A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. Ukukhula kwezokhenketho, ukwanda kwenani leenqwelomoya kunye namanyathelo okukhusela abakhenkethi
1.1 IKhabhinethi iyamkele indlela eliqhuba kakuhle ngayo icandelo lezokhenketho elichaze ukuba kungene abakhenkethi kweli lizwe abangama-989 329 ngekaTshaziimpunzi 2026, ngokwe-International Tourism Report yeZiko leeNkcukachamanani loMzantsi Afrika (i-StatsSA). Eli lelona nani liphezulu lokhukhula ngenyanga ezimbalini xa kuthelekiswa neleminye iminyaka, into engqina ukuba uMzantsi Afrika ulilizwe elithandwa ngenene ngabakhenkethi behlabathi.
1.2 Ukuze sikwazi ukuqhubeleka siqhuba kakuhle, urhulumente uyaqhubeleka nokutyikitya izivumelwano neenkampani eziliqela zehlabathi zeenqwelomoya, kangangokuba kutsha nje i-LATAM Airlines igqibe kwelokuba iwusondeze umhla wokuqalisa kweenqwelomoya ezisuka eSão Paulo zisiza ngqo eKapa ube ngeyeNkanga 2026, endaweni yalaa nyanga yoMsintsi 2026, yayibekiwe. Ukongeza, ngomhla wama-24 kweyeSilimela 2026, u-Air Europa uqalise inqwelo-moya yokuqala esuka eMadrid ize ngqo eRhawutini into leyo iza kwenza kube lula ukusuka e-Europe futhi kunyuse nomthamo kwicandelo lezokhenketho nelezokuntenda.
1.3 Ukunyuka kwenani labakhenkethi abangena kweli kwenzeka kanye emva kokuhla kwezinga lolwaphulomthetho kumacandelo angundoqo kunye nokukhawuleziswa kwamatyala olwaphulomthetho ziiarhente zogcinomthetho.
2. UMsebenzi oMhle kunye neMeko yeziMali eNcumisayo ka-Telkom
2.1 IKhabhinethi imqhwabele izandla uTelkom, apho urhulumente anezabelo ezisisininzi, ngomsebenzi omhle kunye nozinzo kwizimali kunyakamali ophele ngomhla wama-31 kweyoKwindla 2026. Ngeli xesha, uTelkom uxhase ii-SMME ezingama-362 ngenkqubo yakhe yokuthenga enengxowa ezizigidi ezingama-593 zeerandi, futhi wanceda nakwiphulo lokudala imisebenzi engama-74 114 ngenkqubo yophuhliso lwee-SMME, waze waqeqesha nabantu abatsha abangaphangeliyo abali-1 523 ngenkqubo yokufundisa i-ICT. Futhi inani labantu ababhalisileyo abasebenzisa u-Telkom lidlule kwizigidi ezibini.
2.2 Urhulumente ufumene imali emalunga nezigidi ezingama-559 zeerandi njengamathole ayingeniso (angaquki amanye amathole wona anikwe ezinye iinkampani zikarhulumente nazo ezinezabelo ku-Telkom). Le mali iza kuxhasa iinkqubo zezophuhliso zikarhulumente kunye namaphulo okuhanjiswa kweenkonzo.
2.3 IKhabhinethi ilibulele negalelo lale nkampani kumalinge okunyusa inani labantu abasebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla nawophuhliso loqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, kwaye uqinisekile ukuba uTelkom, ophethwe nguMnu Serame Taukobong oyi-CEO kunye nabaLawuli beBhodi, uza kuqhubeleka eqhuba kakuhle naphantsi kwezi meko zoqoqosho zingentlanga.
3. Idabi elingqingqwa lokulwa ukuthengiswa kweziyobisi ngokungekho mthethweni kunye namaqela emigulukudu
3.1 IKhabhinethi iyiqhwabela izandla i-Border Management Authority, ii-Hawks, amabutho e-SAPS K9 kunye nazo zonke ii-arhente zogcinomthetho ezidlale indima kwiphulo elikhokelwe luphando lobuntlola lokuqhiwulela iziyobisi ezixabisa imali emalunga nebhiliyoni yeerandi kwiZibuko lokuNgena eBeitbridge.
3.2 Eli phulo liqhutywe ngentsebenziswano emandla ngomhla wama-27 kuCanzibe 2026 likhokelele ekubanjweni kweloli ibisuka eZimbabwe isiza eMzantsi Afrika. Emva kokuba igocagocwe kakhulu le loli kufunyenwe iigremu ezingama-713 00 ze-methaqualone, eyaziwa ngokuba yi-ABBA, nesetyenziswa kakhulu xa kusenziwa i-Mandrax.
3.3 Ukongeza, iKhabhinethi iwothulele umnqwazi uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ngokubamba abarhanelwa abali-11, kuquka nommi waseMexico, emva kokuba kubhaqwe ilebhu yokuvelisa iziyobisi exabisa izigidi zeerandi kwifama eseSwartruggens kwiphondo laseMntla Ntshona.
4. UMzantsi Afrika uncedisa i-Afrika iyonke kwidabi lokulwa i-Ebola
4.1 IKhabhinethi iyamxhasa urhulumente ngokuncedisa ngemali ezizigidi ezingama-319 zedola kumanyathelo namalungiselelo enziwa leli lizwekazi emva kokuqhambuka kwe-Ebola egqugqisa eDemocratic Republic of the Congo nase-Uganda.
4.2 Nangona ukuqhambuka kwe-Ebola kubhengezwe njengesifo esiyingozi esixhalabisa ihlabathi liphela nguMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO), akukho mfuneko yokuba sinyukelwe zizibilini eMzantsi Afrika. I-Ebola ayisosifo sikhoyo eMzantsi Afrika futhi ukuze omnye umntu osulelwe ngumntu onayo okanye oneempawu zayo kufuneka kudibane iincindi zemizimba yabo.
5. IKhomishini yamazwe amabinini uMzantsi Afrika neBotswana
5.1 UMzantsi Afrika uqukumbele ngempumelelo neBotswana iKhomishini yaMazwe amaBini (i-BNC) ngethuba uMongameli Cyril Ramaphosa enze uTyelelo lwasebuRhulumenteni oluya eBotswana leentsuku ezimbini.
5.2 Le BNC ibivuselela ubudlelwane bakudala obuphakathi kwala mazwe mabini ngeli thuba yenze ngqingqwa nentsebenziswano kumacandelo angundoqo afana nezenzululwazi, ezobuchwepheshe, ubuchule bokuyila, ezorhwebo, ezokhenketho kunye nophuhliso kulo mmandla.
5.3 Kule BNC kuye kwatyikitywa izivumelwano ezitsha ezine zokuqhubela phambili uhlumo loqoqosho kunye nentsebenziswano kule ngingqi, ezi zivumelwano zongeza kwezo zingama-28 sele ziqalisile ukusetyenziswa.
5.4 Ezi zivumelwano zine zezi: IsiVumelwano esiyiMemorandamu yokuQondana (i-MoA) malunga nokuBambisana kuLawulo loMgangatho waManzi kunye neziDalwa zaManzi eziNwenwayo; isiVumelwano ngeNtsebenziswano kwiiNkonzo zokuKhangela ngoMoya noHlangulo; kunye nesiVumelwano seMemorandamu malunga neNtsebenziswano kwiCandelo leeNkonzo zamaZiko oLuleko kunye neeJele.
6. Utyelelo lwaseburhulumente lwelizwe laseKenya (eliza ngaphakathi)
6.1 UMongameli Cyril Ramaphosa ebendwendwelwe ngoHloniphekileyo uMongameli William Ruto weRiphablikhi yaseKenya obekutyelelo lwaseburhulumenteni eMzantsi Afrika ukususela ngomhla wesi-3 ukuya kowesi-5 kweyeSilimela 2026, emva kokuba emenywe nguMongameli Ramaphosa.
6.2 Olu tyelelo lwaseburhulumenteni luphucule urhwebo, utyalomali, kunye nentsebenziswano nalapho kuthe kwatyikitywa izivumelwano ezithandathu (6) kwiZakhiwo zoMdibaniso eTshwane.
6.3 IziVumelwano zeeMemoranda ezityikityiweyo zimalunga ne-Facilitation of Trade through Cooperation in the Areas of Standardisation, Technical Regulation, Conformity Assessment, Accreditation, Metrology; Shipping and Maritime Cooperation; Technical and Vocational Education and Training; Promotion of Partnership on Gender Equality and Women Empowerment; Arts, Culture & Heritage; and Sports & Recreation.
6.4 Olu Tyelelo lwasebuRhulumenteni luquke iQumrhu lamaShishini elakhiwe ngamashishini abucala oMzantsi Afrika nawaseKenya, apho abathathinxaxheba bathe bagwadla imiba enxulumente nolwazi kunye nezinto abagagana nazo kwezoshishino futhi baxoxa nangamathuba akhoyo anokuthi aphucule urhwebo kunye notyalomali phakathi kwala mazwe mabini.
7. Utyelelo olusesikweni lukaSekela Mongameli oluye e-India
7.1 Usekela Mongameli uShipokisa Paulus Mashatile ebetyelele ngokusesikweni e-New Delhi, e-India
7.2 Olu tyelelo luqinise ubambiswano kumaqonga ehlabathi afana ne-UN, BRICS kunye ne-G20, lwaze lwayenza ngqingqwa intsebenziswano kwezorhwebo, utyalomali, ezophandonzulu, ukutshintshiselana ngobuchwepheshe, ngeli thuba kuxhaswa amashishini asakhasayo.
7.3 Usekela Mongameli uye wabamba intlanganiso noSekela Mongameli u-C.P. Radhakrishnan, waze waya kunyathela, esiya kubamba isandla koHloniphekileyo uNkskz Smt. Droupadi Murmu, uMongameli weRiphablikhi yase-India.
B. Izigqibo zeKhabhinethi
1. Indlela ebanzi yokulawula umba wezemfuduko eMzantsi Afrika
1.1 IKhabhinethi ifumene yaza yazamkela iinkcukacha ngendlela ebanzi yokulawula ezemfuduko eMzantsi Afrika, eziqulunqwe yiKomiti yabaPhathiswa malunga neMfuduko, kwaye iye yayamkela neNgxelo yeSizwe malunga neMfuduko eMzantsi Afrika yesiCwangciso sokuSebenza seSizwe (i-NAP).
1.2 UMongameli uza kuthetha nesizwe ngalo mba.
2. IsiCwangciso-qhinga soPhuhliso lwamaShishini (i-IDS) esiHlaziyiweyo
2.1 IKhabhinethi isamkele isiCwangciso soPhuhliso lwamaShishini esiHlaziyiweyo ukuba siqalise ukusetyenziswa. Esi sicwangciso siqulunqwe ngokubamba iindibano ezininzi zokufakana imilomo, sigixile kumaphulo okuvula amashishini aza kwenza umahluko omkhulu kuqoqosho loMzantsi Afrika. Esi sicwangcisoqhinga sihambelana nezinto ezikhokeliswa phambili kwimigaqonkqubo yalo Mbuso wesi7 kwaye similiselwe kwezi ntsika zintathu ukuze zincedisa kuhlumo lwamashinini okanye nemizimveliso kunye neenguqu, ezizezi: ukuphungulwa kwesisi esiyingozi kokusingqongileyo, ukutshintshela kubuxhakaxhaka bale mihla kunye nokuvula iintlobo ezahlukeneyo zamashishini.
2.2 I-IDS ikhokelisa phambili amacandelo angundoqo kumba wokuvuselelwa kwamashishini, kuquka nokukhuselwa kwamacandelo abalulekileyo afana nelesinyithi, elokwenziwa kweemoto, elemizimveliso kunye nemigodi. Sikwakhuthaza ukukhula kumacandelo angomso aquka elezokucolwa nokuhlelwa kweemveliso zolimo, icandelo lezobuchwepheshe kunye nohlobo lwamashishini angenabungozi kokusingqongileyo. Ukongeza, esi sicwangcisoqhinga sigxila kumacandelo athembisayo ukuba angancedisa kuhlumo loqoqosho nakumaphulo okudala imisebenzi, ingakumbi eyabantu abatsha, kuquka nezokhenketho kunye neenkonzo zamashishini ehlabathi.
2.3 I-IDS kulindeleke ukuba idale amawaka emisebenzi unyaka ngamnye, igxininisa ngamandla kuphuhliso lwezakhono kunye nokuxhobisa abantu abangasebenziyo ukuba bakulungele ukungena kumacandelo adinga abantu afana nelamandla ahlaziyekayo kunye nelemizimveliso. IKomiti yabaPhathiswa, ekhokelwa nguMongameli njengosihlalo, iza kukhokela umsebenzi wokuphunyezwa kwesi sicwangcisoqhinga ukuze kuqinisekiswe ukuba sizala iziphumo futhi senza nomahluko.
2.4 Esi sicwangcisoqhinga sonke siyafumaneka kule webhusayithi ye-dtic: www.thedtic.gov.za
3. UkuVulwa kweProjekthi yokuPhucula ooHola beeNdlela baseGauteng (i-GFIP)
3.1 IKhabhinethi ivumile ukuba u-SANRAL aqalise umsebenzi wokuvala i-GFIP kuquka kunye nokuqukunjelwa ngendlela efanelekileyo kwetyala lika-OUTA, nokusonjululwa kwamanye amatyala ayintsalela, kunye nokuqukunjelwa kwayo yonke imiba enxulumene namatyala kunye neentlawulo ze-etoll.
3.2 Oku kulandela isigqibo sikarhulumente sokuyiyeka inkqubo yokuhlawulisa nge-intanethi ye-GFIP awasithatha ngomhla we-12 kuTshaziimpunzi 2024.
3.3 IKhabhinethi iziqaphele izindululo zika-SANRAL zokucima amatyala abaqhubi abasebenzisa le ndlela abangekabhatali, nokuba eli tyala liza kubhatalwa nguNondyebo weSizwe, nokuba abo baqhubi babesele bezibhatele iintlawulo zalo hola wendlela abazikuyibuyiselwa imali kuba ukwenza njalo yayingumthetho ngelo xesha.
4 Iingxelo ezikhutshwa kabini ngonyaka ngesiCwangcisoqhinga esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi
4.1 IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalasela iingxelo ezikhutshwa kabini ngonyaka malunga nokuphunyezwa kwesiCwangciso soPhuhliso sesiGaba esiPhakathi (i-MTDP) sowama-2024-2029 sesithuba esiphakathi kweyeDwarha 2025 neyoKwindla 2026. Ezi ngxelo zinika isishwankathelo somsebenzi wamasebe ngokwezinto zesizwe ezikhokeliswe phambili ngurhulumente, zicacisa izinto ezifezekisiweyo ezingundoqo, umsebenzi osele wenziwe kunye neengxaki ezikhoyo malunga nokufezekiswa.
4.2 IKhabhinethi iwuqaphele umsebenzi omkhulu osele wenziwe malunga nokuphunyezwa kwe-MTDP kuzo zonke izinto ezingundoqo ezikhokeliswe phambili.
4.3 UMphathiswa wezoCwangciso, uHlolo noVavanyo kunye nooSihlalo beeNtlanganisela zeKhabhinethi, baza kubamba iindibano noonondaba malunga nezi ngxelo ziphuma kabini ngonyaka zexesha eliphakathi kweyoMdumba 2025 neyoKwindla 2026. U-GCIS uza kukhupha iinkcukacha ezithe vetshe malunga nale ndibano noonondaba.
5 Ukurhoxiswa koMgaqonkqubo oluYilo wobuChwepheshe obukwiZinga lokuQiqa loMntu (i-AI)
5.1 IKhabhinethi ikuvumile ukurhoxiswa komgaqonkqubo oseluyilo we-AI, owawupapashwe ngeyoKwindla 2026 ukuba uluntu luhlomle. Ukurhoxiswa kwalo mgaqonkqubo kuza kunika ithuba lokuba ukhe uphinde usetyenzwe ukuze kuqinisekiswe ukuba uyazizalisekisa iinjongo zawo nokuba umisela imigangatho yesizwe yokusetyenziswa kwe-AI ngokuthembekileyo.
C. ImiThetho esaYilwayo
1. UMthetho oYilwayo wokuGuzulwa kweMithetho eThile yezoBulungisa yaphambi kowe-1994, wowama-2026
1.1. IKhabhinethi ivumile ungeniswe ePalamente uMthetho oYilwayo wokuGuzulwa kweMithetho eThile yezoBulungisa yaphambi kowe-1994, wowama-2026 ukuze uqwalaselwe kwakhona. Lo Mthetho uYilwayo uza kuhlaziya uze uguzule imithetho edlulelwe lixesha yexesha lezobukholoniyali nocalucalulo engesahambelaniyo neziseko zalo mbuso ulawula ngokwentando yesininzi esekelwe kumgaqosiseko kwaye sele kungasekho misebenzi yayo ibonakalayo.
1.2. Wakuba uqukunjelwe yiPalamente lo Mthetho uYilwayo uza kuguzula imithetho yezobulungisa yexesha localucalulo esekhoyo nesasebenzayo nakweli lixa lombuso olawulwa ngokwentando yesininzi. ISebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqosiseko sele liqalise ukwenza umsebenzi wokuguzula imithetho yezobulungisa yexesha lezocalucalulo.
D. Ezintsha eziya kwiKhabhinethi
1. Ukusingatha iNgqungquthela ye-SADC yowama-2026
1.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngamalungiselelo oMzantsi Afrika okusingatha iNgqungquthela yama-46 yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi eAfrika (i-SADC) ukususela ngomhla we-16 ukuya kowe-17 kweyeThupha 2026. Le ngqungquthela isisiqalo sethuba seenyanga ezili-12 uMzantsi Afrika uza kube unguSihlalo we-SADC. INdibano yabaPhathiswa bezangaPhandle be-SADC ibibanjwe ukususela ngomhla wama-22 ukuya kowama-24 kuCanzibe 2026 eSkukuza, eMpumalanga, apho abathunywa bexoxe ngezicwangcisoqhinga zokuphucula intsebenziswano kulo mmandla.
1.2. Le Ndibano igwadle imiba engoomongo emihlanu, eyile: UkuXhasa ngeMali ukuHlangana kweNgingqi, uTyalomali, uLawulo lwamaTyala kaRhulumente kunye nokuQokelelwa kweMali yangaPhakathi, ukuVulwa kwamaShishini, amaShishini aSebenzisanayo kwiiMveliso eziThile noRhwebo; IziSeko zoPhuhliso, ezoThutho, ukuHanjiswa kwemiThwalo kunye nokuHamba ngokuKhululekileyo kwaBantu, iiMpahla neeNkonzo; Amandla, i-Oli neRhasi kunye neziMbiwa; ezoLimo, iziXhobo eziLulutho zoLimo, iiNkampani eziseBenzisanayo kwiiMveliso eziThile, iiNdawo zokuThengisa iiMveliso, ukuTya oKwaneleyo, kunye nezinto ekuvunyelwene ngazo zokuba kuthathwe amanyathelo ngokubambisana.
1.3. Ukusingatha ingqungquthela ye-SADC kunye nokubamba isikhundla sokuba nguSihlalo kubalulekile njengoko kuza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba ukhokele amaphulo okuzisa iinguqu kwindlela uqoqosho lwale ngingqi olumi ngayo, ukwandisa amashishini, kunye nokukhuthaza intsebenziswano kwezoqoqosho nezopolitiko kule ngingqi iphela.
2. Iingxelo zeKota yoku-1 nezoNyaka zeKomiti yoLawulo lweSizwe lweziXhobo eziQhelekileyo (i-NCACC)
2.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nengxelo yonyaka wowama-2025 ye-NCACC kwakunye nengxelo yekota yokuqala yowama-2026 malunga nezixhobo eziqhelekileyo ezikhutshelwe emva kokuba zigunyazisiwe.
2.2 Ngalo nyaka uphele ngeyoMnga 2025, i-NCACC yavuma amaphephamvume okuthunyelwa kumazwe angaphandle kwezixhobo zomkhosi ezixabisa imali ezibhiliyoni ezili-10 zeerandi, izatifiketi zokubhalisa ezili-197, kunye namaphephamvume nezivumelwano ezili-183 ezixabisa imali ezibhiliyoni ezingama-41 zeerandi.
2.3 Amaphephamvume okuthengwa ngaphandle kwezixhobo avunyiweyo angama-366 ewonke futhi axabisa imali ezizigidi ezingama-269 ngeli thuba amaPhephamvume okuSetyenziswa kaBini okuThunyelwa ngaPhandle ali-132 axabisa imali ezizigidi ezingama-600 nawo avunyiwe ngeli xesha linye. UMzantsi Afrika uthenge kumazwe angaphandle izixhobo ezixabisa imali ezizigidi ezingama-269 zeerandi.
2.4 Le ngxelo ikwaqaphela nokuba ngowama-2025, kuye kwabhaliswa ezinye iinkampani ezingaphaya nge-5% xa kuthelekiswa nowama-2024.
3 Ukuhlengahlengiswa kweeNkundla
3.1 IKhabhinethi inikwe ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokuhlengahlengiswa kwamagunya eeNkundla eziPhakamileyo futhi iyakuxhasa nokuqaliswa kokusetyenziswa kwezindululo zangoku zeKomiti yoHlengahlengiso malunga nezithili kunye nezithilana zoomantyi eziza kuba phantsi kweeNkundla eziPhakamileyo. Iinjongo yoku kukuqinisekisa ukuba iinkonzo zobulungisa ziyafikelela kwabaninzi kwaye nokuxhasa inkqubo eza kuhamba ngezigaba yokwandisa inani lezithuba zomsebenzi kwicandelo lezobulungisa ukuze kulungiswe le ngxaki yokunqongophala kwamagosa eenkundla kwicandelo leenkundla, kwakunye nokusekwa nokongeza izikhundla kanye kwiinkundla ezikhethiweyo.
3.2 UMphathiswa uKubayi uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngalo mba kule veki izayo. U-GCIS uza kunika iinkcukacha malunga nosuku lokubanjwa kwentlanganiso noonondaba.
E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. Mnu Bongikhaya Dayimani njengoMlawuli Jikelele weSebe lezokuBuyekezwa koMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle
2. Nks Gcobisa Joyce Soci njengeSekela Mlawuli Jikelele (i-DDG): Ezolawulo kwiSebe lezoNxibelelwano neeNtlobo zobuChwepheshe bale Mihla.
3. Mnu Dick Andries Sono njenge-DDG: IziSeko ezinguNdoqo zobuChwepheshe bale Mihla kunye neeNtlobo zobuChwepheshe kwiSebe lezoNxibelelwano neeNtlobo zobuChwepheshe bale Mihla.
4. Nks Jeanette Morwane Mmatsiate njenge-DDG – EzonooNdaba noMxholo kwiSebe lezoNxibelelwano neeNtlobo zobuChwepheshe bale Mihla.
5. IBhodi ye-Export Credit Insurance Corporation of South Africa
a. Mnu Sipho Bhanisi njengommeli kaNondyebo weSizwe
6. Ukuqeshwa kwamalungu ongezelelekileyo e-South African Council for the Non-Proliferation of Weapons of Mass Destruction
a. UNozakuzaku uTebogo Seokolo; (uSekela-Sihlalo kunye nommeli we-DIRCO); kunye
b. noGq Praise Sibuyi (ummeli we-Arhente yoKhuseleko lweSizwe)
7. Ukuqeshwa kweBhodi yePosi yoMzantsi Afrika
c. Nks Regina Sizakele Madlala (uSihlalo);
d. Nks Margarete Mosibudi Phiri (uSekela-Sihlalo);
e. Mnu Vuyo Mafata;
f. Nks Tanya van Meelis;
g. Nks Mantombi Lekhuleni;
h. Adv. Mthokozisi Daluxolo Xulu;
i. Gq Mduduzi Justice Kennedy Bophela;
j. Mnu Charley Fred Chain;
k. Mnu David Mangena kunye
l. noMnu Khonanjalo Buthelezi.
F. Imisitho Ezayo
1. Ukuqaliswa kwephulo lokukhupha i-Lenacapavir
1.1 UMongameli Ramaphosa ekhatshwe nguMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi baza kuphehlelela iphulo lokuqaliswa kokukhutshwa kwe-Lenacapavir, ichiza lokuqala elisebenza ithuba elide lokuthintela ukosulelwa yi-HIV, umntu atofa ngalo kabini ngonyaka.
1.2 Eli chiza longeza kwezi zixhobo zikhoyo zokuthintela i-HIV, ingakumbi kwabo bantu basokolayo ukusela i-PrEP yonke imihla. Ukukhutshwa kweli chiza kuyinxalenye yenkqubo yoMzantsi Afrika esibenzisa amacebo ohlukeneyo ukuthintela i-HIV ngeenjongo zokunqanda ukuba kubekho abantu abatsha abosulelekayo kunye nokuphucula imeko yempilo yabantu.
1.3 Lo msitho uza kubanjwa ngomhla wesi-5 kweyeSilimela 2026 eLilian Ngoyi Stadium, eSecunda, eMpumalanga.
2. INyanga yoLutsha
2.1 Kule nyanga uMzantsi Afrika uphawula iminyaka engama-50 yeziDubedube zaseSoweto zowe-1976, esisikhumbuzo esibalulekileyo sezinto ezininzi ezancanywa ngabantu abatsha beli lizwe besilwela inkululeko, ubulungisa nolingwano.
2.2 Ukuhlonipha imisebenzi yolutsha lowe-1976, iNyanga yoLutsha yalo nyaka iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi: “RESET@50 - iKamva Lethu”. Xa kubhiyozelwa le minyaka ingama-50, urhulumente uza kuqalisa inkqubo eza kuqhuba unyaka wonke yokuvala umsantsa phakathi kwedabi langaphambili lokulwela inkululeko kunye namalinge anamhlanje okuxhobisa ulutsha. Le nkqubo iza kugxininisa kakhulu kumba wezolingwano kwimfundo, ukuthatha inxaxheba kuqoqosho ngokulinganayo, uphuhliso lwezakhono, kunye nokuba ngummi odlala indima ebonakalayo.
2.3 IKhabhinethi imemelela onke amacandelo esizwe ukuba abambisane norhulumente kumalinge akhe okungenelela aza kuncedisa kumba wokuqeshwa kolutsha, wokuvulwa kwamashishini kunye nokunika abantu abatsha ithemba kwakhona. Ngala malinge okusebenzisa, esi siziwe siza kuqhubeleka siqinisekisa ukuba ulutsha lunenxaxheba kumsebenzi wokwakha isizwe nokuzisa iinguqu kuqoqosho.
3. Ukubhiyozela iziGaneko eziBalulekileyo zeNkululeko
3.1 Urhulumente uza kuphehlelela iPhulo leziGaneko eziBalulekileyo zeNkululeko phantsi komxholo othi “UkuHlonipha iMbali, uKwakha iKamva” ngomhla we-18 kweyeSilimela 2026 kwiZakhiwo zoMdibaniso.
3.2 IKhabhinethi iza kuxhasa ukuphehlelelwa kwesiKhumbuzo seminyaka engama-70 zoMngcelele wamaNina wowe-1956 oyinxalenye yemisitho eziziGaneko eziBalulekileyo zeSizwe zeNkululenko, apho kuza kuqalisa inkqubo yesizwe yemisitho esisikhumbuzo somngcelele oyimbali wamaNina wowe-1956.
4. Iingqekembe ezisisikhumbuzo ezikhutshiweyo
4.1 IKhabhinethi iyivumile ingqekembe esisikhumbuzo ekhutshiweyo ekudidi oluphezulu ekhutshwe yiBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika (i-SARB) ngowama-2026 phantsi komxholo wezemfundo. Ezi ngqekembe ziza kuquka ingqekembe ye-R2 esisikhumbuzo seminyaka eli-125 yokuthweswa kwesidanga kwegqala lomzabalazo uCharlotte Maxeke, njengebhinqa lokuqala elintsundu loMzantsi Afrika ukuphumelela isidanga edyunivesiti.
4.2 Ezi ngqekembe ze-R2 zisisikhumbuzo ziza kukhutshwa yi-SARB njengesikhumbuzo seminyaka engama-50 yeziDube-dube zaseSoweto zowe-1976, isikhumbuzo seminyaka engama-30 oMgaqosiseko woMzantsi Afrika, kunye nokukhumbula iminyaka engama-70 embali engasayi kulibaleka yehambo ngeenyawo lwamanina esingise kwiZakhiwo zoMdibaniso. Ukongeza, iingqekembe ze-R5 ziza kuba nale mizobo ikwingqekembe ye-R2. Ezi ngqekembe zigxininisa indima yemfundo ekumiliseleni iziseko zomgaqosiseko kunye nokukhuthaza intathonxaxheba kwezentlalo nakuqoqosho ngumntu wonke.
5. IMpelaveki yokuBhalisa abaVoti kuLungiselwa uNyulo looMasipala lowama-2026
5.1 IKhabhinethi ifuna ukukhumbuza abavoti abafanelekileyo ukuba babhalisele ukuvota kuNyulo looMasipala lomhla wesi-4 kweyeNkanga 2026.
5.2 Impelaveki yokuqala yokubhalisela ukuvota iza kubanjwa ngoMgqibelo, umhla wama-20 kweyeSilimela 2026, nangeCawa owama-21 kweyeSilimela 2026 kwisikhululo sokubhalisela ukuvota esikufutshane, OKANYE ngokungena kule webhusayithi: registertovote.elections.org.za OKANYE ngokuya buqu kwii-ofisi zeKhomishini yezoNyulo ekufutshane ngexesha lomsebenzi.
5.3 Abemi bayakhunjuzwa ukuba baza kuvota kwezi ndawo babhalise kuzo kuphela kwaye bangasikhangela isitishi sabo sokuvota esichanekileyo kule webhusayithi: maps.elections.org.za/vsfinder.
5.4 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubantu abatsha ingakumbi ukuba badlale indima kumsebenzi wokwakha ikamva leendawo abahlala kuzo ngokuthi bathathe inxaxheba kunyulo.
6. Amakhadi ka-Sassa
6.1 IKhabhinethi icela bonke abantu abamkela inkamnkam nge-SASSA Gold Card ukuba bawatshintshe ngala matsha ayi-Postbank Black Cards phambi komhla wama-31 kweyeThupha 2026.
6.2 Inkqubo yokutshintsha ikhadi isimahla kwaye umntu angalitshintsha ikhadi lakhe kwiindawo ezichazwe yiPostbank kwiivenkile eziyinxalenye yale nkqubo.
Imiyalezo
1. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:
• Lwentatheli ehlonitshwa jikelele u-Baldwin Ndaba, owasebenza iminyaka kwimizi yezopapasho eyahlukeneyo. Uza kukhunjulwa ngobuthandazwe bakhe obunzulu, ukuziphatha ngendlela ebonisa umntu oqeqeshiweyo kunye nokufunga ngenyaniso.
• lukaMama uGriet Margaret Messelaar, isikhukukazi seNdlu yobuKhosi beSizwe samaGriqua, othe wakhothama sele eyinkondekazi ekhule yagqibelela eneminyaka eli-106. Uyakukhunjulwa njengetshantliziyo elalisilwela inkcubeko nolwimi lwesiGriqua kwakunye nesithozela nokuba sisisele sobulumko.
• lukaNkskz Dina kunye no-Ernest Marais, isibini esithe sagetyengwa e-KNP kwaye yothulela umnqwazi i-SAPS kunye nezinye iiarhente zogcinomthetho ngokubamba ngokukhawuleza abarhanelwa abenze esi sihelegu sokugwinta.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:
• Kwiqela lebhola ekhatywayo lesizwe, iBafana Bafana njengoko beza kumela isizwe kwiNdebe yeHlabathi yeFIFA yowama-2026 eza kubanjelwa e-United States, e-Canada nase-Mexico. IKhabhinethi inqwenelela eli qela ukuba liqine, libumbane futhi lize nempumelelo kule tumente yehlabathi. Sinikhuphe ngokunithemba, nisiphathele udumo!
• kwiMamelodi Sundowns (Masandawana, Kabo Yellow) ngokuba zintshatsheli ze-CAF zowama-2026. Eli qela lisenzele ilunda isizwe kwitumente yelizwekazi, libonisa kwakhona ukuba lingoompondozihlanjiwe kwibhola ekhatywayo eAfrika.
• Kwi-Orlando Pirates (The Bucaneers, Zimnyama Ngenkani) ngokuba ziintshatsheli ze-PSL zowama-2026.
• Ku-DJ Black Coffee woMzantsi Afrika odumileyo emva kokuba ebambe umnyhadala obugcwele uphuphuma e-O2 Arena eLondon, ngolo hlobo esiba yi-DJ yokuqala ephuma e-Afrika ukwenza oko. U-Black Coffee kunye nabanye oo-DJ boMzantsi Afrika abakhoyo bavisa ihlabathi umculo wokudanisa woMzantsi Afrika, kwaye yena udlala umculo wakhe kwiindawo ezidumileyo kwihlabathi ezifana ne-Ibiza, Coachela ne-Madison Square Garden.
Imibuzo
Iziko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Inombolo: Nks Nomonde Mnukwa, uMlawuli Jikelele oliBambela
Umhla: 4 kweyeSilimela 2026
Iselula: 083 653 7485

