INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-26 kweyoMdumba 2025

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    EzobuDlelwane naMazwe ngaMazwe

1.1.    UMzantsi Afrika njengoMongameli weQela laMazwe angama-20 (i-G20)

1.1.1.    Ixesha lokubamba isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 koMzantsi Afrika phantsi komxholo othi: “UBambiswano, uLingwano noZinzo” liqale ngokuqukunjelwa ngempumelelo kwentlanganiso yabaPhathiswa bezangaPhandle be-G20 bokuQala eRhawutini ukususela ngomhla wama-20 ukuya kowama-21 kweyoMdumba 2025 kunye nentlanganiso yabaPhathiswa bezeziMali kunye neeRhuluneli zeeBhanki ezingooVimba bokuQala eqhubayo sithetha nje ukususela ngomhla wama-26 ukuya kowama-27 kweyoMdumba.

1.1.2.    Intlanganiso yokuQala yabaPhathiswa bezangaPhandle be-G20 ibilithuba lokuba abaPhathiswa bezangaPhandle be-G20 bagwadle iingxaki zezopolitiko zehlabathi baze baxoxe nangeendlela i-G20 enokunceda ngazo kumalinge okuzisombulula ezi ngxaki. Le ntlanganiso iyayixhasa le ndlela uMzantsi Afrika uzisombulula ngayo iingxaki zezopolitiko zehlabathi, izinto oza kuzikhokelisa phambili ngeli thuba uphethe isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 kunye nezinto ezikwizinga eliphezulu uMzantsi Afrika ofuna zenzeke, futhi iye yakubethelela nokuba i-G20 iliqonga eliphezulu lentsebenziswano yamazwe ngamazwe kwezoqoqosho.

1.1.3.    Ukongeza, uMzantsi Afrika ububambe ngempumelelo ezi ntlanganiso zamaQela aJongene neMisebenzi ethile:
1.1.3.1.    EyeQela lokuQala eliJongene nezeMfundo (ngowe-12 ukuya kowe-13 kweyoMdumba 2025, iqhutywa ngonxibelelwano lwe-intanethi). Injongo yale ntlanganiso ibikukubonisana kunye nokuzama izisombululo kwizinto ezintathu ezikhokeliswa phambili leli qela, ezizezi: (a) Into ekhokeliswe phambili 1: IMfundo yeBakala elisiSeko eseMgangathweni: indima edlalwa luNakekelo kunye neMfundo yabaseLula ukuze kuphuculwe umgangatho wemfundo yamabakala asisiseko ; (b) iNto eKhokeliswe Phambili 2: uKwamkelwa kweziQinisekiso zeMfundo Ngawo Onke amaZwe eHlabathi; iNto eKhokeliswe Phambili 3: UkuPhuhliswa kweeNgcali zeMfundo zilungiselelwe imingeni yale mihla. 
1.1.3.2.    EyeQela lokuQala eliJongene nokuXhotyiswa kwamaNina (ngowe-17 ukuya kowe-18 kweyoMdumba 2025 ngonxibelelwano lwe-intanethi). Abathathi-nxaxheba kweli Qela bazixhasile izinto ezikhokeliswe phambili nguMzantsi Afrika ezihambelana nezi amazwe wabo nawo azikhokelise phambili malunga namalungelo amanina, kwaye ezi zinto zakhela kumalinge kunye nezinto ezazikhokeliswe phambili yi-Brazil ngethuba iphethe esi sikhundla sokuba nguMongameli. 
1.1.3.3.    EyeQela lokuQala loQoqosho lobuXhaka-xhaka bale Mihla (ngowe-17 ukuya kowe-19 kweyoMdumba 2025, ngonxibelelwano lwe-intanethi). Le ntlanganiso ibiliqonga loMzantsi Afrika ukuba uchaze kuze kuvunyelwane ngezinto ezikhokeliswe phambili leli Qela. Izinto ezine ezikhokeliswe phambili zezi: (a) Ukuqhakamshelana ukwenzela uphuhliso lobuxhaka-xhaka bale mihla obuquka wonke umntu; (b) Iziseko zobuxhaka-xhaka bale mihla boluntu kunye neenguqu; (c) Amaqumrhu asebenza ngokuyila esebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla: ukuvulela amathuba amashishini amancinane, amancini naphakathi kunye (d) nobuxhaka-xhaka bale mihla obukwinqanaba lomntu ngokucinga nokuqiqa, obuquka wonke umntu nobunobulungisa.
1.1.3.4.    Intlanganiso yeQela lokuQala le-G20 eliJongene nezeNgqesho (ngowe-18 ukuya kowama-21 kweyoMdumba 2025 eGqeberha). Intlanganiso yeli Qela ixoxe ngohlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke, ukuqeshwa kolutsha, ulingwano ngokwesini, ukungalingani kwemivuzo kunye nendima yobuxhaka-xhaka bale mihla kwimisebenzi yangomso. 
1.1.3.5.    EyeQela lokuQala eliJongene nezeNkcubeko (ngowama-20 ukuya kowama-21 kweyoMdumba 2025, ngonxibelelwano lwe-intanethi). Izinto ezikhokeliswe phambili leli Qela ezixhaswe ngabo bonke abathathi-nxaxheba zezi: (a) eKhokeliswe phambili 1: Ukukhusela kunye nokuSonjululwa kweeNgxaki eziNxulumene neliFa eliyiNkcubeko kunye nokukhusela amaLungelo oLuntu; (b) eKhokeliswe phambili 2: Ukuhlanganiswa kweMigaqo-nkqubo yezeNkcubeko kwizicwangciso-qhinga zezentllalo noqoqosho ukuze kuqinisekiswe ukuba uPhuhliso lusekelwe kumalungelo kwaye alukhethi mntu; (c) eKhokeliswe phambili 3: UkuPhuhlisa iiNtlobo zobuXhaka-xhaka bale Mihla ukuze kukhuselwe futhi kukhuthazwe iNkcubeko kunye noQoqosho oluZinzileyo kumazwe ahlukeneyo; kunye (d) eKhokeliswe phambili 4: Ukuhlangana kweeNkcubeko noGuqu-guquko lweMozulu: ukuGwadla amaNyathelo aza kuthatywa liHlabathi.

1.1.4.    Ezi ntlanganiso zala maQela e-G20 aJongene neMicimbi ethile ziza kubanjwa ukususela namhlanje kude kube sekupheleni kweyoKwindla 2025:
1.1.4.1.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene nokuTshintsha iiNtlobo zaMandla: 27-28 kweyoMdumba 2025 – ngonxibelelwano lwe-intanethi.
1.1.4.2.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene nezoLimo; 3-4 kweyoKwindla 2025 – ngonxibelelwano lwe-intanethi.
1.1.4.3.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliChasene noRhwaphilizo: 3-5 kweyoKwindla 2025 – eKapa.
1.1.4.4.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene nezoKhenketho: 5 kweyoKwindla 2025 – ngonxibelelwano lwe-intanethi.
1.1.4.5.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene nokuPhungulwa koMngcipheko weeNtlekele: 5 kweyoKwindla 2025 – ngonxibelelwano lwe-intanethi.
1.1.4.6.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene nokuLwa ukuNqongophala kokuTya: 5 kweyoKwindla 2025 – ngonxibelelwano lwe-intanethi.
1.1.4.7.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene noRhwebo noTyalo-mali: 18 – 20 kweyoKwindla 2025 – ngonxibelelwano lwe-intanethi.
1.1.4.8.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene noHlumo loQoqosho oluXhanyulwa nguMntu Wonke, ukwaKhiwa kwemizi-mveliso, iNgqesho kunye nokuPhungula ukungaLingani: 17 kweyoKwindla 2025 – unxibelelwano lwe-intanethi.
1.1.4.9.    IQela lesiBini eliJongene nezeMpilo: 26-28 kweyoKwindla 2025 – e-Durban.
1.1.4.10.    INtlanganiso yeQela lokuQala eliJongene nezeMozulu noZinzo kokusiNgqongileyo: 25-28 kweyoKwindla 2025 – ngonxibelelwano lwe-intanethi. 

1.1.5.    Iinkcukacha malunga nokusingathwa nguMzantsi Afrika kweentlanganiso ezahlukeneyo ze-G20 kunye neziphumo zezo ntlanganiso ziyafumaneka apha: www.g20.org OKANYE www.g20.org.za

1.2.    INgqungquthela yezoPolitiko yoMzantsi Afrika neMbumba yaseYurophu (i-EU)

1.2.1.    IKhabhinethi iyayamkela inkxaso evela kwi-EU ngoluvo loMzantsi Afrika kwimiba yezopolitiko yehlabathi kunye nezinto esizikhokelise phambili ngoku sibambe isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 emva kweNgqungquthela yezoPolitiko yabaPhathiswa ye-16 ibiphakathi koMzantsi Afrika kunye ne-EU ibibanjwe ngomhla we-19 kweyoMdumba 2025 eKapa.
1.2.2.    Le mbizo inike ithuba i-EU noMzantsi Afrika lokuba baphinde bazibophelele kumba wokubaluleka kokusebenzisana kwamazwe ngamazwe, ulawulo lwehlabathi olusekelwe kwimithetho, kunye nokubaluleka koXwebhu lweZizwe eziManyeneyo njengombutho ophambili wehlabathi. Kule mbizo kuvunyelwene ngokuba kufuneka kwenzeke iinguqu kwiBhunga lezoKhuselo le-UN (i-UNSC) kuba beqonda ukuba kufuneka ibe liqumrhu elimele amazwe amaninzi, eliquka wonke umntu, elenzela izinto elubala, elisebenzayo, elilawula ngentando yesinizi neliphendulayo ngezenzo zalo.
1.2.3.    I-EU noMzantsi Afrika bawugwadlile nomba wentsebenziswano kumaqoqo amazwe ehlabathi naweengingqi, kugxininiswa kakhulu, kumalinge wabo okulelwa amalungelo oluntu kunye nophuhliso oluzinzileyo kunye nokusombulula umba wotshintsho lwemozulu. Baphinde baxoxa nangamathuba okunyusela phezulu intsebenziswano kumashishini abandakanyeka kumanqanaba ahlukeneyo okuvelisa, kuquka neemveliso ezingekacolwa ngeenjongo zokuzenza zikwazi ukumelana nokhuphiswano, ukukhulisa uqoqosho kunye nokuphungula umthamo wesisi esiveliswayo esiyingozi kokusingqongileyo. 
1.2.4.    Le mbizo ikwasebenze njengeqonga lokulungiselela le Ngqungquthela ye-EU noMzantsi Afrika izayo iza kubanjwa ngomhla we-13 kweyoKwindla 2025 eMzantsi Afrika. Le ngqungquthela iza kuxoxa malunga nokuphucula ubudlelwane bezoqoqosho, ukutshintshela kuhlobo lwamandla angenabungozi kokusingqongileyo ngendlela enobulungisa, ukhuselo nokhuseleko, imizi-mveliso ezinzileyo ebandakanyekayo kumanqanaba ohlukeneyo okuvelisa kunye nokusebenzisana kwamazwe ahlukeneyo. I-EU yeyona ngingqi ingenisa utyalo-mali oluvela ngaphandle oluninzi eMzantsi Afrika ngokunjalo noMzantsi Afrika ulilizwe elinowona mthamo mkhulu wezorhwebo kunye ne-EU kummandla okwi-Afrika esemazantsi kwe-Sahara. 
1.2.5.    Le ndibano ikwakubethelele ukubaluleka kweNtlanganiso kunye neNgqungquthela yabaPhathiswa be-EU neMbumba ye-Afrika (i-AU)  zowama-2025.

1.3.    IBhunga loXolo noKhuseleko (i-PSC) le-AU kunye nesiGqibo se-UNSC ngemeko yasempuma ye-Democratic Republic of the Congo (i-DRC).

1.3.1.    IKhabhinethi iyazamkela futhi izixhasa zombini i-AU PSC kunye nesiGqibo se-UNSC ngemeko yasempuma ye-DRC.
1.3.2.    I-AU PSC izamkele izigqibo zentlanganiso eDibeneyo yoMbutho waMazwe aseMpuma ye-Afrika (i-EAC) kunye noMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) enyanzelise ukuba makubekho uxolo ngokukhawuleza, ukuququzelelwa kweendlela ezikhuselekileyo nezingenamiqobo zokuhambisa uncedo lwezentlalontle, ukurhoxa kwayo yonke imikhosi yamajoni engamenywanga empuma ye-DRC, ukuhlonitshwa kwemida yelizwe lase-DRC kunye nokuthatha inxaxheba kwawo onke amazwe kunye nemibutho ezimeleyo kwiingxoxo zezopolitiko phantsi kwenkqubo i-Joint Luanda-Nairobi.
1.3.3.    Isigqibo se-UNSC sicele onke amaqela (amazwe nemibutho ezimeleyo) empuma ye-DRC ukuba abeke izikhali ngokukhawuleza futhi kungabikho miqathango imiselwayo, njengoko iinkokeli zase-EAC nakwi-SADC bezitshilo. 
1.3.4.    Esi siSombululo sinyanzelisa nokuba iqela labavukeli i-M23 lirhoxe kwimihlaba eliyithathileyo empuma ye-DRC saze sayalela noMkhosi wezoKhuselo wase-Rwanda ukuba uyeke ukuxhasa amaqela axhobileyo futhi urhoxe ngokukhawuleza kwilizwe lase-DRC futhi lingamiseli miqathango ithile. 
1.3.5.    IKhabhinethi inqwenelela ukuchacha ngokukhawuleza kwayo oli-10 lamajoni abuya emfazweni onzakeleyo ekungoku nje afumana uncedo lwezonyango kwizwe lakuwo, eMzantsi Afrika.

1.4.    IsiVumelwano se-AU sokuPhelisa ubuNdlobongela oBenziwa kumaNina namaNtombazana (i-AU-CEVAWG)

1.4.1.    IKhabhinethi ikwamkele uKwamkelwa yi-AU kwe-AU-CEVAWG, engumthetho wokukhusela nokulwa ubundlobongela obenziwa kumanina namantombazana e-Afrika.
1.4.2.    Ukuqulunqwa kwe-AU-CEVAWG kusukela kwisigqibo esiyimbali seeNkokeli zamaZwe ze-AU ngeyoMdumba 2023 kwiNgqungquthela ye-AU.
1.4.3.    Esi sivumelwano sifuna ukunika isicwangciso-sikhokelo esibanzi nesibophelelayo ngokomthetho sokuthintela nokulwa zonke iintlobo zobundlobongela obenziwa kumanina namantombazana kwi-Afrika iphela. Oku kuza kwenzeka ngokuthi kuyiwe kanye kunobangela kunye nezinto ezikhokelela kobu bundlobongela, ukwenza ngqingqwa amaqumrhu kunye nemithetho nokukhuthaza ukuziqhelanisa nokuhlonipha amalungelo oluntu, ulingwano ngokwesini kunye nesidima samanina namantombazana. 
1.4.4.    Siza kuqinisekisa nokuba amazwe enza ngqingqwa indlela efanayo yokulwa ubundlobongela obenziwa kumanina namantombazana.

2.    Ezoqoqosho

2.1.    Ukumiswa kokwandlalwa koHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe

2.1.1.    IKhabhinethi ifuna ukubethelela kwakhona ukuba ukumiswa kokwandlalwa koHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe ngomhla we-19 kweyoMdumba 2025 kutshintshelwe kumhla we-12 kweyoKwindla 2025 kwenzeke ngenxa yamalinge eKhabhinethi okulungisa ngokubambisana iingxaki zezimali zeli lizwe phantsi kwezi meko zemali karhulumente enqongopheleyo.
2.1.2.    IKhabhinethi ifuna ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba ziyaqhuba iingxoxo kwiKhabhinethi malunga noHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2025 kugwadlwa ezona ndlela zilula zokwabela imali imiba ephambili yesizwe nokuqinisekisa ukuba uhlalo lwabiwo-mali lugxila kanye kwezi zinto zibalulekileyo kubemi boMzantsi Afrika.
2.1.3.    Oku kumiswa, nangona ikokokuqala ezimbalini eMzantsi Afrika, kodwa kuyinto eqhelekileyo kwamanye amazwe, kukwavumelekile kuMthetho woLawulwa lweziMali zikaRhulumente, wowe-1999 (uMthetho uNombl 1 wowe-1999).

2.2.    IziPhumo zeKota zoPhando ngezaBasebenzi 

2.2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukunyuka kwenani labantu abasebenzayo emva kokuhla izihlandlo ezibini ezilandelelanayo kwizinga lengqesho, into leyo ephawula elona zinga liphantsi ukususela kwikota yesithathu yowama-2023.
2.2.2.    Izinga lentswelo-misebenzi leli lizwe lehlile laya kutsho ku-31.9% kwikota yesine yowama-2024, lisuka ku-32.1% kwikota engaphambili. Inani labantu abaqeshiweyo linyuke ngama-132 000 laya kutsho kwizigidi ezili-17.1 ngeli thuba inani labantu abangasebenziyo lehle ngama-20 000 laya kutsho kwizigidi ezisibhozo kule kota inye. 
2.2.3.    Imisebenzi kule kota yandile kumacandelo amane kwalishumi ekuthathwe iinkcukacha zawo liZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA), aquka elezemali (232 000), lilandelwa lelezokuvelisa (41 000), kumakhaya abantu (18 000) kunye nakwezothutho (17 000).
2.2.4.    IKhabhinethi ikungqinile ukuzibophelela kukarhulumente kumalinge okudala imisebenzi agxininisa kakhulu kwiinkqubo zokuqeshwa kolutsha. Nge-Presidential Employment Stimulus Programme, kuye kwadalelwa abantu abatsha amathuba emisebenzi azizigidi eziyi-2.2.

2.3.    URhwebo noShishino phakathi koMzantsi Afrika ne-China

2.3.1.    IKhabhinethi iyayamkela indibano yokubonisana ibiphakathi koSihlalo weBhunga lase-China lokuKhuthaza uRhwebo lweHlabathi (i-CCPIT) u-Ren Hongbin kunye noSekela-Mongameli u-Paul Mashatile ibimalunga nokuphucula intsebenziswano kwezorhwebo notyalo-mali phakathi koMzantsi Afrika ne-China.

2.3.2.    Olu tyelelo lulandela uTyelelo lwasebuRhulumenteni lwesibini nobeluyimpumelelo nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeyoMsintsi 2024. Luthathela kwiziphumo zeendibano zezoshishsino zikaMongameli, eziquka iQonga lezoShishino likaMongameli loMzantsi Afrika ne-China, ingxoxo ibingavulelekanga kuwonke-wonke phakathi kukaMongameli kunye neeNkokeli zabatyali-zimali base-China abangama-20 abakwinqanaba eliphezulu, kunye neNkqubo yezoShishino kaMongameli e-Shenzhen ebigxininisa kubatyali-zimali abakhulu abakwesi sixeko sase-China siphambili kwezobuchwepheshe nobuchule bokuyila.

2.3.3.    UMzantsi Afrika ucele amashishini ase-China ukuba azimase iintlanganiso zoshishino ezahlukeneyo ze-G20 kweli lizwe kulo nyaka ngelithuba i-CCPIT yona imeme uMzantsi Afrika ukuba uzimase i-3rd China International Supply Chain Expo e-Beijing ngeyeKhala 2025.

2.3.4.    Ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika ne-China buphinde benziwa ngqingqwa ngokufika kweqela lokuqala labakhenkethi abavela e-China ngenxa ye-Trusted Tour Operator Scheme (i-TTOS) entsha. I-TTOS ivumela zonke iinkampani eziqinisekisiweyo ezikhapha abakhenkethi ukuba zikwazi ukungenisa izicelo zamaqela abakhenkethi abasuka e-China nase-India besebenzisa iqonga lezobuchwepheshe elikhuselekileyo baze bafumane iziphumo zezicelo zabo nge-intanethi kwisithutyana nje seeyure.

3.    EzeMpilo

3.1.    IsiFo soKhwekhwe, uChwane neNyebethu (i-HFMD)

3.1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungenelela ngokukhawuleza kwabasemagunyeni kolu qhambuko lakutsha nje lwe-HFMD kwiphondo laKwaZulu-Natal nelaseMpuma Koloni, yona eneempawu ezifana nezomkhuhlane ezinjengamadyunguza abuhlungu kunye nokudumba kwezandla. Yona ayifani nesifo sochwane nenyebethu esihlasela izilwanyana kwaye yona ayibulali. 
3.1.2.    Baninzi abantu abanesi sifo sosulela kakhulu ababhaqwe kwizikolo eziliqela zamabanga aphantsi kunye nezikolo-mpeleso kula maphondo mabini. 
3.1.3.    Iinqununu zezikolo ziyacelwa ukuba ziqhube uhlolo lwemihla ngemihla ezikolweni zazo ukubona zize zixele kwabasemagunyeni abo bane-HFMD.

3.2.    IziFo eziVela ekuTyeni

3.2.1.    Umhla wokugqibela wokubhalisa zonke iivenkile eziziziphaza (izikroxo) kunye nezinye ezisebenza ngokutya koomasipala bazo ungoLwesihlanu, wama-28 kweyoKwindla 2025. Izipaza ezingabhaliswanga kwaye zingenazo zonke izinto ezifunekayo ezinxulumene nezempilo ziza kuvalwa. 
3.2.2.    Urhulumente uqalise la manyathelo ngeyeNkanga 2024, njengenxalenye yamalinge okulawula iziphaza kunye nokuthintela ukusweleka kwabantwana ngokungekho mfuneko ngenxa yezifo abazifumene ekutyeni okuyityhefu okuthengwe kwezi venkile. Amaqela ohlolo aphuma kumacandela ahlukeneyo aza kuqhubeka nomsebenzi wawo wokuhlola ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba imithetho iyathotyelwa kulo lonke eli lizwe futhi nokuqinisekisa ukuba zonke iivenkile ezithengisa ukutya zinamaphepha asemthethweni kwaye zinazo zonke izinto ezifunekayo ezinxulumene nempilo kunye nokhuseleko. 
3.2.3.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubathengi, abazali kunye nabagcini-bantwana ukuba bathenge kuphela kwiindawo ezinelayisenisi yokuthenga ukutya futhi bayithobele imithetho enxulumene nokhuseleko lokutya. Abantu nabo bayakhuthazwa ukuba balandele imiqathango yokhuseleko lokutya efana nokuhlamba izandla zabo ngesepha namanzi phambi kokuba basebenze ngokutya okanye bakutye.

4.    Intlalontle yoluntu

4.1.    I-Arhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zeNtlalo (i-SASSA) 
4.2.    Umhla wokugqibela wokuba abantu baka-SASSA batshintshe amaKhadi aGolide ka-SASSA ngamaKhadi aMnyama ase-Postbank utshintshiwe ngoku ngumhla wama-20 kweyoKwindla 2025.
4.3.    Abantu abangaphezulu kwama-716 900 sele betshintshele kula makhadi amnyama e-Postbank kwaye nee-ofisi zokutshintsha amakhadi zandisiwe mbombo zone zeli lizwe ukuthintela ukuba kubekho imintyangampo yemigca ukuze wonke umntu afumane ikhadi elitsha kufutshane nale ndawo ahlala kuyo. I-Postbank ilandisile nenani labasebenzi abasefestileni kwezi ndawo kukhutshwa kuzo amakhadi basuka kubasebenzi ababini baya kutsho kubasebenzi abahlanu, kuxhomekeke kulo nto yenziwa ku-Postbank ngamnye. 
4.4.    Abantu bayakhuthazwa ukuba baye ku-Checkers, Shoprite, Pick n Pay, Usave okanye Boxer okufutshane baye kuthatha amaKhadi aMnyama akwa-Postbank abo amatsha. Kufuneka nje uphathe incwadi-sazisi (i-ID) yoMzantsi Afrika esemthethweni. Ii-ofisi ezingoomahamba-nendlwana ziza kungena ezilalini ukuyokunceda abantu. Ukongeza, u-Spar uza kukhetha iivenkile ezingama-200 kwiivenkile zakhe zenze umsebenzi wokukhupha la makhadi matsha kulo lonke eli lizwe. 
4.5.    IKhabhinethi ifuna ukukhumbuza abantu ukuba amaKhadi aGolide ka-SASSA aza kuyeka ukusebenza ngomhla wama-20 kweyoKwindla 2025 ke ngoko abantu abaza kube bengekawatshintshi amakhadi wabo ngalo mhla kuza kufuneka baye kwiPosi ekufutshane nabo ukuze bafumane imali yabo.

5.    Idabi lokuLwa uLwaphulo-mthetho

5.1.    IKhabhinethi iyamkele ingxelo yeeNkcukacha-manani zoLwaphulo-mthetho eneenkcukacha zolwaphulo-manani ezibonisa ukuhla kwiintlobo eziliqela zolwaphulo-mthetho kweli lizwe. Ikota yesithathu yonyaka-mali wowama-2024/25 ibonise ukuhla nge-9.8% kwiziganeko zokubulala, nge-3.3% kwezokudlwengula nange-3.2% kwezamalinge okuxhaphaza ngokwesondo. Kubekho nokuhla kulwaphulo-mthetho lokuqweqwediswa kweemoto nokuphangwa.
5.2.    Nangona izinga lolwaphulo-mthetho lisephezulu ngokoyikisayo, ukuhla kwezi ntlobo zolwaphulo-mthetho kubonisa ukuba amanyathelo okungenelela oMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) okwenza uMzantsi Afrika ukhuseleko enza umahluko.
5.3.    Ukulwa ulwaphulo-mthetho luxanduva lwethu sonke ukusuka kumapolisa, uluntu kunye namashishini. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba badlale eyabo indima kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho ngokuthi baxele nayiphina intshukumo yolwaphulo-mthetho kwisikhululo samapolisa esikufutshana okanye batsalele u-Crime Stop kule nombolo: 08600 10111.

6.    I-SADC Media Awards

6.1.    IKhabhinethi imema zonke iintatheli zoMzantsi Afrika ukuba zingenise amagama wazo aza kuba sethubeni lokuphumelela kwi-2025 SADC Media Awards. Umhla wokugqibela wokungeniswa kwamagama nguLwesihlanu, wama-28 kweyoMdumba 2025.
6.2.    Iintatheli ezinqwenela ukungenisa amagama zingafumana iinkcukacha ezithe vetshe ngolu khuphiswano ku-www.gcis.gov.za. Ophumelele ibhaso elikwindawo yokuqala kuhlobo ngalunye uza kufumana i-US$2500 aze ophumelele elikwindawo yesibini afumane i-US$1000. Aba baphumelele ibhaso lendawo yokuqala baza kufumana amabhaso kunye nesatifiketi ngethuba kubanjwe iNgqungquthela ye-SADC yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente eza kubanjwa ngeyeThupha 2025.

B.    Eza kutsha eziya kwiKhabhinethi

1.    Amanyathelo okuPhelisa iNgxaki kaCimi-cimi woMbane

1.1.    IKhabhinethi ifumene yaza yamkela ingxelo ngezakutshanje malunga namalinge ka-Eskom okuzisa uzinzo kumbane wesizwe emva kokuba kubekho izinto eziqubulisileyo ezichaphazela amaziko ophehlo-mbane amaninzi into leyo iye yakhokelela ekubeni kubekho ucimi-cimi wombane ukusindisa ubuxhaka-xhaka bombane wesizwe ekubeni boyisakale.  
1.2.    Ezi ziganeko zingaqhelekanga futhi zingahambelaniyo zenzeke ngomhla wama-22 kweyoMdumba 2025 zibangele ukuhla ngamandla kombane oselugcinweni. Ezi ziganeko ziquka ukuwa kombane eMajuba, ukonakala kweempompo zamanzi okupholisa e-Camden Power Station kunye nokucima kweyunithi e-Medupi.
1.3.    IKhabhinethi iyakubulela ukushukuma ngokukhawuleza kweengcali zika-Eskom zaze bakwazi ukugalela iimegawathi (MW) ezingama-4 800 apho iiyunithi ezine kwezintlanu ebeziwile eMajuba kunye nezimbini kwezine e-Camden ziye zaphinda zasebenza ngentsimbi yesi-8 ngorhatya ngomhla wama-23 kweyoMdumba 2025.
1.4.    Ngokusebenzisa isicwangciso sokubuyisela u-Eskom kuzinzo, eli ziko licinga ukuba aza kuhla amanqanaba kacimi-cimi wombane. Umsebenzi owenziwayo ngoku kukubuyisela amandla okulalelisela ebegcinwe kuvimba, ingakumbi idizili, kunye nokuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kwezi ntsuku zimbalwa zizayo. 
1.5.    Nangona bekukho le ngxakana, uyabonakala umsebenzi osele wenziwe ukunyusa umthamo wombane ophehlwayo kunye nokuqinisekisa ukuba umbane awuphazamiseki. Ukususela ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2024 ukuza kutsho kowama-20 kweyoMdumba 2025, sikhe sahlala iintsuku ezingama-323 singenayo ingxaki kacimi-cimi wombane xa sithelekisa neentsuku ezingama-32 ebesinazo kunyaka ongaphambili. Umbane wawufumaneka kangange-99% ngela xesha xa khuthelekiswa ne-9.8% kunyaka ongaphambili. 
1.6.    IKhabhinethi iqaphele ukuba kuza kongezwa i-1 600 MW xa iYunithi 6 yaseKusile iza kuqalisa ukusebenza ngomhla wesi-9 kweyoKwindla 2025 kunye neYunithi 4 yaseMedupi ekupheleni kweyoKwindla 2025 into lezo iza kuzisa uzinzo ngamandla kumbane weli lizwe.

C.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    IsiCwangciso soPhuhliso sesiGaba esiPhakathi (i-MTDP): sowama-2024-2029

1.1.    IKhabhinethi iyamkele i-MTDP yesithuba esisuka kowama-2024 ukuya kuwama-2029, esinika ingcaciso ngezinto ezingundoqo ezikhokeliswe phambili ngulo Mbuso wesiXhenxe. I-MTDP yakhelwe phezu kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), isiVumelwano sikaRhulumente weSizwe woBumbano (i-GNU), izinto ekuvunyelwene ngazo kwiMbizo yeKhabhinethi ebibanjwe ukususela ngomhla wama-29 ukuya kowama-30 kweyoMqungu 2025.
1.2.    Ukongeza, i-MTDP ifaka nezinto eziphambili ezintathu ezikhokeliswe phambili ezazithiwe thaca nguMongameli Ramaphosa ngethuba leNtetho yokuVulwa kwePalamente ngomhla we-8 kweyeKhala 2024. Esi sicwangciso siza kuba sisikhokelo samaphulo karhulumente okudala isizwe esingakhetheli mntu ngaphandle ukuzalisekisa izithembiso ze-GNU. Phakathi kwezinye iznto, ifuna ukuqinisekisa ukuba kukho uhlumo loqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, kuphungulwe izinga lentswelo-misebenzi nendlala, kunye neendleko zokuphila kwakunye nokuqinisekisa ukuba sisizwe esinezakhono, esikhokelisa phambili uphuhliso nesithembekileyo.

2.    IsiCwangciso-sikhokelo seSizwe sezoNxibelelwano (i-NCSF) sowama-2024-2029

2.1.    IKhabhinethi iyivumile ukuba i-NCSF iphunyezwe kuwo onke amaqoqo karhulumente. I-NCSF iyinxalenye yomsebenzi oqhubayo wokuphucula nokudibanisa ubuxhaka-xhaka bezonxibelelwano bukarhulumente ephela, ngelinge lokuxhasa ukuqaliswa ukusetyenziswa kwe-MTDP 2024-2029 njengoko kucacisiwe kuMgaqo-nkqubo kaRhulumente wezoNxibelelwano owamkelwa ngokusesikweni yiKhabhinethi ngowama-2018, nohlaziywayo ngoku.
2.2.    I-NCSF isabela kanye kule nto ilindelweyo yokuba unxibelelwano lukarhulumente kufuneka luvakale, luphucule indlela athenjwe ngayo ngabantu nangabatyali-zimali urhulumente, lukhuthaze ubumbano nentsebenziswano phakathi kwabantu abahlukeneyo kunye nokukhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise ulwazi ukuphucula iimpilo zabo kunye nokusebenzisa amathuba ezentlalo nawoqoqosho ngolo hlobo bafake isandla kumalinge ophuhliso lwezwe lakuthi.

3.    UkuVunywa ngokuseSikweni kwesiVumelwano samaNina noLutsha olukwiCandelo lezoRhwebo soMmandla we-Afrika ongaHlawulisani iRhafu zoRhwebo (i-AfCFTA)

3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwesiVumelwano samaNina noLutsha olukwiCandelo loRhwebo se-AfCFTA ukuze sityikitywe ngokusesikweni. 
3.2.    Esi sivumelwano sineenjongo zokuphucula amathuba okuthatha inxaxheba kwamanina nolutsha kwezorhwebo phantsi kwe-AfCFTA, kwaye sicacisa iinjongo zaso ezifana nokunceda abarhwebi abangamanina nabangabantu abatsha ukuba bathathe inxaxheba kurhwebo. Isebenzela nokuphucula ixabiso kunye nokuqamba ukwenzela ukuba unyuke umthamo weemveliso zorhwebo zamanina nolutsha ezingenayo kunye neziphuma kweli, kwakunye nokuba baqukwe kumaqumrhu engingqi naweli lizwekazi abandakanyekayo kumanqanaba ahlukeneyo orhwebo noveliso. 
3.3.    Esi sivumelwano sikwavulela nokuba kubekho amanyathelo okusiphula neengcambu ucalulo, sikhuthaza ulingwano kunye nokuqukwa komntu wonke ukuze kuqinisekiswe ukuba amanina nabantu abatsha bayawaxhamla amathuba ezorhwebo. Amanye amasolotya esi sivumelwano aquka ukususwa kwemiqobo engenxulumananga nerhafu echaphazela amanina nolutsha kwezorhwebo, ukukhuthaza ukuba bathathe inxaxheba xa kuqulunqwa imigaqo-nkqubo kunye nokuphucula amathuba wabo okufumana inkxaso-mali. 
3.4.    Esi sivumelwano kulindeleke ukuba sixhase amanina nolutsha kwezorhwebo ukuze bakwazi ukusebenzisa amathuba aza ne-AfCFTA size siqinisekise nokuba bathatha inxaxheba ngokugcweleyo kurhwebo oluphakathi kwamazwe ase-Afrika.

4.    UkuVunywa ngokuseSikweni kwesiVumelwano soMgaqo-nkqubo wezoKhuphiswano phantsi kwe-AfCTA 

4.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba singeniswe ePalamente isiVumelwano soMgaqo-nkqubo wezoKhuphiswano phantsi kwe-AfCFTA ukuze uvunywe ngokusesikweni. Esi sisivumelwano samazwe angamalungu e-AU sokuqinisekisa ukuba ukhuphiswano kweli lizwekazi lunegalelo kurhwebo, uhlumo oluquka wonke umntu, ukwakhiwa kwamashishini kunye nophuhliso oluzinzileyo loqoqosho.
4.2.    Esi sivumelwano sigxinisa ekuthinteleni izinto ezinxamnye nokhuphiswano ngokunika isikhokelo sokulungisa iingxaki eziza norhwebo oluninzi endaweni enye, ukusetyenziswa gwenxa kwamagunya kunye neminye imiba enxulumene nezokhuphiswano. 
4.3.    I-AU iyavuma ukuba ukungabikho kwemigaqo-nkqubo yezokhuphiswano yelizwekazi kungakhokelela kwimikhutyana enxamnye nokhuphiswano efana neenkampani ezipheka amaxabiso kunye nezinkulu kakhulu ezigonyamela zonke ezinye. 
4.4.    Esi sivumelwano siza kungena kuzo zonke iintshukumo zorhwebo ezikula mazwe ayinxalenye ye-AfCFTA kwaye siza kugxila kakhulu kwimikhutyana enxamnye nokhuphiswano kuquka namaqumrhu apheka amaxabiso eemveliso ehlabathi ekungekho mithetho iwalawulayo, kwakunye neminye imikhutyana enxamnye nokhuphiswano eyenziwa zinkampani ezinkulu ezingekho kweli lizwekazi.

5.    IziPhumo ezivela kwintatho-nxaxheba yoMzantsi Afrika kwiNgxoxo-mpikiswano-Jikelele yeSeshoni yama-79 yeNdibano eNkulu ye-UN (i-UNGA 79)

5.1.    IKhabhinethi iyiqwalasela yaze yayamkela ingxelo yeziphumo ze-UNGA 79 phantsi komxholo ithi: “Kungashiywa namnye ngasemva: ukusebenzisana kusilwelwa uxolo, uphuhliso oluzinzileyo kunye nesidima somntu ukwenzela esi sizukulwana sanamhlanje nesisezayo”.
5.2.    Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwiNgqungquthela ye-UN yekamva bekugxininise kumathuba okwakha ukuvisisana kwihlabathi kunye nokwenza inkqubela kwizinto ezikhokeliswe phambili ezifana neeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo. Kumazwe ase-Afrika le Ngqungquthela kufuneka igxile kumanyathelo ehlabathi okuxhasa inkqubo yezophuhliso yeli lizwekazi, i-Agenda 2063.

D.    Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Njing John Lamola uqeshwe njeGosa eliyiNtloko yesiGqeba e-South African Airways isithuba seminyaka emibini. 
2.    Njing Busani Ngcaweni njengoMlawuli-Jikele (i-DG) kwiSebe lesiKolo sikaRhulumente seSizwe (i-NSG) (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho ngeminye iminyaka emihlanu).
3.    Mnu Lindelwa Simphiwe Hamilton njenge-DG yeSebe lezoRhwebo, ezoShishino nezoKhuphiswano. 
4.    Mnu Tebogo Seokolo njengeSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): I-Afrika: kwiSebe lezobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano.  
5.    Nksz Angela Sizakele Magangoe njenge-DDG: IiNkonzo zeNtlalontle: kwiSebe lezoPhuhliso loLuntu (i-DSD).
6.    Nksz Thandeka Gloria Ngcobo njengeGosa eliyiNtloko leziMali le-DSD. 
7.    AbaLawuli abangeyoNxalenye yesiGqeba soLawulo beBhodi yethutyana ye-State Information Technology Agency 
(i)    Nksz Sedzani Mudau (uSihlalo);
(ii)    Mnu Willie Vukela (omele iSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo);
(iii)    Mnu Willie Mathebula (omele uNondyebo weSizwe);
(iv)    Adv Johannes Collen Weapond; kunye
(v)    noMnu Omega Shelembe (iSebe lezoNxibelelwano neeNtlobo zobuChwepheshe).

E.    Imisitho Ezayo

1.    INyanga yamaLungelo oLuntu

1.1.    UMzantsi Afrika ngenyanga yoKwindla uza kukhumbula iNyanga yamaLungelo oLuntu phantsi komxholo othi: “Ukukhawulezisa amalinge aya kubulungisa bezentlalo obusekelwe kumalungelo oluntu”. Imbali yeNyanga yamaLungelo oLuntu isukela kwiNyhikityha yase-Sharpeville eyayingomhla wama-21 kweyoKwindla 1960, apho amapolisa ombuso wezocalu-calulo athi adubula aze abulala abantu abangama-69 ngethuba bebambe umngcelele wogwayimbo onoxolo.

1.2.    Umonakalo obuhlungu owashiywa yimigaqo-nkqubo yombuso wocalu-calulo usabonakala nanamhlanje kwaye ukhokelele ukuba abantu abaninzi bazibone bengamaxhoba endlala ebathwaxa imihla nezolo futhi bengafumani namisebenzi. UMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996, owathi wamisela isizwe esikhululekileyo nesilawulwa ngokwentando yesininzi, uyawaxhasa amalinge okulwela ubulungisa bezentlalo ngokuthi kulungiswe izinto ezazingenabulungisa zangaphambili. 

1.3.    Lo mthetho usanda kutyikitywa unguMthetho wokuThathwa koMhlaba wowama-2024 (uMthetho 13 wowama-2024) ucacisa indlela esemthethweni negunyaziswe ngumgaqo-siseko evumela ukuba urhulumente alungise intlungu yangaphambili yokuhluthwa komhlaba kunye nentsokolo ngokwenza abantu babe namathuba alinganayo okufumana amathuba ezoqoqosho, iinkonzo ezisisiseko kunye nomhlaba.

1.4.    Imibhiyozo yesizwe yoSuku lwamaLungelo oLuntu ngomhla wama-21 kweyoKwindla 2025 iza kubanjelwa e-Constitutional Hill eRhawutini, apho zimi khona izakhiwo zeNkundla yoMgaqo-siseko yoMzantsi Afrika.

2.     I-Africa Energy Indaba 2025 

2.1.    UMzantsi Afrika uza kusingatha inkomfa, i-Africa Energy Indaba 2025 ukususela ngomhla wesi-4 ukuya kowesi-6 kweyoKwindla 2025 e-Cape Town International Convention Centre. Le nkomfa ngumsitho omkhulu kweli lizwekazi njengoko kuwo kudibana oomakhwekhwetha beli candelo kwaye inemiboniso yobuchwepheshe bale mihla beli candelo.

2.2.    Le nkomfa iza kanye ngenxesha apho icandelo lezamandla eMzantsi Afrika likhula ngesantya esiphezulu njengoko eli lizwe lisebenzela ukuba libe namandla oneleyo ukulungiselela amangomso. Kulo nyaka uphelileyo urhulumente waphumeza uMthetho-siHlomelo woLawulo loMbane, wowama-2024 (uMthetho 38 wowama-2024) ngeenjongo zokudala icandelo lezamandla elizinzileyo nelikwaziyo ukumelana nokhuphiswano neliza kukwazi ukuvelisa umthamo wamandla afunekayo kweli lizwe.

2.3.    Ekuqinisekiseni ukuba sinamandla oneleyo ukulungiselela amangomso, iiprojekthi zamandla eziza kuvelisa iigigawathi ezili-11 kulindeleke ukuba ziqala ukwakhiwa kule minyaka emithathu izayo. NgeyoMnga 2024, zibhengeziwe iinkampani ezisibhozo eziphumeleleyo ngethuba kubanjwe ifandesi ka-Bid Window 7 yeNkqubo yokuThengwa koMbane oHlaziyekayo kwiiNkampani zoMbane eziziMeleyo eziza kuthi xa zidibene zivelise umbane oli-1 760 MW.

F.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:

  • kuMphathiswa uNomakhosazana Meth ngokonyulwa abe nguSihlalo we-African Regional Labour Administration Centre.
  • kuNksz Lerato Mataboge ngokwenza imbali ngokuthi onyulwe njengeMkhomishinara we-AU weziSeko zoPhuhliso nezaMandla.
  • kuNksz Tyla Laura Seethal, odume ngelika-Tyla, imvumi yoMzantsi Afrika eyimvumi yokuqala yase-Afrika ecula iyodwa apho ingoma yakhe ezimele yodwa ethi-“Water”, engoyonxalenye yecwecwe, imanyelwe izihlandlo ezingaphaya kwebhiliyoni ku-Spotify.
  • kuMnu Wouter Kellerman, ingcali yoMzantsi Afrika ekhalisa ifleyiti noNksz Eru Matsumoto kunye noNksz Chandrika Tandon, abaphumelele i-Grammy Award ngecwecwe labo elithi Triveni.

2.    Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:

  • lukaNksz Suthukazi Arosi (obeneminyaka engama-64), imvumi, umqambi nomlinganiswa owaphumelela iimbasa. Udume ngokuba ngomnye wemilonjikazi yase-Afrika kunye nomlinganisi ophume izandla okhe wadlala kwimisebenzi yobugcisa bemidlalo yeqonga yoMzantsi Afrika emininzi.

Imibuzo: 
Nksz Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore