Intetho Kamongameli uJacob Zuma Kwindlu Yowiso-Mthetho Yesizwe ngodushe oluKwaZulu-Natal olujoliswe kubemi bamazwe angaphandle
Somlomo oHloniphekileyo,
Sekela Somlomo oHloniphekileyo,
Sekela Mongameli oHloniphekileyo,
Malungu aHloniphekileyo,
Bantu boMzantsi Afrika,
Kule veki siyiqukumbelayo sibone iziganeko ezihambisa umzimba nezingamkelekanga zodushe obelujoliswe kubemi bamazwe angaphandle kwiindawo ezithile KwaZulu-Natal, ekungoku sezinwenwelwe kwezinye iindawo eGauteng. Iziganeko ezikumila kunje zakhe zenzeka eSoweto ngeyoMqungu.
Akukho zikhalazo nakunganeliseki kunokusetyenziswa njengesizathu sokuhlasela abemi bangaphandle nokutyhuthulwa kweevenkile zabo.
Silugxeka kakhulu olu dushe. Ezi ziganeko zohlasela zinxamnye nayo yonke into uMzantsi Afrika oyimeleyo, ingakumbi ukuxabisa ubomi bomntu, amalungelo oluntu, isidima somntu kunye nobuntu.
Silizwe sizikhaba ngawo omane izenzo zokunganyamezelani ezifana nokucalula ngokobuhlanga, ukubukula abo bamazwe angaphandle, ukucekisa abo bathandana nabantu besini esinye kunye nokucalula ngokobuni.
Sivakalisa amazwi ethu ovelwano kuzo zonke iintsapho ezinamalungu aye aphulukana nobomi kwaye sinqwenelela nabo bathe bonzakala ukuba bachache ngokukhawuleza.
Siyalubongoza uluntu ukuba luthobe umoya, luphelisa udushe sibambe amahashi wethu. Akufuneki sivume ukusetyenziswa zizaphuli-mthetho egameni lokuba nazo zihamba nathi kwiingxaki esinazo zibe zona zifuna ukuhlayelwa uqhushululu nokudunga uxolo.
Naziphi na iingxaki okanye imiba ekhathaza abemi boMzantsi Afrika kufuneka zisonjululwe ngoxolo nangokuthethana.
Amapolisa anikwe umyalelo wokuba kufuneka asebenze imini nobusuku akhusele abemi bangaphandle kunye nabemi beli kwaye abambe abo batyhuthula iivenkile kunye nabo baphambili kwizenzo zodushe.
Siyalubongoza uluntu ukuba luncedise amapolisa ngokuwanika ulwazi ngeziganeko zodushe ezenzeke eGauteng naKwaZulu-Natal ukuze abo baphula umthetho babanjwe baphoswe ngaphaya kwezitshixo.
Siyazibulela iinkokeli zezenkolo, imibutho engekho phantsi kukarhulumente kunye namanye amahlakani ethu ngokuzisa uncedo lwezentlalontle kwabo bantu bachaphazelekileyo.
Siyazgxibha sizigxeka iziganenko zohlaselo, siyayazi kwaye siyayiqonda eminye imiba ebekwayo ngabemi boMzantsi Afrika abachaphazelekayo.
Siyaphinda kwakhona sithi uninzi lwabemi boMzantsi Afrika ayingobantu bacalula abantu ngokobuzwe. Ukuba bekunjalo, ngesinganabo aba bantu baninzi sinabo basuka kumazwe angaphandle sihlala nabo kwiindawo esihlala kuzo kulo lonke eli lizwe, kwiidolophi, izixeko nakwimimandla esemaphandleni.
Ikhona imiba enxulumene nezoqoqosho nezentlalo evezwa ngabantu kwaye ithathelwa ingqalelo.
Le miba iquka izikhalazo ezingabafuduki abangekho zincwadini nabakweli lizwe ngokungekho mthethweni, ukwanda kweevenkile okanye amashishini amancinci athathwe ngabemi bamazwe angaphandle kunye noluvo lokuba abemi bamazwe angaphandle bayabandakanyeka kulwaphulo-mthetho.
Sifuna ukukubethelela ukuba nangona abanye abemi bamazwe ngaphandle sele bebanjiwe bebanjelwa izenzo zolwaphulo-mthetho ezahlukeneyo, kuyalahlekisa kwaye akulunganga ukuquka bonke abemi bamazwe angaphandle njengokuba bayabandakanyeka kulwaphulo-mthetho kweli lizwe.
Ukongeza koku, ayingabo bonke abemi bamazwe angaphandle abakweli lizwe abalapha ngokungekho mthethweni.
Uninzi lwabo bakweli ngokusemthethweni kwaye banegalelo oluhle kuqoqosho nophuhliso lwentlalo kweli lizwe. Uninzi lwabo lunezakhono ezinqongopheleyo ezisincedayo ukuba siphuhlise uqoqosho kwaye bamkelekile ukuba bahlale kweli lizwe lethu.
Abanye beza eMzantsi Afrika njengeembacu ezibaleka kwizidube-dube zongquzulwano okanye iimfazwe kumazwe angamakhaya abo, kanye ngale ndlela uninzi lwabemi boMzantsi Afrika abashiya ngalo eli bebhacela kumanye amazwe kweli lizwekazi nangaphaya kwemida yalo.
Sasiphethwe kakuhle ngobubele, ngesidima nangembeko ngoodade kunye nabantakwathu beli lizwekazi liphela. Asisoze sibulibale obo bubele kunye noku kubambisana.
Inkxaso esayifumana kumazwe akumaZantsi e-Afrika ayencedisa kwidabi lomzabalazo kunye nesayifuma kuMbutho weMbumba ye-Afrika yayibaluleke kakhulu kumzabalazo wokufumana inkululeko nolawulo lwentando yesininzi esizixhamlayo kunamhlanje.
Ukulandela koku, uRhulumente uza kuqhubeleka edlala indima yakhe esenza nemisebenzi kunye noxanduva esinalo njengelungu lweMbumba ye-Afrika kunye neZizwe eziManyeneyo.
Iimbacu kunye nabo bamazwe angaphandle bafuna indawo yokukhuselwa baza kunikwa uncedo ngokwemithetho nemimiselo yehlabathi, ngenkxaso ye-Arhente yeeMbacu yeZizwe eziManyeneyo.
Siyababongoza abantu beli ukuba banike inkxaso bakhusele iimbacu kunye nezo iimbacu zifuna ukukhuselwa.
Ngempela-veki, ndiye ndathumela uMphathiswa wezamaPolisa, owoKhuseleko lweLizwe kunye noweMicimbi yezeKhaya ukuba basebenzisana norhulumente wePhondo laKwaZulu-Natal balwe udushe bazise uzinzo. Mhle umsebenzi asele bewenzile kodwa le ngxaki ifuna amanyathelo okungenelela abanzi nangazi kuwa esithubeni.
Ke ngoko lo msebenzi ndiye ndawunika yonke iNtlanganisela yezobuLungisa, uGcino-mthetho kunye noKhuseleko ukuba iwuxovule ngobunono ide iwucokise, idibane kunye noMphathiswa woPhuhliso loLuntu, owezoRhwebo noShishino kunye nowoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci.
Intlanganiselo yezokhuseleko kunye namasebe ezoqoqosho sele eqalisile ukusebenza ngalo mba, kulandela iziganeko ezifana nezi zenzeka eSoweto ngeyoMqungu.
Ngoku ndibayalele ukuba basebenze ngokukhawuleza kwaye basebenzisane noluntu lwemimandla echaphazelekileyo, imibutho emele abemi bangaphandle, amashishini, imibutho engekho phantsi korhulumente kunye namanye amahlakani ethu ukuba basabele kwizikhalo eziphakanyiswa ngabo bonke abachaphazelekayo.
Injongo yethu kukuthintela izenzo ezifana nezi kwilixa elizayo ngokuphucula ubudlelwane nokukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo phakathi kwabemi beli kunye nabantu bakuthi beli lizwekazi, kwakunye nabanye abantu abaphuma kwamanye amazwe angaphandle.
Siza kufuna noncedo kunye nentsebenziswana kwezinye ii-ofisi zozakuzo ezilapha eMzantsi Afrika. UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya udibene nooNozakuzaku bamaZwe ase-Afrika kule veki iphelileyo.
UMphathiswa wezobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano naye uza kuthathela apha kwezi ngxoxo kwiintlanganiso aza kuba nazo nooNozakuzaku bamaZwe ase-Afrika ngomso, umhla we-17 kwekaTshazimpunzi.
Siyawacela amaLungu ePalamente ukuba nawo asebenzisane nathi, kwimimandla ephantsi kolawulo lwawo, ukuphucula ubudlelwane kunye nokukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo phakathi kwabantu beli kunye nabantu bamazwe angaphandle.
Amalungiselelo ayenziwa ukuphucula indlela imida elawulwa ngayo kunye nemithetho yokufudukela kweli lizwe.
Kulo umba, uRhulumente uqhuba kakuhle kumsebenzi wakhe wokuseka i-Arhente yokuLawula imiDa, eza kujongana nemida kunye nawo onke amazibuko okungena kweli.
ISebe leMicimbi yezeKhaya liyaxhotyiswa ngezakhono ukuze likwazi ukumelana nemiba yezokufuduka ingakumbi kwii-ofisi ezikwimida yeli.
Kulo umba, uMkhosi weSizwe wezoKhuseleko (i-SANDF) uza kukhupha amajoni angama-350 aye kwiSebe leMicimbi yezeKhaya ukuze asebenze njengamagosa ezokufuduka kwii-ofisi ezikwimida yeli.
Ukongeza koku, i-SANDF ityale amajoni kwimida yeli kumaphondo asixhenxe ukuthintela imikhuba yolwaphulo-mthetho kwimida kunye nabo batyhoboza kwimida ngokungekho mthethwethweni.
Bantu baseMzantsi Afrika,
Siyanobongoza nonke ukuba nizole kwaye nizibambe.
Siyanicela ukuba nisebenzise amajelo oluntu ezonxibelelwano, nahlukane nokukhwezela udushe ku-Facebook, i-twitter nakumanye amaqonda.
Sinoxanduva lokukhuthaza intsebenziswano phakathi koluntu, ukuhlalisana ngoxolo kunye nemvano kweli.
Abemi bamazwe angaphandle bayasinceda ukuba sijongeke njengomfanekiso omhle wezizwe neentlanga ezahlukeneyo kwaye siyakuthanda ukuba khona kwabo kweli. Sifuna nokuba ande amanani abakhenkethi abatyelela kweli abaphuma kweli lizwekazi kunye nokwabelana ngamathuba okushishina njengenxalenye yokukhuthaza uhlumo oluzinzileyo loqoqosho kweli lizwekazi.
Le mibhiyozo izayo ngekaCanzibe yeNyanga ye-Afrika iza kusinika ithuba lokuba sibonakalise ukuzingca ngobu-Afrika bethu kunye nobudlelwano obushushu nabantu bakuthi bamanye amazwe eli lizwekazi.
Siyilinde ngolangazelelo imibhiyozo yoSuku lwe-Afrika kuwo onke amaphondo ngomhla wama-25 kwekaCanzibe.
Bantu bakuthi, siyanqanda sithi masithobeni umoya.
Ukuhlaselwa kwabantu bamazwe angaphandle kweli lizwe akwamkelekanga konke.
Safumana uncedo kumazwe amaninzi ngethuba sisilwela inkululeko. Abazange basigxothe okanye basiphathe kakubi.
Siyaziva iingxaki ezibekwayo ezifana nokuba abanye abantu bamazwe angaphandle abanamvume yokuba seMzantsi Afrika.
Abanye baphinde bakhale nangolwaphulo-mthetho olwenziwa ngabanye kwaba bantu baphuma kwamanye amazwe nokuba bathatha amathuba emisebenzi nawokurhweba.
Siyaziva zonke ezi zikhalazo kwaye siza kuzilungisa. Kodwa siyakubethelela ukuba akukho okunokwenza olu dushe ukuba lwamkeleke. Siyalugxeka kakhulu.
Njengorhulumente senza konke ekusemandleni ukuphucula ukhuseleko kwimida yeli ukuze abantu bangangeni ngokungekho emthethweni kweli lizwe. Sesityale namajoni ukuze ancedise iSebe leMicimbi yezeKhaya kule ngxaki.
Malungu aHloniphekileyo,
Masisebenzisane sinike inkxaso kubo bonke abemi bamazwe angaphandle abachatshazelwe lolu dushe.
UMqulu weNkululeko uthi makubekho uxolo nobuhlobo. Uxanduva lwethu kukukhuthaza lo moya wokuhlalisana ngoxolo siwuqhubele phambili.
Siyakubethelela nokuzibophelela kwethu kuxanduva lwethu lokufaka isandla kwi-Afrika engcono nehlabathi elingcono.
Masisebenzisane senze eli lizwe lethu libe yindawo engcono yabo bonke abalapha kulo.
Ndiyabulela.