanzi aza kusetyenziswa emakhaya nakumaphulo okunkcenkceshela eMpuma Koloni.

Kulo nyaka uzayo, siza kugqibezele umsebenzi wokuseka i-Arhente yeSizwe yeziSeko ezinguNdoqo zobuTyebi obungaManzi eza kuthi ivule amathuba otyalo-mali amaninzi kwiiprojekthi zamanzi.
Ngokusebenzisa uMthetho-siHlomelo oyiLwayo weeNkonzo zaManzi, sizakuqalisa inkqubo yokukhutshwa kweelayisenisi zikhutshelwa iinkampani ezibonelela ngeenkonzo zamanzi size sizihluthe iilayisenisi zeenkampani ezibonelela ngamanzi angekho kulo mgangatho uvumelekileyo wamanzi okusela.

Njengenxalenye yephulo lethu lokuzisa iinguqo, siza kuqhubeleka nokuphucula inkqubo yethu yokukhutshwa kwee-visa ukwenzela ukuba kube lula ebantwini abanezakhono ukuba batyale imali kwizwe lakuthi sikhulise necandelo lezokhenketho.

Kulo nyaka siphehlelele i-Electronic Authorisation System eza kwenza kubekho inkqubo ekhuselekileyo nesebenza nge-intanethi yokufaka isicelo se-visa.

Le nkqubo iza kusebenzisa i-AI futhi izisebenzele ngokwayo ngeenjongo zokuphungula urhwaphilizo nokunciphisa ixesha elithathwayo ukuqwalaselwa kwezicelo ze-visa zezokhenketho.

Sele siziqukumbele izicelo ze-visa ezingama-90% kwizicelo ebezingaphezulu kwama-300 000 ebezilibazisekile.

Olu tshintsho lutsho ngokuphandle ukuba uMzantsi Afrika uyasebenza futhi namathuba okhenketho akhona.

Sifuna isizwe apho ubutyebi namathuba kwabelwana ngawo ngabantu bonke.

Iminyaka emininzi uqoqosho lweli lwalulityaziswa yinto yokukhutshelwa ngaphandle kwesininzi sabantu boMzantsi Afrika.

Abantu abamnyama boMzantsi Afrika bohluthelwa umhlaba, bengafumani mali, bengaqeqeshwa kwizakhono futhi bevinjwa namathuba.

Uqoqosho lweli lizwe lwavinjwa amathuba okuxhamla izakhono zabantu balo, yiyo lo nto kufuneka senze iinguqu kuqoqosho lweli lizwe silenze ukuba luquke abaninzi.

Yiyo loo nto siza kugxininisa ekuxhobiseni abantu abamnyama, amanina kunye nanabantu abakhubazekileyo ngezoqoqoso kuba babekhutshelwa ngaphandle ngabom ekubeni badlale indima ephambili kuqoqosho lweli lizwe lakubo.

Siza kuseka i-Transformation Fund eza kuxabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-20 ngonyaka kule minyaka mihlanu izayo ukuze ixhase ngemali amashishini abantu abamnyama nasakhasayo.

Siza kuwakhawulezisa amasolotya alawula uMthetho wezeNtengo kuRhulumente ukuze siqinisekise ukuba amashishini abantu abangoomama, olutsha kunye nawabantu abakhubazekileyo afumana amathuba alinganayo kwizivumelwano zokwenza umsebenzi karhulumente.

Siza kuqhubeleka nokuqeqesha oosomashishini abangamanina ukubanceda batsho bakwazi ukukhuphisana xa kufakwa izicelo zokufumana izivumelwano zokwenzela urhulumente umsebenzi.

NgeyeNkanga kulo nyaka uphelileyo, saphehlelela i-National Skills Fund Disabilities Programme.

Kwisigaba salo sokuqala, eli linge lokuzisa iinguqu liza kuxhobisa abantu abakhubazekileyo abangama-10 000 lisebenzisa iinkqubo zoqeqesho ezilungiselelwe bona kanye, imali-sibonelelo kunye nezixhobo ezizodwa.

Lo ngumsebenzi ekufuneka siwenzile njengamashishini, urhulumente, abasebenzi kunye nemibutho yoluntu ukunceda abantu abakhubazekileyo ukuba badlale indima ebalulekileyo kuqoqosho lwezwe lakuthi.

Ngezi nkqubo, asilungisi nje kuphela umonakalo wangaphambili, koko sivulela amathuba uqoqosho lweli lizwe ukuba lihlume ngokuzinzileyo. Sifuna isizwe esinezithuba zemisebenzi zomntu wonke, apho wonke umntu anokwazi ukuzenzela ingeniso encumisayo futhi azalisekise namaphupho wakhe.

Apho amalungelo abasebenzi ekhuselwe futhi ziphuculwe neemeko abasebenza phantsi kwazo abantu, apho amanina namadoda efumana imivuzo elinganayo xa esenza umsebenzi omnye.

Kufuneka siqinisekise ukuba uhlumo ludalela wonke umntu imisebenzi, ingakumbi abantu abatsha.

Umsebenzi oyimpumelelo owenziwe yinkqubo kaMongameli yokudala imisebenzi, i-Presidential Employment Stimulus, ubonisa iindlela iinkqubo zengqesho zikarhulumente ezinokudala ngayo imisebenzi ebonakalayo exhamlisa abaninzi futhi ifake nesandla kumaphulo okudala imisebenzi esisigxinia.

Le nkqubo yokudala imisebenzi idale amathuba okuziphilisa nawemisebenzi azizigidi eziyi-2.2 ngokusebenzisa izicwangciso ezihlakaniphileyo ezinika abo bathatha inxaxheba kuyo umsebenzi okwizinga eliphezulu.

I-Social Employment Fund idale imisebenzi engama-80 000 kulo nyaka.

Ixhase abathathi-nxaxheba bangama-12 000 ukuba baqalise ukuzivulela amashishini.

Kulo nyaka uphelileyo, abantu abatsha bafumana izithuba zemisebenzi ezingama-235 000 kusetyenziswa i-National Pathway Management Network, esebenza kunye ne-SAYouth.mobi.

Ngoku kufuneka sakhele kwezi nkqubo ziqiqisisiweyo sidalele abantu abatsha imisebenzi ethe kratya.

Ukuze sidale imisebenzi kufuneka sigxininisa kwezi zinto sibalasele ngazo zifana zodwa, sisebenzise izakhono zethu ezileleyo ukuze sakhe amashishini angomso – imizi-mveliso engenabungozi kokusingqongileyo, umbane ohlaziyekayo, izithuthi ezihamba ngombane kunye noqoqosho oluxhomekeke kwi-intanethi.

Kulo nyaka, siza kuqukumbela umgaqo-nkqubo wezoshishino obanzi wale mihla oza kuncedisa ngamandla kuhlumo loqoqosho.

Siza kufikelela kweli nqanaba ngokuthi sigxininise kumathuba akhoyo kumba wokusebenzisa iimveliso zeli, ukusebenzisa iimveliso ezahlukeneyo, ukutshintshela kubuchwephesha bale mihla kunye nokuphungula isisi sekhabhoni esisivelisayo.

Sisebenzela ukuzalisekisa ngokugcweleyo uMmandla weLizwekazi le-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yokuRhweba (i-AfCFTA) eza kususa imiqobo ethintela urhwebo kweli lizwekazi lethu.

Njengelizwe elinelona qoqosho lunamashishini amaninzi e-Afrika, sifuna ukuba sibe phambili kula mazwe matsha nahlumayo.

Sisebenzisa ilanga nomoya ukwenza ilizwe lakuthi libe ngumakhonya kumba wokuveliswa kombane ohlaziyekayo nemizi-mveliso engenabungozi kokusingqongileyo.

Ngenxa yokuba sinenkitha yamandla ombane ofikelelekayo nongenabungozi kokusingqongileyo, singakwazi ukuvelisa iimveliso ezinokuthengiswa ngamaxabiso afikelelekayo naphi na ehlabathini sibe sidala amakhulu amawaka emisebenzi ngaxeshanye.

Sizama ukubusebenzisa ngobunono ubutyebi obukhoyo eMzantsi Afrika.

Ngokuxhasa amafama akuthi, siphucule iindlela nemizila yokuhambisa imithwalo, amashishini arhwebayo asemaphandleni kunye nokukhangela amazwe angaphandle amatsha esinokuwathengisela iimveliso zethu singakwazi ukulikhulisa icandelo lezolimo leli lizwe.

Sifuna ukuba uMzantsi Afrika unqenqeze phambili kwicandelo lokuveliswa kwentsangu ekuza kurhwetywa ngayo.  

Sivuselela icandelo lezemigodi, eliselelona candelo libalulekileyo nelinexabiso kweli lizwe.

Kulo nyaka sisaqhuba kakuhle namalinge okuqalisa inkqubo entsha, yale mihla neyenzela izinto elubala yamalungelo okomba imigodi, eza kuveza amathuba otyalo-mali kumaphulo okuzingela nokuvelisa izimbiwa.

Siza kuqulunqa umgaqo-nkqubo kunye nemithetho eza kwenza oku kube lula kwizimbiwa ezibalulekileyo.

Ngokwenza ezi mbiwa zixhamlise apha eMzantsi Afrika abantu bakuthi nabo bangabuxhamla obu butyebi buninzi busemathunjini omhlaba wezwe lakuthi.

Kodwa eyona nto inexabiso kakhulu ngaphezu kobutyebi obu bendalo, ludlamko, iziphiwo kunye nokuba bezintlobo-ntlobo abantu boMzantsi Afrika.

Icandelo lezeenkonzo ngoku lelona likhulu kuqoqosho lweli lizwe, ukususela kwiinkonzo zezimali ukuya kwiivenkile ezinkulu, kwelezokutendwa kweendwendwe, kwelezokhenketho kunye nelamagcisa elikhulayo futhi nelithembisa kunene. 
Icandelo lezokhenketho likhula ngokukhawuleza, kangangokuba ngabakhenkethi abaphantse babe zizigidi ezisithoba abatyelele eli lizwe lakuthi kulo nyaka uphelileyo.

Siza kulikhulisa icandelo lezokhenketho ngezi nguqu sizenza kwinkqubo yokukhutshwa kwee-visa, ngokunyusa inani leenkqwelo-moya eziya kumazwe abalulekileyo, nokuthengisa uMzantsi Afrika njengelona lizwe linazo zonke izinto umntu anokukhenkethela kulo. 
 
Siyibonile indlela iinkonzo ze-intanethi kunye neenkqubo zoshishino eziqeshiselwa kwezinye iinkampani, zinto ezo zidalele abantu abatsha imisebenzi.

Ukuxhasa olu hlumo, siza kutyala imali kumaphulo ophuhliso lwezakhono eziza kusetyenziswa kumashishini angomso.

I-Jobs Boost Fund ilinge inkqubo entsha edibanisa inkxaso-mali eza kusetyenziswa kwizakhono ezinqongopheleyo kude kuye kufikelela kwinqanaba lokuqeshwa kunye nemisebenzi yabantu abatsha.

Siyayandisa inkxaso esiyinika amashishini amancinci naphakathi kunye neya kumashishini angabhaliswanga ngokusesikweni, adala izigidi zemisebenzi namathuba okuziphilisa mbombo zonke zeli lizwe.

Oku kuquka ukubeka bucala imali eya kumashishini amancinci, ukuvulela amathuba okuba oongxowa-nkulu abanemali yokuxhasa amashishini aqalayo akhula ngokukhawuleza kunye nokuphumeza imithetho eza kuba luncedo endaweni yokuba ibe yimiqobo kumashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

Ukwakha uqoqosho olunobuchule, iSebe lezeNzululwazi, ubuChwepheshe nobuChule bokuYila liza kuseka i-Innovation Fund eza kunika inkxaso-mali kwiinkampani ezisaqalayo zobuchwepheshe ezivela kumaziko emfundo ephakamileyo ethu.

Sihlaba ikhwelo kumashishini ukuba asebenzise i-SA Youth.mobi, enabantu abaninzi abatsha abazizigidi eziyi-4.5 ababhalise kuyo xa befuna abantu abaza kubaqesha.

Sicela amashishini ukuba axhase i-Youth Employment Service ukuze kunyuswe amathuba okufumana amava omsebenzi kulo nyaka uzayo.

Sifuna isizwe esinganamntu ubhuqwa yindlala.

Sisebenze sonke iminyaka engama-30, ukususela oko sathi safumana inkululeko, ukuphungula indlala.

Namhlanje, sichitha imali emalunga ne-60% yohlahlo lwabiwo lwesizwe kwiintlawulo ezinxulumene nezentlalo, kwezempilo, ezemfundo, izibonelelo zentlalo, uphuhliso loluntu kunye neenkqubo zikarhulumente zokudala imisebenzi.

Abantu abangaphezulu kwezigidi ezingama-28 abangasebenziyo nabangathathi ntweni bafuna izibonelelo zentlalo.
Abafundi abangaphezulu kwezigidi ezili-10.5 bafunda kwizikolo zikarhulumente apho bangabhatali imali yokufunda.

Kulo nyaka uphelileyo, abafundi abangaphezulu kwama-900 000 abaphuma kumakhaya asokolayo namkela imivuzo ephantsi afumene inkxaso-malo yokufunda ezidyunivesiti nakwikholeji.

Ngezi nkqubo, sizama ukulwa owona monakalo mbi wenziwa yindlala.

Sinika abemi boMzantsi Afrika izixhobo eziza kubanyula endlaleni esuka kwizizukulwana ezingaphambili.

Kodwa kuninzi ekufuneka sikwenze ukulwa indlala.

Kufuneka sisebenze ngokuthe chatha ukuze siqinisekise ukuba amanina ingakumbi asahlutshwa yingxaki yokucinga ukuba abantwana baza kulala betye ntoni okanye baza kuxiba ntoni na.

Ngeli thuba urhulumente esenza kangangoko ukuxhasa abantu abasokolayo nabangaphangeliyo, ezi nkqubo zithe saa indawo yonke kwaye ngamanye amaxesha kunzima ukuhlola umahluko eziwenzayo.

Ke ngoko sakha inkqubo ehlangeneyo yokuxhasa abantu abasokolayo nabangaphangeliyo.

Sizama ukuvala izikroba kwezi nkqubo zikhoyo ukusuka kwinkxaso kumaphulo okufuna imisebenzi ukuya kwingqesho kurhulumente kunye nokuqinisekisa ukuba xa zizonke, zikhupha abantu endlaleni.
Endaweni yokulindela ukuba abo basokolayo baye kwii-arhente ezahlukeneyo zikarhulumente ngamaxesha ahlukeneyo, ummi weli kufuneka akwazi ukuya endaweni enye apho aza kulifumana lonke uncedo alufunayo.
Ukuqinisekisa ukuba azimki namanzi ezi zinto sele sizenzile ukususela ngowe-1994 ukuphucula amalungelo abantwana, kungekudala sizakwamkela ngokusesikweni isicwangciso-qhinga sesizwe sokulwela abantwana, i-National Strategy to Accelerate Action for Children, esiza kugxininisa kwizinto ezili-10 ezingundoqo ekufuneka sizikhokelise phambili eziquka ukulwa indlala, ukukhusela abantwana kunye nokulungisa ingxaki yokungondleki.

I-Social Relief of Distress Grant sisixhobo esibalulekileyo ukulwa indlala ebomvu.

Siza kusebenzisa esi sibonelelo njengesiqalelo sehlobo lomvuzo osisigxina wabantu abangaphangeliyo.

Into engundoqo kumalinge wethu okulwa indlala kunye nokukhulisa uqoqosho lwethu kukuqinisekisa ukuba wonke umntwana waseMzantsi Afrika ufumana imfundo esemgangathweni.

Sibaqhwabela izandla abantwana abebebhala imatrikhi ngowama-2024 ngokuthi bafumane elona zinga liphezulu lokuphumelela ezimbalini.

I-87% yabafundi abebebhala iimviwo zebanga le-12 baphumelele.

Okokuqala ezimbalini, abafundi abaphantse babesisiqingatha kwaba baphumelele ukuba bakwazi ukuya kufunda imfundo enomsila.

Sawuhlala sizingomba isifuba ngendlela abasebenze ngayo nzima aba bafundi kunye nangenkxaso ethe gqolo abayifumene kootitshala, abazali kunye noluntu ngokubanzi.

Eyona nto kufuneka sigxile kuyo ngoku kukunyusa inani labantwana abangena kwinqanaba lezikolo-mpeleso (i-ECD).

Oku kuza kwenzeka ngokuthi sibhalise size sizifake ezincwadini ngokusesikweni ezi zikolo-mpeleso zikhoyo size siqinisekise ukuba zinezixhobo, zifumana uqeqesho kunye nezincedisi zokufundisa ezizifunayo ukuba zikwazi ukunikezela ngemfundo yabaselula esemgangathweni.

Siza kugxininisa ekuqinisekiseni ukuba wonke umntwana uyakwazi ukufunda ayive le nto ayifundayo kwisiGaba esisiSeko ukwenzela ukuba baqhube kakuhle kumabanga aphezulu.

Ukuze sikwazi ukwenza oku, siza kuqalisa imfundo eza kusekelwa kulwimi lwebele esebenzisa iilwimi ezimbini ngeenjongo zokuphucula iziphumo zelitherasi nezenyumerasi kunye nokukhupha izicwangciso zokufunda, iincwadi zokufunda kunye namanye amanyathelo okungenelela ekukho ubungqina bokuba ayasebenza.

I-Funza Lushaka Bursary Scheme iza kuqhubeleka nokugxininisa kubafundi abafuna ukufundela ukuba ngutitshala kwisiGaba esisiSeko.

Kulo nyaka uphelileyo, sityikitye uMthetho-siHlomelo weMithetho yeMfundo esisiSeko, obaluleke kakhulu ekuqinisekiseni ukuba imfundo iyafikeleka kwaye iquka bonke abemi boMzantsi Afrika.

Kulo nyaka, uMphathiswa weMfundo esisiSeko uza kungenisa umgaqo-nkqubo wesizwe, imiqathango nemigangatho kunye nemithetho yokuxhobisa onke amahlakani akwimfundo esisiseko ukuxhasa kumalinge okuqinisekisa ukuba uyasetyenziswa lo Mthetho.

Ukuze siqinisekise ukuba uqoqosho lunezakhono oluzifunayo, siyalandisa inani lamagcisa ngokusebenzisa iikholeji zeMfundo yobuGcisa noQeqesho (i-TVET).

Oku kuyinxalenye yotshintsho esilwenzayo lokuya kwimfundo nophuhliso lwezakhono ezidibanisa ukufunda eklasini kunye noqeqesho olwenziwa emsebenzini.

Silandela iinkqubo eziyimpumelelo kwamanye amazwe, sicela iinkampani zabucala ukuba zinike abantu amatsha amathuba okufunda besemsebenzini. Siqalise isiGaba 1 se-Comprehensive Student Funding Model for Higher Education ukulungisa le ngxaki yabantwana abangakwaziyo ukufumana izibonelelo zemali yokufunda.

Le nkqubo iza kuxhasa abafundi abamalunga nama-10 000 abenza unyaka wokuqala.

Sifuna isizwe apho wonke umntu eza kufumana iinkonzo zezempilo ezisemgangathweni.

Kulo nyaka, siza kuqalisa ngomsebenzi wokulungiselela ukusekwa kwe-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI).

Lo msebenzi uquka ukuqulunqa isigaba sokuqala sokugcinwa kweenkcukacha zezempilo kwiikhompyutha, amalungiselelo okuseka iiKomiti zeeNgcebiso zabaPhathiswa ngeentlobo ezahlukeneyo zobuchwepheshe bezempilo kunye nezibonelelo zezempilo kunye nenkqubo yokukhupha iziqinisekiso zabo babonelela ngeenkonzo zezempilo.

I-NHI iza kuphungula ukungalingani kwicandelo lezempilo ngokuqinisekisa ukuba wonke umntu uphathwa ngokufanayo.

I-NHI iza kusindisa abantu abaninzi ngokuthi inikezele ngeenkonzo ezininzi eziquka, umzekelo, iinkonzo zokunceda iintsana noomama abakhulelweyo nabantu abanentsholongwane kaGawulayo noGawulayo, isifo sephepha (i-TB) kunye nabo banezifo ezinganyangekiyo ezifana nesifo sentliziyo, umhlaza kunye nesifo seswekile.

Eyona nto kufuneka siyikhokelise phambili kukuphucula inkqubo yethu yezempilo size kunye nomgangatho weenkonzo zempilo.

Eyona nto ibalulekileyo kulo msebenzi kukuphucula, ukulungisa kunye nokwenza amaziko ezempilo abe ngawale mihla kunye nokwakhiwa kwezibhedlela neeklinikhi ezintsha.

Izibhedlela ezininzi ziyakhiwa okanye ziyahlaziywa. Ezi zibhedlela ziquka i-Limpopo Central Hospital kunye ne-Siloam District Hospital e-Limpopo, i-Dihlabeng Regional Hospital eFreyistatha, iBambisana District Hospital kunye neZithulele District Hospital eMpuma Koloni, kwakunye ne-Bophelong Psychiatric Hospital eMntla Ntshona.

Ezinye iiprojekthi zikumanqanaba ohlukeneyo okuyilwa nokuqulunqwa. Oku kuquka ukutshintshwa kwezibhedlela ezikhulu ezidala ezithathu ngezibhedlela ezitsha, izibhedlela ezitsha ezihlanu zezithili, amaziko oluntu ezempilo amahlanu kunye nesibhedlela esitsha sabagula ngengqondo.

Ukunceda abantu abafuna unyango, siza kugxininisa kumba wokuphungula ixesha lokulinda, ucoceko kunye nendlela abasebenzi ababaphatha ngayo abantu kumaziko ezempilo karhulumente.

Uyasichulumancisa umsebenzi omhle esele siwenzile njengesizwe kumalinge okulwa i-HIV noGawulayo njengezifo ezibeka emngciphekweni impilo yoluntu.

Ekupheleni kweyoKwindla 2024, i-96% yabantu abane-HIV babezazi ukuba banayo, i-79% yaba bantu babesela iipilisi zokuthomalalisa i-HIV ize i-94% yaba batya iipilisi yona intsholongwane kaGawulayo ayisabonakali egazini labo.

Ukuze siqinisekise ukuba siyafika ku-95-95-95, kulo nyaka siza kuqalisa iphulo elikhulu lokuzingela aba bantu basisigidi esiyi-1.1 bangekazisebenzisi ii-ARV.

Siyasixhalabisa isigqibo sikarhulumente wase-United States sokunqumamisa inkxaso-mali encedisa kwiinkqubo ze-HIV ne-TB kumazwe ase-Afrika isithuba seentsuku ezingama-90. Le nkxaso-mali iyi-17% yemali eli lizwe eliyichitha kwi-HIV. Kuyiminyaka eliqela iinkqubo ze-HIV ne-TB sizixhasa ngemali karhulumente. Sikhangela amacebo ahlukeneyo okuncedisa kwezo zinto zifunekayo ngokukhawuleza ukuqinisekisa ukuba ezi nkonzo zibaluleke kangaka ziyaqhubeleka, aziphazamiseki.


Ukulwa ingxaki yokungalingani, kufuneka siyitshintshe la ndlela umbuso wocalucalu wawuzakha ngayo iidolophi nezixeko, eyayizonakalisa izixeko zethu yanyanzelisa abantu abaninzi ukuba bahlale kude kakhulu kwiindawo ezinemisebenzi namathuba.

Sele sakhe izigidi zezindlu ukususela ngowe-1994, ngolo hlobo sinika isidima nokhuseleko kumakhaya angathathi ntweni. Yona iinkqubo yokwakha izindlu kude nemibindi yezixeko yaze yabangela le ngxaki yokungalingani nengxinano ezidolophini.

Ukususela ngoku, siza kwakha izindlu ezithe kratya kwimibindi yezixeko zethu kufutshane nemisebenzi namashishini.

Senza utshintsho kwizindlu zesibonelelelo kwaye sifaka imali ethe chatha kwiinkqubo eziza kunceda abantu ukuba bathenge okanye baqeshe izindlu kwiindawo abazithandayo.

Siza kukhupha izindlu nomhlaba kaRhulumente ongasebenziyo oza kuthi usetyenziselwe ukwakha izindlu ezifikelelekayo.

Sisebenzisana namaphondo kunye noomasipala abambaxa ukuze sibuyise izakhiwo ezisemibindini yezixeko ezithathwe ngokungekho mthethweni yimigulukudu size sizitshintshe zikwazi ukusetyenziswa ngurhulumente.

Siza kunikela ngeziza ezingama-300 000 esele zinento yonke ebantwini abafanelekileyo ukwenzela ukuba bazakhele izindlu ngendlela ecwangciswe kakuhle, nezakudibanisa iindawo ezihlala abantu kunye nemimandla enophuhliso elingundoqo.

Siza kuzikhupha iitayitile zezindlu zesibonelelo, ngolo hlobo sitshintshe amakhaya abe zizindlu ezinexabiso nezinokwenza ungeniso.

Siza kuyiphonononga indlela osetyenziswa ngayo umhlaba, izakhiwo kunye neminye imithetho ukuze kube lula ukwakha izindlu ezinexabiso eliphantsi kuquka nokwakha izindlu ezincamathele kwezi zindlu sele zikho.

Oku kuza kutshintsha indlela urhulumente azakha ngayo izindlu ezininzi ngolo hlobo sitshintshe izixeko zethu zibe ngamaziko ohlumo namathuba.

Njengamalinge okwenza izixeko zethu zibe luncedo kubahlali bazo, siza kuyilungisa le mizila kunye nezitishi zikalolilwe ezingekalungiswa zitsho zisebenze ngokugcweleyo. Imizila kalolile engaphezulu kwi-80% sele iqalile ukusebenza ngokupheleleyo ngoku. 
I-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe abaLayisha Abantu (i-PRASA) ithenge oololiwe abangama-200 bala maxesha abaveliswe apha ekhaya yabafaka kwimizila yayo ngeenjonzo zokuba kubekho isithuthi sikawonke-wonke esifikelelekayo.

Kule minyaka mihlanu izayo, ziza kulungisa ubuxhaka-xhaka beerobothi be-PRASA ukuze sikwazi ukufaka bonke oololiwe bethu abatsha eziporweni size siqinisekise nabakhweli ukuba baza kufika kwiindawo abasebenza kuzo bekhuselekile, bengahlawulanga mali ininzi futhi bafike ngexesha.

Sifuna isizwe apho wonke umntu akhuselekileyo.

Amapolisa ayaqhubeleka nokusebenzisana nezinye ii-arhente zogcino-mthetho ukulwa amaqela emigulukudu yolwaphulo-mthetho kunye nolwaphulo-mthetho lwezimali nolunobundlobongela.

UMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) usebenzisana noomasipala abambaxa kunye noluntu ukulwa ulwaphulo-mthetho kumaphondo onganyelwe kakhulu sisihelegu solwaphulo-mthetho.

Siyenza ngqingqwa i-Operation Shanela, eqhuba kakuhle kakhulu ekubambeni ngempumelelo abarhanelwa, ifumana imipu ibidukile kunye neemoto ebezibiwe.

Kufuneka silwe ishologu lobundlobongela obenziwa ngemipu ekuyiminyaka eliqela ligquba kweli lizwe lakuthi.
Ndicele uMphathiswa kunye noMkhomishinara weSizwe wamaPolisa ukuba bayikhokelise phambili into yokuphungula iziganeko zolwaphulo-mthetho nobundlobongela obenziwa ngemipu, oku kuquka ukuthintela ukuba imipu ithengiswe ngokungekho mthethweni kunye nokugqogqa imipu engekho mthethweni esezandleni zabantu.

Siyazi ngokobungqina obusuka kumazwe ehlabathi nangokuzibonela ngamehlo ukuba le yiyona ndlela isebenzayo yokuphungula ulwaphulo-mthetho olunobondlobongela.

ICandelo lezabaCuphi, elibaluleke kakhulu ukusombulula amatyala, liza kuqesha abacuphi abangama-4 000 lisebenzisa iinkqubo zalo zangaphakathi zokuqesha.

Sizama ukuqalisa ukusebenzisa ubuxhaka-xhaka bokubeka iliso kubarhanelwa, ukuhlalutya kunye nokusebenzisa iteknoloji yobupolisa yale mihla xa sine-arhente yogcino-mthetho yale mihla.

Siyibonile indima yobuxhaka-xhaka bale mihla kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho.

Ngokusebenzisa i-AI kumalinge wayo okubona ubungozi busekude kunye nokuqinisekisa iinkcukacha, iNkonzo yezeRhafu yoMzantsi Afrika (i-SARS) ikwazile ukuthintela ukubiwa kwemali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-95 ebekungavumelekanga ukuba kunaniselwane ngayo, ukubuyisela imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-20 kwingxowa yombuso yazo yachitha-chitha nezigqubu ebezirhweba ngecuba kunye negolide ngokungekho mthethweni.

Siyaqhubeleka nokusebenzisana nomntu wonke kwisizwe ukulwa ubundlobongela obenziwa kumanina.

Siphumeze ngokusesikweni uMthetho weBhunga leSizwe lobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwamaNina, ngolo hlobo saba siseka iqumrhu lesizwe eliza kongamela amalinge aqhubayo okulwa le ngxaki.

Siza kuqinisekisa ukuba eli bhunga lisebenza ngokupheleleyo futhi linazo zonke izixhobo ezifanelekileyo.

Siyaqhubeleka nokuphucula inkxaso esiyinika amaxhoba obundlobongela obusekelwe kwisini (i-GBV).

Sithetha nje sinamaziko, iiThuthuzela Care Centre ezingama-65 kulo lonke eli lizwe.

Kwizithili ezingama-52, ezingama-44 zineendawo ezinikezela ngeenkonzo zoncedo kumaxhoba e-GBV.

Kuzo zonke izikhululo zamapolisa kweli lizwe sinikezela ngeenkonzo ezibonakalisa uvelwano kumaxhoba kwaye kuza kwakhiwa iinkundla ezili-16 zamatyala okuxhatshazwa ngesondo kulo nyaka-mali uzayo.

Sifuna isizwe esingenalurhwaphilizo.

Kulo nyaka uphelileyo, siseke iCandelo lokuPhanda uRhwaphilizo njengequmrhu elisisigxina ngaphakathi kwiGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA), lona elijongene kuphela nomsebenzi wokuphanda nokutshutshisa amatyala orhwaphilizo aphezulu.

Siza kuqinisekisa ukuba eli candelo linazo zonke izixhobo elizifunayo kwaye liyakwazi nokukulifumana ulwazi elilufunayo ukuze litshutshise amatyala anxulumene nokubanjwa kombuso ngobhongwana nokuqinisekisa ukuba abo bachaphazelekayo baziswa ngaphambili.

Siseka ilebhu yophando nzulu ekwizinga lehlabathi nesebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla ukuze incedise kuphando lwamatyala antsokothileyo kunye nanxulumene nezimali esebenzisa ubuchule nezixhobo ezikudidi eliphezulu.

Sithe ngcembe siqhuba kakuhle ekulandeleni imiqathango ekhutshwe kwizindululo zeKhomishini yokuBanjwa koMbuso ngoBhongwane, kuquka nokutyikitya imithetho eliqela yayiithetho esebenzayo.

ICandelo eliKhethekileyo lezoPhando kunye neCandelo lokuThimba iiMpahla zinike ingxelo yokuba imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezili-10 sele ifunyenwe ngenxa yamatyala anxulumene nokubanjwa ngobhongwane kombuso.

Kulo nyaka iSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko liza kukhupha ingxelo malunga nokuhlaziywa kwemalinge okulwa urhwaphilizo liBhunga leeNgcebiso lokuLwa uRhwaphilizo. Oku kulindeleke ukuba kwenze utshintsho kwimithetho, kususe iimeko apho amaqumrhu ahlukeneyo esenza imisebenzi efanayo kunye nokukhuthaza ukusebenzisana ngamandla phakathi kwee-arhente zogcino-mthetho.

Siza kusiqukumbela isiCwangciso-sikhokelo sokuKhuselwa kooDiz’amahlebo size singenise ePalamente uMthetho oYilwayo wokuKhuselwa kooDiz’amehebo kulo nyaka-mali umiyo.

Kulo nyaka, siza kwenza ngqingqwa inkqubo yoMzantsi Afrika yokulwa ukuthutyeleziswa kwemali kunye nokuxhaswa ngemali kwezenzo zobunqolobi ngokuthi siphumeze eminye imithetho siphucule neenkqubo esizisebenzisayo kweli dabi.

Kumalinge okuba siphume kuluhlu lwe-Financial Action Task Force lwabo banebatha kwindlela abananiselana ngayo, sele senze umsebenzi obonakalayo malunga nokulungisa ezi ndawo kwakuthiwe siyaqhwalela kuzo kwindlela imithetho yethu esebenza ngayo, kangangokuba ezili-16 kwizinto ezingama-22 ekwakuthiwe mazilungiswe, sele zilungisiwe.

Sifuna isizwe esisebenzisana noxolo nehlabathi.

Siza kuqhubeleka sisebenzisa inkqubo yethu yezobudlelwane namazwe ngamazwe, ukwenza izinto ezilulutho kubantu boMzantsi Afrika njengoko sifuna ukulwela intlalo-ntle yomlisela nomthinjana ehlabathini.

Siza kuqinisa ubudlelwane bethu bezorhwebo namazwe ehlabathi ngokuthi sisebenzise izivumelwano esinazo kwihlabathi ukwenza uqoqosho lwelizwe lakuthi likwazi ukumelana neenzima.

Ezona zinto ziyintsika kumgaqo-nkqubo wethu wezangaphandle kukulwela amalungelo oluntu, uxolo nobuhlobo kunye nokuqinisa ubudlelwano bezorhwebo notyalo-mali esinabo namanye amazwe.
Le yimithetho-siseko eza kusikhokela ngethuba siphethe isikhundla sokuba ngumongameli we-G20 kulo nyaka.

Sikhethe umxholo othi: “Ubumbano, uLingwano noPhuhliso oluZinzileyo” ukubonisa ukubaluleka kwentsebenziswano nokubambisana kumazwe ehlabathi.

Okokuqala ezimbalini, i-G20 iza kusingathwa kweli lizwekazi le-Afrika kulandela ukwamkelwa kwe-AU njengelungu.
Lithuba lokuba iimfuno ze-Afrika kunye nawo onke amazwe asemazantsi e-Ikhweyitha zibe yinxalenye yeenkqubo zehlabathi zophuhliso.

Isikhundla sokuba ngumongameli we-G20 esisiphetheyo ngoku siza kunika uMzantsi Afrika ithuba elihle kakhulu lokuqhubela phambili amalinge okukhulisa uqoqosho lwehlabathi kunye nophuhliso oluzinzileyo.

I-Afrika isabaluleke kakhulu kumgaqo-nkqubo wethu wezangaphandle.

Siyaqhubeleka nomsebenzi wokwenza ngqingqwa i-AU ukuze ikwazi ukuxhasa uxolo, uphuhliso kunye nokudityaniswa koqoqosho lweli lizwekazi.

Siyazi ukuba ukuze ikamva leli lizwe liqaqambe lixhomekeke ekuphuhleni kwelizwekazi le-Afrika.

Ukuze i-Afrika iqhubele phambili, kufuneka siphelise iimfazwe kweli lizwekazi.

Ukususela oko sathi safumana inkululeko, sidlale indima enkulu ekuziseni uzinzo kumazwe afana ne-Côte d’Ivoire, Burundi, South Sudan kunye neLesotho.

Kutshanje, besiyinxalenye yephulo logcino-xolo loMbutho waMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) e-Mozambique elithe labangela inzolo kunye nozinzo kwiphondo lase-Cabo Delgado.


Ubukho kwabagcini-xolo boMzantsi Afrika e-DRC kububungqina obubonissa ukuba sizibophelele kumba wokusombulula ngoxolo olona ngquzulwano lutsale iminyaka emide kwihlabathi, nesele libulele izigidi zabantu laze latshabalalisa nezigidi zamakhaya abantu.

Simemela onke amaqela ukuba awamkele la malinge othethathethwano ngeenjongo zokuza nesisombululo soxolo, kuquka nokuthobela iNkqubo yase-Luanda.

Siza kuzimasa iiNgqungquthela eDibeneyo ephakathi kwe-SADC noMbutho waMazwe aseMpuma ye-Afrika eza kubanjelwa e-Tanzania kule mpelaveki, apho siza kuliphinda ikhwelo lethu lokuba zibekwe phantsi izikhali kuze kuqalisa uthethathwano ngeenjongo zokuza nesisombululo esinobulungisa nesingazikuphinda siqhawulwe.

Oko sasikholelwa ekubeni le nkululeko sayifumanayo – kunye nendima eyathi yadlalwa ngamazwe ehlabathi ukusincedisa kweli dabi – isinika uxanduva lokuba nathi siwaxhase amadabi abo basaqhubeleka nokubaphantsi kwedyhokhwe yengcinezelo nenkqubo yobukholoniyali.

UMzantsi Afrika uyaqhubeleka nokuxhasa abantu base-Palestine, abathe, emva kokunyamezela ukuthathelwa umhlaba ngokungekho mthethweni, ngoku abaphantsi kwenkxwaleko engathethekiyo.

UMzantsi Afrika udlale indima esemthethweni ngokwesiVumelwano sokuTshatyalaliswa kwaBantu ngokumangalela i-Israel kwiNkundla yeHlabathi yoBulungisa (i-ICJ).

Sizimisele ukuwathobela amasolotya oXwebhu lweziZwe eziManyeneyo (i-UN) kuquka noluvo lokuba onke amalungu kufuneka asombulule iingxwaba-ngxwaba zehlabathi ngoxolo.

Siyawuxhasa umba wokuhlonitshwa kwemida yamazwe kunye nelungelo lokuzimela kwawo kunye nabantu.

Siza kuqhubeleka sithatha inxaxheba kwiinkqubo ezahlukeneyo zoxolo ngeenjongo zokuba kubekho ubulungisa kunye noxolo e-Ukraine. 

Amagqiza oMzantsi Afrika adlale indima enkulu ngethuba kuqulunqwa isicwangciso-sikhokelo senkqubo yothethathethwano oluzama ukuza noxolo olunobulungisa e-Ukraine kusetyenziswa uXwebhu lwe-UN kunye nemithetho yehlabathi.

UMzantsi Afrika uyaqhubeleka nokukhuthaza intsebenziswano kunye nobambiswano phakathi kwamazwe ngamazwe usebenzisa amagunya wawo njengelungu le-UN, AU, uMbutho Ongakhethi Cala, kunye nombutho wamazwe we-BRICS.

Njengoko uluntu lwehlabathi lujongene neyona mingeni ingazange yabonwa ezimbalini, sizimisele ukuqinisekisa ukuba i-UN etshintshiweyo nemela onke amazwe yiyo ekhokela phambili kwimiba yehlabathi.

Siza kuqhubeleka nokulwela ukuba uqhube umsebenzi wokwenza iinguqu kwiBhunga lezoKhuselo le-UN (i-UNSC) ukuze liquke onke amazwe futhi libe liqumrhu obonakalayo umsebenzi walo elikwazi ukuqinisekisa ukuba kukho uxolo nokhuseleko.

Lo msebenzi siwenzayo kunye nezi zinto zibalulekileyo kuthi kufuneka zicaciswe kumahlakani angundoqo esisebenzisana nawo ingakumbi amazwe esirhweba nawo kunye namanye amazwe kunye neenkokeli zehlabathi. 

Ngeenjonzo zokucacisa izigqibo ezininzi esizithathileyo, kunye neenjongo esifuna ukuzizalisekisa ngethuba sibambe isikhundla sokuba ngumongameli we-G20, ndigqibe kwelokuba ndithumele igqiza likarhulumente nezinye iinkokeli ziye kumazwe ahlukeneyo kweli lizwekazi lakuthi nakwihlabathi liphela.

Eli gqiza liza kubamba iindibano zokubonisana namahlakani aphambili ahlukeneyo ngemiba eyahlukeneyo echaphazela izinto ozikhokelise phambili uMzantsi Afrika.

Bemi boMzantsi Afrika,

Zonke ezi zinto sithetha ngazo zingenzeka.

Njengabemi boMzantsi Afrika, siyakwazi ukubaluleka kwentsebenziswano, izinto ezinokwenzeka xa abantu abaphuma kwiindawo ezahlukeneyo, futhi behlukene ngokobuhlanga, inkcubeko, iilwimi, uhlanga kunye neenkolo bedityaniswa yinto ethile.

Ukusekwa kwe-GNU kusinika ithuba lokuba sisibonise kwakhona izinto esinokuzenza xa sisebenza ngokubambisana.

Ndihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, behlangene ngokuba bazintlanga ezahlukeneyo, badibane kwiMbizo yeSizwe ukuze bapheke injongo-mbono yezwe lakuthi yale minyaka ingama-30 izayo.

Le Mbizo yeSizwe kufuneka ibe liqonga eliza kunika wonke umntu ithuba lokuvakalisa izimvo zakhe.

Kufuneka ibe liqonga eliza kugwadla izisombululo eziza kwenza umahluko obonakalayo kwiimpilo zabantu.

Le Mbizo yeSizwe kufuneka ibe liqonga lokubethelela ukuba wonke ubani apha kuthi unendima anokuyidlala kumalinge okwakha isizwe esisifunayo.

Nangona sinokungavisisani kwimiba emininzi, kodwa siyavumelana ngento enye: ukuba kufuneka sakhe uMzantsi Afrika ongcono size siphucule neempilo zabantu bakuthi.

Ke ngoko njengoko singena kwixesha elitsha kwihlabathi nakwizwe lakuthi, masithethe ngovelwane nemfesane esinayo apha phakathi kwethu.

Masithethe ngelunda esinalo ngelizwe lethu nangayo yonke enye into esikwazileyo ukuyenza.

Masithethe ngokuzimisela okukhulu okwathi kwasenza saphumelela le nkululeko nokusiqhubela phambili ngoku kusisa kwikamva elingcono.

Ngoku kuzimisela, siza kusebenza ngokubambisana ukuze senze eli xesha, ixesha lohlumo, inkqubela-phambli kunye neenguqu.

Siza kusebenza ngokubambisana ukwakha isizwe esisifunayo.

Siza kusebenza ngokubambisana ukwakha isizwe esisebenzela thina sonke.

Ndiyabulela!

 

Issued by
More from

Share this page

Similar categories to explore