INtetho kwintlanganiso yeKhabinethi yangomhla we-13 kuCanzibe ngowama-2015

1. Imiba edla umzi

1.1. UMongameli uJacob Zuma uza kukhokela imibhiyozo yoSuku lwe-Afrika phantsi komxholo othi: “Siyi-Afrika – Ukuvula amasango okufunda nenkcubeko ukusuka eKapa ukuya kuma ngeCairo” ngomhla wama-24 kuCanzibe ngowama-2015 kwiKhampasi eseMamelodi yeDyunivesiti yasePitoli.

Ngomoya woSuku lwe-Afrika, iKhabinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi ulutsha, ukuba basebenzisane ukuze bathathe inxaxheba ngamandla kwimiba edla ilizwe. 

Inyanga ye-Afrika ilithuba lokukhuthaza ubumbano kwizizwe zase-Afrika kunye naphakathi kwethu nabantakwethu noodade abahlala apha eMzantsi Afrika. Ubumbano lweli lizwekazi lukhokelwa zinkqubo zeMbumba ye-Afrika zokufezekisa umbono ocaciswe kwi-Ajenda 2063. Eli lizwekazi, likhokelwa ngabemi balo, lisebenzela i-Afrika, edibineyo, enoxolo nenekamva eliqaqambileyo.

USuku lwe-Afrika lunika ithuba kubemi boMzantsi Afrika ukuba bavuselele ubambiswano futhi bazibophelele kwakhona ekuxhaseni onke amanyathelo okungenelela karhulumente ukuze kuphuhliswe i-Afrika engcono nehlabathi elingcono.

Umxholo weNyanga ye-Afrika,”Siyi-Afrika”, sisibhambathiso nezwi lokuzingca elibethelela ukungabukulani phakathi kwabo bonke abachaphazelekayo. Ikwalikhelo elijoliswe kumlisela nomthinajana nakumaqela aphuma mbombo zone zeli ukuba azibandakanye kweli phulo lokuzisa umahluko notshintsho.

1.2. IKhabinethi iyayamkela i-Operation Fiela\Reclaim 2015, eliphulo logqogqo eliqhutywa ngamacandelo ahlukeneyo ombuso ukuqinisekisa ukuba imithetho nemimselo elawula eli lizwe iyathotyelwa.

Eli phulo linenjongo zokulwa imikhuba yolwaphulo-mthetho efana nezixhobo ezingekho mthethweni, iindawo zemigulukudu yeziyobisi, izihange ezishishina ngabathengisa ngemizimba, kunye neminye imikhwa yolwaphulo-mthetho.

IKhabhinethi iyakubethelela ukuba eli phulo logqogqo alimiselwanga ukungcungcuthekisa kuzingelwa abemi bamazwe angaphandle, koko lisekelwe ukulwa ulwaphulo-mthetho kweli lizwe njengoko lukhalazelwe kakhulu kwiintlanganiso zokufakana imilomo noluntu. Ke ngoko, iKhabhinethi izikhaba ngawo omane izityholo zokuba eli phulo lijoliswe kubemi bangaphandle.

Njengelizwe elizingca ngokuba noMgaqo-siseko onguwona uwagade kakhulu amalungelo abantu nohlonitshwa kwihlabathi liphela, sakuhlala sidlala indima enkulu kwimiba engamalungelo oluntu, ke ngoko asisoze sivume iphulo eliza kunyhasha amalungelo oluntu alo naliphi na iqela okanye abantu.

IKhabhinethi yanelisekile yindlela eqhuba ngayo i-Operation Fiela, ekungoku ukusukela oko yaqaliswayo, esele ikhokelele ekubanjweni kwabantu abaninzi kwiindawo ezahlukeneyo ebezigqogqwa ezihamba phambili ngolwaphulo-mthetho neminye imikhuba. IKhabhinethi iyayamkela indlela uluntu olulwamkele ngayo olu gqogqo ngokubambisana namagosa ogcino-mthetho ekuqinisekiseni ukuba wonke umntu uziva ekhuselekile kweli lizwe.

Eli phulo, eliqinisa nangakumbi idabi lokulwa nolwaphulo-mthetho, likwanceda nasekukhuthazeni nasekudaleni uMzantsi Afrika ukhuseleke nangakumbi.

IKomiti yabaPhathiswa ngoFuduko iza kubamba intlanganiso noonondaba kule mpelaveki ngeenjongo zokubanika iingxelo ngeza kutsha nje ngawo wonke umsebenzi wayo, kuquka ne-Operation Fiela.

2. Ukufezekiswa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi iyazamkela iivoti zohlahlo lwabiwo-mali zamasebe ahlukeneyo kwaye yanelisekile zingxelo ezityebileyo ezinikwa ngabaPhathiswa ngendlela abaqhuba ngayo kwimizamo yabo yokuphucula iimpilo zabantu. Ezi ngxelo zikwatyebise nezicwangciso zamasebe abo kulo nyaka-mali.

2.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kwePhulo iMoetapele liSebe leMicimbi yezeKhaya kwii-ofisi zalo ezise-Edenvale ngomhla we-12 kuCanzibe ngowama-2015. Eli phulo linenjongo yokuguqula ezinye zezi ofisi zibe ‘zi-ofisi ezingumzekelo’ wee-ofisi ezibonisa indlela yokusebenza ekwizinga eliphezulu. Oku kuza kuba negalelo kumsebenzi wokuhanjiswa kweenkonzo ezibalulekileyo kubemi boMzantsi Afrika nokubanceda ukuba bakwazi ukufikelela kwiinkonzo zikarhulumente ngokulula.

2.3. IKhabhinethi iyazamkela neMbasa zoMzantsi Afrika zabaFuduki eziza kubanjwa okokuqala kuwongwa abafuduki abanemisebenzi ebalaseleyo eMzantsi Afrika nabemi boMzantsi Afrika abasebenza kumanye amazwe ase-Afrika. IKhabhinethi imemelela uluntu ukuba luphakamise amagama okanye lonyule abantu abangumzekelo omhle womoya wobuntu nabazinikele kwidabi lokuphuhlisa eli lizwekazi le-Afrika. Amagama abo banyuliwe mawathunyelwe kule imeyile:  samigrantawards@dha.gov.za

Ukungenisa amagama aphakanyisiweyo kuza kuvalwa ngomhla wama-20 kuCanzibe ngowama-2015, bona abo baphumeleleyo baza kwaziswa ngoSuku lwe-Afrika (umhla wama-25 kuCanzibe). Icandelo eliza kutsala umdla kakhulu kwezi mbasa leli liza kuwonga ummandla apha eMzantsi Afrika owamkele abemi bangaphandle ngempumelelo kuba babe yinxalenye yabahlali kwaye bahlalisana nabo ngoxolo.

2.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukuqalisa kokusebenza kwee-ofisi ezingomahamba-nandlwana zamabango omhlaba kulo lonke eli ukuze kuncedwe abantu abanelungelo lokufaka ibango bawafake amabango. Ezi ofisi zongeza kwezi ofisi zamabango zikhoyo zili-14 kumaphondo onke eli.

Le nkqubo iyinxalenye yeqhinga elizeleyo lesizwe lokunxibelelana elifezekisa uMthetho-sihlomelo wokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba wowama-2014, owatyikitywa wangumthetho nguMongameli Zuma. UMthetho-sihlomelo wokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba unika igunya lokubuyiselwa okanye ukwabelwa ngokulinganayo komhlaba nabantu kunye noluntu olwaluhluthelwe amalungelo omhlaba emva komhla we-19 kweyoKwindla ngowe-1913.

Bonke abemi boMzantsi Afrika abanelungelo abawuphosayo umhla wokuqala owawumisiwe wama-31 kweyoMnga ngowe-1998 ukuba bafake amabango ukuba babe nelinye ithuba elongezelekileyo kude kube ngumhla wama-30 kweyoKwindla ngowama-2019 lokuba benze njalo.

2.5. IKhabhinethi iyayamkela intlanganiso yoMphathiswa wemiThombo yeziMbiwa kunye nabameli kunye namahlakani ecandelo lezemigodi yokuxoxa iziphumo zeNgxelo yoHlolo lowama-2014 loMqulu wezeMigodi. Le ngxelo ihlola umgama ohanjiweyo kumasolotya aphambili oMqulu wezeMigodi.

UMqulu wezeMigodi waqulunqwa ngenjongo yokukhokela umsebenzi wokuzisa iinguqu kwicandelo lemigodi, elilelibaluleke kakhulu kuqoqosho lweli lizwe. Imimandla ekuza kugxininiswa kuyo izama ukulungisa umonakalo oweza nemithetho yangaphambili eyayixhasa ukungalingani ngokwendlela ekwabelwana ngayo ngobutyebi nabo babehlelelekile ngaphambili nokuphuhliswa kwabo kunye nebango lobunini bemigodi.

3. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kweNtlanganiso yama-25 yaMazwe ngamazwe yeBhunga loKhuseleko kooLoliwe eza kubanjelwa kwiZiko leeNgqungquthela laMazwe ngamazwe laseSandton, eRhawutini ngomhla we-4 ukuya kowe-9 kweyeDwarha ngowama-2015. Le ngqungquthela yamazwe ngamazwe iza kudibanisa iingcali zezokhuseleko koololiwe eziphuma mbombo zone zomhlaba ukuze zizo kutyebiselana ngolwazi, amava, izinto ezifundiweyo kunye neendlela ezikumgamngatho ophezulu ngezokhuseleko ngeenjongo zokuphucula ukhuseleko koololiwe.

Ukusingatha lo msitho kungaliqonga elinokutsala amathuba otyalo-mali olusuka kumazwe angaphandle, nto leyo inokukhwezela uqoqosho ikhawulezise notyalo-mali kwiziseko zophuhliso zikarhulumente. Oku kunikwe ifuthe ngamaphulo oMzantsi Afrika akutsha nje otyalo-mali kwicandelo loololiwe bokuthutha iimpahla nabakhwelisa abantu, enze uMzantsi Afrika ukuba ube yindawo ethandwa kakhulu ngabatyali-zimali.

3.2. IKhabhinethi iwuvumile uMqulu we-Afrka weziThuthi zaseLwandle ukuba ungeniswe ePalamente ukuze uphunyezwe. Esi sisivumelwano samazwe ngamazwe esinjongo yaso ikulungelelanisa imigaqo-nkqubo, ukuze kukhuthazwe uhlumo nophuhliso oluzinzileyo kwimikhumbi yabarhwebi base-Afrika. Lo Mqulu uza kukhuthaza urhwebelwano phakathi kwamazwe ase-Afrika ukuze oku kukhokelele kwintsebenziswano kwezoqoqosho nezentlalo kweli lizwekazi.

3.3. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwesiHlomelo kwiSivumelwano soMbutho weHlabathi weSathelayithi yeziSeko zoNxibelelwano (i-ITSO) ePalamente ukuze uphunyezwe. I-ITSO ngumbutho woorhulumente abahlukeneyo oqinsekisa ukuba i-Intelsat Ltd, inkampani esebenza ngesathelayithi, inika uluntu iinkonzo zeziseko zonxibelelwano – eziquka ukuthetha, idata nevidiyo – ngokungenamkhethe.

Esi silungiso sikhusela ukuhlala kusebenza kobuTyebi beNdalo boLuntu Jikelele, kwaye siqinisekisa ukuba unxibelelwano nothungelwano aluqhawuki. Ukuphumeza esi silungiso kuyinxalenye yemiba ephambili yoMzantsi Afrika kweyezehlabathi ukuba ufake isandla kwihlabathi elingcono kunye nophuhliso lwe-Afrika.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

4.1. IKhabhinethi yonzakele kukusweleka kweSithwalandwe, uGq Ruth Segomotsi Mompati kwaye ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nabahlobo bakhe. UGq Mompati wanikela ngobomi bakhe kumzabalazo wokulwela inkululeko kwaye wayephambili kumaphulo namadabi amaninzi kuquka noMngcelele wabaseTyhini osezimbalini weyeThupha ngowe-1956.

Ngowe-1954, waba lilungu le-African National Congress (i-ANC) waza wanyulwa kwiKomiti yesiGqeba yeSizwe (i-NEC) yePhiko lwabaseTyhini lwe-ANC. Wasaba waya elubhacweni ngowe-1962 apha wafumana uqeqesho kwezomkhosi. Wayengunobhala nentloko yecandelo labasetyhini le-ANC eTanzania.

Njengonozaku-zaku ophezulu we-ANC e-United Kingdom waba yinxalenye yegqiza elaqalisa uthetha-thethwano norhulumente wangaphambili woMzantsi Afrika eGroote Schuur ngowe-1990. NgeyeThuba ngowe-1992, wenza intetho kwiKomiti eKhethekileyo eChasene noCalu-calulo yeZizwe eziManyeneyo e-New York kumxholo ongabasetyhini. Olu suku laye labhengezwa ziZizwe eziManyeneyo njengoSuku lweHlabathi lokuXhasa abaseTyhini boMzantsi Afrika.

Njengomntu ozinikele ngokwenyani ekusebenzeleni uluntu, wadlala indima enkulu kuphuhliso lwelizwe lethu esebenza njengeLungu lePalamente, uNozaku-zaku woMzantsi Afrika eSwitzerland ukusuka ngowe-1996 ukuya kowama-2000 nanjengoSodolophu waseVryburg (eNaledi) eMntla Ntshona.

Wanikela ngobomi bakhe kumzabalazo wenkululeko wabonisa ukuzimisela okungahexiyo kubizo lokusebenzela abantu beli lizwe.

4.2. IKhabhinethi inxubile kukusweleka kukaLieutenant General Bongani Isidore Mbatha kwaye ivakalisa amazwi ayo ovelwano kusapho nezihlobo.

UNjengele uMbatha waba lijoni loMkhonto we Sizwe, iphiko lomkhosi ye-ANC ngowe-1978 waze wasebenza kwizikhundla ezahlukeneyo, kuquka ukuba yintloko yecandelo lokuthengwa kweenkonzo nezixhobo zokusebenza.

Ngowe-994, uNjengele uMbatha waba yinxalenye yoMkhosi weSizwe woKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) apha wafumana uqeqesho olunzulu ngamacandelo ahlukeneyo omkhosi.

Waye wabamba izikhundla ezahlukeneyo kwi-SANDF, wathi wanyuselwa waba yiLeutenant General ejongene neCandelo lokuThengwa kweeNkonzo ngowama-2014, isikhundla ebekuso ngethuba esutywa kukufa.

5. Imisitho ezayo

5.1. UMongameli Zuma uza kuzimasa umsitho wokubekwa ngokusesikweni kweKumkani yamaXhosa, iThole leSilo, uKumkani Mpendulo Calvin Sigcawu (Ah! Zwelonke) kwiBhotwe laseNqadu kuGatyane, eMpuma-Koloni ngomhla we-15 kuCanzibe ngowama-2015.

IKhabhinethi iyavuyisana noKumkani uSigcawu ngokubekwa kwakhe ngokusesikweni kwaye inethemba lokusebenzisana kakuhle neSizwe samaGcaleka kumsebenzi wokwakha imimandla esemaphandleni ethe qwa, exhamlisanayo kunye nezinzileyo.

5.2. USekela Mongameli uCyril Ramaphonsa uza kuzimasa i-Indaba yeZinye iNdlela zoGutyulo eza kubanjwa ngomhla we-15 kuCanzibe ngowama-2015 phantsi komxholo: Ayikokugungxula kuphela”. Le Indaba iza kunika ithuba kubahambisi-zinkonzo zezinye iindlela zobuchwephesha bogutyulo ukuba babonise iimveliso zabo.

5.3. ISebe loPhuhliso loLuntu, lisebenzisana ne-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika kunye ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso, liza kuphehlelela iVeki yokuKhuselwa kwabaNtwana kuMabala aseFranklin eKokstand, kwiphondo lwaKwaZulu-Natal ngomhla wama-25 kuCanzibe ngowama-2015 phantsi komxholo othi: “Sisonke sikhusela abantwana”. Le veki iza kuqukunjelwa ngomhla wama-31 kuCanzibe ngowama-2015 eGauteng.

Eli phulo lokufundisa linenjongo yokukhuthaza wonke ubani kweli ukuba abhinqe omfutshane akhathelele akhusele abantwana. Ukongeza, lifuna nokwenza abantu abadala kunye nabantwana ukuba bayazi imithetho ekhusela abantwana ngokoMgaqo-siseko, imigaqo-nkqubo kunye neminye imimiselo yehlabathi.

IKhabinethi imemelela abazali nabagcini-bantwana ukuba bahlale bewukhokelise phambili umba wokhuseleko lwabantwana baqinisekise nokuba abantwana baphantsi kwesandla esinohoyo ngabantu abadala abanenkathalo. Abazali nabagcini-bantwana bayakhuthazwa ukuba bafundise abantwana ukuba bahlale bebaze amehlo bazigade izinto ezinokuba babeka engozini, kuquka nemikhwa engamkelekanga eyenziwe ngabantu abadala. Kuluxanduva lwabazali nabagcini-bantwana ukwazi ukuba baphi abantwana ngalo lonke ixesha kwaye bathathe amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba abantwana bakhuselekile.

5.4. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, uGq Siyabonga Cwele, uza kubamba Imbizo eNelson Mandela Museum eQunu, eMpuma Koloni ukubhiyozela uSuku lweHlabathi lweZiseko zoNxibelelwano neXesha loLwazi ngomhla we-16 kuCanzibe ngowama-2015. Lo msitho ubanjwa ngeenjongo zokukhuthaza abantu ukuba basebenzise ubuchwepheshe bale mihla nangakumbi ukuphucula iimpilo zabo.

UMphathiswa uza kucacisa izinto ezenziwa ngurhulumente ukusebenzisa ubuchwepheshe ukuphucula indlela azihambisa ngayo iinkonzo kubo bonke abantu boMzantsi Afrika, ingakumbi aba bahlala kwiindawo ezisemaphandleni. Le Imbizo iza kubanjwa ngentsebenziswano noRhulumente wePhondo laseMpuma Koloni, iinkosi zemveli kunye noMbutho wezoNxibelelwano woMzantsi Afrika. Rhoqo ngonyaka, umhla we-17 kuCanzibe uphawula isikhumbuzo sokutyikitywa kwesiVumelwano seHlabathi soCingo sokuqala nokusekwa koMbutho weHlabathi weZiseko zezoNxibelelwano.

Injongo yalo msitho kukufundisa ngezinto nemimangaliso enokuthi ize ne-intanethi kunye nobunye ubuchwepheshe bokunxibelelana ngolwazi kuqoqosho nakwiindawo esihlala kuzo, kunye neendlela zokuqinisekisa ukuba akukho mntu ushiyeka ngasemva kwezobuchwepheshe.

6. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kwezifundo kunye nokuba msulwa okufaneleyo.

6.1. U-Adv Motlatjo Josephine Ralefatane njengoSihlalo weBhodi ye-.zaDNA.
6.2. UGq Thomas Kwadwo Gyedu-Ababio njengeGosa eliyiNtloko yoLawulo (i-CEO) kwi-Arhente yoLawulo lwe-Inkomati-Usuthu Catchment.
6.3. UGq GV Andrews njengoMlawul oPhezulu weMisebenzi: ISebe lezeMpilo.
6.4. UMnu NM Ratshoma njengeSekela loMlawuli Jikelele (i-DGG) loMgaqo-nkqubo wezoQoqosho: UNondyebo weSizwe.
6.5. UMnu KG Sukdev njenge-CEO ye-Arhente yoLawulo lweeMali zoMhlalaphantsi zikaRhulumente.
6.6. UMnu AD Mogajane njenge-DDG yeziMali zoLuntu: UNondyebo weSizwe.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (Isithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore