Ingxelo yoonondaba eyenziwe nguMphathiswa wezeMpilo, uGqr Zwelini Mkhize, ngeziphumo zophononongo lokusebenza ngokukuko kwechiza lokugonya

Bemi boMzantsi Afrika,

NgoMvulo, umhla we-08 kweyoMdumba 2021, mna Mphathiswa wezeMpilo, Gqr Zwelini Mkhize, ndinike ingxelo kwiKomiti yabaPhathiswa engoGonyo enosihlalo onguSekela Mongameli woMzantsi Afrika, oBekekileyo uMnu David Mabuza malunga nokusebenza ngokukuko kwechiza lokugonya eliyi-AstraZeneca ekulweni uhlobo lwentsholongwane ye-Corona eyi-501Y.V2, exhaphakileyo apha eMzantsi Afrika. Emva koko, kuye kwanikwa enye ingxelo kwi-NCCC ngethuba i-IMC ibinika iingxelo zayo ezimalunga nogonyo.

Urhulumente woMzantsi Afrika uzimisele ukuqinisekisa ukuba sikhetha ze sisebenzise ezona ndlela zilungileyo zokukhusela abemi bethu ekosulelweni zizifo, kuquka i-COVID-19. UMzantsi Afrika unemithetho yokuziphatha emiselweyo yokuqinisekisa ukuba iimveliso ezintsha zempilo zisetyenziswa ngokukhuselekileyo kwaye siyavuya ngoba inkqubo yethu yophando isebenza kakuhle, hayi ekuqinisekiseni ulawulo lomgangatho kuphela, kodwa nangokukhokela umsebenzi wehlabathi wophando olumalunga nophononongo lwentsholongwane ye-Corona.

Iinzululwazi nabaphandi boMzantsi Afrika baqalise ukuphonononga ukusebenza ngokukuko kwamachiza okugonya ngo-2020. Baye bajolisa ngokukodwa kwifuthe lamachiza okugonya ngakuhlobo oluyi-501Y.V2 kwinxalenye yokugqibela yonyaka ophelileyo nasekuqaleni kweyoMqungu 2021. Iziphumo zophononongo ziye zafumaneka ngolwesiHlanu, umhla we-05 kweyoMdumba 2021 zaze zasasazwa kuwonke-wonke ngeCawa, umhla we-07 kweyoMdumba 2021. Kungenxa yalo msebenzi apho urhulumente afake khona imali ngqo, ekuthe kwabonakala ukuba ichiza lokugonya eliyi-AstraZeneca alisithinteli isifo esingephi nesiphakathi sohlobo oluyi-501Y.V2. Ukufunyaniswa koku kwangethuba kuqinisekise ukuba kuthatyathwa onke amanyathelo okuba kusetyenziswe elona chiza lokugonya elisebenzayo kwiqhinga lethu lokugonya.

Onke amachiza okugonya ayeveliswe kusekelwe kuhlobo lokuqala lwentsholongwane oluyi-SARS-COV-2 olwaluxhaphakile kwihlabathi liphela. Inkqubo karhulumente yokuthenga amachiza okugonya yandulele ukufunyanwa kohlobo oluyi-501Y.V2 nezinye iintlobo. Phambi kokuphuma kweziphumo zokusebenza ngokukuko, uMzantsi Afrika khange ukwazi ukukulibazisa ukwamkela iibhetsi zamachiza okugonya ukuze ulinde ukufumana iziphumo zophononongo lokusebenza ngokukuko olwenziwe ziinzululwazi zethu, kuba oko bekuza kulehlisa ilizwe lethu liye emva emgceni wokufumana amachiza okugonya ngenxa yokunqongophala kwawo ehlabathini.

Uluntu luneenkxalabo ezimalunga nosuku lokuphelelwa kweebetshi zechiza lokugonya eliyi-AstraZeneca (umhla we-30 kwekaTshazimpuzi 2021). La machiza okugonya awakaphelelwa. Ngapha koko, ngokuhambelana nesicwangciso sakuqala sogonyo, ukuba iSebe lezeMpilo belinokuqhubeka nokukhupha ichiza lokugonya eliyi-AstraZeneca, bekungafika umhla wokuphelelwa kwalo ephelile amathamo. Ukwengeza, umhla wokuphelelwa kwekaTshazimpuzi awubhaqwanga ngempazamo, koko ubhaqwe ngenxa yokuqinisekisa kwethu umgangatho nangenxa yemithetho yethu yolawulo lokuziphatha.

Ngenxa yeziphumo zophononongo lokujonga ukusebenza ngokukuko, iSebe lezeMpilo liza kuqhubeka nesigaba sokuqala sogonyo esicwangcisiweyo lisebenzisa ichiza lokugonya lakwa-Johnson & Johnson endaweni ye-AstraZeneca. Ichiza lokugonya lakwa-Johnson & Johnson lifunyaniswe lisebenza ekulweni uhlobo oluyi-501Y.V2 kwaye iinkqubo eziyimfuneko zokufumana imvume yokulisebenzisa apha eMzantsi Afrika ziyaqhuba. Inkqubo yogonyo iza kuqhubeka ngohlobo lophononongo lokuzalisekisa kusebenzisana iBhunga loPhando lwezoNyango neSebe lezeMpilo leSizwe kwiindawo zokugonya kwilizwe liphela. Oku kuza kunika ulwazi oluxabisekileyo malunga nalo bhubhane kwixesha lasemveni kogonyo, ze kuqinisekiswe ukuba xa kuthe kwakho usulelo oluvelayo kwakhona kubasebenzi bezempilo abasele begonyiwe lubonakala kwangoko.

Ngaphaya koko, ilizwe liqinisekise ukuba lifumana amathamo kwa-Pfizer ukulungiselela ukuqaliswa kwesigaba sokuqala. Iinzululwazi zethu ziyaqhubeka nokuvavanya abanye abagqatswa kwaye ngaxeshanye sithethathethana nabavelisi. Sikumanqanaba aphezulu okuvavanya nokuthethathethana nabavelisi bomgqatswa oyi-Sputnik-V. Uthethathethwano no-Sinopharm nalo luyaqhubeka kwaye siqwalasele nesindululo esisuka e-China. Kutyikiywe isiVumelwano sokuGcina iMfihlo kwaye inkqubo yokulungisa e-SAHPRA iyaqhuba. Kananjalo, uthethathethwano lwethu ne-Moderna luyaqhubeka kwaye sizakukwenza izazizo ezizezinye, njengoko sisoloko sisenza, xa sikwimeko elungele ukuba singazenza.

Kwelinye icala, iinzululwazi zethu ziza kuqhubeka neengxoxo ezimalunga nokusetyenziswa kwechiza lokugonya eliyi-AstraZeneca apha eMzantsi Afrika, ngokuxhomekeke kwiingcebiso zazo, eli chiza lokugonya liza kutshintshwa ungafikanga umhla wokuphelelwa kwalo. Ngokutshintshisa amachiza okugonya phambi komhla wokuphelelwa kwawo, iSebe lezeMpilo liza kuqinisekisa ukuba amachiza okugonya ayi-AstraZeneca afunyenweyo awabi yinkcitho eyimosharha nengenaziqhamo.

Okwangoku, sithanda ukukhumbuza abemi beli ukuba eyona ndlela ihamba phambili yokuthintela i-COVID-19, side sifikelele kukhuseleko loluntu, isekukulandela imithetho yempilo yokuziphatha yokuhlamba izandla ngesepha okanye ukusebenzisa isibulali-ntsholongwane esisekelwe kwi-70% ye-alcohol, ukunxiba izigqubutheli-buso xa usesidlangalaleni, nokugcina umgama ongaka ngemitha enehafu phakathi kwabantu.

Ikhutshwe: BubuPhathiswa bezeMpilo
MLO: Gqr Lwazi Manzi
Cell: 082 678 8979

Share this page

Similar categories to explore