Ukuthumela impikiswano kwi-CCMA ukuze kwenziwe uxolelwaniso (conciliation) okanye uxolelwaniso-nomiselo sigqibo

Ukuba ungumgeshwa kwaye unempikiswano nomqashi wakho, umqashi wakho unempikiswano nawe, ngomba ofana nalo:

  • ukugxothwa,
  • umvuzo nokhuseleko emsebenzini
  • Iinguquko emsebenzini, okanye
  • ubandlululo

unga cela ikomishoni yothethwano, ukubonisana nokuthatha izigqibo (CCMA) ukuba ingenelele kuthethwano okanye ukuthatha isigqibo kwimpikiswano. Imanyano yabasebenzi okanye umbutho wabaqashi ungayithumela nawo. Awudingi mvume yomnye umntu xa ufuna ukusa isikhalazo sakho kuCCMA.

Ukuphikisana ngokulandelayo akunakwazi ukusiwa kuCCMA:

  • Apho umntu etyikitye isivumelwano esizimeleyo.
  • Apho umba ungekho umthetho wabasebenzi LRA okanye umakulinganwe (EEA). Umthetho wokhuseleko emsebenzini (BCEA) apho ingadibaniswa nokugxothwa okungekho mthethweni nokudilizwa okuse CCMA.
  • Apho ikhnsile ye ngxoxo mboniswano okanye ikhnsile candelo ikhona.
  • Apho kukho isivumelwano sokusombulula impikiswano (Umzekelo: isigwebo sabucala).

Fumana ngokupheleleyo ngoku thumela uxambuliswano ku CCMA okanye qhagamshela i-CCMA.

Share this page