Isicelo sokunikwa enye ilayisensi yomqhubi xa obunayo ilahlekile okanye ibiwe

Malunga | Ofanele kukwenza | Ixesha elimiselweyo | Ingaba kubiza malini na | Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa | Ungaqhagamshela nabani

Malunga nokutshintsha ikhadi lakho

Ukuba ikhadi lephepha-mvume lakho lilahlekile, libiwe okanye lonakele, ungafaka isicelo selinye.

Kufuneka ufake isicelo sephepha-mvume lokuqhuba lethutyana ngeendleko ezongezelelweyo lo gama ulinde iphepha-mvume lakho ukuba likhutshwe.

Ukufumana ikhadi elitshintshiweyo, awuyi kulindeleka ukuba uvavanyelwe ukuqhuba, kodwa uya kuvavanywa amehlo kwaye kubekwe neminwe. Okanye, amehlo akho angavavanywa ngugqirha wamehlo uze ufake olo xwebhu kwiziko lezothutho.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwi-DLTC ekufutshane noku:
    • Incwadi yakho yesazisi (i-ID) nekopi yayo okanye ipaspoti yaseMzantsi Afrika esemthethweni nekopi yayo.
    • Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayibhalwanga ngegama lakho, umnikazi wayo kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize ileta ye-akhawunti le  ihambe nenkcazelo le ifungelweyo.
    • ukuba ngaba uhlala kwindawo engamatyotyombe, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
    • Iifoto ezine ezifanayo ezingenambala. Kufuneka uqale uqinisekise kwi-DLTC ukuba bafuna iifoto ezingaphi phambi kokuba uthathe iifoto.
  2. Gcwalisa ifomu (i-PD1) yokuFaka isiCelo selayisenisi yokuqhuba.
  3. Gcwalisa ifomu (i-NCP) yesaziso sokutshintsha idilesi okanye iinkcukhacha zomntu okanye zequmrhu.
  4. Uza kulindeleka ukuba wenze uvavanyo lwamehlo
  5. Kungenjalo, ungalwenza kugqirha wamehlo ozikhethele ngokwakho, uze iziphumo uze nazo kwi-DLTC.

Ixesha elimiselweyo

  • Iphepha-mvume lakho elitsha kufanele libe selilungile kwisithuba seeveki ezine ukuya kwezintandathu.
  • Iphepha-mvume lethutyana likhutshwa kwangoko.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Isicelo sephepha-mvume lokuqhuba, DL1 siyafumaneka kwisikhululo sokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.

 

Share this page