INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wesi-7 kweyeNkanga ngowama-2014

1. Izigqibo zeKhabinethi ezinguNdoqo

1.1. IKhabhinethi ilivumile iPhulo leeNtsuku ezili-16 lobuTshantliziyo phantsi komxholo othi “Nam Nindibandakanye: Sisonke siqhubela uMzantsi  Afrika ongenabuNdlobongela Phambili”.

Kulo nyaka (wama-2014) siphawula iminyaka eli-16 yeli phulo lijonge ukuqhubeleka lifundisa ngokukhuselwa koomama nabantwana kugxininiswa kakhulu kumba wokubandakanya amadoda kusetyenziswane nawo ancedise kwidabi lokulwa ubundlobongela olujoliswe koomama nabantwana.

Eli phulo liza kuphehlelelwa ngomhla wama-25 kweyeNkanga liqhube kude kube ngumhla we-10 kweyoMnga ngowama-2014. Ukugqitha kwezi Ntsuku zili-16 zobuTshantliziyo, kukho inkqubo eza kuqhuba unyaka wonke eza kubeka phantsi kweliso ivavanye umgama ohanjiweyo ukuphucula ubomi babantu ngokufezekiswa kwemithetho neenkqubo ezijoliswe ekusiphuleni neengcambu ubundlobongela obujoliswe koomama nabantwana.

1.2 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngenkqubo engokuqulunqwa kweNdlela yokuHlola ekhokelwa ngabaHlali.

Le projekthi iselilinge igxininisa ekuxhobiseni urhulumente ngezakhono ngokufuna izimvo zabahlali njengenxalenye yendlela yokuhlola. Le projekthi isalingwayo iza kusebenzisa ezi nkqubo sele zikho zifana neNkqubo yeMisebenzi yoLuntu kunye nenkqubo yabaSebenzi boPhuhliso loLuntu ukuqalisa ukusebenzisa indlela yokuhlola ekhokelwa ngabahlali ngesithuba seNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi.

Le projekthi isalingwayo iza kugxininisa kula masebe aphambili alandelayo: AbeNkonzo zesiPolisa boMzantsi Afrika, iSebe lezeMpilo kunye neloPhuhliso loLuntu kunye ne-Arhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zikaRhulumente. Oku kuza kwandiswa kuye nakumanye amacandelo kwesi sithuba seNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi.

1.3 IKhabhinethi ikuvumile ukutyalwa kwamalungu ali-140 eeNkonzo zobuPolisa zoMzantsi Afrika kwilizwe lase-Lesotho ixeshana elizintsuku ezingama-90 kuqala; elinokuphindwa landiswe ukuba kukho imfuneko yoko.

Kwaye kwanyanzeleka ukuba uMbutho wezoPhuhliso waMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) ungenelele ngokukhawuleza ngethuba kukho ukujamelana ngezikhondo zamehlo okwalandelwa kukuhexa kozinzo kwezopolitiko nokhuselo ngeyeThupha kowama-2014.  Ukungenelela kwe-SADC kunenjongo zokuzisa uzinzo kwezopolitiko nezokhuselo isithuba eside.

Amazwe amaThathu e-SADC ajongene nemiba yezoPolitiko, uKhuselo noKhuseleko uMzantsi Afrika onguSihlalo wawo acele urhulumente waseMzantsi Afrika ukuba uququzelele umsebenzi wokuphunyezwa kweSivumelwano seLizwe lase-Lesotho.

Ukutyalwa kwamalungu e-SAPS ali-140 kwaqala ngomhla wesi-2 kweyoMsintsi ngowama-2014 kwaye kulindeleke ukuba kumiswe ngomhla wama-30 kweyeNkanga ngowama-2014, ukuba akukho mfuneko yokuba eli xesha landiswe. UMzantsi Afrika utyale amaPolisa e-Lesotho ulandela uMthetho wabeNkonzo zesiPolisa boMzantsi Afrika we-1995; (UMthetho uNombolo 68 we-1995) onika amagunya uMkomishinala weSizwe wabeNkonzo zesiPolisa boMzantsi Afrika okuba atyale amapolisa ngaphandle kwemida yeRiphablikhi, ngemvume yoMphathiswa. Njengoko la mapolisa eza kutyalwa esiya kwenza umsebenzi we-SADC akuzikubakho siVumelwano sokuQondana phakathi koMzantsi Afrika noRhulumente wase-Lesotho.

1.4 IKhabhinethi iyiphumezile imiba ekuza kuxoxelwa phezu kwayo ligqiza labathunywa boMzantsi Afrika eliza kuzimasa iNkomfa yaMazwe (i-COP) eHlangeneyo eza kutshayelela iNgqungquthela yase-Vienna neNdibano yaMazwe (i-MOP) yama-26 engesiVumelwano sase-Montreal esingeGesi eziTshisa uCwambu oluKhusela uMhlaba kwiMitha yeLanga eNqashayo (i-COP10-MOP26), ukusuka ngomhla we-17 ukuya kowama-21 kweyeNkanga ngowama-2014, e-Paris, e-France.

INgqungquthela yase-Vienna kunye nesiVumelwano sase-Montreal zasekwa yiNkqubo yezokusiNgqongileyo yeZizwe eziManyeneyo njeenjongo zokukhusela uCwambu olukhusela uMhlaba kwiMitha yeLanga. Ukukhuselwa kokusingqongileyo kulungiselelwa esi isizukulwana nesizayo ngumba ophambili kunye nowokukhuselwa kocwambu olukhusela umhlaba. Injongo ephambili kukusebenzela ukuba sifike kwimeko apho sisebenzisa iikhemikhali ngendlela engenabungozi kokusingqongileyo ngokuzinzileyo.

1.5 IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa koMqulu weBhunga leCandelo lezoThutho woPhuhliso oluMbaxa lwabaMyama kwezoQoqosho ukuze ube liliso uvavanye ukuphunyezwa kweenjongo ezimiselweyo zokuPhuhliswa kwabaMnyama kwezoQoqosho.

2. Ukuphunyezwa kweNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

2.1 IKhabhinethi ilwamkele uTyelelo oliyinxalanye yeNkqubo yokuHlola ukuHanjiswa kweeNkonzo iSiyahlola nguMongameli uJacob Zuma kwisiThili sase-Mopani, e-Giyani kwiPhondo laseLimpopo. Iinkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo zakhokelela ekubeni kubekho amanzi kwiilali ezingama-55 kwesi sithili nokulungiswa kweZiko lokuCoca Amanzi lase-Giyani, nto leyo yenyusa umthamo wamanzi ngezinye iilitha ezizigidi ezi-6,7 ngosuku. Ukuziswa kwala manzi kuza kuphucula uhanjiso lwelindle kuze ekugqibeleni kwenze ngcono impilo nobomi babahlali.

2.2. IKhabhinethi iwamkele amalinge akhokelwe nguSekela Mongameli u-Cyril Ramaphosa okudibanisa amalungu eBhunga leSizwe lokuPhuhlisa uQoqosho nezaBasebenzi (i-Nedlac) ngomhla wesi-4 kweyeNkanga ngowama-2014 ngeenjongo zokukhangela izisombululo ekuza kuvunyelwana ngazo kwiingxaki zokungavisisani emisebenzini kwi-Indaba engeMpathwano emSebenzini.

Abathunywa abebezimase le Indaba bazibophelela ngolu hlobo, “ukuba amalungu ayayiqonda imingeni yentswelangqesho, indlala nokungalingani uqoqosho noluntu loMzantsi Afrika elijamelene nawo. Ingayilibalanga imingeni exine ezo ngxoxo zikhoyo ngoku, amalungu e-Nedlac athatha i-Nedlac njengequmrhu elibalulekileyo elinokuququzelela iingxoxo zamaqela ahlukeneyo, ke ngoko yiyo kuphela eza kukholela ezinye iingxoxo ezinokulandela i-Indaba engeMpathwano eMsebenzini.

I-Indaba yemibutho yezabasebenzi nezoqoqosho iza kusetyenziselwa ukuphehlelela inkqubo yokuqalisa ukubonisana, kusetyenziswa amaqela eza kukhethelwa oko, aza kukhangela iindlela zokusabela kwimingeni ephambili ebixovulwe ngethuba le-Indaba. Isicwangciso esicacileyo senkqubo siza kuqulunqwa zingaphelanga iinyanga ezimbini emva kwe-Indaba, iingxoxo zona ziza kuqala kweyoMqungu ngowama-2015.

IKhabhinethi iqinisekile ukuba iintlanganiso zokubonisana phakathi kukarhulumente, abezamashishini, imibutho yabasebenzi neyoluntu ziza kudlala indima kuhlumo olukhawulezayo loqoqosho.

2.3. IKhabhinethi ikwamkele ukungenelela kukaSekela Mongameli u-Cyril Ramaphosa kumba obusezindabeni wokukhutshwa ngesixhanti kwabantu kwiifama eNtshona Koloni. Iintlanganiso aye wanazo namafama kunye nabasebenzi ngalo mba zibe neziphumo ezincumisayo.

2.4 IKhabhinethi ilwamkele utyelelo ngomsebenzi oluqhube kakuhle kakhulu lwabaPhathiswa e-United Kingdom ebelikhokelwa nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli, uJeff Radebe, ukusuka ngomhla wama-27 ukuya kowama-28 kweyeDwarha ngowama-2014. Isicwangciso senkqubo yabo, esasiquka iNkomfa i-innovaBRICS kunye nentlanganiso nabatyali-zimali e-Catham House e-London, sanika urhulumente neenkokeli zamashishini zoMzantsi Afrika ithuba lokuthengisa uMzantsi Afrika njengelizwe elilunge kakhulu lokuqhuba ushishino.

2.5 IKhabhinethi iwamkele amagqabantshintshi anikwe nguMphicothi-zincwadi Jikelele ngeziphumo zophicotho-zincwadi lwama-2013/14 zikarhulumente weSizwe nowamaphondo njengoko oku kuyinxalenye yamalinge karhulumente okuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olulungileyo. Urhulumente uza kuthatha amanyathelo okulungisa apho bekukho ukusilela ngokwengxelo zophicotho-zincwadi.

3. Uluvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

3.1. IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yeBhanki yeHlabathi (ingxelo yesi-6 ngeZintsha ngoQoqosho loMzantsi Afrika, egxininisa kakhulu kumgaqo-nkqubo wezezimali nowokwabiwa kwakhona) eyabonisa ukuba mde umgama osele uhanjwe nguMzantsi Afrika kule minyaka ingama-20 idlulileyo. Ingxelo ngeZintsha ngoQoqosho loMzantsi Afrika, ekhutshwe ngoLwesibini, umhla we-4 kweyeNkanga kowama-2014, ifumanise ukuba imigaqo-nkqubo yezezimali yoMzantsi Afrika iyawaphungula amazinga endlala nokungalingani, nokuba irhafu nezibonelelo zezentlalo zikarhulumente ziyichaka ngokukuko ingeniso isuke kwabafumileyo iye kwabahluphekileyo. Le ngxelo ibonisa ukuba umgaqo-nkqubo wezemali ubonakalisa inkqubelo njengoko uxhamlisa abantu abahluphekileyo. Le ngxelo iveze nokuba imigaqo-nkqubo yezemali yonyule abantu abazizigidi ezi-3,6 kumakhandela endlala ngowama-2010/11.

3.2. IKhabhinethi iyiqaphele imingeni ekhoyo ngombane ebangelwe zingxaki zoxhaka-xhaka neemeko zamanye amaziko ombane ethu. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bancedise kwiphulo lokonga umba njengoko iziko lombane lesizwe liphantsi koxinzelelo. IKhabhinethi ifuna ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba kwenziwa konke okusemandleni ukusombulula ezi ngxaki.

3.3. IKhabhinethi iyiqaphele iNgxelo yeKota yoPhando ngezaBasebenzi ibonisa ukuba izinga lentswela-ngqesho elisesikweni kwikota yesithathu yalo nyaka lingama-25,4% lisuka kuma-24,7% ngeli xesha linye kulo nyaka uphelileyo nto leyo ibonakalisa ukuba uqoqosho lweli kufuneka lubhinqe umbhinqo omfutshane ukuze sikwazi ukulwa nala mawele mathathu ahluphayo: intswela-ngqesho, indlala kunye nokungalingani.

IKhabhinethi iyabaqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba idabi lokulwa nentswela-ngqesho isenguwona mba uphambili karhulumente. Nangona iiNkqubo zeMisebenzi yoLuntu zineziphumo ezincumisayo, iKhabhinethi imemelela onke amahlakani ayo ukuba asebenzisane norhulumente ukuze kuqiniswe amaphulo okudala imisebenzi ngokukhangela amacebo angawethutyana naza kuba yinzuzo kwixesha elizayo kule ngxaki yokunqongophala kwemisebenzi.

3.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukunyuswa kwezinga leQumrhu loPhuhliso lwaMashishini (i-IDC) yi-arhente yokuhlela i-Fitch Ratings Agency.

3.5. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ayo ovelwano kurhulumente nakubantu beRiphablikhi yase-Zambia ngokusweleka kukaMongameli u-Michael Chilufya Sata.

3.6. IKhabhinethi isangqukruleka sisithwakumbe sokushiywa zintandane zezemidlalo ezine kwaye ivakalisa amazwi ayo ovelwano kwiintsapho nezihlobo zembethi manqindi yodidi labahlawulwayo uPhindile Mwelase, owaphumelela imbasa yegolide kwi-Olimpiki uMbulaeni Mulaudzi, owasekuba ngumdlali wamaBhokobhoko u-Tinus Linee kunye noKapteni we-Bafana Bafana uSenzo Meyiwa. Inkxaso yoluntu ngethuba kubanjwe iinkonzo zesikhumbuzo kunye nokudandatheka kweentliziyo kuthi sonke kusenze sabambana sipholisana amanxeba sikhumbula la maqhawe.

3.7. IKhabhinethi ikuqhwabela izandla ukubanjwa ngokukhawuleza komrhanelwa omnye ngabeNkonzo zesiPolisa yoMzantsi Afrika kule veki iphelileyo ngokukrokreleka kugwinto likaKapteni we-Bafana Bafana uSenzo Meyiwa kwaye ibongoza noluntu ukuba luqhubeleke lusebenzisana namaPolisa ukuze bonke abarhanelwa babanjwe.

IKhabhinethi iyazamkela izigwebo zobomi ezisithoba ezinikwe uNtokozo Hadebe ngamatyala akhe amanyumnyezi awawenza kumantombazanana aselula amathathu e-Diepsloot, eRhawutini. Iyasamkela nesigwebo esinikwe uMhlonishwa Elias Mathebula seminyaka engama-315 ethothoza entolongweni ngokugqugqisa endlandlathekisa abantu KwaZulu-Natal.  Ukusuka ngowama-2008 ukuya kowama-2013, uMathebula wayegrogrisa abantu ababhinqileyo e-South Coast, ubukhulu becala e-Umzinto, eHibberdene, eDududu naseMsinsi ngokulandela echwechwela aze adlwengule amaxhoba ali-18, aneminyaka iphakathi kwe-14 nama-40 ubudala.

Ezi gwebo zixelela izaphuli-mthetho ukuba ulwaphulo-mthetho alizikunyanyezelwa.

3.8. IKhabhinethi iqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba urhulumente wenza konke okusemandleni ukugcina wonke umntu ekhuselekile kwaye umemelela uluntu ukuba  luncedise amapolisa ngokuxela izenzo zolwaphulo-mthetho kwiingingqi zabo.

3.9. IKhabhinethi iyakubethelela kwakhona ukuba abasemagunyeni bezempilo nakumazibuko okungena kweli ahleli ebaze amehlo ukuze abone kwaye ayilawule i-Ebola xa inokubonwa. Ukuza kuthi ga ngoku malunga nama-525 abasebenzi bezempilo nabaselebhu kwizibhedlele ezili-13 (kuquka nezo zili-11 zichongiwe ukulungiselela oku) kunye namagosa alinganiselwa kuma-270 kumaziko okungena kweli angawona asengozini okudibana nesi sifo aqeqeshiwe ukuze akwazi ukumelana nayo nantoni na enokwenzeka ngokunxulumene nesi sifo.

3.10. IKhabhinethi ivuyisana noMhlekazi oBekekileyo uMongameli UNjengele oyiLeftenenti u-Ian Khama Seretse Khama, inkokeli ye-Botswana Democratic Party, ngokonyulwa kwakhe kwakhona njengoMongameli weRiphablikhi yase-Botswana, emva kolonyulo oluqhutywe ngempumelelo ngomhla wama-24 kweyeDwarha ngowama-2014.

3.11. IKhabhinethi iqhwabela izindla oHloniphekileyo uNksz Dilma Rousseff, weqela i-Workers Party ngokunyulwa kwakhona njengoMongameli weRiphabliki eyiFederali yase-Brazil emva kolonyulo olube yimpumelelo ebelibanjwe ngomhla wama-26 kweyeDwarha ngowama-2014.

3.12. IKhabhinethi inqwenelela okuhle iRhuluneli entsha yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika, u-Lesetja Kganyago njengoko eza kuthatha esi sikhundla ngomhla wesi-9 kweyeNkanga ngowama-2014. IKhabhinethi ibamba ngazibini nakuRhuluneli u-Gill Marcus oshiyayo ngokutatamisa ecenga umgaqo-nkqubo wezemali phantsi kweemeko zoqoqosho ezinzima.

3.13. IKhabhinethi iqhwabela izandla u-Chad Le Clos ngokuba ngomnye wababini abaphumelele konke kwimiDlalo yeeNdadi yeNdebe yeHlabathi yoMbutho wezokuDada waMazwe eHlabathi (i-FINA) egqityezelwe e-Singapore.   

4. Imisitho Ezayo

4.1. UMongameli uJacob Zuma uza kuzimasa iNgqungquthela ye-G20 e-Brisbane, e-Australia ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyeNkanga ngowama-2014.  Njengelizwe ekukuphela kwalo e-Afrika elililungu le-G20, ubulungu boMzantsi Afrika kweli qonga kuwunika ithuba lokuba ube nelizwi elivakalayo kwimiba yemigaqo-nkqubo ebalulekileyo yehlabathi enokuchaphazela uqoqosho lwethu, kule ngingqi yamazantsi e-Afrika nakweli lizwekazi.

4.2. Umxolelanisi we-SADC nonguSekela Mongameli u-Cyril Ramaphosa uza kutyelela e-Lesotho ukusuka ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-6 kweyeNkanga njengenxalenye yamalinge okuzisa uxolo nokhuseleko kwilizwe lase-Lesotho. Oku kulandela ukutyikitywa kutsha nje kwesivumelwano sentsebenziswano sase-Maseru kunye nesivumelwano sokhuselo sase-Maseru ezingumkhomba-ndlela wokubuyiselwa kwemeko yesiqhelo yezopolitiko kunye nozinzo kwezokhuselo kweliya lizwe.

4.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kweBhulorho yaseMashunka neyaseNgubo, iProjekthi yoNkcenkceshelo yaseTugela kunye nokwakhiwa kweziko lefandesi uMsinga laseMsinga, KwaZulu-Natal, ngomhla wesi-8 kweyeNkanga ngowama-2014 liSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba.

IProjekthi yoNkcenkceshelo yaseTugela iza kunceda amafama asakhulayo ali-1 716 kunye neyadi yokuthengisa imfuyo yaseMsinga idale amathuba emisebenzi. Ibhulorho ekuMlambo iTukela iza kuhlanganisa uluntu lwaseMashunka nolwaseNgubo lutsho lufumane iinkonzo namathuba oqoqosho. La maphulo eziseko ezingundoqo kunye nophuhliso ahambelana neenjongo zikarhulumente zokwakha uluntu lwasemaphandleni oludlamkileyo, olulinganayo nolukwaziyo ukuziphilisa.   

4.4. ISebe lezeNdalo, kunye neKomiti yamaQoqo kaRhulumente ngoTshintsho lweMozulu, liza kubamba inkomfa NgeQhinga leSizwe lokuSabela kuTshintsho leMozulu loMzantsi Afrika phakathi komhla we-10 nowe-13 kweyeNkanga ngowama-2014 kwiZiko leeNgqungquthela i-Gallagher, e-Midrand, phantsi komxholo othi: UMzantsi Afrika utshintshela kumazinga esisi sekhabhoni asezantsi noqoqosho noluntu olukwaziyo ukumelana notshintsho kwimo yezulu. Ngolo hlobo, iKhabhinethi iyakubethelela kwakhona ukuzinikela koMzantsi Afrika kwiphulo lokwakha uqoqosho olukhupha isisi sekhabhoni esincinci kwaye usebenzele kwiziphumo ezihle zenkomfa yaseThekwini eyayingokutshitsha kwemozulu.

5. Izikhundla

5.1 IKhabhinethi ikuqaphele ukuqeshwa kwaba balandelayo kwi-ofisi kaNondyebo weSizwe:

  1. UMnu. M Sachs – USekeka Mlawuli-Jikelele – I-ofisi yoHlahlo Lwabiwo-mali.
  2. UMnu. AF Julies – USekela Mlawuli-Jikelele – ULawulo lweeMpahla naMatyala.

5.2 IKhabhinethi ikuqaphele ukuqeshwa kwala malungu alandelayo UMqulu weBhunga loPhuhliso oluMbaxa lwabaMyama kwezoQoqosho:

  1. UMnu. Randall Barry Howard (uSihlalo weBhunga loMqulu),
  2. UMnu. Ismail Noormahomed Essa (iCandelo likaRhulumente)
  3. UNksz. Fusi Makhasane (imiButho yaMashishini amaNcinci)
  4. UNksz. Ntokozo Jennifer Sabelo (iiNkonzo zezoThutho lwaseLwandle)
  5. UNksz. Hlamalani Baloyi (Omele uLutsha)
  6. UMnu. Colgate Nangu (ukuPosa nokuLungiselela)
  7. UNksz. Cleo Shiceka (ezooLoliwe)
  8. UNksz. Sibongile Sambo (ezoPhapho zalapha eMzantsi Afrika)
  9. UMnu. Abner Ramokgolo (iiMpahla eziThuthwa ngeziThuthi zeNdlela)
  10. UNksz. Joy Sebenzile Matsebula (Omele Abantu abaPhila nokuKhubazeka)
  11. UNksz. Verlene Manuel (iiNkonzo zeeBhasi eziThutha Abantu)
  12. UMnu. Herry Tshamunwe Masindi (imiButho yabaSebenzi)
  13. UNksz. Carol-Anne Cairns (Iinqwelo-moya ezinabanini bangaphandle)
  14. UMnu. Philip Taaibosch (Omele umbutho weeteksi, i-Santaco)
  15. UNksz. Mary Phadi (Omele imiButho yooMama)
  16. UMnu. Stephen Sangweni (Omele imiButho yabaKhweli)

Imibuzo:
Umnu. Donald Liphoko
Iselula: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore