A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. Ezoqoqosho
1.1. Utshintsho kwa-Eskom luza ngamandla
1.1.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuqhubeka kokuphucuka kwemeko yezimali kwakunye nokusebenza kuka-Eskom kwiinyanga zokuqala ezintandathu eziphele ngeyeNkanga 2025. U-Eskom wenze ingeniso eyimali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-24.3 emva kokuba kuhlawulwe irhafu, isixa eso singaphezulu nge-37% kwingeniso yeli xesha linye ngowama-2024.
1.1.2. Ngeli xesha linye, u-Eskom khange abe nangxaki kacimi-cimi wombane, ethe yakhona ibezintsukwana nje ezine. Umbane ebenawo u-Eskom olungele ukusetyenziswa ubungama-96% ngowama-2024/25 kodwa ngoku eli nani linyukile laya kutsho ku-98%.
1.1.3. Le ndlela incumisayo asebenza ngayo u-Eskom ibonisa ubungqingqwa besicwangciso sakhe sokuzivuselela esaqulunqwa yila nkqubo yeenguqu iyi-Operation Vulindlela, izakhono ezikwizinga eliphezulu zezikhulu kunye nebhodi yakwa-Eskom, kunye nehlobo elimisileyo lokulawula loMphathiswa wezoMbane naMandla.
1.2. Uqoqosho loMzantsi Afrika luthe ngcembe nalo kangangokuba kukho uhlumo lwe-GDP nemisebenzi
1.2.1. IKhabhinethi iyamkele indlela encumisayo oluqhuba ngayo uqoqosho njengoko kubonisiwe kwiingxelo ze-GDP zeKota yesi-3 ekhutshwe liZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-StatsSA). I-GDP ikhule ngo-0.5% kule kota iphakathi kweyeKhala neyoMsintsi 2025, into leyo echaza ukuba lukhule iinyanga ezine zilandelelana. Olu hlumo luqhutywe kukuqhuba kakuhle kakhulu kwicandelo lemigodi, ezolimo kunye neenkonzo, ngokunjalo nakwelezimali, iinkonzo zikarhulumente, kunye nemizi-mveliso.
1.2.2. Uhlumo kwi-GDP kwiKota yesi-3 yowama lukhatshwe kukunyuka kwenani lemisebenzi ngemisebenzi engama-248 000, ke ngoko ukuhla kwenani labantu abangasebenziyo ngabantu abangama-360 000 njengoko bekubhengeziwe kwiziPhumo zoPhando lweKota lwezeMisebenzi.
1.2.3. Ukongeza, iYouth Employment Service (i-YES), yona evulela abantu abatsha amathuba kuqoqosho, sele idale imisebenzi engama-200 000 okokuqala ezimbalini. Ukuza kuthi ga ngoku, i-YES sele izamele imisebenzi abantu abatsha boMzantsi Afrika abangama-202 558 izingxungxo eziza kubanika amava omsebenzi kwaye ixhaswa ngamashishini abucala angamahlakani angaphezulu kwe-1 900.
1.2.4. Ukongeza, i-IMF ilinyusile izinga lohlumo oluqikelelwayo laya kutsho ku-1.3% ngowama-2025 lisuka ku-1.1%, langu-1.4% ngowama-2026, lisuka ku-1.2%.
2. Ezamazwe ngaMazwe
2.1. UMzantsi Afrika usebenzise isiKhundla sokuba nguMongameli we-G20 wakhuthaza iinkokeli zehlabathi ukuba zigxile kwi-Afrika nakuphuhliso lwamazwe aseMazantsi.
2.1.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Cyril Ramaphosa ibamba ngazibini kubemi boMzantsi Afrika ngendima abayidlalileyo ekuqinisekiseni ukuba ukuba isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 siyimpumelelo esithe saqukunjelwa ngeNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20 yakutsha nje.
2.1.2. Ngethuba uMzantsi Afrika ubambe esi sikhundla sokuba nguMongameli we-G20 uye wenza zonke iinzame ukuqinisekisa ukuba amaphupha e-Afrika ezophuhliso asematheni kwiinkokeli ze-G20 kwaye uye waqinisekisa nokuba kuvunyelwana ngeendlela eziza kususa le miqobo ithintela uphuhliso eMzantsi Afrika, e-Afrika nakumazwe asemaZantsi ehlabathi. Ngeenkcukacha ezithe vetshe ngalo mba, ngena kwiwebhusayithi ye-G20 yoMzantsi Afrika ethi: www.g20.org.za
2.1.3. IKhabhinethi iluqaphele uluvo oluvakaliswe yi-United States kutsha nje malunga nokuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kule ntlanganiso ye-SHERPA ye-G20 izayo kunye neendaba zokuba uMzantsi Afrika awuzikuvunyelwa ukuba uthathe inxaxheba kwiintlanganiso ze-G20 zowama-2026 nangona ulelinye lamalungu aseka i-G20.
2.1.4. Nangona ezi ndaba zidanisa nje, njengelinye lamazwe aseka i-G20, uMzantsi Afrika usabambele kwimibono nemigaqo ye-G20 ekhuthaza intsebenziswano. INgqungquthela ye-G20 yowama-2025 ibonakalise ukubaluleka kwentsebenziswano kunye nemibutho yehlabathi kumalinge okwakha ikamva eliqaqambileyo labo bonke abantu behlabathi.
2.2. INkokeli ze-IBSA ziyaqhubeleka nokukhokelisa phambili umba wophuhliso lwamazwe asemaZantsi ehlabathi
2.2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa ngempumelelo kweentlanganiso yeeNkokeli zelizwe i-India, iBrazil noMzantsi Afrika (i-IBSA) ngethuba leNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20. Ngethuba lentlanganiso ye-IBSA, uMzantsi Afrika uphakamise ukuba ihlaziywe intsebenziswano phakathi kwamazwe asemaZantsi ehlabathi eza kuqhuba uhlumo oluquka wonke umntu, ikhuthaze uphuhliso oluzinzileyo ize ikhawulezise iinguqu kumaziko ehlabathi ezolawulo.
2.2.2. Amazwe angamalungu e-IBSA asendaweni entle kakhulu ukukhokelisa phambili imiba ebalulekileyo yamazwe asemaZantsi ehlabathi, kuquka nokonyusa umthamo wemali yokulwa uguqu-guquko lwemozulu, ukunyusa umthamo wokutya okuveliswayo nokuphuculwa kweenkonzo zezempilo, ukuxhasa imfundo yesigaba esisiseko kunye nokuqokelela izimali zokuphungula imingcipheko yeentlekele.
2.3. Intlanganiso yeKhomishini yesi-4 yaMazwe amaBini (i-BNC) phakathi koMzantsi Afrika neMozambique igxila ekukhawuleziseni ukuphunyezwa kwezigqibo ze-BNC
2.3.1. UMongameli Cyril Ramaphosa ebekhokele igqiza loMzantsi Afrika ebeliye kwintlanganiso yeKhomishini yesi-4 yeKhomishini yamaZwe amaBini anguMzantsi Afrika neMozambique eMaputo, eMozambique.
2.3.2. Le BNC yesi-4 iye yafikelela kwisivumelwano ngezigqibo ezingama-99 ngamaxesha amawasikelwe ukufezekiswa kwazo kwimimandla esuka kwintsebenziswano kwezoqoqosho nophuhliso, kwintsebenziswano kwezozakuzo, ezokhuselo nokhuselo, kunye nophuhliso lwezentlalo.
2.3.3. UMongameli Ramaphosa kunye noMongameli Chapo bayalele abaPhathiswa bala mazwe mabini ukuba baqinisekise ukuba kukho indima ebonakalayo malunga nokuphunyezwa kwezigqibo ze-BNC yesi-4. Umsebenzi owenziweyo malunga nokuphunyezwa kwezigqibo kuza kunikwa ingxelo ngawo kwintlanganiso ye-BNC yesi-5 eMzantsi Afrika.
2.3.4. Aba Mongameli babini bebechophele nomcimbi wokuphelelwa ngokusesikweni kwe-Sasol Hydrocarbons Processing Integrated Infrastructure kwiDolophu yase-Inhassoro, kwiPhondo lase-Inhambane ngomhla wesi-3 kweyoMnga 2025.
3. EzoKhuselo noKhuseleko
3.1. Ukuphumela idabi lokulwa uLwaphulo-mthetho njengoko iinkcukacha-manani zibonisa ukuhla kweentlobo zonke zolwaphulo-mthetho
3.1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuhla kwezinga lolwaphulo-mthetho kuzo zonke iintlobo zolwaphulo-mthetho ngokwengxelo ekhutshwe nguMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) yekota yokuqala neyesibini yonyaka-mali wama-2025.
3.1.2. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho, zesithuba esiphakathi kwekaTshazimpunzi neyoMsintsi 2025, zibonisa ukuhla kakhulu kulwaphulo-mthetho oluhambisa umzimba nolunobundlobongela, kangangokuba izinga lokugwintwa kwabantu lihle kakhulu. Izinga lokubulawa kwabantu lihle ngo-6.5% kwikota yokuqala nango-11.5% kwikota yesibini.
3.1.3. IKhabhinethi izothulela umnqwazi ii-arhente zogcino-mthetho ngokuqhubeleka nokusebenza nzima kwaye imemelela isizwe ukuba naso sifake isandla kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho.
A. Izigqibo zeKhabhinethi
1. Isicwangciso sokuphunyezwa kwephulo loHlumo nokuQuka wonke umntu
1.1 IKhabhinethi isivumile isicwangciso sokuphunyezwa kwephulo lohlumo nokuqukwa komntu wonke izinto ezo zisekelwe kwizinto ezikhokeliswe phambili kwisiCwangciso soPhuhliso sesiGaba esiPhakathi salo Mbuso wesi-7.
1.2 Ezi zicwangciso zineenjongo zokuba igxile futhi ihambelane inkqubo yokuphumeza amanyathelo abalulekileyo okungenela kuphuhliso loqoqosho asekelwe phantsi kwamalinge ahlukeneyo.
1.3 Ezona ntsika zingundoqo zesi siCwangciso zezi:
1.3.1 Iinguqu kwezoqoqosho ukulungisa izinto ezingundoqo
1.3.2 Iinguqu kurhulumente ukuze kwakhiwe umbuzo osebenzayo
1.3.3 Iinguqu kuMgaqo-nkqubo wezoShishino ukuze kuzingelwe imimandla emitsha yohlumo
1.4 Ukuphunyezwa kuqala ngendlela egxililieyo kuza kwenza esi siCwangciso sibe ngempumelelo njengenkqubo yeeNguqu kwiNdlela olume ngayo uqoqosho ephantsi kwe-Operation Vulindlela.
2. IsiCwangciso sokuPhumeza isiCwangciso-qhinga seziMbiwa eziNqabileyo (i-CMS) soMzantsi Afrika
2.1 IKhabhinethi isiVumile isiCwangciso sokuPhumeza isiCwangciso-qhinga seziMbiwa eziNqabile, esicacisa isicwangciso sokusebenzisa amathuba eza nobutyebi bendalo obusukela kwinto yokunyuka kwezinga lokuthengwa kwezimbiwa ezinqabileyo ngenxa yokuba zisetyenziswa kakhulu kubuchwepheshe bale mihla, kwezokhuselo, kwezempilo, kwii-eletronikhi ezisetyenziswa luluntu, kunye nezixhobo zombane zezithuthi, phakathi kwezinye izinto.
2.2 Esi sicwangciso sokuphumeza siza kugxila kwiintsika ezintandathu, ezizezi: (i) icandelo lezokuzoba iimephu nokuzingela izimbiwa, (ii) ukuzenza zibe nexabiso futhi zicolwe apha ekhaya, (iii) uphando, uphuhliso nobuchule bokuyila, (iv) iziseko ezingundoqo namandla ombane oneleyo, (v) imali-mboleko, (vi) ukuhambelana kwemithetho
2.3 Ukuqaliswa kokusetyenziswa kwesiCwangciso-qhinga seziMbiwa eziNqabileyo kuza kuba negalelo kuhlumo loqoqosho nakumaphulo okudala imisebenzi.
3. IPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezobuMmi, uFuduko nokuKhuselwa kweeMbacu (i-CIRP) eliluYilo oluHlaziyiweyo
3.1 IKhabhinethi ilivumile iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezobuMmi, uFuduko nokuKhuselwa kweeMbacu (i-CIRP) ukuba luye kuhlalutywa kwiindibano zoluntu zovakaliso-zimvo.
3.2 Olu hlaziyo lakhela kwiPhepha lokuGqibela eliCacisa i-CIRP elavunywa yiKhabhinethi ngowama-2024, kufakelwa amasolotyana athile kunikwa neengcaciso esisikhokelo ekhoyo kweli lokuqala.
3.3 Izinto ezingamandla ezongezelwe ziquka ukufakwa kwezindululo ezivela kwingxelo ye-Operation Vulindlela ngeenguqu ezikumgaqo-nkqubo wee-visa; kunye nengcaciso kunye neenkcukacha ukwenzela ukube kube lula ukuyisebenzisa imigaqo-nkqubo yezofuduko neyobummi.
3.4 Eli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo lifuna ukuba kubekho indlela elungeleleneyo yale mihla esetyenziswayo kwimiba yezobummi, ufuduko kunye nokukhuselwa kweembacu ehambelanayo nophuhliso lwesizwe, kunye nezinto ezibalulekileyo kukhuseleko lwesizwe kuquka nokuba imbacu ifune kuncedo kwilizwe elikhuselekileyo efike kulo kuqala.
4. IiNgxelo zeNkqubela eziKhutshwa Kabini ngoNyaka zesiCwangciso soPhuhliso zesiGaba esiPhakathi
4.1 IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalasela iingxelo ngenkqubela ezikhutshwa kabini ngonyaka malunga nokuphunyewa kwesiCwangciso soPhuhliso sesiGaba esiPhakathi (i-MTDP) sesithuba esiphakathi kukaTshazimpunzi neyoMsintsi 2025.
4.2 Ezi ngxelo zinike isishwankathelo somsebenzi owenziwe ngamasebe karhulumente kwisithuba seenyanga ezintandatho, sisalatha iindawo ezibonakalise ukugqwesa kwakuye nezo zinokuqhwalela. IKhabhinethi izixoxile ezi ziphumo yaze yagqiba kwelokuba kufuneka kugxininiswe kumba wokuphumeza.
4.3 Ezinye iintlanganiso eziza kunika ingxelo enzulu ziza kubanjwa nguMphathiswa wezoCwangciso, ukuHlola nokuVavanya, kunye nabo bangoosihlalo ngokubambisana beeNtlanganisela zeKhabhinethi.
5. IsiCwangciso-qhinga seSizwe sokuKhawulezisa amaNyathelo Abantwana (i-NSAAC)
5.1 IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga seSizwe sokuKhawulezisa amaNyathelo Abantwana (i-NSAAC), esisicwangciso esineenjongo zokukhawulezisa inyathelo lokulwela intlalontle yabantwana kunye nabo basafikisayo kuMzantsi Afrika uphela.
5.2 Esi sicwangciso-qhinga siza kugxila kumba wokuqinisekisa ukufumaneka kokutya kubantwana bonke; ukuvulela iimeko eziza kukhuthaza ulwimi nokufunda kuye wonke umntwana; ukukhusela abantwana nabo bakwinqanaba lokufikisa ngokuphungula ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi; ukuhlolwa kwabantwana ngokukhawuleza baze abo banengxaki yokuva ngeendlebe nokubona ngamehlo bathunyelwe koogqirha baze abantwana benziwe bazive bebalulekile.
5.3 Esi sicwangciso-qhinga sigxininisa umba wentsebenziswano nokubambisana ngoxanduva ukuqinisekisa ukuba wonke umntwana unalo ithuba lokuntinga. Uluntu lungasifumana esi siCwangciso-qhinga (i-NSAAC) ku-www.dsd.gov.za
6. IsiCwangciso seSizwe sokuThatha iNyathelo laBantwana (i-NPAC) sowama-2025 – 2030 sesi-5
6.1 IKhabhinethi iyivumile i-NPAC 2025-2030 yesi-5 eza kuqinisekisa ukuphunyezwa kwe-NSAAC. Esi sicwangciso-qhinga siqiqisisiweyo sokulungisa umba wamalungelo, iimfundo kunye nempilo yabantwana beli lizwe. Esi sicwangciso sihambelana nezicwangciso-qhinga zehlabathi, ingakumbi isiVumelwano se-UN samaLungelo oMntwana kunye nemithetho yesizwe, kuquka uMgaqo-siseko kunye noMthetho waBantwana wowama-2005.
6.2 Isakhela kumsebenzi osele wenziwe ukususela ngowe-1996, le NPAC yesi-5 inika isikhokelo esibanzi sokukhusela nokulwela amalungelo abantwana, izithathela ingqalelo neengxaki ezithe gqolo ngeli thuba singqina ukuzibophelela kukarhulumente kumba wokudala ikamva ukwenzela abantu abangabona basokola kakhulu beli lizwe.
6.3 Imiba ekuza kugxininiswa kuyo iquka ukuxhobisa wonke umntwana njengommi onamalungelo nothatha inxaxheba; ukuphucula iinkqubo nentsebenziswano ukuqinisekisa ukuba umntu ukhula kwiinkalo zonke; ukulungisa imiba ekhokeliswa phambili ephucula impilo, imfundo, ukhuseleko nokuqukwa ngokwezentlalo.
6.4 I-NPAC ixoxa nangomba wentsebenziswano phakathi kukarhulumente kunye namahlakani ukuqinisekisa ukuba bonke abantwana bayahlonitshwa, bayaxhotyiswa futhi banikwa izixhobo zokuba baqhube kakuhle ebomini.
7. INkqubo yokuSebenza ukuLwa ubuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwamaNina (i-GBVF)
7.1 IKhabhinethi iyivumile iNkqubo yokuSebenza yokulwa i-GBVF, kuquka nesicwangciso sokuhanjiswa kweenkonzo kunye namaqumrhu aza kubandakanyeka aza kukhokela isizwe siphela ukulwa esi sihelegu.
7.2 Le Nkqubo yokuSebenza ibanzi igxila kumba wokuphunyezwa kwezinto ezintlanu ezikhokeliswe phambili:
a. Ukuthintela kunye nokwakha ngokutsha intsebenziswano phakathi kweentlanga ezahlukeneyo: Ukugxininisa kwintlungu yokuqheleka kobundlobongela ekuhlaleni nokulungisa ezi zinto zinguyena nobangela. Kuza kwenziwa amalinge athe kratya ukubandakanya amadoda namakhwenkwe kwiingxoxo zokuthintela ukuze kuliwe ezi zinto zinobungozi nengxaki yogonyamelo lwamadoda.
b. Ukukhuselwa okungqingqwa zi-arhente zogcino-mthetho, ukhuseleko kunye nobulungisa: Injongo yoku kukuphucla inkqubo yeenkundla ukuqinisekisa ukhuselelo kumaxhoba nokuba afumana ubulungisa. Ukwandiswa kwamaziko alungele kanye imeko yamaxhoba kunye nee-ofisi ezivumelwe i-GBV kuphela kwizikhululo zamapolisa njengenxalenye yeli linge.
c. Inkxaso egxininisa kumaxhoba: Oku kufuna ukuqinisekisa ukuba amaxhoba afumana iinkonzo ezisemgangathweni ophezulu kwicandelo lezobulungisa, elezempilo nelezemfundo. Kugxininisa kwiinkqubo ezihlangeneyo ezikhokelisa phambili isidima, ukululeka kunye nokuxhobisa ngolo hlobo kuqinisekiswe ukuba amaxhoba afumana uncedo nonakelele olugcweleyo bengakhange bacalulewe okanye kubekho ulibaziseko.
d. Unxibelelwano ukuFakana imiLomo namahlakani namaphulo okufundisa: Oku kugxininisa kumba weengunqu kwizinto ezisisiqhelo zentlalo kuwo onke amanqanaba ngokuhambisa imiyalelo ngendlela engatshintsha-tshintshiyo nesekelwe kubungqina. Le ifuna ukuphikisana nezi zimvo ziyingozi, kusetyenzelwe ulingwano ngokwesini, nokukhuthaza uluntu ukuba luthathe inxaxheba kumaphulo okulwa i-GBVF.
e. Imeko yamaziko: Oku kuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olungqingqwa futhi kuyaphendulwa ngemisebenzi kuso sonke isizwe. Isimbonono sokuba kubekho iinkokeli ezinomqolo, ezisebenzisanayo kunye nendima ecacileyo edlalwa ngamaqumrhu ukuze kuqaliswe umsebenzi wokuphumeza, kubekwe phantsi kweliso inkqubela kunyanzeliswe ukuphendulwa ngokomsebenzi.
7.3 Amaxhoba obundlobongela ayakhuthazwa ukuba asebenzisa inombolo esebenza ubusuku nemini yeZiko leMibuzo lobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini: 0800 428 428 adize ukuxhatshazwa kunye nokufumaneka kweenkonzo zenkxaso.
8. UMgaqo-nkqubo weSizwe oseluYilo wokuVuleleka kweNzululwazi (i-OSP)
8.1 IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo weSizwe oseluYilo wokuVuleleka kweNzululwazi (i-NOSP), osisikhokelo seli lizwe esiza kusetyenziswa kumba wokuVuleleka kweNzululwazi. UkuVuleleka kweNzululwazi kubhekisa kwinkqubo yokwenza uphando ngezenzululwazi, ngeenkcukacha-lwazi kunye neenkqubo zifikelele eluntwini nakwicandelo lezenzululwazi ngokubanzi.
8.2 Lo mgaqo-nkqubo ufuna ukuba izinto zenziwe elubala, kubekho iintsebenziswano kunye nobuchule bokuyila kuphando ngezenzululwazi, ngeli thuba kulungiswa izinto ezibalulekileyo zesizwe nokuzenza zihambelane nendlela ekuqhutywa ngayo lihlabathi.
8.3 Eyona njongo iphambili kukunyusa umthamo weengxelo zophando eziveliswayo, kuquka iziphumo zophando, ukupapashwa kwezo ziphumo, iinkcukacha-lwazi kunye nezixhobo ezisetyenziswa zingcali zophando nezoqulunqo lwemigaqo-nkqubo, ngabafundi kunye noluntu.
8.4 Lo mgaqo-nkqubo ukhuthaza ukusebenzisana kweengcali zalapha eMzantsi Afrika kunye nezehlabathi nezeli lizwe, kunye nokutyikitywa kwezivumelwano zentsebenziswano neengcali zehlabathi kusetyenziswa iinkcukacha-lwazi ezivuleleke kumntu wonke.
8.5 Ngokukhuthaza ukwenzelwa kwezinto elubala kunye nokuqukwa komntu wonke, i-OSP evunyiweyo inceda uMzantsi Afrika ukwazi ukuqhubela phambili uphando ngezenzululwazi nobuchule bokuyila zinto ezo ziza kuxhanyulwa sisizwe.
9. INgxelo ngoMsebenzi weNkqubo yesiBonelelo seRhafu soPhando noPhuhliso (i-R&D) soNyaka-mali wowama-2022/2023
9.1 IKhabhinethi iyivumile ingxelo yomsebenzi ye-R&D yowama-2022/23 ukuba yandlalwe ePalamente.
9.2 Urhulumente ukhupha isibonelelo serhafu se-R&D ngokweCandelo 11D loMthetho weRhafu yeNgeniso wowe-1962 ukukhuthaza icandelo labucala ukuba liqhube i-R&D. Esi sibonelelo sisaphulelelo esiyi-150% kwinkcitho evuyinyiwe ethe yenzeka ngenxa yezinto ezinxulumene ne-R&D, into leyo esenza ukuba esi sibonelelo sibe sesona sihle kakhulu kwihlabathi liphela.
9.3 Ngowama-2022/23, le nkqubo ifumene izicelo ezingama-188 ezivela kwiinkampani ezingama-77 ezibekele bucala imali yenkcitho eyibhiliyoni yerandi eyi-1.5 xa iyonke. Uninzi lwezi zicelo bezivela kwiinkampani ezinkulu ezenza ingeniso engaphezulu kwezigidi zeerandi ezili-100 nangaphezulu.
9.4 Ezona zicelo zininzi bezivela eGauteng, kulandele ezivela eNtshona Koloni naKwaZulu-Natal.
10. ImiThetho eseluYilo eNxulumene namaZiko angamaZiko oPhando eSizwe kunye nemiThetho eLawula ukuBhengezwa njengeZiko loPhando
10.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwemiThetho eseluYilo malunga nokuSekwa kunye noLawulo lwamaZiko oPhando eSizwe (ii-NRF) kunye nemiThetho eseluYilo malunga nokuBhengezwa kwamaZiko oPhando ukuze uluntu luhlomle.
10.2 Le mithetho iza kunika isikhokelo ngendlela yokubona amaziko ophando afanelekileyo kusenzelwa iinjongo zophando, ukuhambelana nezinto ezibalulekileyo kwisizwe, ukwabelwana ngeenkcukacha-lwazi kunye nokubeka iliso.
10.3 Esi sikhokelo sineenjongo zokukhangela amaziko aqhuba uphando egunyaziswe ngurhulumente, aneziseko ezingundoqo ezifanelekileyo, anezakhono, iingcali kunye neenkonzo ezincedisa kwiNkqubo yeSizwe yoYilo, ukuxhasa iinkqubo yesizwe yophando, ize incedise ekuzalisekiseni umsebenzi woMbutho weSizwe woPhando (i-NRF).
10.4 Le miThetho icetywayo ineenjongo zokuphucula ulawulo nokuqinisekisa ukuba amaziko ophando adlala indima ebalulekileyo ekukhokeleni amaphulo ophando nokuxhasa imibono yezophuhliso yoMzantsi Afrika.
B. ImiThetho eyiLwayo
1. UMthetho oYilwayo oseluyilo weRhasi, wowama-2025
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo oseluyilo weRhasi, wowama-2024 ukuba uphicothwe. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukuguzula uMthetho weRhasi wowama-2001 uze nemithetho yeli xesha eza kuquka nezinto ezintsha ezenzeke kubuchwepheshwe kwicandelo lokuhanjiswa kunye nokugcinwa kwerhasi.
1.2. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukulungisa ezi ngxakani kwakudityenwe nazo ngethuba kuphunyezwa futhi kunyanzeliswa nokuthotyelwa kwalo Mthetho ukhoyo ngokunceda uMzantsi Afrika ukwazi ukulawula ngcono irhasi yawo neziseko ezingundoqo zayo kusetyenziswa ezi nkqubo zisetyenziswa lihlabathi nangendlela eza kuzithathela ingqalelo izinto ezibalulekileyo kweli lizwe.
1.3. Lo Mthetho uYilwayo uza kunika iQumrhu leSizwe elilLawulo Amandla loMzantsi Afrika amagunya okubeka, ukuhlola nokulawula imali yokuhanjiswa kombane, inkqubo yokubhalisa kunye nokubeka amaxesha afanelekileyo ahlalwa yilayisenii.
1.4. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukufakela amasolotya aza kwenza ukuba zenziwe endaweni enye izicwangciso ezinxulumene nokuthiwa kwerhasi kumaziko abaluleke kakhulu ekuthengweni kwerhasi kumazwe angaphandle nokuhanjiswa kwerhasi eyimithamo emikhulu ukuqinisekisa ukuba eli lizwe linamandla oneleyo.
2. UMthetho oYilwayo wamaKhondo eNzululwazi yeNdalo, wowama-2025
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wamaKhondo eNzululwazi yeNdalo, wowama-2025, ukuze uluntu luhlomle. Eyona njongo iphambili yalo Mthetho uYilwayo kukuhlaziya nokungena endaweni yoMthetho wamaKhondo eNzululwazi yeNdalo wowama-2023 olawula amakhondo enzululwazi yezendalo kweli lizwe.
2.2. Lo Mthetho uYilwayo useluyilo uza nomthetho omtsha wendlela yokubhalisa, imithetho, imigangatho yokuthembeka kunye nomhlaba onyathelwa ngoosonzululwazi bezendalo ngeenjongo zokuphucula ulawulo lube lwale mihla lweli khondo, kuqinisekiswe ukuba luhambelana nendlela ekuqhutywa ngayo kule mihla kwicandelo lezenzululwazi nakwihlabathi.
C. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kwaba balandelayo:
1.1 Mnu Nkhumeleni Victor Vele njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) kwiSebe lezoKhenketho (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho).
1.2 Mnu Mbulelo Service Tshangana njenge-DG yeSebe loLawulo ngeNtsebenziswano neMicimbi yeMveli (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho).
1.3 Nks Mammetse Masemola njengeNtloko ye-Infrastructure South Africa kwiSebe leMisebenzi kaRhulumente neziSeko ezinguNdoqo,
1.4 Mnu Riaan Botha njengeSekela-DG: Facilities Management kwiSebe leziMisebenzi kaRhulumente neziSeko ezinguNdoqo.
2. IKhabhinethi nayo ivumelene nokuqeshwa kwaba balandelayo:
2.1 Mnu Themba Ngubeni njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) eMzimvubu Tsitsikama Catchment Management Agency,
2.2 Mnu Nkhetheleni Norman Ngidi njenge-CEO ye-Film and Publication Board
2.3 Mnu Makgatho Mello njengoMlawuli oPhetheyo kwi-State Information Technology Agency,
2.4 IKhabhinethi ivumelene nokuqeshwa kwezi Bhodi zilandelayo:
B. UMlawuli weBhodi ka-Eskom.
(i) Nks Thandeka Zondi-Mthembu
C. IBhodi ye-National Radioactive Waste Disposal Institute:
(ii) Nks Thuli Mokgele; kunye
(iii) no-Adv. Matefo Joyce Majodina.
D. AbaLawuli abengeyoNxalenye yesiGqeba kwiBhodi ye-South African Maritime Safety Authority:
(i) Adv. Vusumzi Sihawu (uSihlalo),
(ii) Mnu Mervyn Burton (uSekela-Sihlalo),
(iii) Gq Owen Peter Muller Horwood,
(iv) Mnu Sandile Keswa,
(v) Gq Natalie Skeepers, kunye
(vi) No-Adv Nosipho Sobekwa.
E. Amalungu eBhodi ye-Central Energy Fund (i-CEF):
(i) Adv. Lindelwa Nobantu Nziba,
(ii) Mnu Niel Jansen, kunye
(iii) noMnu Persely Msingathi Madokwe.
F. Amalungu agcweleyo nangxungxayo kwi-National Energy Regulator of South Africa:
(i) Nks Ria Govender (uSekela-Sihlalo),
(ii) Mnu Willibrod Majola, kunye
(iii) noNks Nomfundo Maseti.
G. Amalungu eCompanies Tribunal:
(i) Jaji Mohammed Navsa,
(ii) Jaji Kathleen Satchwell,
(iii) Jaji Robert Nugent,
(iv) Jaji Boissie Henry Mbha, kunye
(v) noJaji Visvanathan Ponnan.
H. Amalungu e-South African Council for Space Affairs:
(i) Adv. Luthando Simphiwe Mkumatela (uSihlalo),
(ii) Gq Maria Ria Nonyana-Mokabane (uSekela-Sihlalo nomele i-dtic);
(iii) Adv. Icho Kealotswe-Matlou
(iv) Mnu Shafique Amid Dean Allie;
(v) Mnu Kebeditswe Medupe;
(vi) Mnu Sydney Linden Petzer;
(vii) Mnu Vincent Molawa Ngoetjana;
(viii) Gq Reshma Mathura;
(ix) Mnu Nhlanhla Michael Mabaso;
(x) Mnu Itumeleng Makola (omele i-DSTI);
(xi) Gq Sarisha Harrylal;
(xii) Nq Yolanda Nxumalo;
(xiii) Mnu Flenk Mnisi (omele i-DCDT)
(xiv) Colonel Tamara Thomas-Herwels (omele i-DoD); kunye
(xv) noMnu Levers Mabaso (omele i-DOT)
I. Amalungu eBhodi yeLand Affairs:
(i) Nks Lusanda Nomasongo Netshitenzhe (uSihlalo);
(ii) Nks Precious Hlengiwe Makoe (uSekela-Sihlalo);
(iii) Adv. Anthonie Michael Viviers;
(iv) Mnu Pierre-Jeanne Alexander Gerber; kunye
(v) noMnu Tsietsi Hamilton Madonsela.
J. Amalungu e-Amatola Water Board:
(i) Gq Gaster Sharpley (uSihlalo),
(ii) Nks Litha Charlotte Geza (uSekela-Sihlalo),
(iii) Nks Noxolo Phoebe Abraham,
(iv) Mnu Mxolisi Sibam,
(v) Nks Siphumezile Thuthuka Songelwa,
(vi) Mnu Simnikiwe Xawuka,
(vii) Nks Nomfundo Princess Douw-Jack,
(viii) Mnu Bhekuyise Henry Makedama,
(ix) Nks Nondumiso Pumela Ngonyama,
(x) Nks Sinovuyo Ngumbela, kunye
(xi) noMnu Trevor Balzer.
K. Amalungu eBhodi ye-Sentech:
(i) Mnu Themba Phiri (uSihlalo – le minyaka ishiyekileyo ekwesi sikhundla)
(ii) Gq Silvia Sathekge,
(iii) Gq Lebogang Mphahlele-Ntsasa
L. IBhodi yabaCebisi be-Compensation Fund:
(i) Nks Dinao Lerutla (uSihlalo)
(ii) Nks Unathi Nosipho Mdledle-Mkize
(iii) Mnu Ernest Thabo Thipa
(iv) Nks Nolitha Pietersen
(v) Nks Milly Ruiters
(vi) Mnu Thembinkosi Mkalipi
(vii) Mnu Mohamed Carrim
(viii) Nks Leevendree Pillay
(ix) Mnu Jan Mahlangu
(x) Nks Mulalo Murudi
(xi) Nks Mamokete Roseline Mokoena Hadebe
(xii) Nks Frieda Monyane Mudau
(xiii) Nks Masedi Lonkokile
(xiv) Mnu Duncan Luvuno
(xv) Mnu Janek Wilimiec
(xvi) Mr Fani Xaba
(xvii) Nks Tertia Ndlovu
(xviii) Gq Nothando Moyo
(xix) Nks Kresantha Pillay
(xx) Mnu Sudeshan Pillay
(xxi) Gq Tshepo Moses Sebibe, kunye
(xxii) noMnu Kevin Cowley.
M. Ukuqeshwa kooSihlalo beeSETA kunye namaGosa Aphendulayo
i. Njing. Puffy Soundy (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezoLimo - i-Agri SETA)
ii. Gq Ntombana Sekgaphane (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezeeBhanki – i-Bank SETA)
iii. Nks Karabo Mhlongo-Mbele (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezeNkcubeko, ubuGcisa, ezoKhenketho, ezokuTenda – i-CATHS SETA)
iv. Nks Tsakani Beatrice Nkambule (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lamaShishini ezamaChiza – i-CHIETA)
v. Gq Olwethu Siphuka (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo leMfundo, uQeqesho kunye neeNkqubo zoPhuhliso – i-ETDP SETA)
vi. Nks Morwesi Ramonyai Thonga (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezaMandla naManzi – i-EW SETA)
vii. Gq Dala Prittish (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo leziMali neeNkonzo zoBalo-mali – i-FASSET)
viii. Mnu Siyabulela Ngcukana (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lokuVeliswa kokuTya neziSelo – i-FoodBev SETA)
ix. Nks Theresa Otto (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lokuColwa nokuVeliswa kweFayibha (imiSonto) – i-FP&M SETA)
x. Gq Nomsa Mnisi (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezeMpilo neNtlalontle – i-HWSETA)
xi. Nks Refilwe Matenche (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo le-Inshorensi - i-InSETA)
xii. Njing Hoosen Rasool (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezeMizi-mveliso, ubuNjineli neeNkonzo eziNxulumene – i-MERSETA)
xiii. Nks Emma Mphahlele (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lamaJelo eeNdaba, ubuChwephe boLwazi noNxibelelwano – i-MICT SETA)
xiv. Gq Nomusa Zethu Qunta (iQumrhu leziQinisekisa zeMfundo zezeMigodi – i=MQA)
xv. Gq Kenneth Maimela (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo likaRhulumente – i-PSETA)
xvi. Mnu Chris Setlhako (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezoKhuselo noKhuseleko – i-SASSETA)
xvii. Mnu Themba Dlamini (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezoThutho – i-TETA), kunye
xviii. noMnu Thulani Tshefutha (iQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezeeVenkile eziNkulu neziThengisa ngeziXa eziKhulu – i-W&RSETA)
D. Ezintsha eziya kwiKhabhinethi
1. Amaphulo amakhulu amabini okwakhiwa kwezindlu eGauteng
1.1. IKhabhinethi ivile ngomsebenzi osele wenziwe malunga namaphulo amabini okwakhiwa kwezindlu eGauteng. La maphulo aza kwakha amakhaya amalunga nama-68 000 eLufhureng (kwisiXeko saseRhawutini naseMooikloof (kwisiXeko saseTshwane).
1.2. Iphulo laseLufhereng ayilophulo lokwakha nje izindlu koko lelokwakha indawo enezinto zonke ezilulutho kwintlalo nakuqoqosho eziquka izikolo, izikolo-mpeleso, iiklinikhi, iindawo zokunqula, iindawo zokudlala, iindawo ezivulelekileyo, amashishini kunye neendawo zokurhweba nezolonwabo. Ubuncinane, eLufhereng kuzakwakhiwa izindlu ezingama-32 636. Iphulo laseMooikloof Mega Residential Development lona lizakwakha izindlu ezimalunga nama-50 000.
1.3. Ezi projekthi kulindeleke ukuba zidale imisebenzi eliqela ngethuba kuqhutywa umsebenzi wokwakha nokugqitywa kwawo, lize lincedise nakuphuhliso lwamashishini amancinci kunye nohlumo loqoqosho lwale ngingqi, into ezo zibaluleke kakhulu kweli lizwe lixakene nengxaki yentswelo-misebenzi nokungalingani.
2. INgxelo yezaLathisi zeNzululwazi, ubuChwepheshe noYilo (i-STI) loMzantsi Afrika, iziphumo zowama-2025.
2.1. IKhabhinethi iziqaphele iziphumo zeNgxelo yezaLathisi ze-STI kunye nezinto ezingundoqo egxininisa kuzo. Le ngxelo ibonisa ukuba uMzantsi Afrika unecandelo lezenzululwazi noyilo elizinzileyo. Imisebenzi yeli candelo ayikho ndawonye, ithe saa kurhulumente, kwiingcali zophando, kumashishini nakwimibutho yoluntu.
2.2. Le nto yokungabikho ndawonye kwale misebenzi, idibane nokungaxhaswa ngokwaneleyo ngemali, kunye nokungakwazi kweli lizwe ukutshintsha iziphumo zamaphulo ophando zenze iimveliso ezinokuthengiswa okanye izinto ezintsha eziluncedo kuluntu.
2.3. Le ngxelo icebisa ukuba ahlangane urhulumente, amaziko ophando, amashishini kunye nemibutho yoluntu ukuze kubekho utyalo-mali oluya kwiNzululwazi, ubuChwepheshe nooYilo (i-STI) apho kuza kubakho iindlela zokufezekisa eziza kunceda ukuba iziphumo zophando zibe nezinto eziyinzuzo kuqoqosho nakwintlalo, ngolo hlobo kuphuculwe isakhono soMzantsi Afrika sokukwazi ukukhuphisana nehlabathi.
3. Amalungiselo amaZiko eMfundo ePhakamileyo noQeqesho
3.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngendlela aqhuba ngayo amalungiselo ecandelo leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (i-PSET). Ixesha lokungeniswa kwezicelo zowama-2026 ebelivulwe kwiintsukwana ezingaphambili kunala aleminyaka ingaphambili – livalwa ngomhla we-15 kweyeNkanga 2025.
3.2. Iinkqubo zokuqinisekiswa kweenkcukacha okwenzeka ngoko nangoko ngoku zidityaniswe kwiSebe leMicimbi yezeKhaya, kwiZiko leRhafu loMzantsi Afrika (u-SARS) kunye ne-Arhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zeNtlalo (u-SASSA) ukuze imivuzo yekhaya nemeko yobummi iqinisekiswe ngoko nangoko. Ukwenza ngqingqwa iinkqubo zokuthintela ubuqhophololo, kuqaliswa inkqubo yokuba abantu baze bona buqu bazo kujongwa kuze kusetyeniswa ne-biometric.
3.3. Ukungeza, i-NSFAS iza kuba namagosa wayo aza kuba kwiziko lemfundo ephakamileyo noqeqesho ngalinye ngethuba kubhaliswa ukunceda la maziko kunye nabafundi ngeengxaki ezinxulumene nemali yokufunda.
3.4. Iziko elikhethekileyo liza kuvulwa kwaye liza kuba nabantu abaphuma kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho, i-NSFAS, amaziko emfundo ephakamileyo kunye nemibutho yabafundi. Eli ziko liza kubamba iintlanganiso rhoqo ngeveki ukuhlalutya imingeni ekhoyo kuze kungenelelwe xa kukho imfuneko.
3.5. Ukongeza, i-NSFAS inike ingxelo ngezakutsha nje malunga nendlela ekuza kunxityelelwana ngayo nabafundi ukuze kuqinisekiswe ukuba bafumana ulwazi ngokukhawuleza ku-intanethi, ngomnxeba okanye ngokwabo buqu.
4. Uzinzo lweSikimu seSizwe sokuXhasa Abafundi ngeMali yokuFunda (i-NSFAS)
4.1 IKhabhinethi ifumene yaze yayiqaphela ingxelo ngemeko yokuxhaswa kwabafundi ngemali yokufunda kunye nozinzo luka-NSFAS. IKhabhinethi iziqaphela iingxaki ezikhoyo kweli ziko ezilubeka emngciphekweni uzinzo lwayo kunye nokuthembeka kwalo yaze yavuma ukuba aqaliswe amanyathelo okuzisa uzinzo kweli ziko, kuquka nokuphucula ulawulo kunye ne-ICT yayo, kwakunye nendlela ekhutshwa ngayo imali.
4.2 IKhabhinethi iwamkele umsebenzi osele wenziwe malunga nokufakana imilomo namahlakani angundoqo kuye wonke urhulumente, kumaziko emfundo ephakamileyo, imibutho yabafundi kunye neyabasebenzi. Kuye kwavunyelwana ukuba kufuneka iqukunjelwe indlela entsha ezinzileyo yokuxhasa abafundi ngemali yokufunda ekuqaleni kowama-2026, kugxilwa kakhulu kumba wokuba urhulumente uza kuba nayo le mali kule minyaka iliqela izayo, ukuxhaswa ngeendlela ezahlukeneyo kwabafundi abasezidyunivesiti nabo bakwikholeji ze-TVET, kuphuculwe nendlela yokufaka izicelo, ukukhutshwa kwemali kunye nokubhena. IKhabhinethi iyiqaphele imigaqo-nkqubo kunye namaziko ahlukeneyo ekunokusetyenziswa wona yaze yakubethelela ukubaluleka kwenkxaso-mali evela kurhulumenye ukuze kuqinisekiswe ukuba wonke umntu uyakwazi ukuyifumana imfundo ephakamileyo.
5. IsiCwangciso sokuKhulisa iNtsebenziswano kwezoKhenketho (i-TGPP) yowama-2025 – 2030: Ukulwela uhlumo oluquka wonke nokudala imisebenzi
5.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo nge-TGPP 2025 – 2030, esisikhokelo seminyaka emihlanu sokukhawulezisa uhlumo oluquka wonke, uhlumo loqoqosho oluzinzileyo olukhokelwa lukhenketho. Esi sicwangciso sikhokelisa phambili izivumelwano zentsebenziswano phakathi kukarhulumente, icandelo labucala noluntu ukuze kunyuswe umthamo wabakhenkethi abavela kumazwe angaphandle nabalapha ekhaya, ukuba nezinto ezingumtsalane ezahlukeneyo kubakhenkethi, ukudala imisebenzi, ukwenza eli candelo likwazi ukumelana nobunzima kuze kuqinisekiswe ukuba uluntu luyaxhamla.
5.2. IKhabhinethi iqaphela ukuba i-TGPP inika iinjongo ezintlanu, iinkqubo eziphambili ezintandathu kunye nesiCwangciso sokuFezekisa esinee-KPI ezilinganisekayo, sixhaswa lutyalo-mali oluhamba ngezigaba kunye nemithombo eyahlukeneyo yotyalo-mali.
5.3. IKabhinethi iphinde yaqaphela ukuba uhlumo kwezokhenketho sele lugqithile kula myinge wawubekelwe owama-2030, kuquka nenani labantu ababengena kweli phambi kobhubhane we-COVID-19, imisebenzi edaliweyo (eya kulutsha namanina), futhi amathuba asemaphandleni nawo ayasetyenziswa, ukuphucula iziseko ezingundoqo kunye nokusebenzisa iindlela eziyithathela ingqalelo imozulu.
3.2. INkomfa yeHlabathi yeeNtatheli zeNzululwazi (i-WCSJ) ye-13
3.2.1. IKhabhinethi iqaphela yaze yakwamkela ukubanjwa ngempumelelo kwe-WCSJ ye-13, ukususela ngomhla woku-1 ukuye kowesi-5 kweyoMnga 2025 ePitoli. Le nkomfa ibibanjwe liSebe leNzululwazi, ubuChwepheshe noYilo ngokubambisana ne-Council for Scientific and Industrial Reseach (i-CSIR), ibonakalise ukubaluleka kwendima edlalwa zintatheli zenzululwazi ekulungiseni ukungalingani kwihlabathi kunye nokwenza uluntu luyithembe inzululwazi nangakumbi.
3.2.2. Le nkomfa ize neziphumo ezihle, eziquka ukuzibopheleleni ekwenzeni iintatheli zenzululwazi zithembeke, ukuphucula izakhono kule ngingqi, ukukhuthaza uyilo kwezobuchwepheshe kunye nokukhuthaza ukuba i-Afrika ibandakanyeke kwizivumelwano zentsebenziswayo ezityikitywayo ezingezenzululwazi.
E. Imisitho Ezayo
1. INyanga yoXolelwaniso
1.1. UMzantsi Afrika uza kukhumbula iNyanga yoXolelwaniso kule nyanga yoMnga yonke, into leyo iza kukhokelela kuSuku lweSizwe loXolelwaniso ngomhla we-16 kweyoMnga 2025 oluza kubanjelwa eNcome Museum eNquthu, KwaZulu-Natal.
1.2. Imibhiyozo yalo nyaka iza kubanjwa phantsi komxholo othi: “UkuSuka kwiMbali eFanayo ukuya kwiKamva lethu sonke kusetyenziswa iiNdlela eziNtsha noYilo”. Ngeli thuba lona uSuku lweSizwe loXolelwaniso lowama-2025 luza kubanjwa phantsi komxholo othi: “UkuBethelelwa kwaKhona uXolelwaniso sisenzela iziZukulwana ezizayo”.
1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrka ukuba bakhele kulo msebenzi sele wenziwe kule minyaka ingama-30 idlulileyo silawulwa ngokwentando yesininzi ngokufundisa abantu abatsha, ukuxhasa amashishini alapha ekhaya aquka wonke umntu kunye nokubamba iindibano zokubonisana ezikhuthaza ukuqondana nezineenjongo enye.
1.4. INyanga yoXolelwaniso isisikhumbuzo esibalulekeyo sokuba le Nkululeko nolawulo lwentando yesininzi lukhoyo namhlanje zafunyanwa nzima, njengoko zisukela kanye kwintlungu yangaphambili yokungabikho kobulungisa nolingwano. Noko kunjalo, ikamva le lilizwe lixhomekeke kuthi sonke ngokuthi sikhothane amanxeba, sibumbane size siyile sibambisene.
F. Imiyalezo
1. IsiLumkiso ngeMozulu eMbi kaKhulu
1.1. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqaphele njengoko kukho imozulu embi, equka iimvula ezinkulu, iindudumo kunye nezichotho ezinamahamba-namvula kwiindawo ezahlukeneyo kweli lizwe. Iinkcukacha ezithembekileyo ngemozulu ziyafumaneka kwiwebhusayithi yeZiko leMozulu loMzantsi Afrika ethi: www.weathersa.co.za
2. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:
i. LoMkhomishinala wangaphambili ka-SARS uMnu Oupa Magashula, owayekhokela umsebenzi wokuqokelelwa kwerhafu ngethuba kukho umbhodamo kuqoqosho ngowama-2008. Ngaphambili, uMkhomishinala uMagashula wayeyinkokeli yombutho wabasebenzi phambi kokuba afumane umsebenzi kwicandelo labucala nakurhulumente emva koko.
ii. lukaJaji Leonora van den Heever, inina lokuqala ukuba yijaji eMzantsi Afrika. Ukuba nguvulindlela kwakhe kwavulela amathuba amanina amaninzi kwicandelo lomthetho kwaye use ngumzekelo omhle nangoku ngomsebenzi wakhe ongenachaphaza kwezomthetho.
iii. lukaMnu Sunny Singh, olelinye lejoni lomzabalalo loMzantsi Afrika elalizinikele ngokugqithisileyo, elathi lathothoza iminyaka eli-10 eSiqithini. Waba negalelo elimandla kuphuhliso loluthsa waze wadlala indima ebalulekileyo ngethuba uMzantsi Afrika utshintshela kulawulo lwentando yesininzi.
iv. lukaMnu Dennis Pather, intathelo yoMzantsi Afrika ehlonitshwa jikelele, umbhali, kunye nosayakuba ngumhleli wamaphepha-ndaba ahlukeneyo aquka i-Daily News. Igalelo lakhe kwicandelo lamajelo eendaba loMzantsi Afrika liya kuhlala lihlonitshwa.
v. lukaGq Jennifer Glennie, owalitshantliziyo lobulungisa bezentlalo nowena igalelo elikhulu ekuqinisekiseni ukuba wonke ubani uyayifumana imfundo kunye neenguqu kweli lizwe. Futhi wafaka isandla kakhulu kutshintsho neenguqu ezenzeka kumgaqo-nkqubo lwemfundo ephakamileyo nolawulo kweli lizwe ngethuba eliLungu leBunga leMfundo ePhakamileyo (i-CHE), iLungu le-Council and Broad Transformation Forum kwiDyunivesiti yoMzantsi Afrika (i-UNISA) unye neLungu leBhunga leDyunivesiti i-Sol Plaatje.
vi. lukaFranklin Abraham Sonn, umfundisi-ntsapho, unozakuzaku kunye nosomashishini owadlala indima emandla ngeli thuba eli lizwe liphuma kumbuso wocalucalulo lingena kulo ulawulwa ngokwentando yesinini. Wayengunozakuzaku wokuqala woMzantsi Afrika e-United States kulo rhulumente ulawulwa ngokwentando yesininzi, ukususela ngowe-1995 ukuya kowe-1999.
3. Imiyalezo yokuvuyisana
IKhabhinethi ithumela imiyalezo yokuvuyisana neminqweno emihle:
i. Kwi-Springboks ngokubetha i-Ireland kwi-Quilter Nations Series 2025 nokungabethwa nakanye kuyo yonke le tumente. I-Springboks siphinde saqukumbela i-2025 Castle Lager Outgoing Tour Test ngokutywatyusha i-Wales eCardiff ngamanqaku angama-73 eqandeni, babe ngolo hlobo abakabethwa iminyaka emibini ilandelelana.
ii. I-Proteas ngokwenza imbali ngokubetha i-India kwiMidlalo yoVavanyo okokuqala kwisithuba seminyaka engama-25. Le Mpumelelo iyiphucule indawo obekwa kuyo uMzantsi Afrika kwi-ICC World Test Championship 2025 – 27, apho ezi ntshatsheli zikhoyo ngoku zikwindawo yesbini.
iii. Kubafundi beBanga le-12 ngowama-2025 ngokugqiba ukubhala iimviwo zokuphela konyaka. IKhabhinethi iliqhwabela izandla iSebe leMfundo esisiSeko ngokubhalisa iimviwo ngaphandle kwamagingxi-gingxi. Sele kuqaliswe ukunikwa amanqaku kuwo onke amaziko alungiselelwe, kwaye lo msebenzi wenziwa ngabantu abangaphezulu kwama-52 000 kwizwelonke.
iv. Kwi-CSIR egqiba iminyaka engama-80 ngomhla we-5 kweyeDwahla 2025. Kule minyaka ingama-80, i-CSIR ibibalasele kwezenzululwazi, ubuchule bokuyila kwezobuchwepheshe, iilayisenisi zezobuchwepheshe kweli lizwe nakwihlabathi ngelo hlobo lisiza nezisombululo eziza kunceda urhulumente onezakhono. Obu buchwepheshe buquka izixhobo zokuphefumlisa ezanceda abantu ngethuba likabhubhane we-COVID-19, iizatifiketi zechiza lokugonya ezazinceda abantu bakwazi ukuhamba baye kumazwe ehlabathi kunye namakhadi e-ID awenze esebenzisana neSebe leMicimbi yezeKhaya, phakathi kwezinye izinto ezininzi.
v. kuMzantsi Afrika ngokonyulwa kwakhona kwi-International Maritime Organization (IMO) Council, emva kokuba ibikhe ayabi yinxalenye ye-IMO iminyaka emine ukususela ngowama-2021. Eli lizwe lonyulwe kwakhona kwiseshoni yama-34 ye-IMO Assembly eLondon ngomhla wama-28 kweyeNkanga 2025, lo nto yawubeka uMzantsi Afrika kwiNqanaba C kulo nyaka wama-2026 – 2027. Eli nqanaba liquka amazwe achaphazelekayo kwimiba yezothutho emanzini okanye uhambo ngolwandle, into leyo eyenza abekho onke amazwe akwindawo ezithile zehlabathi. UMzantsi Afrika uza kusebenzisa eli thuba ukhokelise phambili izinto ezilulutho kwi-Afrika kumba wolawulo lweelwandle zehlabathi.
vi. Kwi-Orlando Pirates Football Club ngokuphumelela i-2025 Carling Black Label Cup. Ukuqina komdlalo webhola apha ekhaya kuza kwenza liqine neQela leSizwe iBafana Bafana eliza kumela uMzantsi Afrika kwiNdebe yeHlabathi yeBhola eKhatywayo yowama-2026.
4. Ukukhokelisa Phambili uKhuseleko, uXanduva lwethu sonke ngeli thuba leeHolide zokuPhela koNyaka
4.1. IKhabhinethi inqwenelela bonke abemi boMzantsi Afrika iiholide zokuphela konyaka ezinoxolo nezikhuselekiileyo neentsapho kunye nezihlobo zabo kunye neKrisimesi emyoli kwabo bangamaKhrestu. IKhabhinethi ikwacela noluntu ukuba lukhokelise phambili ukhuseleko ezindleleni, kwiindawo esihlala kuzo, kwiindawo zikawonke-wonke nakwiziyunguma neziyolo zezi holide zokuphela konyaka.
4.2. ISebe lezoThutho sele liqalise isiCwangciso soKhuseleko seeHolide zokuPhela koNyaka ngeenjongo zokukhusela abaqhubi, abahambi ngeenyawo nabakhweli. Kuza kutyalwa amagosa ezendlela angama-800 encediswa zi-arhente ezahlukeneyo zogcino-mthetho ngeli xesha leeholide zokuphela konyaka ukujonga ukuba iyathotyelwa na imithetho yendlela nokuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko. Kuza kutyalwa namanye amapolisa aqeqeshiweyo angama-558 ukuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko ngeli xesha la maxesha oyolo.
4.3. Abasebenzisi beendlela bayakhunjuzwa ukuba bathobele imithetho yendlela, balandela imiyalelo kumaphulo oogqogqo ezindleleni futhi bahlukane nokuziphatha gwenxa okuquka ukusela beqhuba, ukusebenzisa iziyobisi eziphazamisa ingqondo, ukubalekisa ngesantya esigqithisileyo nokusebenzisa iiselula beqhuba.
4.4. Abazali, abagcini-bantwana kunye nabongi bayakhuthazwa ukuba baqinisekise ukuba abantwana basoloko bebekwe phantsi kweliso futhi bekhuselwe kwizinto eziyingozi. Baqinisekisa nokuba bawafakile amabhanti xa kuhanjwa nokuba bahlala beselisweni kwiindawo zikawonke-wonke ukuthintela iingozi nokuba abantwana balahleke okanye baduke.
4.5. Uluntu luyalunyukiswa ukuba luhlale livundlile futhi lubalumkele oonqevu noonqalintloko bemigunyathi, abathanda ukulisebenzisa kakhulu eli xesha leeholide zokuphela konyaka bakhuthuze abantu bengaqondi. Xela emapoliseni okanye kwabasemagunyeni zonke izenzo zobuqhetseba.
4.6. IKhabhinethi ikhumbuza wonke umntu ukuba ukhuseleko luxanduva lwethu sonke. Masisebenzisane ukuthintela iingozi zendlela, umonzakalo kunye nokusweleka kwabantu ngeli xesha loyolo.
Sininqwenelela iiholide zokuphela konyaka ezimyoli nonyaka omtsha oyokozela ngamathamsanqa
Imibuzo: Mnu. Sathasivan Vandayar (iBambela leSithethi sikaRhulumente)
Umnxeba: 082 444 9092

