Indlela yokuqhawula umtshato

Unelungelo lokuqhawulo umtshato kuphela:

  • Ukuba unobungqina onokububeka enkundleni yamatyala bokuba wena neqabane lakho aninakuphinda nikwazi ukuhlala kunye kwaye akukho ndlela yokusombulula izinto enixabana ngazo.
  • Ukuba omnye wabalingane ugula ngengqondo okanye usoloko engekho zingqondweni

Akukho mfuneko yokufumana imvume yomyeni wakho xa ufuna ukuqhawula umtshato. Ukuba iqabane lakho alifuni ukuqhawula umtshato, unakho ukuwuqhawula umtshato ngaphandle kwemvume yalo.

Kwiimeko ezithile unakho ukuwuchitha umtshato wakho. Ukuchitha umtshato kwahluka kuqhawulo mtshato ngokuthi akuphelelanga nje ekutshitshiiseni umtshato kuphela kodwa kuphinda kuwucime nakumaxwebhu aneengxelo.

Ukwahlukana ngokwasemthethweni kwabantu abatshatileyo akukho eMzantsi Afrika nokuba anisahlali kunye nomyeni wakho kodwa nibe ningaqhawulanga mtshato. Ngokomthetho, nisatshatile.

Ningawuqhawula umtshato kwiNkundla yeNgingqi yeNkundla kaMantyi enegunya ngokomthetho kwindawo yakho okanye kwiNkundla ePhakamileyo.

Xa uqalisa inkqubo yoqhawulo-mtshato kufuneka uthumele isamani. Isamani yoqhawulo-mtshato mayisiwe ngqo kummangalelwa ngunothimba.

Zimbini iintlobo zoqhawulo-mtshato, lolunosukuzwano nolungenasukuzwano.

Uqhawulo-mtshato olungenasukuzwano lolona lufanelekileyo nolungafuni mali ininzi kwabo bachaphazelekayo. Luyakwazi ukuqosheliswa zingaphelana iiveki ezi-4. Ukuba uqhawulo-mtshato lunosukuzwano lusenokuqhuba isithuba esiyiminyaka emi-2 ukuya kwemi-3, kodwa uninzi lwamatyala oqhawulo-mtshato olunosukuzwano aqosheliswa phambi kokuba ade aye ezinkundleni zomthetho.

Umtshato wesiLungu nomtshato wesiNtu ichithwa yinkundla yomthetho.

Qaphela: Uqhawulo-mtshato olwenzeke kuba elinye iqabane lingaphenduli kwiimbalelwano zoqhawulo-mtshato lufana noqhawulo-mtshato olungenasukuzwano/olungenampikiswano. Oku kusebenza xa iqabane lakho lingaphenduli kwiimbalelwano zoqhawulo-mtshato.

  • Iqabane lakho liza kufumana isamani ebekwe umhla emakuphendulwe ngawo.
  •  Ukuba iqabane aliphenduli ngalo mhla ubekiweyo, unakho ukufaka isicelo kwiNkundla ePhakamileyo, ukuze eli tyala lifakwe emqulwini wamatyala aza kuxoxwa.
  • Inkundla iya kwenza isigqibo egameni lakho ize iwuqhawule umtshato wakho.

Iindlela zoqhawulo-mtshato ngokuzenzela

Iindlela zoqhawulo-mtshato ngokuzenzela ziqosheliswa ngaphandle koncedo lwegqwetha, kwaye zezona ndlela zingenazindleko ziphezulu. Ukuqhawula umtshato ngaphandle kwegqwetha kungenziwa ngeendlela ezimbini:

  • Inkundla kamantyi yendawo yakho inakho ukukunika iifomu eziyimfuneko ngokunjalo ikunike neengcebiso ngeendlela zokuqhawula umtshato wakho ngaphandle kwegqwetha.

Ningakhetha ukuziqhawulela umtshato wenu ukuba:

  • niwuqhawula ngaphandle kosukuzwano;
  • inkqubo yokuwuqhawula ayinabugocigoci;
  • benitshate ixesha elifutshane;
  • aninampahla yexabiso ingako enifanele ukuyahlula;
  • akukho ngxabano nampikiswano malunga naye nawuphi na umntwana;okanye
  • nizimisele nokuzenzela wonke umsebenzi we-ofisi ngokwenu.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe Qhagamshelana neSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko

Published Date

Share this page