VAKALISA ULUVO LWAKHO: Isicelo sokuNgeniswa kweZimvo neziPhakamiso luLuntu

IKomiti eKhethekileyo yezoRhwebo noShishino, uPhuhliso lwezoQoqosho, uPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uKhenketho, iNgqesho naBasebenzi imema abachaphazelekayo kunye nabo banomdla ukuba bangenise iziphakamiso ezibhaliweyo malunga noMthetho-siHlomelo oYilwayo weSizwe wamaShishini amaNcinci [B16B – 2023] (icandelo 76).

UMthetho-siHlomelo oYilwayo weSizwe wamaShishini amaNcinci [B16B – 2023] (icandelo 76) ufuna:

•    Ukuhlomela uMthetho wamaShishini amaNcinci weSizwe, wowama-1996, ukuze kuhlonyelwe, kicinywe, kufakelwe kwaye kufakwe endaweni yeenkcazo ezithile;
•    Ukubonelela ngengxelo yeQumrhu labaCebisi;
•    Ukubonelela ngokusekwa kwe-Arhente yezeMali yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci;
•    Ukubonelela ngemisebenzi ye-Arhente; ukuqinisekisa ukubonelelwa kwenkonzo zenkxaso zemali nezozingezizo ezemali kumashishini amancinci; 
•    Ukukhuthaza uphuhliso lwebhanki yentsebenziswano ezinzileyo nenoxanduva; 

Ukubonelela ngokusekwa kwe-Ofisi yeNkonzo kaNozikhalazo wamaShishini amaNcinci; 
•    Ukuvumela imeko yorhwebo enobulungisa kumashishini amancinci ngokubonelela ngofikelelo olufikelelekayo nolusebenzayo kubulungisa; 
•    Ukuxhobisa uMphathiswa ukuba abhengeze izenzo ezithile ngokunxulumene namashishini amancinci ukuba athintelwe njengezenzo zorhwebo olungenabulungisa; 
•    Ukubonelela ngamalungiselelo ayimfuneko ngokusekwa kwe-Arhente; 
•    Isiphumo sezilungiso eziyimfuneko okanye ezifanelekileyo kuMthetho weNtsebenziswano weBhanki wowama-2007, kunye noMthetho weNtsebenziswano wowama-2005; kunye 
•    Nokunika ingcaciso ngemiba enxulumene noko.

Abantu abanomdla kunye namahlakani afuna ukuhlomla bayacelwa ukuba bathumele iziphakamiso ezibhaliweyo kwiKomiti phambi kwentsimbi ye-12:00 emva kwemini, ngoLwesihlanu, umhla we-16 kweyoMdumba 2024. Abo bafuni ukungenisa iziphakamiso kwiindibano zoluntu zovakaliso-zimvo kufuneka bafake isicelo esicacisayo, kodwa bazi ukuba isigqibo sokunika abantu elo thuba sixhomekeke kwiKomiti. 

Iikopi zalo Mthetho uYilwayo ziyafumaneka ku: www.parliament.gov.za 

Zonke izinto ezibhaliweyo mazithunyelwe kuMnu Rayi, uSihlalo: weKomiti eKhethekileyo yeSebe lezoRhwebo noShishino, uPhuhliso lwezoQoqosho, uPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uKhenketho, iNgqesho naBasebenzi. Iziphakamiso kufuneka zithunyelwe kwezi dilesi ze-imeyile zilandelayo: mkoff@parliament.gov.za
kunye ndinizulu@parliament.gov.za.

Imibuzo mayithunyelwe kuNkzs M Koff kwa-083 709 8527, okanye nge-imeyile ku: mkoff@parliament.gov.za okanye uNksz N Dinizulu kwa-083 709 8393 okanye  nge-imeyile-ndinizulu@parliament.gov.za.

Sikhutshwe nguMnu M Rayi, uSihlalo: weKomiti eKhethekileyo yezoRhwebo noShishino, uPhuhliso lwezoQoqosho, uPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uKhenketho, iNgqesho naBasebenzi. 
 

Share this page

Similar categories to explore