Intetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-19 kweyeNkanga ngowama-2014

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1. IKhabinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kwe-Operation Phakisa 2: UkuKhawulezisa uMsebenzi woKwakhiwa kweeKlinikhi eziseMgangathweni neNkqubo yokuziLungisa. Oku kulandela i-Operation Phakisa 1 ebigxininisa kumsebenzi wokizingela amathuba oqoqosho anokubhaqwa kwiilwandle zoMzantsi Afrika. I-Operatin Phakisa 2 ijonge ekuphuculeni umgangatho weenkonzo zezempilo ezinikezelwa ngamaZiko eeNkonzo zezeMpilo angama-3 500, aquka iiklinikhi zikarhulumente kunye namaZiko ezeMpilo oLuntu. Iziphumo ezilindelweyo ziquka ukutshintshwa kwezi klinikhi namaZiko ezeMpilo oLuntu zibe ngamaziko angumzekelo womsebenzi omhle, aza kusetyenziswa ngabo bonke abantu boMzantsi Afrika, ngenxa yokuba umgangatho weenkonzo ezizihambisayo uza kube uphuculwe.

1.2. IKhabhinethi ibaqhwabela izandla abaphumelele iiMbasa ze-Batho Pele zokuGqwesa, umsitho wazo obubanjwe ngomhla we-14 kweyoMqungu ngowama-2014. Ezi mbasa zibethelela indlela yokusebenza ephucukileyo kwaye ziwonga abo basebenze ngokugqwesa kwiinkonzo zikarhulumente.

1.3 IKhabhinethi ikuqaphele ukuba uMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo uFikile Mbalula uza kusingatha iiMbasa zezeMidlalo zoMzantsi Afrika zowama-2014 kwiZiko leeNgqungquthela laseSandton ngomhla wama-30 kweyoMnga ngowama-2014. IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika abangabathandi bezemidlalo ukuba babe yinxalenye yeeMbasa zezeMidlalo zoMzantsi Afrika ngokuvotela iMbalasane yezeMidlalo yoNyaka. Ulwazi oluthe vetshe lukhona kwi: www.sasportsawards.com.

1.4 IKhabhinethi iqhwabela izandla amaqela ezemidlalo esizwe, iBafana Bafana, Amabhokobhoko kunye nee-Protea (iqela leqakamba) ngokudlala kakuhle kakhulu ngempelaveki asenzela udumo singuMzantsi Afrika. Ukukhethwa kukaMnu. AB de Villiers njengoMdlali woNyaka oBalaseleyo kwiMidlalo yeHlabathi yoSuku oLunye (ii-ODI) yeBhunga leQakamba lezeHlabathi ngokuqokelela imitsi engama-7 000 kwii-ODI kuyancumisa.

1.5. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kwenkonzo yeeBhasi eziQuqa zibuYelela (i-BRT) i-A Re Yeng eTshwane, eziqale ukusebenza ngoMvulo, umhla we-17 kweyoNkanga ngowama-2014. I-A Re Yeng ngokufanayo nezinye iinkonzo ze-BRT kweli lonke, iyinxalenye yesixokelelwano seendlela yezithuthi zikawonke-wonke ezinjongo yazo ikukuphucula ubomi babakhweli ngokuthi babenakho ukusebenzisa izithuthi ezidolophini ezikhawulezayo, ezikhuselekileyo, ezifikelelekayo nekumnandi ukuzisebenzisa. Ukwakhiwa kwesi sixokelelewano seendlela kuyinxalenye yokuqaliswa kwenkqubo yokwakhiwa kweziseko ezingundoqo ngurhulumente, eneenjongo zokwakha iziseko ezingundoqo ezikumgangatho wehlabathi eMzantsi Afrika, ibe ngaxeshanye idala amathuba emisebenzi.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi ikwamkelwe ukuphunyezwa kwenkqubo ezeleyo yokuqinisekisa ukuthotyelwa kwemigaqo-nkqubo nemithetho yokuphucula amathuba okuthengwa kweempahla zalapha ekhaya. Oku kuquka inkqubo yokulungelelanisa umgaqo-nkqubo ukuze kuphononongwe ukuqiniswa koMthetho wesiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo wokuThengwa ngokoMkhethe, isandisa iNkqubo yokuKhuthaza uKhuphiswano phakathi kwabaNikezi zinkonzo kuwo onke amaShishini kaRhulumente kwakunye nokomeleza imithetho yamasebe (ingakumbi umqulu wezemigodi) ukuze kuthengwe iimpahla neenkonzo zalapha ekhaya.

Eli lelinye lamanyathelo abalulekileyo okwenza uqoqosho lweli lube lolwale mihla nto leyo iza kwenza ukuba amashishini esizwe akwazi ukumelana nokhuphiswano, ikhuthaze ukukhula kwezakhono zokushishina nobuchwepheshe, kwandise iimpahla ethunyelwa ngaphandle kubethelelwe ngakumbi uphuhliso lwabamnyama kwezoqoqosho.

2.2. IKhabhinethi ixelelwe ngeNgqungquthelo kaMongameli yooRhulumente baseKhaya, yayamkela iNkqubo yoKwenza izinto ngokuFanelekileyo yooRhulumente baseKhaya, esekelwe ekwakheni urhulumente wasekhaya osabelayo, onenkathalo nophendulayo. Inkqubo yoKwenza iziNto ngokuFanelekileyo iza kugxininisa kucwangciso nemisebenzi yabo bonke oomasipala ekuhambiseni ngokukuko iinkonzo ezisisiseko zikamasipala nokunxibelelana rhoqo nabahlali. Injongo kukuba kuyekwe ukube kudidizwa kusetyenzwe qha.

Imizamo yokuphucula iindlela abasebenza ngayo oomasipala iza kuphucula iimeko abaphila phantsi kwazo bonke abemi boMzantsi Afriika abaxhomekeke koomasipala abasebenza ngokungenamagingxi-gingxi ukuze baphila ubomi obuhloniphekileyo.

Ukususela ngowe-1994, oorhulumente basemakhaya ngabo abasemehlweni abantu kumba wokuhanjiswa kweenkonzo.

Nangona uyimbali umsebenzi wokunikezelwa kwamanzi, umbane, ukuthuthwa kwelindle nenkunkuma koomasipala, kwiindawo apho ukuhanjiswa kwenkonzo kusasilelayo kufuneka sikhokelise abantu nezinto ezibahluphayo. Oku kufuna sitshintshe kwindlela edlulelwe lixesha yangaphambili yokuhanjiswa kweenkonzo eyayikhokelwa ziziphathamandla zodwa siye kwindlela ekhokelisa abahlali, i-Batho Pele sisebenzele uluntu. Okuphambili kule ndlela intsha yinkqubo yokunika ingxelo nokuphendula ngomsebenzi owenziweyo.

2.3. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa kweNgxelo eNgezamva ekhutsha emva kwemiNyaka eMibini yoMzantsi Afrika ngokuPhungulwa kweSisi (iKharboni), iquka uLuhlu lokuGqibela leSizwe lweeGesi eziGcina ubuShushu eMhlabeni (i-GHG) lowama-2000-2010, kwiNgqungquthela yesiCwangciso-nkqubo seZizwe eziManyeneyo ngokuTshintsha kweMozulu (i-UNFCCC). Inika amagqabantshintshi nohlalutyo yoluhlu lwee-GHG ezikhutshwa nguMzantsi Afrika kunye namacandelo aphambili ekutshintsheni ezi gesi zikhutshwayo. Ikwabonisa noluhlu oluzeleyo lwamanyathelo otshintsho lwemozulu njengenxalenye yenguqu esisa kuhlobo loqoqosho oluvelisa isisi okanye ikharbhoni encinci.

Oku kuquka ukuchaza iziphumo ezifunwayo zokuphungulwa kwesisi seegesi esikhutshwayo; ukukhuthaza ukuza neendlela ezintsha nokutyala imali kumandla ombane ahlaziyekayo; ukukhuthazwa ukusebenzisa amandla ombane ngononophelo; ukwenza inkqubo yesizwe yokuqokelela iinkcukacha-lwazi ngeegesi ezigcina ubushushu emhlabeni; kunye nezinye iinkqubo ezifana neRhafu yeKharboni. Oku kuyinxalenye yengxelo uMzantsi Afrika okufuneka uyinike kwihlabathi ngokwemiqathango ye-UNFCC.

2.4. IKhabhinethi ikuvumile ukusungulwa kweqela lamasebe ahlukeneyo phantsi kweNtlanganisela yeNtsebenziswano yaMazwe ngamazwe, uRhwebo noKhuseleko eliza kujongana nokuphunyezwa kwesiVumelwano sokuQuquzelelwa koRhwebo soMbutho woRhwebo weHlabathi (i-WTO).

Uluvo loMzantsi Afrika kukuba usebenzisane namanye amazwe ase-Afrika ukuqinisekisa ukuba ukwamkelwa nokuphunyezwa kwesiVumelwano sokuQuquzelelwa koRhwebo akunyanzelisi amazwe ase-Afrika ukuba azibophelele kwizibhambathiso angazi kukwazi ukuzizalisekisa nto leyo inokuwenza ukuba azibone sele egangxeleke ezingxakini zomthetho.

Nangona uMzantsi Afrika usazibophelele kuthethathwano namazwe ehlabathi phantsi kweziVumelwano zaseDoha, uluvo lwethu kukuba sifuna iziphumo ezingazikuchaphazela eyethu imibono yokufuna imigaqo-nkqubo exhasa uphuhliso lwamashishini nokudala imisebenzi into ezo ziyeyona miba iphambili kwiziphumo ezimiselwe kwiSicwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP).

UMzantsi Afrika uyakubethelela ukubaluleka kweendlela zokusebenzisana namanye amazwe nezibandakanya bonke xa kuxoxwa ngemiba ye-WTO njengeyona ndlela ifanelekileyo yokufumana iziphumo ezilulutho kubo bonke eziza konelisa onke Amazwe angamalungu.

2.5. IKhabhinethi yazisiwe ngezamva nje ngesiVumelwano seMibutho emiThathu engaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-TFTA) soMmandla woRhwebelwano waMazwe aseMpuma naseMazantsi e-Afrika – Amazwe aseMpuma ye-Afrika – uMbutho woPhuhliso wamaZwe aseMazantsi e-Afrika – (i-COMESA-EAC-SADC) yaze yalamkela uluvo loMzantsi Afrika kwi-TFTA. Eli linge lale Mimandla mithathu yiprojekthi ephambili ekhokelwa ngamazwe e-Afrika enjongo zayo ikukukhuthaza ukuba kuxhatshazwe icham lokuthenga ngomndilili, incede ukukhuphisana okwakhanayo, ukukhuthaza ukusebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zeenkonzo, ikhuthaza ukusebenzisana ngezinto ezinexabiso kwiingingqi, urhwebelwano nokutyalelana imali kwemimandla kunye neziseko ezingundoqo ezinqumla imida.

UMzantsi Afrika ungena ezingxoxweni njengenxalenye yoMbutho woRhwebelwano waMazantsi e-Afrika oma ezingxoxweni njengombutho omnye. Amazwe akule mimandla mithathu anesambuku semveliso iyonke esiyitriliyoni eyi-1.2 yeedola zaseMelika nabantu abazizigidi ezingama-626 xa bedibene bonke, manani lawo angaphezulu nje kwisiqingatha soqoqosho nenani labemi base-Afrika xa bebonke. Intsebenziswano phakathi kwemimandla ukuze kudaleke abathengi nabasebenzisi-zinkonzo abaninzi ngeenjongo zokukhulisa uqoqosho lwase-Afrika ngokukhawulezayo nangokuzinzileyo linyathelo elingqingqwa lokuphelisa nya iintshiyekela zeenkqubo zobukholoniyali ezazikhuthaza amazwe ase-Afrika ayesahlula-hlulwa ezizicukwana ezingasebenzisaniyo.

2.6. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphakamiso zeNgqungquthela ye-G20 eBrisbane ezingendlela engqingqwa, ebandakanyayo nesebenzayo yokulawula icandelo lezezimali. Oku kudlala indima kuzinzo oluqhubekayo kwezezimali nokunyamezela kwecandelo lezezimali lwehlabathi nolwalapha ekhaya. Kulandela uMbhodamo wowama-2008 kuQoqosho lweHlabathi, iiNkokheli ze-G20 zizibophelele kwingungqu ezibonakalayo kwicandelo lezezimali lehlabathi. Injongo yazo ibikukutywina la mathanda abangela lo mbhodamo kwakunye nokwakha imithombo yezimali ekhuselekileyo neyomeleleyo ukuze incedise kwimfuno zoqoqosho lokwenyani.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, i-G20 ibijongene nomngeni wokutywina ezi ntanda zazibangele lo mbhodamo, ngokomeleza imigangatho yehlabathi ukuze kwakhiwe amaziko ezimali anyamezelayo norhwebo olungekho ethe-ethe. INgqungquthela yaseBrisbane iziqukumbele iinguqu zezimali zesigaba sokuqala, ngoku iBhodi yoZinzo kwezeziMali iza kuhlenga-hlengisa ijolise kumba wokungenelela ihlangabezana neengxaki nemingeni emitsha netshintsha rhoqo. UMzantsi Afrika uza kuqhubeleka uthatha inxaxheba kwiBhodi yoZinzo kwezeziMali kwakunye nakumanye amaqonda anamagunya afanayo neyawo asebenzela ukuza nenkqubo esekelezelwe kukuthembana nokusebenzisana zinto ezo zibalulekileyo ukuze kube kho into yezezimali yehlabathi engenamagushe nakufihlelana enokuphumeza amaphupha e-G20 ohlumo oluzingileyo, oluzinzileyo nolungqingqwa.

 

2.7. IKhabhinethi iziqaphele yazamkela izigqibo zentlanganiso yeBhunga lokuQuquzelela likaMongameli ebibanjwe ngomhla we-18 kweyoKwindla ngowama-2014, ngeenjongo zokuphumeza. Izigqibo ezingundoqo ziquka:

(a) ukulungelelaniswa nokufezekiswa kwesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) ukubonakalisa inkqubela eyenziwe ngoorhulumente basemakhaya ukufezekisa i-NDP. Amasebe karhulumente kazwelonke, iKomishini yoCwangciso yeSizwe kunye namaphondo aqinisekisa ukuba izicwangciso zoomasipala ziyalungelelana neze-NDP nezinye izicwangciso zesizwe;

(b) ukulungisa iingxaki yokunqongophala kwezakhono kumaqoqo amathathu karhulumente ukuxhasa oomasipala ukuze bafezekise izibambathiso zabo;

(c) ukuleqa ukufumana oorhulumente basemakhaya ababonisa iinguqu nokususa imiqobo echaphazela iphupha lokufikelela kulawulo loomasipala olungacaluliyo nolululo, ilungise umonakalo weendlela zexesha localu-calulo ezazakhiwe ngayo iidolophu nezixeko.

2.8. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngamalungiselelo oNyulo looMasipala lowama-2016 yaze yakwamkela ukusekwa kweQela laBaphathiswa kunye neQela looChwephesha aza kujongana noNyulo looMasipala. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa kwesilungiso kuMthetho wezoMasipala: Oorhulumente baseMakhaya, we-1998 (uMthetho Nombolo 117 we-1998) ePalamente, ukuze unike amagunya uMongameli (ngaphambili yayinguMphathiswa) ukuba amise umhla wonyulo lwamabhunga oomasipala. Unyulo loomasipala lowama-2016 luza kuba lunyulo loomasipala lwesine ukusukela oko salawulwa ngentando yesininzi ke ngoko amalungiselelo asele esemaphethelweni aza kuqinisekisa nakwesi isihlandlo ukuba akukho magingxi-gingxi njengakwezi zingaphambili.  

3. Imithetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-sihlomelo osaYilwayo woMthetho wezoLwaphulo-mthetho (amaTyala ezeSondo neMiba eNxulumene nawo) wowama-2014 ePalamente. Lo Mthetho usaYilwayo uphendula izigwebo ezibini ezahlukeneyo zeNkundla yoMgaqo-siseko, ngokulungisa amacandelo ahlukeneyo kuMthetho-sihlomelo woMthetho wezoLwaphulo-mthetho (amaTyala ezeSondo neMiba eNxulumene nawo) wowama-2007, ukulungisa iingxaki ezikhoyo ngokomgaqo-siseko. Injongo ephambili yecandelo le-15 nele-16 yalo Mthetho, ekukukhusela abantwana abanokuba ngamaxhoba alula okuxhatshazwa ngokwesondo ngabantu abadala, yona ayizikuchatshazelwa zezi zilungiso zicetywayo.

Ezi zilungiso zicetywayo zecandelo lama-50 nelama-51 alo Mthetho zineenjongo zokubethelela uluvo lokuba izinto ezichaphazela abantwana nezibalulekileyo kubo kufuneka zisoloko zikhokeliswa phambili. 

3.2. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-sihlomelo weMiba yezobuLungisa wowama-2014 ePalamente. Lo Mthetho usaYilwayo ulungisa imiThetho emininzi, eyayiphantsi kweSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, ukuze ulungise iingxaki ezibambekayo nezingobucukubhede bomthetho, ngeenjongo zokuphucula indlela iSebe elisebenza liphendule ngayo.

3.3. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-sihlomelo weeBhanki osaYilwayo, wowama-2014 ePalamente. Isilungiso esenziwe kuMthetho weeBhanki, we-1990 (uMthetho Nombolo 94 we-1990) siphucula amagunya omgcini-mafa weebhanki ngeenjongo yokwenza icandelo lezimali likhuseleke nokukhusela abo bagcine imali ebhankini. Ukuze kuqiniswe imigaqo elawula icandelo lezeebhanki kubalulekile ukuba imithetho nolawulo lweebhanki lusekelwe kwimigaqo yehlabathi neendlela ezilungileyo zokulawula.

Lo Mthetho usaYilwayo ufuna ukuphucula amagunya omgcini-mafa olawula ibhanki ngoku ibhanki ibhangiswayo:

(a) ngokuza namanye amaqhinga okusindisa ibhanki kusetyenziswa amanye amacandelo ebhanki leyo,

(b) ukuququzelela ukukhutshelwa kwawo onke amacandelo ebhanki kwelo qumrhu litsha liza kuyithathela kuyo kulandelwa imigaqo yokukhutshelwa yecandelo lama-54 loMthetho weeBhanki; kunye

(c) nokuququzelela ukuphunyezwa kwala manyathelo angasentla ngumgcini-mafa.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

4.1. IKhabhinethi iyakuncoma ukusebenzisana phakathi kukarhulumente, uluntu nezifundiswa zamaziko emfundo ephezulu ngokukhuthaza imfundo nokuxhotyiswa ngezakhono kolutsha, okuthe kwakhokelela kuphehlelelo leThusanani Foundation nguMongameli uJacob Zuma. Lo mbutho ungangenisi mali ukhokelwa lulutsha uza kunciphisa umahluko ngokomgangatho wolwazi lwemfundo phakathi kwabafundi abakumabanga aphakamileyo basemaphandleni nabo basezidolophini nto leyo iza kuphucula indlela abaqhuba ngayo kwizifundo zabo. Kuza kusekwa iingxowa-mali zokufunda ezimbini, iNgxowa-mali yokuFunda iPixley ka Isaka Seme kunye neNgxowa-mali yokuFunda yeHlabathi iJohnstone Mfanafuthi Makhathini.

4.2. IKhabhinethi ichukumisekile kukufika kwemizimba yabantu boMzantsi Afrika abasweleka ngethuba kudilika isakhiwo e-Lagos, e-Nigeria ngomhla we-12 kweyoMsintsi ngowama-2014.

IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abo bandakanyekayo kumsebenzi onzima wokubuyiswa kwemizimba kwaye ibulela ngokungazenzisiyo ngentsebenziswano eyifumene kwiziphathamandla zaseNigeria ukuze lo msebenzi ube uqhutywe ngokukhawuleza phezu kokuba ubufuna ubunono nobunye ubucukubhede obuninzi.

Urhulumente uza kuqhubeka ezixhasa iintsapho ezichaphazelekayo kwaye uyathemba ukuba oku kuza kuzenza nazo zixole. Sisa kuqhubuleka singalali sizama ukuba le mizimba yabantu boMzantsi Afrika abali-11 ekusafuneka iqinisekisiwe eNigeria, iyabuyiswa nayo ngokukhawuleza. IKhabhinethi ibulela kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ngokubambisana babumbane ngethuba siphantsi kwelifu elimnyama.

IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho longasekhoyo uDennis Furhri osweleke ngethuba esebenza negqiza elalincedisa kumsebenzi wokubuyiswa kwemizimba yabemi boMzantsi Afrika abasweleka ngethuba isakhiwo secawe sidilika eNigeria ngomhla we-12 kweyoMsintsi wowama-2014. UMzantsi Afrika ulahlekelwe liqhawe ebelizinikele kumsebenzi walo.

4.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukuchongwa kwesigqeba esizimeleyo ukuphanda izityholo zolwaphulo-mthetho ngamagosa angaphambili nakhoyo ngoku kwiZiko leeNkonzo zeMali zeRhafu zoMzantsi Afrika (i-SARS) kwaye icela uluntu ukuba lusinike ixesha esi sigqeba sigqibezele uphando lwaso.

Oku akufuneki kubonwe njengesiphako kumsebenzi omhle we-SARS njengeziko eliphantsi korhulumente elingumzekelo eliqinisekisa ukuba isizwe sinezimali zokuncedisa kwimingeni eyahlukeneyo yezoqoqosho nezentlalo.

4.4. IKhabhinethi iyayamkela intlanganiso phakathi kwebhodi yeNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (i-SAA), uMphathiswa wezamaShishini kaRhulumente uLynne Brown kunye noMphathiswa wezeMali uNhlanhla Nene yokugwadla iqhinga lokonyula i-SAA ezingxakini zemali kwaye ilindele ukuba la manyathelo okungenelela aza kuza neziphumo ezibambekayo eziza kuyenza ibuyele kwimo yozinzo yenze imali iphucule nolawulo.

4.5. IKhabhinethi iyalixhasa ilizwi lempendulo likaNondyebo weSizwe kwisigqibo seMoody sokwehlisa umgangatho wezotyalo-mali woMzantsi Afrika libe ngu-“Baa2 / P-2” lisuka ku-“Baa1 / P-2” iphinde ihlise indlela eli lizwe elibonwa ngayo ngababolekisi-zimali lisuka kwindawo encumisayo liye kwexhalabisayo, ukuba esi sigqibo sifike ngexesha lokudodobala kohlumo loqoqosho.

IKhabhinethi iyakubethelela ukuba isiCwangciso-sikhokelo sobuChule sesiGaba esiPhakathi sesikhokelise phambili amaphulo akhuthaza uhlumo afana nemisebenzi yolwakhiwo lweziporo zikaloliwe, amaziko ezombane kunye namazibuko nto leyo iza kukhuthaza utyalo-mali. Kwisithuba esiphakathi kuza kugxininiswa ekukhawuleziseni imisebenzi yolwakhiwo eqhubekayo sithetha nje neza kuba nefuthe kuhlumo loqoqosho.

4.6. IKhabhinethi isakhwanqisiwe kwaye idanile kukungaziphathi kakuhle kutsha nje kwamalungu eNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe. Le ndlela yokuziphatha inebatha inxamnye nomoya nemigaqo yedabi lethu lenkululeko kwaye iyasiphambukisa kule ndlela sesiyihambile yemiNyaka engama-20 yeNkululeko.

Igama nesidima sePalamente njengeziko lentando yesininzi kufuneka zikhuselwe kwaye imelwe ngawo onke amalungu ayo. Indlela yokuziphatha engabonakalisi sidima nasithozelo ayidibananga nokulindelwe kumalungu ePalamente ngabantu baseMzantsi Afrika kwaye iyayiphazamisa iPalamente kwisibhambathiso sayo sokugcina nokuhlonipha imigaqo nemimiso yoMgaqo-siseko.

5. Imisitho ezayo

5.1. UMongameli uJacob Zuma uza kuzimasa iNgqungquthela yaMazwe amaBini i-Botswana noMzantsi Afrika (i-BNC) e-Gaborone, e-Botswana ngomhla wama-20 kweyeNkanga ngowama-2014. I-BNC iseliqonga elibalulekileyo lokuqinisa ubudlelwane nentsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini.

5.2. UMongameli Zuma uzakwamkela uMongameli wasePalesitina uMahmoud Abbas ePitoli ukusuka ngomhla wama-26 ukuya kowama-27 kweyeNkanga ngowama-2014. Oku kuza kuqinisa nangakumbi ubudlelwane obushushu nobemvano phakathi koMzantsi Afrika nePalestina, obakhiwa ngexesha lomzabalazo wenkululeko. Le ngqungquthela iza kugxila kubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika nePalestina, isiVumelwano soXolo soMbindi-Mpuma nokuba uMzantsi Afrika uza kuqhubeleka uncedisa kumzabalazo wamaPalestina wenkululeko nozimele-geqe.

5.3. USekela-Mongameli uCyril Ramaphosa uza kuzimasa iNgqungquthela yesi-2 eququzelelwa yiTurkey eza kubanjelwa eMalabo, e-Equatorial Guinea ngomhla wama-21 kweyeNkanga ngowama-2014. Injongo yale Ngqungquthela kukujonga umgama osele uhanjiwe ‘ngeSicwangciso sokuPhumeza ekuBanjiswene ngaso seNtsebenziswano phakathi kwe-Afrika ne-Turkey sowama-2010-2014”.  Le Ntsebenziswano idlala indima kuphuhliso lwe-Afrika ngokwezibhambathiso zoMbono weMbumba ye-Afrika wowama-2063.

USekela Mongameli u-Cyril Ramaphosa, njengosihlalo weBhunga leSizwe loMzantsi Afrika likaGawulayo (i-SANAC), uza kuphawula uSuku lukaGawulayo lweHlabathi ngomhla woku-1 kweyoMnga ngowama-2014 e-Virginia, e-Lejweleputswa, eFreyistata phantsi komxholo othi: “Phantsi ngokuBekwa amabala nokuCalulwa kwabanoGawulayo”. Mde umgama osele uhanjiwe kumsebenzi wokuphumeza iinjongo zesiCwangciso sobuChule seSizwe seNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS), isifo sephepha (i-TB) kunye neziFo ezoSolula ngokwaBelana ngeSondo (ii-STI) sowama-2012-2016. Ngelishwa ukubekwa amabala nokucalulwa kuseyingxaki kwimizamo yokuphumeza esi sicwangciso ngempumelelo kwaye oku kwehlise inani labo basebenzisa izixhobo zokuthintela ukosulelwa yi-HIV.  

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke umntu ukuba axhase, anakekele kwaye amkele abole baphila ne-HIV ne-AIDS. Bonke abemi boMzantsi Afrika bayacelwa ukuba basebenzise izikhuseli xa besabelana ngesondo; baye kuvavanya i-HIV kanye ngonyaka ubuncinane ukuze bazi ngokuqinisekileyo ukuba mabazisebenzise njani izikhuseli, basebebenzise awaphi amayeza, bazikhathalele njani okanye bafuna uncedo olunjani; abantu abangamadoda (angalukiyo) namakhwenkwe asebenzise eli thuba aye kwaluswa esibhedlele.

5.4. ISebe lezeNdalo liza kuthatha inxaxheba kwiseshoni yama-20 yeNkomfa yaMazwe (i-COP 20) kunye neseshoni ye-10 yeNkomfa yaMazwe eziza kusebenza njengeNtlanganiso yaMazwe ngesiVumelwano saseKyoto (i-CPM10) eza kubanjelwa eLima, ePeru eza kubanjwa ngomhla woku-1 ukuya kowama-12 kweyoMnga ngowama-2014. Le Nkomfa ingoTshintsho lweMozulu yaseLima ibaluleke kakhulu kwingxaki yokuqosheliswa kweengxoxo zothetha-thethwano zesivumelwano sowama-2015. Imiba evunyiweyo uMzantsi Afrika oza kuxoxela phezu kwayo kwezi ngxoxo zothetha-thethwano ilungelelaniswe nezinto ezibalulekileyo zesizwe kunye nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe.

5.5. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko kunye neSebe lezeMidlalo noLonwabo aza kusingatha uhlelo lesibini loSuku lweMidlalo neNkcubeko likaMandela kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli, ngomhla wama-22 kweyeNkanga ngowama-2014 phantsi komxholo othi: MANYANANI: Indonda Enye, Isizwe Esinye, Umbhiyozo Omnye.

IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwimidlalo nemisitho yezenkcubeko njengoko zombini zinako ukumanyana bonke abemi boMzantsi Afrika. Lo msitho ukwalithuba lokuba siphile sabelane ngemisebenzi yowasakuba nguMongameli uNelson Mandela size sicinge sithethe ngezinto esinokuzenza ukuqinisekisa ukuba igama lakhe alicimi.

5.6. IKhabhinethi isiqaphele isikhumbuzo seeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo esiphawula unyaka we-16 weli phulo, liqala ngomhla wama-25 kweyeNkanga liye kowe-10 kweyoMnga. Umxholo walo nyaka uthi: “Nam Nindibandakanye: Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika ongenabuNdlobongela Phambili”. Ngalo mxholo, iphulo lowama-2014 lijolise ekuqhubekeni lifundisa ngokukhuselwa kwabasetyhini nabantwana. Lo mxholo ugxininisa nasekubandakanyeni amadoda njengamaqabane kweli phulo awukhabhe lo mkhuba.

6. Izikhundla

IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kwaba balandelayo:

6.1.  UMnu Thobile Maxin Lamati njengoMlawuli-Jikele kwiSebe lezabaSebenzi.

6.2. UNksz Nthabiseng Bernadette Makhatha njengeSekela loMlawuli-Jikelele: Indlela yokuSebenza nemiGangatho kwezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika.

6.3. Amalungu angekho kwisiGgeba soLawulo kwiBhodi ye-Arhente yaboPhula imiThetho yezeNdlela.

a)    UNksz Nomini Elizabeth Rapoo (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSihlalo),

b)    UNksz Nomusa Zethu Qunta;

c)    UNjing Tebogo Job Mokgoro;

d)    UMnu Bryan Shuan Chaplog;

e)    UMnu Benedict Matinise; kunye

f)     no-Adv Xolisile Khanyile.

6.4. UMnu Lefadi Lucas Makibinyane njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba le-Amatola Water.

 6.5. IBhodi yabaLawuli ye-South African Special Risk Insurance Association (SASRIA) Limited.

a)    UMnu Mohamed Adam Samie (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSihlalo);

b)    UMnu Ranti Mothapo (uSekela Sihlalo); kunye

c)    Mnu Stephanus Hermanus Schoeman.

Imibuzo:
UMnu Donald Liphoko
Iselula: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore