Isicelo sokubhalisa amayeza ezolimo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa ichiza lezolimo

Xa ufuna ukuthenga kumazwe angaphandle, ukwenza, okanye ukuthengisa amachiza ezolimo eMzantsi Afrika kufanele ubhalisa phantsi komthetho 36 wonyaka ka 1947.

Ungakwazi ukubhalisa ukuba ungummi welomzantsi Afrika kuphela  okanye umbutho one ofisi kweli lase Mzantsi Afrika.

Ukuba elichiza selibhaliswe phantsi komnye umntu kuyafuneka ufumane imvume  kuloomntu phambi kokuba ulibhalise.

Faka amachiza kwisingxobo esicicekiley nesivalekileyo.  Awuvumelekanga ukuba uphinde usisebenzise isingxbobo emva kokuba usisebenzisile. Apho elichiza lingamanzi, qinisekisa ukuthi isingxobo asichithi ichiza xa ulikhupha. Isingxobo sakho kufuneka singa chasane nommiselo kazwelonke wase Mzantsi Afrika 10229.

Isingxobo sakho masibhale:

  • Uphawu lwakho lokuthengisa
  • Inombholo yokubhalisa. Ukuba awunayo bhala I”Reg. No. …Act36 yonyaka 1947”
  • Umlinganiselo wobungozi apho elichiza lezolimo lngena khona
  • Uhlobo elenziwe ngalo elichiza lezolimo nenjongo elibhaliselwe  yona. 
  • Inombolo yalapho elichiza likhutshwe khona nosuku elanziwe ngalo.
  • Umlinganiselo namandla e chiza
  • Igama nedilesi yomntu emakuqhagamshelwane naye 
  • Inombolo yokubhaliswa  kwekampni xa sikhona isidingo soko

Ofanele kukwenza

  1. Fumana uxwebhu nge khompuyutha ugcwalise isicelo sokubhalise ichiza lezolimo phantsi kwendawo yamaxwebu agcwaliswayo.
  2. Yenza iikopi ezintathu zoxwebu uzithumele ku:  The Registrar: Act No. 36 of 1947, Private Bag X343, Pretoria, 0001 okanye unga sihambisa ngokwakho usise e: The Registrar: Act No. 36 of 1947, Agriculture Place, 20 Steve Biko Street, Arcadia Pretoria
  3. Faka iikopi zezifundo ozenzileyo ngelichiza (umzekelo ubungozi obaziwayo, iziphumo zokufasniswa namanye amachiza , ubungozi enokubishiya ngasemva nokuthi ibonakala kanjani.) Bona i Incwadana yomthetho nendlela yokubhalisa amachiza , ekuncedeni ukuthi ubazi ubungozi bokusebenzisa izilwanyana ukubulala eziyingozi kwezolimo residue trial data requirements document kunye nendlela yokuncedisa ekufumaniseni umahluko kumachisa enza umsebenzi ofanayo kwezolimo  ukuze ufumane ulwazi ngokufunekayo
  4. Bhatala imali emiselweyo.
  5. Ukuba uzakuthumela isicelo sakho ngeposi, kuffanele ubhatale imalo nge odolo ye posi, ithunyelwa kumlawuli jikelele wezolimo. Ukuba uhambisa isicelo sakho ngesandla kufuneka ubhatale ngemali
  6. Ukuba ufuna ukuthenga ichiza ngaphaya kwe mida yeli, quka ezi zinto zilandelayo: 
    • Unxweme lokungena 
    • Umlinganiselo wokulisebenzisa 
    • Indlela yovavanyo 
    • Indawo yovavanyo 
    • Izinto ezenza eli chiza 
    • Umlinganiselo owuthengayo.

Ixesha elimiselweyo

Sithabatha iinyanga ezisithandathu ukuya kwezilishumi nambini.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for the registration of an Agricultural Remedy (Isicelo sokubhalisa ichiza lezolimo)

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Agriculture Inputs Control

Tel: 012 319 7103/7847
E-mail address: AICHelpdesk@daff.gov.za
Physical address: 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address:  Department of Agriculture, Land Reform and Rural Development, Private Bag X343, Pretoria 0001

 

Share this page