INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-9 kweyeKhala yowama-2014

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

1.1.  IKhabinethi ikhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bahloniphe baze bakhumbule intandane yethu owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela ngale Nyanga kaMandela ngokuthatha inxaxheba kwiPhulo u-“Coca uMzantsi Afrika”. Ngomhla woSuku lukaNelson Mandela we-18 kweyeKhala nangenyanga le yonke abemi boMzantsi Afrika kufuneka banikele ngemizuzu engama-67 ubuncinane bacoce uMzantsi Afrika ngokwekhwelo elahlatywa nguMongameli uJacob Zuma ngethuba esenza iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe. Owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela wasifundisa ukuba nabani na anganegalelo elakhayo kuluntu lwendawo ahlala kuyo. Sonke sinoxanduva lokuhlonipha ubomi bakhe ngokucoca, siphucule sihombise iindawo esihlala kuzo.

1.2. IKhabinethi iwamkele umtyangampo wenkqubo yokuhlaziywa kwezoololiwe yi-Arente yaBakhweli bakaLoliwe yaseMzantsi Afrika, (i-PRASA). Njengenxalenye yale nkqubo, uMphathiswa wezoThutho ulibonisile eluntwini uyilo lokugqibela lukaloliwe omtsha kraca wokuthutha abantu, ongowalemihla nokhuselekileyo ozibalula ngobuchwephetshe obukwizinga eliphezulu obakhe baveliswa kushishino loololiwe lwale mihla ehlabathini. Oku kungomnye umzekelo obambekayo obonakalisa ukuba urhulumente uzibophelele kwiphulo lokwakha iziseko ezingundoqo eziza kunceda uqoqosho zixhase ukuthenga nokuthengisa apha ekhaya. Uloliwe wokuqala we-PRASA ulindeleke ukuba uqalise ukuhamba ngowama-2015. Ukuphuculwa kwenkqubo yezoololiwe kuza kuzitshintsha zonke iinkonzo zoololiwe zakwa-metro – nto leyo iza kukhuthaza iinguqu kwezothutho lukawonkewonke eMzantsi Afrika. I-PRASA iza kuchitha ama-R51 eebhiliyoni kule minyaka ili-10 izayo ekuthengeni oololiwe abangama-600 abakumgangatho ophezulu bethengela abantu baseMzantsi Afrika. Oololiwe abangama-580 bebonke baza kuveliswa apha eMzantsi Afrika kumzi-mveliso oza kwakhiwa e-Dunnotar cebu kuhle eNigel Ekurhuleni ngemali esi-R1 sebhiliyoni. Olu dederhu lomzi-mveliso lungama-600 000 m2 ubukhulu luyilelwe ukuba lube neplanti yokuvelisa, iziko loqeqesho kunye nesakhiwo esinento yonke semizi-mveliso. Le projekthi iza kudala imisebenzi engama-8 088 yabazakusebenza kuyo buqu, eyinxalenye yemisebenzi engaphezulu kwama-33 000 kuyo buqu neminye engekho kuyo buqu kodwa inxulumene nayo kwisithuba seminyaka eli-10 kwaye kuza kusetyenziswa izinto ezingaphaya kwama-65% eziveliswe kweli. I-PRASA iza kuqeqesha abantu abangama-19 527 bebonke (iinjineli, amagcisa, amachule, abaqhubi boololiwe kunye noochwephetsha) ngeli xesha lale projekthi. INkqubo yokuHlaziywa kweNto Yonke eHamba ngaMavili ayiphelelanga nje ekuthengweni koololiwe, koko imalunga neenjongo ezintathu eziza kubuyisela eli candelo lezoololiwe kwindumasi yalo yangaphambili, ihlaziye icandelo lobunjineli boololiwe ize incedise nakuphuhliso lwezoqoqosho nokuthengwa kweemveliso zalapha ekhaya.

1.3. IKhabinethi iyakwamkela ukumiselwa koMsebenzi wokuQala wokuDityaniswa kweziThuthi (i-FAW) eMzantsi Afrika iplanti yokudibanisa nokusebenza kuMmandla woPhuhliso lwamaShishini (i-IDZ) waseNgqurha kuMasipala oMbaxa weNelson Mandela Bay, eBhayi, eMpuma-Koloni namhlanje nguMongameli uJacob Zuma. Lo mzi uxabise ama-R600 ezigidi wokwakha iiloli, ukummandla obizwa-Zone 2 kwi-IDZ yaseNgqurha uxhaswe ngemali ngokudibeneyo liqumrhu i-China FAW Group Corporation kunye neNgxowa-mali yoPhuhliso ye-China-Afrika. Ngomnye umsebenzi wotyalo-mali owakha wamkhulu owenziwe yinkampani yase-China. Le planti iza kuncedisa kakhulu kwiinjongo zesizwe zophuhliso lwezentlalo noqoqosho njengoko kucwangciiswe kwiSicwangciso soPhuhliso seSizwe, uMzila oMtsha woHlumo lwezoQoqosho kunye neZicwangciso zoMsebenzi woMgaqo-nkqubo wezoShishino. Okuza kuxhanyulwa nguMmandla we-Nelson Mandela Bay kunye neMpuma-Koloni iphela kuquka utyalo-mali olusuka ngaphandle oluza ngqo kulo mmandla oluza kudala imisebenzi esisigxina luze namathuba okuphuhliswa kwezakhono noqeqesho.

1.4. IKhabinethi kwakhona ikugxeka kakhulu ukubiwa kweentambo zombane kwimizila kaloliwe, kweziseko  ezingundoqo zombane zoluntu nezikamasipala. Obu busela buphazamisana noqoqosho lwelizwe kwaye kumaxa amaninzi bubeka ubomi babantu esichengeni. Ii-arente zogcino-mthetho ziza kuqinisekisa ukuba abo babanjiweyo bajongana nengalo yomthetho. IKhabinethi iyakubethelela kwakhona ukuba izibophelele ekulweni neenkampani ezishishina ngesinyithi esilahliweyo ezikhuthaza zi[phembelela olu lwaphulo-mthetho. Uluntu luyacelwa ukuba lusebenzisane norhulumente ngokudiza la masela kwabeNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika.

1.5. IKhabinethi ikhuthaza abahlawuli-rhafu ukuba bangenise amaxwebhu erhafu wexesha lerhafu lowama-2014, elivulwe ngomhla wo-1 kweyeKhala yowama-2014. Irhafu inceda urhulumente ukuba axhase ngemali izicwangciso zophuhliso zeli lizwe. Umhlawuli-rhafu ngamnye ongenisa amaxwebhu wakhe werhafu afanelekileyo ngethuba udlala indima yakhe ekuqhubeleni uMzantsi Afrika phambili.

1.6. IKhabinethi iyakwamkelwa ukutyikitywa koMthetho Sihlomelo wokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba nguMongameli uJacob Zuma, oko okubonisa ukuvulwa kwakhona kwenkqubo yokufakwa kwezicelo zamabango omhlaba ngabo bawuphosayo umhla owawumiselwe wokuvalwa kokufakwa kwamabango kwaye kunika abo banamabango eminye iminyaka emihlanu yokuba bafake izicelo zamabango omhlaba. Nangona kuthelekelelwa ukuba zizicelo zamabango okubuyiselwa umhlaba ezingama-80 000 ezazifakiwe ekuvalweni kokufakwa kwezicelo ngowe-1998, kuqikelelwa ukuba kukho izicelo ezisemthethweni ezininzi ngokuphindwe kahlanu ezinokufakwa ngamaxhoba afuduswa ngenkani ngexesha lengcinezelo. IKhabinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxelelana ngalo mthetho ukuqinisekisa ukuba amaxhoba ahluthelwa umhlaba, ayewuphosile kuqala umhla owawumisiwe ngowama-1998, eza ngaphambili aze kufaka izicelo zamabango omhlaba ukusukela ngomhla wo-1 kweyeKhala yowama-2014 ukuya kowama-30 kweyeSilimela yowama-2019. 

1.7. IKhabinethi iqhwabela izandla abaphandi be-Square Kilometer Array (i-SKA) abaxhaswa ngemali nguMzantsi Afrika ababhaqe inkqubo yomhonyo osisithokothoko omkhulukazi ngokuphindwe kathathu. Obu bubungqina obuncumisayo obubonakalisa ukuba uphando-nzulu ngobunzululwazi ngeenkwenkwezi bukhula ngesantya esiphezulu eMzantsi Afrika. Oku kubhaqwa kwalo mhonyo kukwabonakalisa ukuba uMzantsi Afrika unazo iingcali neengcaphephe ezinokuba ngoomakhonya noomakhwekhwetha kwihlabathi liphela kwezobunzululwazi ngeenkwenkwezi nezakhono zezobuchwephetshe bokubahamba phambili ehlabathini kubunzululwazi boonomathotholo. Olu phando luhlonitshwayo kwihlabathi jikelel lusikhumbuza ngamathuba awodwa afunyenwe nguMzantsi Afrika ngenxa yokukhuphisana ngokuyimpumelelo, ukuphuhlisa izakhono zethu ngokuvuselela umdla wolutsha lwethu kwinzululwazi nobunjineli. Oku kukwanika eli lizwe ithuba lokuba luqalise ukuvelisa iinzululwazi eziza kuncedisa kwiphupha lokufezekisa uMbono wowama-2030 weSicwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP). Oku kufunyanisiwe sisiqalo kokunye okuninzi okuseza kufunyaniswa nge-Square Kilometer Array. Ukukhuphisana kwethu ngokuyimpumelelo kukwavula amathuba amaninzi kweli lizwe, ngokukodwa amawaka emisebenzi kulwakhiwo, ukusebenza nowokulungisa eMntla Koloni apho undoqo we-SKA wakhiwa khona.

1.8.  IKhabinethi ihlaba ikhwelo kulutsha ukuba lufake izicelo zokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo ngokwephulo i-Faka isicelo ngoku! leSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho. Ngeli phulo abafundi baxhotyiswa ngolwazi olufunekayo ukuze bakhethe amakhondo ngokufanelekileyo bafake nezicelo kuselithuba. Kwakhona oko kuza kuncedisa nasekuthinteleni uxinizelelo abafundi abajongana nalo ekuqaleni konyaka wokufunda. Abafundi kwakhona bayakhunjuzwa ukuba bayisebenzise iNgxowa-mali yoNcedo lwaBafundi yeSizwe enceda ngezimali abafundi abaselungelweni abaqhuba kakuhle ezifundweni zabo kodwa besokola ngezimali.

1.9. IKhabinethi iyazamkela iziphumo zeNgqungquthela yesiQhelo yama-23 yeNtlanganiso yeMbumba ye-Afrika (i-AU Summit) ebibanjwe kutsha nje phantsi komxholo othi: “Owama-2014 Ngunyaka wezoLimo nokuBakho koKutya e-Afrika” apho uMongameli uJacob Zuma ebekhokela ingqiza eliphezulu. Okubalulekileyo ngale Ngqungquthela zizigqibo ezithathileyo ngemiba ephambili enxulumene nophuhliso, uxolo nokhuseleko, ukuguqu-guquka kwesimo sezulu kunye nokuvuselelwa kwemithombo kwakunye nokuqukunjelwa kwe-Ajenda yowama-2063 yeNkqubo-sikhokelo yeLizwekazi, njengenxalenye yombono we-Afrika wale minyaka ingama-50 izayo kunye nomba wokuTsala ngaMxhelo Mnye kwi-Ajenda yoPhuhliso eMva kowama-2015. 

1.10. IKhabinethi ivakalisa amazwi ovelwano olunzulu kusapho nezihlobo zikaSekela Mongameli wePhiko laManina loMbutho weSizwe (i-African National Congress) nowayesakuba nguMbhexeshi oyiNtloko we-ANC kwiBhunga leSizwe laMaphondo, uNksz Nosipho Dorothy Ntwanambi. Ushiye ikroba kumzabalazo oqhubayo welizwe elinobulungisa nelinolingwano apho wonke ummi exhamla inkululeko, amalungelo namathuba ngokulinganayo.

2. Izigqibo zeKhabinethi ezingundoqo

2.1 IKhabinethi  inikwe amagqabantshintshi ngeziPhumo zeSigaba se-11 seNgqungquthela yaMaqela (i-COP 11) kwiNgqungquthela yeZizwe eziManyeneyo yokuLwa nokuTshatyalaliswa koHlaza (i-UNCCD),  eyayibanjelwe ukusuka ngomhla we-16 ukuya kowama-27 kweyoMsintsi yowama-2013 eWindhoek, eNamibia. Le ngqungquthela ibingemiba kanye edla ihlabathi engemimandla ezinkqantosi engafumani mvula, ebunkqantosi nje kancinci kunye neyomileyo kodwa ibufuma. Phakathi kwezigqibo ezingundoqo ezithatyathiwey kule Nkomfa kuvunyelwene ukuba kuphuculwe izixhobo zokusebenza, ukusebenza ngokubonakalayo nangokuvaka kwendlela yothungelwano loMmandla namaCandelo okulungelelanisa woMmandla ngokwenza umsebenzi wawo ngempumelelo. Le ngqungquthela iphinde yavumelana ukuba zisuswe ii-ofisi zeNdlela eseTyenziswa liHlabathi kwezeNgxowa-mali yeHlabathi yoPhuhliso lwezoLimo eRome zisiwe eBonn zize zibendawoninye nezequmrhu lolawulo lwe-UNCCD. Ezi zigqibo ziza kuxhasa ukomelezwa kwezixhobo zokusebenza ukulwa nemingeni yokutshatyalaliswa kohlaza kweli lizwekazi.

2.2. IKhabinethi ikwamkele ukuba uMzantsi Afrika usiqinisekisile isiHlomelo sokuValwa phantsi kwesiVumelwano saseBasel ngoLawulo lokuHanjiswa kweeNkunkuma eyiNgozi kunqunyulwe iMida nokuLahlwa kwayo. ISivumelwano saseBasel sisivumelwano samazwe ngamazwe esilawula ukuhanjiswa kwenkunkuma eyingozi kunqunyulwe imida. Nangona iSivumelwano esiHlonyelweyo sokuValwa saseBasel samkelelwa ukukhusela amazwe asakhulayo ukuba afumane iinkunkuma eyingozi esuka ngaphandle kumazwe atyebileyo. Ukuqinisekiswa koku kuValwa kuza kuqinisekisa ukuba impilo yabantu neyokusingqongileyo zikhuselekile ukulungiselela izizukulwana ezizayo, nokuba uphuhliso lwezentlalo noqoqosho zikhuthazwa ngokuzinzileyo. Oku kuza kwenza umahluko omkhulu kwidabi lokulwa nokulahlwa kwenkunkuma eyingozi eliyingxaki e-Afrika.

3. Iziganeko ezizayo

3.1. UMongameli uJacob Zuma, uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliya kwiNtlanganiso yesi-6 ye-Brazil, i-Russia, i-India, i-China noMzantsi Afrika (i-BRICS) eza kube isingathwe yi-Rhiphabliki eManyeneyo yase-Brazil ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyeKhala yowama-2014 phantsi komxholo othi: “I-BRICS: Uhlumo oluQuka Konke, iziSombululo eziZinzileyo”. Ngesha uMzantsi Afrika unguSihlalo we-BRICS, inkulu inkqubela eyenziweyo ukumilisela indle entsha yokusebenza kwe-BRICS eyayiphehlelelwe kwiNtlanganiso yesiHlanu ye-BRICS, oko kukuthi, iBhunga loShishino le-BRICS kunye neBhunga looNgqondongqondo le-BRICS, kwaye iingxelo ezingomsebenzi osele wenziwe ngala maziko ziza kunikwa iiNkokeli ze-BRICS.
URhulumente woMzantsi Afrika uwufezekise ngokugcweleyo iSicwangciso soMsebenzi saseThekwini, esamkelwa kwiNtlanganiso yokugqibela ye-BRICS eyayibanjelwe eThekwini, eMzantsi Afrika, kwaye uza kunikezela ngengxelo yokushiya isikhundla ngentsebenziswano yamacandelo ngethuba unguSihlalo we-BRICS, uqaqambisa inkqubela eyenziwe nguMzantsi Afrika ngexesha unguSihlalo we-BRICS ngokunxulumene nezigqibo ezikwiSibhengezo saseThekwini neSicwangciso soMsebenzi.
3. 2. NgeCawa umhla we-13 kweyeKhala yowama-2014 iSebe lezoThutho liza kunika iingxelo kuluntu lukaMasipala waseNkangala nomasipala i-Dr JS Moroka ngePhulo loPhuhliso loMzila kaLoliwe neNdlela iMoloto.  UMjelo woPhuhliso loMzila kaLoliwe iMoloto uza kuba yinkqubo yezothutho edibeneyo eza kuba nololiwe njengondoqo nezinye iintlobo zezothutho – ngokukodwa iibhasi neeteksi – zincedise zibonelele ngenkonzo yokuthungelana. Iinkokeli zaseMpumalanga, eGauteng naseLimpopo kwakunye noosodolophu bezithili noomasipala ziza kuhamba noMphathiswa xa eza kube endwendele apho. I-PRASA, elushishino lukarhulumente oluphantsi kweSebe lezoThutho, iza kukhokela olu lwakhiwa ukusuka ngoku ukuya phambili.
3.3. Kule veki izayo amasebe aza kube enikezela ngohlahlo-lwabiwo mali ePalamente. Abaphathiswa baza kube besabelana ngezicwangciso zabo zenkcitho ngokusebenzisa iinkqubo zasePalamente baze babelane noluntu ngezicwangciso zabo.
3.4. IKhabinethi inqwenelela okuhle iimbaleki zethu eziza kuthatha inxaxheba kwiMidlalo yaMazwe ayesakuba ngaMathanga, eza kubanjwa ukusuka ngomhla wama-23 kweyeKhaya iye kumhla we-3 kweyeThupha yowama-2014 ibanjelwa e-Glasgow, eSkotilane, kwaye ibongozwa bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazixhase ezi mbaleki.

4. Izikhundla
1. IKhabinethi ikuqaphele ukonyulwa kwamalungu kwiBhunga leBhunga leSizwe lokuCebisa lokuYila besonyulelwa ixesha eliyiminyaka emine:
a) UAdv. Louisa Zondo
b) UMnu. Garth Strachan (ummeli we-dti)
c) UNjing. Jennifer Thomson
d) UNksz. Clare Busetti
e) UNksz. Zanele Monnakgotla
f) UGq.  Azar Jammine
g) UNjing. Cheryl de la Rey (uSihlalo)
h) UGq. Andile Ngcaba
i) UNksz. Nonkululeko Nyembezi-Heita
j)  ¬UGq. Sibusiso Sibisi
k) UNjing, Olive Shisana
l) UGq. Dhesigen Naidoo
m) UGq. Albert Van Jaarsveld
n) UNjing. Glenda Gray
o) UGq. Roseanne Diab
p) UGq. Shadrack Moephuli
q) UMnu. Kevin Nassiep
r) UMnu. Sim Tshabalala
s) UGq. Khotso Mokhele
t) UNjing. Anton Eberhard

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Uqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore