Isicelo sokuhlaziya okanye ukucima ubhaliso lweyeza lezolimo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuvuselela  ichiza lezolimo

Ufanele ufake isicelo sokuvuselela okanye ukusula ubhaliso lwechiza lakho lezolimo rhoqo emva kweminyaka emithathu. Isicelo sakho kufanele sifakwe kumabhalane womthetho 36 wonyaka ka 1947 kwisSebe lezolimo ,Amahlathi Nezokuloba phambi komhla wama 30 kuMatshi wonyaka lowo ubhaliso luphelelwa ngawo.

ukuba elichiza ufuna ukulivuselela sele libhaliswe ngomnye umntu kufanele ufumane imvume kulowo mntu phambi kokuba ulivuselele.

Faka amachiza kwisingxobo esicicekiley nesivalekileyo. Awuvumelekanga ukuba uphinde usisebenzise isingxbobo emva kokuba usisebenzisile. Apho elichiza lingamanzi, qinisekisa ukuthi isingxobo asichithi ichiza xa ulikhupha. Isingxobo sakho kufuneka singa chasane nommiselo kazwelonke wase Mzantsi Afrika 10229.

Iofisi  kaMbhexeshi ithumela iincwadi  zokuvuselela namaxwebu  esicelo kubo bonke abantu ababhalisileyo ngapahambi kokuphela kweminyaka emithathu emiselweyo.

Ofanele kukwenza

  1. Umbhexeshi womthfetho 36 uzakuqhagamshela akuthumelele uxwebhu.
  2. Xa uvuselella:
    • gcwalisa uxwebhu lwesicelo (uxwebhu A) ngokuphindwe kathathu ngokugqagqanisa usebenzisa oonobumba abakhulu kuphela.
    • Faka isicelo kumbhexeshi.
    • Usuku lokugqibela ngumhla wama 30 ku Juni.
  3. Xa usula:
    • Gcwalisa uxwebhu B ngokuphindwe kathathu ubhala ngokugqagqanisa usebenzisa oonobumba abakhulu kuphela.
    • Faka iqobelo lesiqinisekiso sokubhalisa.
  4. Inkcukacha zalowo ufaka isicelo:
    • Gcwalisa uxwebu C lokuvuselela ubhaliso ukuveza inkcukacha ezintsha zokubhalisa , umzekelo idilesi, inombolo yomnxeba, nomntu omakaqhagamshelwe.
  5. Hlawula imali emisiweyo.
  6. Namathelisa ikopi yezifundo ezincedisayo.  Hlawula imali yobhaliso emiselweyo. Ukuba isicelo sakho uyasithumela, kufuneka uhlawule imali emiselweyo nge odolo yeposi ngegama lo Mlawuli jikele kwezolimo. Ukuba uhambisa isicelo sakho ngesandla kufanele uhlawule ngemali. Thumela uxwebhu kumbhexeshi
  7. Yenza ikopi ezintathu zoxwebhu uze uzithumele kuledilesi:
    • The Registrar: Act No. 36 of 1947, Private Bag X343, Pretoria, 0001 okanye usihambise ngesandla kuledilesi:
    • The Registrar: Act No. 36 of 1947, Agriculture Place, 20 Steve Biko Street, Arcadia Pretoria.

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sizakujongwa kuphela xakufunyenwe zonke inkcukacha malunga noku vuselelwa kobhaliso, kuquka uxwebhu A eliphindwe kathathu, uxwebu B noxwebhu C oluphindwe kabini  kunye nenhlawulo emiselweyo.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama-2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

I-ofisi kambhexhesi ithumela iincwadi sokuvuselela nama xwebhu kubo bonke ababhalisileyo  phambi kokuba kuphele iminyaka emithathu.

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Agriculture Inputs Control

Tel: 012 319 7103/7847
E-mail address: AICHelpdesk@daff.gov.za
Physical address: 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address:  Department of Agriculture, Land Reform and Rural Development, Private Bag X343, Pretoria 0001

 

Share this page