Tshintsha iinkcukacha zobunini okanye zetayitile yobunini besithuthi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokutshintsha ubunini okanye iinkcukacha zetayitile yobunini besithuthi

Naluphi na utshintsho lweenkcukacha zomnini sithuthi okanye zomnini tayitile kufuneka zaziswa kwigunyabantu lokubhalisa elifanelekileyo kwiintsuku ezingama-21 emva kolo tshintsho. Sebenzisa uxwebhu olwazisa ngokutshintsha kwedilesi okanye iinkcukacha zomntu okanye umbutho (NCP).

Xa uthengisa isithuthi sakho, kufuneka wazise igunyabantu lakho lokubhalisa ngoxwebhu loKwazisa ngokutshintsha kobunini/ngokuthengiswa kwesithuthi (NCO). Umnini omtsha kufuneka abhalise imoto leyo egameni lakhe.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwigunyabantu lokubhalisa elilelona likufutshane nawe.
  2. Ukuba utshintsha idilesi yakho, kufuneka uze noku kulandelayo:
    • ikopi yesazisi sakho (ID) ukuba ungummi waseMzantsi Afrika. Ukuba ungummi wangaphandle, kufuneka uze nazo zombini ikopi kunye noqobo lwesazisi esikhutshwe lilizwe lakho lokuzalwa kunye nemvume yakho yokuhlala okwethutyana.
    • Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayibhalwanga ngegama lakho, umnikazi wayo kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize i-akhawunti leyo ihambe nenkcazelo efungelweyo.
  3. Ukuba ungummi waseMzantsi Afrika, kufuneka uzalise ufake uxwebhu lwe-NCP kuphela. Ukuba ungummi wangaphandle, kufuneka uzalise uxwebhu lwe-NCP kunye neSaziso malunga nenombolo yokubhalisa isithuthi (ANR)
  4. Ukuba uthengisa isithuthi:
    • umthingisi kufuneka azalise uxwebhu NCO aze alufake kwigunyabantu lokubhalisa lakhe
    • umthengisi kufuneka agqithise isiqinisekiso sokubhalisa kumthengi
    • umthengi kufuneka azalise uxwebhu lwesicelo sokubhalisa kunye noxwebhu lwephepha-mvume lesithuthi (RLV) aze awafake
    • umthengi kufuneka afake isiqinisekiso sokubhaliswa sesithuthi, ukuba isithuthi sabhaliswa eMzantsi Afrika
    • Bonisa isiqinisekiso sokulinganiswa kobunzima ukuba ubunzima besithuthi batshintshwa.
  5. Umthengi wesithuthi kufuneka afake amaxwebhu kwigunyabantu lokubhalisa kwiintsuku ezingama-21 zokuthenga isithuthi, kunye noxwebhu lokubhalisa alufumene kumthengisi kwaye isithuthi kufuneka siye kuvavanyo lokuba sendleleni (Luxanduva lomthengi ukuqinisekisa ukuba isithuthi sisendleleni).
  6. Ukuba isithuthi sibhaliswe phantsi kwegama lenkampani, kufuneka ufake isiqinisekiso sokubandakanywa okanye sokutshintshwa kwegama esikhutshwa ngokwemiqathango yoMthetho weeNkampani kunye nenkcazelo yokusekwa.
  7. Igunyabantu lokubhalisa liya kuhlola isicelo sakho kwaye kuuneka uhlawule umrhumo omiselwe liphondo lakho.
  8. Ukuba igunyabantu lokubhalisa liyafuna, kuza kufuneka ubonise ubungqina belungelo lokubhaliswa njengomnini tayitile wesithuthi eso, umzekelo isiqinisekiso sentlawulo, isivumelwano sokuthengiselana. Ukuba akunazo zonke ezi zichaziweyo, tsalela umnxeba kwiziko lezonxibelelwano elikufutshane nawe okanye igunyabantu lokubhalisa ukufumanisa ukuba ingaba bayawamkela okanye bafuna amanye amaxwebhu njengobungqina kusini na.

Ixesha elimiselweyo

Izicelo zichotshelwa kwangaloo mini.

Ingaba kubiza malini na

Qhaqamshelana ne-ofisi yempepha-mvume yasekhaya ufumane ixabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

  • Isaziso sokutshintsha kweenkcukacha (NCP)
  • Isicelo sokubhalisa kunye nephepha-mvume lesithuthi (RLV)
  • Isaziso sokutshintsha kobunini/Ukuthengisa isithuthi (NCO)
  • Isaziso malunga nobhaliso lwenombolo yesithuthi (ANR)

Amaxwebhu ayafumaneka kwigunyabantu lokubhalisa okanye ungawakopa kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page