INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-10 kweyoMnga ngowama-2014

Ukuqala nje, iKhabhinethi ifuna ukucacisa la marhe abubuvuvu okuba uMongameli Jacob Zuma uyala ukuya kuphendula imibuzo ePalamente. IKhabhinethi iyawabulela namalinge kaSekela Mongameli uCyril Ramaphosa okuzama ukudibanisa iintloko namaqela ezopolitiko akwiNdlu yoWiso-Mthetho yeSizwe emva kombono ombi wokuxhwithana kutsha nje.

UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika ukucacisa elubala ukuba uMongameli kufuneka aphendula anike nengxelo  ePalamente. UMongameli uyaqhubekeka esenza umsebenzi wakhe wokuphendula enika nengxelo ePalamente. UMongameli uyayiphendula imibuzo ebhaliweyo nebuzwa ngomlomo kuzo zombini iNdlu yoWiso-mthetho yeSiwe neBhunga lamaPhondo leSizwe (i-NCOP).

UMongameli waya kuphendula imibuzo ngomlomo kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSiwe ngomhla wama-21 kweyeThupha ngowama-2014. Ngelishwa amaLungu aHloniphekileyo amphazamisa ngethuba ephendula umbuzo wesithathu kwemithandathu eyayibuzwe kuye. NgamaLungu aHloniphekileyo ngokwawo, ngokuziphatha ngendlela engabonakalisi ntlonipho aphazamisa uMongameli ngethuba ephendula imibuzo. Abo bathintela uMongameli ukuba aphendule imibuzo ngomlono kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe abanakujika ngoku bathi nguMongameli ongafuni kuphendula ngomlomo imibuzo yamaLungu aHloniphekileyo. INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe iwakhalimele yawohlwaya la maLungu aHloniphekileyo aphazamisa uMongameli.

Ngaphezu koko, iKhabhinethi ayazi ngaPhepha loLuhlu lweMicimbi kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe elihlele ukuba uMongameli aye kuphendula imibuzo ngomlomo emva kokuphazanyiswa ngethuba ephendula ngomlomo. Ke ngoko akukho bunyani kwiintetha ezithi uMongameli akafuni ukuya kuphendula imibuzo kwiNdlu yoWiso-mthetho.

IKhabinethi isaxhalabile yinkxamleko eza nokucima kombane kubemi boMzantsi Afrika kunye nendlela oku okuwachaphazela ngayo amakhaya namashishini kwimbombo zone zeli. IKhabhinethi yamkele isicwangciso esintlantlu-ntlanu sokusombulula le ngxaki yokucima kombane ithwaxa ilizwe. Ukungabikho kweziseko ezoneleyo ezinokumelana nezinga umbane osetyenziswa ngalo kuseyingxaki kwaye senza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba siyayilwa le ngxaki yokunqongophala kombane. Ukuze kuqinisekiswe ukuba umthamo wombane oza kufuneka kwilixa elizayo wonele urhulumente uza neqhinga lokusebenzisa imithombo neentlobo ezahlukeneyo zombane eziquka umbane ophehlwa ngamalahle, owesola, otsalwa ngomoya, ngamanzi, igesi kunye nowenyukliya. 

Kwilixa elizayo umbane we-biomass, oza ngamaphiko omoya, otsalwa ngamanzi aza kugalela i-11.4 leeGigawathi zombane ohlaziyekayo kwiziko lombane lesizwe. Ukusukeka ngowe-1994, amakhaya azezinye izigidi ezihlanu afakelwa umbane otsalwe kulo weziko lesizwe. Ngowama-2014, eli nani lenyuka laya kumakhaya azizigidi ezili-12. Oku kwenzeka kungakhange kwakhiwa amanye amaziko ombane amatsha. La makhaya matsha atsalelwa umbane kweli ziko lombane  lesizwe lalihleli likhona.

Namhlanje u-Eskom utyikitye isiVumelwano sokuQondana (i-MoU) nabeNgxowa-mali yamaFutha aBalulekileyo kunye noGunyaziwe wezamaZibuko u-Transnet ukuze kuqinisekiswe ukuba akukho kunqongophala kwedizili kweli lizwe. Kuza kugxininiswa kumba wemisetyenzana yokulungisa nokusebenza ngokungemagingxi-gingxi ukuze kuqinisekiswe ukuba indlela yokusebenza iyaphuculwa isuka kuma-72% ekuwo ngoku iye kuma-80% amiselweyo. U-Eskom uza kuza nesicwangciso sezimali esicacileyo ngendlela aza kuziphatha ngayo izimali zakhe kule minyaka izayo emva kowama-2015. Esi sicwangciso siza kunikwa iKomithi yaBaphathiswa (i-IMC) ingekapheli eyoMnga yowama-2014. Urhulumente ngaxeshanye uza kuxhasa ngemali esi sicwangciso.

Amacebo okuvelisa umbane kusetyenziswana nabamacandelo eswekile, amaphepha nawokunqunqa amaphepha ukuze kuzanywe iindlela zokukha amandla ombane aveliswa ngezinto ezilahliweyo onokuba ziimegawathi ezili-1 000. Amathuba aza kuvela kwabo bafuna ukuthenga ugesi kumazwe angaphandle bawuthengise. Inkqubo yokuvelisa amandla ombane angaxhomekekanga kumalahle iza kuphehlelelwa ekupheleni kweyoMqungu ngowama-2015 kwaye izakuba nakho ukuvelisa umbane oziimegawathi ezingama-2 500. Ke ngoko siyabacela sibabongoza abantu ukuba bangasebenzisi umbane ngokugqithisileyo into leyo ethetha ukuba mabawucime xa bengawusebenzisi. Siza kufumana isiqatyana ngomhla we-15 kweyeNkanga ngowama-2014 xa imizi-mveliso namashishini amakhulu amaninzi eza kube evala kuba iziholide zokuphela konyaka. Iqela leengcaphephe eziza kukhokela umsebenzi wokuzalisekisa esi sicwangciso sintlantlu-ntlanu sele liqalile ukusebenza sithetha nje.

Esi sicwangciso sintlantlu-ntlanu sisabela kanye kwezi ngxaki amaziko okuhambisa ombane ajongene nazo. Esi sicwangciso sinyathela le miba:
(I) amanyathelo okungenelela u-Eskom aza kuwathatha kwesi sithuba seentsuku ezingama-30 zizayo,
(II) ukusebenzisa la mathuba okuvelisa umbane ngokwandisa izivumelwano zokusebenzisana namashishini abucala;
(III) ukukhawulezisa inkqubo yokutshintsha idizili ngegesi ukuze amaziko ombane asebenza ngedizili asebenze ngesantya esiphezulu;
(IV) ukuphehlelela inkqubo yokuvelisa umbane engaxhomekekanga kumalahle; kunye
(V) nokubeka phantsi kweliso elibukhali isantya esisetyenziswa ngawo umbane ngokumane kungenelelwa kwiindawo ezihlala abantu, kwizakhiwo zikawonke-wonke nezamashishini kunye noomasipala ngokufakela amaqhoshana nezixhotyana zobuchwephesha obonga umbane.

IKhabhinethi ixhalabile yindlela eziqhuba ngayo ezinye iinkampani eziphantsi koRhulumente (ii-SoC), ingakumba iNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (i-SAA), iPosi yoMzantsi Afrika (i-SAPO) kunye no-Eskom. Ezi ii-SoC zidlala indima ebalulekileyo yophuhliso kuqoqosho loMzantsi Afrika. UMongameli ucele uSekela Mongameli Ramaphosa ukuba abe liliso lakhe kumsebenzi wokuphucula iimeko zezimali ye-SAA, i-SAPO kunye no-Eskom. Kusetyenziswana namaSebe afanelekileyo, i-SAA iza kususwa phantsi kweSebe lezaMashishini kaRhulumente isiwe phantsi koNondyebo weSizwe. I-Ofisi kaMongameli iza kuwubeka phantsi kweliso elibukhali umsebenzi wokuphucula iimeko zezimali zezi SOC ezi zinkampani ezibalulekileyo kwiphulo lokuphuhlisa uqoqosho lweli.

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo ezinguNdoqo zikaRhulumente

1.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo ezincumisayo zoTyelelo oluseSikweni lukaMongamelo oluseSikweni e-People’s Republic of China ukusuka ngomhla we-4 ukuye kowe-5 kweyoMnga ngowama-2014, olubonisa ngokuyinene ubudlelwane obufudumeleyo, intsebenziswano kurhwebo notyalo-mali phakathi koMzantsi Afrika ne-China.

Amashishini oMzantsi Afrika ayacetyiswa ukuba makaxhamle la mathuba matsha oqoqosho avulelekileyo ngenxa yobu budlelwane bethu ne-China. Ukwamkelwa kwesiCwangciso-sikhokelo seNtsebenziswano semiNyaka emi-5 ukuya kweli-10 phakathi koMzantsi Afrika ne-China kule veki iphelileyo kuqinisa ngakumbi ukusetyenziswa kwezivumelwano ezatyikitywayo emva kokuqukunjelwa kwesiBhengezo sase-Beijing ngowama-2010 kwaye kongezelela kwizigqibo zeNtsebenziswano ekwiZinga eliPhezulu.

1.2. IKhabhinethi iqhwabela izandla iSebe leMfundo esiSiseko, amasebe ezemfundo amaphondo, iinqununu, ootitshala kunye nabafundi ngokunyamezela bezinikele njengoko siqukumbela omnye unyaka wesikolo wokufunda ubunzima.

UMphathiswa weMfundo esiSiseko u-Angie Motshekga uza kubhengeza iziphumo zemviwo zeBanga le-12 ngomhla we-5 kweyoMqungu ngowama-2015 zize iinkcukacha zeziphumo zendlela abaqhube ngayo abo bebechophele ezi mviwo bazinikwe ngomhla we-6 kweyoMqungu ngowama-2015.

IKhabhinethi iyabakhuthaza abo baphumelele ngokufanelekileyo ukuba bangamkelwa kumaziko emfundo ephakamileyo ukuba bajonge onke amathuba. Abo bafundi bangekamkelwa kumaziko emfundo ephakamileyo ngethuba kukhutshwa iziphumo zeBanga le-12 kufuneka basebenzisa inkonzo yeziko i-Central Applications Clearing House (i-CACH) ngeyoMqungu neyeMdumba yowama-2015. Nge-CACH kwenziwa uluhlu lwamagama abo bonke abaphumelele ngokufanelekileyo ukuba bangamkelwa kumaziko oQeqesho neMfundo ePhakamileyo (i-PSET) aseMzantsi Afrika luze luthunyelwe kuwo onke la maziko. Nge-CACH abafundi bakwacetyiswa nangoluhlu lwamakhondo kwakunye nangalawo banokuwalandela. Le nkonzo ingafunyanwa ngokutsalela kwiziko lomnxeba kule nombolo: 0800 356 635 okanye ngokuthi kuthunyelwe i-SMS enegama nenombolo yesazisi yakho kule nombolo: 49200.

1.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukukhutshwa kweziphumo zoHlolo loNyaka lweSizwe (i-ANA) lowama-2014 kule veki iphelileyo ezincumisayo ngenene kuwo onke amabanga ngaphandle kweBanga le-9.

I-ANA isesesona sixhobo sibalulekileyo sokujonga nokuhlola umgangatho wemfundo yeli ibonise nalapho kukho ukuqhwalela ke ngoko kufuneka kungenelelwe njengoko kwenzekile kubafundi bezibalo beBanga le-9.

1.4. IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, imibutho yoluntu kunye namajelo eendaba ngokuthatha inxaxheba kwiphulo leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo phantsi komxholo othi: ‘Nam nindibandakanye: Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika ongenabundlobongela phambili’.

Ikhwelo elibhekiswe kubo bonke abemi boMzantsi Afrika lokuba nabo ‘Babandakanywe’ lijonge ukuqinisekisa ukuba izigqibo zentsebenziswano ezikhoyo azipheleli moyeni zihlala ixesha elide ngokuthi kuguqulwe amaphulo ezintsukwana obutshantliziyo ibe ngamaphulo emihla ngemihla unyaka wonke ukuze siwusiphule neengcambu umkhwa wobundlobongela obujoliswe kubantwana nakwabasetyhini.

1.5. UMzantsi Afrika uza kuphawula uSuku leSizwe loXolelwaniso ngomhla we-16 kweyoMnga ngowama-2014 phantsi komxholo othi: Intsebenziswano ekuHlaleni, uXolelewaniso kunye noBumbano kwimiNyaka engama-20 yoLawulo lwentando yesininzi kwiMyuziyam yaseNcome kwiSithili sikaMasipala wase-uMzinyathi, KwaZulu-Natal.

1.6. IKhabhinethi ivakalisa umbulelo ongazenzisiyo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika kunye noluntu lwehlabathi liphela ngokuthatha inxaxheba kwisikhumbuzo sonyaka wokuqala wokusweleka kowayenguMongameli wokuqala owakhethwa ngentando yesininzi uMongameli uNelson Mandela ngomhla we-5 kweyoMnga ngowama-2015.

Kufuneka silandele ekhondweni likaMandela ngokuqhubeleka sizinikela ngokungagungqiyo kulawulo lwentando yesininzi, ukucingela abanye, uxolelwaniso, ukusebenzela uluntu nokuzibandakanya kwidabi lokulelwa ubomi obungcono kuye wonke. Kungezi zithethe kunye nokuzinikela ekuncedeni abanye okungamakhubalo esinokuxhathisa ngazo ukuze sihlale sisizwe esibumbeneyo nesinenkqubela.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi ivumile ukuba ingxelo yendlela eqhube ngayo inkqubo yezaPhulelo zeRhafu yoPhando noPhuhliso (R&D) ithiwe thaca ePalamente.

URhulumente unika izaphulelo zerhafu ze-R&D ngokweCandelo 11D loMthetho weRhafu yeNgeniso we-1962 ngeenjongo zokukhuthaza imisebenzi ye-R&D yamashishini abucala. UMzantsi Afrika uphungula nge-150% inkcitho ephunyeziweyo yemisebenzi yemihla ngemihla eyenzeka ngenxa yemisebenzi ye-R&D kwaye waziwa njengelinye lamazwe anezaphulelo ezihle kakhulu zerhafu kwimisebenzi ye-R&D.

Iinkampani ezingama-810, ngokwengxelo yokugqibela yeyoMdumba wowama-2014,  zixhamle kwesi saphulelo saqala ukubakho ngeyeNkanga ngowama-2006.

Ukusuka ngowama-2005/06 ukuya kowama-2012/13 iinkampani zanika iingxelo zenkcitho kwi-R&D eqikelelwa kwiibhiliyoni zeerandi ezingama-44.1, yena uNondyebo weSizwe uqikelela ukuba imali engaphezulwana kweebhiliyoni zeerandi ezi-3.2 kwafakwa izicelo ku-SARS ukuba mayibuyiswe njengerhafu etsalelwe imisebenzi ye-R&D. Ngowama-2013/14 ama-44.2% amaShishini amaNcinci naPhakathi (Amashishini anengeniso yonyaka engaphantsi kwezigidi ezingama-40 zeerandi) nawo athatha inxaxheba kwisaphulelo serhafu se-R&D.

2.2. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngendlela eqhuba ngayo i-projekthi ye-MeerKAT, okuzuzwe luluntu olukulo mmandla noMzantsi Afrika uphela kunye nengxoxo eziqhubayo ngoku eziphathelene nokwakhiwa kule ndawo kweprojekthi yesiza esiyiKhilomitha ubuDe nobuBanzi (i-SKA).

Umsebenzi wokwakhiwa kweteleskopu ye-MeerKAT – isiqalelo esizakukhokelela kwi-SKA – uqhuba kakuhle, kwaye uvulele amathuba nabakwicandelo elifana neli apha eMzantsi Afrika. Imisebenzi emininzi yobuchwephesha obukwizinga eliphezulu ikhokelwa nguMzantsi Afrika, ingakumbi ubuxhakaxhaka bekhompyutha obukumgangatho wehlabathi. Uluntu lwaseMntla Koloni nalo luxhamle kumaphulo entsebenziswano amaninzi asekuhlaleni otyalo-mali.

Kwezehlabathi, isivumelwano sokusingatha, indlela eza kuxhaswa ngayo ngemali i-SKA kunye nomgaqo-nkqubo wokuthenga zisaxoxwa kwaye ziza kuqukunjelwa. Iindibano zeengxoxo nazo ziyaqhuba ngokumiselwa kombutho wesivumelwano soorhulumente abahlukeneyo.

IKhabhinethi ilivumile iqela eliza kusebenza lamasebe amabini phakathi koMphathiswa wezobuNzululwazi nobuChwepheshe noMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho ukuba lifune abasebenzi abafunekayo nokuba liqinisekise ukuba amaziko emfundo namanye ezophando ayasebenzisana kuphuhliso nokunye okufunwa yi-MeerKAT, i-SKA kunye nezinye iiprojekthi ezifana nazo.     

IKhabhinethi ikwakuvumile ukusebenzisana phakathi koMphathiswa wezobuNzululwazi nobuChwepheshe kunye noMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci ukuba kungathi kuvele amathuba okuxhobisa amaShishini amaNcinci naPhakathi ingakumbi ngoku kukho ithemba lamathuba ezoqoqosho anokuvela.

2.3. IKhabhinethi ivumile ukuba iziko leeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika lifakane indlebe nabachaphazelekayo ukulungiselela izilungiso kuMthetho weeNkcukacha-manani, uMthetho uNombolo 6 we-1999.

Iintlanganiso zokubonisana phakathi kwamaqoqo karhulumente kunye namanye amacandelo afanelekileyo ziyimfuneko ukuze kuququzelelwe ukuqulunqwa kweendlela zokuqokelela iinkcukacha-lwazi kulungiselelwa isiCwangciso soPhuhliso seSizwe.

2.4. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomba wamaLungu eNkonzo yabaLawuli abaPhezulu (i-SMS) okuthobela isiCwangciso-sikhokelo sokuDandalazisa iiNkcukacha zeziMali, mba lowo uphantsi kweliso lePalamente.

Kwabangama-5 425 abangamalungu e-SMS kumasebe esizwe ekufuneka bengenise iifomu zabo zokudandalazisa iinkcukacha zezimali ngonyaka-mali wowama-2012/13, iKomishini yeNkonzo kaRhulumente ifumene iifomu ezingama-4 413 (ama-81%) ngomhla owawubekiweyo wama-31 kuCanzibe ngowama-2013.

IKhabhinethi iyakubethelela ukuba abantu bazifundise ukungakunyamezeli konke konke ukungathotyelwa kwale migaqo kwaye kwenziwe njalo nakwimisebenzi yemihla ngemihla yoMbuso.

2.5. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphumo zophicotho-zincwadi zowama-2013/14 zoMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (i-PFMA) ngokuthotyelwa kwalo mthetho ngamaziko kwakunye nenqanaba ezikuwo iingxelo zonyaka nezezimali zala maziko.

Kubonakala inkqubela encumisayo kumba wokungeniswa ngexesha kweengxelo zonyaka nezezimali zowama-2013/14 ngamaziko. Kulo nyaka sikuwo amaziko ekufuneka alandela i-PFMA angama-417 bekufuneka ukuba athi thaca iingxelo zawo zonyaka nezezimali ngomhla wama-30 kweyoMsintsi kowama-2014, amaziko angama-379 (ama-91%) akwazile ukuzingenisa ngalo mhla ububekiwe nani elo linyuke nge-7% xa lithelekiswa nelingama-353 lalo nyaka udlulileyo.

IKhabhinethi ikuvumile ukuba amaGosa aPhendulayo kunye nabasemaGunyeni abaPhendulayo angenise amanyathelo okulungisa amaGosa esiGqeba anamaGunya aza kuwathatha ukulungisa ezi ziphene bezikhonjiwe kwingxelo zabo zophicotho-zincwadi.

IKhabhinethi iyaluxhasa uluvo lokuba amaGosa esiGqeba anamaGunya kufuneka ayibeke phantsi kweliso elibukhali inkqubela eyenziwayo ukulungisa iziphene ebezikhonjiwe kwiiNgxelo zoPhicotho-zincwadi nayo imane inikwa ingxelo ngenkqubo.

2.6. IKhabhinethi iwavumile amanyathelo amaninzi okuzisa iinguqu kwinkqubo yokuLawula kokuThengwa kweeNkonzo (i-SCM). La manyathelo aquka: (a) iinqobo zokugweba ze-SCM ziza kuqukwa kwizivumelwano zokusebenza zamaGosa aPhendulayo ukusuka ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2014; (b) amaGosa aPhendulayo aza kuphanda ngezakhono zabasebenzi kwicandelo le-SCM aze athathe amanyathelo okulungisa ukuba kukho ukuqhwalela; (c) amaGosa aPhendulayo anike amaGosa esiGqeba anamaGunya amagqabantshintshi ngendlela eliqhuba ngayo icandelo le-SCM kumasebe awo, koomasipala okanye namaqumrhu angamacandelo karhulumente.

IKhabhinethi ikwakuvumile ukuba i-Ofisi yeGosa lezeNtengo eliPhezulu izikhawulezise iinguqu ezenzayo kwi-SCM ngokulijika eli candelo kumasebe karhulumente ukuba libe lelale mihla. I-Ofisi yeGosa lezeNtengo eliPhezulu iphezu kwephulo lokuyenza lula, ifane kuwo onke amasebe kwaye isebenzise ubuxhakaxhaka bekhompyutha inkqubo yokuthenga.

UNondyebo weSizwe uza kubamba iintlanganiso zokubonisana neSikolo seSizwe sikaRhulumente ngeenjongo zokubhala uluhlu lokuza kufundwa kuqeqesho nokwenza iziqinisekisa zezifundo ezifundelwayo zifane.

2.7. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kweNgxelo yesiThuba esiBekiweyo (sowama-2002 - 2013) engesiVumelwano saMazwe ngamazwe seZizwe eziManyeneyo (i-UN) esichasene nokuNgcungcuthekisa kunye neziNye iiNdlela zokuPhatha okanye ukoHlwaya eziKhohlakeleyo, ezingenaBuntu neziThoba isidima kwiBhunga lamaLungelo oLuntu le-UN.

Ukubhalwa nokungeniswa kwale ngxelo kubonakalisa ukuba urhulumente uzibophelele kwinzame zehlabathi zokukhusela nokuhambisa ivangeli yamalungelo oluntu. UMzantsi Afrika uyithobela yonke imiqathango yesi siVumelwano kuba ukungcungcuthekisa akukho mthethweni kweli kwaye ngokomthetho obhaliweyo hayi ongabhalwanga iiNkundla zeli zingabatshutshisa abo bangabangcungcuthekisi.

Le Ngxelo inika uMzantsi Afrika ithuba lokuba uzibhence ukuba uyayithobela na imiqathango nemithetho yehlabathi. Idabi lokulwa nokungcungcuthekisa lihambelana kanye nomba obalulekileyo ophambili woMzantsi Afrika wokuqinisekisa ukuba iindawo zoluntu zikhuselekile nto leyo ihambelana ncakasana ne-NDP.

2.8. IKhabhinethi iliqaphele iphepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo wesiPolisa osayilwayo. Iphepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo wesiPolisa lowama-2014 lisukela kuphononongo lwePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo woKhuselo noKhuseleko lowe-1998. Lo msebenzi wophononongo uza kuqwalasela kwakhona indlela etshintshe ngayo indlela ekuqondwa nekuliwa ngayo ulwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika emva kowe-1994.

Eli Phepha lisabela kanye kuMbono wowama-2030 we-NDP ngokugxininisa kanye kumba wesicwangciso-sikhokelo nemfuneko yenkonzo yamapolisa eqeqeshiweyo enamapolisa anobuchule, aphendulayo nakhokelisa iimfuno zoluntu phambili. Ukongeza, inkonzo yamapolisa kufuneke isebenze ngendlela ebonakalisa ukuthungelana kwiNkqubo yeeNkudla nobuLungisa xa isenza umsebenzi wayo ngokomgaqo-siseko.

2.9. IKhabhinethi ivumile ukuba uMgaqo-nkqubo wezoLutsha osayilwayo wama-2014-2019 usiwe kuluntu ukuze lihlomle kuwo. Lo mgaqo-nkqubo usayilwayo usukela kuMgaqo-nkqubo wezoLutsha wowama-2009-2014 wokuqala. Ukuphuhliswa kolutsha ngumba ophambili kwizicwangciso zoMzantsi Afrika zophuhliso; i-NDP ineenkqubo ezijonge iimfuno nezidingo zolutsha ngeenjongo zokunasa olu lutsha lukhoyo luneemfuno namaphupha angafaniyo nawalolu lungaphambi kwalo.

Umgaqo-nkqubo wowama-2014-2019 uqinisekisa ukuba zonke izakhono zolu lutsha lukhoyo ziyasetyenziswa. Ukufezekiswa kwalo mgaqo-nkqubo kuza kuqinisekisa ngabom ukuba izakhono zolutsha ziyasetyenziswa ukuza neenguqu kuqoqosho nakwintlalo ngokusabela kwiimfuno zabo ngokugcweleyo, ingakumbi abo bangeyonxalenye yeenkqubo zomndilili zezentlalo, ezoqoqosho nezopolitiko.

2.10. IKhabhinethi ikwakuvumile ukupapashwa koMgaqo-nkqubo weSizwe wamaLungelo abaKhubazekileyo kwiPhephandaba loMbuso ukuze uluntu luhlomle kuwo. Oku kuza kunceda: ukuhlaziya iPhepha leNgcaciso lesiCwangciso-qhinga esiHlanganisiweyo seSizwe ngokuKhubhazeka, ukuhlanganisa izibhambathiso zokuzibophelela kwisiVumelwano seZizwe eziManyeneyo ngamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo kunye nezibonelelo zesiCwangciso sokuSebenza semiNyaka eliShumi ye-Afrika yaBantu abaKhubazekileyo nemithetho nezicwangciso-zikhokelo zomgaqo-nkqubo zoMzantsi Afrika kwakunye noMbono wowama-2030 we-NDP.

2.11. IKhabhinethi iwuvumile umbono osaphakanyiswayo we-Arhente yoLawulo lweMida yoMzantsi Afrika njengenyathelo ekunokuthathelwa kulo xa oku kusisiziswa ngaphambili ngokusesikweni kugwadlwa nemithetho enokuhambelana nako.

IKhabhinethi ivumile ukuba kukhangelwe indawo ekuza kulingwa kuyo oku nokuba imithetho efanelekileyo nayo ibe khona.

Kuza kulandelwa indlela enamanqanaba amabini ukuseka le Arhente:
Inqanaba lokuSungula (eyoMqungu ngowama-2015 – kweyoMnga ngowama-2016) – liza kusetyenziselwa ukuqalisa ukuyila umthetho kunye nokuba usetyenziswe ukuze amaphulo karhulumente ngakwimida abonakale. Oku akuzikunxaxha kula malinge sele ekho kuMazibuko okuNgena azizivumelwano ezisesikweni zamaqela ngamaqela ukuqinisa amagunya olawulo eKomiti eQuquzelela imiSebenzi yokuLawula iMida.   

Inqanaba lokuSebenza kwe-Arhente (eyoMqungu ngowama-2017 nasemva kwakhe) – eli liquka ukusetyenziswa kwemithetho ukwenza i-Arhente isebenze njengeCandelo likaRhulumente elikuMazibuko okuNgena kuze kwandiswe amagunya nemisebenzi yayo iquke nokujonga imida emoyeni, emhlabeni (ukuGada iMida) naselunxwemeni (ukuGada uNxweme).

Okuboniweyo kwafundwa kwinqanaba lokusungula (kuquka nelokulinga) kuza kunceda xa kulungiselelwa iziphakamiso zeengxelo yokugqibela.

2.12. IKhabhinethi ivumile ukuba indima ephambili ye-arhente yeKomiti eQuquzelela imiSebenzi yokuLawula iMida isuswe kwabeNkonzo zeRhafu zoMzantsi Afrika iye kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

2.13. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi eziphumo zophando obelililinge lokujonga isantya seenguqu kumaQumrhu esiZwe ezeMidlalo akhethiweyo. Oku kubonise umgama osele uhanjiwe yimibutho yezemidlalo eMzantsi Afrika ukuza neengunqu kule minyaka ingama-20 idlulileyo emva kokubekwa komgama omawuhanjwe kumba wokuza neenguqu kwezemidlalo. Ezi ziphumo ziza kusetyenziswa liSebe lezeMidlalo noLonwabo ukuze lincedise loo maqumrhu ezemidlalo afuna inkxaso ngolawulo lwemisebenzi.

Iinjongo zolu phando kukuqulunqa isicwangciso-sikhokelo esiyilwayo sokuvavanya umba weenguqu kumabakala ahlukeneyo omqulu weenguqu; amazinga ekuqhutywe ngawo, iinkcukacha ngabathathi-nxaxheba, ukufikeleka, izakhono nobuchule, ulawulo, ulungelelwaniso kwezengqesho kunye nokuthenga ngendlela enedolo.

Ngokufundwe kuphando lokulinga lokuqala, isigaba sesibini sophando saqala ngeyoKwindla ngowama-2014. Olu phando lusikelwe umhlaba emaliwuhambe oquka zonke iintlobo zemidlalo ezikhokeliswe phambili.

2.14. IKhabhinethi ibhengeze ukuba uLwesihlanu wokuqala weyeDwarha luSuku loLonwabo leSizwe oluza kuqatshelwa minyaka le. Oku kuza kunika ithuba bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazibandakanye kumaphulo okuzonwabisa nto leyo iza kuphucula impilo yabo nabo.

Ukuba nabemi abasempilweni nabemi ngeenyawo ngumba ophambili kwi-NDP.

Ukuze iinzuzo zolonwabo zenze umahluko, uSuku loLonwabo leSizwe lufuna kubekho imvano emandla, imidlalo eyenziwa ngokubambisana kunye namaphulo aqhutywa ngamacandelo ahlukeneyo. Ukuphumeza oku iKhabhinethi iye yavuma ukuba kusekwe iKomiti yeSizwe ezakuKhokela oku.

3. ImiThetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho osaYilwayo wemiGaqo yeCandelo lezeziMali oluqulunqo lwesibini kunye nokungeniswa kwayo ePalamente kunye nokukhutshwa kwesiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo esisaQulunqwayo seNdlela yokuziPhatha kweeMarike ukuze uluntu luhlomle kuso. Esi sicwangciso-sikhokelo sisaqulunqwayo siza kunceda uluntu ukuba babenolwazi olwaneleyo xa behlomla kulo Mthetho usaYilwayo.

3.1.1. Lo Mthetho usaYilwayo wemiGaqo yeCandelo lezeziMali oluqulunqo lwesibini, wowama-2014 ulandela izimvo zoluntu ebezifunyenwe kulo ubuluqulunqo lokuqala owawuphunyezwe yiKhabhinethi ngeyoMnga kowama-2013. Injongo yalo Mthetho usaYilwayo kukwenza icandelo lezezimali likhuseleke ngokuqalisa ukusebenzisa inkqubo yemigaqo entsika-mbini, eyinkqubo egcweleyo negqibeleleyo yokulawula icandelo lezezimali, ixabisa abasebenzisi zinkonzo zeli candelo nokuqinisekisa ukuba izimali zabo zigcinwe kakuhle.

Le ndlela intsika-mbini yokulawula icandelo lezezimali incedisa inkqubo egcweleyo yokulawula icandelo lezezimali, kwaye ineenjongo ezimbini: (a) ukuzisa uzinzo kumaziko ezezimali ngokumisela ‘uGunyaziwe wokuLumkisa’ (ngaphakathi kwiBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika) kunye (b) nokukhusela abo bagcina izimali zabo ezibhankini kwanokuqinisekisa ukuba baphathwa ngendlela eyiyo ngamaziko ezimali ngokumisela uGunyaziwe weNdlela yokuziPhatha kwiCandelo lezeziMali, elikwaliliso kwindlela icandelo lezezimali elishishina ngayo.

Lo Mthetho usaYilwayo uza kunika uGunyaziwe weNdlela yokuziPhatha kwiCandelo lezeziMali noGunyaziwe wokuLumkisa amagunya okulawula onke amaziko ezimali uze uwaxhobise nangendlela zokuphatha ukuze enze imisebenzi yawo.

Oku akupheleli nje kula macandelo mabini anamagunya njengoko kumisela nenkqubo elungelelanisiweyo yokukhupha iilayisenisi, ukuphatha, ukubethelela umthetho, izikhalazo zabasebenzisi beenkonzo zebhanki (kuquka nonozikhalazo), iindlela zokubhena (inkundla) kunye neengcebiso nokufundiswa kwabasebenzisi beenkonzo zebhanki.

3.1.2. IsiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo esisaQulunqwayo seNdlela yokuziPhatha kweeMarike silwela ukuphathwa ngokukulo kwabasebenzisi-zinkonzo kwicandelo lezimali, oko okuyenye yezinto eziphambili uMzantsi Afrika owazifundayo ngethuba kukho uMbhodamo kuQoqosho lweHlabathi ngowama-2008.

Nangona icandelo lezezimali loMzantsi Afrika libonakalise ukukwazi ukumelana neenkqwithela, urhulumente uyakuqonda ukuba eli candelo lingenza ngcono ukuze abasebenzisi balo noqoqosho baxhamle.

Zininzi iziganeko ezaziwayo apho icandelo lezeziMali eMzantsi Afrika likhe laziphatha ngendlela engeyiyo, apho urhulumente athe naye waye wangenelela ukulungisa oku. Noko kunjalo, ukuzinga kwemikhuba neziganeko ezondeleyo zokuziphatha ngendlela engeyiyo kwicandelo lezezimali kubonisa ngokuphandle ukuba kufuneka indlela egcweleyo ezakugubhulula zonke izibi nemikhwa engeyiyo kulo lonke eli candelo.

3.2. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-sihlomelo osaYilwayo wamaLungelo eeNgcali zeziTyalo ePalamente. Lo Mthetho usaYilwayo ulungisa uMthetho wamaLungelo eeNgcali zeziTyalo, uNombolo 15 wowe-1976. Lo Mthetho usaYilwayo ufuna ukuqinisa amalinge okukhusela amalungelo ezinto eziphekwe engqondweni ngokunxulumene neentlobo ezintsha zezityalo. La malinge okukhusela anegalelo elihle kuhlumo loqoqosho njengoko inceda kwisakhono sokukwazi ukumelana nokhuphiswano kwecandelo lezolimo loMzantsi Afrika.

Ezinye iziphakamiso zezilungiso eziphambili ziquka: ukukhuselwa kwazo zonke iintlobo zezityalo; ukulungisa iingxaki yezenzo zokubhuqiswa kwamalungelo eengcali zezityalo ngokubeka izohlwayo nokuchaza apho amalungelo aphela khona kunye nabo banokuxhamla kwinyhweba enikwa abalimi; kunye nokunika uMphathiswa amagunya okuseka iKomiti yeNgcebiso ngamaLungelo eeNgcali zeziTyalo eza kucebisa uMgcini-zincwadi ngemiba emayelana nokukhuselwa kweentlobo ezahlukeneyo zezityalo.

3.3. IKhabhinethi ukuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo osaYilwayo wokuPhucula iziTyalo.

Umba wokuphuculwa kwezityalo eMzantsi Afrika ulawulwa nguMthetho wokuPhuculwa kweziTyalo, wowe-1976 (uMthetho uNombolo 53 wowe-1976) osele ulungiswe izihlandlo eziliqela, izilungiso zokugqibela zezi zazenziwe ngowe-1996). Ezi zilungiso zilungelelanisa umhlaba onyathelwa ngulo Mthetho kunye nezibonelelo zawo noMgaqo-siseko kunye neminye imithetho efana nawo kwicandelo lezolimo.

Lo Mthetho usaYilwayo uza kuphucula indlela yokuvelisa izilimo ngendlela ezingileyo eMzantsi Afrika ngokumisela imigaqo emayilandelwe ngomgangatho wezityalo nembewu.

Indima nokubaluleka komthetho wokuphucula izityalo ilele ekuqondeni ukubaluleka kokusebenzisa iimbewu neencindi zokutshintsha izityalo ezisemgangathweni ukuze kuncediswe kwindlela yokutyala nokuvelisa izityalo ezinzileyo kwakunye nokuthatha inxaxheba kushishino lwehlabathi ngezityalo ngokumisela imigangatho efanelekileyo yezityalo nembewu kunye nohlobo lwamashishini arhweba ngezityalo nembewu.

3.4. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo osaYilwayo wokuKhuselwa kweziLwanyana ezisetyenziswa kwimiBoniso.

UMthetho osaYilwayo ulungisa icandelo lesi-2 nelesi-3 loMthetho wokuKhuselwa kweziLwanyana ezisetyenziswa kwimiBoniso wowe-1935, (uMthetho uNombolo 24 wowe-1935) achazwa ngokuba awahambelani nomgaqo-siseko ngokweeMantyi ezizo ezigqiba nezinikeza ilayisenisi kubantu abafuna ukuqeqesha izilwanyana nokuzisebenzisa kwimiboniso kunye nabantu abasebenzisa izinja ukuzikhusela.

Lo Mthetho usaYilwayo ufuna ukulungisa iziphene ezabonwa yiNkundla yoMgaqo-siseko ngokususa imisebenzi namagunya okunikeza iilayisenisi zezilwanyana ezisetyenziswa kwimiboniso kwiCandelo lezobuLungisa iye kwiKhabhinethi.

Oku kuhambelana noMthetho wokuKhuselwa kweziLwanyana, wowe-1962 (uMthetho uNombolo 71 wowe-1962) odibanisa imithetho enxulumene nokunqandwa kwenkohlakalo eyenziwa kwizilwanyana.

4.  ULuvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

4.1. IKhabhinethi imemelela bonke abame boMzantsi Afrika ukuba bancedise kwidabi lokulwa ne-Ebola ngokuthatha inxaxheba kwiphulo le-SMS leMbumba ye-Afrika (i-AU) lokuqokelela izixhobo zokuncedisa. Ukuza kuthi ga ngoku, iKomishini ye-AU seyiqokelele imali ezidola ezizigidi ezingama-20 engamalizo ngokusebenzisa iphulo, i-hashtag “#AfricaAgainstEbola”, noko kunjalo kusekuninzi ekufuneka kwenziwe.  Ngokuthumela i-SMS ku-40797 ethi ‘Stop Ebola’ abemi boMzantsi Afrika bangabe babinza nje nge-R10 kuphela kodwa ngolo hlobo bayakube benika ithemba lokuba i-Ebola ingathintelwa kwaye ingaliwa iphele.

4.2. IKhabhinethi inqwenelela bonke abemi boMzantsi Afrika iiholide zokuphela konyaka ezinenzolo noxolo kwaye iyababongoza ukuba babonakalise ubuntu ngokunceda abo bangathathi ntweni nokubonisa imfesane novelwano njengoko sisisizwe esinabantu abakhathalelanayo nabahloniphanayo. Bonke abazali bayacelwa ukuba bababeke phantsi kweliso abantwana babo ngeli xesha. Amaxhoba empatho-mbi nawo mawathethe, azixele izenzo zokuxhatshazwa okanye ukuphathwa kakubi ngokutsalela iziko loncedo elivula imini nobusuku kule nombolo: 0800 428 428.

IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika banonophele kangangoko ngeli xesha leeholide zokuphela konyaka, bangasebenzisi ubutywala neziyobisi ngendlela egqithiselyo, balonwabele eli xesha leeholide ngendlela ekhuselekileyo nenenkathalo. Bonke abemi beli kufuneka bancedise kwiinzame zokulwa ulwaphulo-mthetho, iingozi ezindleleni nokuxhatshazwa kwabantu ezo ezizinto ezithanda ukuxhaphaka ngeli xesha lonyaka.

IKhabhinethi iyakubethelela kwakhona ukuba amagosa ezendlela awazikuba nalusini kwabo baphula imithetho yendlela ngeli xesha leeholide zokuphela konyaka. Siyabacela bonke abasebenzisi beendlela ukuba baqhube ngesantya esivumelekileyo; baqinisekise ukuba iimoto zabo azinamahlaba kwaye zikulungele ukuba sendleleni; abaqhubi bephantsi kweempembelelo kwaye banxiba amabhanti. Abahambi ngeenyawo nabo bayacelwa ukuba xa besebenzisa iindlela abazibeki esichengeni sokonzakala okanye esokonzakalisa abaqhubi.

Urhulumente naye uza kudlala eyakhe indima ngokukhokela amaphulo afana neNdlela yokuPhila eseMpilweni kunye nephulo i-‘Fika uPhila’ ngeenjongo zokubambisana noluntu ukukhuthaza iindlela ezibonakalisa inkathalo nezikhuselekileyo zokuziphatha.

4.3. IKhabhinethi inxubile kukubulawa kwetitshala yaseMzantsi Afrika u-Pierre Korkie obekwilizwe lase-Yemen kwakunye nokubulawa kuka-Werner Groenewald nabantwana bakhe ababini, u-Rode no-Jean-Pierre bona ababhubha ngenxa yohlaselo e-Afghanistan. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ayo ovelwano kwiintsapho nezihlobo zaba.  

4.4. Umsebenzi wokukhangela imizimba eli-11 yabemi boMzantsi Afrika ababhubha kabuhlungu kwisakhiwo esadilikayo e-Nigeria uyaqhuba kwaye urhulumente wenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba le mizimba ibuyiselwa ekhaya ngokukhawuleza.

4.5. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho lakwaGigaba ngokushiywa ngutata walo, uMfundisi uJabulani Gigaba. Ebengutata woMphathiswa weMicimbi yezeKhaya, uMnu Malusi Gigaba. IKhabhinethi kwakhona ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zikaSisi Mabe, ebesakuba nguSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yaseFreyistatha.

4.6. IKhabhinethi iqhwabela izandla iqela lebhola ekhatywayo lesizwe, iBafana Bafana kunye nomqeqeshi walo u-Ephraim “Shakes” Mashaba ngokufumana indawo yokudlala kwiMidlalo yeNdebe yaMazwe ase-Afrika yowama-2015 eza kubanjelwa e-Equitorial Guinea, ukusuka ngomhla we-17 kweyoMqungu ngowama-2015, kwaye imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase eli qela lesizwe njengoko lisiya edabini egameni leli lizwe.

4.7. IKhabhinethi ikuqaphele ukusekwa kweButho loLutsha loHlaliso loLuntu ngomhla woku-1 ukuya kowe-2 liSebe lezokuHlaliswa koLuntu, elezoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci kunye ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha (i-NYDA) kwiNgqungquthela yoLutsha yeSizwe yokuHlaliswa koLuntu.

Le ngqungquthela ibuxulusha iinkqubo zophuhliso zala masebe ezijolise ikakhulu kulutsha nokuba ulutsha lungadlala yiphi indima kumba wokwakhiwa nokunikezelwa kwezindlu. Ekupheleni kwale ngqungquthelo bonke abachaphazelekayo baya batyikitya isiVumelwano soLutsha seSizwe soHlaliso loLuntu esiza kusebenza njengesibhambathiso esiza kukhokelela ekubeni kuziwe nendlela ezeleyo nehlanganisiweyo yokuhlalisa abantu ngokukhuthaza ulutsha ukuba nalo lume ngeenyawo, uphuhliso nokuthatha inxaxheba kumaphulo afana namaButho oLutsha eSizwe oHlaliso loLuntu. Iinjongo zoku kukuhlaba ikhwelo kulutsha ukuba luncedise kwiphupha lokwakha izindlu ezisisigidi esi-1.5 kwaye nokufuna abanye baze baqeqeshwe abangama-10 000 babe yinxalenye yala maButho oluTsha kule minyaka mihlanu izayo.

5. Imisitho ezayo

5.1. Ngomhla we-12 kweyoMnga wowama-2014, uMongameli wase-South Sudan, oHloniphekileyo uSalva Kiir Mayardit uza kutyelela uMzantsi Afrika apho aza kuba lindwendwe liMongameli uJacob Zuma eKapa.

6. Izikhundla

IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kwaba balandelayo kodwa kuza kuxhomekeka ekuqinisekiseni iinkcukacha zezifundo zabo nobunye ubucukubhede obufuna ukuqondisiswa:

6.1. KwiBhodi yeBhunga loPhando lwezeNzululwazi neMizi-mveliso:

a)    UNjing Thokozani Majozi (USihlalo);
b)    UGq Ramatsemela Masango;
c)    UNjing Mamokgethi Phakeng;
d)    UGq Philip Hugh Goyns;
e)    UGq Ayanda Noah;
f)    UGq Antonio Llobell;
g)    UNksz Phindile Baleni;
h)    U-Adv Ghandi Badela;
i)    UNksz Mokgadi Maseko; kunye
j)    NoMnu Joel Netshitenzhe.

6.2. KwiBhunga lokuKhupha iiLayisenisi zeeNkonzo zoPhapho:
a)    UGq Malindi Neluheni (USihlalo);
b)    UNksz Kenosi Selane (USekela-Sihlalo);
c)    U-Adv Frans Johannes van der Westhuizen;
d)    UMnu Bheki Innocent Dladla; kunye
e)    NoNksz Sibongile Rejoyce Sambo.

6.3. KwiBhunga lamaZwe ngamazwe leeNkonzo zoPhapho:
a)    UAdv Phetole Patrick Sekhule (USihlalo);
b)    UGq Xolani David Gwala (USekela-Sihlalo);
c)    UNksz Deshnee Govender;
d)    U-Adv. Lufuno Tokyo Nevondwe; kunye
e)    NoNksz Fulufhelo Velda Mphuti

6.4. KwiBhodi yeBhanki yezeMihlaba kunye neBhanki yoPhuhliso lwezoLimo.
a)    UNjing Abdus Salam Mohammad Karaan (uqeshiwe kwakhona);
b)    UNksz Susan Ann Lund (uqeshiwe kwakhona);
c)    UMnu Mabotha  Arthur Moloto (USihlalo);
d)    UNksz Njabulo Zwane; kunye
e)    Nksz Dudu Hlatshwayo.

6.5. KwiBhodi ye-Transnet SOC Ltd (Abalawuli abangekho kwisiGqeba soLawulo):
a)    UNksz Linda Carol Mabaso (USihlalo);
b)    UMnu Stanley David Shane;
c)    UMnu Mogokare Richard Seleke;
d)    UGq Gideon Mahlalela;
e)    UNksz Potso Elizabeth Bridgette Mathekga;
f)    UNksz Zainul Abedeen Nagdee;
g)    UMnu Vusi Matthew Nkonyane;
h)    UMnu Peter George Williams;
i)    UMnu Brett Gerard Stagman;
j)    UNksz Yasmin Forbes (uqeshiwe kwakhona); kunye
k)    NoNksz Nazmeera Moola (uqeshiwe kwakhona).

6.6. KwiBhodi ka-Eskom SOC Ltd (Abalawuli abangekho kwisiGqeba soLawulo):
a)    UMnu Zola Andile Tsotsi (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSihlalo);
b)    UNksz Chwayita Mabude (uqeshiwe kwakhona);
c)    UMnu Norman Tinyiko Baloyi;
d)    UGq Pathmanathan Naidoo;
e)    UNksz Venete Jarlene Klein;
f)    UNksz Nazia Carrim;
g)    UMnu Romeo Kumalo;
h)    UMnu Mark Vivian Pamensky;
i)    UMnu Zethembe Wilfred Khoza;
j)    UGq Baldwin Sipho Ngubane; kunye
k)    NoNksz Devapushpum Viroshini Naidoo.

6.7. UGeoff Qhena uqeshwe njeGosa lesiGqeba eliPhezulu kwi-Industrial Development Corporation (i-IDC). Amagama amanye amaLungu eBhodi ye-IDC aza kubhengezwa nguMpthathiswa uPatel kungentsuku zatywala.

6.8. IiNkonzo zikaRhulumente/ Nezinye izikhundla:
a) Ukuqeshwa kweGosa lesiGqeba eliPhezulu leBhanki yezeMihlaba, uMnu TP Nchocho oza kuqala emsebenzini ngomhla woku-1 kweyoMqungu ngowama-2015 kwisivumelwano seminyaka emihlanu esiza kuphela ngomhla wama-31 kweyoMnga ngowama-2019.
b) Ukuqeshwa kweGosa lesiGqeba eliPhezulu le-Public Investment Corporation (i-PIC), uGq Daniel Mmushi Matjila osele eqalile sithetha nje, unesivumelwano sesithuba seminyaka emihlanu esiza kuqhuba kude kube ngumhla wama-30 kweyeNkanga ngowama-2019.
c) Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Murray Michell, onguMlawuli weZiko leeNkcukacha lezeziMali (i-FIC) esinye isithuba seminyaka emibini, esiqala ngomhla woku-1 kweyoMqungu ngowama-2015 siphele ngomhla wama-31 kweyoMnga ngowama-2016.
d)   Ukongezwa kwesivumelwano sengqesho soMlawuli-Jikelele weSebe leMicimbi yezeKhaya, uMnu Mkuseli Apleni, ngeminye iminyaka emihlanu, eqala ngomhla woku-1 kuTshazimpuzi ngowe-2015 siphele ngomhla wama-31 kweyoKwindla ngowama-2020.
e) Ukuqeshwa kweGosa eliPhezulu eiLawula imiSebenzi kwiSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba, uMnu Mr Marks Charles Thibela.
f)   Ukuqeshwa kweGosa eliPhezulu eiLawula imiSebenzi kwiSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba, uNksz Rendani Sadiki.

Isiqukumbelo

IKhabhinethi inqwenela wonke umntu iiholide ezimyoli nokuba sibuye ngowama-2015 sidlamkile sihlaziyekile size sonke sibambisene siqinisekise ukuba sisebenzela ukuphumeza imigomo nemisebenzi enikwe urhulumente. Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili.

Ikhutshwe liSebe lezoNxibelelwano (i-DoC)
Imibuzo: UMnu Donald Liphoko
Iselula: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore