Intetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-29 kuTshazimpunzi ngowama-2015

1. Uhlaselo lakutsha nje lwabemi bamazwe angaphandle

1.1. IKhabhinethi iyaluvuyela uxolo nocwangco oluqalisa ukubakho kwiindawo ebezichatshazelwa luhlaselo lakutsha nje lwabemi bamazwe angaphandle. IKhabhinethi iwancomile amasebe asebenzise iNational Joint Operation Centre ukunqanda izenzo zobundlobongela ezenzeka KwaZulu-Natal naseGauteng.

1.2. IKhabhinethi income iinkokheli zamaphondo nezikamasipala kwimimandla echaphazelekileyo ngendima yazo ekuncedeni nasekukhokheleni ukubuyiselwa kwabemi bamazwe angaphandle apho bebehlala khona.

1.3. Kule veki iphelileyo, uMongameli uJacob Zuma ubize intlanganiso yabameli bezoshoshino, amaqela ezenkolo, abasebenzi, abahlali kunye nabemi bamazwe angaphandle. Ezi ntlanganiso zanceda ekuqhubeleni phambili lo mcimbi. Bonke abathathi-nxaxheba bavumelana ngazwi nye ekugxekeni olu hlaselo baza bazinikela ekusebenzeni norhulumente ekufumaneni isisombululo esiya kuhlala sihleli.

1.4. IKomiti yabaPhathiswa yezeMfuduko esandula ukunyulwa iyasebenza ifuna isisombululo esiya kuhla sihleli semiba evezwe ngabahlali nabemi bamazwe angaphandle.

2. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi yaziswa ngenkqubela malunga neRejista yoMhlaba neZakhiwo kaRhulumente weSizwe. Icandelo leeNkonzo zeRejista yoMhlaba neZakhiwo Zawo lisekiwe ukususela ngomhla woku-01 kuTshazimpunzi ngowama-2015.  Eli candelo liza kulawulwa likwi-Property Management Trading Entity yaye liza kongamela iimpahla zikaRhulumente. Liza kuba nguvimba ekukuphela kwakhe wezakhiwo nomhlaba kaRhulumente, longamele, lilawule, libeke iso kwiRejista yoMhlaba neZakhiwo zoMbuso.

2.2. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kweDrafti yoMgaqo-nkqubo weSiko loLwaluko ukuze uluntu luhlomle kuyo. Lo mgaqo-nkqubo ukhusela, ukhuthaza yaye ulawula isiko lolwaluko ngokuthi ucebise malunga nezithethe nemigangatho eyamkelekileyo, yaye ubonelele nangamaziko kwinqanaba lesizwe nelamaphondo. Uza kuqinisekisa ukuba ulwaluko lwenzeka kwimeko elawulekayo.

Le yinxalenye yamanyathelo karhulumente okomeleza amasiko afanelekileyo namkelekileyo, nokuvuselela inqanaba elamkelekileyo lokuzimela elalisa kulondoloza eli siko eminyakeni emininzi. 

2.3 IKhabhinethi ivume iNkqubo yoorhulumente abahlukeneyo yokuHlaliswa koLuntu kuMasipala waseNelson Mandela Bay neza kusebenzisa iZiko loPhuhliso lweZindlu njengearhente eza kuzalisekisa oku.

2.4 IKhabhinethi ivume ukubanjelwa kweNkongolo yoNyaka yeHlabathi yoLwazi lwamaThala eeNcwadi yoMfelandawonye weMibutho namaZiko amaThala eeNcwadi eKapa ukususela ngomhla we-15 ukuya kowama-21 kweyeThupha ngowama-2015 phantsi kwesihloko esithi,"Amathala eeNcwadi ale Mihla: Ukufikelela, uPhuhliso neeNguqu”.

2.5 IKhabhinethi ivume ukuthiwa thaca kweSivumelwano sokuPhelisa ukuShishina okungekho Mthethweni ngeeVeliso zeCuba.
Oku kuhambelana nesiNkqubo-sikhokelo yeSivumelwano sokuLawulwa kweCuba soMbutho wezeMpilo weHlabathi esatyikitywa nguMzantsi Afrika ngoTshazimpunzi ngowama-2005. Esi sivumelwano siza kunceda amazwe ukuba athathe amanyathelo edibene alwe ukurhweba ngeemveliso zecuba ngokungekho mthethweni ngokukodwa ngamazwe atyikitye esi Sivumelwano.

3. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

3.1. IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kwiintsapho zabo basweleke kutsha nje kwiingozi zezithuthi zikawonke-wonke eziquke ukutshayisana kweebhasi ezimbini eGoli kule veki iphelileyo kunye nokutshayisana koololiwe kule veki kwiSitishi saseDenver kumzantsi weGoli. IKhabhinethi iqinisekile okokuba uphando oluza kwenziwa ngamasebe afanelekileyo aza kumfumana unobangela wezi ngozi, aqinisekise okokuba iingozi ezinje aziphinde zenzeke.

3.2. IKhabhinethi njengoMongameli uZuma nayo ivakalisa amazwi ovelwano kusapho, abahlobo nabathandi bebhola ekhatywayo ngokushiywa ngowayesakuba yimbalasane yebhola ekhatywayo kwiBafana Bafana, uJohn “Shoes” Moshoeu, ongcwatywe ngoMvulo umhla wama-27 kuTshazimpunzi  kowama-2015. Uya kusoloko ekhunjulwa njengoyena mdlali webhola ekhatywayo owayenesona siphiwo owadlala indima ebalulekileyo ekuphumeleleni kwethu iNdebe yeZizwe zase-Afrika ngowe-1996.

3.3. IKhabhinethi njengoMongameli uZuma nayo ivakalisa amazwi ovelwano kuoRhulumente kunye nabantu belizwe laseNepal, emva kwenyikima enkulukazi ngoMgqibelo umhla wama-25 kuTshazimpunzi kowama-2015, eyasuba imiphefumlo engamawaka-waka. IKhabhinethi ithulela umnqwazi imibutho engekho phantsi kukarhulumente yaseMzantsi Afrika esele ithumele uncedo lwezentlalontle eNepal.

3.4. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho lukaBrigadier General Bita osweleke eneminyaka engama-75 eTanzania.  UBrigadier General Bita usebenze njengoNobhala weSigqeba soLawulo weKomiti yeNkululeko yombutho owawusakwaziwa njengeMbumba ye-Afrika (i-OAU).  Wafumana imbasa yeGolide ye-Order of the Companions of OR Tambo, elelona wonga liphezulu uMzantsi Afrika owonga ngalo abemi bamazwe angaphandle.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli uZuma uza kuya kwimibhiyozo yeminyaka yama-70 yeMpumelelo kwiMfazwe yesiBini yeHlabathi  eRed Square eMoscow ngomhla we-9 kuCanzibe ngowama-2015. Uza kuba nentllanganiso yala mazwe mabini noMongameli waseRussia uVladimir Putin.

Olu tyelelo luza kongeza kubudlelwane obukhoyo nelizwe laseRussia ukuqhubela phambili intsebenziswano kumacandelo amaninzi.

4.2. Xa kubhiyozelwa uSuku lwaBasebenzi ngoumhla woku-1 kuCanzibe kowama-2015, iKhabhinethi imemelela bonke abasebenzi ukuba bamanyane bakhe uqoqosho loMzantsi Afrika yaye babe nalo negalelo kwilizwekazi nakwihlabathi liphela.

Ukususela kowe-1994 urhulumente uwaqhubele phambili amalungelo abasebenzi, nto leyo eyenze ukuba abasebenzi baxhamle kumaqithiqithi enkqubela okukhuselwa kwezemisebenzi nezentlalo.

4.3. Amasebe esizwe aza kuthi thaca iivoti zohlahlo lwabiwo-mali zawo ePalamente phakathi komhla we-5 nowama-21 kuCanzibe kowama-2015 agqamise izinto eziphambili aza kuzenza kulo nyaka-mali sikuwo.

IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazilandele ezi voti zohlahlo lwabiwo-mali kumaqonga ngamaqonga amajelo eendaba ukuze baqonde ngcono xa abaPhathiswa besandlala izicwangciso zabo zeNkqubo yokuSebenza kaRhulumente (i-PoA).

4.4. ISebe lezoKhenketho kunye nezoKhenketho zoMzantsi Afrika ziza kubamba INDABA 2015 ukususela ngomhla we-9 ukuya kowe-11 kowama-2015 kwiZiko leeNgqungquthela laMazwe ngamazwe i-Inkosi Albert Luthuli eDurban.

Lo msitho waMazwe ase-Afrika Onke liqonga elibalulekileyo lokukhuthaza nokuthengisa iimveliso zethu zezokhenketho kumazwe ngamazwe. Ukwaxhasa nombono obalulekileyo wesiCwangciso-qhinga seSizwe seCandelo lezoKhenketho wokunyusa inani labafikayo bevela kumazwe ngamazwe lifikelele kwizigidi ezili-15 ngonyaka wama-2020, ngaloo ndlela kudaleke imisebenzi emitsha engama-225 000.

4.5. IKhabhinethi yamkela iNgqungquthela yesiHlanu yezeSini yase-Afrika, eyeyokuqala ukubanjelwa kweli lizwekazi lase-Afrika. Le ngqungquthela ibibanjelwa kwiZike leeNgqungquthela laMazwe ngamazwe laseKapa Le ngqungquthela liqonga lamaqela ngamaqela nemibutho ngemibutho eliquka onke amanqanaba ophandonzulu ngezonzululwazi. Iza kujongana nemiba yesini echaphazela ngokufanayo. Intlanganiso iza kusingathwa liBhunga loPhando ngeNzululwazi yoLuntu yaye iqinisa i-ajenda ye-Afrika ukuze inzululwazi, ubuchwepheshe, amaziko akhoyo, imali, izakhono kunye novimba wolwazi zikwazi ukuxhasa ngcono uphuhliso lwelizwekazi. 

4.6 . ISebe laManzi noGutyulo liza kuphawula iVeki yoGutyulo noCoceko ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-15 kuCanzibe ngowama-2015 phantsi kwesihloko esithi, “Ayikokungxula kuphela” .

Iveki le, eyaziswa okokuqala kwi-Global WASH Forum eyayibanjelwe eDakar, eSenegal ngowama-2004, injongo yayo kukufundisa  ngokubaluleka kogutyulo yaye ikhuthaza nolona gutyulo lufanelekileyo. 

Ukususela ngowe-1994 urhulumente wenze imitsi ebonakalayo yokubonelela ngamanzi nogutyulo. Ukususela  kweyoMsintsi ngowama-2013, iSebe lezaManzi noGutyulo likuphelise nya ukusetyenziswa kwamabhakethe angama-14 386 elizweni liphela. Urhulumente umi ekuzinikeleni ekupheliseni nya amasalela enkqubo yamabhakethe kwiindawo ezihlala abantu bakuthi. 

5. Izikhundla
Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwezifundo kunye nokuba msulwa okufaneleyo.

5.1 UPrecious Matsotso – Isivumelwano sengqesho sihlaziywe eminye iminyaka emihlanu  njengoMlawuli-Jikelele (i-DG):iSebe lezeMpilo.

5.2 UMnu Thabane Zulu – Isivumelwano sengqesho, esinokuhlaziywa, songezwe ngeenyanga ezili-12: UMlawuli-Jikelele: ISebe lezokuHlaliswa koLuntu.

5.3 Amalungu angekho kwisigqeba solawulo kwiBhodi yezoKhenketho yoMzantsi Afrika:
a) UMnu Vincent Zwelibanzi Mntambo (uqeshiwe kwakhona);
b) UMnu Graham Ian Wood (uqeshiwe kwakhona);
c) UGqirha Ayanda Ntsaluba (uqeshiwe kwakhona);
d) UNksz Charlotte Mary Chichi Machichana Maponya;
e) UMnu Oregan Percival Mark Hoskins;
f) UGq Tanya Ethel Abrahamse;
g) UGq Iraj Abedian;
h) UNksz Monhla Wilma Hlahla;
i) UNksz Michelle Julie Constant;
j) UNksz Judy Valerie Nwokedi;
k) UMnu Aloysius Thebeetsile Ikalafeng (uqeshiwe kwakhona);
l) UMnu Colin Geoffrey Bell;
m) UNksz Amor Malan;
n) UNksz Mmaditonki Setwaba

I-South African Council for Natural Scientific Professions:
a) UGq Gerda Botha (uqeshiwe kwakhona);
b) UGq Stephanus Esias Terblanche;
c) UNjing K A Nephawe;
d) UMnu Neale Lance Baartjes;
e) UNjing George Johannes Bredenkamp;
f) UNjing Robin Michael Crewe;
g) UNjing Brian Kevin Reilly (uqeshiwe kwakhona);
h) UGq Juanita van Heerden;
i) UGq Jacqueline Suzanne Galpin;
j) UGq Roelof Coetzer;
k) UGq Irvy Gledhill;
l) UMnu Khangwelo Desmond Musetsho;
m) UGq Monde Mayekiso;
n) UMnu Fhatuwani Leonard Ramagwede;
o) UGq Phethiwe Matutu;
p) UGq Philia Rixongile Vukea;
q) UNjing Mairam Gulumian;
r) UMnu Poobalan Troy Govender;
s) UGq Wendy Ngoma;
t) UNksz Thulisile Njapa Mashanda;
u) UNksz Matuloe Pertunia Masemola.

Imibuzo: UNksz Phumla Williams (isiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore