Isicelo sephepha–mvume lokufunda ukuqhuba

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nephepha-mvume lokufunda ukuqhuba

Ukuba uneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu, ungafaka isicelo sephepha-mvume lokufunda ukuqhuba ukuze uqhube imoto njengomntu ofundayo ngokusemthethweni. Iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba likuvumela ukuba uqhube kuphela xa kukho okubeke esweni onempephe-mvume zokuqhuba kwaye kungekho omnye umkhweli emotweni.

Iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba yimvume engqina ukuba unolwazi olusisiseko lwemoto kunye nemithetho yendlela. Isemthethweni iminyaka emibini kwaye alikwazi kwandiswa ixesha layo.

Iimpepha-mvume ezohlukileyo zikhutshelwa iindidi ezohlukileyo zezithuthi:

  • Khowudi 1: Le yeyezithuthi ezingenzyo imotwana esecaleni, iimoto ezinamavili amathathu okanye ezabakhubazekileyo. Kufuneka ube neminyaka eli-16 ubuncinane xa ufaka isicelo kuba umthamo wenjini yakho awudlulanga kwi-125cc ize ube ne-18 leminyaka ukuba idlulile kwi-125cc.
  • Khowudi 2: Eli lelemoto, kuquka iminibhasi, ibhasi okanye izithuthi zempahla, ezinobunzima obungadlulanga kuma-3 500kg. Kufuneka ube ne-17 leminyaka ubuncinane xa ufaka isicelo.
  • Khowudi 3: Eli lelemoto ezinobunzima obudlulileyo kwi-3500kg. Kufuneka ube ne-18 leminyaka ubudala  ukuze ufake isicelo.

Ofanele kukwenza

  1. Xa ufake isicelo kufuneka uye ngqo kwiZiko lokuVavanyelwa iPhepha-mvume lokuqhuba ukwenza idinga.
  2. Kufuneka ufake oku kulandelayo:
    • isazisi (ID)
    • iifoto ezimbini ezimnyama namhlophe ezingangezesazisi
    • umrhumo wokubhalisa.  
  3. Zalisa uxwebhu lweSicelo sephepha-mvume lokufunda ukuqhuba  (LL1).
  4. Uya kuvavanywa amehlo kwiziko kwiziko lokuvavanywa okanye ungavavanywa ngugqirha wamehlo oqinisekisiweyo, uze ufake uxwebhu kwiziko lokuvavanywa.
  5. Kufuneka ube nolwazi olusisiseko lwemoto kunye neempawu zendlela phambi kokuba uye kuvavanyo. Ngoko ke, kufuneka ufunde iimpawu zendlela, izixhobo zokulawula imoto kunye nemithetho yendlela phambi kokuba uyokuvavanywa. 
  6. Ngomhla wovavanyo kufuneka ufake oku kulandelayo:
    • iphetshana lokubhalisa eliqinisekisa idinga:    
    • iphetshana elisisiqinisekiso sedinga nentlawulo
    • isazisi sakho.
  7. Ukuba uluphumelele uvavanyo kufuneka uhlawule umrhumo wokukhutshwa kwephepha-mvume lokufunda ukuqhuba.

Ixesha elimiselweyo

Iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba likhutshwa kwangaloo mini ukuba uphumelele.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

  • Uxwebhu lwesicelo sephepha-mvume lokufunda ukuqhuba (LL1)
  • Ukuba ofaka isicelo uneminyaka engama-65 okanye ngaphezulu kufuneka afake uxwebhu lwesiqinisekiso sikagqirha (MC).

La maxwebhu ayafumaneka kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba kunye newebhusayithi ye eNatis.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page