Ingxelo yentlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wesi-3 kweyoMsintsi 2025

A.    Imiba engundabamlonyeni

1.    EzoQoqosho 
1.1.    ImiZila yooLoliwe beMithwalo yeSizwe 
1.1.1.    IKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziwe ngu-Transnet Rail Infrastructure Manager (icandelo likaTransnet) seeNkampani eziza kuSebenza ngooLoliwe (ii-TOC) ezintsha. Eli nyathelo likhulu kangaka linxulumene nesiCwangciso seCandelo lezokuThuthwa nokuHanjiswa kweMithwalo kunye nokufezekiswa koMgaqonkqubo wezooLoliwe woMzantsi Afrika, libalukeke kakhulu kumsebenzi wokwenza iinguqu kwindlela olumi ngayo uqoqosho into leyo iza kukhokelela kuphuhliso loqoqosho. 
1.1.2.    Ukuvunyelwa kwezinye iinkampani ukuba zisebenzise iziporo zikaloliwe kuza kwenza ukuba zibe ninzi izinto eziza kuhanjiswa kwiziporo zikaloliwe lo nto izenze iziporo zisebenze kakuhle kuze kuphunguke neendleko zokuzisebenzisa ngokuthi kuvunyelwe iinkampani ezininzi ukuba zisebenzise (iziporo) ezi ziporo zisetyenziswe kunyuke ingeniso yona ke eza kunceda kwiindleko zokulungisa nokuphucula imizila yonke kaloliwe, kuphunguke neendleko zangaphandle zokuhanjiswa kwemithwalo kunye nokwenza iindleko zizonke zokuhambisa iinkonzo kwimizila okanye iziporo zikaloliwe zingaxhomi kakhulu. 
1.1.3.    Kwisigaba sokwabiwa kwemizila, kwimizila engama-41 iyonke kunye nemimandla emi-6, kwabiwe ngolu hlobo:
(a)    UMmandla waseMantla: kukho iinkampani ezifikayo ezintandathu, imizila eli-15 yokuhambisa amalahle ne-chrome.
(b)    Kumzila we-Iron Ore: kungene inkampani entsha enye, umzila omnye wokuhambisa i-iron ore.
(c)    KuMzila waseKapa: iinkampani ezimbini ezintsha ezingenileyo, imizila emibini yokuhambisa i-manganese.
(d)    Kumzila waseMntla Mpuma: iinkampani ezintandathu ezintsha, imizila eli16 yokuhambisa amalahle, i-chrome, i-magnetite, amafutha ezithuthi, iikhonteyina.
(e)    UMzila oseMbindini: inkampani enye entsha engenileyo, imizila emibini yokuhambisa amalahle, iikhonteyina (i-manganese).
(f)    UMzila weeKhonteyina: iinkampani ezine ezintsha ezingenileyo, imizila emihlanu yokuhambisa iikhonteyina, amalahle, iswekile.
1.1.4    U-Transnet Rail Infrastructure Manager (TRIM) uqikelela ukuba ezi TOC ziza kulayisha umthwalo ozitoni ezizigidi ezingama-20 ngonyaka ukususela kunyakamali wama-2026/27. Oku kuza kongeza kulo mthamo uqikelelwayo uthwalwa yi-Transnet Freight Rail (ii-TFR) futhi oku kunegalelo kulo mbono kaRhulumente wokonyusa umthamo ohanjiswa kwiziporo zikaloliwe ufikelele kwiitoni ezizigidi ezingama-250 ngonyaka ngowama2029. 
1.1.5    Eli phulo liyinxalenye yomsebenzi owenziwa nguTransnet ukuzama ukuzenza ukuba abe yinkampani esebenza ngobunono nekwaziyo ukumelana neemeko zala maxesha.

1.2    Utyalomali olutsha kwezemigodi
1.2.1    IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kweprojekthi ye-iQala Shallows ngu-West Wits Mining Ltd e-Witwatersrand Basin apho le nkampani ityale imali ezizigidi ezingama-90 zeedola zase-US. Le yinkampani yokuqala eMzantsi Afrika eyomba igolide phantsi komhlaba kwisithuba seminyaka eli-15. Olu tyalomali lubonisa ukuba iinkampani ngoku ziyawuthemba uMzantsi Afrika ngokuba ulilizwe elinamathuba amaninzi okutyala imali kwezemigodi. Njengoko kulindeleke ukuba le nkampani iqalise ukuvelisa ngowama-2026, uqoqosho loMzantsi Afrika luza kuzuza kakhulu kumalinge walo okudala imisebenzi emitsha, uphuhliso lwezakhono noqoqosho.

1.3    Ukuxhotyiswa kwamanina ngezoqoqosho
1.1.3    IKhabhinethi isamkele isivumelwano sikarhulumente necandelo labucala esiphakathi kweSebe lamaNina, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo (i-DWYPD) kunye noStandard Bank. Esi sivumelwano sentsebenziswano siza kuqhubela phambili amalinge okuphuhlisa amanina futhi siquka utyalomali oluyimali ezizigidi ezili-10 zeedola zase-US eza kuya kwi-African Women Impact Fund. 
1.1.4    I-African Women Impact Fund iza kuxhasa abaPhathi beeNgxowamali abangamanina anamashishini e-Afrika ngeenjongo zokuncedisa kwimali engaphantsi ngeebhiliyoni ezingama-42 zeedola zase-US kwale ifunekayo yokuxhasa amanina angoosomashishini kwilizwekazi le-Afrika.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    Ukusingatha iNdebe yeHlabathi yeQakamba ye-ICC yowama-2027
1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngezintsha malunga nesigqibo seBhunga leHlabathi leQakamba (i-ICC) sokunika uMzantsi Afrika ilungelo lokusingatha iNdebe yeHlabathi yeQakamba yowama-2027. Oku kungomnye umzekelo obonisa indlela ohlonitshwa ngayo uMzantsi Afrika njengelizwe elikwaziyo ukusingatha imisitho kunye nelidumileyo ngezemidlalo nolonwabo.
1.2.    Imbali yoMzantsi Afrika engenachaphaza yokusingatha ngempumelelo iminyhadala yezemidlalo – kuba ngowama-2010 yayisingathe itumente yendebe yehlabathi yebhola ekhatywayo okokuqala e-Afrika kunye neNdebe yeHlabathi yeQakamba ngowama-2001. Ezi tumente zehlabathi zemidlalo zadlala indima enkulu ngokuba kuqaliswe iiprojekthi zokwakhiwa kweziseko ezingundoqo ezinkulu kweli lizwe. 
1.3.    Nakwesi isihlandlo, amalungiselelo okusingatha iNdebe yeHlabathi yeQakamba ye-ICC yowama-2027 aza kuba negalelo kuphuhliso loqoqosho kweli lizwe ngamaphulo okuphuculwa kweziseko ezingundoqo kunye nokukhula kwezokhenketho.

2.    IsiCelo soMzantsi Afrika sokuSingatha i-Formula One Grand Prix eKyalami ukususela kowama2027
2.1.    IKhabhinethi isivumile isicelo sokufaka isiCelo sokuSingatha i-Formula One Grand Prix eKyalami isithuba seminyaka emithathu (3) ukusuka kowama-2027.
2.2.    Esi sicelo sixhaswa ngokupheleleyo ngemali licandelo labucala loMzantsi Afrika elihlonitshwa jikelele kwaye ukuba siphumelele siza kuba negalelo ekudaleni imisebenzi nasekuphuhliseni uqoqosho. 
2.3.    Ukunikwa nje ithuba koMzantsi Afrika lokufaka isicelo sokusingatha i-Formula One Grand Prix elangazelelwa ngabomvu ngabaninzi kungqina ukuba uMzantsi Afrika lilizwe elihlonitshwayo lihlabathi futhi elithenjiweyo.

3.    IsiCwangcisosikhokelo soMgaqonkqubo weeNkonzo zokuKhulisa nokuPhuhlisa amaShishini (i-IBDS)
3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangcisosikhokelo soMgaqonkqubo we-IBDS ukuze uluntu luhlomle. Lo msebenzi ukhokelwa liSebe lokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinci ukuze lenze iinguqu kwimithetho elawula icandelo lamashishini asakhasayo ngokucacisa iindima ezidlalwa ngabadlalindima abahlukeneyo kunye nokukhuthaza ukuba kubekho intsebenziswano emandla. 
3.2.    Oku kuyinxalenye yesiCwangciso esiBanzi seSizwe sokuPhuhliswa kwamaShishini asaKhasayo, esi sisicwangcisosikhokelo sabo bonke abadlalindima abachaphazelekayo kuhlumo lamaShishini amaNcinci, amaNcinane naPhakathi (ii-SMME) ngokusetyenziswa kweenkqubo ezihlolekayo, iimveliso kunye neenkonzo. Iinjongo ezingundoqo ziquka ukuphucula umgangatho weenkonzo zokuphuhliswa kwamashishini, kuqinisekiswe ukuba ziyifumana lula inkxaso ii-SMME ingakumbi ezo zisezilokishini nasemaphandleni, futhi kuphuculwe nezakhono zokuyila nokungoyiki ukuzivulela ishishini. 
3.3.    Esi sicwangcisosikhokelo sikhokelisa umba wokufundisa kunye nokuncediswa xa kuthethwa ngophuhliso lwe-MSME kunye nenkxaso yamashishini asakhasayo. Iinkampani ezixhasa amashishini asakhasayo zidlala indima ebalulekileyo ekuqinisekiseni ukuba kukho amashishini asakhasayo aqalisa uhlumo ngoku asanda kusekwa ngokunikwa inkxaso ehlelekileyo, izixhobo eziluncedo kunye neemeko ezifanelekileyo zokuqinisekisa ukuba kukho uzinzo.

4.    IsiCwangcisoqhinga soMzantsi Afrika sokuHanjiswa kwemiThwalo ngoMoya 
4.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangcisoqhinga soMzantsi Afrika esiluyilo sokuHanjiswa kwemiThwalo eMoyeni ukuze uluntu luhlomle. 
4.2.    Esi sicwangciso sineenjongo zokulungisa ezi ngxaki zikhoyo ngoku zifana nemizila engahlangenanga ndawonye yokuhanjiswa kwemithwalo kunye nemiqobo enzima ethintela ukungena kwamashishini kweli candelo kunye nokonyusa izinga lokhuphiswano kunye nokuqinisekisa ukuba zikhona iziseko zokudibanisa nezinye iindawo zorhwebo. Ukongenza, esi sicwangciso siza kuba lulutho kwabo bathumela iimpahla ngaphandle, bathenga iimpahla ngaphandle kunye neenkampani ezihambisa imithwalo ngokukhuthaza uhlumo loqoqosho nokuvula amathuba orhwebo kwihlabathi ngokuhlanganisa iinkampani ezihambisa imithwalo emoyeni.

5.    Ukungenelela kukazwelonke kuMasipala weNgingqi wase-Ditsobotla
5.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngezakutsha malunga nokwenzeka kuMasipala weNgingqi wase-Ditsobotla eMntla Ntshona.
5.2.    Ukubuyisela uzinzo kulo masipala, iKhabhinethi ivumile ukuba umasipala wase-Ditsobotla abekwe phantsi kolawulo ngokwecandelo 139 (7) loMgaqosiseko woMzantsi Afrika wowe-1996. Eli nyathelo lokungenelela lenziwa ngokoMthetho woLawulo lweziMali zooMasipala wowama-2003. 
5.3.    IsiCwangciso sokuVuselela siza kusetyenziswa sikhokelwa liSebe loLawulo ngeNtsebenziswano neMicimbi yeMveli kunye noNondyebo weSizwe. Ukongeza, iSebe loLawulo ngeNtsebenziswano neMicimbi yeMveli liza kukhokela amaqumrhu obuDlelwane kooRhulumente ukuze kwenziwe umsebenzi wokubuyiselwa kwisimo esifanelekileyo kolawulo ukunceda umasipala enze imisebenzi yakhe ayigunyaziswe ngumthetho. IQela eliHlangeneyo eliJongene nalo Msebenzi liza kugxila kwizenzo zolwaphulomthetho ezambethe la masipala. 
C.    ImiThetho eyiLwayo
1.    UMthethosihlomelo oYilwayo weZiko loMzantsi Afrika leMfundo yezeJaji (i-SAJEI)
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo oyi-SAJEI ukuze uphicothwe. Eyona njongo iphambili yalo Mthetho uYilwayo kukwenza izilungiso kulo Mthetho we-SAJEI wama2008 ukhoyo, ukuze kwenzeke iinguqu ezifunekayo kulawulo lweli Ziko. 
1.2.    Lo Mthetho umisela eli Ziko ukuze liqhube iinkqubo zokufundisa nokuqeqesha amagosa eenkundla zomthetho ukuze kukhuthazwe ukuzimela, ukungabi namkhethe kunye nokusebenza ngokufanelekileyo kweenkundla. Olu tshintsho lucetywayo luquka ukonyulwa kweNqununu kunye nengcaciso ngokonyulwa kunye nemisebenzi yoMlawuli weZiko.

2.    UMthetho oYilwayo wokuKhutshelwa kwamaShishini iiLayisenisi, wowama-2025
2.1.    IKhabhinethi iwuqwalasele yaze yawuvuma umba wokupapashwa koMthetho oYilwayo wokuKhutshelwa kwamaShishini iiLayisenisi ukuze uluntu luhlomle. 
2.2.    Injongo yalo Mthetho uYilwayo kukwenza izilungiso kuMthetho wamaShishini wowe-1991, kwaye ezi zineenjongo zokuqulunqa isicwangciso senkqubo yale mihla nesebenzayo yokukhupha iilayisenisi ekhuthaza uhlumo loqoqosho nemithetho engasokolisiyo kwaye ikwakhusela nelungelo labemi boMzantsi Afrika lokuthatha inxaxheba kwicandelo lamashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

D.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Mnu Burton Vincent Cambell njengeSekela Mlawuli Jikelele: Recreation Development and Sport Promotion kwiSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko.
2.    Nks Lorraine Naidoo njengoMlawuli wesiGqeba soLawulo seNkqubo yeNtengo kwiSebe lemiSebenzi kaRhulumente neziSeko ezinguNdoqo
3.    Mnu Dennis Mqadi njenge-CEO ye-South African Maritime Safety Authority. 
4.    Mnu Shonisani Munzhedzi (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho) njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba le-South African National Biodiversity Institute (i-SANBI).

5.    AbaPhathi abangeyoNxalenye yesiGqeba seArhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zezeNtlalo (u-SASSA)
a.    Nks Mmapula Constance Pheeha (Limpopo) 
b.    Nks Karabelo Ellie Mojanaga (Mntla Koloni) 
c.    Nks Nkele Ntlhe (Freyistatha)

6.    Abalawuli abangeyonxalenye yesigqeba beBhodi ye-Public Investment Corporation (PIC) SOC Limited:  
a.    Nks Dorothy Kobe;
b.    Mnu Stephen Boikanyo;
c.    Nks Rethabile Nkosi; 
d.    Mnu Mpumelelo Maseko;
e.    Gq Mugwena Maluleke (omele i-SADTU futhi nowonyuliwe kwakhona);
f.    Nks Lindiwe Motshwane (omele i-SADTU);
g.    Mnu Matimba Shiburi (omele i-PSA);
h.    Nks Lerato Makwetla (omele i-GEPF);
i.    Nks Nosiphiwo Balfour (omele i-GEPF); kunye
j.    noNks Lindy Bodewig (omele uNondyebo weSizwe).

7.    AbaLawuli abangeyoNxalenye yesiGqeba soLawulo kwiBhodi ye-Land and Agricultural Development Bank (Land Bank):
a.    Njing. Johann Frederick Kirsten (wonyuliwe kwakhona);
b.    Nks Egashnee Pillay (wonyuliwe kwakhona);
c.    Mnu Mabotha Arthur Moloto;
d.    Nks Phumzile Hazel Maseko;
e.    Nks Simthandile Ford;
f.    Nks TF Matlala;
g.    Mnu Mcebisi Skwatsha; kunye
h.    noNks Xikongomelo Maluleke.

8.    Amalungu eBhodi ye-Productivity South Africa (Productivity SA):
a.    Nks Zola Baba Tshefu (uSihlalo);
b.    Nks Beverly Jack (Omele imibutho yamashishini);
c.    Mnu Gilly Dlamini (Omele imibutho yamashishini);
d.    Mnu Godfrey M. Selematsela (Omele imibutho yamashishini);
e.    Mnu Thabo Mmoneri (Omele imibutho yamashishini);
f.    Nks Sinah M.R. Mosehla (omele i-DTIC); kunye 
g.    noNks Nolukholo F. N. Sigaba (omele i-DEL).

E.    Ezintsha eziya kwiKhabhinethi
1.    IsiGaba sesiBini (2) se-Lesotho Highlands Water Project
1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa kwesiGaba 2 se-Lesotho Highlands Water Project. Ukuqukunjelwa kwale projekthi kuza kuqinisekisa ukuba iphondo lase-Gauteng linamanzi oneleyo.
1.2.    Le projekthi kuqikelelwa ukuba iza kugqitywa ekupheleni kowama2029 kuba uyaqhuba umsebenzi wokwakhiwa kwe-Polihali Dam kunye nePolihali-Katse Transfer Tunnel ngoku.
1.3.    Amanzi kulindeleke ukuba aqalise ukungena kweli dama ngowama-2028 ukwenzela ukuba iSebe lezaManzi noGutyulo likwazi ukunika ithuba iRand Water ukuba iqalise ukutsala amanzi amaninzi kumlambo iLigwa aza kuthunyelwa koomasipala baseGauteng ngowama-2028.

2.    I-G20
2.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngamalungiselelo e-G20 kwaye iyakwamkela nokusekwa kweQela leeNgcali le-G20 nguMongameli Cyril Ramaphosa. Eli Qela leeNgcali le-G20 liza kuphonononga ukungalingani kobutyebi behlabathi kunye negalelo lwale ngxaki kuhlumo loqoqosho, indlala kunye nokusebenzisana kwamazwe ehlabathi. Eli qela, elelilokuqala le-G20 liyahambelana nombono woMzantsi Afrika wokusebenzisa isikhundla sawo sokuba nguMongameli we-G20 ukulwa iingxaki ezichaphazela amazwe anabantu abamkela imivuzo ephantsi ezifana nokunyuka kwengxaki yokungalingani kunye neyamatyala amakhulu anawo amazwe. IQela leeNgcali le-G20 liza kunikezela ngengxelo yayo yokuqala emalunga nokungalingani kwihlabathi kwiinkokeli ze-G20 kwiNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20 eMzantsi Afrika ngeyeNkanga 2025.
2.2.    Njengoko sele kumbovu phambi kokuba ifike iNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20, uMzantsi Afrika uyaqhuba nokusingatha kunye nokuququzelela iintlanganiso zamalungiselelo kunye nokwamkelwa kwezibhengezo ngamaQela aQhuba uMsebenzi nalawo ajongene nemicimbi eyahlukeneyo ye-G20. Ezi Ngqungquthela ze-G20 zamalungiselelo zilandelayo bezibanjiwe kwezi veki zimbalwa zidlulileyo:
2.2.1.    INtlanganiso yesiThathu yeQela 2: UkuQinisekisa ngoKutya oKwaneleyo ibibanjwe ukususela ngomhla woku-1 ukuya kowesi-3 kweyoMsintsi 2025 e-Egypt ukusabela kwiziphumo ezingundoqo zeQela eliJongene nokuQinisekisa ngokuTya oKwaneleyo laze laxoxa igxelo yabaPhathiswa emalunga nokuqinisekisa ngokutya okwaneleyo, ekulindeleke ukuba yamkelwe kwiNtlanganiso yabaPhathiswa ye-G20 eza kubanjelwa eMzantsi Afrika ngomhla we19 kweyoMsintsi 2025.

3.    Intlanganiso yeHlabathi yabaPhathiswa bezamaShishini amaNcinci naPhakathi (ii-SME)
3.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngentlanganiso yeHlabathi yabaPhathiswa beze-SME ebibanjwe ngentsebenziswano ne-International Trade Centre (i-ITC) kunye ne-StartUp20 eRhawutini ukususela ngomhla wama-21 ukuya kowama-24 kweyeKhala 2025. Le ntlanganiso isebenze njengeqonga elibalulekileyo lokwakha ubudlelwane bentsebenziswano kunye nokuqulunqa iinkqubo ekuza kusetyenziswana ngazo ezenzelwe ukuqhubela ii-SME kwikamva elizinzileyo, eliquka wonke nelinempumelelo. 
3.2.    Iingxoxo bezimalunga nemixholo engundoqo efana nokuphucula amathuba wawo okufumana imali, ukukhuthaza ukutshintshelwa kubuchwepheshe bale mihla kunye nakwiintlobo zokurhweba ezingenangozi kokusingqongileyo kwicandelo lee-SME. Lo msitho ubuzinyaswe ngabathunywa abangama-750 abaphuma kumazwe angama-66 (abaPhathiswa kunye namaSekela abaPhathiswa angama52).

4.    Iziphumo zeNgqungquthela yokuQala yoTyalomali kwezaManzi ebiBanjelwe eKapa ukususela kumhla we-13 ukuya kowe-15 kweyeThupha 2025
4.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngeziphumo zeNgqungquthela yokuQala yoTyalomali kwezaManzi ebiBanjelwe eKapa ukususela kumhla we-13 ukuya kowe-15 kweyeThupha 2025, eyavulwa ngokusesikweni nguMongameli Cyril Ramaphosa. Le ntlanganiso ibibanjwe phantsi kweNgqungquthela yeMbumba yeAfrika kunye neGqiza eliPhezulu ngezoTyalomali kwezaManzi eAfrika. Kule Ngqungquthela kuboniswe ngeeprojekthi ezinokutsala lula utyalomali ezingama-80 zezamanzi nogutyulo ezivela kumazwe angama-38, kuquka nezingama-36 ezivela eMzantsi Afrika. Enye into ibinkulu kakhulu ibe kukusekwa kwe-Global Outlook Council on Water Investment, iphulo lemiSebenzi ye-G20 enjongo yazo ikukukhokelisa phambili utyalomali kwezamanzi kwizivumelwano zentsebenziswano zamazwe ehlabathi. Kule Ngqungquthela kwenziwe izithembiso ezixabisa imali ezibhiliyoni ezili-12 zeedola zase-US, into leyo ilinyathelo elikhulu kakhulu kumalinge okuqokelela le mali isafunwayo izibhiliyoni ezingama-30 zeedola zase-US ngonyaka iza kusebenza kutyalomali kwezamanzi.
4.2.    Le Ngqungquthela ihambelana kakhulu nezinto ezikhokeliswa phambili leli lizwe ezicaciswe kwi-MTDP, NDP kunye noMbono wezaManzi we-AU kwaye iziphumo zayo zibonisa ukuba uMzantsi Afrika uphambili ekukhokeleni amaphulo okuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo kweli lizwekazi nawophuhliso lweziseko ezingundoqo.

5.    INyanga eHlanganeyo yeeNkonzo zikaRhulumente (i-IPSM)
5.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo zakutsha nje malunga nokuqalisa ukusetyenziswa kwenkqubo karhulumente wonke yonyaka wonke yowama-2025 ukuya kuma-2025 yoGxininiso kwiiNkonzo zikaRhuluemnte, eza kumiselwa ngokusesikweni ngeyoMsintsi 2025 njengeqonga elineenkqubo ezihlelekileyo zokuphucula izakhono kubasebenzi neenkonzo zikarhulumente kunye nokuvuselela ukuthenjwa kukarhulumente luluntu. 
5.2.    Inkqubo ehlangeneyo yeeNkonzo zikaRhulumente iza kusetyenziswa njengeqonga lokuhlonipha nokubonisa imisebenzi egqwesileyo karhulumente kunye nokothulela umnqwazi abasebenzi bakarhulumente abasebenzela esi sizwe ngokuzinikela nangokugqwesa. Iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi “Ukuphucula izinga lezakhono zabaSebenzi bakaRhulumente ngeenjongo zoKwakha ukuThenjwa nokoHlonitshwa kukaRhulumente”. 
5.3.    Le nkqubo isekwe kwiintsika ezibalulekileyo ezintlanu eziquka ukubonakala kwesiGqeba phakathi koluntu, ukusabela, izakhono ezikwizinga eliphezulu kunye nokuziphatha ngendlela ethembekileyo kwabasebenzi bakarhulumente, ukuthenjwa kunye nokuthatha inxaxheba kwabemi. 
5.4.    IKhabhinethi ikuxhasile ukusekwa kweQumrhu lobuDlelwano phakathi kwamaQoqo kaRhulumente eliza kukhokela inkqubo nesicwangciso sezinto eziza kwenziwa ngonyaka ye-IPSM ize ikhuthaze intsebenziswano phakathi kwamaqoqo ahlukeneyo karhulumente.

F.    Imisitho Ezayo
6.    UTyelelo lukaMongameli ukuya kwiPhondo laseMntla Ntshona
6.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa kunye neKhabhinethi baza kutyelela eRustenburg kwiPhondo laseMntla Ntshona ngoLwesihlanu, umhla we-12 kweyoMsintsi 2025. Olu tyelelo luyinxalenye yephulo likaMongameli lokunyusa izinga lenkxaso enikwa oorhulumente bamaphondo nokuphucula amalinge okusebenzisana ngeenjongo zokuvulela uhlumo loqoqosho lwamaphondo kunye nokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo. Sisihlandlo sesihlanu esi kutyelelwa iBhunga lesiGqeba sephondo.

7.    Utyelelo lokuya kuhlola eNtshona Koloni lukaSekela Mongameli Paul Mashatile
7.1.    USekela Mongameli Paul Mashatile uza kubamba utyelelo lokuya kuhlola kwiPhondo laseNtshona Koloni ukususela ngomhla wesi-04 ukuya kowesi-06 kweyoMsintsi 2025 kwiSithili saseOverberg ukubonisa amalinge karhulumente okukhawulezisa iNkqubo yokuBuyiselwa koMhlaba. USekela Mongameli uza kukhokela nephulo lokuCoca iziXeko neeDolophi kwilokishi yaseZwelihle kuMasipala weNgingqi waseOverstrand, njengenxalenye yokwakha iindawo ezisingqongileyo zasezidolophini nasemaphandleni ezicocekileyo, ezisempilweni nezinzileyo.

8.    INgqungquthela yokuHlaziya iNkqubo yeNgqawule yoMzantsi Afrika
8.1.    ISebe leeNkonzo zoLuleko liza kusingatha iNgqungquthela yokuHlaziya iNkqubo yeNgqawule yoMzantsi Afrika ngomhla wama-22 nowama-23 kweyoMsintsi 2025 ePitoli.
8.2.    Le ngqungquthela iza kubanjwa ngethuba leVeki yezoLuleko, eza kugxininisa kwindima yesebe kumsebenzi wokoluleka nokubuyisela kwamabanjwa eluntwini. Le ngqungquthela iza kuzinyanswa zingcali, abasebenzi kunye namahlakani apho kuza kuxoxwa ngezinto eziyimpumelelo, imingeni kunye neenkqubo zale mihla ezisetyenziswayo kwiinkqubo zengqawule.

9.    Imisitho esisiKhumbuzo yeSizwe
9.1.    Le misitho ilandelayo iza kubhiyozelwa kule nyanga yoMsintsi: iNyanga yamaFa, iNyanga yezoKhenketho, uSuku lweSizwe olusiSikhumbuzo le-SAPS kunye neNyanga yeeNkonzo zikaRhulumente eziHlangeneyo,
9.2.    Ngemibhiyozo yeNyanga yamaFa, uMzantsi Afrika uhlonipha futhi uzikhumbuza ngenkcubeko etyebileyo, amafa kunye namasiko esizwe sethu esineentlanga ezahlukeneyo. Umxholo walo nyaka uthi: UkuCamngca ngokuTsha ngamaZiko aliliFa ethu ukwenzela iXesha eliTsha. USekela Mongameli uPaul Mashatile uza kukhokela imibhiyozo karhulumente yoSuku lwamaFa eza kubanjwa ngomhla wama-24 kweyoMsintsi 2025 e-Bridgton Stadium, eTsorweni, eNtshona Koloni.
9.3.    INyanga yezoKhenketho iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi: “EzoKhenketho noKhenketho oluZinzileyo”, ibhiyozela inkcubeko etyebileyo yoMzantsi Afrika, kunye nezinto abantu abadibana nazo xa betyelela iindawo ngeendawo zeli lizwe. INyanga yezoKhenketho igxininisa kumba wokubaluleka kweli candelo kumba wokuxhotyiswa koluntu nokudalwa kwemisebenzi. Ikwakhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba batyelele iindawo zeli lizwe babone izinto neendawo ezintle zeli lizwe (#Sho’t Left).
9.4.    USuku lweSizwe olusiSikhumbuzo le-SAPS lukhunjulwa ngosuku lweCawa lokuqala lenyanga yoMsintsi rhoqo minyaka le kwaye lelokuhlonipha amagorha namagorhakazi oMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) athi aphulukana nobomi bawo esemsebenzini – athe asutywa kukufa esenza umsebenzi onzima wokukhusela abantu boMzantsi Afrika. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke umntu ukuba axhase amapolisa xa esenza umsebenzi wawo wokuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko nowokulusiphula neengcambu ulwaphulomthetho eMzantsi Afrika.
G.    Imiyalezo
1.    Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kubahlobo nosapho:

  • LukaSihlalo wangaPhambili we-NCOP kunye nalowo wayesakuba nguNozakuzaku weli eKenya, uMnu Mninwa Johannes Mahlangu, owayeteketiswa ngelika-“MJ” futhi nowayeyinxalenye yamaLungu ePalamente okuqala onyulwa ngowe-1994. Wayeyinxalenye yeqela elayila umgaqosiseko waze wamela uMzantsi Afrika kumazwe angaphandle ngesidima.
  • LukaTshidi Madia, intatheli nomsasazi odumileyo, obengumzekelo wentembeko nokumela inyaniso. Ebehlonitshwa kakhulu ngomsebenzi wakhe njengentatheli engenamkhethe, ukuzinekela kwakhe kwinyaniso, ukungabi nadolo, ukungawuphosi umhlola kunye nobuthandazwe.
  • Lwegqala lomlinganisi kunye nombalisimabali woMzantsi Afrika, uNandi Nyembe, obesaziwa ngelikaMam’uNandi obesele enesithuba esingaphezulu kweminyaka engama-50 esebenza kweli candelo.
  • Lwegqala lomculo we-Jazz u-Bra’ Stompie Manana, oxilongo lwakhe belibhodla lusaziwa nanguthathatha eMzantsi Afrika ukusuka kwilokishi yaseSophiatown ukuya kumaqonga ehlabathi futhi ehlonitshwe ngokuba ngomnye woomamakhwekhwetha bexilongo kunye ne-flugelhorn.
  • Lwetshantliziyo elalichasene nocalucalulo futhi nowakhe wangumcebisi wezokhuseleko lwesizwe kaNelson Mandela, uMnu Neil de Beer obenegalelo elimandla kwimbali nezepolitiki zeli lizwe esebenzisa iindima ezahlukeneyo azidlalileyo kwimibutho eyahlukeneyo.
  • lukasomashishini kunye nomseki we-Soweto Gold Beer ongumntu omnyama wokuqala ukudidiyela ibhiya ekudidi eliphezulu apha eMzantsi Afrika, uMnu Ndumiso Madlala

2.    Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi ithumele amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • Ku-Akani Simbine ngokuphuma kwindawo yesibini kwi-100m yamadoda kwi-2025 Diamond League Final e-Zurich.
  • kuJo-Ane du Plessis ngokuphuma kwindawo yesithathu kwi-Javelin Throw yamaNina kwi-2025 Diamond League Final e-Zurich.
  • kuThriston Lawrence ngokuphumelela i-Omega European Masters Golf Tournament e-Switzerland isihlandlo sesibini kwiminyaka emine.
  • Kwi-Springbok Women ngokufikela kwinqanaba lamaqela asibhozo okugqibela kwiNdebe yeHlabathi yoMbhoxo okokuqala ezimbalini kwaye ibanqwenelela impumelelo kumdlalo wabo ne-France, ngeCawe, umhla wesi-7 kweyoMsintsi 2025.
  • Kwi-Scorpion Kings ngokuthengisa onke amatikiti kwikonsathi ye-“Betway Presents Scorpion kings live with friends” ngomhla wama29 kweyeThupha, ibizinyaswe ngabalandeli abenze imbali ngobuninzi, abebengama-50 000.

Ikhutshwe: LiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Imibuzo: Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore