A. Imiba enguNdaba-mlonyeni
1. Imiba yezoqoqosho
- Urhulumente usemile kwiinjongo zakhe:
- Government remains steadfast in its quest to:
- zokukhulisa uqoqosho;
- zokuphungula intswela-ngqesho; kunye
- nokudala iimeko zotyalo-mali ezikwaziyo ukumelana neenzima
1.1 Ezintsha eziphambili ezinxulumene nezoqoqosho:
1.1.1 Ukukhula komthamo wemveliso yelizwe yonyaka (i-GDP)
- IKhabhinethi ikuqapaphele ukunyuka kancinci ngo-0,4% kuhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika kwikota yesibini yowama-2024, into leyo eyenze ukuba indlela oluqhuba ngayo uqoqosho lweli kulo nyaka incumise.
- Amacandelo abe negalelo elihle kolu hlumo lelezezimali, elezokuthengiswa kwezindlu nezakhiwo kunye neleenkonzo zoshishino, wona anyuke ngo-1.3%, icandelo ngalinye into leyo yenze ukuba icandelo ngalinye kuwo libe negalelo eliyi-0.3% kuhlumo lwe-GDP.
- Icandelo lezorhwebo, elezokuphekela imisitho kunye neleendawo zokuhlala, elezemizi-mveliso nelezombane, elezegesi nelezamandla wona abenegalelo eliyi-0.1% kuhlumo lwe-GDP, ngelithuba inkcitho iyonke eyenziwa ngamakhaya yona yongeze i-0.9% ize inkcitho ngobubanzi iyonke yona ibe negalelo eliyi-0.2% kwi-GDP. La macandelo ebexakekile erhweba ngamandla kule kota yokugqibela.
- Uqoqosho loMzantsi Afrika lusazinzile futhi iKhabhinethi ikhuthaza onke amacandelo esizwe ukuba akhele kweli thuba ukususela ngoku.
- Xa onke amacandelo esebenzisa eli thuba lokukhula koqoqosho, njengesizwe siza kukwazi ukudala imisebenzi ethe chatha size siphucule nobomi babemi boMzantsi Afrika.
- IKhabhinethi iwukhokelise phambili umba wohlumo loqoqosho oluxhanyulwa nguye wonke nowokudalwa kwemisebenzi ngulo Mbuso uthathe iintambo zolawulo kulo nyaka, ke ngoko la malinge akhoyo angenziwa ngqingqwa ukuze sikwazi ukuzalisekisa le njongo.
1.1.2 Utyalo-mali olukhulu kwicandelo lezemoto
- Amathuba amahle namaninzi akhoyo eMzantsi Afrika atsala utyalo-mali oluninzi into leyo ihambelana nephulo likarhulumente lokukhulisa uqoqosho nokudala imisebenzi. IKhabhinethi iyakuvuyela ukuvulwa ngokusesikweni komzi ovelisa iintsimbi zezithuthi otyabule imali eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.1 eDube Trade Port Special Economic Zone kwiphondo laKwaZulu-Natal.
- Utyalo-mali olukhulu olwenziwa nguToyota Tsusho Africa (Pty) Ltd kunye no-Ogihar Thailand Corporation Ltd lubonisa ukuba uMzantsi Afrika ulilizwe elilikhaya lotyalo-mali oluvela ngqo kumazwe angaphandle
- Olu tyalo-mali lukwabonisa umsebenzi omkhulu okhokelwa nguMongameli Cyril Ramaphosa, owathi waqala iphulo lotyalo-mali esele lizele izithembiso zotyalo-mali oluxabisa imali eyitriliyoni eyi-1.51 ukususela laqalayo eli phulo ngowama-2018.
1.1.3 Mahle mathuba eemveliso zoMzantsi Afrika ezithunyelwa ngaphandle
- Umthwalo wokuqala wee-avocado zoMzantsi Afrika ufikile eJapan ekupheleni kweyeThupha 2024, into leyo iza kunceda ngamandla icandelo leze-avocado leli lizwe, kwaye nebonisa igalelo lesiCwangciso esiBanzi sezoLimo nokuColwa kweeMveliso zoLimo, esineenjongo zokukwandisa inani lamazwe abanokurhweba nawo abavelisi boMzantsi Afrika.
- Amafama aseMzantsi Afrika e-avocado aza kuxhamla kakhulu njengoko eqhuba kakuhle amalinge ethu okwandisa amazwe esinokuwathengisela iimveliso zolimo zeli lizwe. I-India, China kunye neJapan ngamazwe anabantu abangaphezulu kwibhiliyoni ezimbini ezinesiqingatha.
1.1.4 Icandelo lombane elizinzileyo
- IKhabhinethi imqhwabela izandla u-Eskom, ibhodi yakhe, abalawuli kunye nabo bonke abasebenzi abasebenze ngokuzinikela ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika awuzikuhlutshwa yingxaki kacimi-cimi wombane kwezi nyanga zehlobo zizayo njengoko eli qumrhu lombane liqhubeleka nokugalela umbane kwiziko lombane wesizwe lisebenzisa isicwangciso sawo sokuhlaziya uphehlo-mbane.
- U-Eskom akufuni ukulahlekelwa ngumbane ongaphezulu kweemegawathi ezingama-13 000 nokuba amaziko wakhe ophehlo-mbane amanye acinyiwe elungiswa njengoko ezamela ukuba amaziko akhe ophehlo-mbane angahlali esonakala.
- Icandelo lombane elizinzileyo libalulekile ukuze sikhulise uqoqosho lweli lizwe, silenze eli lizwe lithenjwe ngabatyali-zimali futhi siphucule neemeko zokuphila zabemi beli lizwe.
- Urhulumente uyaqhubeleka nokulandela isiCwangciso sokuSebenza sezaMandla, esincede kakhulu ukulwa le ngxaki kacimi-cimi yombane itsho inike isiqabu ngokuthi amaziko akhe ophehlo-mbane acinywe ngeenjongo zokuwalungisa ngendlela ecetyiweyo.
- Iinguqu kwicandelo lezombane leli lizwe zibaluleke kakhulu kumalinge ethu okuqinisekisa ukuba sinombane owaneleyo ukulungiselela nezizukulwana ezizayo.
1.1.5. Iinguqu kumashishini ombuso (ii-SOE)
- Ngokwesigqibo sikaMongameli Ramaphosa awasithatha ngaphambili sokwenza iinguqu kwii-SOE zeli, ii-SOE ezinkulu zeli ngoku ziphantsi kwabaphathiswa abahlukeneyo, emva kokuba uMongameli watyikitya imithetho efanelekileyo yatsho yayimithetho eza kulandelwa.
- Eli nyathelo lihambelana nezicwangciso zokudala iqumrhu eliza kuba ngumini-zabelo uRhulumente afuna ukulisebenzisa ukuze lincede ii-SOE zikhulise uqoqosho, ziphucule ukuhanjiswa kweenkonzo, lize lenze ii-SOE zikwazi ukwenza umsebenzi wokuba ngamashishini asebenzayo nadlala indima yawo ebalulekileyo.
- U-Eskom ngoku uphantsi kweSebe lezaMandla nezoMbane aze uTransnet, South African Airways kunye no-South African Express bona babe phantsi kweSebe lezoThutho.
- Inkampani yombuso yemigodi yegolide u-Alexkor yona iphantsi kweSebe leziMbiwa neeMveliso zePetroliyam, inkampani yezophapho nobuchwepheshe bezomkhosi, uDenel yena uphantsi kweSebe lezoKhuselo namaGqala eMfazwe ngeli thuba i-South Africa Forestry Company SOC Limited, yona ejongene namahlathi karhulumente, iza kuba phantsi kweSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nezeNdalo.
1.1.6 Inkxaso-mali yophuhliso
- Le mali isanda kuvunywa ngoku izibhiliyoni zeerandi ezili-17,8 isuka kwiBhanki eNtsha yezoPhuhliso (i-NDB) ye-BRICS iza kusetyenziselwa iziseko ezingundoqo zezamanzi nogutyulo iza kunceda umthwalo weziseko ezingundoqo ezisafuna ukwakhiwa nokuqinisekisa ukuba amakhaya asokolayo afumana iinkonzo ezisiseko.
- I-NDB ityikitye isivumelwano noTransnet semali-mboleko ezibhiliyoni ezintlanu zeerandi ukwenzela ukuphucula icandelo loololiwe bemithwalo. UTransnet ubambise ngorhulumente kule mali ayibolekiweyo.
- IKhabhinethi iyibulele le mali iza kunceda kakhulu kumaphulo okwakha iziseko ezingundoqo nasekuphuculeni iimpilo zabantu beli lizwe lakuthi.
2. Imiba yezeNtlalontle
- Urhulumente ufuna:
- ukwakha uMzantsi Afrika ongcono womntu wonke; kunye
- nokuqiniskeisa ukuba kukho ulingwano nokuba iinkonzo ziyafumaneka kumntu wonke.
2.1 Izinto ezintsha eziqaphelekayo ezinxulumene nezentlalo
2.1.1 IsiVumelwano sezeMpilo sikaMongameli
- Iphupha lokuba neenkonzo zempilo ezisemgangathweni nezifikelelekayo kumntu wonke sekumbovu ukuba lizalisekiswa emva kokutyikitywa kwesiVumelwano sezeMpilo sikaMongameli sesibini.
- Esi sivumelwano sezempilo sisicwangciso sentsebenziswano phakathi kwamacandelo abalulekileyo kunye namahlakani afana norhulumente, amashishini, abasebenzi, imibutho yoluntu, iingcali zezempilo, imibutho yabasebenzi, abantu abasebenzisa iinkonzo, amabhunga asekwe ngokomthetho, izifundiswa kunye neengcali zophando.
- Esi sivumelwano sifuna ukuqinisekisa ukuba inkqubo yezempilo izinzile kunye nokubeka iliso nokuvavanya amalungiselelo okuqalisa i-Inshorensi yeSizwe yezeMpilo.
- Esi sivumelwano sezempilo sifuna ukuncedisa kumaphulo okuqeqesha abasebenzi ngeli thuba sisenza kube lula ukufumana amayeza, amachiza okugonya kunye neemveliso zempilo kwakunye nomsebenzi wokuhlaziywa kweziseko ezingundoqo nokuqinisekisa ukuba icandelo labucala lithatha inxaxheba.
3. IDabi lokuLwa uLwaphulo-mthetho noRhwaphilizo
- Urhulumente ulithiyile ulwaphulo-mthetho, ubuqhetseba norhwaphilizo; kwaye uza kuqinisekisa ukuba abo bophula imithetho yeli lizwe bayaphendula ngezenzo zabo.
3.1.1 Idabi elingemiyo lokulwa urlwaphulo-mthetho
- IKhabhinethi isazimisele ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika ulilizwe apho wonke umntu eza kuziva ekhuselekile; kwaye ukubanjwa kunye nokugwetywa kwabasolwa kutsha nje ababebandakanyeka kwiintlobo ezahlukeneyo zolwaphulo-mthetho kubonisa indlela esizimisele ngayo ukulwa ulwaphulo-mthetho.
- Ukunyuka kwenani leentlobo zolwaphulo-mthetho ezihambisa umzimba kwiinkcukacha-mani zolwaphulo-mthetho zekota ezisanda kukhutshwa zekota yokuqala, esuka kuTshazimpunzi iphele ngeyeSilimela 2024 kubonisa ukuba usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe ukuqinisekisa ukuba wonke ummi weli uziva ekhuselekile.
- UMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ukhokelwa nguMphathiswa wezamaPolisa, ulwa ezi ntlobo zolwaphulo-mthetho. Amaphulo okulwa ulwaphula-mthetho akutsha nje aquka:
- udubulwano nabarhanelwa eMilnerton, eKapa olubulele abanye baze bona abanye babanjwa.
- amaphulo aqhutywe eMpumla Koloni, egxininisa eMthatha naseNelson Mandela Bay.
- abantu ababanjiweyo eGauteng, Mpumalanga naseFreyistatha ngezenzo ezinxulumene nemali yokhuseleko ekhutshwa ngenkani.
- Urhulumente uqalisa inkqubo eza kusetyenziswa ngurhulumente ewonke, equka:
- ukutyikitya izivumelwano zentsebenziswano noorhulumente bamaphondo kunye noomasipala.
- ukuqalisa izicwangciso eziza kusetyenziswa eKapa naseNelson Mandela Bay, eziza kusetyenziswa kubo bonke oomasipala abambaxa.
- ukufakana imilomo namanye amasebe karhulumente ukuphucula intsebenziswano yokulwa ulwaphulo-mthetho.
- UMgaqo-nkqubo weSizwe wobuPolisa uza kuqukunjelwa uze wamkelwe ngokusesikweni ekupheleni kweyeDwarha 2024 ukulungisa imiba efana nezikhululo zamapolisa kunye neziseko ezingundoqo kusetyenziswa imigangatho neenkqubo.
- IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa kwesiVumelwano seNtsebenziswano sokuLwa uLwaphulo-mthetho eNtshona Koloni, into leyo iza kuphucula intsebenziswano nolawulo phakathi kwawo onke amahlakani ukusabela kwimiba enxulumene nokhuselo nokhuseleko. Ngokusebenzisa amaphulo akhokelwa luluntu, ukuhlanganiswa kwezixhobo zokusebenza kunye nokuqulunqwa kwamacebo aqiqisiweyo, esi sivumelwano sizakuvumela ukuba ukuba kubekho intsebenziswano emandla phakathi kwe-SAPS, iphondo kunye noluntu ukulwa ulwaphulo-mthetho kuqinisekiswe ukuba uluntu lukhuselekile.
- Njengoko uMongameli Ramaphosa wayethembisile kwiNtetho yakhe yokuVula iPalamente ngomhla we-18 kweyeKhala 2024 ukuba kufuneka kwakhiwe isizwe esikhuselekileyo, ii-arhente zogcino-mthetho zeli zinyuse iikawusi ngoku kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho.
- ICandelo lokuPhanda uLwaphulo-mthetho oluNgxamisekileyo (i-DPCI), elikwabizwa ngokuba ngooKhetshe, libambe abarhanelwa abangama-673 kwikota yokuqala yowama-2024/25. Abangama-506 kwaba sele befunyaniswe benetyala. Ikhutshiwe imiyalelo engama-77 yenkundla yokuthinjwa kweempahla eyayamene nezenzo zolwaphulo-mthetho. Amapolisa abambe nabanye abarhanelwa abangama 14 422 abakrokreleka kwiintlobo ezahlukeneyo zolwaphulo-mthetho ngephulo le-Operation Shanela ukususela ngomhla we-19 ukuya kowama-25 kweyeThupha 2024.
- Iphulo logqogqo ebeliqhutywa ngamabutho ahlukeneyo aquka amapolisa, amapolisa oomasipala abambaxa, icandelo leenkonzo zoluleko, iSebe leMicimbi yezeKhaya kunye nezinye ii-arhente zogcino-mthetho eliqhutywe kwizakhiwo ezithandathu ebeziphantsi kolawulo lwemigulukudu eThekwini likhokelele ekufunyanweni kweedola zase-United States zomgunyathi ezixabisa imali ezizigidi ezine zeerandi, iimbumbulu ezili-117 kunye notywala, nasekubanjweni kwabantu abangaphezulu kwe-150 abarhaneleka ukuba ngabemi bangaphandle abangabhaliswanga ngokusesikweni kweli.
- Lo msebenzi mhle kangaka ulandela amalinge abe yimpumelelo aqhutyiweyo okuchitha-chitha amaqela emigulukudu amazwe angaphandle akweli lizwe ukususela ukuqala kwalo nyaka. I-DPCI ibhaqe iilebhu zeziyobisi ebezifihliwe ezili-10 yaze yabamba abantu abangama-34 ngokuvelisa, ukurhweba nokugcina iziyobisi ezingekho mthethweni.
- IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke besebenzisaan nee-arhente zogcino-mthetho ngokuxela emapoliseni ku-10111 izenzo ezingekho mthethweni ukunceda ukuba izigula-mkhuba zibanjwe, singahlali nazo.
- Umsebenzi wokulwa ulwaphulo-mthetho ngowethu sonke kwaye urhulumente uzakuqhubeleka nokukhokela onke amaphulo aza kuvuselela abantu kweli lizwe ukuba basebenzisane kumalinge okwakha uMzantsi Afrika ongcono nokhuselekileyo.
3.1.2 Abarhwaphilizi baziswa ngaphambili
- IKhabhinethi iyawamkela umyalelo wenkundla wokuthinjwa kweempahla ezixabisa imali ezizigidi eziyi-6.5, yeerandi ekhutshelwe abo babandakanyeka kumkhuba wokubiwa kwemali ye-National Lotteries Commissison. La manyathelo axhasa amalinge okuphumeza isiCwangciso sokuLwa uRhwaphilizo, esidibanisa zonke ii-arhente zogcino-mthetho kwidabi lokulwa urhwaphilizo.
- IKhabhinethi iyasamkela nesigwebo esiwiswe yiNkundla yaseLondon evumela ummi waseBritain nowayesakuba nesivumelwano sentsebenziswano no-Eskom, uMnu Michael Lomas, ukuba abuyiselwe eMzantsi Afrika aze kuphendula ngamatyala orhwaphilizo. UMnu Lomas uza kubuyiselwa kweli ukuza kujongana nezityholo zamatyala orhwaphilizo amabi angama-41 anxulumene nokwakhiwa kweKusile Power Station. Esi sigwebo sibonisa ukuba icandelo lezeenkundla leli liyathenjwa kwaye singqina nendlela esizimisele ngayo ukulandela izivumelwano zehlabathi zamalungelo oluntu.
- Kwisigwebo ebesiwisa, uJaji Charles Bourne uthe iintolongo zoMzantsi Afrika zinazo zonke izinto eziza kukwazi ukumelana nemeko kaMnu Lomas.
- Ukutyikitywa komgqaliselo nguMongameli Ramaphosa ogunyazisa iCandelo eliKhethekileyo lezoPhando (i-SIU) ukuba liphande izityholo zorhwaphilizo nolawulo olugwenxa kwa-Eskom kuqinisa amalinge okunyanzelisa abo babandakanyekayo kurhwaphilizo kweli qumrhu loMbuso baphendule ngezenzo zabo.
- Lo mgqaliselo uquka ukuphandwa kwezityholo zokuziphatha ngokungafanelekanga nangokungekho mthethweni okwenzeka phakathi komhla woku-1 kweyoKwindla 2006 nowama-30 kweyeThupha 2024, kunye nezivumelwano ezisithoba. UMongameli utshintshe nomgqaliselo ogunyazisa i-SIU ukuba iphande eminye imiba yezityholo zorhwaphilizo olwenzeka kwiSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba.
- IKhabhinethi isiqwabele izandla isigwebo seminyaka eli-15 esinikezwe lowo wayesaya kuba yiNtloko yezobuNjineli kwi-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe abaKhwelisa Abantu (i-PRASA), uMnu Daniel Mthimkhulu, yiNkundla yamaTyala ezoRhwebo yasePalm Bridge. Esi sigwebo sibonakalisa ukuba ayaphumelela amalinge wethu okulwa urhwaphilizo nobuqhetseba kumaqumrhu karhulumente. Sikwabonisa ukuzimisela kukarhulumente kumaphulo okusiphula neengcambu imikhuba yokunganyaniseki nokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyaphendula ngemisebenzi yakhe.
3.1.2 Idabi lokulwa intlawulo yokhuselo esisinyanzelo
IKhabhinethi iwukhaba ngawo omane umkhuba wentlawulo yokhuselo esisinyanzelo ebizwa yimigulukudu
- UMzantsi Afrika ufunda amaqhinga asetyenziswayo kwihlabathi ukuze uqulunqe ezawo izicwangciso zokulwa lo mkhuba wentlawulo yokhuselo esisinyanzelo ekhutshelwa imigulukudu.
- Kufuneka indlela eza kubandakanya isizwe siphela kunye norhulumente, ii-arhente zogcino-mthetho, amashishini kunye noluntu kufuneka babambisane ukulwa lo mkhuba.
- Lo mkhuba awuchaphazeli nje abantu bodwa; koko wenza umonakalo omkhulu kuqoqosho luphela. Ngokulwa lo mkhuba, sikhusela imisebenzi, sikhuthaza utyalo-mali futhi silwela nohlumo loqoqosho.
- Sixhobisa uluntu ukuba lukwazi ukuwulwa lo mkhuba wentlawulo esisinyanzelo ebizwa yimigulukudu. Ngokufundisa, imibutho yenkxaso kunye neenkqubo zokudiza ngokusekhusini, senza kube lula ukuba bantu balwe izigula-mkhuba.
- I-SAPS inikwa izixhobo namacebo ale mihla okulwa lo mkhuba, aquka iindlela zale mihla zokuqokelela ulwazi ngolwaphulo-mthetho kunye namabutho akhethekileyo okulwa ulwaphulo-mthetho, kunye nolwazi oluhlalutyisisiweyo abangenalo oonqevu.
- Lo mkhuba uthanda ukwanda kwiindwo ezingenamashishini. Urhulumente uzama ukulungisa kanye ezi zinto zingoonobangela bale ngxaki ngokuthi agalele imali kwezemfundo, kumaphulo okudala imisebenzi, kunye nawokuphuhlisa uluntu aza kuthi ancedisane namalinge enziwa zi-arhente zogcino-mthetho.
- Urhulumente usebenzisana ngamandla namahlakani akhe ehlabathi ukuze kwabelwana ngolwazi oluhlatyiweyo ngolwaphulo-mthetho, ukuzingela amaqela emigulukudu yolwaphulo-mthetho kunye nokubamba abenzi bobubi basiwe emthethweni.
- Amalinge wethu agxininisa kakhulu ekukhuseleni abantu abasemngciphekweni kunye namashishini angawona athanda ukuba ngamaxhoba alo mkhuba. Akukho mntu kufuneka angcungcutheke kwikhaya lakhe.
- Urhulumente uzimisele ukuzinga kula malinge wakhe okulwa lo mkhuba ukuze iindawo ezihlala abantu bakuthi zihlale zikhuselekile kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.
3.1.3 Amatyala amabango ezonyango abubuxoki
- IKhabhinethi ibomvu ngumsindo kukuva ukuba amanye amagqwetha anyolukileyo nangamaqotha-qikili azama ukukhuthuza umbuso imali ezibhiliyoni zeerandi ngokusebenzisa amatyala angamabango ezempilo abubuxoki nangekho mthethweni.
- Le mikhuba ibhentsiswe luphando olubanzi olwaqala ngowama-2017 obeluqhutywa yi-SIU ngala mabango kutyholwa ngokuba awakho mthethweni angamatyala ezempilo.
- Olu phando lusaqhubayo sele luveze ukuba amanye amagqwetha encedwa, ngamanye amaxesha, ngoonompilo abasebenzela uMbuso axhaphaza amaSebe ezeMpilo amaphondo, kwaye le miba sele iqukunjelwe yi-SIU ikhokelele ekubeni kongiwe imali ezibhiliyoni ezintathu zeerandi ngamaSebe ezeMpilo ahlukeneyo.
3. Imiba enxulumene nezolawulo
- URhulumente kaZwelonke woBumbano (i-GNU) ujolise ekwakheni izakhono zombuso ukuze ukwazi ukwenza izinto ezingundoqo zikarhulumente.
- Amahlakani e-GNU azimisele ukusebenzisana ukuze aphucule ubomi babo bonke abemi boMzantsi Afrika.
- Sonke sizimisele ukulandela iinkqubo eza kusabela ngqo kwezi ngxaki sijongene nazo kuwo onke amaqoqo karhulumente – kurhulumente kazwelonke, owamaphondo kunye noomasipala.
3.1 Izinto eziqaphelekayo kwimiba yezolawulo
3.1.1 Ukuphucula ulawulo lwemithombo yamanzi
- Amalinge okuphucula ulawulo lwale mithombo yamanzi ikhoyo nokuqinisekisa ukuba sinamanzi awoneleyo kule minyaka ilishumi izayo athe afumana inkxaso ngokuthi uMongameli Ramaphosa atyikitye ngokusesikweni uMthetho oYilwayo we-South African National Water Resources Infrastructure Agency SOC Ltd, yona eseka i-arhente entsha eza kujongana nomsebenzi wokwakha nokulawula iziseko ezingundoqo zesizwe zezamanzi.
- IKhabhinethi iyawamkela lo mthetho mtsha ngokuba ulinyathelo elibalulekileyo kumalinge okwenza iinguqu ukuze kunyuswe umthamo wotyalo-mali kumsebenzi wokulungisa nokukhanda kunye nokwakha iziseko ezingundoqo zezamanzi kunye nokuphucula umgangatho wamanzi.
3.1.2 Iziphumo zophicotho-zincwadi zoomasipala
- IKhabhinethi iziqaphele iziPhumo zoPhicotho-zincwadi zooMasipala obeluqhutywa nguMphicothi-ziNcwadi-Jikelele woMzantsi Afrika (i-AGSA) zonyaka wama-2022/23 ezibonisa ukunyuka okungephi kumgangatho wolawulo lwezimali kwabanye oomasipala.
- Noko kunjalo, usekhona umsebenzi ekufuneka wenziwe ukwenza ukuba oomasipala basebenze ngokwemigaqo ingakumbi abo baqhubekayo befumana iziphumo zophicotho-zincwadi ezingancumisiyo.
- Le ngxelo ye-AGSA ibonakalisa ukuba ngabangama-34 kuphela kwabangama-257, oomasipala abambaxa, bezithili nabengingqi abafumene iziphumo zophicotho-zincwadi ezingenamakhwiniba.
- Ezincumisayo kukuba inani loomasipala abafumana iziphumo zophicotho-zincwadi ezibi kakhulu lehlile ngelithuba oomasipala abangama-45 bona befumene iziphumo zophicotho-zincwadi ezingcono ukususela ngowama-2020/21 kwaye inani labo bangenise iingxelo zezimali ngexesha linyukile lisuka ku-81% ngowama-2020/21 laya kutsho ku-94% ngowama-2022/23.
- IKhabhinethi iyavuyiswa yinto yokuba iSebe lezoLawulo lweeNtsebenziswano nelezeMicimbi yeMveli, kunye ne-AGSA, bayaqhubeleka nokuxhasa kunye nokuqalisa amaphulo ajolise ekuqinisekiseni ukuba lo msebenzi mhle ubonakalayo kwabanye oomasipala uyaqhubeleka.
- Eli sebe likwawukhokelise phambili nomba wokunceda oomasipala abangabona baqhuba kakubi kakhulu kweli lizwe ngokuxhobisa abasebenzi babo ngezakhono, nokubaqeqesha, ukubafundisa izakhono ezitsha, kwakunye nokunyanzelisa ukuba imithetho ilandelwe ngabaphathi boomasipala kunye namagosa aphezulu.
B. Ezintsha zeKhabhinethi
(i) USuku lweSizwe lesiKhumbuzo samaPolisa
(a) IKhabhinethi inikwe ingxelo ngoSuku lweSizwe lesiKhumbuzo samaPolisa, obelubanjwe ngeCawa, umhla woku-1 kweyoMsintsi 2024.
(b) Olu Suku lwesiKhumbuzo lwenzelwe ukuhlonipha amagorha namagorhakazi akuthi akwaNtsasana athi asutywa kukufa esemsebenzini, kunye nokuthabatha amanyathelo afanelekileyo okuxhasa iintsapho ingakumbi abantwana abasahamba isikolo.
(c) IKhabhinethi ikhubeke kakhulu yintlungu yamapolisa angama-39 athe asweleka esemsebenzini kwaye iyathembisa ukuba abo babandakanyekayo kwesi sihelegu sokubulala amapolisa esemsebenzini baza kudibana nenyoka iphung’umhluzi.
(d) Urhulumente ulikhokelise phambili idabi lokulwa zonke iintlobo zolwaphulo-mthetho kwaye uza kwenza ngqingqa imithetho eza kunceda urhulumente kumalinge akhe okulwa ulwaphulo-mthetho.
(ii) Umsebenzi osele wenziwe nguMzantsi Afrika malunga nokulungisa ukuqhwalela kwimithetho elwa ukuthutyeleziswa kwemali okwathathwa njengebatha kuhlolo olwaluqhutywe yi-Financial Action Task Force (i-FATF)
(a) IKhabhinethi ifumene ingxelo yesine ngomsebenzi osele wenziwe yiKomiti yamaSebe aHlukeneyo yokuLwa uThutyeleziso lweMali nokuXhaswa ngeziMali kobuNqolobi (i-IDC-AML/CFT) ukusukela oko uMzantsi Afrika wafakwa kuluhlu lwamazwe akhelwe umkhanyo ngokwezoqoqosho ngeyoMdumba 2023. Le ngxelo ihambelana nesigqibo seKhabhinethi somhla wama-27 kweyoMsintsi 2023 sokuba i-IDC-AML-CFT inike ingxelo ngomsebenzi esele iwenzile kathathu ngonyaka.
(b) Mkhulu umsebenzi osele wenziwe nguMzantsi Afrika ukulungisa ezindawo beziqhwalela malunga nokulandelwa kwemithetho kwaye kwezi zingama-20 zifunekayo ezili-15 sele zilungisiwe ngokupheleleyo.
(c) Ngethuba uMzantsi Afrika ufakwa kuluhlu lwamazwe abekwe phantsi kweliso wawubekelwe imiba engama-22 eyayithathwa njengebonakalisa ibatha okanye ukuqhwalela. Esibhozo kule sele ilungisiwe into leyo ethetha ukuba kusekho eli-14 eza kulungiswa phambi kwenyanga yoMdumba yowama-2025.
(d) IKhabhinethi iyaziqonda ukuba ezi zinto zifuna ukulungiswa zintsokothile kodwa noko kunjalo izimisele ukwenza konke okusemandleni ukulungisa le miba isashiyekileyo, kwaye iyazi nokuba amalinge oMzantsi Afrika aveza iziphumo ezincumisayo xa kuthelekiswa namazwe atyebileyo afana ne-United States of America, yona esengasemva kuMzantsi Afrika.
(iii) IsiCwangciso esiBanzi sezeNtsangu
(a) IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nomsebenzi osele wenziwe ngomba wokuqulunqwa kwesiCwangciso esiBanzi sezeNtsangu, esinenjongo yokubhala isikhokelo sokuseka, ukuhlumisa nokuphuhlisa icandelo lentsangu nomya eMzantsi Afrika ukuze lincede kuhlumo loqoqosho, kumalinge okulwa indlala nawokudala imisebenzi.
(b) Esi siCwangciso siBanzi sime ngeentsika ezilithoba, ezizezi: ImiThetho eseBenzayo eLawula eli Candelo; iiNkqubo zokuQinisekisa ukuba iMbewu Ikhona ngokwaNeleyo; Uphando-nzulu noPhuhliso lobuChwepheshe; IiNkqubo zokuXhasa abaVelisi; ukuKhangela iiNdawo zokuThengisa iMveliso; uPhuhliso lwamaShishini nabaThengisi; UVeliso nokuKhuliswa kweMveliso; IMfundo noQeqesho; kunye noNxibelelwano namaPhulo okuFundisa.
(c) Oku kulandelayo sisishwankathelo esifutshane ngomsebenzi osele wenziwe ukuza kuthi ga ngoku:
i. Emva kokubhengezwa komya njengesilimo esityalwayo, sele kukhutshwe amaphepha-mvume aliWaka elineKhulu elineShumi (1 110) okulima umya.
ii. UMongameli Ramaphosa wawuvuma ngokusesikweni uMthetho oYilwayo wokuLima iNtsangu uSenzela ukuziSebenzisela ngoCanzibe 2024.
iii. ISebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko liqalise ngenkqubo yokuqulunqa imithetho eza kulawula ukuLima iNtsangu uSenzela ukuziSebenzisela.
iv. ISebe lezeMpilo, lisebenzisa iQumrhu loMzantsi Afrika eliLawula iiMveliso zezeMpilo (i-SAHPRA), sele liqukumbele iindibano zokufakana imilomo malunga nezinto eziza kutshintshwa kuMthetho weeShedyuli zamaYeza namaChiza aFana Nawo (uMthetho 101 wowe-1965).
v. ISebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano (i-dtic) liqukumbela amaphulo okuhlola iimeko namanqanaba alandelwa yimveliso kwiCandelo lezeNtsangu noMya eMzantsi Afrika, futhi i-dtic iza kuqalisa ngokuqhuba iindibano zokufakana imilomo malunga noMgaqo-nkqubo wokuRhweba ngeNtsangu.
vi. IBhunga lezoLimo loPhando (i-ARC) livelise iintlobo ezimbini, zentsangu lincediswa liSebe lezoLimo, uBuyekezo lwemiHlaba noPhuhliso lwamaPhandle (i-DALRRD), ngoku likunyaka wesibini liphinda-phinda imbewu ukwenzela ukuba lithi lifika ixesha lokutyala ngowama-2025 ibe khona.
vii. NgoCanzibe 2024, uMphathiswa wezoLimo, uBuyekezo lwemiHlaba noPhuhliso lwamaPhandle livume iSikimu sokuKhutshwa kweSatifiketi seNtsangu ukuze kubekwe imithetho elawula umgangatho weentlobo zentsangu kunye nowamasuntswana asetyenziswayo ukukhulisa imbewu into leyo eza kubangela ukuba imbewu yentsangu ihlale ikho, ingapheli esithubeni.
viii. NgoCanzibe i-DALRRD yaqesha u-ARC ukuba aqhube uphando oluxabisa imali ezizigidi zeerandi ezili-124 olugxila kumba wokuveliswa kwentsangu eza kusetyenziswa ukunyanga, ifaybha nezinye izinto, ukubekwa phantsi kweliso kwezifo zesityalo sentsangu, ukuqokelelwa kweeseli zezityalo ezizinkulelane, inkqubo yokukhulisa imbewu yentsangu.
ix. IGauteng, isebenzisana ne-Council for Scientific and Industrial Research, iinkampani ezincinci, eziphakathi nezincinane ezili-10 zaye zafumana inkxaso ukuba zivelise intsangu. I-DALRRD iyaqhubeleka nokufakana imilomo namaphondo malunga nendima anokuyidlala.
x. Ukwandisa inani labantu abanezakhono kwisebe abaza kuhlola umba wokutyalwa kwentsangu ngabo banamaphepha-mvume, i-ARC iqulunqe inkqubo ecacileyo yokuqeqesha eza kusetyenziselwa ukuhlola.
(iv) INyanga eHlangeneyo yabaSebenzi bakaRhulumente
(a) IKhabhinethi inikwe ingxelo ngezicwangciso zokuhlonipha iNyanga eHlangeneyo yabaSebenzi bakaRhulumente.
(b) Kulo nyaka iNyanga eHlangenenyo yabaSebenzi bakaRhulumente ibhiyozelwa phantsi komxholo othi: “URhulumente osebenzayo”.
(c) INyanga yabaSebenzi bakaRhulumente isikhumbuza ngokuba kuthetha ntoni ukusebenzela uluntu futhi ikwajonga negalelo likarhulumente ingakumbi kwizinto ezinxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo.
(d) Kulo nyaka, uMzantsi Afrika ubhiyozela imiNyaka engama-30 yoLawulo lweNtando yesiNinzi kunye neminyaka engama-27 yePhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weBatho Pele njengesikhokelo sokwenza iinguqu kwindlela ezihanjiswa ngayo iinkonzo zikarhulumente eMzantsi Afrika.
(e) Le nkqubo ihlangeneyo karhulumente wonke iquka iNyanga yabaSebenzi bakaRhulumente, iNyanga yamaFa, iNyanga yezoKhenketho kunye neNyanga yezeMithi.
C. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
(a) Nks Yolanda Batandwa Damoyi njengoMlawuli wesiGqeba weBhodi yePublic Investment Corporation.
(b) Nks Thulisile Glory Manzini njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci.
(c) Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi ye-South African Diamond and Precious Metals Regulator
(i) Mnu Abiel Mngomezulu (uSihlalo);
(ii) Gq Natalie Skeepers – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(iii) Nks Fungai Mushohwe – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(iv) Nks Faith Tumelo Mokwena – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(v) Gq Tshepo David Khoza – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(vi) Nks Leanda-Marsha Mtshali – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(vii) Mnu Norman Baloyi – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(viii) Mnu Mawethu Cawe – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(ix) Adv Madikeledi Moloto – (ilungu elisisigxina elimele i-DMRE);
(x) Nks Rebone Nkambule – (ilungu elitshitsha-tshintshwayo elimele i-DMRE);
(xi) Mnu Rangers Molapo – (ilungu elisisigxina elimele i-NUM);
(xii) Mnu Dingindawo Sibeko – (ilungu elitshintsha-tshintshwayo elimele i-NUM);
(xiii) Adv Leon Johannes Pretorius – ilungu elisisigxina elimele i-UASA;
(xiv) Nks Nongcebo Ngcobo – ilungu elisisigxina elimele i-SARB;
(xv) Nks Kamolegelo Manamela – ilungu elitshintsha-tshintshwayo elimele i-SARB;
(xvi) Nks Nosiphiwo Mzamo – (lilungu ngenxa yesikhundla sakhe); kunye
(xvii) noMnu Cecil Khoza – (lilungu ngenxa yesikhundla sakhe).
(c) Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi yeState Diamond Trader
(i) Mnu Abbey Chikane (uSihlalo);
(ii) Mnu Ernest Blom – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(v) Nks Komathie Kisten Govender – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(vi) Adv. Mpati Lebakeng – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo;
(vii) Gq Olga Masekoa – Ummeli weSebe;
(viii) Nks Hellen Diatile Ilungu elisisigxina elimele i-NUM;
(ix) Mnu Thapelo Malekutu ilungu elitshintsha-tshintshwayo elimele i-NUM;
(x) Nks Adele Rossouw ilungu elisisigxina elimele i-Solidarity;
(xi) Mnu Johan Du Toit Böning – ilungu elitshintsha-tshintshwayo elimele i-Solidarity;
(xii) Mnu Jacques Hugo – ummeli we-UASA;
(xiii) Nks Danile Nyakale – ilungu elisisigxini elimele i-IDC;
(xiv) Mnu Lefu Dlamini – ilungu elitshintsha-tshintshwayo elimele i-IDC;
(xv) Nks Nosiphiwo Mzamo – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo (lilungu ngenxa yesikhundla sakhe); kunye
(xvi) noMnu Cecil Khosa – iLungu elingeyonxalenye yesigqeba solawulo (ngenxa yesikhundla salo).
D. Imisitho ezayo
a) INyanga yamaFa
- NgeyoMsintsi, uMzantsi Afrika uphawula iNyanga yamaFa phantsi komxholo othi: Ukubhiyozela ubomi bamagorha namagorhakazi wethu aphulukana nobomi bawo esilwela inkululeko yethu”
- Ngale nyanga, urhulumente uza kuphehlelela iProjekthi yokuBuyiswa kwamaThambo eluBhacweni eneenjongo zokubuyisa amathambo amajoni omzabalazo wenkululeko awafela elubhacweni ukuze sincede iintsapho zabo zixole emphefumlweni kunye nokuphilisa size sibuyekeze isizwe sakuthi.
- Eli phulo liyinxalenye yoMgaqo-nkqubo weSizwe wokuBuyiselwa kwamaThambo Abantu kunye neziNto ezingamaFa. Abo bancama ubomi babo besilwela inkululeko basivulela indlela esisa kulo mbuso ulawulo ngokomgaqo-siseko usekelwe kwimimiselo exabise isidima somntu kunye namalungelo alinganayo omntu wonke.
- Urhulumente uhlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise iNyanga yamaFa ukukhuthaza intsebenziswano emandla phakathi kweentlanga ezahlukeneyo, ukwakha isizwe kunye nezi zinto sifana ngazo njengabantu beli lizwe kwakakunye nokunika imbeko kwabo bancama ubomi babo besilwela thina ukuba sifumane inkululeko.
b) INdibano eNkulu yama-79 yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA)
- UMongameli Ramaphosa uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliza kuthatha inxaxheba kwiNgxoxo-mpikiswano Jikelele yeSeshoni yama-79 ye-UNGA eza kubanjelwa eNew York ukususela ngomhla wama-24 ukuya kowama-30 kweyoMsintsi 2024.
- Kulo nyaka le ndibano iza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Umanyano lwezizwe ezahlukeneyo, kusenzelwa uxolo, uphuhliso oluzinzileyo kunye nesidima somntu wonke kwihlabathi liphela.”
- UMongameli Ramaphosa uza kwenza intetho kule Ndibano iNkulu ngomhla wama-24 kweyoMsintsi 2024, apho aza kunika uluvo lwakhe ngale mingeni ikhoyo inxulumene noxolo, ukhuseleko kunye nophuhliso kweli lizwekazi nakwihlabathi liphela.
- Phambi kokuba iqale i-UNGA 79, uNobhala-Jikelele we-UN uza kubamba iNgqungquthela engeKamva ngomhla wama-20 ukuya kowama-21 kweyoMsintsi 2024 kuNdlunkulu we-UN. Le ngqungquthela iza kuzinyaswa zinkokeli zehlabathi apho ziza kugwadla isivumelwano sehlabathi malunga nendlela yokuziphatha namhlanje silungiselela ukungatshabalalisi ingomso.
c) Umboniso we-Africa Aerospace and Defence (AAD) noweeNqwelomoya wowama-2024
- UMongameli uza kuvula ngokusesikweni umboniso we-AAD, oza kubanjelwa e-Air Force Base Waterkloof eGauteng ukususela ngomhla we-18 ukuya kowama-22 kweyoMsintsi 2024 phantsi komxholo othi: “Ukuzingela iindlela ezintsha, Ukwabelana Ngezisombululo, Ukuqhayisa Ngobuchule nezaKhono”.
- I-AAD nguwo kuphela umboniso wezoKhuselo obanjelwa kweli lizwekazi le-Afrika nguMzantsi Afrika futhi ubekwa kwindawo yesithandathu kwiintlobo zemiboniso yezokhuselo zehlabathi kwaye iinjongo zayo:
- kukubonisa ngobuchwepheshe bale mihla bezoKhuselo nezophapho obuphekwe baze baveliswa apha eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela.
- ukukhuthaza nokuthengisa ngezixhobo kumazwe angaphandle elime ngazo icandelo lezokhuseleko nelezophapho.
- ukuqhayisa nokubethelela indawo yoMzantsi Afrika njengelizwe eliphambili kubuchule bokuyila nokuvelisa.
- ukunika ithuba lokutyikitya izivumelwano zentsebenziswano phakathi kwamazwe ehlabathi; phakathi kwamashishini kunye naphakathi koorhulumente bamazwe ngamazwe.
- ukuthengisa uMzantsi Afrika njengelizwe elinamathuba amahle abakhenkethi nokuqhuba ushishino.
- ukufaka isandla kumalinge okudala imisebenzi.
- ukunika ulutsha iqonga lokufundisa elibonisa ngamakhondo akwicandelo lezokhuselo nezophapho kunye nezakhono zoyilo.
d) ITumente ye-FIBA Under-18 AfroBasket
- UMzantsi Afrika sithetha nje usingethe i-U18 Basketball African Championship yamazwe ali-12 ebanjelwe ePitoli ukususela ngomhla woku-1 ukuya kowe-14 kweyoMsintsi 2024. Kule tumente amaqela esizwe omdlalo we-basketball ali-12 amadoda nali-12 amantombazana ahlulwe kathathu, zaze ezi ntlanganisela zintathu zanamaqela e-basketball amane.
e) Ukutyikitykwa kwesiVumelwano seNtsebenziswano phakathi kweSebe leMfundo esisiSeko kunye nelezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko
- Ngomhla we-4 kweyoMsintsi 2024, uMphathiswa weMfundo esisiSeko kunye nowezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko batyikitye isiVumelwano seNtsebenziswano esiza kuphakamisa igama lezemidlalo ezikolweni, size futhi sixhase ukubaluleka kwemidlalo kwizikolo zethu ukuze abafundi bakwazi ukukhula ingqondo nomzimba ngolo hlobo batsho baphuhlise izakhono neziphiwo zabo ezibalulekileyo baze bakwazi ukuba ngabemi abaphumelelayo nabathatha inxaxheba.
- Esi sivumelwano siquka iinkqubo zentsebenziswano ezahlukeneyo ezifana namaTshantliziyo ezemidlalo; iiNdibano zikaZwelonke zoLutsha; iMidlalo yeMveli; AmaQela Okufunda iiNcwadi; iiNkqubo eziFundisa ngezamaFa; uKhuphiswano loPelo; iNkqubo eKuthaza ubuThandazwe kuLutsha; iiNkqubo yeMithambo eziKolweni; iNkqubo yamaThala eNcwadi eSizwe; uMnyhadala weziTibili zeziKolo zoMzantsi Afrika yakwa-Eisteddfod; iVeki yeSizwe yokuFundisa ngeNgqokelelo yeziBhalo ezingamaFa, phakathi kwezinye izinto.
E. Imiyalezo
1. Imiyalezo yokuvuyisana
IKhabhinethi ithumela imiyalezo yokuvuyisana neminqweno emihle:
- Kwiingcali zophando-nzulu zoMzantsi Afrika ezithatha inxaxheba kuphando-nzulu oluyimbali olubizwa ngokuba yi-BEAT-Tuberculosis (TB), eliyinkqubo yokuqala ehlabathini yokulwa isifo sephepha (i-TB) esinganyangekiyo kuzo zonke iintlanga, into leyo iza kutshintsha inkqubo yehlabathi yokunyanga i-TB yoMbutho weHlabathi wezeMpilo (i-WHO).
- kuWarona Tsiane kunye no-Onalerona Tsiane, ababiswa ngokuba zi-Tee Sisters, ngokuphuma kwindawo yesithathu kukhuphiswano olukhulu le-World Cup Competition of Entrepreneurship obelubanjelwe eJapan. I-Tee Sisters ziphinde zaphumelela iimbasa ezimbini zeeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo (ii-SDG) kwi-UN. Le mbasa ziyiphumelele kwicandelo leeNjongo yoku-1 (Ukulwa Indlala) neye-16 (uXolo, ubuLungisa namaZiko aNgqingqwa).
- Kwiimbaleki zezwe lakuthi ezithatha inxaxheba kwi-Under-20 World Championships nakwi-Paralympic Games, ingakumbi:
- oyena mfana unamendu kakhulu kwihlabathi, imbaleki uBayanda Walaza ngokuphumelela imbasa yegolide kumdyharho wamanqam we-100m no-200m kwi-U20 World Championships. UWalaza ufunda ibanga lematrikhi eCurro Hazeldean ePitoli.
- uBradley Nkoana ophumelele imbasa yeBronzi kumdyharo wamanqam we-100m kwi-Under 20 (U20) World Championships.
- U-Udeme Okon ngokuphumelela imbasa yeGolide kumdyharho wamanqam we-400m kwi-U20 World Championships.
- Kwiqela le-4x400m men’s relay ngokuphumelela imbasa yeSilivere (Bryan Katoo, Sihle Mahlangu, Njabulo Mbatha, Udeme Okon) kwi-U20 World Championships.
- uJL van Rensburg ngokuphumelela iMbasa yeSilivere kwi-shot-put yamadoda kwi-U20 World Championships.
- uHannah van Niekerk ngokuphumelela imbasa yeBronzi kwi-400m hurdles kwi-U20 World Championships.
- uMpumelelo Mhlongo ngokuphumelela imbasa yeGolide nangokwaphula irekhodi kwi-T44 100m yamadoda kwi-Paralympic Games eParis.
- kuLouzanne Coetzee ngokuphumelela imbasa yeBronzi kwi-T11 1500m yamanina kwi-Paralympic Games eParis.
- kuRonwen Williams, unozinti weBafana-Bafana neMamelodi Sundowns ngokutyunjwa abe phakathi koonozinti abalishumi (10) abababetha bonke nabasethubeni lokuba ngunozinti wehlabathi kwiimbasa ze-Ballon d’Or.
- kwi-Springboks, ngokutywatyusha i-All Blacks kukhuphiswano le-Castle Lager Rugby Championship ngoMgqibelo, wama-31 kweyeThupha 2024.
- Ku-PRASA neGautrain ngokubonelela ngeenkonzo zothutho ezihlangeneyo ezincede abemi boMzantsi Afrika ukuba bakwazi ukuyobukela umdlalo wombhoxo phakathi kwe-Springboks ne-All Blacks. IKhabhinethi ikhuthaza uluntu ukuba lubuke luze lukhwele uloliwe ka-PRASA onombhalo obhiyozela iminyaka engama-30 yenkululeko nolawulo lwentando yesininzi.
4. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithi mazilale ngenxeba izihlobo nosapho:
- lukaNjing Brian O'Connell, owayesuka yiNqununu neSekela-Ngqonyela leDyunivesiti yaseNtshona Koloni. WayeyiNqununu ukususela ngowama-2001 ukuya kowama-2004.
- likasaziwayo kanomathotholo nomabonakude uThabiso Sikwane, umsazazi obengumakhwekhwetha owayengumzekelo kwabaninzi mbombo zone zeli lizwe.
- lembongi uBishop Jessica Mbangeni, obesaziwa ngobuchule bakhe obukudidi oluphezulu bokubonga. Nguye owayebonga ngethuba kubekwa ngokusesikweni lowo wayenguMongameli uThabo Mbeki, ngowe-1999 nakwikonsathi ye-46664 yalowo wayenguMongameli uNelson Mandela.
- likaMnu Mphakamisi Nciweni, obengutitshala KwaZakhele Primary School eMpuma Koloni, obulewe esikolweni ngonqevu abafuna intlawulo yokhuseleko engekho mthethweni.
Imibuzo:
Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485