INtetho kaMongameli Cyril Ramaphosa malunga neZenzo zobuNdlobongela nokuTshatyalaliswa kweMpahla

Bemi boMzantsi Afrika,

Ndithetha nani ngobu busuku ndinentliziyo ebuhlungu.

Kwezi ntsuku nobusuku obumbalwa obudlulileyo, kubekho izenzo zobundlobongela esidlangalaleni ezinqabileyo nezingafane zibonakale kwimbali yethu yentando yesininzi.

Kuye konakaliswa kwaze kwatshatyalaliswa impahla. 

Iivenkile ziphangiwe.

Abemi abathobela umthetho baye basongelwa baza boyikiswa.

Abasebenzi boyika ukuba bangangabinakho ukubuyela emsebenzini.

Abantu baswelekile. 

Ngeli lixa, kukho iintsapho ezininzi kwilizwe lethu ezisentlungwini.

Ndithetha ngeentsapho zooNkosikhona Chiza, Ndumiso Shezi, Khaya Mkhize, Zethembe Ndwandwe, Lindani Bhengu nooLindokuhle Gumede, eRhawutini.

Ndithetha ngeentsapho zooBhekani Ndlovu, Themba Mthembu, Aphiwe Gama kunye nooCebo Dlamini, KwaZulu-Natal.

Nangona sizazi iindleko eziphezulu zolu dushe kwimpahla, kwiindlela zabantu zokukuziphilisa nakumashishini, kodwa ilahleko yobomi bomntu lelona xabiso likhulu kunawo onke.

Njengesizwe iingcinga nemithandazo yethu ikunye nezi ntsapho.

Ngeli lixa abemi boMzantsi Afrika babala iindleko kwiindlela zabo zokuziphilisa nakwimpahla yabo, kwiivenkile nakumashishini abo, kukhuselo nakukhuseleko lwabo.

Uninzi lwabantu baseMzantsi Afrika luziva luxhalabile kwaye lusoyiko.

Ezinye iindawo zelizwe ziyahexa ngenxa yeentsuku ezininzi nobusuku bazo zobundlobongela basesidlangalaleni, ukonakaliswa kwempahla kunye nokuphangwa kohlobo olungafane lubonwe kwimbali yethu yentando yesininzi.

Oku kuqale ngokutshiswa kwezigadla e-Mooi River, KwaZulu-Natal kulo Mgqibelo ugqithileyo kwaze kwalandelwa kukuvalwa kweendlela kwimimandla esemantla ephondo kunye nokuphangwa kweevenkile eThekwini naseMgungundlovu. 

Kwezi ntsuku zimbini zidlulileyo, iRhawuti lifunyenwe kukuvalwa kweendlela, ukuphangwa, ukonakaliswa kwempahla kunye nokutshiswa kwezigadla.

Ngenxa yomsebenzi wee-arhente zethu zonyanzeliso-mthetho abarhanelwa abali-166 babanjiwe KwaZulu-Natal kwaze kwabanjwa abangama-323 eRhawutini ngokunxulumene nezi ziganeko.

Nangona kunjalo, ubundlobongela buyaqhuba kwiindawo ezininzi.

Abanye baziphawule ezi zenzo njengohlobo loqhankqalazo lwezopolitiko.

Iingcabu zobu bundlobongela zinokuba kwizibhengezo nakwimisebenzi yabantu abaneenjongo zezopolitiko, nakwiimvakalelo zokukhathazeka kunye nomsindo.

Ekuqaleni kwesi sidubedube, kunokwenzeka ukuba bekukho abanye abantu ebebefuna ukuphazamisa ukuze kubekho ubundlobongela kunye nokuphazamisa ngokobuhlanga. Siyazi ukuba uninzi lwabantu bakuthi ngenxa yeenqobo aluvumanga ukulandela lo mba ngale ndlela. 

Nangona kunjalo, le nto siyibonayo ngoku zizenzo zokungenelela zolwaphulo-mthetho, kunye namaqela abantu ababangela iziphithiphithi njengendlela nje yokuphanga nobusela.

Akukho sikhalazo, okanye nasiphi na isizathu sopolitiki, esinokuthethelela ubundlobongela nentshabalalo esiyibonileyo kwiindawo ezithile zaKwaZulu-Natal naseRhawutini.

UMgaqo-siseko wethu uqinisekisa ilungelo lomntu wonke lokuqhankqalaza, lokuququzelela, lokuzibandakanya ngokukhululekileyo nokuthetha ngokukhululekileyo. 

Unika wonke umntu ilungelo elilinganayo lokhuseleko phambi komthetho, kwaye unika umntu ngamnye uxanduva lokuhlonipha nokugcina amalungelo abanye.

UMgaqo-siseko sisiseko solawulo lomthetho kwilizwe lethu.

Ngulo mthetho okhusela ukusetyenziswa gwenxa kwamagunya, okhusela amahlwempu nabasesichengeni, owenza ukuba uluntu lwethu lusebenze kwaye uqoqosho lwethu lukhule.

Amaxhoba obundlobongela obuqhubekayo ngoku - abasebenzi, abaqhubi bezigadla, abanini-mashishini, abazali kunye neentsapho zabo abaphulukene nobomi babo - abenzanganto.

Nangona ezi zinokuba zizenzo zokuphanga ziqhutywa bubunzima nentlupheko, amahlwempu kunye nabo bacalucalulwayo bathwele ubunzima obubangelwa yintshabalalo. 

Iivenkile ziphangiwe aza amaseko atshatyalaliswa. 

Oku kuthetha ukuba abagulayo bethu abanakho ukufumana amayeza kwiikhemesti, ukutya akufiki kwiishelufu ezivenkile, kwaye abasebenzi bezempilo abanakho ukuya emsebenzini. 

Inkqubo yethu yokugonya iphazanyiswe kanobom njengokuba ibisele isiza kakuhle isiba namandla. Oku kuya kuba neziphumo ezihlala zihleli ekwazini kwethu ukubuyisela inkqubela ebesele siyibona ekuchacheni koqoqosho lwethu.

Oku kuphazamiseka kuza kuchaphazela ubomi babantu ngokuqhawula izixokelelwano zokuhambisa iinkonzo ezigcina imithombo yethu yeenkqubo zokutya, impilo neemveliso. 

Indlela yobundlobongela, ukuphanga nokungananzi umbuso ikhokelela kubundlobongela nentshabalalo ezongezelelekileyo.

Ikhokelela kwintlupheko eyongezelelekileyo, kwintswela-ngqesho eyongezelelekileyo nakwilahleko yobomi babantu abangenatyala eyongezelelekileyo.

Le asiyiyo into esiyiyo singabantu.

Amaxesha ngamaxesha, siye sikhethe indlela eyahlukileyo, indlela yoxolo nentando yesininzi.

Siye sikhethe ukulandela iingxoxo kunye noqhankqalazo endaweni yobundlobongela kunye nesiphithiphithi.

Umntu ngamnye kuthi, nokuba sithini isikhundla okanye iimeko yakhe, unomdla wokugcina nokubamba umgaqo womthetho.

Kungoko kubaluleke kakhulu ukuba sibuyisele ukuzola nozinzo kuzo zonke iindawo zelizwe ngaphandle kokulibazisa.

Kubalulekile ukuba sithintele nakuphi na ukuphulukana nobomi okanye ukwenzakala.

Kubalulekile ukuba sikhusele impahla ze sikhusele izibonelelo zentlalo nezoqoqosho.

Kungoko ke sihlanganisa zonke izibonelelo ezikhoyo kunye nezakhono zokubuyisela ucwangco.

NjengoMphathi oyiNtloko woMkhosi woKhuselo woMzantsi Afrika, namhlanje ndikugunyazisile ukuthunyelwa kwabasebenzi boMkhosi woKhuselo bexhasa imisebenzi yeNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS).

ULwakhiwo oluDibeneyo lweSizwe loBuchule nobuNtlola - olwaziwa ngokuba yi-NatJOINTS – longeze amajoni namapolisa athunyelwe kuyo yonke imimandla echaphazelekayo KwaZulu-Natal naseRhawutini.

INkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika ibiza bonke abasebenzi abasebenzayo abasekhefini nabakwiintsuku zokuphumla ukonyusa ubukho babasebenzi bonyanzeliso-mthetho phakathi kwabantu.

I-NatJOINTS ifumana inkxaso kwiKomiti yoLungelelwaniso lwezoBuntlola, equka isebe le-SAPS lobuNtlola boLwaphulo-mthetho, ubuNtlola boKhuselo kunye neloKhuseleko lukaRhulumente.

Ukongeza ekubonakaleni okukhulu kunye nobukho obuqhutywa bubuntlola kwiindawo ezinokuba nobundlobongela obukhulu, siza kubeka phambili ukutshutshiswa kwabarhanelwa ekutyholwa ukuba bayabandakanyeka kolu dushe. 

IBhunga lezoKhuseleko leSizwe, endilichopheleyo njengoMlawuli oyiNtloko, liza kudibana kabini ngemini ukuququzelela onke amanyathelo ayimfuneko ukubuyisela uzinzo. 

Mandicacise: siza kuthabatha amanyathelo ukukhusela wonke umntu kweli lizwe kwisoyikiso sobundlobongela, ugrogriso, ubusela nokuphanga.

Asizukuthandabuza ukubamba nokutshutshisa abo benza ezi zenzo kwaye siza kuqinisekisa ukuba bajongana nengalo yethu yomthetho ngokupheleleyo.

Siza kubuyisa ukuzola nocwangco ukuze siqhubeke nomsebenzi wokwakha kwakhona eli lizwe kunye nokudalela abantu balo ubomi obungcono.

Ukuhamba kwexesha akusenzanga salibala ngeentsuku zobumnyama apho abenzi bobubi babephembelela amadangatye obundlobongela kwiindawo esihlala kuzo ukuzama ukuba sibhidane. Sisenazo ezo nkumbulo ezingqondweni zethu nangoku.

Kodwa siyakhumbula kwakhona ukuba njengokuba sasilungiselela utshintsho lwentando yesininzi - sahlangana siluluntu ukuphelisa ubundlobongela obabugqugqise kwiindawo ezininzi.

Njengokuba sijongene nalo mceli-mngeni, kufuneka sikhumbule ukuba senza njani - ngelinye ixesha kwimbali yethu, xa sasilungiselela utshintsho lwentando yesininzi - sahlangana siluluntu ukuphelisa ubundlobongela obabugqugqisile kwiindawo ezininzi.

Sahlangana - njengeenkokeli zezenkolo, iinkokheli zemveli, imibutho yabasebenzi, amashishini, imibutho yoluntu, imibutho yezopolitiko, imibutho engeyokarhulumente nabanye - ukuzisa uxolo kwisizwe sethu.

Ngoku kufuneka sihlangane kwakhona, ukuze umntu ngamnye kuthi adlale indima yakhe ekubuyiseni ukuzola kwezo ndawo zichatshazelwe bubundlobongela; ukuba umntu ngamnye kuthi athethelele umgaqo womthetho kunye nokusonjululwa ngoxolo kwempixano.

Ngale mvakwemini, abaPhathiswa namagosa aphezulu kwezoqoqosho nakumaqela ezokhuselo ahlangane neManyano yoShishino yoMzantsi Afrika ukujonga imeko nokuphuhlisa amanyathelo afanelekileyo. 

Sivumelene ukuba sisebenzisane ukuqinisekisa ukhuseleko lwabaqhubi, abo bathatha imali, izigulana kunye nabathengi. 

Sivumelene ngokwabelana ngolwazi nangezixhobo ukuqinisekisa ukuba sibuyisela izixokelelwano eziphambili zokunikezela ngeenkonzo.

Senza amalungiselelo okuba iinkokheli zikarhulumente kunye nabameli boluntu njengenxalenye yoxanduva lwabo badibane neenkokheli kwiindawo ezahlukeneyo ukukhuthaza uzinzo.

Njengenxalenye yothethathethwano oluqhubekayo namacandelo aphambili oluntu, ndiza kudibana neenkokheli zemibutho yezopolitiko ukuze sixoxe ngale meko ikhoyo ngoku.

Siyacelwa ukuba - nokuba siphi na - ukuba sihlale sizolile, sizibambe, kwaye sixhathise kuzo naziphi na iinzame zokuphembelela ubundlobongela, ukudala uloyiko okanye iyantlukwano.

Nokuba siziinkokheli zamaqela ezopolitiko, imibutho yeeteksi, imibutho yezoshishino okanye imibutho yabasebenzi, kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukudala uzinzo kule meko.

Kufuneka siyeke ukuthumela kunye nokusasaza imiyalezo evuselelayo kumakhasi onxibelelwano, kunye nokusasaza amarhe okanye iingxelo ezingezizo ezinokudala uloyiko.

Akukho mntu omelwe kukuthabathela umthetho ezandleni zakhe.

Endaweni yoko, kufuneka sizibandakanye nabo bantu kunye noluntu olusebenzisana namapolisa ukunqanda ukuphangwa, kunye nala malungu oluntu athe anikezela ngoncedo kunye nolwazi malunga neemeko zolwaphulo-mthetho. 

Ndinqwenela ukubulela onke amalungu asebenzayo kunye nabaphathi be-SAPS kunye nezinye ii-arhente ngempendulo yabo kwizenzo zobundlobongela nokuxhokonxa, encede ukuthintela impalalo-gazi kunye nokunciphisa ukuphulukana nobomi.

Sidlulisa iminqweno yethu kukuchacha ngokukhawuleza kumalungu amane e-SAPS enzakele ngeli xesha lobundlobongela: uKhonstebli Sangweni, owadutyulwa walimala e-Alexandra; oogxa bakhe ababini, uSajini Maraheni noLeftenent Kheneli Nefolovhodwe, ababethwa ngezitena; kunye noKhonstebli Seloane, owadutyulwa walimala e-Daveyton.

Bemi boMzantsi Afrika,

Obu bundlobongela nentshabalalo zenzeka siphakathi kwindyikityha yokufa okubangelwa ngubhubhane.

Kukho ingozi yokuba ezi ziganeko ziza kukhokelela ekonyukeni okukhulu kosulelo, ekubekeni ubomi obuninzi nangakumbi emngciphekweni nasekuthwaliseni umthwalo omkhulu amaziko ethu ezempilo nabasebenzi.

Kukho umngcipheko wokuba inkqubo yethu yokugonya iza kuphazamiseka kwezinye iindawo njengoko kufuneka sandise ukufikelela kwayo ngokumandla.

Asinakho ukuyivumela le nto ukuba yenzeke.

Asiyi kukuvumela oku ukuba kwenzeke.

Lo mzuzu uyicacise gca into ebesele siyazi kakade: ukuba inqanaba lentswela-ngqesho, indlala nokungalingani kuluntu lwethu alunakuzinziswa.

Asinakulindela ukuthula okungenasiphelo nokomeleleyo ukuba asidali imisebenzi sakhe uluntu olunobulungisa nolingano apho bonke abemi boMzantsi Afrika bakwaziyo ukuthabatha inxaxheba ngokukhululekileyo nokulingana.

Kufuneka ke ngoko singazibopheleli ekwakheni uxolo kuphela, kodwa nasekudaleni amathuba amakhulu okuxhamla komntu wonke kuqoqosho.

Ngoku siphuma kwixesha elide lokungaqiniseki nokuma ngxi.

Sizibonile iziphumo zorhwaphilizo kunye nokhukuliseko lukarhulumente, iziphumo ezibi zokuxhatshazwa kwamagunya kunye nokungakhathalelwa komsebenzi.

Siqale inkqubo yokuphilisa, yokwakha ngokutsha kunye nokuhlaziya.

Sibeke ilizwe lethu endleleni yenkqubela-ephambili nokuchacha kwakhona.

Asinakho ukuvumela abantu abambalwa phakathi kwethu ukuba boyise le migudu esele siyenzile sisonke.

Siza kuyikhusela intando yethu yesininzi yomgaqo-siseko, ukuze sikwazi ukudibanisa izinto esizizuzileyo.

Siza kubulwa ubundlobongela kunye neziphithiphithi, ukuze siye phambili.

Makhe ndiphinde: siyakha, asivali.

Asisayi kuphazanyiswa, singabemi boMzantsi Afrika, kulo msebenzi uphambi kwethu.

Sijongene, nanjengoko sakhe sajongana namaxesha amaninzi ngaphambili, nexesha lomceli-mngeni omkhulu kunye nesithembiso esikhulu.

Masikhethe indlela yoxolo kunye nokuhlaziya.

Masime siqine ze siphume somelele nangakumbi.

Sisonke, siza kuboyisa abo bafuna ukuchitha ucwangco kwilizwe lethu, abafuna ukubuyisela umva inzuzo esele siyifumene.

Siza kuma njengabantu abanye, simanyene ukulwa ubundlobongela, sibe mxhelo-mnye ekuzibopheleleni kwethu eluxolweni nakumgaqo womthetho.

Ndiyabulela.
 

Share this page

Similar categories to explore