Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wesi-7 kweyeThupha 2024

Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wesi-7 kweyeThupha 2024

Intlanganiso yokuqala eqhelekileyo yeKhabhinethi yalo Mbuso wonyulwe kulo nyaka ibibanjelwe kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli, kwiintsuku nje ezimbini phambi kokuba eli lizwe libhiyozele uSuku lamaNina leSizwe. Njengoko siphawula iminyaka engama-68 emva koMngcelele woGwayimbo lwamaNina kunye neminyaka engama-70 emva kokwamkelwa koXwebhu lwamaNina, isibhengezo sokuzibophelela se-Federation of South African Women, esasicacisa phandle amalungelo nezibonelelo zamanina ezenziwa ngamanina oMzantsi Afrika.

Kulo nyaka, sibhiyozela iNyanga yamaNina kanye xa sibhiyozela ukuqeshwa, okuyinto yokuqala ezimbalini, kukaJaji Mandisa Maya ukuba abe yiJaji eyiNtloko yeRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika engumntu obhinqileyo wokuqala. Ebekade enguMongameli weNkundla ePhakamileyo yeziBheno ukususela ngowama-2017 apho wazibalula khona futhi ekwangumntu obhinqileyo wokuqala ukubamba esi sikhundla.
Nazi izizathu ezibangela ukuba ukuqeshwa kwakhe kwesi sikhundla kube yinto ebaluleke kakhulu. I-International Association of Women Judges ithi: “Ngowe-1994, kwakukho iijaji ezimalunga ne-165, ezili-160 kuzo zingabantu abamhlophe abangamadoda, ezintathu zingabantu abamnyama abangamadoda, zize ezimbini zibe ngabantu abamhlophe ababhinqileyo; zazingekho iijaji ezingabantu abamnyama ababhinqileyo ngelo xesha. Ukususela ngeyoMdumba kowama-2023, kukho iijaji ezingama-253, ezili-113 kuzo ngamanina, ize i-32% ibe ngamanina amnyama, i-13% yona ibe ngamanina amhlophe, lo nto ke yenze le 45% yeejaji ezingamanina xa zizonke. Ukongeza, ezi jaji zingamadoda zili-140, i-39% yazo ngamadoda amnyama ize i-17% ibe ngamadoda amhlophe.”

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    Ii-Olimpikhi zowama-2024 ebezibanjelwe e-Paris: iQela loMzantsi Afrika
1.1.    IKhabhinethi iliqhwabele izandla iQela loMzantsi Afrika ebelimele eli lizwe kwii-Olimpikhi ebezibanjelwe e-Paris nalapho liphakamisele phezulu igama leli lizwe latsho layinxalenye yamazwe angama-30 afumene ezona mbasa zininzi kule midlalo.

1.2.    IKhabhinethi kwakhona ithi huntshu:
1.2.1.    Kwimbalasane yendadi, u-Tatjana Smith, ngokuphumelela imbasa yegolide kwi-Women’s 100m Breaststroke kunye neyesilivere kwi-200m Breaststroke.
1.2.2.    Kwi-Blitzboks ngokuphumelela imbasa yebronzi kwi-Rugby Sevens yamadoda.
1.2.3.    Ku-Alan Hatherly ngokuphumelela ibronzi kwi-Men’s Cross-country Cycling Mountain Bike.
1.2.4.    Ku-Akani Simbine ngerekhodi elitsha lesizwe ngethuba ephuma kwindawo yesine kumdyarho wamanqam wamadoda obutakisa iintlantsi we-100m. UMzantsi Afrika ubalwa kwelinye lamazwe anamadoda anamendu kakhulu.
1.3.    Abemi boMzantsi Afrika bayacelwa ukuba baqhubeleke baxhase iQela loMzantsi Afrika eliza kuthatha inxaxheba kwi-Paralympic Games eziza kubanjwa ukususela ngomhla wama-28 kweyeThupha ukuya kumhla wesi-8 kweyoMsintsi 2024.

2.    Ezoqoqosho

2.1.    Imizila yooLoliwe
2.1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungena koololiwe abatsha abasebenzisa ubuxhaka-xhaka bale maxesha kwimizila kalolilwe esuka eKapa igqithe kwaLanga yi-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe babaKhweli (u-PRASA), eliqumrhu leSebe lezoThutho (i-DoT).
2.1.2.    Ngoku aba loliwe abazikuphela kwisitishi saseNyanga koko baza kugqitha bayokuma kwesase-Mandalay. Aba loliwe basebenzisa iirobothi zale mihla ezikumzila ophakathi kwesitishi sakwaLanga nesase-Mutual, ukuphucula ukhuseleko nokwenzela ukuba nabo bahambe ngexesha.
2.1.3.    Ubuxhaka-xhaka bale mihla obufakwe kwaba loliwe buquka amacango azivulekelayo, kwaye iikhamera ezifakwe kwikhareji ngalinye zenzelwe ukuba abakhweli bakhuseleke.
2.1.4.    IKhabhinethi iwuqhwabela izandla umsebenzi wokulungiswa kweminye imizila kaloliwe njengenxalenye yomba okhokeliswa phambili ngurhulumente wokuqinisekisa kukho izithuthi zikawonke-wonke ezikhuselelekileyo, ezithembekileyo futhi nezifikelelekayo.

3.    Iziza zeHlabathi ezingamaFa ze-UNESCO
3.1.    IKhabhinethi ilamkele iwonga lokufakwa kweziza zoMzantsi Afrika ezinembali ngamalungelo oluntu kunye nomzabalazo wenkululeko kuluhlu olungcangcazelelwa ngabaninzi lweZiza zeHlabathi ezingamaFa ze-UNESCO.
3.2.    Ezi ziza zibizwa ngokuba yi-The Human Rights, Liberation and Reconciliation: Nelson Mandela Legacy Sites, azizukusinceda nje zilondoloze amafa wethu afana wodwa koko ziza kwenza eli lizwe lithandwe kakhulu ngabakhenkethi ngenxa yeziZa zeHlabathi ezingamaFa, ngolo hlobo zenze igalelo elimandla kwicandelo lezokhenketho kunye noqoqosho.
3.3.    Ezi ziza ziquka iZakhiwo zoMdibaniso, i-Constitution Hill, i-Liliesleaf farm, isikhumbuzo sase-Sharpville, i-Walter Sisulu Square, i-16 June 1976: The Streets of Orlando West, iDyunivesiti yase-Fort Hare kunye ne-ZK Mathews House, Mqhekezweni, Waaihoek nase-Ohlange.
3.4.    IKomiti yamaFa eHlabathi e-UNESCO iphinde yongeza ezinye iziza ezithathu ze-Middle Stone Age ngelokuhlonipha igalelo elikhulu loMzantsi Afrika kuphando-nzulu ngokwazi imvelaphi yale ndlela baphila ngayo abantu bale mihla. Ezi ziza yi-Diepkloof Rock Shelter cebu kuhle ne-Elands Bay eNtshona Koloni, i-Pinnacle Point Site Complex e-Mossel Bay nayo eseNtshona Koloni kwakunye neSibhudu Cave KwaDukuza, kwiphondo laKwaZulu-Natal.

4.    Uqikilelo lwaBantu lwaPhakathi koNyaka
4.1.    IKhabhinethi ilwamkele uQikelelo lwaBantu lwaPhakathi koNyaka (i-MYPE) lowama-2024 olubonise ukuba abemi boMzantsi Afrika baphila iminyaka emininzi.
4.2.    Umyinge wenani leminyaka ephilwa ngabantu lubonise ukuba inyukile le minyaka yaya kutsho kwengama-66.5 isuka kwengama-53.6 ngowama-2005. Oku kwenzeka ngenxa yamanyathelo aliqela karhulumente okungenelela aquka ukukhutshwa kwamachiza okuthomalalisa intsholongwane kaGawulayo – eyiyenye yezona nkqubo zinkulu ehlabathini zokuhanjiswa kwamachiza okuthomalalisa intsholongwane kaGawulayo, iinkqubo zokugonya kunye nokuhla kwezinga lokusweleka kweentsana lisuka kwiintsana eziswelekayo ezingama-57 kwezili-1 000 ezizelwe ziphila ngowama-2002 zaya kutsho kwezingama-22.9 kwezili-1 000 ezizelwe ziphila ngowama-2024.
4.3.    Abantu boMzantsi Afrika ngoku bebonke bangaphezulu kwizigidi ezingama-64, into ethetha ukuba banyuke nge-1.33% ukususela ngeyeKhala kowama-2023 ukuya kweyeKhala kowama-2024.
4.4.    Eli nani litsha libonisa ukukhula kwenani labantu beli liza kunceda urhulumente xa esenza izicwangciso futhi esaba nezibonelelo njengoko siqhubeleka namaphulo okwakha ubomi obungcono babo bonke abemi boMzantsi Afrika.

5.    EzoKhuselo noKhuseleko
5.1.    Idabi lokulwa ulwaphulo-mthetho
5.1.1.    IKhabhinethi iyamkele imisebenzi emihle eyimpumelelo eyenziwa zi-arhente zogcino-mthetho ngokubamba amaqela emigulukudu yolwaphulo-mthetho kweli dabi liqhubayo lokulwa ulwaphulo-mthetho.
5.1.2.    I-Operation Shanela yoMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) incede kwabanjwa abarhanelwa bezenzo zolwaphulo-mthetho abangama-766 237. Abangama-161 752 kwaba barhanelwa bekudala bezingelwa ngenxa yezenzo zolwaphulo-mthetho ezibi kakhulu, eziquka ukubulala, ukuphangwa kwezithuthi zemali, ukuphanga kuxhotywiwe, ukudlwengula, ukuqweqwediswa kweemoto, phakathi kwezinye izinto.
5.1.3.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvalwa kwenkampu engekho mthethweni yokuqeqesha amajoni ebise-White River, eMpumalanga emva kogqogqo oluqhutywe ngamabutho ahlukeneyo ee-arhente zogcino-mthetho esebenzisa ulwazi aluhletyelwe zingcali zophando futhi nelikhokelele ekubanjweni kwabantu abazinzalelwane zase-Libya abangama-95.
5.1.4.    IKhabhinethi iliphindile ikhwelo elenze kubemi boMzantsi Afrika lokuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho bengakhange bathathele umthetho ezandleni zabo.
5.1.5.    IKhabhinethi iyazigxeka izinto ezenziwe zezinye iinkokeli zoluntu ezikukugrogrisa abantwana besikolo nootitshala esikolweni. ISebe leMfundo esisiSeko liza kuqhubeleka nokusebenzisana ne-SAPS ukuqinisekisa ukuba izikolo zihlala zingamaziko akhuselekileyo okufunda nokufundisa.

5.2.    Ubuqhetseba noRhwaphilizo
5.2.1.    IKhabhinethi ivuyiswa kakhulu kukufunyaniswa enetyala nokugwetywa yi-Durban Specialised Commercial Crimes Court, kwabo babengamagosa eSebe leMicimbi yezeKhaya kunye nabemi bamazwe angaphandle abafunyaniswe benetyala ngokwenza ubuqhophololo norhwaphilizo kwinkqubo yezofuduko yeli lizwe. Ukufunyaniswa kwabo benetyala kunegalelo elikhulu kumalinge karhulumente okwakha umbuso othembakeleyo, onabasebenzi abazingcali ezinezakhono futhi nokhokelisa phambili uphuhliso.

B.        Ezakutsha nje zeKhabhinethi

1.1.    EzaManzi
1.1.1.    IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngamaphulo aqhubayo okuqinisekisa ukuba kukho amanzi awoneleyo kweli lizwe kuba amanzi efuneka ngamandla ngenxa yokukhula kwenani labantu kunye nokuhluma koqoqosho, nangokuba i-75% yamanzi abaleka phezu komhlaba eli lizwe sele esemadamini.
1.1.2.    Sithetha nje kukho iiprojekthi ezinkulu zesizwe ezili-14 zamanzi abaleka phezu komhlaba ezikumanqanaba ahlukeneyo ophuhliso ezixabisa imali ezibhiliyoni ezili-100 zeerandi.
1.1.3.    ISebe lezaManzi noGutyulo liseke i-Water Partnerships Office libambisene noMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA) kunye neBhanki yezoPhuhliso yoMzantsi Afrika (i-DBSA) ngeenjongo zokunceda oomasipala ukuba baqhube amaphulo okuqinisekisa ukuba bakhangela baze baphuhlise imithombo eyahlukeneyo yamanzi ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo ukulungiselela nezizukulwana ezizayo.
1.1.4.    IKhabhinethi iphinde yanikwa ingxelo malunga nomsebenzi osele wenziwe ukuqinisekisa ukuba bafumana amanzi abahlali baseGiyani nabase-Hammanskraal kunye nokulungisa ingxaki yokuchitheka kwelindle kuMasipala wase-Emfuleni.
1.1.5.    IKhabhinethi ixelelwe ukuba amanzi akhona kwiilali ezisithoba eziphantsi koMasipala we-Greater Giyani nokuba ezinye iilali ezili-15 zona ziza kuwafumana amanzi ekupheleni kwenyanga yeThupha 2024.
1.1.6.    UMasipala wesiThili saseMopani ufumene imali-sibonelelo sokulungisa kunye nokunyusa umthamo we-Giyani Water Treatment Works.
1.1.7.    Eli Sebe lisebenzisana nesiXeko saseTshwane kunye ne-Magalies Water baqukumbela iprojekthi ye-Magalies Water ukwenzela ukuba kubekho omnye umthombo wamanzi aselwayo wamabantu base-Hammanskraal kwisiXeko saseTshwane xa kufika inyanga yeDwarha ngowama-2024, ngeli thuba isiXeko saseTshwane ziza kuqhubeleka nokulungisa siphucula i-Rooival Wastewater Treatment Works.
1.1.8.    Njengoko kukho ingxaki ekhulayo yokunqongophala kwamanzi, iSebe liza kunika ingxelo rhoqo emva kweeveki ezimbini malunga nomsebenzi osele wenziwe kumalinge okuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo kweli lizwe lakuthi linamanzi anqongopheleyo.

1.2.    Ezombane
1.2.1.    Ngoku sekumbovu ukuba ukuba sibe nombane ongacima-cimiyo ngenxa yokuba kulandelwa i-Energy Action Plan (i-EAP) eyabhengezwa nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeyeKhala ngowama-2022. Ukugxila okuthe gqolo kwe-EAP kwiphulo elicwangcisiweyo lokugcina iziseko zombane zisebenza ngokufanelekileyo kunye nokusebenzela ukuba sibe nombane owaneleyo ngokuthi sigalele umbane osuka kwimithombo emitsha kube negalelo elimandla ekuqinisekiseni ukuba sinombane owaneleyo futhi nengxaki kacimi-cimi yombane ikhe yasinika isiqabu iinyanga eziliqela. Lo msebenzi uza kunceda kakhulu kuhlumo loqoqosho kwaye uza kuba negalelo elihle kwimpilo zabemi beli batsho bakwazi ukuqhubeleka nokwenza izinto zabo zemihla ngemihla bengaphazanyiswa yinto.
1.2.2.    U-Eskom ebene-Unplanned Capability Loss Factor (i-UCLF) ye-8 321 MW ekupheleni kweyeThupha 2024, umthamo lowo ungowokuqala ezimbalini ekuphehlweni kombane kwizikhululo zophehlo-mbane zakhe.
1.2.3.    IKhabhinethi imqhwabele izandla u-Eskom ngalo msebenzi uyimbali mhle kangaka kwaye yacela nabemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke nokuziqhelanisa nokusebenzisa umbane ngobunono ukwenzela ukuba lingasindwa iziko lombane lesizwe. Ngokwenza oku, sonke siza kudlala eyethu indima ekuncedeni ukuba ingaphinde ibuye ingxaki kacimi-cimi wombane, into leyo ibalulekileyo kumashishini, imizi-mveliso nakuqoqosho.

2.    Ezorhwebo
2.1 INdibano yama-21 le-AGOA
2.1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngokuthatha inxaxheba ngempumelelo kwegqiza loMzantsi Afrika kwiNdibano yama-21 yoMthetho woHlumo namaThuba ase-Afrika (i-AGOA) ebibanjelwe e-United States, into leyo ingqina ukuba kukho ubudlelwano obushushu phakathi kwelizwe lakuthi kunye ne-USA.
2.1.2.    UMzantsi Afrika uyaqhubeleka nokulwela ukuba ihlaziywe i-AGOA, eza kuphelelwa kwisithuba seenyanga ezili-14, kwaye iyalixhasa ikhwelo elihlatywe ngabaPhathiswa bezoRhwebo base-Afrika lokuba urhulumente wase-US akuyeke ukuyihlaziya rhoqo ngonyaka i-AGOA.

2.2.    Imbambano engesitrasi phakathi koMzantsi Afrika ne-EU ethunyelwe kwi-WTO
2.2.1.    IKhabhinethi ixelelwe nangesikhalazo esifakwe ngokusesikweni leli lizwe kuMbutho wezoRhwebo weHlabathi (i-WTO) likhalazela imigqaliselo engqingqwa yeMbumba yaseYurophu (i-EU) yezinto ezifunwayo, phofu ekungekho mfuneko yazo, kwimpilo yezityalo malunga nemithetho elawula i-Citrus Black Spot (i-CBS) kunye ne-False Codling Moth (i-FMC) kwiimveliso zesitrasi zoMzantsi Afrika ezithunyelwa kwi-EU.
2.2.2.    UMzantsi Afrika ulilizwe elikwindawo yesibini ngokomthamo wesitrasi othunyelwa kumazwe angaphandle kwaye i-33% yesitrasi yoMzantsi Afrika ethunyelwa ngaphandle iya kumazwe e-EU. Icandelo lezesitrasi loMzantsi Afrika liqesha ngqo abantu abangaphezulu kwama-140 000 kumaphandle oMzantsi Afrika ngolo hlobo lixhase abantu abangaphezulu kwesigidi esinesiqingatha.
2.2.3.    Imigqaliselo ebekwe yi-EU, nangona ingavali urhwebo, ilityabule ngamandla icandelo lesitrasi loMzantsi Afrika, imali eqikelelwa kwiibhiliyoni zeerandi ezimbini (imali ezizigidi ezili-110 zedola yase-US) ngonyaka. I-EU igqibe kwelokuba iwumisele imigqaliselo engqingqwa uMzantsi Afrika ngeli thuba amanye amazwe akule meko ifana nale afana ne-Israel wona engamiselwa le migqaliselo minye.

2.3.    Ezobudlelwane bamazwe ngamazwe
2.3.1.    IKhabhinethi iyamkele i-Advisory Opinion on the Legal Consequences evela kwi-Policies and Practices of Israel in the Occupied Palestinian Territories evumelene ngobuninzi ukuba akukho mthethweni ngokwemithetho yehlabathi ubukho be-Israel kwimiMandla yasePalestine eThathwe ngeNkani nguMkhosi wase-Israel.
2.3.2.    Esi sigwebo sinyanzelisa ukuba onke amazwe akuyeke ukusebenzisana ne-Israel kwizenzo zayo ezingekho mthethweni aze athathe amanyathelo aza kuqinisekisa ukuthotyelwa kwemithetho yehlabathi.
2.3.3.    UMzantsi Afrika ubuphakathi kwamanye amazwe angama-49 angamalungu e-UN athe anike ubungqina kwi-ICJ ngeyoMdumba wama-2024.

2.4.    Izidubedube eKenya naseNigeria
2.4.1.    IKhabhinethi ivakalise inkxalabo zizidube-dube eziqhubayo e-Kenya nase-Nigeria kwaye icele bonke abachaphazelekayo ukuba basombulule ezi ngxaki bajamelene nazo abemi bala mazwe zokunyuka kakhulu kwamaxabiso ezinto, ngxaki leyo uxakene nayo nawo uMzantsi Afrika.

2.5.    Unyulo Jikelele lase-United Kingdom
2.5.1.    IKhabhinethi iyavuyisana kwakhona neNkulumbuso yase-United Kingdom u-Sir Keir Starmer kunye ne-Labour Party ngokuphumelela unyulo jikelele lakutsha nje. UMzantsi Afrika usafuna ukuqhubeleka usebenzisana noRhulumente wase-United Kingdom ukuze kunyuswe umthamo worhwebo kunye nentsebenziswano.
2.5.2.    Urhulumente uza kuqhubeleka nokuwakhela umkhanyo namanye amazwe aza kubamba unyulo kulo nyaka.

2.6.    Amagama abatyunjelwe ukumela uMzantsi Afrika kwimibutho yehlabathi
2.6.1.    IKhabhinethi iwamkele amagama aba batyunjelwe ukumela uMzantsi Afrika kwimibutho yehlabathi:

2.6.1.1.    Igama likaNks Swazi Bajabulile Tshabala otyunjelwe ukuba nguMongameli weBhanki yezoPhuhliso yase-Afrika (i-AfDB) isithuba seminyaka emihlanu ukusuka ngowama-2025 ukuya kowama-2030, kunyulo oluza kubanjwa ngeyeThupha ngowama-2024.
2.6.1.2.    UNks Yvette van der Merwe otyunjelwe ukuba nguMongameli we-Organisation of Vine and Wine (i-OIV) kunyulo oluza kubanjelwa e-France ngeyeDwarha 2024. UMzantsi Afrika uza kufaka isicelo sokonyulwa kwakhona ukuba ube yinxalenye yeBhunga lamaLungelo oLuntu ukususela kowama-2026 ukuya kowama-2028.
2.6.1.3.    UMzantsi Afrika ufuna ukuba konyulwe kwakhona umgqatswa wawo, uNjingalwazi Frans Jacobus Viljoen kwiKomiti ye-UN yabaCebisi bamaLungelo oLuntu, isithuba esiphakathi kowama-2025 nowama-2027 kunyulo oluza kubanjelwa e-New York, u-USA, ngeyeDwarha 2024.
2.6.1.4.    UMzantsi Afrika ufuna ukuba kwi-Commission on the Status of Women (i-CSW) ye-UN ngowama-2025 nakwi-Commission for Social Development ngowama-2025. Unyulo lwezi Khomishini zombini luza kubanjwa ngoTshazimpunzi wowama-2025.
2.6.1.5.    UMzantsi Afrika ufuna ukonyulwa kwiBhunga lezoKhuseleko le-UN isithuba seminyaka emibini esiphakathi kowama-2031 nowama-2032, xa kuza kube kufike ixesha lokuba lamaZantsi e-Afrika ukuba ube kweli Bhunga.

2.7.    Amalungiselo oMzantsi Afrika okuthatha isikhundla sokuba nguMongameli we-G20
2.7.1.    UMzantsi Afrika uza kuthatha isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 ukususela ngomhla woku-1 kweyoMnga 2024.
2.7.2.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngamalungiselelo oMzantsi Afrika okuthatha isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 kunye nawokusingatha iNgqungquthela ye-G20 ngowama-2025.
2.7.3.    IKomiti yabaPhathiswa abaHlukeneyo inikwe umsebenzi wokuququzelela lo msitho egameni likarhulumente nabemi boMzantsi Afrika.
2.7.4.    UMzantsi Afrika uza kuqhubeleka nokusebenzisa la mathuba okukhokela nokusingatha iindibano zamazwe ehlabathi ezifana neye-G20 ukwenzela ukuba amazwe ehlabathi agxininise kwiingxaki zophuhliso, i-Afrika ejamelene nazo kunye namanye amazwe asemazantsi e-Ikhweyitha.

A.    Imisitho ezayo
1    Inyanga yamaNina
1.1    Eli lizwe liza kubhiyozela uSuku lweSizwe lamaNina lowama-2024 ngomhla wesi-9 kweyeThupha 2024 e-Denis Nel Stadium, e-Poffader eMntla Koloni phantsi komxholo othi: “Ukubhiyozela iminyaka engama-30 yolawulo lwentando yesininzi sisilwela uPhuhliso lwamaNina”.
1.2    Umbhiyozo walo nyaka weNyanga yamaNina uza kujonga umsebenzi osele wenziwe malunga nokuxhotyiswa kwamanina ngezentlalo nezoqoqosho ukususela oko sathi safumana inkululeko kunye nezinto esele zenziwe ukuzalisekisa izithembiso ezikuXwebhu lwamaNina.
1.3    Izwe lakuthi liza kunika imbeko kumagorhakazi angaphezulu kwama-20 000 athi abamba umngcelele usiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla wesi-9 kweyeThupha 1956, eqhankqalazela ukunyanzeliswa kokuba iMithetho yamaPasi isetyenziswe nakumanina.
1.4    IKhabhinethi icela abemi beli lizwe ukuba babe yinxalenye yemisitho yale nyanga eza kuquka umboniso wezorhwebo, iindibano zokufakana imilomo zize zibonise namathuba akhoyo kumacandelo ohlukeneyo anokuxhanyulwa ngamanina abalulekileyo ukuvala umsantsa okhoyo phakathi kwabantu bezini ezahlukeneyo.

2    INdibano eNkulu yama-32 ye-International Astronomy Union (i-IAU)
2.1    UMzantsi Afrika uza kusingatha eyona ntlanganiso inkulu kwihlabathi yezenzululwazi ngeenkwenkwezi, iNdibano eNkulu yama-32 ye-International Astronomy Union, eKapa.
2.2    Le ndibano iza kuqhuba isithuba seeveki ezimbini ukususela ngomhla wesi-6 kweyeThupha 2024 kwaye ikwayindibano yokuqala yeengcali zenzulwazi ngeenkwenkwezi eza kubanjelwa kweli lizwekazi le-Afrika.
2.3    Ezi ndibano zidlala indima ebalulekileyo ekuncedeni uMzantsi Afrika usuke ekubeni lilizwe elinoqoqosho oluxhomekeke kakhulu kwizimbiwa libe lilizwe elinoqoqosho oluxhomekeke kakhulu kulwazi. Mkhulu umsebenzi osele wenziwe nguMzantsi Afrika kule minyaka idlulileyo kuphuhliso lwenzululwazi yezeenkwenkwezi kunye nezinye izinto ezinxulumene nenzululwazi yezenkwenkwezi, ezithe zazala iiprojekthi ezifana ne-SKA kunye ne-MeerKAT.

3    IVeki yokuLondoloza iMali eMzantsi Afrika
3.1    IVeki yokuLondoloza iMali eMzantsi Afrika (i-MSWSA) yowama-2024 iza kuqhuba ukususela ngomhla wama-26 kweyeThupha 2024 ukuya kowoku-1 kweyoMsintsi 2024 apho kuqhutywa iinkqubo namaphulo okufundisa abathengi ngezinto ezinxulumene nezimali.
3.2    I-MSWSA iliphulo leKomiti yeSizwe yokuFundisa abaThengi ngeMali (i-NCFEC) lokukhuthaza, ukuxhobisa nokufundisa abemi boMzantsi Afrika kunye nokufaka isandla kumaphulo okufundisa abemi beli ngolwazi lwezimali.
3.3    Izinto eziza kwenziwa ngeli thuba kuqhutywa eli phulo ziza kuquka indibano zocweyo ezisimahla, ukunikezelwa kweentetho, indibano eziza kubanjelwa kumaziko anodederhu lweevenkile, imiboniso kunye neentlanganiso eziza kubanjwa kusetyenziswa amaqonga e-intanethi.

B.    Imiyalezo
1.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle
•    kuNks Kholeka Gcaleka, umkhuseli woluntu woMzantsi Afrika ngokuba onyulwe njenge-Regional President of International Ombudsmen Institute.
•    kuGq Mugwena Maluleke, uNobhala-Jikelele we-South African Democratic Teachers’ Union (i-SADTU), ngokonyulwa ukuba abe nguMongameli we-Education Internation kwiNkongolo ye-10 yeHlabathi
•    kuGq John Kani, igqala lomlinganisi, umlawuli kunye nombhali wemidlalo yeqonga ngokuba awongwe nge-Order of the British Empire, ngoHloniphekileyo uKumkani u-Charles III.

2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kubahlobo nosapho:
•    Lwabafundi abahlanu besikolo i-Morneg Combined School abasweleke ngethuba ibhasi abebekhwele kuyo itshayisana nololiwe kwindlela u-R104 cebu kuhle neLali yaseMafube, phakathi kwe-Wonderfontein ne-Arnot.
•    Igqala lomlinganisi u-Connie Chiume (obeneminyaka engama-72), obedume ngendima ebeyidlala kumdlalo kamabonakade walapha okhaya owaziwa ngokuba yi-Rhythm City. Uhlonitshwa kakhulu nangokudlala kwifilimu yakwa-Marvel i-Black Panther.
•    kuRhulumente nakubantu base-Federal Republic of Ethiopia emva kokudilika kweengqimba zodaka kutsha nje eGofa, eMzantsi-ntshona we-Ethiopia, isiganeko eso sithe ngelishwa sabulala abantu abangama-250.
•    kubantu abane abasweleke ngethuba imoto eyi-bakkie ithe yatshayisana nololiwe wemithwalo kufutshane ne-Postmasburg eMntla Koloni.
•    lukaMnu Robbie Venter (obeneminyaka engama-64), nowayesaya kuba yi-CEO yakwa-Altron, futhi nobambe izikhundla ezahlukeneyo kule nkampani ye-IT ukususela ngowe-1997.
•    lukaMnu John Sidipa Mphosi (obeneminyaka engama-71), uSihlalo we-Global Oil, udederhwe lweevenkile zamafutha ezithuthi.
 

Inga imiphefumlo yabo ingalala ngoxolo.
 

Share this page

Similar categories to explore