INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-18 kweyoMdumba 2015

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1. IKhabhinethi yamkele iNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) kaMongameli uJacob Zuma, enike abemi baseMzantsi Afrika ithuba lokuva ngeNkqubo yokuSebenza kukarhulumente. URhulumente uhlaba ikhwelo kubo bonke abachaphazelekayo kulo lonke ilizwe ukuba baSebenzisane kwisiCwangciso esinamanqaku alithoba abalulekileyo ukuze badale ukuhluma kunye nemisebenzi. Ukuqinisekisa ukuba abemi baseMzantsi Afrika bayiqonda ngcono iNkqubo yokuSebenza kukarhulumente, amalinge onxibelelwano asemva kwe-SoNA asekiwe ukunikela ngeenkcukacha eziphathelele nezibhengezo ezenziwe nguMongameli. La malinye aquka iintlanganiso nooNondaba ebezibanjwe ziNtlanganisela zabaPhathiswa ukususela ngomhla we-15 ukuya kowama-24 kweyoMdumba kowama-2015.

Ukongeza koku, iNtetho yoHlahlo lwabiwo-mali yowama-2015/16 eza kwenziwe ngomhla wama-25 kweyoMdumba wama-2015 iza kuqaqambisa ukwabiwa kwezimali zisabelwa iinkqubo ezohlukileyo zikarhulumente njengoko uMongameli egxininisile.

IKhabhinethi iyakugxeka ukuziphatha ngokungalawulekiyo okungayifanelanga iPalamente kwaMalungu ePalamente athile ngexesha lokuVulwa kwePalamente.
Kuyadanisa ukuba la malungu anyulwe luluntu njengabameli babo akhetha ukungakuhloniphi ukuzinikela nokuzabalaza okwenziweyo ukuze kufezekiswe intando yesininzi esetyenzelwe nzima.

1.2 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngenkqubela esele yenziwe nge-Operation Phakisa kuqoqosho lwaselwandle . I-Lab” okanye inqanaba lokucwangcisa iintlanganiso zalo ezaziqhutyelwa eDurban kweyeKhala neyeThupha kowama-2014 saze isiphumo soko saba kukuveliswa kwesicwangciso esineenkcukacha eziziqendwana eziphathekayo zokuhlumisa uqoqosho lwaselwandle. I-Operation Phakisa (yoqoqosho lwaselwandle) ngoku ikwinqanaba lokuqaliswa ukusetyenziswa; eliquka ukubeka inkqubela phantsi kweliso nolawulo lweprojekthi ephunyezwayo. Amacandelo okuqinisekisa ukuba kukho inkqubela asekiwe kwaye iindlela neenkqubo zokongamela nokukhawulezisa  sezikho.

Kwenziwe amagqabantshintshi nge-Operation Phakisa yesibini nekhokelwa liSebe lezeMpilo, egxininisa ekuFezekiseni eYona Kliniki iNqwenelwayo kunye nokuyiGcina iseMgangathweni esele iqhuba neyasungulwa nguMongameli ngomhla we-18 kweyeNkanga kowama-2014.

1.3 IKhabhinethi ivume uBuchule beNkqubo-sikhokelo yeSizwe yamaLungelo ezeSondo nezeMpilo ephathelele kwiNzala yabaFikisayo. Le Nkqubo yoBuchule igxininisa ekuqhubeleni phambili kunye nokuxhasa iziphumo zezempilo apho ezesondo nezempilo ephathelele kwinzala yabantu abatsha ingundoqo. Le nkqubo yobuchule iza kuqinisekisa ngakumbi ulungelelwaniso oluphuculiweyo, intsebenziswano kunye nohlengahlengiso nenkqubo karhulumente, uluntu kunye namaqabane kwezophuhliso asele esebenza kwimiba ephathelele kwezempilo yesondo nenzala yabafikisayo. IKomiti yabaPhathiswa yoMgaqo-nkqubo weNani laBantu iza kubeka esweni ukuphunyezwa, ukongamela kunye nokuhlolwa kwale Nkqubo yoBuchule.

1.4 IKhabhinethi ivume ukupapashwa koyilo loMgaqo-nkqubo woPhuhliso lwaBantwana abasaKhulayo kwiphephandaba lakwarhulumente. Oku kuyinxalenye yeNkqubo yokuSebenza eHlangeneyo yaseMzantsi Afrika kuPhuhliso lwaBantwana abasaKhulayo–Siqhubela phambili yowama-2013-2016, neyavunywa yiKhabhinethi ngomhla we-18 kweyoMsintsi wama-2013. Lo Mgaqo-nkqubo inika inkqubo-sikhokelo yokuphendula kukarhulumente ekuboneleleni ngeenkonzo ngokubanzi zoPhuhliso lwaBantwana abasaKhulayo olusemgangathweni eziza kufumaneka kulo lonke ngokwaneleyo nakwiindawo ezifikeleleka lula ukuze bonke abantwana bonwabele amathuba alinganayo okufikelela kuzo.

Lo Mgaqo-nkqubo usekwazisa iinkonzo ezintsha eziliqela ukuvala izikhewu ezibonwe kuthotho lweenkonzo ezifumanekayo ngoku ingakumbi kwiintsuku ezili-1 000 zokuqala ebomini bomntwana.

IKhabhinethi isekwavume ukusekwa kweKomiti yaBaphathiswa (i-IMC) eza kuqinisekisa indlela ecacileyo nelungeleleneyo. Le komiti iza kukhokelwa nguMphathiswa woPhuhliso loLuntu.

1.5 IKhabhinethi ivume ukukhutshwa koyilo lokuqala lwengxelo yexeshana yeNkomfa yeZizwe eziManyeneyo ngamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo, ukuze uluntu luphefumle kulo isithuba seentsuku ezingama-20. Le ngxelo iquka ixesha elisusela kuTshazimpunzi wama-2012 ukuya kweyoKwindla wama-2013.

1.6 IKhabhinethi ivume ukuba uMzantsi Afrika uthathe inxaxheba kuNyaka weHlabathi weMephu ngowama-2015 nowama-2016 ngokuququzelela imisitho kwilizwe lonke ngenjongo yokufundisa ngeemephu kunye nezakhono zokufunda nokubhala eMzantsi Afrika. Iimephu zinceda ukuqonda iingxaki kunye namathuba, okufana nokwakhelwa kwabantu izindlu, ukugcinwa kobutyebi bendalo, ulawulo lweengozi nokukhokela amaphulo okwakha iziseko ezibanzi zezothutho. Ukuqonda ulwazi lweendawo nobume bomhlaba kuyanceda ekucwangciseni nasekuthatheni izigqibo ngophuhliso loMzantsi Afrika.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezinguNdoqo

2.1 IKhabhinethi ivume uMyalelo wokufezekiswa kokuhlolwa okusekelezelwe kulwazi lomsebenzi lwamalungu eeNkonzo zaBaphathi abaPhezulu (i-SMS), okhutshwe ngokwemiqathango yeSahluko se-4 iCandelo II (d) kunye neSahluko se-4, iCandelo VI yeMimiselo yeNkonzo zaBasebenzi bakaRhulumente, yonyaka wama-2001.
Lo Myalelo uhlonyelweyo uxhasa ukuchongwa ngokuzimeleyo kwezikhewu kuphuhliso lwaMalungu eeNkonzo zaBaphathi abaPhezulu, wazisa ukusetyenziswa kwemisebenzi yobugcisa kwaye unika nesikhokelo ngendlela amasebe angazisebenzisa ngayo iziphumo zokuhlola ulwazi lomsebenzi kudibene nezinye zonke iinkqubo zokuqeshwa nokukhethelwa ukusebenza kwisikhundla esithile.

2.2 IKhabhinethi ikuvumile ukubanjwa kweVeki yeSizwe yeeMbizo ukususela kumhla we-7 ukuya kowe-12 kuTshazimpunzi wama-2015 phantsi komxholo othi: “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili”.

Le Veki iza kuphawulwa ngokutyelelwa kwikhaya nekhaya kuqokelelwa iinkcukacha ngamakhaya lawo, ukuhamba-hamba okanye ukutyelela iiprojekthi, iingxoxo nabachaphazelekayo, iingxoxo noluntu; kunye neengxoxo namajelo eendaba oluntu nawezoshishino. Ezi ngxoxo zinika abaphathi iqonga lokubonisana nokubonana ngqo nabemi boMzantsi Afrika, beve imiba yoluntu ivela kuluntu ngokwalo kunye nokuhlola inkqubela yeenkqubo zikarhulumente.

3 IMithetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koyilo loMthetho osaYilwayo woKhuseleko, ukuXhaswa, uPhuhliso kunye noLawulo lweeNkqubo zoLwazi lweMveli kwiPhephandaba likaRhulumente kwakunye nenkqubo yokungqubanisa iintloko noluntu. Eyona njongo isisiseko yalo Mthetho usaYilwayo kukuququzelela ukukhuselwa koLwazi lweMveli kunye nokuvuselelwa nokwamkelwa koLwazi lweMveli lwabantu boMzantsi Afrika bomgquba. Ukhokela iphulo lokubuyisela amalungelo nobutyebi abantu bothuthu beli abalahlekana nawo.

3.2    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho Sihlomelo woLawulo lweMipu, wama-2015 kwiPhephandaba liRhulumente ukuze uluntu luphefumle kuwo. Lo Mthetho osaYilwayo uhlomela uMthetho woLawulo lweMipu wonyaka wama-2000 kwaye uphendula kuMbono weSicwangciso seSizwe soPhuhliso ngokuzama ukuphucula isikhokelo-nkqubo solawulo nemithetho eza kulawula imipu. Ulawulo lwemipu ngumba obalulekileyo lwendlela urhulumente alulwa ngayo ulwaphulo-mthetho.

4 ULuvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

4.1 IKhabhinethi icela uluntu kunye nemibutho ukuba basebenze norhulumente, ephantsi kweSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli, ukuqinisekisa ukuba imingeni engqonge iMalamulele eLimpopo iyasonjululwa. IKhabhinethi iyakugxeka ukuphazanyiswa kokufunda ezikolweni ngamaqela athile njengendlela yokuvakalisa izikhalazo zawo. Oku kunyhasha ilungelo labantwana lokufunda kwaye lohlutha abanye ilungelo lokubhalisela iimviwo zokuxabangela zeBanga le-12. Ukusekwa kukamasipala eMalamulele kufuneka kwenziwe ngokusemthethweni nangokwemimiselo yeBhodi yokuCandwa kweMida.

4.2 IKhabhinethi iyakugxeka ukuhlaselwa kwabemi abavela kumazwe angaphandle yaye oku ikubona njengesenzo solwaphulo-mthetho kwaye igxininisa ukuba ii-arhente zogcino-mthetho aziyi kuthandabuza ukwenza umsebenzi wazo zibambe naye nabani na ofunyenwe ephembelela udushe. Akukho ntsokolonakunganeliseki okunokusetyenziswa njengesizathu szenzo zolwaphulo-mthetho obe lujoliswe kwaba bemi bamazwe angaphandle. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe atyikitya isiVumelwano saseGeneva seeMbacu kwaye uzinikele ekukhuseleni bonke abemi bamazwe angaphandle abakweli lizwe. Njengelinye lamazwe atyikitya esi siVumelwano, nanjengelizwe elixabise amalungelo oluntu, siza kuwakhusela amalungelo asisiseko omntu ngamnye ongaphakathi kwemida yeli, kuquka nabemi abavela kumazwe angaphandle.

4.3 IKhabhinethi ikuvumile ukuthiwa thaca, ngenjongo zokuba iPalamente inike imvume, kwesiVumelwano sokuSekwa kwesiCwangciso se-BRICS sikaVimba wokuLalelisela kunye nesiVumelwano seBhanki eNtsha yoPhuhliso. Esi siVumelwano sikaVimba wokuLalelisela siqulunqelwe ukuze sincedise kwiingxaki zokubhatala amatyala exesha elifutshane. Ukongeza koko, aza kusebenza njengenyathelo elisisilumkiso sokunceda amazwe amahlanu e-BRICS akwazi ukuthintela uxinzelelo lokungabi nazimali lwexesha elifutshane, kubonelele nangenkxaso evela macala kunye nokomeleza ngaphezulu umnatha wokhuseleko lwezimali zehlabathi.

4.4 IKhabhinethi ikuqaphele ukunikezela iintambo kukaSihlalo wecandelo loMzantsi Afrika leBhunga loShishino le-BRICS uMnu Patrice Motsepe kuMnu Brian Molefe. UMnu Motsepe wayengusihlalo wokuqala wawo omabini amacandelo, icandelo laseMzantsi Afrika kunye neBhunga loShishino le-BRICS liphelele. Ngexesha lolawulo lwakhe, uMnu Motsepe waphumelela ekusekeni eli bhunga libalulekileyo njengecandelo elifunekayo le-BRICS kwaye njengosihlalo usebenze ngokugqwesileyo. IKhabhinethi iyambulela uMnu Motsepe ngomsebenzi wakhe kwaye inqwenelela uMnu Molefe okuhle kodwa njengokuba ethatha intambo kwesi sikhundla  sibaluleke kangaka.

4.5 IKhabhinethi incoma iqela leQakamba leSizwe ngendlela elidlale ngayo kwiNdebe yeHlabathi yeQakamba kwaye ibanqwenelela impumelelo njengoko ilizwe liphela libaxhasa kwitumente edlalelwa e-Australia nase-New Zealand.

4.6 IKhabhinethi ivuyisana nomdlali wefleyiti uWouter Kellerman ophumelele iMbasa yeGrammy yelona cwecwe litsha lalemihla. UMnu Kellerman washicilela ingoma yakhe ethi Winds of Samsara kunye nomqambi wase-India uRicky Kej, nabathe ngentsebenziswano yabo kule ngoma baphumelela le mbasa.

4.7 IKhabhinethi ivakalisa umbulelo wayo kubo bonke abasebenzisa amandla ombane ngokusabela ikhwelo lokunciphisa ukusetyenziswa kombane. Inkqubo yokushukuxa imingeni yezamandla ombane ifumana eyona nqwalasela ibaluleke kakhulu. IQela lokuGwadla iQhinga elamiselwa yiKhabhinethi ngeyoMnga wama-2014 likhokelwa nguSekela Mongameli uCyril Ramaphosa liyasebenza ukukhawulezisa ukuphunyezwa kwesicwangciso esinamanqaku amahlanu okusombulula le ngxaki.

4.8 IKhabhinethi igxwala emswaneni kunye noMongameli Zuma ekudluliseni umyalezo wovelwano kusapho nezihlobo zenkunkqele yombhali weencwadi zesiAfrikaans uNjingalwazi André P Brink. Uza kukhunjulwa njengomnye wababhali ababalulekileyo besi-Afrikaans abasebenzisa usiba ukugxeka urhulumente wengcinezelo.

5 Imisitho ezayo

5.1 IKhabhinethi iyaliphinda ikhwelo elihlatywe nguMongameli uJacob Zuma kuwo onke amaqela aseLesotho lokwenza izinto ngendlela edala umoya okhokelela kunyulo olunoxolo, oluselubala, olukholelekayo, olukhululekileyo nolungenamkhethe, olubonisa intando yabantu.

IKhabhinethi isekwavakalisa ukuwuthemba umsebenzi wokungenelela weGqiza laBakhi-mkhanyo be-SADC eLesotho elikhokelwa nguSekela Mongameli uRamaphosa.

Njengenxalenye yezigqibo zeeNtloko zoMbuso kunye nooRhulumente be-SADC eziNtathu, uMzantsi Afrika uza kudlala indima yawo ngokukhokela kunye nokuba yinxalenye yeGqiza le-SADC laBakhi-mkhanyo boloNyulo kwilizwe laseLesotho, kunyulo olulungiselelwe umhla wama-28 kowama-2015.

5.2 INkumanda eyiNtloko yoMkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (i-SANDF), uMongameli uJacob Zuma uza kuba lelona gosa lisebenzayo kuSuku loMbhiyozo loMkhosi phantsi komxholo othi “Umkhosi wokhuselo weengcali nonesiphiwo okusebenzela abantu baseMzantsi Afrika” ngomhla wama-21 kweyoMdumba wama-2015, ePotchefstroom, eMntla Ntshona. USuku loMkhosi lubhiyozelwa rhoqo ngonyaka ukuhlonela amadoda nabasetyhini abasemkhosini nabazinikele ngokupheleleyo ekukhonzeni isizwe ekhaya nakumazwe aphesheya.

5.3 IKhabhinethi ikhuthaza bonke abaqeshi abathe bathobela uMthetho wobuLungisa kwezeNgqesho (i-EE) ukuba bangenele ukufumana iMbasa yobuLungisa kwezeNgqesho yowama-2015 phambi komhla wokuvala we-13 kweyoKwindla kowama-2015.

Lo mbhiyozo uza kusingathwa yiKomishoni yobuLungisa kwezeNgqesho, uwonga abaqeshi abazifezekisileyo iindlela zobuchule eziqinisekisa ubuLungisa kwezeNgqesho kunye nokwahlukahlukana, lo gama bephelisa umkhethe nezenzo zokujongelwa phantsi.

5.4 UMphathiswa wezoKhenketho uDerek Hanekom uza kwenza intetho yokuvula kwindibano yeeNtlanganiso zase-Afrika eza kubanjelwa kwiZiko leeNkomfa laseSandton ukususela kumhla wama-23 ukuya kowama-25 kweyoMdumba kowama-2015 phantsi komxholo othi “Sisonke siqhubela i-Afrika Phambili”. Lo ngowona mboniso wezoshishino norhwebo weBhunga leNkomfa yeSizwe saseMzantsi Afrika, kwaye udibanisa ababonisi base-Afrika bebonke kunye nabantu abasenokuba ngabathengi bamazwe bamazwe.

5.5 IKhabhinethi ikuvumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela yezoQoqosho yeHlabathi– ye-Afrika (i-WEF-Africa), kwiZiko laMazwe ngamazwe leeNkomfa  laseKapa ukususela ngomhla we-3 ukuya kowe-5 kweyeSilimela kowama-2015. Umxholo uza kuthi “Ngoko Nangoku: Ukucinga nokutsha ikamva le-Afrika”. I-WEF-Africa yingqungquthela  egxininisa kuqoqosho lengingqi yase-Afrika nelinika amathuba kumashishini alapha eMzantsi Afrika nawengingqi ye-SADC kunye nabatyalimali abanomdla kule ngingqi ukuba babelane ngezimvo kwaye babambe iingxoxo ezinokukhokelela kukuba basebenzisane noorhulumente.

Intlanganiso ye-WEF-Africa iza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuxoxa nokutsala umdla kwiinkokeli zase-Afrika, amashishini amazwe angaphandle nawengingqi kunye nongenelelo olunokwenzeka ukuhlanganisa ingingqi kunye nohlumo olukhulayo eMzantsi Afrika nakwingingqi.

6 Izikhundla

IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kwaba balandelayo kodwa okuza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kobunyani beziqinisekiso zemfundo nobunye ubucukubhede obufuna ukuqondisiswa:

6.1 Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaGqr Mphathi Philemon Mjwara ngeminyaka emithathu njengoMlawuli Jikelele: iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe

6.2 UMnu. Pule Godfrey Selepe njengoMlawuli Jikelele weSebe lezoThutho

6.3 UNozakuzaku uNonceba Nancy Losi-Tutu njengoSekela Mlawuli Jikelele weMithetho yokuziPhatha - DIRCO

6.4 IBhunga leMigangatho yeeNgxelo zeziMali:
a) UMnu Suresh Kana (uSihlalo, uqeshiwe kwakhona);
b) UNksz Christine Ramon (uqeshiwe kwakhona);
c) UMnu Johan Brink (uqeshiwe kwakhona);
d) UMnu Garth Coppin (uqeshiwe kwakhona);
e) UMnu Bruce Mackenzie (uqeshiwe kwakhona);
f) UMnu Khaya Dludla (uqeshiwe kwakhona);
g) UMnu Dumisani Manana (uqeshiwe kwakhona);
h) UNksz Dawn Earp (uqeshiwe kwakhona);
i) UNksz Naidene Ford-Hoon (uqeshiwe kwakhona);
j) UNksz Kim Bromfield (uqeshiwe kwakhona);
k) U-Adv Rory Wayne Voller;
l) UNksz Matshepo Faith More;
m) UNksz Anuradha Sing; kunye
n) noNksz Tania Wimberley.

6.5 UMnu Coceko Bambihlelo Johan Pakade njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba yeNgxowa-mali yoPhuhliso eziMeleyo.

Imibuzo: ISithethi seKhabhinethi esiliBambela uPhumla Williams, kule nombolo 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore