A. IMIBA ENGUNDABAMLONYENI
1. INkqubo eBanzi yokuLawula iMfuduko eMzantsi Afrika
1.1 IKhabhinethi yenza umbulelo omkhulu kubemi boMzantsi Afrika abathathe inxaxheba kwimingcelele yoqhankqalazo ibinoxolo ibichasene nemfuduko engekho mthetheni kwaye iyiqhwabela izandla iNational Joint Operations & Intelligence Structures (iNATJOINTS) ngokuqinisekisa ukuba kukho imingcelele yoqhankqalazo enoxolo ngomhla wama-30 kweyeSilimela 2026.
1.2 IKhabhinethi iwuqhwabela izandla umsebenzi weKomiti yabaPhathiswa (iIMC) abakhokelwa ngusihlalo wabo onguMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqosiseko, uNks Mmamoloko Kubayi, ngomsebenzi oncomeka kakhulu wokuqaliswa kokusetyenziswa kweNkqubo eBanzi yokulawula imfuduko eyayibhengezwe nguMongameli Ramaphosa ngomhla wesi-7 kweyeSilimela 2026.
1.3 IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nokuqaliswa komsebenzi wokuphumeza iintsika ezintlanu zale Nkqubo Banzi, umsebenzi omhle wayo obonakalayo kwintsika yokunyanzelisa ukuthotyelwa koMthetho:
1.3.1 Ukunyuswa kwezihlandlo zokuhlolwa kwabasebenzi kwiinkampani ezikrokreleka ukuba ziqeshe abemi bangaphandle abangenamaphephamvume, okhokelwa nguSekela-Mphathiswa wezeMisebenzi neNgqesho (uMnu Njabulo Nzuza) kunye nowezaMapolisa (uGqr Polly Boshielo).
1.3.2 Ukuqinisekisa ukuba abantu babuyiselwa kumazwe wabo ngendlela enocwangco nesemthethweni emva kokusekwa kwakhona kweNkundla eKhethekileyo yezeMfuduko eThekwini (eyenza umsebenzi wokujongana nokubuyiselwa emakhaya kwabemi bangaphandle abaseSherwood, eThekwini), iNkundla yezeMfuduko ekwisiKhululo seeNqwelomoya saMazwe ngaMazwe saseOR Tambo, kunye nokuvuselelwa kwenkundla eseLindela Repatriation Centre eKrugersdorp.
1.3.3 Ukushukuma ngokukhawuleza ngelokuxhasa amalinge amazwe angaphandle okubuyisela abemi bawo emakhaya ukuqinisekisa ukuba lo msebenzi wenzeka ngendlela efanelekileyo nenesidima. Oku kukhokelele ekubeni iIMC ivule iziko lokubuyisela emakhaya lethutyana eMusina ukuze le nkqubo yokubuyiselwa kwabemi bamazwe angaphandle kumazwe wabo okuzalwa iqhubeke ngendlela enesidima nebonisa ubuntu. Ke ngoko, iKhabhinethi yenza umbulelo ongazenzisiyo kwimibutho engenzi nzuzo efana neGift of the Givers, Ashraful Aid, kunye neMahlasela Foundation.
1.3.4 Ukususela ngomhla wesi-7 kweyeSilimela 2026, iBorder Management Authority ibambe abafuduki abangekho semthethweni abaliqela bezama ukungena kweli lizwe ngokungekho semthethweni abaquka abafuduki abangenamaphephamvume, abantu abangafunekiyo, kunye nabo zithe zakhatywa izicelo zabo kuba benamaxwebhu angafanelekanga.
1.3.5 INATJOINTS ineenkcukacha zamatyala olwaphulomthetho avulelwe ulwaphulomthetho, oluquka ukuphazamisa ucwangco esidlangalaleni kunye nanxulumene nokukhwezela okanye ukuxhokonxa udushe, asemapoliseni, aquka apho abarhanelwa babanjiweyo kunye namatyala asezinkundleni kunye nalawo asaphandwayo.
1.3.6 NgoLwesine, umhla wesi-2 kweyeKhala 2026, amanye amalungu eIMC aqhube uhlolo ngokwawo buqu kumda weLimpopo neZimbabwe beyokuzibonela umsebenzi omkhulu owenziwe licandelo lale IMC lokuphuculwa kweziseko zophuhliso zemida.
2. Ukudlala kakuhle kakhulu kweBafana Bafana kwiNdebe yeHlabathi yeFIFA yowama-2026
2.1 IKhabhinethi nayo njengesizwe ibaqhwabela izandla aBafana Bafana ngokudlala kakuhle kakhulu kwiNdebe yeHlabathi yeFIFA yowama-2026, apho bathe bafikelela kumaqela kwinqanaba lomkhulula-jezi lamaqela angama-32 okokuqala oko uMzantsi Afrika wathi wathabatha inxaxheba kwiNdebe yeHlabathi yeFIFA ngowe-1998.
2.2 IBafana Bafana ibinomdlalo omhle kakhulu ngethuba idlala neCanada kumjikelo wamaqela angama-32 apho bathi bophulwa iintliziyo linqaku elingene ngemizuzu yokugqibela. Isizwe sakuthi sizingomba isifuba ngala matyendyana azibonakalisileyo ukuba angakwazi ukukhuphisana noompondo zihlanjiwe behlabathi.
2.3 Enkosi, Mzantsi Afrika, ngokwamkela iBafana Bafana ngezandla ezishushu.
EZOQOQOSHO:
1. UMzantsi Afrika unyuke kakhulu kwindawo obekwa kuyo kwiGlobal Competitiveness Rankings
1.1 IKhabhinethi ikwamkele ukunyuka koMzantsi Afrika kwindawo obekwa kuyo kwezokhuphiswano kwihlabathi njengoko kubonakale kwi-2026 World Competitiveness Yearbook (iWCY) ngoku esibeka kwindawo yama-54 xa sithelekiswa neyama-64 esasikuyo ngowama-2025.
1.2 Le ngxelo ibikhutshwe ngeyeSilimela 2026 yi-Institute for Management Development (i-IMD) isebenzisana neProductivity SA ibonakalisa ukuba uMzantsi Afrika unyuke iindawo ezilishumi xa uthelekiswa nale ubukuyo ngaphambili.
1.3 Ukunyuka kwendawo esikuyo kwenzeke ngenxa yomsebenzi omhle kwindlela asebenza ngayo urhulumente, ukuthenjwa ngokuthe xhaxhe ngamashishini kunye nendlela ephucukileyo yokulawulwa kweziseko ezingundoqo, into leyo ebonisa umahluko owenziwa zezi nguqu ziqhubayo zokuphucula indlela eliqhuba ngayo uqoqosho kunye nolawulo.
2. INgqungquthela yoMzantsi Afrika yeziSeko ezinguNdoqo incedisa kwiPhulo leLizwe loTyalomali lukaRhulumente
2.1 IKhabhinethi ikuqhwabele izandla ukusingathwa ngempumelelo kweNgqungquthela noMboniso woMzantsi Afrika weziSeko ezinguNdoqo ukususela ngomhla wesi-9 ukuya kowe-11 kweyeSilimela 2026 eGallagher Convention Centre eRhawutini. Le ngqungquthela ibiliqonga elibalulekileyo lokuphucula ubudlelwane, ukuqokelela utyalomali kunye nokukhawulezisa ukuqaliswa kweeprojekthi zeziseko ezingundoqo.
2.2 Iingxoxo bezimalunga nokwandiswa kwezivumelwano zentsebenziswano phakathi kwamashishini abucala norhulumente, ukuphucula imizila neendlela zokuhanjiswa kwemithwalo, ukunyuswa komgangatho weziseko ezingundoqo zezothutho, zezamanzi, kunye nezobuchwepheshe bale mihla ukuze kuxhaswe uhlumo loqoqosho nophuhliso. La maphulo eziseko ezingundoqo azalisekisa izithembiso ezazibhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa kwiNtetho engoBume beSizwe yowama-2026, eyandlala inkqubo enkulu yohlumo olukhokelwa ziprojekthi zeziseko ezingundoqo, apho kwathi kwabekwa imali eyitriliyoni yeerandi eza kungena kwiiprojekthi zesiseko ezingundoqo zikarhulumente kwisigaba esiphakathi.
EZAMAZWE NGAMAZWE
1. INgqungquthela yeSACU: Ukubethelela intsebenziswano kulo mmandla
1.1 IKhabhinethi iziqhwabele izandla izinto eziyimpumelelo ezenziwe kwiNgqungquthela ye-9 yeManyano yaMazwe aseMazantsi eAfrika yokuNgenayo nokuPhumayo (iSACU) yeeNtloko zemiBuso okanye ooRhulumente ibingomhla wama-26 kweyeSilimela 2026.
1.2 Isiphumo esingundoqo sale Ngqungquthelo nesihambelana nendlela yeSACU entsha, kukuba amazwe angamalungu azibophelele kwakhona kwiSACU njengemanyano ebalulekileyo yokuqhuba ukuhlanganiswa koqoqosho kule ngingqi, ukuba noqoqosho namashishini ahlukeneyo, ukwandisa urhwebelwano phakathi kwamazwe ale ngingqi, ukuhambelana kwemigaqonkqubo kunye nohlumo loqoqosho oluzinzileyo. Ukuphuhliswa kwamashishini kusenguba ophambili kwiinkqubo zezophuhliso zeSACU.
2. Ukugcina ubudlelwano neChina bushushu
2.1 USekela-Mongameli uPaul Mashatile uqukumbele utyelelo olusesikweni olube yimpumelelo ebeliye eChina ukususela ngomhla wama-20 ukuya kowama-26 kweyeSilimela 2026, obelujolise ekwenzeni ngqingqwa ubudlelwano bezoqoqosho kunye nokwandisa amathuba otyalomali kunye nokusebenzisana kwamashishini. Ngethuba lolu tyelelo, uye wabamba intlanganiso kunye noHloniphekileyo uMnu Han Zheng, onguSekela-Mongameli wePeople’s Republic of China, apho bathe bagwadla imiba ebalulekileyo kula mazwe omabini kunye nokuqinisa ubudlelwano bezoqoqosho obukhoyo kula mazwe.
2.2 Ngeli thuba lolu tyelelo, uSekela-Mongameli uMashatile uthathe inxaxheba kwiChina International Supply Chain Expo, apho athe wakubethelela kwakhona ukuba uMzantsi Afrika lilizwe elilisango lokungena kummandla we-Afrika oseMazantsi kweSahara xa ufuna ukuqhuba urhwebo, utyalomali kunye nentsebenziswano kwezoshishino. Obu budlelwano bungqingqwa kulindeleke ukuba bungenise utyalomali, kwandisele amathuba amashishini eli buze buxhase nohlumo loqoqosho oluza kudala imisebenzi.
A. IZIGQIBO ZEKHABHINETHI
1. UMgaqonkqubo oseluYilo wePetroliyam eseluGcinweni
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMgaqonkqubo wePetroliyam eseluGcinweni oseluyiyo ukuze uluntu luhlomle.
1.2. Lo mgaqonkqubo uzama ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika unamandla oneleyo kunye nokuthintela umonakalo wezoqoqosho onokwenzeka xa kukho ukunqongophala kwepetroliyam. Uqulunqwe emva kophando olunzulu obeluqhutywe ngurhulumente ngowama-2024 malunga nepetroliyam yeli lizwe eselugcinweni, oluthe labona iindawo ezifuna ingqwalasela, eziquka ukuba kuphuculwe indlela ekugcinwa ngayo ipetroliyam eselugcinweni yesizwe, kunye nokunyuswa komthamo wepetroliyam ehluzwa kweli lizwe.
1.3. Lo mgaqonkqubo uphakamisa ukuba kubekho iindlela ezahlukileyo zokugcina ipetroliyam apho iSouth African National Petroleum Company (iSANPC) iza kuthi igcine ipetroliyam ingangomthamo oza kusetyenziswa iintsuku ezingama-60 ovela kumazwe angaphandle weoli ekrwada kunye nale sele ihluziwe, mthamo lowo uza kuthi unyuswe ngezigaba ude ufikelele konokonela iintsuku ezingama-90 ngokuhamba kwexesha. Lo mgaqonkqubo uza kuncedisa kumalinge okuqinisekisa ukuba sinomthamo owaneleyo wamandla njengesizwe, usincede sikwazi ukumelana neengxaki ezinokubangelwa ngumbhodamo kwicandelo leoli kwihlabathi uze uxhase nohlumo loqoqosho oluzinzileyo.
2. I-Integrated Social Facilitation Framework
2.1. IKhabhinethi iyivumile i-Integrated Social Facilitation Framework (i-ISFF) njengomgaqonkqubo wesizwe obophelelayo wokuzenza zibe semthethweni nasesikweni iindibano zoluntu zokufakana imilomo xa kusakhiwa iziseko ezingundoqo kuwo onke amaqoqo karhulumente, amaqumrhu ombuso kunye namahlakani ophuhliso lweziseko ezingundoqo.
2.2. Esi sicwangcisosikhokelo senzelwe ukulungisa ingxaki yoqhankqalazo loluntu, ukuphazanyiswa kweeprojekthi, ukonakaliswa kweempahla, ulibaziseko, imingcipheko yokhuseleko ngokulwelwa ukuba kubekho iindibano ezihlelelekileyo zentathonxaxheba yoluntu kumanqanaba onke eprojekthi yeziseko ezingundoqo, ngolo hlobo luze uluntu luwuthembe umsebenzi wokwakhiwa kweziseko ezingundoqo, intsebenziswano ekuhlaleni kunye nokukhuselwa kotyalomali kwiziseko ezingundoqo.
2.3. I-ISFF iza nendlela ephucukileyo nelawulekayo yokubandakanya uluntu, kuquka nokunikwa kweziqinisekiso kweeNkokheli zoLuntu zeeprojekthi, iinkqubo zolawulo ezicacileyo, uhlolo novavanyo olungqingqwa, kunye nendlela ebonakalisa ukuyiqonda imingcipheko xa kulawulwa imingcipheko evela eluntwini.
3. Ingxelo yenkxasomali yeQela labaPhathiswa eliJongene nomba wezenzululwazi, ezobuchwepheshe noyilo (iSTI)
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kweNgxelo yeNkxasomali yezeNzululwazi, ezobuChwepheshe noYilo ukuze uluntu luhlomle.
3.2. Le ngxelo igxininisa into yokuba uMzantsi Afrika kufuneka ukulumkele ukuxhomekeka kwinkxaso evela ngaphandle uzame ukuzivulela eyawo imithombo yenkxasomali apha ekhaya ukuze kunqandwe iingxaki ezinokuvelela iinkqubo zophandonzulu zeli lizwe ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukuzimela ngokobunganga bezenzululwazi.
4. Ukutyikitywa ngokuSesikweni kwesiVumelwano sezoShishino soMbutho waMazwe akuMazantsi eAfrika (iSADC)
4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwesiVumelwano sezoShishino seSADC ePalamente ukuze sityikitywe ngokusesikweni. Esi sivumelwano sisibhambathiso esibophelelayo salo mmandla esineenjongo zokuphuhlisa amashishini ahlukeneyo anobuchule boyilo nakwaziyo ukumelana nokhuphiswano lwehlabathi apha eMazantsi eAfrika. Injongo yaso kukulwela uhlumo oluzinzileyo noluza kuxhanyulwa ngumntu wonke.
4.2. Ukutyikitywa ngokusesikweni nguMzantsi Afrika kwesi siVumelwano kuza kuba negalelo ekusenzeni siqalise ukusebenza njengoko sincedisa kuphuhliso loqoqosho namashishini kule ngingqi kunye nokukhuthaza ukutshintshela kuhlobo loqoqosho oluthumela kumazwe angaphandle iimveliso ezingekasetyenzwa kumazwe angaphandle lutshintshele kolu thumela iimveliso ezinexabiso eliphezulu ezisele zisetyenziwe.
5. Ukutyikitywa ngokusesikweni kwesiVumelwano esimalunga noLondolozo nokuSetyenziswa ngobuNono kweeNtlobontlobo zeziDalwa zaseLwandle eziPhila kwiiNdawo eziNgekho Phantsi koLawulo lwaLizwe.
5.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwesiVumelwano esimalunga noLondolozo nokuSetyenziswa ngobuNono kweeNtlobontlobo zeziDalwa zaseLwandle eziPhila kwiiNdawo eziNgekho Phantsi koLawulo lwaLizwe (isiVumelwano seBBNJ) ukuze sityikitywe ngokusesikweni. Esi siVumelwano sikwabizwa ngokuba sisiVumelwano seeNzonzobila zoLwandle, sisisibhambathiso esibophelelayo seZizwe eziManyeneyo esenzelwe ukulwela ukulondolozwa nokusetyenziswa ngobunono kweentlobontlobo zezidalwa zaselwandle kwiindawo zolwandle ezingalawulwa lizwe.
5.2. UMzantsi Afrika udlale indima enkulu ngethuba kugwadlwa esi siVumelwano phantsi kwesiVumewano seZizwe eziManyeneyo seMthetho yaseLwandle. Esi siVumelwano seBBNJ kulindeleke siphucule indlela elilawulwa ngayo ulwandle lihlabathi ngokuthi sikhuthaze intsebenziswano kwihlabathi kumba wokukhuselwa nokulawulwa ngobunono kobutyebi baselwandle kwiindawo ezingekho phantsi kolawulo lwalizwe.
B. IMITHETHO EYILWAYO
1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho yeSizwe yoLawulo lokusiNgqongileyo (iNEMLA), wowama-2026
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo weNEMLA, wowama-2026 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weSizwe woLawulo lokusiNgqongqileyo, wowe-1998 (uMthetho 107 wowe-1998), ukuze kuphuculwe indlela ethotyelwa nenyanzeliswa ngayo imithetho yezokusingqongileyo ngokuxhobisa oonogada bezokusingqongileyo ukuba bakhuphe imigqaliselo enyanzelisa ukuthotyelwa futhi uxhobise noomasipala ukuba bakhuphe imiyalelo malunga nabo bophula imithetho yezosingqongileyo.
1.2. Lo Mthetho uYilwayo uvumela ukuba kubekho inkqubo yezohlwayo kwimithetho yesizwe yezokusingqongileyo. Oku kongeza kwezi zohlwayo zolwaphulomthetho zikhoyo ngokuthi zinike enye indlela yokohlwaya engeyiyo le yokutshutshisa ngokwemigaqo yamatyala olwaphulomthetho kumatyala anxulumene nokwaphulwa kwemithetho yezokusingqongileyo angemabanga kakhulu, into eza kwenza kube lula ukunyanzelisa ukuthotyelwa komthetho ngelithuba kuthintelwa ulibaziseko olunokungcolisa igama lomntu othile ngenxa yokuba esezinkundleni zamatyala.
2. UMthetho-siHlomelo oYilwayo wokuBhaliswa kweeTayitile neeNkqubo zokuGcinwa kweeNkcukacha kwi-intanethi
2.1. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho-siHlomelo oYilwayo wokuBhaliswa kweeNkcukacha nokuGcinwa kweeNkcukacha.
Lo Mthetho wenza izilungiso kuMthetho wokuBhaliswa kweeTayitile kwi-intanethi (uMthetho 19 wowama-2019), uMthetho wokuBhaliswa kweeTayitile (uMthetho 47 wowe-1937) kunye noMthetho weziNdlu eziNgazimelanga (uMthetho 95 wowe-1986) ukuze ibe yimithetho yale mihla imithetho elawula ukubhaliswa kweetayitile neenkqubo zokugcinwa kweenkcukacha.
Lo Mthetho uYilwayo ukhokelisa phambili umba woqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kunye nokuphucula nemithetho enikezela amalungelo omhlaba. Ezi zilungiso zicetywayo zimalunga nomxholo kwaye zenzelwe ukuqinisekisa ukuba itayitile ayilophepha koko luxwebhu oluthetha into kunye nokuphucula indlela alawulwa ngayo amalungelo omhlaba nepropati ukuze baxhamle abanikazimhlaba nabanaxwebhu elungelo.
C. EZINTSHA KWIKHABHINETHI
1. Iinkcukacha zoQikelelo lweCandelo leSizwe lezoBuntlola (iNIE), iZinto eziKhokeliswa Phambili liCandelo leSizwe lezoBuntlola (iiNIPS) kunye nesicwangciso sokuphumeza seNIE sowama-2026/7
1.1 IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga neeNkcukacha zoQikelelo lweCandelo leSizwe lezoBuntlola, iiNIPS ezivunywe liBhunga leSizwe lezoKhuselo 2026/7 yaze yaqwalasela isicwangciso sokuphumeza iinkcukacha zoqikelelo lwecandelo lesizwe lezobuntlola.
1.2 IKhabhinethi ivile ngokuba amaqumrhu ecandelo lesizwe lezobuntlola ayaqhuba kakuhle kumsebenzi wokuphumeza iiNkcukacha zoQikelelo lweCandelo lezoBuntlola leSizwe.
1.3 Malunga nezinto ezikhokeliswa phambili ezingeyonxalenye yomsebenzi osesikweni wamaqumrhu eCandelo lezoBuntlola leSizwe, iKhabhinethi isiqwalasele isicwangciso sokuphumeza seNIE esigxininisa:
1.3.1 Amaphulo okuhlola abasebenzi anolwamvila ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa imithetho yezabasebenzi yoMzantsi Afrika.
1.3.2 Imithetho engqingqwa elawula uqoqosho lweengingqi ukuze kuqinisekiswe abaninzi abathatha inxaxheba nabangabanikazi bamashishini ngabemi beli njengoko lisitsho icandelo lama-22 loMgaqosiseko, eligxininisa ukuba kubekho ulawulo olufanelekileyo lwezikroxo, amashishini amancinci nangabhaliswanga ngokusesikweni ukuze kuqinisekiswe ukuba abemi beli bathatha inxaxheba futhi bangabinikazi ngokwenene.
1.3.3 Ukukwazi ukuba nombane wabo kunye nokutya okwaneleyo njengoko uMzantsi Afrika unobutyebi bawo, kunye
1.3.4 Noguquguquko lwemozulu nokukwazi ukumelana nobunzima kuquka nokukwazi ukulwa uEl Niño omkhulu.
1.4 Kungekudala, nanjengoko amaqumrhu eCandelo lezoBuntlola leSizwe esixelele, uMphathiswa kwiOfisi kaMongameli uza kuzipapasha iiNkcukacha zoQikelelo neziNto eziKhokeliswa Phambili zeCandelo leSizwe lezoBuntlola zowama-2020-2021
2. IsiLumkiso esiNgxamisekileyo esiVela kwiKhomishini yeeNkonzo kaRhulumente (iPSC) malunga nokuthatha inxaxheba kwabasebenzi bakarhulumente kumaqela ophando emibutho yezopolitiko kunye neminye imisebenzi efana naleyo
2.1 IKhabhinethi isivile isiLumkiso esiNgxamisekileyo esivela kwiPSC malunga nokuthatha inxaxheba kwabasebenzi bakarhulumente kumaqela ophando emibutho yezopolitiko nakweminye imisebenzi efana naleyo yaze yacela iPSC ukuba ifakane imilomo nabaninzi apho kuza kugwadlwa iindlela zokuxhasa amalungu ePalamente ukuba alungiselele amaqela ophando.
2.2 Le nkqubo yezopolitiko yoMzantsi Afrika isekelwe kwinkqubo yolwabiwo lwezikhundla ngokwenani leevoti ezifunyenwe ngamaqela ezopolitiko, ke ngoko, iPalamente inamaqumrhu emibutho yezopolitiko. La maqumrhu emibutho yezopolitiko aye azihlele ngendlela eza kuwenza asebenze kakuhle – amanye amaqela ezopolitiko aye azihlele abe ngamaqela ezophando.
2.3 Impazamo ekwesi siLumkiso siNgxamisekileyo yeyokuba amagosa aphezulu athatha inxaxheba kumaqela ophando ngokuyalelwa ngabaPhathiswa okanye amaSekela abaPhathiswa.
2.4 Amagosa aphezulu ayamenywa kwaye kufuneka athabathe inxaxheba kumaqela ezophando ukuze anikezele ngolwazi oluntsokothileyo oluza kunceda amaLungu ePalamente ukuba enze umsebenzi wawo kakuhle wokubeka iliso nokubuza imibuzo ngemisebenzi eyenziwa sisiGqeba esiLawulayo.
2.5 IKhabhinethi ivumile ukuba isebenzise laa nkqubo ifana nale yeClearing House ukuba kuqulunqwe imigaqo esisikhokelo sokuthatha inxaxheba kwamagosa aphezulu kumaQela oPhando nakwezinye izinto eziza kunceda amaqela ezopolitiko.
3. Iinguqu kuMashishini oMbuso (iiSOE)
3.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokuphunyezwa kweenguqu zokuphucula amashishini ombuso ukuqinisekisa ukuba enza umsebenzi wawo ngokufanelekileyo.
3.2 Umsebenzi oqhubayo malunga nokuphunyezwa kwenkqubo yeenguqu kwiiSOE, uquka amaphulo angundoqo malunga nokuphuculwa kolawulo, ukuwenza azinze nangakumbi kunye nokunyanzelisa ukuba iiSOE ziphendule rhoqo ngemisebenzi eziwenzayo. Ilinge elibalulekileyo nguMthetho oYilwayo wamaShishini oMbuso eSizwe, ovulela ukusekwa kwequmrhu elikhulu elinye eliza kukhokela umsebenzi wokwenziwa kweenguqu kwiiSOE, ukuqinisekisa ukuba indlela zokulawula nemivuzo iyafana, nokuxhasa ukusebenza ngcono kuzo zonke iiSOE.
3.3 Ngokusebenzisa isiCwangcisosikhokelo sokuHlola uMsebenzi weeSOE, umsebenzi wamaqumrhu angu-72 Shedyuli 2, Shedyuli 3A nanguShedyuli 3B uye wahlolwa kulo nyakamali wama-2025/26. Olu hlolo lubone iingxakana eziliqela ezinxulumene nolawulo ezifuna kuthathwe amanyathelo atsolileyo.
3.4 Esi sicwangcisosikhokelo sibaluleke kakhulu ukuphucula indlela yokuhlola, ulawulo nokusebenza kweeSOE zonke ngokuhlola izicwangciso, ukunikwa kweengxelo kunye nenkqubo zokulawulwa komsebenzi.
3.5 Ezi nguqu zikhatshwa yinkqubo yolungelelwaniso nokutshintsha iiSOE, kusakhelwa kumsebenzi weBhunga likaMongameli lamaShishini oMbuso, lona elafaka izindululo zalo kuMongameli ngekaTshazimpuzi 2024.
4. IProjekthi emalunga nokuFumaneka kweNkxaso yezeMfundo neeNkonzo zaBantwana naBantu aBatsha abaPhila nokuKhubazeka eMzantsi Afrika.
4.1 IKhabhinethi iziqaphele iingxelo ezimbini ezibhalwe liSebe labaseTyhini, uLutsha naBantu abaPhila nokuKhubazeka, ezihlola umsantsa okhoyo phakathi kwemigaqonkqubo yoMzantsi Afrika yeMfundo equka wonke kunye nezona zinto bagagana nazo abantwana kunye nabantu abatsha abaphila nokukhubazeka. Le projekthi iqhutywe phakathi kweyeDwarha 2022 neyoKwindla 2024, iquka ingxelo esisiseko kunye nengxelo yophandonzulu eyavavanya ezi nkonzo zenkxaso zemfundo zikhoyo ngoku yaze yachaza izinto ezilula ekufuneka zenziwe ukuze kuphuculwe iziphumo zokufunda nokufundisa. IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuzibophelela koMzantsi Afrika ekwakheni icandelo lezemfundo elinye eliquka wonke umntu elinazo zonke izinto ezifunwa ngabantwana nabantu abatsha abaphila nokukhubazeka.
4.2 Izindululo eziphambili ziquka ukwenza iinguqu kwimithetho elawula imfundo okanye ukuphumeza imithetho emitsha ngokoMthetho weZikolo woMzantsi Afrika ukuze kunyanzeliswe ilungelo lokufumana imfundo elinganayo, engakhethiyo nesemgangathweni kwabantwana nabantu abatsha abaphila nokukhubazeka. Ezi ngxelo ziphakamise nokuba amaziko emfundo ephakamileyo aze nezifundo ezinyanzelekileyo neziquka wonke umntu futhi nezenzelwe abafundi abanezidingo ezikhethekileyo kwabo bafundela ubutitshala. Ezi ngxelo ziyafumaneka kwi-www.dwypd.gov.za.
5. Iziphakamiso zeKhomishini yeNyaniso noXolelwaniso (iTRC)
5.1 IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalasela ingxelo yonyaka evunywe yiPalamente malunga nokuphunyezwa kweziphakamiso zeTRC. NgeyeSilimela 2003, iPalamente yakuvuma ukunikezelwa kwembuyekezo kumaxhoba achazwa yiTRC. Ezi ntlobo zembuyekezo zaquka imali yembuyekezo eyintlawulo enye engama-30 000 eerandi, izibonelelo zezempilo kunye nezinye iintlobo zezibonelelo zezentlalo, iimpawu namatye ezikhumbuzo kunye, noncedo lokubuyiselwa kwisimo koluntu njengenxalenye yokupholisa amanxeba angaphambili.
5.2 IKhabhinethi ivile ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokuphunyezwa kwala manyathelo, kuquka nokuphunyezwa kwemithetho nguMongameli elawula ezi ntlawulo zemali zenziwa kanye; ukugrunjwa kwamathambo abo baswelekayo, ukungcwatywa kwakhona kunye nemingcwabo eyenziwe egameni lomngcwabo wokwenene wamaxhoba, izibonelelo zemfundo esisiseko; isibonelelo semfundo ephakamileyo noqeqesho; kunye nezibonelelo zezindlu. Le mithetho iseluyilo ishiyekileyo inxulumene nezempilo nokubuyiselwa koluntu kwimo efanelekileyo sele iqukunjelwa.
5.3 Ukongeza, amaxhoba angamawaka ali-17 455 kwangamawaka angama-21 676 ayechazwe yiTRC afake izicelo zentlawulo esisibonelelo ekhutshwa kanye sele esifumene isibonelelomali sawo engama-30 000 eerandi. Imali iyonke esele ihlawulwe kwezi zibonelelomali imalunga nezigidi ezingama-500 zeerandi. Ukuqinisekisa ukuba bonke abaxhamli abafanelekileyo bayazifumana izibonelelo zabo, ngomhla we-9 kweyeSilimela 2026, isaziso sikawonkewonke siye sapapashwa kwiPhephandaba loMbuso sicela amaxhoba ayechazwe yiTRC okanye izizalwane zawo ukuba eze ngaphambili azo kufumana imbuyekezo aze afake nesicelo sesibonelelomali esiyintlawulo ekhutshwa kanye esingama-30 000 eerandi.
D. IZIKHUNDLA
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. UGqr Tshepo Mokoka njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba leCentral Energy Fund.
2. UNks Lindokuhle Nzoyi njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba seAmatola Water
3. UGqr Michael Masiapato njengoMkhomishinara weBorder Management Authority (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho).
4. UGqr Musa Furumele njengoMmeli oPhezulu woMzantsi Afrika kwiLesotho Highlands Water Commission kunye noNks Nelly Dineo Ndumo njengelungu elitshintshatshintshwayo.
5. Ukuqeshwa koSihlalo kunye nelungu leBhodi yeNational Lotteries Commission:
a. uMnu King Tembinkosi Bonakele (usihlalo); kunye
b. noNks Mpho Sonia Mosing
6. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi yeMine Health and Safety Council
a. uMnu David Msiza (uSihlalo);
b. uMnu Xolile Mbonambi (ISebe lobuTyebi beziMbiwa nePetrelilyam (weDMPR));
c. uGq Dipalesa Mokoboto (weDMPR);
d. uMnu Mthokozisi A. Zondi (weDMPR);
e. uMnu Ndivhudza Mahwasane (weDMPR);
f. uNks Naledi Tsipane (weNUM);
g. uNks Melanie Roy (weNUMSA);
h. uMnu Nico Van Rooyen (weUASA);
i. uMnu Johan du Toit Boning (weSolidarity);
j. uMnu Joshua Thabang Setlhake (weAMCU);
k. uMnu Dushendra Naidoo (weMinerals Council SA);
l. uGqr Amu Modau (weVadante Resources);
m. uMnu TW Sepetla (weHarmony Gold);
n. uMnu Ronaldt Mafoko (weOverlooked Group); kunye
o. noNks Letisha van den Berg (weASPASA)
p. uNks Constance Kekana (ilungu lethutyana);
q. uMnu Thabo Ngwenya (ilungu lethutyana);
r. uMnu Masibulele Naki (ilungu lethutyana); (leNUM)
s. uMnu Enock Manyoni (ilungu lethutyana); (leNUMSA)
t. uMnu Johnny White (ilungu lethutyana); (leUASA)
u. uMnu Jacobus Johannes De Wet Blaauw (ilungu lethutyana); (leSolidarity)
v. uMnu D. Gabriel Nkosi (ilungu lethutyana); (leAMCU)
w. uGqr Thuthula Balfour (ilungu lethutyana); (leMineral Council of SA)
x. uMnu Modise Ronald Mothlamme (ilungu lethutyana); (leHarmony Gold) kunye
y. noGqr Kelvin Naidoo (ilungu lethutyana); (leVlaterra Platinum)
E. IMISITHO EZAYO
1. INyanga katata uMandela
1.1 UMzantsi Afrika ngeyeKhala uza kubhiyozela iNyanga katata uMandela phantsi komxholo othi ‘Kusesezandleni zethu ukulwa indlala nokungalingani’. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba banikezele ngexesha labo benze namalinge ngeli thuba leNyanga katata uMandela kunye noSuku lweHlabathi lukaNelson Mandela ngomhla we-18 kweyeKhala 2026 ukuze bancede ekwakheni uMzantsi Afrika osebenzela abemi boMzantsi Afrika.
2. INyanga yeSizwe yezeNzululwazi
2.1 EyeKhala yiNyanga yeSizwe yezeNzululwazi, futhi iza kuphehlelelwa ngokusesikweni ngomhla wesi-4 kweyeKhala 2026 eVaal University of Technology Southern Gauteng Science and Technology Park eSebokeng phantsi komxholo othi “EzeNzululwazi, ubuChwepheshe noYilo zezomntu wonke”.
2.2 Le mibhiyozo iza kuqhuba inyanga yonke yenzelwe ukwakha isizwe esinolwazi olunzulu ngezenzululwazi esinokukwazi ukuba nezimvo zaso ezizimeleyo malunga nezenzululwazi, ezobuchwepheshe nezoyilo. Izama ukwakha abantu abazithembileyo ezenzululwazi, iinzululwazi kunye namaziko ezenzululwazi.
F. IMIYALEZO
1. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ivakalise uvelwano kwizihlobo nosapho:
• Legqala loMzantsi Afrika lomculo womngqungqo (ijazz) uAbdullah Ibrahim, obe ngomnye wabantu ababe nefuthe kakhulu kumculo womngqungqo kwihlabathi, obeyimvumi edumileyo iminyaka engaphezulu kwengama-70. Uza kukhunjulwa njengenye yeemvumi ezihlonitshwa kakhulu kwakunye nomzekelo omhle wenkcubeko yeli lizwe.
• Lwabemi ababini baseMozambique nabaseMalawi abathe basweleka ekuqaleni kwemingcelele yoqhankqalazo oluchasene nemfuduko engekho semthethweni.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:
• KuMphathiswa wezeMisebenzi nezabaSebenzi, uNomakhosazana Meth ngokonyulwa njengoSekela-siHlalo weEmployers Group and the Labour Groups yoMbutho wezaBasebenzi weHlabathi (iILO) ngomhla we-12 kweyeSilimela 2026.
• KuKagiso Rabada, ngokudlala kakuhle kakhulu kulo nyaka kwi-Indian Premier League 2026, apho avele njengebhowula ephambili waze waphumelela iPurple Cap eliwonga eliphezulu.
• Kumdlali weqakamba woMzantsi Afrika uTemba Bavuma oqukwe kuluhlu lweTIME100 Most Influential Sports People lowama-2026, iwonga eliphezulu elikhutshwa yimagazini yehlabathi iTIME Magazine.
• KuBayanda Walaza, ngokuphumelela iMen's 100m eOstrava Golden Spike eCzechia, ebaleka imizuzwana eyi-9.94.
• KuAkani Simbine ngokuphumelela umdyarho weMen’s 100m kwiFBK Games eNetherlands ebaleka imizuzwana eyi-10.08
• KuPrudence Sekgodiso ngokuba linina lokuqala eMzantsi Afrika ukuphumelela imbasa yegolide kwiWorld Athletics Indoor Championships, emva kokuphumelela kwakhe okuyimbali eNanjing, eChina.
• KwiProteas Women ngokuphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika ngokufikelela kwimidlalo eyandulela eyamanqam kwiT20 Women’s World Cup. Bothulelwa umnqwazi ngokunyamezela, ukuzimisela nokudlala kakuhle kakhulu kule tumente, nangona bethe ngelishwa babethwa yiEngland ngoLwesine, umhla wesi-02 kweyeKhala 2026.
• KwiJunior Springboks ngokutywatyusha iUruguay ngamanqaku ali-104 kwasi–7 kumdlalo wabo wokuqala weWorld Rugby Junior World Championship eGeorgia.
• KuBradley Nkoana, ngokuba ngomnye wabakhethekileyo nabababaliweyo ngokuba ngummi woMzantsi Afrika we-12 ukwaphula irekhodi abaleke imizuzwana engaphantsi kwe-10 kwi-100 m.
• KuGeorge Kusche ngokuphumelela iComrades Marathon emadodeni aze yena uGerda Steyn aphumelele kwicandelo lamanina ngowama-2026. UKusche ubaleke ixesha eliyimbali elophule irekhodi, ngokuthi abaleke i-05:15:56, ngeli thuba yena uSteyn ephumelele phambili okwesihlanu, ngokubaleka ixesha eliyi- 05:44:53.
IKhabhinethi iyalibulela igalelo labadlali boMzantsi Afrika abangamadoda nabangamanina abaqhubekayo nokuphakamisa igama leli lizwe nokuvuselela abantu ukuba baxhase eli lizwe, besikhumbuza ukuba abantsundu nabamhlophe, SISIZWE ESINYE, ESIBUMBENEYO NANGONA SINABANTU ABAHLUKENEYO.
Sikhutshwe egameni leKhabhinethi:
NguMphathiswa okwiOfisi kaMongameli, uNks Khumbudzo Ntshavheni
Imibuzo:
Government Communication and Information System (iGCIS)
Qhagamshelana: noNks Nomonde Mnukwa, Acting Director-General
#GovZAUpdates

