President Jacob Zuma: Release of Marikana report

Ukukhutshwa kweNgxelo yeKhomishoni yoPhando eseMthethweni ngemiba yoMgodi oseMarikana eRustenburg nguMongameli uJacob Zuma, kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngomhla wama-26 kweyeThupha yowama-2012, ndamisela iKhomishoni yoPhando ukuba iphande ngemiba exhalabisa uluntu, isizwe nezizwe ngezizwe eyavela kwisehlo esibuhlungu kuMgodi i-Lonmin eMarikana, eRustenburg eMntla Ntshona, ukusuka ngomhla we-11 ukuya kowe-16 kweyeThupha yowama-2012.

Abantu abamalunga nama-44 baphulukana nobomi babo baze abanye abaninzi bonzakala.

Le Khomishoni ibichotshelwe yiJaji eDla uMhlala-phantsi u-Ian Farlam, encediswa  ngoo-Advocate P. D. Hemraj okwinqanaba le-SC no-B. R. Tokota okwinqanaba le-SC naye. Ndifuna ukuvakalisa umbulelo ongazenzisiyo wokuba bewenze umsebenzi wale Khomishoni ngobungcali, kakuhle nangobuchule.

Ndikwabulela neentsapho zabo bonke abo bathi baphulukana nobomi babo, abo basweleka ngaphambi nasemva komhla we-16 kweyeThupha yowama-2012, ngokusebenzisana kwazo kunye nale Khomishoni nangona zisentlungwini nenzima enkulu, ngokulahlekwa kwazo kabuhlungu ngabo babathandayo.

Sikwavelana kunye neentsapho zabo bantu bathi babulawa emva komhla we-16 kweyeThupha yowama-2012. Aba bona ukubulawa kwabo bekungaphandwa yile Komishoni.

Sikwabulela namangqina, amagqwetha kunye nabasebenzi abonzakeleyo. Ukuthatha kwabo bonke inxaxheba kuye kwaqinisekisa ngempumelelo yale Khomishoni.

Le Khomishoni ibinikwe uxanduva lokuba iphande, ize neziphumo yenze nezindululo ngokumalunga nokuziphatha kwe-Lonmin Plc, iNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS), iManyano yeMibutho yabaSebenzi-mgodini nabaKhi (i-AMCU), iManyano yabaSebenzi-mgodini yeSizwe (i-NUM), iSebe leMithombo yeziMbiwa (i-DMR) namanye amasebe aseburhulumenteni, kwakunye nabantu abathile okanye amaqela athile.

Ezona ziphumo nezindulululo ezingundoqo zingashwankathelwa ngolu hlobo lulandelayo:

  1. IZIPHUMO

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NE-LONMIN

IKhomishoni ifumanise ukuba abakwa-Lonmin abakhange benze konke okusemandleni wabo ukusombulula imbambano ethe yaqhambuka phakathi kwabo nabasebenzi babo nabathe bathatha inxaxheba kuqhankqalazo olungekho mthethweni kwelinye icala kwakunye  naphakathi kwabasebenzi abakuqhankqalazo nabo bangekho kuqhankqalazo kwelinye.

Bengakhange benze amalungiselo afanelekileyo okuqulela izoyikiso zobundlobongela, nokuqhambuka kwabo.

Abakwa-Lonmin bakwasilele ekwenzeni amalinge afanelekileyo okukhusela kunye nokuthatha amanyathelo okuqinisekisa ngokukhuseleka kwabasebenzi babo.

Kwakhona abakwa-Lonmin banyanzelisa ukuba abasebenzi babo abangekho kuqhankqalazo kufanele ukuba baphangele, nangona bekuqonda ukuba abazokukwazi ukubakhusela xa behlaselwa ngabo bakuqhankqalazo. 

IKhomishoni ikwabagxekile abakwa-Lonmin ngokufezekisa iimfanelo ezimalunga nezicwangciso zezeNtlalo nezaBasebenzi.

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NE-AMCU  

IKhomishoni ifumanise ukuba amagosa e-AMCU awasebenzisanga ulawulo olugqibeleleyo ukulawula amalungu nabalandeli be-AMCU ekuqinisekiseni ukuba baziphatha ngendlela esemthethweni kwaye abayongozi kubomi babanye.

Ayecula iingoma ezixhonkonxayo abe esenza iintetho eziphembelelayo, nezibangele ukuba ibe mbi nangakumbi  imeko ebingazinzanga kakade.  

IKhomishoni ikwafumanise ukuba uMongameli we-AMCU, uMnu Joseph Mathunjwa, wenze konke okusemandleni ukucenga abaqhankqalazi ukuba babeke phantsi izixhobo zabo baze bayishiye induli.

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NE- NUM

IManyano yabaSebenzi-mgodini yeSizwe (i-NUM) ayikhange yenze konke okusemandleni wayo ukusombulula imbambano phakathi kwayo nabaqhankqalazi.

I-NUM ibalahlekisile abaSebenzi abaBhola aMatye xa ithe kubo akusekho thetha-thethwano lunokwenzeka nabakwa-Lonmin kude kuphela isivumelwano sezemivuzo seminyaka emibini.

Le manyano yabasebenzi kwakhona ayithathanga nyathelo lokukhuthaza lize lenze ukuba abakwa-Lonmin bakwazi ukuthetha nabasebenzi.

I-NUM ikwasilele ukusebenzisa ulawulo olugqibeleleyo ukulawula amalungu wayo ekuqinisekiseni ukuba aziphatha ngendlela esemthethweni kwaye awayongozi kubomi babanye.

Ikhuthaze yaze yancedisa  abasebenzi abangekho kuqhankqalazo ukuba baye emsebenzini emgodini phantsi kwemeko apho bekukho ubungozi obukhulu bokuba bayakubulawa okanye bonzakaliswe ngabaqhankqalazi abaxhobileyo.

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NABAQHANKQALAZI NGABANYE NGABANYE

Abaqhankqalazi ngabanye ngabanye namaqela awohlukeneyo wabaqhankqalazi akhuthaze imeko yempixwano nokunyolana esweni nokuthe ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo, kwangunobangela wokusweleka koonogada bakwa-Lonmin nabasebenzi abangaqhankqalaziyo, baze babeka ubomi babasebenzi abangekho kuqhankqalazo abongenzakalanga engozini.

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NOMNU CYRIL RAMAPHOSA

IGqwetha laBantu aboNzakeleyo nabaBanjiweyo lityhole ngelithi uMnu Cyril Ramaphosa nguye unobangela wendyikitya yokufa kwabantu eMarikana kwaye kufanele ibe nguye obekwa ubutyala ngokusweleka kwabasebenzi-mgodini abangama-34.

IKhomishoni ifumanise ukuba akukwazi ukuba kuthiwe uMnu Ramaphosa waba ngunobangela wendyikitya yokufa, kwaye izityholo abekwa zona azinasihlahla.

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NOMPHATHISWA UNATHI MTHETHWA

IGqwethalaBantu aboNzakeleyo nabaBanjiweyo utyhole ngelithi uMnu Nathi Mthethwa ngunobangela wendyikitya yokufa kwabantu eMarikana kwaye kufuneka abekwe ubutyala ngokusweleka kwabasebenzi-mgodini abangama-34.

IKhomishoni ifumanise ukuba iKhabhinethi ayinandima iyidlalileyo kwisigqibo samapolisa sokusebenzisa le ndlela ayisebenzisayo ngomhla we-16 kweyeThupha yowama-2012, xa abaqhankqalazi bengazibekanga phantsi izixhobo zabo, nokuthe kwakhokelela ekuswelekeni kwabantu abangama-34.

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NOMPHATHISWA USHABANGU

IGqwetha laBantu aboNzakeleyo nabaBanjiweyo uphakamise okokuba uMphathiswa uShabangu kufanele ukuba atshutshiswe ngezimangalo zorhwaphilizo nokuphosisa phantsi kwesifungo.

IKomishoni ayifumananga nto ingalunganga eyenziwa nguMphathiswa uShabangu

IZIPHUMO NGOKUMALUNGA NAMAPOLISA

Ngokumalunga nentlekele yomhla we-16 kweyeThupha yowama-2012, iKhomishoni ifumanise  ukuba amaPolisa enza isicwangciso sawo sokusebenza esiquka ukurhangqwa kweqelana elincinci labaqhankqalazi, ababezakuba sendulwini kwangentseni.

Esi sicwangciso siquka ukurhangqa abaqhankqalazi ngocingo olunameva, baze banikwe indlela yokuphuma ababeza kuhamba ngayo ngeli xesha benikezela ngezixhobo zabo.

Esi sigaba sesicwangciso sasinokusebenza kusekusasa kakhulu kuphela xa abaqhankqalazi beseligcuntswana. Amapolisa ebekwazama nokuthethathethana nabaqhankqalazi.

Endaweni yesicwangciso sokurhangqa kwaye kwasetyenziswa isicwangciso esicetyisisiweyo esibonakalise ukuba sasingalunganga ngeendlela ezininzi. 

Esi sicwangciso sicetyisisiweyo saqaliswa ukusetyenziswa malunga nentsimbi ye-15h40 ngalo mini, kwakhokelela ekuswelekeni kwabaqhankqalazi kumboniso wo-1 nakumboniso we-2.

IKhomishoni ifumanise ukuba lo msebenzi wamapolisa kwakungafanelanga ukuba uqhubeke ngomhla we-16 kweyeThupha ngenxa yokungalungi okuninzi kwesicwangciso.

IKhomishoni ifumanise ukuba yayingazokwazi ukwenzeka into yokubahlutha izixhobo nokubachitha-chitha abaqhankqalazi ngaphandle kokuphalala kwegazi, emva kwemini ngomhla we-16 kweyeThupha.

Amapolisa ngewayelinde kude kube lusuku olulandelayo, xa isicwangciso sokurhangqa sona esasingenabungozi, sasinokusetyenziswa.

IKhomishoni ikwafumanise okokuba isigqibo sokususwa kwabaqhankqalazi kule nduli ngokusebenzisa izigalo ngamapolisa ngomhla we-16 kweyeThupha xa bengazibeki phantsi ngokuzithandela izixhobo zabo, sasingathathwanga ziinkumanda zesicwangciso esicetyisisiweyo ezazisemsini kanye.

Endaweni yoko isigqibo sathathwa nguLietenant-General Mbombo, onguMkhomishinala wamaPolisa eMntla Ntshona, saza sagunyaziswa ziinkokheli ze-SAPS kwintlanganiso ekhethekileyo yeQonga labaLawuli leSizwe.

IKhomishoni ikwafumanise ukuba lo msebenzi kwakufanele unqandiwe emva kodutyulo olukumboniso woku-1 kwaye kwakungekho lulawulo zizikhulu neenkumanda zamapolisa kumboniso we-2.

IKhomishoni inemibuzo ngendlela amapolisa akulawulo ayeziphethe ngayo ngexesha kuqhutywa uphando yiKomishoni.

Iinkokheli zezobuPolisa azikhange ziyichazele kwasekuqaleni iKhomishoni, into yokuba isicwangciso sasekuqaleni asizange sikwazi ukusetyenziswa kumhla wokuqala saza sayekwa.

Ukongeza apho, iinkokheli zezobupolisa azikhange ziyichazele iKhomishoni ukuba isigqibo sokuqhubekeka nesicwangciso esicetyisisiweyo, sasithathwe kwintlanganiso yeQonga labaLawuli leSizwe ngomhla we-15 kweyeThupha, ukuba ngaba abaqhankqalazi abazibeki phantsi izixhobo baze bachithakale ngokuzithandela. Endaweni yoko, bachazele iKhomishoni ukuba isigqibo sathathwa ngomhla we-16 kweyeThupha, kwaye oko kwenzeke kuphela xa kucaca ukuba imeko iya isiba maxongo.

IKhomishoni ikwavakalise ukuxhalaba kwayo ngokuba kubekho ukulibaziseka okube malunga neyure phambi kokubafumanela uncedo lwezonyango abaqhankqalazi abonzakala kumboniso woku-1, kwaye igxininisa ngelithi kwakunokusinda nokuba mnye kubaqhankqalazi ukuba uncedo lwezonyango lwalufumaneke ngokukhawuleza.

  1. IZINDULULO

IKhomishoni indulule ngelithi ukusilela kwabakwa-Lonmin ukubonelela ngezindlu  ngokwesiCwangciso sezeNtlalo nezabaSebenzi kufanele kubhekiswe kwiSebe lezeMithombo yeziMbiwa, ekufanele ukuba lona lithathe amanyathelo okunyanzelisa ukuba abakwa-Lonmin bazalisekise ezi zivumelwano.

IKhomishoni icebisa ukuba kumiselwe iGqiza leeNgcaphephe, eliquka:

  • Amagosa aphezulu eCandelo lezoMthetho le-SAPS;
  • AmaGosa aPhezulu anamava kakhulu kubuPolisa boGcino-cwango eLuntwini;

Kunye-

  • Neengcaphephe ezizimeleyo kubuPolisa boGcino-cwangco eLuntwini, zalapha ekhaya nezezamazwe angaphandle, ezinamava okusebenza ngenginginya yabantu, abanezixhobo ezibukhali nemipu, njengoko kuyinto exhaphakileyo oku apha eMzantsi Afrika.

Eli gqiza, phakathi kokunye, kufanele:

  • Liqwalasele ngokutsha lilungise imithetho ephathelene nobuPolisa boGcino-cwangco eLuntwini;
  • Liphande ezona ndlela zingcono ehlabathini zokusebenza namanyathelo akhoyo anokusetyenziswa, ngaphandle kokubhenela ekusebenziseni izixhobo ezinokuzidubulela ngokwazo, apho iindlela zobuPolisa boGcino-cwangco eLuntwini zingonelanga.

Kwiimeko zobuPolisa boGcino-cwangco eLuntwini, izigqibo eziphathelene nokwenziwa komsebenzi kufuneka zithathwe ligosa elilelona liphezulu kulawulo, elisanda kufumen uqeqesho olufanelekileyo, libe nezakhono namava kubupolisa bogcino-cwangco eluntwini.

Lonke unxibelelwano lwerediyo kufanele lushicilelwe kwaye ushicilelo olo lugcinwe.

Izicwangciso zokusebenza kumaphulo obuPolisa boGcino-cwangco eLuntwini kufanele zikhethe indlela yokunxibelelana eeza kusetyenziswa ngamalungu e-SAPS phakathi kwelinye nelinye.

Kufanele kuqulunqwe kuze kusetyenziswe inkqubo emayilandelwe kunxibelelwano laxa kusetyenzwa kumaphulo amakhulu kuquka nezinye indlela ekunokutshintshelwa kuzo, apho inkqubo ekhoyo yokunxibelelana ngerediyo ineendawo esilela kuzo.

I-SAPS kufanele iqwalasele ngokutsha indlela eqeqesha ngayo amalungu asebenzisa izixhobo ezikhethekileyo ezifana neenkanunu zamanzi nezixhobo zevidiyo.

Zonke iinqwelo-ntaka kufanele zibe neekhamera zevidiyo ezisebenzayo.

Kumaphulo apho kukhangeleka kunokwenzeka ukuba kusetyenziswe izigalo, izicwangciso maziquke ukubonelelwa kwabo bonzakeleyo ngoncedo lokuqala olufanelekileyo nolukhawulezileyo.

IKhomishoni ikwagxininise okokuba onke amapolisa kufanele efumene uqeqesho loncedo lokuqala lwabaqalayo.

Kufanele kubekho inkqubo ecacileyo ecacisa ukuba amalungu e-SAPS aqeqeshelwe uncedo lokuqala, akwindawo yexhwayelo yesehlo apho kudingeka khona uncedo lokuqala, kufanele enze uncedo lokuqala.

Amagosa azingcaphephe kwimipu kufanele afumane uqeqesho olongezelelweyo kwizakhono zoncedo lokuqala olululula oludingekayo xa umntu eza kusebenza ngamanxeba okudutyulwa ngompu.

IKhomishoni yongeza ithi izindululo zeKhomishoni yoCwangciso yeSizwe, zokuba makususwe ukuba i-SAPS ifane nomkhosi koko mayibe nobugcisa, kufanele zifezekiswe njengomba ophambili.  

Ngokumalunga nokuphendula, apho iphulo elithile  lamapolisa linokuba neziphumo zalo ezinokubangela ukuxoxisa, lifuna uphando oluthe vetshe, uMphathiswa noMkhomishinala weSizwe kufanele balumke xa besenza iintetho esidlangalaleni okanye besenza iintetho kumalungu e-SAPS. Mabangathethi nto inokubangela ukuba amanye amapolisa boyike ukuthetha ngokukhululeka  okanye yokuthintela ukuba amalungu anolwazi ngokuthathwa kwamanyathelo angafanelekanga, ukuba mawachaze oko akwaziyo.   

Umyalelo omileyo kufanele kufanele ufune ngokucace ngcono umzila wophichotho noshicilelo olwaneleyo lwamaphulo wamapolisa.

I-SAPS kunye namalungu wayo kufanele ukuba iyamkele into yokuba inoxanduva lokuphendula eluntwini nelokuchaza inyaniso, kuba kaloku asebenzisa izigalo egameni labo bonke abemi boMzantsi Afrika, itshilo iKhomishoni.

Ukusetyenziswa nokuxhotyiswa kweCandelo loLawulo eliziMeleyo loKhala bmaPolisa (i-IPID) kufanele kuqwalaselwe ngokutsha ukuqinisekisa ukuba liyakwazi ukuqhuba umsebenzi walo kakuhle nangokubonakalayo.

UKUDLULISELA UKUZE KUPHANDWE NGOKUTHE VETSHE NGOKWECANDELO 24 (1) LOMTHETHO WEGUNYABANTU LEZOTSHUTSHISO LESIZWE (I-NPA)

IKhomishoni icebisa ukuba makwenziwe uphando olupheleleyo,oluza kukhokelwa nguMlawuli Jikele wezoTshutshiso eMntla Ntshona, ngenjongo zokuqinisekisa ukuba onke amalungu e-SAPS abandakanyekayo kwisehlo esikumboniso woku-1 nomboniso we-2 angabekwa izimangalo na phantsi komthetho wolwaphulo-mthetho.

Ngeenjongo zolu phando, kufanele kuchongwe igqiza, eliza kukhokelwa liGqwetha eliPhezulu loMbuso, kunye neengcaphephe ezimeleyo ekuzobeni imiboniso yeendawo yexhwayelo ekwenzeke kuyo ulwaphulo-mthetho, amagosa azingcaphephe ekusetyenzisweni kwemipu nakuphando oluhambelana notyando olunzulu kunye nabaPhandi abaPhezulu be-IPID, kunye nazo naziphi na ezinye iingcaphephe eziya kufuneka.

UKUDLULISELA KUTSHUTSHISO

IKhomishoni ikwacebise okokuba lonke zonke izenzo zokugebenga nezohlaselo ezithe zaqhubeka phakathi komhla we-11 nowe-15 kweyeThupha yowama-2012, kufanele zidluliselwe kuMlawuli Jikelele wezoTshutshiso, ukwenzela uphando oluthe vetshe nokuqinisekisa ukuba ingaba kukho imihlaba yokutshutshisa na.

IKhomishoni ivakalise okokuba umkhwa wangoku wokuphathwa kwezixhobo ezibukhali nemipu nobundlobongela obuhambelana nawo nkqu nakuqhankqalazo lonikezelo-zinkonzo eMzantsi Afrika, ufuna ukusetyenziswa ngqongqo kwemithetho ewuthintelayo.

Iyichaphule into yokuba abasebenzi  bakwa-Lonmin babonakala ngokucacileyo kwiividiyo nakwimifanekiso bephethe izixhobo eziyingozi kwindibano kawonkewonke okanye kwiindawo zikawonkewonke.

Kungoko ke iKhomishoni icele ukuba kwenziwe uphando oluthe vetshe lolwaphulo-mthetho, oluphantsi koMthetho woLawulo lweeNdibano noMthetho wokuPhathwa kweziXhobo eziyiNgozi.

AMANYATHELO EKUFANELE ETHATHWE NGUMONGAMELI

AbaPhathiswa abachaphazelekayo baza kuyifunda ingxelo yeKhomishoni baze bandazise ngokufezekiswa kwezindululo.

IKhomishoni yenze nesindululo sokuba kwenziwe uphando malunga nokuba ukulungele na ukwenza umsebenzi wakhe uMkhomishinala wezobuPolisa weSizwe kwakunye noMkhomishinala wezobuPolisa wePhondo laseMntla Ntshona ngokwemimiselo yeCandelo 9 loMthetho weNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika.

Ndimbhalele uMkhomishinala weSizwe ndimazisa ngezindululo ezimayelana naye.

UMphathiswa wezobuPolisa uza kumazisa owayesakuba nguMkhomishinala waseMntla Ntshona ngemiba echaphazela yena.

Okutsha okuthe vetshe ngale miba kuza kwaziswa apha ethubeni.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ndinikezele ngamagqabantshintshi eNgxelo emaphepha angama-600 ubude xa iphelele.

Ndiye ndayalela ukuba ingxelo epheleleyo ipapashwe kwiPhephandaba likaRhulumente nakwiwebhusayithi ye-Ofisi kaMongameli neye-GCIS ukwenzela ukuba uluntu lukwazi ukuyifunda.

Bantu bakuthi,

Isehlo saseMarikana yaba yintlekele embi kakhulu nengenandawo kulawulo lwentando yesininzi, apho bonke abemi benelungelo lokuqhankqalaza nalapho abasebenzi benelungelo lokuqhankqalaza ngoxolo baze baxoxe ngeemeko zomsebenzi kunye nabaqeshi babo, ngoxolo.

Iintsapho nezihlobo zaphulukana ngendlela ebuhlungu kakhulu nabantu ezixhomekeke kubo zaze zafumana iintlungu engenakulinganiswa zafikelwa yimbulaleko enkulu. 

Ilizwe loMzantsi Afrika liphela lothuka kakhulu. Nehlabathi nalo lothuka kuba kwakungekho mntu wayenokulindela ukuba oku kungenzeka kuMzantsi Afrika okhululekileyo nophantsi kolawulo lwentando yesininzi.

Njengesizwe, kufanele sifunde kwesi sehlo sibuhlungu. Kufanele sisisebenzise ekwakheni uluntu oluthe chatha ngokumanyana, ngoxolo nokubambisana.

Ubundlobongela abunandawo kulawulo lwentando yesininzi esalusebenzela nzima ukuba siluphumelele size silwakhe.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore