Ukucela i-CCMA ifumane isivumelwano malunga nemigaqo yokupiketha

Imanyano yabasebenzi ebhalisiweyo ingavumela uqhankqalazo loxolo lwamalungu ayo nabalandeli.

Uqhankqalazo lungabanjwa naphi na apho amalungu oluntu angafika.

Ukuba kukhona ukuphikisana ngemithetho yoqhankqalazo, imanyano yabasebenzi ebhalisiweyo okanye umqashi banga cela ikomishoni yothethwano, ukubonisana nokuthatha izigqibo (CCMA) ukuba yenze isivumelwano kumaqela aphikisanayo. 

ukuba asikho isivumelwano ekufikelelwa kuso, iCCMA kufanele imisele imithetho yokuqhankalaza, ithatha ingqalelo imeko zalendawo youkusebenza okanye indawo zokuqhankqalaza nayo yonke imek oyentlonipho.

Fumana ngokupheleleyo malunga nokwenza isivumelano semithetho yokuqhankqalaza  okanye qhagamshela i - CCMA.

 

Share this page