Imvume yethutyana okanye yesithuthi esikhethekileyo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nemvume yethutyana okanye yesithuthi esikhethekileyo

Imvume yethutyana yesithuthi isemthethweni iintsuku ezingamashumi amabini ananye (21) kwaye isetyenziselwa isithuthi esibhalisiweyo, esinephephamvume nesisendleleni.

Imvume yethutyana isetyenziswa phantsi kwezi meko zilandelayo: A temporary permit is used under the following circumstances:

  • Ukusa isithuthi kwiRiphabliki usisa kumnini waso
  • Ukusa isithuthi kwiRiphabliki ngomnye umthengisi wezithuthi esisa komnye umthengisi, okanye
  • Ngeenjongo zokubhalisa kunye nokufumana iphepha-mvume

Kukhutshwa imvume enye kuphela ngobunini besithuthi.

Imvume ekhethekileyo yesithuthi isemthethweni iintsuku ezintathu kuphela

Imvume yethutyana yesithuthi isetyenziswa phantsi kwezi meko zilandelayo:

  • Ukuvavanya isithuthi;
  • ukusiqhuba usisa okanye usiphuthuma kwindawo yokulungisa izithuthi;
  • Ukufikelela kumhloli wezithuthi okanye kwizixhobo zokulinganisa ubunzima, okanye
  • ukusixutha isithuthi komnye umntu njengokuba kubonelelwe kummiselo wama-69.

Kubalulekile ukuqaphela ukuba isithuthi esinemvume ekhethekileyo asikwazi ukuthwala umthwalo okanye abakhweli. Akukho mida imiselweyo kwinani leemvume ezinokukhutshwa ngobunini.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwigunyabantu lokubhalisa elikufutshane nawe noku kulandelayo:
    • Ikopi yesazisi sakho
    • Umrhumo omiselweyo
  2. Zalisa uxwebhu lwesicelo semvume yethutyana/imvume yesithuthi esikhethekileyo (TSP1).

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sichotshelwa kwangaloo mini.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yempephamvume ufumane ixabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu lwesicelo semvume yethutyana/Imvume yesithuthi esikhethekileyo (TSP1) olufumaneka kwigunyabantu lokubhalisa okanye kwiwebhusayithi ye-eNatis.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page