Isicelo selayisensi yomqhubi yexeshana

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesicelo sephepha-mvume lokuqhuba

Ungafaka isicelo sephepha-mvume lokuqhuba okwethutyana ukuba ufake isicelo sokuhlaziya iphepha-mvume lakho eliphelelwe lixesha okanye ulahlekelwe liphepha-mvume lakho lokuqhuba.
 
Eli phepha-mvume lisemthethweni iinyanga ezintandathu kwaye likhutshwa nakweliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwiziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba elikufutshane uphethe oku kulandelayo:
    • Ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi (i-ID) sakho  okanye i-ID yethutyana
    • Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayikho egameni lakho egama lakho, lo mntu isegameni lakhe kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize ileta ye-akhawunti leyo ihambe nenkcazelo leyo ifungelweyo.  
    • Ukuba ngaba uhlala endaweni engamatyotyombe, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
    • Iifoto zakho ezine ze-ID ezifanayo ezimbala umnyama namhlophe. Kufuneka uqale ngokuqinisekisa kwiziko i-DLTC ukuba kufuneka iifoto ezingaphi na phambi kokuba uthathe iifoto.
    • Umrhumo omiselweyo.
  2. Gcwalisa ifomu (i-DL1) yokuFaka isiCelo selayisenisi yokuqhuba.
  3. Gcwalisa ifomu (i-NCP) yokwazisa ngokutshintsha kwedilesi yakho okanye yokutshintsha kweenkcukhacha zomntu okanye zombutho.
  4. Uza kwenziwa uvavanyo lwamehlo kwiziko lovavanyo okanye ungalwenza uvavanyo lwamehlo kugqirha wamehlo ofanelekileyo uze unikezele ifomu yalo kwiziko lovavanyo.

Ixesha elimiselweyo

Iphepha-mvume lokuqhuba lethutyana likhutshwa kwangolosuku lesicelo.

Ingaba kubiza malini na

Thintana ne-ofisi yokukhupha iimvumo yangekhenu ukuze uthole ilwazi ngeendleko.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Isicelo sephepha-mvume lokuqhuba, DL1. Zalisa uxwebhu lwesicelo olufumaneka kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.

 

 

Share this page